INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-6 kweyeKhala yowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. Ekuphuculeni ubomi babantu bakuthi, iKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kweProjekthi yoMsebenzi wokuCoca aManzi asiSixa yaseNcorha eMpuma Koloni nguMongameli uJacob Zuma. Eli ziko lokucoca amanzi lixabisa ama-64 ezigidi zeerandi kulindeleke ukuba lincede iintsapho ezimalunga nama-17 887 ezisuka kwiilali ezingama-208 kummandla ongqongileyo. Idale imisebenzi eli-188, apho abantu basekuhlaleni, ulutsha nabantu basetyhini ingabona baxhamli baninzi.

Ukumiselwa kweprojekthi yokulungiswa nokuphuculwa kweSkimu sokuBonelela ngaManzi saseVaal Gamagara esixabisa i-18 leebhiliyoni zeerandi eMntla Koloni nguMphathiswa wezaManzi noGutyulo, uNomvula Mokonyane, kuza kunceda abantu abaphantse bafikelela kuma-150, 000 kwiidolophu ezintathu neelali ezingama-22 ekugqityweni kwayo. Kwakhona, ukumiselwa kweProjekthi yokuBonelela ngaManzi iPhandle laseJericho exabisa i-15 lezigidi zeerandi kwandise ubonelelo lwamanzi kuluntu lwaseJericho kuMasipala weNgingqi waseMadibeng. 

1.2. Utyalo-mali lukarhulumente kwiziseko ezingundoqo zezothutho ludala inkonzo yezothutho kawonkewonke ekhuselekileyo, ethembakeleyo, esebenza kakuhle nefikelelekayo kweli lizwe jikelele. Inzuzo evela kwimeko yezothutho ephuculiweyo kukuthenjwa kakhulu ngabatyali-mali nophuhliso lwezoqoqosho.   

Ukuvulwa ngokusesikweni kweSiphambuka saseBallito nokuphuculwa kwendlela engu-P455 okuxabise imali ezizigidi ezili-190 leerandi nguMphathiswa wezoThutho, uDipuo Peters kungumzekelo omhle wendlela yokuncedisana ngemali apho imali esisixa ezizigidi ezili-123 zeerandi ibiphuma kwa-SANRAL ize engama-67 ezigidi zeerandi iphume kuMasipala waKwaDukuza. Oku kusebenza njengonobangela wohlumo olongezelelweyo notyalo-mali lokuphuculwa kwendlela yombindi engu-P455 oluvule uphuhliso olutsha lodederhu lweevenkile oluxabisa ibhiliyoni yeerandi ekulindeleke ukuba lugqitywe ngowama-2017.    

Oololiwe abatsha bale mihla abathengwe yi-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe Abakhwelwa ngaBantu (u-PRASA) baza kuqalisa ukusebenza  ekuhambeni kwethuba kulo nyaka. Aba loliwe baza kunceda ukuphucula kweenkonzo zoololiwe nokubakho kwabo kubakhweli bakaloliwe baseMamelodi. Ukongeza apho kuza kuthengwa iibhasi ezintsha zabakhweli ezingama-70 kwiSixeko saseRhawutini eziza kwenza ukuhamba phakathi kweendawo ezahlukeneyo kube lula futhi kuphucule noqoqosho kwisiXeko saseRhawutini.  

La maphulo otyalo-mali atshintsha  izixeko needolophu zethu ukuhlangabezana neemfuno zabantu bakuthi.

1.3. Ngomhla we-16 kweyeKhala yowama-2016, uMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe, uNaledi Pandor uza kuvulela iinkampani ukuba zifake izicelo zeziniki-maxabisi zokwenza izitya zezitsali-maza ezili-16 ukwandisa iziko i-MeerKAT, eliyiprojekthi yoMzantsi Afrika yeziBonakude ezikwiBala eliyiKhilomitha ubuDe nobuBanzi (i-SKA SA), ekumgama ozikhilomitha ezingama-90 emntla-ntshona we-Carnarvon. Esi sibonakude se-MeerKAT sifote imifanekiso yesibhakabhaka encomeka kakhulu sisebenzisa nje ezine kwizitya ezingama-64 ezilindelekileyo; sifota ii-galaxy ezingazange zabonwa nezikude kakhulu. Umsebenzi omhle wezobunzululwazi we-MeerKAT  utsala amehlo ehlabathi  kwaye ngoku sele sikufutshane ekufezekiseni amaphupha ethu ngesi sibonakude. Konke oku kungenxa yokusebenza ngokuzinikela nangenkuthalo kwamakhulu-khulu eenjineli, oosonzululwazi, abaphathi nabanye abasebenzi, kwakunye namahlakani ezoshishino aseMzantsi Afrika nawehlabathi, kunye nenkxaso karhulumente nabantu baseMzantsi Afrika. 

1.4. UMbhiyozo wobuGcisa weSizwe obanjelwa eRhini qho ngonyaka ubanjwa iintsuku ezili-11 ukusukela ngomhla wama-30 kweyeSilimela ukuya kowe-10 kweyeKhala kowama-2016. Lo mbhiyozo weendidi-ndidi zeetalente zobugcisa, ngowona mbhiyozo mkhulu wonyaka wobugcisa kwilizwekazi lase-Afrika, wenza igalelo ekufezekiseni isiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) esishumayeza ukuba “ubugcisa nenkcubeko buvula amaqonga anamandla engxoxo-mpikiswano malunga nokuba uluntu luzibona luphi na lusiya phi na”.   

Uxhaswa ngesicwangciso-qhinga soQoqosho lweGolide lwaseMzantsi elibizwa iMzantsi Golden Economy, nelimisela ngokutsha ushishino lwezenkcubeko lwaseMzantsi Afrika ukuba lenze igalelo elibonakalayo neliquka konke kuhlumo lwezoqoqosho nokudala imisebenzi. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko likwaseke iNgxowa-mali yabaQalayo ukwenzela amagcisa aselula nasematsha, ngenkqubo yeSimemo esiSelubala se-Mzantsi Golden Economy. Injongo kukudalela amagcisa asematsha amathuba okuba igcisa libhale incwadi yalo yokuqala, livelise umdlalo walo weqonga wokuqala, livelise icwecwe lalo lokuqala okanye libambe umboniso walo wokuqala.

1.5. Ukusondeza iinkonzo zokuthintela ulwaphulo-mthetho kufutshane  eluntwini, iKhabhinethi iyakwamkela ukwakhiwa kwesikhululo samapolisa esitsha saseKeimoes eMntla Koloni, esinceda abantu abamalunga nama-23 000.

Ukunikezelwa kwesikhululo samapolisa kuluntu sisikhululo sombane sakwa-Eskom iKusile, ePhola eMpumalanga sisebenzisana nenkampani i-KCW JV kubonakalisa iziphumo ezihle zokusebenzisana. Ukwakhiwa kwesi sikhululo, kuxabisa izigidi ezithathu zeerandi, kudale amathuba emisebenzi kwaza kwaxhobisa nabantu ngezakhono nolwazi ukudala iindawo ezihlala abantu eziezihuselekileyo.  

1.6. UMzantsi Afrika ubusingathe iNgqungquthela yooRhulumente beNgingqi baMazwe ayeSakuba ngaMathanga – ingqungquthela yoMmandla waMazantsi e-Afrika ngomhla wama-28 – 29 kweyeSilimela yowama-2016. Le ngqungquthela iqhutywe phantsi komxholo othi, “Ukuqalisa uPhuhliso lwezeNtlalo nezoQoqosho oluGxile eLuntwini noluZinzileyo kwi-Afrika eseMazantsi eSahara”, ukuhlola indima eseyidlalwe ngoorhulumente base-Afrika ekuvuleni indlela ye-Ajenda entsha yophuhliso yeeNjongo zoPhuhliso eziZinzileyo (ii-SDG) neziqukunjelwa ngowama-2030, zize iinjongo zazo zifezekiswe ngowama-2063 phantsi komxholo we-Ajenda ye-Afrika. Ii-SDG zichaza i-ajenda yophuhliso ziyicacisa kwizinga lasekhaya njengelona libaluleke kakhulu malunga nokwenza imihlaba kamasipala iquke ngakumbi kwezentlalo, ukuvelisa kwezoqoqosho, ezinzileyo kwezokusingqongileyo kwaye ikwazi ukumelana nokuguquka kwesimo sezulu neminye imingcipheko.   

1.7. Siyazamkela iziphumo zengqungquthela yokuqala ngqa yeBhodi kaMasipala yoCando-mida(i-MDB) malunga noCando-mida neNguqu yeSithuba ethe yabanjwa ukusukela ngomhla wama-23 ukuya kowama-24 kweyeSilimela yowama-2016. Le ngqungquthela ibibanjwe phantsi komxholo othi, “Ukuhlola iXesha eliDlulileyo nokuYilela iXesha elizayo” ukunikezela ingqwalasela kwimiba engundoqo emayelana nocando-mida nokuhlola imingeni inkqubo yoomasipala abambaxa yolawulo abajongene nayo nokufuneka kokumiselwa kwemida yokumiselwa kwewadi qho emva kwesithuba seminyaka emihlanu. Indima yokuqinisekisa ngokubakho koomasipala abazinzileyo ibe phantsi kweliso elibukhali kakhulu njengeyona ndawo ibaluleke kakhulu kwinkqubo yocando-mida. Igalelo elivela kule ngqungquthela liza kuqhubeka ukuyila uphuhliso nokufezekiswa kwemigaqo-nkqubo yocando-mida nolawulo lwezithuba.               

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. Ukulungiselela uNyulo looRhulumente beMimandla oluzayo ngomhla we-3 kweyeThupha yowama-2016, iKhabhinethi yazisiwe ngoBume bokuliLungela, ngokumalunga nokhuselo nokhuseleko.

Kusetyenziswa iQumrhu leSizwe eliDibeneyo lemiSebenzi nezobuNtlola (i-NATJOINTS), amalungiselelo sele egqityiwe okudala iimeko ezikukhuselekileyo nokhuselo ukuqinisekisa ukuba abantu baseMzantsi Afrika abaziva nje bekhuselekile koko bakhuselekile ngenene. Oku kubaluleke kakhulu ekuqinisekiseni ukuba iziphumo zonyulo oluzayo azikrokrisi.

Ukongeza apho, iNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS), iGunyabantu  lezoTshutshiso leSizwe (i-NPA), iSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko kunye neBhodi yoNcedo kwezoMthetho zingene kwiSivumelwano sokuLawulwa kwamaTyala oNyulo looRhulumente bemiMandla ngeenjongo zokunyanzelisa ukuthotyelwa koMthetho wamaTyala ezoNyulo 

2.2. IKhabhinethi kwakhona yazisiwe ngamalungiselelo aqhubekayo eNgqungquthela yesiThathu yeZizwe eziManyeneyo kumba wezeZindlu nokuFudukela eziXekweni okuZinzileyo (i-Habitat III) eza kubanjwa kwiNdibano yawo oNke aMazwe angaMalungu eZizwe eziManyeneyo e-Quito e-Ecuador ukususela ngomhla we-17 ukuya kowama-20 kweyeDwarha yowama-2016.

I-Habitat III izimisele ukuqinisekisa ngokuzibophelela okuhlaziyiweyo lihlabathi jikelele ukuhlangabezana nomba wezezindlu nokufudukela ezixekweni okuzinzileyo kule minyaka ingama-20 izayo ngokwamkelwa kwesivumelwano seziphumo esijonge phambili, nesigxile ekuthathweni kwamanyathelo okusebenza. IKhabhinethi iyayixhasa iNgxelo eluLuvo oluNye lwe-Afrika nge-Habitat III eza kuthiwa thaca kwiNgqungquthela yeMbumba yaMazwe ase-Afrika yooMongameli neeNtloko zooRhulumente eKigali, kweyeKhala yowama-2016. Le ngxelo yiyo eza kukhokela indlela uMzantsi Afrika oza kuxoxa ngayo. Iindibano zokufakana imilomo ziyaqhubeka ukuze kutyetyiswe nangakumbi ingxelo yoluvo loMzantsi Afrika nge-Habitat III.  

UMzantsi Afrika nawo wenze igalelo kumalungiselelo ehlabathi ngokusingatha iNgqungquthela engoMxholo ye-Habitat III kumba wamatyotyombe kwekaTshazimpuzi yowama-2016 phantsi komxholo othi “Ukukhokela inguqu eziXekweni: Ukusukela kumatyotyombe ukuya kwiindawo zokuhlaliswa koluntu ezidibeneyo, ezikhuselekileyo, ezomeleleyo nezizinzileyo” nezamkele isiVumelwano sasePitoli njengegalelo elisesikweni kuyilo lwexwebhu leziphumo ze-Habitat III.

2.3. Isigqibo soMphathiswa wezoRhwebo noShishino sokuvakalisa iMusina-Makhado njengoMmandla wezoQoqosho oKhethekileyo kuMmandla waseVhembe eLimpopo, nokunikezela ngeLayisenisi yoMmandla wezoQoqosho oKhethekileyo kwi-Arhente yoPhuhliso lwezoQoqosho yaseLimpopo kwamkelwe yiKhabhinethi. INkampani yakwa-Hoi Mor liza kucwangcisa, liphuhlise, lilawule lize lazise iPaka yezoShishino lweSinyithi nezaMandla zaseMzantsi Afrika ngaphakathi kummandla. 

Ummandla ochongiweyo uza kukhuthaza uphuhliso lwezoshishino kulo mmandla ugxile ngokukodwa ekuxhamleni kwizimbiwa, ukucola nokuhlela iimveliso zezolimo, amachiza asetyenziswa ekwenziweni kwepetroli, namanye amashishini aselula njengoko eboniswe kwisiCwangciso esimaNqaku aliThoba.

Lo Mmandla wezoQoqosho oKhethekileyo uzinziswe ngotyalo-mali olungaphezu kwama-40 eebhiliyoni zeerandi kwiCandelo lezoShishino lwezaMandla neSinyithi. Ukuphunyezwa kweeprojekthi eziliqela kule minyaka mihlanu izayo kulindeleke ukuba kudale imisebenzi engaphezu kwama-21 000.  

Ummandla weMusina-Makhado ukwayinxalenye yePhulo lezoPhuhliso lweSithuba ngaPhesheya kweLimpopo kwaye imi kwindawo entle kakhulu ukwenzela ukudityaniswa kommandla nothungelwano neMozambique, Zimbabwe neBotswana.

2.4. IKhabhinethi ikwamkele ukufakwa kweNgxelo yokuSebenza koPhando-nzulu noPhuhliso (i-R&D) lweNkqubo yezaPhulelo zeRhafu yowama-2014/15 ePalamente. Urhulumente unikezela ngezaphulelo zerhafu ze-R&D ukukhuthaza abecandelo lezoshishino ukuba baqalise nge-R&D eMzantsi Afrika. Ezi zaphulelo zerhafu iqulethe ukuncitshiswa kwerhafu kangange-150% kwinkcitho eyenziwe kwimisebenzi ye-R&D ephunyezwe nguMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe. Ezi zaphulelo zingaxhanyulwa ziinkampani nokuba zingakanani na ubukhulu bazo kuwo onke amacandelo ezoqoqosho.

Ziinkampani ezingama-876 ezixhamlileyo kwesi saphulelo ukususela kweyeNkanga yowama-2015 ukuya kweyoMdumba yowama-2016, zafaka izicelo zebango ezixabise imali ezibhiliyoni ezintandathu i zeerandi kwizaphulelo zerhafu ye-R&D. Kuthelekelelwa ukuba ama-33.3 eebhiliyoni zeerandi kwinkcitho ye-R&D iye yaxhaswa ngesi saphulelo kweli xesha. Ezinye zeziphumo zeenkampani ezixhamlileyo ziquka: Ukupapasha amaxwebhu aneengxelo zophando-nzulu ngezobunzululwazi ezingama-765; iinkqubo zengqungquthela ezingama-649; kwamiselwa iimveliso ezintsha ezili-1062; iindidi zelungelo lobunini bemisebenzi yezobugcisa ezili-111; kwakunye nama-33 amalungelo akhethekileyo alapha ekhaya nawehlabathi.

2.5.  INkqubo-sikhokelo yokuFakana Imilomo yamaLungelo oBunini bemiSebenzi yobuGcisa (i-IP) iphunyeziwe yiKhabhinethi. INkqubo-sikhokelo yokuFakana Imilomo ye-IP igxile ekuququzeleleni uthethathethwano oluza kuhlala luqhubeka namahlakani karhulumente noluntu ngokubanzi malunga nokuqulunqwa koMgaqo-nkqubo we-IP waseMzantsi Afrika.

Ezona njongo zingundoqo kukomeleza inkqubo yokufakana imilomo ekuqulunqweni komgaqo-nkqubo we-IP waseMzantsi Afrika ukuqinisekisa ukuba umelwe ngokubanzi urhulumente nabo bachaphazelekileyo kulindeleke ukuba ingangabadlali-ndima ababalulekileyo kuluntu ngokubanzi. Urhulumente uza kuqinisekisa ukuba imigaqo-nkqubo ye-IP iyawahlonipha amalungelo obunini njengoko ebalulwa kuMgaqo-siseko ngeli xesha ewalinganisa ngokufanelekileyo neemfuno zoluntu uhlangabezana neemeko zokuguquka kophuhliso nobuchule bokuvelisa izinto ezintsha obufana bodwa baseMzantsi Afrika.  

2.6.  IKhabinethi yazisiwe ngeziphumo ezivela kwintlanganiso yeZinga eliPhezulu yeNdibano yawo Onke Amazwe Angamalungu ngeNgqungquthela yeHlabathi engeCandelo loLwazi nebibanjwe ukususela ngomhla we-15 ukuya kowe-16 kweyoMnga yowama-2015.

UMzantsi Afrika uye wayikhokela le nkqubo egameni le-G77+China, kwaye iziphumo ekufikelelwe kuzo zibe zezihambelana noko bekufunwa nguMzantsi Afrika. ISebe leziXhobo zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi liza kuba liphuhlisa i-ajenda yophuhliso yobuChwepheshe boLwazi noNxibelelwano laseMzantsi Afrika kungekudala.

2.7. IKhabhinethi isamkele iSicwangciso-qhinga soMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika sokuPhucula iiNdlela zokuGcina uCwangco esiDlangalaleni. Oku komeleza iinkqubo zikarhulumente ngamaphulo agxile ekugcineni uxolo nozinzo kweli lizwe. Oku kunegalelo kwindlela esibonwa ngayo ngabatyali-zimali bamazwe angaphandle kwaye kuyanceda ekufezekisweni kwesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP). Ukugcina ucwangco nomtheth kusisiseko sokuqinisekisa ukuba bonke abantu eMzantsi Afrika bakhuselekile kwaye baziva bekhuselekile. 

3. Imisitho ezayo

3.1. IKhabhinethi ibongoza bonke abantu baseMzantsi Afrika nawo onke amacandelo ukuba athathe inxaxheba njengokuba ilizwe libala ixesha eliseleyo ukuya kwiNgqungquthela kaGawulayo yama-21 yeHlabathi phantsi komxholo othi “Fikelela kuMalungelo kaMakulingwane Ngoku”, ukususela ngomhla we-18 ukuya kowama-22 kweyeKhala yowama-2016, kwiZiko leNgqungquthela leZizwe ngezizwe i-Albert Luthuli eDurban.

Njengenxalenye yamalungiselelo e-AIDS 2016 nokuvuselela onke amacandelo, uSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa, njengosihlalo weBhunga likaGawulayo laseMzantsi Afrika leSizwe (i-SANAC), uza kukhokela iintsuku ezintlanu zokubala ixesha elisaseleyo kwiZakhiwo zoMdibaniso ngomhla we-13 kweyeKhala yowama-2016. I-#5Days ukuya ku-#AIDS2016 ilungiselelwe ukuqinisekisa ukuba kukho iqonga lonxibelelwano. Ukongeza i-#1Day ukuya ku-#AIDS2016 uza kusetyenziswa ukususela ngomhla we-17 kweyeKhala yowama-2016 oku kuza kuphawula ukuba kushiyeke usuku olunye.

Abemi bakhuthazwa ukuba banxibe iimpahla ezibomvu, ezimhlophe okanye ezimnyama, imibutho yona mayenze imiboniso yayo nantoni na enemfundiso ngoGawulayo kunye neekhondomu kwindawo ezisekuhleni, iindawo zenkolo zona mazibambe imithandazo ekhethekileyo zikhanyise namakhandlela ezikhumbuzo. Ukuvuselelwa kwawo onke amacandelo kungundoqo kumalungiselelo okugqibela ne-AIDS 2016. Zonke iinkcukhacha zoku kunye neminye imicimbi zingafumaneka ku-www.gov.za

3.2. Umhla we-18 kweyeKhala luSuku lweHlabathi likaNelson Mandela usisikhumbuzo soxanduva lwethu lokuphucula ubomi babo bahlelelekileyo kunathi. “Asikho isiphelo sokwenza ngcono. Kufanele sikwenze ngokuphindaphinda.” Sikhuthaza bonke abantu boMzantsi Afrika ukuba basebenzise imizuzu engama-67 kwixesha labo benze imisebenzi yokuzinikela kuba sisonke sisebenzisana singalitshintsha ihlabathi.   

Kulo nyaka kuza kugxilwa kwimfundo nobuchule bokufunda nokubhala, ukubakho kokutya, iindawo zokuhlala kunye nokusingqongileyo. IKhabhinethi imema bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba baDlale iNdima Yabo ngokuncedisa ukwenza izitiya zokutya, bafundele abantwana, bapeyinte izikolo benze negalelo ekuphuhliseni iindawo ezihlala abantu.

3.3. Kulo nyaka uMzantsi Afrika unesikhumbuzo seminyaka engama-60 soMngcelele wabaseTyhini, phantsi komxholo othi: “Abantu basetyhini bamanyene ekuqhubeleni uMzantsi Afrika phambili” ukungqinisisa ngesibophelelo sikarhulumente ekuzameleni ukuba sisizwe esingenalo naluphi na uhlobo lucalucalulo nokuqhubela uMzantsi Afrika Phambili ngokufundisa malunga nendima ebaluleke kakhulu enokudlalwa ngabantu basetyhini kuphuhliso lwezentlalo noqoqosho lweli lizwe. Ukuxhotyiswa kwabasetyhini ngumba obaluleke kakhulu kwintlalo-ntle nokwakha isizwe.

Isikhumbuzo seminyaka engama-60 yoSuku lwaBantu baseTyhini leSizwe ngomhla we-9 kweyeThupha yowama-2016, siza kubalula imbali yomzabalazo wabasetyhini, ngokubhalisa ‘Ibali Lakhe’(‘HerStory’). Igalelo elenziwe ngabasetyhini kumzabalazo wokulwa ingcinezelo nocalucalulo kwakunye nemisebenzi emihle yabasetyhini phantsi kolawulo lwentando yesininzi kuza kubalulwa. Kuza kwenziwa inkqubo yokufundisa uluntu kusetyenziswa amaqonga ahlukeneyo onxibelelwano ngurhulumente, imibutho yoluntu necandelo labucala apho kuza kubakho nemicimbi yamalungiselelo okugqibela kuwo onke amaphondo ukuya kuSuku lwaBantu baseTyhini ngomhla we-9 kweyeThupha.  

Umsitho omkhulu wolu Suku lwaBantu baseTyhini uza kuqhutyelwa kwizakhiwo zoMdibaniso ePitoli. Usuku luza kuqala ngomngcelele osuka kwiSitishi saseBosman uye eLilian Ngoyi Square apho uMongameli uJacob Zuma eza kuvula khona iLitye leSikhumbuzo esiPhilayo saBantu baseTyhini. Iinkqubo ezisesikweni ziza kukhokelwa ngumngcelele wabasetyini esuka kwiindawo ezahlukeneyo zasedolophini ziye kwiZakhiwo zoMdibaniso.

3.4 UMphathiswa weziXhobo zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi uGq Siyabonga Cwele uza kukhokela igqiza lwaseMzantsi Afrika ukuya kwiNgqungquthela yabaThunywa abanamaGunya yeManyano yezePosi zase-Afrika (i-PAPU) nemiselwe ukuba iqhubeke ngowama-22 ukuya kuma-23 kweyeKhala eYaoundé, e-Cameroon. Le ngqungquthela igxile ekuqukumbeleni ingxelo eluluvo le- Afrika phambi kweNkongolo yeManyano yezePosi yeHlabathi, nemiselwe ukuba iza kuqhubeka ngomhla we-19 kweyoMsintsi ukuya kowe-7 kweyeDwarha e-Istabul, eTurkey. 

IKhabhinethi izamkele iinjongo zoMzantsi Afrika zokuba eli lizwe lizigqatsele ukunyulwa kwakhona kwibhodi yoLawulo ye-UPU, ngokuhambelana neenjongo zomgaqo-nkqubo wezamazwe angaphandle wokuqulunqa ngokutsha ulawulo lwamaziko ehlabathi jikelele nokuba nguvulindlela we-ajenda yophuhliso. I-PAPU ne-UPU zigxile ekuphuculeni indibaniselwano nokusebenzisana phakathi kwamaziko eeposi nabanye abadlali-ndima ababalulekileyo abachongiweyo khona ukuze bomeleze inkonzo yezeposi yehlabathi kwihlabathi jikelele ukuqinisekisa ukuba ziyawuphungula umsantsa okhoyo phakathi kwamazwe atyebileyo ngokobuchwepheshe bale mihla nalawo asesemva zize zibonelele ngokufikelela kwiinkonzo zonxibelelwano nezezimali.   

4. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba engundaba-mlonyeni

4.1. Abemi boMzantsi Afrika bakuqaphele ngothakazelelo ukuba uMongameli uZuma ubhengeze umhla we-3 kweyeThupha yowama-2016 njengosuku lweholide kawonkewonke ukwenzela ukuba bonke abalungele nababhalisele ukuvota bakwazi ukuvota ngokukhululekileyo ngolo suku. Nangona iKhomishini yoNyulo eziMeleyo (i-IEC) iza kuzama konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba unyulo lukhululekile kwaye alunamkhethe, luxanduva olubalulekileyo labo bonke abadlali-ndima ababalulekileyo kuquka uluntu nemibutho yezopolitiko. IKhabhinethi ingathanda ukubongoza bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba baqinisekise ngoxolo nokuzola phambi konyulo, ngexesha lonyulo nasemva konyulo loorhulumente bemimandla lowama-2016. Ii-arhente zogcino-mthetho azisayi kunyamezela nawaphi na amanyathelo aphazamisayo agxile ekuhlutheni abavoti ilungelo lokuvota. Sikhuthaza bonke abavoti ababhalisiweyo abangazokwazi ukuvota ngomhla we-3 kweyeThupha ukuba bafake izicelo zovoto olukhethekileyo kwi-IEC.      

4.2.  Bonke abantu baseMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba mabathathe inxaxheba kwinkqubo yokuchongwa yamaWonga eeMbasa zeSizwe zowama-2017. IiMbasa zeSizwe ngawona mawonga aphezulu apho ilizwe, ngokusebenzisa uMongameli, liwonga abemi balo kunye nabemi bamazwe angaphandle abadumileyo.

Amalungu oluntu ayamenywa ukuba achonge abantu abakholelwa ukuba bafanelekile ukuba bangafumana elona wonga liphezulu lelizwe. Amalungu oluntu kufuneka izicelo zawo zikhatshwe yinkcaza emfutshane enika izizathu zokuba kuphakanyiswe igama lalo mntu uchongiweyo kwaye iifomu zokuchonga ziyafumaneka kwiwebhusaythi ye-Ofisi kaMongameli.

4.3. Siyazamkela iziphumo ezivela kwiNgxelo yoBume beziXeko zaseMzantsi Afrika yowama-2016 (i-SOCR) ekhutshwe ngomhla wama-22 kweyeSilimela yowama-2016 nguMbutho weziXeko zaseMzantsi Afrika. I-SOCR inika ingxelo esisicwangciso seminyaka emihlanu  ngokusebenza neemeko zezona zixeko zikhulu kweli lizwe ize imisele i-Ajenda yophuhliso ngokuthumela imiyalezo ebalulekileyo malunga nocwangciso, uphuhliso nolawulo lwezixeko ukuya kwisizukulwana esizayo seenkokheli zoluntu. Le ngxelo ikhokelisa phambili amanyathelo aza kusetyenziswa ukuze senze izixeko zethu zibe ngcono, ziquke konke ngokuthe chatha neendawo ezivelisayo kwabo bahlala kuzo.  

4.4. Amanyathelo okungenelela karhulumente aqalisile ukuvelisa iziqhamo kwaye oomasipala abathe baxhaswa ngamaphulo afana noBuyela kuNdalashe avelisa iziphumo ezincomekayo kwaye babonakalisa iimpawu zokuphucuka. Kwakhona kukwabonisa inkqubela eyenziweyo ekwaphuleni izicwangciso zezithuba zexesha lengcinezelo nokuphucula unikezelo-nkonzo. Zisingela phantsi iimpumelelo zethu ezininzi nezithe zadala inguqu kwimbonakalo yezixeko zethu zazindawo zolawulo lwentando yesininzi apho bonke abemi banxulumana nje ngokukhululekileyo. Oku kukwaphinda oko bekuchazwe kwingxelo yoMphichothi-zincwadi Jikelele malunga neZimali zikaMasipala okubonakalisa ukuphucuka okubonakalayo kwiziPhumo zoPhichotho kule minyaka mihlanu idlulileyo ukususela ngowama-2010/11 ukuya kowama-2014/15. Ingxelo yoBalo-mali yooMasipala yowama-2015 ekhutshwe kutsha nje liZiko leeNkcukhacha-manani laseMzantsi Afrika (i-Stats SA) lolunye lweempawu ezibonakalisa ukuba urhulumente uyakwazi ukubonelela abantu ngeenkonzo ezingundoqo ezisemgangathweni. NgokoPhando loLuntu lowama-2016 lwe-Stats SA, abantu beli lizwe abandayo iimeko zabo zempilo zingcono kunangaphambili.    

4.5. IKhabhinethi iyayingqinisisa inkxaso yayo kwinkululeko yamajelo eendaba, ukuthetha ngokukhululekileyo kunye nelungelo lakhe nabani na lokufikelela kulwazi eMzantsi Afrika. La malungelo acwangciswe kakuhle kuMgaqo-siseko, ayakusoloko ehlonitshiwe ekhuselwe nguye wonke ubani.

Indima yeZiko loSasazo loMzantsi Afrika (i-SABC) njengeziko losasazo loluntu iyakuhlala ibalulekile ukuphuhlisa ulawulo lwethu lwentando yesininzi oluselutsha. Iingxoxo eziqhubekayo ngoku malunga nesigqibo sabahleli be-SABC sokungasasazwa kwemifanekiso yobundlobongela neyokutshatyalaliswa kwezakhiwo nempahla kufanele kuthathwe ngendlela eyakhayo neza kusebenza ekomelezeni ulawulo lwethu lwentando yesininzi.

IKhabhinethi iqinisekile ukuba eli ziko losasazo loluntu liza kuqhubeka ukusebenzela iimfuno zabo bonke abantu baseMzantsi Afrika.

4.6. Ukuphucuka koMzantsi Afrika ngendawo ezi-14 kwi- Logistics Performance Index yowama-2016 yeeBhanka zeHlabathi isixelela ukuba uMzantsi Afrika ngokuqinisekileyo ululungele ushishino. UMzantsi Afrika ume kwindawo yama-20 kumazwe ali-160 ahloliweyo luphando, unyuke wayokutsho kwindawo yama-34 ngowama-2014. Ukuhanjiswa lula kwempahla nemithwalo neenkonzo kunegalelo elikhulu ekukwazini kwelizwe ukumelana nokhuphiswano, ingakumbi njengendawo ekunokwenziwa kuyo utyalo-mali.

4.7 IKhabhinethi ifumene ingxelo evela kubaPhathiswa weMithombo yezeziMbiwa, wezeMisebenzi nowezeZimali emva kweentlanganiso neendibano zokubonisana eziqhube kakuhle kakhulu nabadlali-ndima abalulekileyo kushishino lweebhanki. Iziphumo zale ngxelo ziza kwaziswa kungekudala.

4.8 IKhabhinethi iyayamkela iNgxelo yoPhando loLuntu yowama-2016 eyenziwe liziko leeNkcukhacha-mani lwaseMzantsi Afrika ebonakalisa inkqubela esele siyenzile njengesizwe kwiindawo ezingundoqo zonikezelo-nkonzo, ngokukodwa kwixesha ekulindeleke ukuba umntu makaphile lona.

Ezi nkcukhacha-manani ziludondolo olubalulekileyo ukunceda ucwangciso lobuchule lukarhulumente ingakumbi omtsha nolawulo olusafikayo loorhulumente bemimandla emva konyulo lomhla we-3 kweyeThupha. Urhulumente uza kungenelela ukusabela kwimingeni ekhankanyiweyo kule ngxelo ngoMbono 2030 wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP), nesisicwangciso esenziwe ngabantu sisenzelwa abantu.

4.9 IKhabhinethi iyavuyisana naba balandelayo:

  • UNkosinathi Maphumulo, owaziwa njengoBlack Coffee, ngokuba ngowokuqala ummi waseMzantsi Afrika ukuphumelela eyodumo imbasa ebizwa i-Black Entertainment Television (i-BET) International Act: iMbasa yase-Afrika.
  • I-Bafana Bafana ngokuphumelela isiGaba sowama-2016 seNdebe ye-COSAFA. Eli qela lenziwe ikakhulu ngabadlali abakwiqela labangaphantsi kwama-23 eminyaka kunika ithemba elihle kwingomso lempumelelo yeli lizwe kwimidlalo yehlabathi.
  • AMabhokobhoko ngempumelelo yawo xa ebedlala ne-Ireland kumdlalo wovavanyo wesithathu ukuze abe ayiphumelele imidlalo eluthotho.
  • Abaphumelele kunikezelo lwe-18 leeMbasa zeQonga lezeNzululwazi nobuChwepheshe zeSizwe nezizezona mbasa zibalulekileyo kakhulu kwezenzululwazi, ezobunjineli, ubuchwepheshe nobuchule bokuvelisa izinto ezintsha (i-SETI) eMzantsi Afrika. Ezi mbasa ziwonga igalelo eligqwesileyo kwi-SETI ngokukhuthaza nokuvuza abo bagqwesileyo.
  • ISixeko saseTshwane esifumene ukuhlonitshwa zizizwe-ngezizwe  kumsitho  weMbasa woSuku lwe-Wi-Fi leHlabathi ngokuba seSona Sixeko siVelise okutsha okanye iNkqubo kaRhulumente ukuvala uMsantsa Phakathi Kwabo BaFikelela kuBuchwepheshe bale Mihla Nabo Basesemva. Lo msitho wonikezelo-mbasa ububanjelwe e-Wireless Global Congress kwi-United Kingdom. Le Wi-Fi ifumaneka simahla yaseTshwane (yaziwa njenge-TshWi-Fi) yenza kungene abemi abakwi-1.8 sezigidi abakwiSixeko esiliKomkhulu basebenzise i-intanethi nge-Wi-Fi  simahla kamasipala yakhe yankulu kwilizwekazi le-Afrika. Ukubonelelwa kwayo kube sisiphumo sobudlelwane neProjekthi Isizwe.

4.10. IKhabhinethi ivakalisa uvelwano olunzulu:

  • Kumazwe athe afumana uhlaselo lobunqolobi lakutsha nje, kuquka iSomalia, iTurkey, iBangladesh ne-Iraq. UMzantsi Afrika ume ngokungagungqiyo kunye noluntu lwehlabathi ukugxeka naluphi na uhlobo lobunqolobi.
  • Ngokusweleka kwesifundiswa esihlonitshwe kakhulu, umbali nongqondongqondo, uNjingalwazi Adam Small.
  • Kusapho nabahlobo boMphathiswa wezoLimo kwiPhondo laseLimpopo uJoy Matshoge osweleke kwingozi yemoto eMokopane, eLimpopo.
  •  Kusapho losomashishini ophumeleleyo uDon Mkhwanazi odlale indima ebaluleke kakhulu ekuxhotyisweni kwabantsundu kwezoqoqosho nokuqhubela phambili inguqu kwezoqoqosho kweli lizwe. Wayengumseki weQonga labaLawuli abaNtsundu.

5. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

5.1. IBhodi yabaCebisi ye-Ofisi yeSizwe yoLawulo lwamaLungelo oBunini emiSebenzi yobuGcisa yesithuba seminyaka emine:

a) UNksz Morne Barradas;
b) UGq Antonel Olckers;
c) UMnu Mkhetwa Alvin Maluleke;
d) UGq Carol Bernice Nonkwelo;
e) UNjing Deresh Ramjugernath;
f) UNksz Mary Tumelo Mashabela (uphinde waqeshwa);
g) UMnu Duncan Raftesath (uphinde waqeshwa);
h) UMnu McLean Sibanda (uphinde waqeshwa ekwangusihlalo); kunye
i) noMnu Vishen Pillay.

5.2. Iziko lokuLahlwa kweNkunkuma enobuNgozi yeRediyo yeSizwe:

a) Ukuthunyelwa kukaGqirha Wolsey Otto Barnard, evela kwiSebe lezaMandla, njengeBambela leGosa eliyiNtloko lesiGqeba soLawulo, isithuba seminyaka emithathu.

5.3. IBhodi yabaLawuli yoMlawuli wezaMandla weSizwe yaseMzantsi Afrika:

a) UMnu Yusuf Adam

5.4. Amalungu eBhodi yeMicimbi ye-Arhente yezaMafa exesha leminyaka emithathu:

a) Eugenia Xoliswa Kula-Ameyaw Gyarko;
b) Nkosinathi Biko;
c) Amanda Zolisa Cuba;
d) Jill Corfield;
e) Johannes (Jan) Frederick Davel;
f) Thandiwe Sylvia January-McLean;
g) Manare Jeoffrey Legodi;
h) Phumzile Peterson Makhosana;
i) Mfu. David Gauta Mogomane;
j) Viloshnee Naidoo;
k) Yusuf Patel;
l) Mmatlou Hellen Phaleng-Podile;
m) Thembeka Semane;
n) Frans Johannes Van der Westhuizen; no-
o) Christoffel Willem Weilbach;

Imibuzo:
Mnu Donald Liphoko
Uqhagamshelwano: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore