Intetho kaMongameli engoBume beSizwe ngoBekekileyo uJacob Zuma, uMongameli weRhiphabliki yoMzantsi Afrika kumsitho weNdibanisela yeziNdlu zePalamente, eKapa

13 Feb 2014

Somlomo oHloniphekileyo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe,
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP);
Sekela Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe noSekela Sihlalo we-NCOP;
Sekela Mongameli weRhiphabliki, oHloniphekileyo uKgalema Montlanthe;
owayeSakuba nguSekela Mongameli uBaleka Mbethe,
eHloniphekileyo iJaji eyiNtloko, nawo onke amalungu ahloniphekileyo eCandelo
leeNkundla; kuBaphathiswa abaHloniphekileyo nakooSekela Baphathiswa,
kwiiNkulumbuso eziHloniphekileyo nooSomlomo bamaPhondo;
kuSihlalo weBhunga looMasipala baseMzantsi Afrika (i-Salga), kunye nazo zonke iinkokheli zoorhulumente basekhaya;
kwiNtloko zamaZiko karhulumente axhasa intando yesininzi;
kwiRhuluneli yeBhanki enguVimba,
kwiiNkokheli zezoshishino, zezemidlalo, zezemveli, zezenkolo nezawo onke amacandelo,
kumalungu wezoZakuzo, kwiindwendwe eziKhethekileyo nezibalulekileyo,
kuMalungu aHloniphekileyo,
Bemi zoMzantsi Afrika

Good evening, sanibonani, molweni, dumelang, riperile, ndimadekwana, goeienaand.

Ndinqwenela ukubulela aMagosa awoNgameleyo ngeli thuba lokuthetha nabantu baseMzantsi Afrika, kulo msitho weNtetho kaMongameli engoBume beSizwe (i-SoNA), yokugqibela kolu lawulo lwesine lwentando yesininzi.

Ndithanda ukudlulisa amazwi wethu wovelwano olunzulu ngokushiywa kwethu ngongasekhoyo oHloniphekileyo uMnu. Ben Skhosana, omnye wawona malungu asebenze ithuba elide nokwalelinye lawona malungu aphezulu wale Ndlu ihloniphekileyo nowayesakuba nguMphathiswa wethu weeNkonzo zezoLuleko.

Sibuhlungu kakhulu kukusishiya kwakhe ngesiquphe.

Sidlulisa uvelwano lwethu olunzulu kusapho lwakhe, nakwinkokheli ye-Inkatha Freedom Party (i-IFP) uShenge, kunye nawo onke amalungu we-IFP.

Sidlulisa ukukhala kwethu emndenini wakhe, nakumholi we IFP uShenge, kanye namalunga onke e-IFP.

Somlomo oHloniphekileyo,

Sihlalo oHloniphekileyo we-NCOP,

Le yi-SoNA yokuqala eqhubeka engasekho uMongameli owayengumseki wentando yesininzi yethu, oHloniphekileyo uNelson Rolihlahla Mandela. Ukusishiya kwakhe, kanye xa sisecicini lokufika konyaka wama-20 wenkululeko yethu nolawulo lwentando yesininzi, kubangele intlungu enkulu kubantu bakuthi nangaphaya kwemida yethu.

Sifumana ukuthuthuzeleka ezingqondweni kuba uMadiba uzakuhlala ehleli ezintliziyweni zethu, kwaye sinoxanduva lokuba siqhubekeke ngomsebenzi wakhe.

MaLungu aHloniphekileyo,

Ilizwe lethu livelise amadoda namakhosikazi agqamileyo, athe abonakalise ubunkokheli ngamaxesha anzima.

Omnye wezo nkokheli yayinguMnu Moses Kotane, owayesakuba ngunondyebo jikelele we-ANC esakuba kwanguye nonobhala jikelele woMbutho wamaKomanisi woMzantsi Afrika (i-SACP).

Siwongekile kukuba nenkosikazi yakhe ethandekayo phakathi kwethu, uMama uRebecca Kotane, njengendwendwe lethu elikhethekileyo ngobu busuku.

UMama uKotane ugqibe iminyaka eli-102 ubudala izolo, kwaye simnqwenelela okuhle kodwa.

Sikwakhumbula ngokunika imbeko owayesakuba nguMongameli we-ANC uMnu Oliver Tambo, owagcina isibane senkululeko siphila (ithemba lenkululeko liphila) apha ekhaya nakumazwe angaphesheya ngawona maxesha ayengawona anzima omzabalazo.

Unyana wakhe uDali nenkosikazi yakhe uRachel bayinxalenye yethu kulo msitho wangokuhlwa nje.

Sikhahlela uSolomon Mahlangu, iqhaji lomfana elaya ngokudela ekuxhonyweni ngowe-1979 apho wathi wabulawa ngokwesigwebo eminyaka ingama-23 ubudala. Wathetha wathi: “Igazi lam liyakunkcenkceshela umthi oyakuvelisa iziqhamo zenkululeko. Nixelele abantu bam ukuba ndiyabathanda. Baze baqhubekeke ngokuzabalaza.”

Siwongekile kukusindleka umama wakhe, uMama uMartha Mahlangu kunye nomzukulwana wakhe uBathabile.

Unyaka wama-2014 ukwaphawula isikhumbuzo sonyaka wama-40 wokugetyengwa ngobugwala ngesiqhushumbisi esiyipasile, kwenkokheli yabafundi, u-Abram Onkgopotse Tiro ngowe-1974 eBotswana.

Siyamamkela umntakwabo, uMogomotsi Tiro kulo msitho. Sivakalisa umbulelo wabantu bakuthi, ngokuzenza idini komntakwabo engakhathalelanga siqu sakhe kuphela.

Siyabakhumbula abo bathi basweleka kubundlobongela obabufumana inkxaso yorhulumente weminyaka yama-1980 nama-1990 kwiilokishi zethu nasezilalini.

UNks Jabu Ndlovu, owayesakuba ngummeli wabasebenzi woMbutho waBasebenzi besiNyithi waseMzantsi Afrika (i-NUMSA), wadutyulwa wasweleka  ngowe-1988 eMgungundlovu kunye nomyeni uJabulani nonyana wakhe.

Siyayamkela intombi yakhe uLuhle nonyana wayo, uSanele, kwaye sidlulisela uvelwano lwethu olunzulu kuzo zonke iintsapho ezathe zaphulukana nabo bezibathanda, kuyo yonke imibutho yopolitiko.

Somlomo oHloniphekileyo,

Sihlalo oHloniphekileyo we-NCOP,

Sikwazile ukoyisa intlungu yangaphambili sakhe uluntu olutsha.

Sakhe amaziko awomeleleyo wentando yesininzi.

Siwungcwabile umbuso ongenalawulo lwentando yesininzi, ongamelanga luntu, wengcinezelo nogcwele lurhwaphilizo owawusebenzela iimfuno zegcuntswana kuphela.

Siqulunqe urhulumente obumbeneyo wamaqela ngamaqela, ongenacalucalulo ngokobuhlanga, nangokwesini wolawulo lwentando yesininzi, obizwa asabele nomele bonke abemi boMzantsi Afrika.

Sidale ulawulo lwentando yesininzi olusekelezelwe kumgaqo-siseko, olunemilenze esebenza ngokubonakalayo yombuso – izindlu zowiso-mithetho, ikhabhinethi neejaji zeenkundla.

Sinamaziko abizwa ngokuba ngamaziko esaHluko se-9 axhasa ulawulo lwentando yesininzi aze akhusele amalungelo wabemi.
Inkululeko nolawulo lwentando yesininzi lukwadale amathuba oluntu olusebenzayo nenkululeko yamajelo eendaba.

Inkululeko okokuqala ikwasiphathele, ithemba lomakulingwane ngokwesini. Ukumelwa kwabantu basetyhini kumaziko karhulumente kwande ngokuncomekayo ukususela oko kwafika inkululeko, kwaye ukunatyiswa kweenkonzo ezingundoqo kukwaxhamlisa abantu basetyhini.

Zonke ezi mpawu zenze uMzantsi Afrika ube lelona lizwe lingcono onokuhlala kulo kunokuba kwakunjalo.

Nangona kunjalo, ilizwe lethu lisajongene nomngeni ontlandlo-ntathu wendlala, ukungalingani nentswela-ngqesho, esisaqhubekayo ukusokola ngazo. Ukuqubisana nale mingeni kube yeyona nto bonke oorhulumente bentando yesininzi bagxile kuyo.

Sikhethe ukugxila kwimiba ephambili emihlanu, ezemfundo, ezempilo, ukulwa nolwaphulo-mthetho norhwaphilizo, uphuhliso lwamaphandle nokuhlengahlengiswa komhlaba kwakunye nokudala amathuba emisebenzi endilisekileyo.

Sikwahlengahlengise noMbuso ukuba ukuphucula indlela osebenza ngayo.

Sidale imisebenzi emibini engundoqo, isicwangciso sexesha elide kwakunye nohlolo novavanyo.

Saseka iKhomishoni yoCwangciso yeSizwe nethe yavelisa isicwangciso soPhuhliso seSizwe esibe sisiganeko esibalulekileyo, isicwangciso sezentlalo noqoqosho kweli lizwe nesikwayenye yeempumelelo ezingundoqo zolawulo lorhulumente wesine.

Esi siCwangciso siyacacisa ukuba kufanele senze ntoni na ukuncothula indlala, ukwandisa amathuba emisebenzi nokunciphisa ukungalingani ungekafiki owama-2030.

Uhlolo novavanyo lwethu lusibonisa ukuba iinkonzo ezininzi ziyaqhubekeka ukuphucuka. Umzekelo, izibonelelo zenkxaso yezentlalo namaxwebhu ezazisi ngoku athatha ixesha elifutshane ukwenziwa. Kodwa ezinye ezininzi zisafuna ukusetyenzwa.

Ndiza kufaka ingxelo ngale miba mihlanu ingundoqo, ndiqale ngezoqoqosho.

Ngokomyinge, uqoqosho lukhule kangange-3,2 seepesenti ngonyaka ukususela kowe-1994 ukuya kowama-2012 nangona kubekho ukudodobala koqoqosho okubangele izigidi zabantu baphulukane nemisebenzi.

Ngentsebenziswano phakathi kukarhulumente, abezoshishino, imibutho yezabasebenzi nemibutho emele uluntu, siluthantamisile uqoqosho ukuba lubuyele esiqhelweni.

Ubutyebi besizwe jikelele, xa bulinganiswa ngokwemveliso yangaphakathi epheleleyo, bukhule bade bedlula kwi-3,5 seetriliyoni zeerandi.

Amathuba emisebenzi ayadalwa kwakhona. Bali-15 lezigidi abantu abaphangelayo apha kweli lizwe, elona nani liphezulu kwimbali yethu, kwaye kudalwe amathuba emisebenzi engaphezulu kwama-650 000 kulo nyaka uphelileyo, ngokutsho kweZiko leeNkcukhacha-manani laseMzantsi Afrika.

Kodwa ke oko akwanelanga. Izinga lentswela-ngqesho lisephezulu. Intswela-ngqesho kulutsha eMzantsi Afrika isaxhalabisa nangoku, njengoko kunjalo nasehlabathini jikelele.

Sinamanyathelo aliqela esiwathathayo, kuquka noMthetho weRhafu yeNkuthazo yezeNgqesho okhuthaza abaqeshi ukuba baqeshe abasebenzi abalulutsha.

Kuza kuphunyezwa imithetho ukuqinisekisa ukuba oku akubachaphazeli kakubi abasebenzi abangafumani nkxaso yamali okanye abadala.

Amanye amanyathelo aqulathwe kwiSivumelwano soLutsha seSizwe esatyikitywa eSoweto kwekaTshazimpunzi yonyaka odlulileyo.

INkqubo yeMisebenzi yoLuntu eNatysiweyo kunye neNkqubo yeMisebenzi yoLuntu isaqhubekeka ukuyinciphisa ngokuvakalayo intswela-ngqesho kwabahluphekileyo nolutsha.

Sidale amathuba emisebenzi engaphezulu kwe-3, 7 sezigidi kule minyaka mihlanu idlulieyo. Abantu bethu bafumana ingeniso nezakhono kwinkqubo yemisebenzi yoluntu, abathi bazisebenzise ekufuneni imisebenzi esesikweni.

Ikhabhinethi izimisele umlinganiselo wokudala amathuba emisebenzi ezizigidi ezisithandathu ukususela kulo nyaka ukuya kowama-2019, apho kuza kugxilwa kulutsha.

Inkqubo yesibonelelo sethu sezentlalo esifikelela kubantu abamalunga nezigidi ezili-16, inika ukhuselo kwizigidi, ingakumbi abantwana abasemngciphekweni.

Imizi emininzi iyancedakala ngenxa yezibonelelo zikarhulumente, inkxaso-mali yabantwana, indodla yabadala neyabakhubazekileyo.

Ezi zibonelelo zizokuhlala ziqhubekeka kuba ziluncedo kwimizi emininzi kuba amathuba emisebenzi avela kancinci kweli xesha lokudodobala koqoqosho.

La mathuba afumanekayo kurhulumente, asenza ukuba sitsho ngeqhayiya ukuthi, uMzantsi Afrika esiphila kuwo namhlanje, ungcono kakhulu kunalowo sasiphila kuwo ngaphambi kowe-1994.

Bantu bakuthi,

Sisekwixesha elinzima.

Iimeko zoqoqosho lwaseMelika zikhokelele ekuhleni ngamandla kwemali yorwebo lwamazwe asakhulayo, kuquka nerandi.

Ngexesha lowama-2013, irandi yehla nge-17,6 leepesenti xa ithelekiswa nedola yaseMelika.

Izinga lokurwebiselana elibuthathaka liqulathe umngcipheko omkhulu kumandla erandi kwaye kuza kwenza nenkqubo yethu yeziseko ezingundoqo ibize kakhulu.

Noxa kunjalo, iinkampani ezithumela imveliso yazo kumazwe angaphesheya, ingakumbi kwicandelo lokuvelisa, kufanele zibusebenzisele ukuzinceda ubuthathaka berandi nokuphucuka koqoqosho ngamandla ehlabathini jikelele.

Ngeli xesha sinezinzima, siyayiqonda into yokuba singamelana nalo eli xesha lokungazinzi.

Sasikwenzile oko ngaphambili kule minyaka mihlanu igqithileyo.

Phofu, siza kukulalisa ngophothe ukuba ngaba senza okufanelekileyo.

Kufanele sisebenzisane njengorhulumente, abezoshishino nemibutho yabasebenzi ukukhulisa uqoqosho lwethu ngezinga elingaphezulu kweepesenti ezihlanu sikwazi ukudala amathuba emisebenzi esiyidingayo.

Ngethamsanqa le ntsebenziswano seyiqalisile.

Oko kwenzeka kwiBhunga leSizwe lokuPhuhlisa uQoqosho nezabaSebenzi (i-Nedlac) elingamanye wamaziko entsebenziswano kulawulo lwethu lwentando yesininzi, phakathi kukarhulumente, abezoshishino, imibutho emele abasebenzi nabameli babahlali.

Iqhubekekile kwakunye nakuthethathethwano ebesinalo nabezoshishino.

Kulo nyaka uphelileyo ndiye ndathethathethana nabezoshishino ngamanyathelo athile anokuthathwa ngurhulumente ukwenza kube lula ngakumbi ukwenza ushishino kweli lizwe lethu.

Okuye kwavela kulo nkqubo, sikuhlengahlengisile ukuphunyezwa kwemithetho nokwenziwa kwempepha-mvume kuhlolo lwempembelelo kwindalo, ukukhutshwa kwempepha-mvume yamanzi nempepha-mvume yimigodi.

IPalamente iqukumbela izihlomelo kulo mthetho ukwenzela ukuba la manyathelo athembisayo asebenze, into ke leyo ezakucutha iintsuku ezithathwayo ukuvula umgodi, zibe ngaphantsi kwezingama-300, ukususela ekufakweni kwesicelo ukuya ekuphunyezweni kwaso.

USekela Mongameli weRhiphabliki usaqhubekeka ukuququzelela iingxoxo phakathi kukarhulumente, iinkampani zemigodi nemibutho emele abasebenzi.

Iinjongo zezokuzinzisa ubudlelwane kweli candelo libaluleke kangaka loqoqosho lwethu. Le nkqubo ivelisa iziphumo noko.

Zibe mbalwa nazifutshane izehlo zoqhankqalazo kweli candelo kulo nyaka uphelileyo.

Kwaye okona kubaluleke kakhulu, iinkqubo zobudlelwane kwezoshishino ziqhuba ngendlela engqinelanayo nomthetho.

Singenelele kwezemigodi kuba ingamanye amacandelo wethu angundoqo ekudaleni amathuba emisebenzi. Sidinga icandelo lezemigodi elisebenzayo. Imigodi iqesha abantu abangaphezulu kwesiqingatha sesigidi.

Lilelona lizuza ingeniso enkulu kunaniselwano namazwe angaphandle kwilizwe lethu. Ikwa negalelo elimalunga nama-R20 eebhiliyoni eliya ngqo kwingeniso yerhafu.

Imigodi yenza igalelo elikhulu kakhulu njengomthengi wezinto ngeenkonzo, kunye nomboneleli wegalelo kwamanye amacandelo oqoqosho lwethu kunye noqoqosho lwamanye amazwe ehlabathini jikelele.

Sisaqwalasela ubudlelwane bokuhlangabezana nomba wezindlu kwidolophu ezikufutshane nemigodi nabadlala indima ebalulekileyo.

Mandikhumbuze iinkampani zemigodi ukuba unyaka wama-2014 ngowokugqibela wokuba mabaphucule izindlu neemeko abasebenzi-mgodini abaphila phansi kwazo nokuphumeza inani lwezinto ekufanele ziphunyeziwe.

Urhulumente uza kuqhubekeka ukuhlola nokunyanzelisa ukuthotyelwa kuzo zimbini izimiselo zeziCwangciso zezeNtlalo nezabaSebenzi noMqulu wezeMigodi.

Bemi boMzantsi Afrika,

MaLungu aHloniphekileyo,

Ngaphandle nje kwemigodi, siye sabona amanye amacandelo amahlanu angabadali bamathuba emisebenzi ngowama-2009.

Lawo ke zezokhenketho, ezolimo, uqoqosho lokusingqongileyo, iziseko ezingundoqo nelezemveliso.

Ishishini lezokhenketho likhule ngokuncomekayo. Ngowe-1993, uMzantsi Afrika ufumene nje izigidi ezintathu zeendwendwe ezisuka kumazwe angaphesheya. Ngowama-2012, inani likhule lade lafika kwiindwendwe ezizigidi ezili-13.

Siza kuqhubekeka ukulikhulisa eli shishini, xa siqwalasele amandla walo okudala amathuba emisebenzi.

Ngowama-2012 sityhile isiCwangciso seziSeko ezinguNdoqo seSizwe, ngokukhokelwa nguMongameli ngeKhomishini kaMongameli yokuLungelelanisa  iziSeko ezinguNdoqo.

Emva koko sityale itriliyoni enye yeerandi kwiziseko ezingundoqo zoluntu kule minyaka mihlanu idlulileyo.

Uninzi lweziprojekthi zigqityiwe okanye seziza kugqitywa.

Ndiza kukhankanya nje zibe mbalwa.

Inkqubo ye-Rea Vaya yaseRhawutini ngoku isetyenziswa ngabahlali baseGauteng abangaphezulu kwe-100 000. Inkqubo ekwanjalo isakhiwa eKapa, eTshwane, eNelson Mandela Bay, kwiSixeko sase-Buffalo, eThekwini nase-Rustenburg.

Amazibuko needolophu ezinamazibuko zeli lizwe ziphuculiwe.

Sifakele uluhlu lwemibhobho yezibaso engama-700 eekhilomitha ukusuka eThekwini ukuya eGauteng yokuthutha iibhiliyoni ezine zeekyubhik-litha zepetula, idizili kunye nezibaso zejeti ngonyaka.

Sekwakhiwe iindlela ezintsha okanye imizila ephantse yafika kwi-1500 leekhilomitha.

Le nkqubela ngokumalunga neendlela isikhumbuzo ngabo babesebenza kulo rhulumente ngaphambi kwethu ababefuna ukuba eli lizwe lifumane okungcono kodwa, abafana nowayesakuba nguMphathiswa wezoThutho uMnu Dullar Omar.

Inkosikazi yakhe uFarieda ngomnye weendwendwe zethu ezibalulekileyo ngobu busuku.

Ukwakhiwa komzila woololiwe eMpumalanga sekuqalile, ngeenjongo zokunciphisa uxinizelelo ezindleleni. Iprojekthi yeGautrain isebenza ngokupheleleyo ngoku kwaye ithwala abakhweli abangaphezulu kwe-1,2 sezigidi ngenyanga.

I-Arhente yaBakhweli bakaLoliwe yaseMzantsi Afrika (i-PRASA) iza kuchitha ngaphezulu kwe-R120 leebhiliyoni kule minyaka ilishumi izayo ukuthenga oololiwe abatsha.

Abakwa-Transnet baphumeza isicwangciso-qhinga sabo esifunekayo sama-R300 eebhiliyoni, ngokwakha iziseko ezingundoqo zezothutho ezidingeka ngamandla.

Ngokuqonda amandla wezoqoqosho weNtshona Koloni noNxweme lwaseNtshona, simisele uMmandla woPhuhliso lwamaShishini i-Saldanha saze savula nemizi-mveliso emibini emitsha e-Atlantis.

Ukuphucula ubonelelo lwamanzi, sele egqityiwe ukwakhiwa amadama amabini amatsha, i-De Hoop eLimpopo ne-Spring Grove KwaZulu-Natal, ngeli xesha isigaba seSibini seProjekthi iLesotho Highlands Water iza kumiselwa kungekudala.

Ulwakhiwo lwezikhululo zombane ezitsha ezibini lusaqhubekeka, iMedupi eLimpopo, iKusile eMpumalanga ne-Ingula kufutshane noMnambithi, kwaqeshwa abasebenzi abangaphezulu kwama-30 000.

Sisaqhubekeka ukuphonononga eminye imithombo yezamandla, ngokuhambelana nesiCwangciso seMithombo eDibeneyo yezaMandla.

Ukuphuhliswa kwepetroliyam, ingakumbi igesi ephuma kuqhushumbo olwenzeka phantsi komhlaba kungaguqula izinto kummandla weKaroo noqoqosho lwaseMzantsi Afrika.

Siyihlolile imingcipheko namathuba, imithetho yokugqibela iza kuqukunjelwa kungekudala ize ilandelwe ngokwenziwa nokukhutshwa kweempepha-mvume.

Silindele ukuqukumbela ukufumaneka kwama-9 600 ee-megawatts zamandla enyukliya.

Abavelisi bezibaso ezivela kwizityalo sele bekhethiwe kwaye sele beqalisile ukusebenza.

MaLungu aHloniphekileyo

Eneneni elethu lilizwe elisebenzayo kwaye yindawo ekungconwanana ukuhlala kuyo. Kufuneka silugcine olo yondelelwano lwamandla.

MaLungu aHloniphekileyo,

Uninzi lobutyebi bethu budalwa ngokusebenzisa i-intanethi okanye unxibelelwano lomnxeba.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo kufakelwe iintambo zombane ezinezigqubuthelo zeplastiki ezingama-37 000 eekhilomitha. Oko kuza kwandiswa ngokuvakalayo kule minyaka siya kuyo.

Siyazingca ngempumelelo yethu kwezenzululwazi nobuchwephetshe. Ukwakhiwa kwesibonakude sokuqala sama-64 eedish ephambili ye-Square kilometre Array, i-MeerKAT, kuza kugqitywa kwikota yokuqala yowama-2014.

MaLungu aHloniphekileyo,

Inkuthazo yethu yokukhulisa imveliso seyineziqhamo ezibonakalayo.

ISkimu seNkuthazo kwezeeMoto nesamiselwa ngowama-2009 sesiphumeze inkuthazo efikelela kwi-R3,8 yeebhiliyoni ukwenzela iiprojekthi zotyalo-mali ezili-160. Oku kuzinzise malunga namathuba emisebenzi engama-50 wamawaka.

Ezi nkampani ziza kwenza iimoto ezincinci, iteksi zeminibhasi neebhasi.

Silizinzisile icandelo lezeempahla, impahla elukiweyo, ufele nelezihlangu, apho abantu babekade bephelelwa yimisebenzi.

Amashishini athile amiselwe ukuba ajongane nemveliso yalapha ekhaya. Oku kuquka iibhasi, iimfuno enkonkxiweyo, impahla, impahla elukiweyo, ufele nezihlangu nezinye iimveliso.

Sinemizekelo ebonakalayo yokuphumelela kwenkqubo yokuqaqambisa imveliso yasekhaya.

Kule minyaka mibini idlulileyo, kudityaniswe iiteksi zeminibhasi ezingama-20 000 neebhasi ezingama-330 apha ekhaya, oku kutsalela utyalo-mali nophuhliso kwizixeko zethu.

Kule minyaka mihlanu izayo, urhulumente uza kuthenga malunga nama-75% eemveliso neenkonzo kubavelisi balapha eMzantsi Afrika.

Bemi boMzantsi Afrika,

Kufanele sisebenze ngaphezulu kokuba sisenza ukuphuhlisa imizi-mveliso esakhulayo okanye abanini mizi-mveliso abantsundu.

Uninzi lwabanini mizi-mveliso abamnyama abasakhulayo bakhalazela ubunzima abahlangana nabo ekufumaneni inkxaso yezezimali zoshishini lwemizi-mveliso, urhwebo lwababoneleli nabathengisa ngemiyinge emincinci, nenkxaso yobuchwephetshe bokuvelisa.

INgxowa-mali yokuXhobisa yeSizwe, neQumrhu loPhuhliso lwamaShishini kunye ne-Arhente yeNkxaso-mali yamaShishini amaNcinane ziza kuqhubekeka ukubonelela ngemali yenkxaso kumashishini wemizi-mveliso aphilayo wabanini abantsundu ukukhuthaza ukwanda kwamashishini emizi-mveliso.

Ukongeza apho, sikhuthaza amashishini azinzileyo ukuba axhase uphuhliso lwamashishini emizi-mveliso yabantsundu.

Ezolimo ngumdali wamathuba emisebenzi ongundoqo nomboneleli wamathuba ezoshishino.

Inkqubo yethu yenkxaso yezolimo, i-Fetsa Tlala, ivelisa abathumeli-mveliso kumazwe angaphesheya abatsha.

Awokuqala amafama angama-88 wemihlatyana emincinci kule nkqubo abonelele iNkqubo yoKutya yeHlabathi yeZizwe eziManyeneyo ngeetoni ezingama-268 zombona neembotyi zokuthumela eLesotho kule nyanga iphelileyo. Silindele ukuba eli nani lande.

Siza kuqhubekeka ukulikhulisa nalo icandelo lethu lezokuloba, nelithi libe negalelo elithelekelelwa kwiibhiliyoni ezisithandathu zeerandi kuqoqosho nelibonelela ngamathuba emisebenzi engama-27 000.

MaLungu aHloniphekileyo,

Senze inkqubela entle kwinkqubo yokuhlengahlengiswa komhlaba.

Ukususela ngowe-1994, phantse ziifama ezingama-5 000, ezenziwa ziihektare, ezidluliselwe kubantu abantsundu, ezixhamlise iintsapho ezingaphezulu kwama-200 000.

Phantse ibe ngamabango omhlaba angama-80 000, afikelela kwi-3,4 sezigidi zeehektare, asele egqityiwe kwaye kuxhamle i-1,8 sezigidi zabantu.

Urhulumente olandelayo kuza kufuneka ukuba uqhubele phambili ngenani elivisayo lemigaqo-nkqubo, ungenelelo lwezomthetho nolubonakalayo, ukuqhubela phambili ukulungisa ukuhluthwa komhlaba kubantu bethu.

Oku kuquka imiba enxulumene nokusekwa kwe-Ofisi yoMhlengahlengisi Jikelele ngalo ndlela kuvulwe inyoba yokufakwa kwamabango.

MaLungu aHloniphekileyo

Eneneni uMzantsi Afrika lilizwe elithe chatha ngobungcono ukuhlala kulo.

Ke ngoku makhe ndifake ingxelo ngenkqubo yenguqu kwezentlalo.

Imfundo yindlela yokuphuma endlaleni kwizigidi ngezigidi zabantu.

Ngoko ke sinovuyo kukubona ukwanda okukhulu ekubhalisweni kwabantwana ezikolweni, ukususela kwezesigaba esingaphambi kweprayimari ukuya kwizinga lezemfundo ephakamileyo.

Inani labantwana abaku-Greydi R liphindaphindene ngokugqithisileyo, lisuka kubantwana abamalunga nama-300 000 ukuya ngaphezulu kwama-700 000 phakathi kowama-2003 ukuya kowama-2011.

UYilo lweNkqubo-sikhokelo malunga nokuFikelela okuPheleleyo ku-Greydi R kushicilelwe kwiphepha-ndaba lombuso ukwenzela ukuba uluntu luhlomle, ngeenjongo zokwenza ukuba ukufakwa kwabantwana kuGreydi R kube sisinyanzelo.

Bantu bakuthi,

Abantwana abazizigidi ezisibhozo abahlawuli ezikolweni, kanti abazizigidi ezilithoba bafumana ukutya okusempilweni ezikolweni okuphuma kurhulumente, ukuze bafunde kakuhle bangafi yindlala.

Izinga lokuphumelela kwimatriki liyenyuka ukususela malunga nama-61% ngowama-2009 ukuya kuma-78% kulo nyaka uphelileyo kwaye nokuphumelela kwabemfundo yezidanga kuyaphucuka qho ngonyaka.

NgoHlolo loNyaka-nonyaka lweSizwe, sihlala sikwazi ukubona ukuphucuka namangenelelo adingekayo, ingakumbi, kwizibalo nenzululwazi.

Ukukhulisa ukuquka konke nokwahlukana, ikharikyulam yoLwimi lweZandla lwaseMzantsi Afrika luza kufundiswa ezikolweni ukususela kulo nyaka uzayo, wama-2015.

Silandisile inani lethu lokukwazi ukufunda nokubhala kubantu abadala ngenkqubo yeKha Ri Gude ukususela kubantu abazizigidi ezi-2,2 ngowama-2008 ukuya kwizigidi ezintathu.

Sikwatyale imali kuqeqesho lweetitshala nokuvulwa kwakhona kweekholeji zootitshala ukukwazi ukuhlangabezana noko kudingekayo.

Ukuvelisa indawo yokufundela endilisekileyo, sinikezele ngezikolo ezingama-370 ezitsha ezithatha indawo yezikolo zodaka nezinye izakhiwo ezingafanelekanga elizweni jikelele. Le nkqubo isaqhubekeka.

Bantu bakuthi,

Kuhle esinokukubalisa nakwimfundo ephakamileyo.

Ukubhaliswa kwabafundi kwidyunivesithi kwande nge-12% ngeli xesha ukubhalisa kwiikholeji zokwaNdisa iMfundo noQeqesho (ii-FET) kwande ngama-90%.

Silwandisile uhlahlo-lwabiwo mali lweSkimu soNcedo lwezeZimali sabaFundi seSizwe saya kutsho kwiibhiliyoni ezilithoba ukuhlangabezana nokudingeka okukhula ngamandla.

Esinye seziphumo ezigundoqo kweli xesha ibe kukusekwa kweedyunivesithi ezimbini ezintsha kraca, i-Sol Plaatjie eMntla Koloni kunye neDyunivesithi yaseMpumalanga.

Sizokwakha neekholeji zee-FET ezili-12 eLimpopo, eMpumalanga, KwaZulu-Natal naseMpuma Koloni.

Bantu bakuthi,

Ukumiselwa kweNkqubo-sikhokelo yeNtsebenziswano kwezeMfundo yeSizwe kulo nyaka uphelileyo ibe linyathelo elibaluleke kakhulu kweli lizwe. Eli qela silinqwenela okuhle kodwa kumsebenzi walo wesizwe.

Bantu bakuthi,

Kuhle esinokubalisa nangokuphucuka kwenkathalelo yethu yezempilo.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, kwakhiwe amaziko ezempilo angama-300, kuquka neekliniki ezintsha ezi-160.

Kwakhiwe izibhedlele ezilishumi ezitsha okanye ezinye zavuselelwa e-Ladybrand,e-Germiston, eMamelodi, e-Natalspruit, eThekwini, eZola, eBojanala, kwiSithili sase-Vryburg, e-Swartruggens. eKhayelitsha nase-Mitchell’s Plain.

Somlomo oHloniphekileyo

Sihlalo oHloniphekileyo we-NCOP

Inguqu kwiNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS) yenye yeempumelelo ezinkulu zalo rhulumente kwaye sisetyenziswa njengelizwe elinguvulindlela yiNkqubo yoNcedo lukaGawulayo yeZizwe eziManyeneyo, (i-UNAIDS).

Usuleleko lwe-HIV phakathi kosana nonina luhle kakhulu kwaye siliphindaphindile inani labantu abafumana unyango lwamachiza okuthomolalisa iNtsholongwane kaGawulayo (ii-ARV), ukususela kwisigidi esinye ukuya kwi-2,1 sezigidi zabantu.

Bangaphezulu kwezigidi ezingama-20 abantu baseMzantsi Afrika abaye kuvavanyo lwe-HIV ukususela ukumiselwa kweli phulo ngowama-2011 into leyo ebonakalisa ukuthembakala kwenkqubo yezempilo.

Ixesha elilindelekileyo lokuphila emhlabeni ngoku likhula ngamandla. Abemi boMzantsi Afrika ngoku baphila ixesha elidana.

Injongo ephambili yorhulumente olandelayo kukuqinisekisa abantu abazizigidi ezi-4,6 babhalisiwe kwinkqubo yee-ARV.

Siyalibulela igalelo leBhunga leSizwe likaGawulayo laseMzantsi Afrika ngomsebenzi omkhulu.

Ngeli xesha sibhiyozela iimpumelelo zethu, akufuneki sibonakalise ukungakhathali. Uthintelo kusafuneka luqhubekekile ukuze sikwazi ukufikelela kamsinyane koko sizisikele kona kokungabikho kosulelwa yi-HIV.

Kwizinga elithe gabalala ngokuthe chatha, siza kungena kwisigaba esitsha ekuphunyezweni kwenkqubo ye-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe eza kunabisela inkathalelo yezempilo esemgangathweni kwabahluphekileyo.

Somlomo oHloniphekileyo

Sihlalo oHloniphekileyo we-NCOP,

Izinga lolwaphulo-mthetho liphelele lihle kangangama-21% ukususela ngowama-2002 kwaye umsebenzi usaqhubekeka ukwenza ukuba iindawo zasekuhlaleni zikhuseleke ngakumbi.

Eminye yemiba efuna ingqwalasela emandla kukuncothula ubundlobongela kubantu basetyhini nabantwana. Sivelise amanyathelo aliqela ukuhlangabezana nalo mngeni.

Oku kuquka ukuvulwa kwakhona kwamacandelo woBundlobongela kwiNtsapho, uKhuseleko lwaBantwana necandelo lolwaPhulo-mthetho ngezeSondo kwakunye neeNkundla zoLwaphulo-mthetho lwezeSondo.

Siyayibulela imibutho emininzi engekho phantsi kukarhulumente ekukhuthazeni amalungelo wabasetyhini nawabantwana nethi ibe negalelo elithembisayo kulo msebenzi ubaluleke kangaka.

Ilizwe lethu lisaqhubekeka ukuba sisisulu sababulali bemikhombe ngeenjongo zokuyityhuthula iimpondo.

Amagosa wethu wezomthetho asebenza nzima ukuzama ukuphelisa esi sibetho. Side safikelela kwizivumelwano ne-China, Vietnam, Kenya, Mozambique namanye amazwe woLuntu oluPhuhlileyo lwe-Afrika eseMazantsi (i-SADC) ukuba sisebenzisane ukuphelisa olu lwaphulo-mthetho.

Siyababulela abezoshishino nabo bonke abemi boMzantsi Afrika abathe bathatha inxaxheba kwiphulo lokusindisa imikhombe.

Bantu bakuthi,

Ukuzimela kweejaji kuxhotyiswe ngakumbi ngokusekwa kwe-Ofisi yeJaji eyiNtloko njengeziko elohlukileyo kwiSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko. Siphumeze imithetho eliqela ukuxhasa le ndima intsha ye-Ofisi yeJaji eyiNtloko.

Inkqubela phambili ekudaleni inguqu kwiijaji iyenziwa ukuba zibonakalise uhlanga nesini ngokwendlela abantu abahlala ngayo kweli lizwe.

IJaji eyiNtloko yeRhiphabliki iza kuqhubekeka ukuba nguvulindlela ize ikhokele ukudalwa kwale nguqu.

Iijaji ezimnyama (abaNtsundu, amaNdiya nabeBala) ngoku benza ama-61%  azo zonke iijaji.

Noxa kunjalo, ubungozi bokungamelwa kwabantu basetyhini ezijajini kusaxhalabisa. Ekumiselweni kweejaji ezingama-239, zingama-76 kuphela ezingabantu basetyhini.

Umngeni kukudala inguqu kulo lonke ubizo lwezomthetho ngokubanzi khona ukuze kondleke elo qela iijaji ezingabantu basetyhini banokuchongwa kulo.

Ukuqukunjelwa koMthetho oYilwayo wokuSebenza ngezoMthetho kuza kunceda ukwenza banzi iqela apho kunokuchongwa kulo amagosa anokuba ziijaji.

Somlomo oHloniphekileyo,

Sihlalo oHloniphekileyo we-NCOP

Abemi boMzantsi Afrika bamanyene ekufuneni uluntu ekungekho rhwaphilizo kulo. Ukulwa urhwaphilizo kunye ngeenkonzo zikarhulumente kuveza iziqhamo.

Ukususela ukumiselwa koMnxeba ongaValwayo weSizwe wokuLwa uRhwaphilizo weKhomishoni yeeNkonzo zikaRhulumente, ngamatyala angaphezulu kwe-13 000 orhwaphilizo nolawulo olugwenxa asele ethunyelwe kumasebe karhulumente ukuze asebenze ngawo nokuwaphanda.

Urhulumente ngoMnxeba ongaValwayo weSizwe wokuLwa uRhwaphilizo sele ehluthe ngaphezulu kwama-R320 ezigidi kubenzi bobu bubi.

Ezinye zeempumelelo zoMnxeba ongaValwayo weSizwe wokuLwa uRhwaphilizo ziquka ezi zilandelayo:

  • Amagosa ali-1 542 agxothwa kwiNkonzo kaRhulumente.
  • Amagosa ali-140 ohlwaywe imidliwo yemivuzo yawo yeenyanga ezintathu.
  • Amagosa angama-20 ahliselwa kwizikhundla zawo.
  • Amagosa angama-355 anikwe izilumkiso zokugqibela ezibhalwe phantsi.
  • Amagosa angama-204 atshutshiswa.

Ukuthintela urhwaphilizo kwinkqubo yokuthenga nokuthengiswa, urhulumente ugqibe ekubeni aseke ibhodi yeziniki-maxabiso enye ukuze ibe yiyo egweba ngeziniki-maxabiso kuwo onke amazika aseburhulumenteni.

Le bhodi iza kusebenza negosa eliyintloko lenkqubo yokuthenga nokuthengisa elimsebenzi walo ongundoqo ikukukhangela amaxabiso nokuthotyelwa kwenkqubo kwakunye nokuthi kungabikho mkhethe.

ICandelo loPhando oluLodwa liphanda ulawulo olugwenxa okanye izityholo zorhwaphilizo kumasebe karhulumente aliqela kunye namaqumrhu aseburhulumenteni, ngezibhengezo ezingama-40 ezityikitywe nguMongameli ngexesha lolu lawulo. Uluntu siyakulazisa ngeziphumo zolu phando.

Kwiinyanga zokuqala ezintandathu zalo nyaka uphelileyo, iCandelo lokuThimba iiMpahla elibizwa lihlawule imali engangezigidi ezili-R149  kwi-Akhawunti yokuBuyiselwa kweMpahla eFunyenwe ngolwaPhulo-mthetho nakumaxhoba olwaphulo-mthetho.

Oku kungaphezulu kangange-170% kumthamo elizimisele wona wezigidi ezingama-R55 kwaye ingaphezulu kunoko yakhe yakufumana kunyaka ophelileyo.

Kulo nyaka uphelileyo, ugunyaziwe wezokhuphiswano uphande izinga elikhulu lokunyuswa kwamaxabiso ngokungekho mthethweni kwishishini lezokwakha waza wohlwaya ezo nkampani zinetyala imali engangesi-R1,4 seebhiliyoni.

Amanyathelo alandelayo ngokuchasene nabo bachaphazelekayo ayaqhubeka ngoku.

Bantu bakuthi,

Ndingathanda ukukhe ndichaphazele nje ngokufutshane kubonelelo lonikezelo nkonzo kubantu bethu.

Kule minyaka ingama-20 idlulileyo, kubekho iimpumelelo ezincomekayo ezenziweyo ekwandeni kokufikelela kwiinkonzo ezifana namanzi, ugutyulo nombane.

Urhulumente uqalise inkqubo engqongqo yokuphelisa inkqubo yamabhakethi njengenxalenye yokubuyisela isidima kubantu bethu.

IsiGaba sokuQala sale nkqubo siza kuncothula amabhakethi kwiilokishi ezisesikweni zaseFreystata, eMpuma Koloni naseMntla Koloni.

IsiGaba sesiBini siza kuncothula amabhakethi kumatyotyombe wawo onke amaphondo.

Kwezezindlu, kunikezelwe ngezindlu ezimalunga nezigidi ezintathu neziza ezifumana iinkonzo ezingaphezulu kwama-855 wamawaka ukususela ngowe-1994.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo ziilokishi zamatyotyombe ezingama-500 ekwakhiwe izindlu ezisemgangathweni endaweni yawo nezineenkonzo ezingundoqo.

Urhulumente olandelayo uza kukhuthaza iiprojekthi ezingcono zokuhlaliswa kwabantu abamivuzo ingalinganiyo.

Bantu bakuthi,

Ezinye iindawo zasekuhlaleni azikabi nazo ezi nkonzo ingakumbi ematyotyombeni nakwiindawo zasemaphandleni. Ngoko ke sisebenzisana nawo onke amazinga aseburhulumenteni ukuqinisekisa ngokubonelela ngezi nkonzo, ingakumbi koomasipala abangama-23 abanelona nani liphezulu lokusilela.

Bantu bakuthi,

Kwi-SoNA yokugqibela, ndavakalisa ukuxhalaba kwam ngokubonakala kobundlongondlongo kweminye imigushuzo yoqhankqalazo eqhubeka kweli lizwe lethu.

Uqhankqalazo olunobundlongondlongo luphinde lwaqhubeka apha kweli lizweni kwezi veki zimbalwa zidlulileyo.

Okunye okuxhalabisayo kukukhangeleka ngathi ubundlongondlongo bucetyiwe, njengoko kunjalo nasekusetyenzisweni kweziqhushumbisi zepetula nezinye izixhobo ngeli xesha lo qhankqalazo.

Urhulumente wolawulo lwentando yesininzi uyalixhasa ilungelo labemi ukuba bavakalise indlela abeva ngayo.

Ilungelo lokuqhankqalaza, ngoxolo kwaye kungaxhotywanga, lichaziwe kuMgaqo-siseko.

Kodwa ke, xa imigushuzo yoqhankqalazo ibeka esichengeni ubomi neempahla  ize itshabalalise iziseko ezingundoqo ezixabisekileyo ekulindeleke ukuba zisetyenziswe luluntu, oku kuthetha ukuba abaqhankqalazi badelela kwale ntando yesininzi iba nika ilungelo lokuqhankqalaza

Eyona nto iqaqambileyo itshiwoyo kwezi zehlo zoqhankqalazo lwaseMzantsi Afrika iba kukuba kubhekiswe kwizityholo zokusilela kukarhulumente.

Kodwa ke le migushuzo yoqhankqalazo ayikho ngenxa “yokusilela” kukarhulumente kodwa ikwa kho nangenxa yeempumelelo kunikezelo lweenkonzo ezingundoqo.

Xa kunikezelwa amanzi kwimizi engama-95%, esi si-5% sisalindele ukulungiselelwa, siziva singesenakulinda.

Impumelelo nayo ikwadala ukukhula kwethemba loko kulindelweyo.

Mandongeze kwakhona maLungu aHloniphekileyo, nakuphi na ukuphulukana komntu nobomi ezandleni zamapolisa ngeli xesha esebenza ngoqhankqalazo akunakungahoywa okanye kukhuthazwe.

Ukuphulukana nobomi asiyonto incinci. Kufanele ukuba siyazi ukuba kwenzeke ntoni, kutheni kwenzekile? Nakuphi na ukwenza okugwenxa kufuneka kusetyenziwe ngako kwaye kufuneka kuthathwe amanyathelo okukulungisa oko. Ngalo lonke ixesha amapolisa kufuneka asebenze kwimida evunyelwa ngumthetho.

Ndikuthethile oko, kwakhona njengesizwe kukwafanele sixhalabe yinto yokuba phakathi kowama-2005 nowama-2013, phantse ibe ngamapolisa angama-800 abuleweyo.

Amapolisa ngabakhuseli kwaye angabadambisi phakathi koluntu lwentando yesininzi ngokusekelezelwe kulawulo lomthetho, nokungalawuleki. Njengoko silindele ukuba amapolisa ephendulile, kufanele silumke singawenzi angabikho semthethweni size singcwalise ukungalawuleki kuluntu lwethu.

Isithethe sobundlongondlongo sisusela ngexesha localucalulo. Kufanele sizikhangele thina ngokwethu kumalinge wethu okohlukana nesi sibetho.

Njengeenkokheli zankalo zonke, kufuneka sibonakalise ukuba yintoni esiyenzileyo okanye esingayenzanga, ukuze sibuncothule ubundlongondlongo obabubonakala kuqhankqalazo lweentsuku zokuqala zolawulo lwethu lwentando yesininzi.

Sinoxanduva sisonke lokwakha uluntu oluwuhloniphileyo umthetho, lihloniphane nolukwahlonipha ubomi nempahla.

Kufuneka sisebenzisane ukwakha Ubuntu nokuba nomoya wobunene kuluntu lwethu.

Somlomo oHloniphekileyo,

Sihlalo oHloniphekileyo we-NCOP,

Kuthathwe isigqibo sokuphucula oorhulumente basekhaya abasebenzayo.

Ukuhlonyelwa koMthetho weeNkqubo zikaMasipala kulindeleke ukuba kuphucule ukusebenza koomasipala ekunikezeleni iinkonzo.

Kufuneka kutyalwe abasebenzi abanamabakala emfundo namava afanelekileyo koomasipala.

Sikwafanele ukuba someleze amaqonga akhoyo wokuthatha inxaxheba koluntu size sivumele nabantu bethu ukuba badlale indima enkulu ngakumbi kuphuhliso.

Kufuneka siwuqinise nawo umlo wokulwa norhwaphilizo, ingakumbi xa siqwalasele imeko yokuba ezinye iinkonzo ziyaphazamiseka okanye zinqunyanyiswe, ukuze ezo nkonzo zinikezelwe kurhulumente ngabantu abathile ngexabiso.

Le miba ibekwa phambili kurhulumente olandelayo

Somlomo oHloniphekileyo

Sihlalo oHloniphekileyo we-NCOP

Umgaqo-nkqubo wobudlelwane namazwe angaphesheya woMzantsi Afrika weNtando yeSininzi waqulunqwa kumashumi eminyaka eyadlulayo ngexesha lephulo loburhalarhume bezizwe ngezizwe lokwenza ikheswa ilizwe elinombuso wocalucalulo.

UMongameli we-ANC u-Oliver Tambo wadlala indima ebaluleke kakhulu kulo meko, encediswa ngabo kwakukho phakathi kwabo, ongasekhoyo uJohnny Makatini, owayesakuba yintloko yemicimbi yezizwe ngezizwe.

Inkosikazi yakhe, uValerie Makatini ngomnye weendwendwe zethu ezibalulekileyo ngokuhlwa nje.

I-Afrika isoloko isembindini womgaqo-nkqubo wethu wobudlelwane namazwe angaphesheya.

Sisebenze ngokuzinikela ukomeleza inkxaso yeMbumba yamaZwe ase-Afrika, i-SADC kunye nayo yonke imibutho yelizwekazi eneenjongo zokuzisa uxolo nokhuseleko.

Sikwakubeke phambili ukukhuthaza ukuhlanganiswa koqoqosho lommandla we-Afrika, uphuhliso lweziseko ezingundoqo, urhwebo phakathi kwamazwe ase-Afrika nophuhliso oluzinzileyo kwilizwekazi.

Kulo nyaka sifake ingxelo yethu yesithathu yelizwe lethu kwiNkqubo yokuziHlola kwamaZwe ase-Afrika yeMbumba yamaZwe ase-Afrika nethe yamkelwa.

Sisaqhubekeka ukuxhasa ukudalwa koxolo nokusonjululwa kwengxabano.

Emveni kwale seshini inkqubela phambili kuthethathethwano oluphakathi kwe-Sudan neSudan eseZantsi kwimiba esaseleyo isaqhubekeka.

Ngenxa yesicelo sokuzisa uxolo noxolelwano esivela eSri Lanka naseMzantsi, uMnu Cyril Ramaphosa, uchongelwe ukuba ayokuba siSithunywa esiKhethekileyo saseMzantsi Afrika kula mazwe mabini.

Izakhono nobuchule bakhe ekusonjululweni kwengxabano nakuthethathethwano kwakunye namava wethu kwimeko enjalo, kuya kuwanceda kakhulu la mazwe ekusombululeni iingxaki zawo.

Sizakuqhubekeka ukomeleza ubudlelwane namazwe afana neYurobhu, i-North America, i-Latin America, i-Asia namazwe aseZantsi.

Ukuthatha inxaxheba kumaqonga wamaqela ngamaqela wezizwe ngezizwe afana ne-G20 kulixhamlisile ilizwe lethu.

Kwaye ukuzibandakanya neqela le-Brazil, Russia, India ne-China (i-BRIC) kweyoMnga yowama-2010 kubalwa njengempumelelo engundoqo yalo rhulumente wesine.

Kwakhona ibe yinyhweba enkulu ukusingatha iMbizo yeSihlanu yamaZwe e-BRICS ngomhla wama-27 kweyoKwindla yowama-2013 eThekwini, nalapho kubonakele iinkokheli zase-Afrika zithatha inxaxheba ekuxoxeni ngentsebenziswano yophuhliso kunye namazwe e-BRICS.

Sizakuqhubekeka ukusebenza ngokuzinikela kwiZizwe eziManyeneyo ukukhuthaza ulawulo lwezizwe ngezizwe olomeleleyo.

Kwakhona sizakuqhubekeka ukukhuthaza ukulungiswa kweBhunga loKhuselo lweZizwe eziManyeneyo namaziko wezezimali ehlabathini jikelele.

MaLungu aHloniphekileyo

NjengoMongameli weNgqungquthela (i-COP17/CMP7) eyingqungquthela engokuGuquguquka kweSimo seZulu yeZizwe eziManyeneyo neyayisingethwe eThekwini ngowama-2011, uMzantsi Afrika ubeke ihlabathi ngokuyimpumelelo kwisimo sokungahlaseleki, ngokwamkela iQonga laseThekwini laManyathelo aXhotyisiweyo.Bantu bakuthi,

Kule minyaka ingama-20 idlulileyo sisingathe utyelelo lwezemidlalo neleenkcubeko zezizwe ngezizwe, noluthe lwanceda ukukhulisa intlalo-ntle nomanyano.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, uMzantsi Afrika usingathe iNdebe yeHlabathi yeBhola eKhatywayo ye-FIFA ngokubeyimpumelelo ephezulu neminye iminyhadala yebhola ekhatywayo, eyomboxo neyeqakamba, nokushiye imvakalelo eluqilima yokuzingca nomanyano phakathi kwabo bonke abemi boMzantsi Afrika.

Xa sibhiyozela iminyaka engama-20 yenkululeko, sizakwenza oko sisebenze kakuhle ukwakha amagugu amatsha ngokwembonakalo yelizwe lethu.

Kusekwe inani leemiziyamu nezakhiwo zesikhumbuzo, kuquka nomfanekiso kawayesakuba nguMongameli uMandela nozakuba luphawu lwembonakalo kwiZakhiwo zoMdibaniso.

Kutshintshwe amagama eendawo angaphezulu kwama-2 000 ukulungisa ukuthiywa kweendawo ngamagama angatshongo khona, kwakunye nokunika uluntu ilungelo lokuzithathela izigqibo ngamagama eendawo zabo.

MaLungu aHloniphekileyo

Ndivumeleni ukuba ndibulele abanye babantu bakuthi abazenzele igama ehlabathini.

Siyavuyisana ne-Lady Smith Black Mambazo ngokuphumelela kwayo imbasa yayo yesine ebizwa i-Grammy kule nyanga iphelileyo. Siyayamkela inkokheli yeli qela, uMnu uJoseph Shabalala, nongomnye weendwendwe zethu ngokuhlwa nje.

Kwakhona sibulele uNks Yvonne Chaka Chaka olelinye leendwendwe zethu ngokuhlwa nje

Wenza uninzi lomsebenzi oncomekayo njengonoZakuzaku weNzondelelo weNgxowa-mali yabaNtwana yeZizwe eziManyeneyo kaMalaleveva e-Afrika ekwasiso neSithunywa esiKhethekileyo seziBhambathiso zoPhuhliso zeMileniyamu seZizwe eziManyeneyo sase-Afrika.

Kwakhona uNks Chaka Chaka wawongwa ngeMbasa ye-Crystal liQumrhu lezoQoqosho leHlabathi e-Davos ngomsebenzi wakhe wobuntu awenzayo.

Kwakhona sikwahlonipa, obalaseleyo wethu ophumelele imbasa ye-Oscar, uNks Charlize Theron.

UNks Theron ukwanguMthunywa woXolo weZizwe eziManyeneyo. Ukwa nguvulindlela wokulwa uGawulayo ingakumbi kulutsha namantombazana.

Naye wawongwa liQumrhu lezoQoqosho leHlabathi ngembasa ye-Crystal.

Bantu bakuthi,

Inokuba niqaphele ukuba kule SONA sinikezele ingxelo yale minyaka mihlanu idlulileyo ngokukodwa nangaphezulu kule minyaka ingama-20 idlulileyo jikelele.

Lo asingomsitho wokunikezela ngenkqubo yemisebenzi karhulumente yalo nyaka-mali. Lo nkqubo iza kunikezelwa ngurhulumente omtsha emva konyulo.

Ukulungiselela le-SoNA yokuqala yorhulumente oza kungena apha ekuhambeni konyaka, kulo nyaka udlulileyo, siye sasebenza ngeNkqubo-sikhokelo yesiCwangciso-qhinga sesiGaba esiPhakathi.

Le Nkqubo-sikhokelo iyilwe njengesisekelo sale minyaka mihlanu yokuqala sesiCwangciso soPhuhliso seSizwe, ukususela ngowama-2014 ukuya kowama-2019.

Ikwa dibanisa oko kujoliswe kuko kungundoqo sisiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino, umgaqo-nkquo weNdlela eNtsha yoHlumo lwezoQoqosho nesicwangciso seziSeko ezinguNdoqo.

Injongo kukubeka uyilo lwale Nkqubo-sikhokelo phambi kwe-Lekgotla yeKhabhinethi yokuqala emva konyulo.

Iza kulungisiswa kakuhle ngurhulumente omtsha ngokuhambelana nesigunyaziso sabavoti, ukuze umsebenzi uqalise msinyane emva kokumiselwa korhulumente omtsha.

Ibe yinyhweba kum nakurhulumente wam ukwakha kwisisekelo esabekwa ngoorhulumente abathathu bokuqala bolawulo lwentando yesininzi, ukukhonza abantu baseMzantsi Afrika.

Njengelizwe kuninzi esikuphumeleleyo.

UMzantsi Afrika lilizwe elithe chatha ngobungcono ukuhlala kulo kunokuba kwakunjalo phambi kowe-1994.

Sisaqhubekeka ukuhlangabezana nemingeni. Kodwa ke ubomi nabo buzakuqhubekeka ukuba ngcono.

Nkosi Sikelel’ i Afrika

Ndiyabulela.

Issued by: The Presidency

Share this page

Similar categories to explore