Intetho kwiNtlanganiso yiKhabhinethi yomhla we-16 kweyeNkanga yowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente

1.1. Iingxelo zeziphumo zenkqubela zekota nganye zomhla osusela kowo-1 kweyeKhala ukuya kowe-16 kweyoMsintsi yowama-2016 zinikezelwe kwiKhabhinethi. Ezi ngxelo zibeka esweni ukuphunyezwa kweNkqubo yokuSebenza kaRhulumente ngokuhambelana nemimiselo yeNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) nesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).
1.2. IinNtlanganisela zabaPhathiswa ezahlukeneyo, ngokusebenzisa iZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS), ziza kwenza amalungiselelo okubanjwa kweentlanganiso noonondaba ekupheleni kwale nyanga apho kuza kunikwa ingxelo ngemisebenzi emihle neyimpumelelo eyenziwe ngamasebe kule kota.

Amanye amagqabantshintshi avela kwiiNgxelo zeziPhumo zeNkqubela zeKota Nganye kule kota siphezu kwayo:

Uqoqosho

1.3. ISebe loPhuhliso lwaMashishini amaNcinci lixhase amashisini amancinci ali-149 kule kota iphethweyo. Ukongeza apho, ookopolotyeni abali-104 baxhaswe ngeSkimu seziBonelelo zooKopolotyeni. La manyathelo okungenelela avulela amathuba amaShishini amaNcinci aPhakathi namaNcinane (ii-SMME), ookopolotyeni, amashishini amancinci asezidolophini nawasemaphandleni.

1.4. KwiCandelo lezolimo – ngamashishini amancinci ezolimo ali-172 namashishini amancinci angengawo ezolimo angama-23 axhaswe ngamaphulo awohlukeneyo. Ukongeza apho kuchongwe ii-SMME ezikhoyo ezingama-337 kwaye ziza kuxhaswa ngoqeqesho nangamacebo okufikelela kubathengi. Ookopolotyeni abangama-240 baxhaswe ngeSkimu seziBonelelo zooKopolotyeni.

1.5. Umsebenzi weKomiti yabaPhathiswa ngezoTyalo-mali uqalisile ukuvelisa iziqhamo. Ngeli xesha lekota siphezu kwayo, i-Invest SA iququzelele amathuba otyalo-mali olufikelela kwiibhiliyoni zeerandi ezili-18.2 ikakhulu kwiiprojekthi ezinkulu ezisuka kwezegesi ukuya kwezombane.  

Ukulwa ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo

Ukulwa ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo kusahleli kungumba ophambili kurhulumente. Sizimisele ukulwa abaphuli-mthetho kwiindawo ezihlala abantu bakuthi kwaye siseza kuqhubeka ukusebenzela ukufikelela kuMzantsi Afrika okhuselekileyo apho bonke abemi bangazikuziva nje bekhuselekile koko bekhuseleke ngenene.

1.6. Ubudlelwane bentsenziswano phakathi koluntu norhulumente buyadingeka ekulweni ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo. Zizikhululo zamapolisa ezingama-98.9% ezichazwe njengezinamaQumrhu oLuntu ezobuPolisa nto leyo iligalelo kukhuselo nokhuseleko lwabantu abaphantsi kwazo.   
1.7. Uyabonakala umsebenzi owenziwayo kwiphulo lokulwa urhwaphilizo. Ngabantu abangama-58 abafunyaniswe benetyala ngokumalunga nokunciphisa urhwaphilizo kumagosa karhulumente kule kota siphezu kwayo. Bahlanu (5) abantu abafunyaniswe benetyala lorhwaphilizo okanye amatyala anxulumene norhwaphilizo apho imali ebandakanyekayo ngokwetyala okanye ngokwamatyala ingaphezulu kwezigidi zeerandi ezihlanu kwaye ixabiso lemiyalelo yokuvala efunyenweyo libetha kwizigidi zeerandi ezili-185.   

Umhlaba

Aqhuba kakuhle amalinge okubuyisela umhlaba ukuze kubuyiselwe isidima sabo bathi babulaleka ngexesha localucalulo. Mkhulu umsebenzi osele wenziwe ekubuyiseleni isidima sabo bathi babulaleka ngexesha lucalucalulo.

1.8. Kufumaneke kwaza kwabiwa umhlaba ongama-54 400 eehektare zomhlaba ome kwindawo entle kwaye ama-51 188 eehektare abelwe amafama asakhulayo. Ama-6 530 eehektare omhlaba ofunyenweyo wabelwe abahlali basefama nabasebenzi abaqeshise khona.
1.9. Kumabango omhlaba ali-112 omhlaba obuyiselweyo angama-57 ebekwimimandla yasemaphandleni axhamlise abantu abangama-2 553 kwimizi engama-467.
1.10. Kutsha nje, uMkhomishinala oyiNtloko wamaBango ezeMihlaba uphumeze isiGaba sesi-2 sokuFakwa kweBango sokubuyiselwa kwbango lomhlaba waBantu baseMasinenge nebango loSapho lakwaMtshali ngembuyekezo eyintlawulo yemali.

Ixabiso elipheleleyo lomhlaba obuyiselwe aBantu baseMasinenge yi- R7, 100,608.00 eza kuxhamlisa imizi engama-64 nethe yaqinsekiswa njengamaxhoba awahluthelwa umhlaba.
IKhomishoni yokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba ithe, ngexesha elisusela kumhla woku-1 kuTshazimpuzi wowama-2016 ukuya kumhla wama-31 kweyeDwarha yowama-2016 yakhupha intlawulo ephantse yafikelela kwibhiliyoni yeerandi njengentlawulo eyimbuyekezo kubafaki-mabango omhlaba abathi bahluthelwa amalungelo wabo omhlaba.

1.11. Iziphumo zakutsha nje zengxelo yeZiko lobuDlelwane beeNtlanga. “UBomi eMzantsi Afrika: IZizathu zeThemba” zibonisa ukuba ubomi eMzantsi Afrika bungcono namhlanje kuneminyaka engama-20 eyadlulayo.

Ngowama-2015 isambuku semveliso yelizwe (i-GDP) somntu ngamnye besingaphezulu ngama-33% xa sithelekiswa nowe-1994,  umlinganiselo womvuzo oshiyekayo emva kokutsalwa kwerhafu nemirhumo kumntu ngamnye unyukile ukususela kuma-23,686 eerandi kowe-1994 ukuya kuma-33,660 eerandi ngowama-2015 (inyuke ngama-42%), inani labantu abangaphangeliyo liphindaphindene kabini ukususela kwi-7.9 sezigidi ngowe-1994 ukuya kwi-15.6 sezigidi ngowama-2015; inani labantu abanezindlu linyuke nge-131.3%  phakathi kowe-1996 nowama-2016; inani labantwana ababhalise ezidyunivesithi lande ngama-281.4%, lisusela kuma-211,756 ngowe-1985 ukuya kuma-807,663 ngowama-2014; inani labo bosulelwa okokuqala yiNtsholongwane kaGawulayo (HIV) lihle ukususela kuma-646,806 ngowe-1999 ukuya kuma-321,497 kowama-2015; lande ngama-62.5% inani loonompilo kwicandelo lukarhulumente phakathi kowama-2000 nowama-2015; kwaye izinga lobugebenga lehle ngama-49.3% ukususela ngowe-1994.

Oku kuqaqambisa ukuba nangona kukho imingeni ekhoyo, ubomi kubantu baseMzantsi Afrika buye buphucuka kule minyaka ingamashumi amabini idlulileyo. IKhabhinethi ikhuthaza uluntu lweli kwiinkalo zonke ukuba lwakhele phezu kwale misebenzi sele yenziwe sisizwe ukususela ukungena kolawulo lwentando yesininzi. Kusahleli kukuninzi okuhle okukokweli lizwe kunoko kungekuhle.
 

Ukufezekiswa kwenkqubo yokusebenza kaRhulumente:

1.12. IVeki eGxile kwiMbizo yeSizwe yesihlanu karhulumente nebibanjwe ukususela ngomhla we-7 ukuya kowe-13 kweyeNkanga yowama-2016 phantsi komxholo othi “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika Phambili: Ingomso lethu – lenze lisebenze” inike  abemi boMzantsi Afrika ithuba lokufakana imilomo ngqo norhulumente. Eli xesha lokubonisana nokungqubanisa iintloko linegalelo elihle ekwakheni abemi abunolwazi nabangoyikiyo ukuthatha inxaxheba; into leyo ibaluleke kakhulu ekufezekiseni uMbono wowama-2030 we-NDP.

UMongameli uJacob Zuma uyisungule le veki ngexesha leMbizo ebikwisikolo sePrayimari saseMarhulana eTembisa, eGauteng apho kunikezelwe khona ngeziko leekhompyutha elinako konke.

1.13. Ukuvulwa kwendlela neebhulorho iSwartkopfontein phakathi koMzantsi Afrika neBotswana kuthetha isiqalo esitsha sokudibanisa iziko lomda laseMzantsi Afrika eSwartkopfontein ukuya kwiziko lomda laseBotswana iRamotswa. Ukwakhiwa kwale ndlela nebhulorho, okuxabise izigidi zeerandi ezingama-78.5 kukhokelele ekudalweni kwemisebenzi esisigxina engama-51 ngethuba leenyanga ezingama-23 kusakhiwa, apho abasebenzi bathathwe kuwo omabini la mazwe.

1.14. INkqubo yokuVuselelwa kweePaka zezoShishino, phantsi koMphathiswa wezoRhwebo noShishino, uRob Davies idala imisebenzi ezilokishini nakwiziphaluka zazo nakwimimandla yasemaphandleni. Le nkqubo iqaliswe njengendlela yokusabela kwikhwelo ebelihlatywe nguMongameli uJacob Zuma lokuba makusetyenzelwe ekwakhiweni imizi-mveliso ngobuninzi kwakunye nohlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke, phakathi kwezinye izinto. ISebe lezoRhwebo noShishino ukuza kutsho ngoku lityale imali ezizigidi zeerandi ezingama-22.5 kumaphulo okuvuselela iPaka zezoShishino yakuKomani. Ngexesha lesigaba soku-1 sale nkqubo yokuvuselela, kuchongwe amashishini asixhenxe amancinci aphakathi nakhulayo njengenkampani eziza kube ziqeshwe zezinye eziza kunikezela ngeenkonzo neempahla ezixabisa izigidi zeerandi eziyi-5.3. Ngabasebenzi balapha kulo mmandla abangama-71 abaqeshiweyo, apho kubo ama-63% lulutsha.    

Inkqubo yooSomashishini abaMnyama, ngenjongo zokwandisa abadlali-ndima kwicandelo lezokuvelisa, ukuza kutsho ngoku ixhase abaNini Mizi-mveliso abaMnyama abangama-22 yaza yadala imisebenzi eli-1 500. Kongezwe ibhiliyoni yeerandi eyi-1.5 ukuze ixhase aba banini mizi-mveliso.

1.15. IVeki yeHlabathi yezamaShishini amaNcinci (i-GEW) iphehlelelwe eRhawutini kule veki iphelileyo  nguSekela Mongameli, uCyril Ramaphosa, exhaswa nguMphathiswa uLindiwe Zulu. Iza kuqhubeka ukususela kumhla we-14 ukuya kowama-20 kweyeNkanga yowama-2016, kwaye yeyona ndibano yakhe yankulu yabayili noosomashishi abasakhasayo nabathi baqalise amashishini amancinci ngokujika amaphupha abe yinyani, baqhube uhlumo lwezoqoqosho baze bavuselele nophuhliso lwezentlalo noqoqosho. IKhabhinethi iyawabulelaamahlakani ezoshishino nawezentlalo ngokuzisa i-GEW eMzantsi Afrika. Lo mahlakani  nguRhulumente wePhondo laseGauteng, isiXeko saeRhawutini, Hollard, Microsoft, IDC, SABS, SAB, SEA Africa, uMbutho weHlabathi wamaShishini amaNcinci neKauffman Foundation. Zingaphezulu kwama-80 iindibano zamahlakani eziza kubanjwa ngeli xesha. I-GEW yintshayelelo elungiselela iNgqungquthela yeHlabathi yamaShishini amaNcinci (i-GEC) neza kubanjwa okokuqala kwilizwekazi lase-Afrika eRhawutini ngenyanga yeyoKwindla  yowama-2017, apho kulindeleke abathunywa abangaphezulu kwama-5 000 abavela kumazwe angama-160 ekulindeleke azimase lo msitho.

1.16. Ngomhla we-14 kweyeNkanga yowama-2016 uMphathiswa uNomvula Mokonyane umisele iSikhululo sokuCocwa kwaManzi amDaka saseDrakenstein waza wasinikezela koomasipala waseDrakenstein eNtshona Koloni. Le projekthi ixabisa malunga nemali ezizi-171 000 000 zeerandi kwaye ixhamlise umasipala noluntu ngokulunika amava noqeqesho kwezokwakha, ukuqeshwa kwabantu bale ngingqi; nokuthenga kwezixhobo zokusebenza kubavelisi nababoneleli-nkonzo balo mmandla.

Ukufakelwa kwabantu amanzi kunegalelo ekuphuculeni umgangatho wamanzi kumlambo iBerg River kwaye kulwa ifuthe elibi kumgangatho wamanzi okunkcenkceshela.

1.17. Amanzi nogutyulo angundoqo wophuhliso oluzinzileyo. ISebe lezaManzi noGutyulo likwiPhulo loGutyulo noluza kuqukunjelwa nguSuku lweHlabathi lweziNdlu zangaSese ngomhla we-19 kweyeNkanga yowama-2016, olusetyenziselwa ukwazisa, ukufundisa nokusebenzisa amalinge okuqinisekisa ukuba wonke umntu uyafikelela kwinkonzo endilisekileyo yogutyulo.   

UMzantsi Afrika uzimisele ukukhawulezisa imizamo yokubonelela ngeenkonzo zamanzi nogutyulo, uze ngolo hlobo ubuyisele ngokukodwa isidima sabo bantu baphuma kwimimandla eyayihlelelekile ngaphambili. INkqubo yokuPheliswa kwamaBhakethi igxile ekupheliseni izothe lamabhakethi asetyenziswa njengezindlu zangasese kumaphondo amane, angala: iMpuma Koloni, iFreystatha, uMntla Ntshona noMntla Koloni. Iphelisiwe inkqubo yokusebenzisa amabhakethi kumakhaya angama-25 091. Kumakhaya angama-27 147 le nkqubo yokuphelisa ukusetyenziswa kwamabhakethiisagqityezelwe.

1.18. Ukuthweswa kolutsha oluphuma kwinkqubo yeminyaka emine yeQela loLutsha lwamaShishini asemaPhandleni (i-NARYSEC) ngomhla we-17 kweyeNkanga yowama-2016 kufezekisa inkqubo namalinge karhulumente okudala imisebenzi. Le nkqubo neyamiselwa ngonyaka wama-2010, yinkqubo yophuhliso lwezakhono zolutsha nemisebenzi encedisa ukuguqula abantu abatsha basemaphandleni ekubeni ngabantu abafuna imisebenzi koko ibe ngabo abadala imisebenzi.

1.19. Ukususela ngomhla we-15 ukuya kowe-17 kweyeNkanga yowama-2016 iNgqungquthela kaMasipala engeNkqubo yeMisebenzi yoLuntu eNatyisiweyo (i-EPWP) iyaqhuba phantsi komxholo othi “Zibone, Zive uze uziXhamle iiNkqubo zemiSebenzi kaRhulumente”, kwiZiko leNgqungquthela i-St George eGauteng. I-EPWP liphulo likarhulumente elingundoqo, nelincedisa ekudaleni imisebenzi endilisekileyo nempilo ezinzileyo, ezemfundo, ezempilo, uphuhliso lwamaphandle, ukubakho kokutya nobuyekezo lomhlaba, kuquka nokulwa ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo.  

Le ngqungquthela igxile kumacandelo angundoqo ale nkqubo ngokunika ithuba lokuba kwabelwane ngamava neendlela zokusebenza ezizezona zingcono zokuziphatha. Oku komeleza amalinge karhulumente okubonelela ngamathuba emisebenzi nokuxhotyiswa ngezakhono ngoqeqesho oluthi kwelinye icala luvuselele abantu abahluphekileyo.

Ukususela ngowama-2004 ukuya kowama-2016 i-EPWP idale amathuba emisebenzi engaphezulu kwezigidi ezisixhenxe. Oku kubonakalisa ukuba le nkqubo isebenza ngokuyimpumelelo kwale nkqubo ngawo onke amaqoqo karhulumente, oomasipala nemibutho yoluntu. IsiGaba se-3 se-EPWP sikunyaka waso wesithathu wokufezekiswa – kwaye sikubonile ukuveliswa kweenqobo zemimiselo nemithetho ebanzi elawula ukufezekiswa kwale nkqubo kwaye owona msebenzi wayo ingundoqo kukukhuthaza ukubandakanyeka kwabantu apho kufezekiswa khona iiprojekthi ze-EPWP. Oku kukwakhuthaza ukwenziwa kwezinto elubala ngokumalunga nendlela ekuqeshwa ngayo.

1.20. Ukufuduka ngempumelelo kuhlobo lokusasaza lwe-analogu kuyiwe kweledijithali kubahlali abakummandla weSiza esiyiKhilomitha ubuDe nobuBanzi (i-SKA) eMntla Koloni, kuthetha ukuba aba bahlali baphakathi kwabokuqala ukuxhamla isandi nemifanekiso ecwengileyo nekudidi eliphezulu eze  nomabonakude osasaza ngedijithali.  

Sele zibonakala iziphumo zesisibhengezo esenziwa nguMphathiswa uMuthambi sokuba ikqubo yokufudukela kwinkqubo yosasazo lwedijithali kweyoMnga yowama-2018 eza kwenziwa ngokwezigaba kumaphondo. Le nkqubo sele iqalisile kakade eMntla Koloni naseLimpopo. Ubhaliso sele luqalisiwe eFreystata, eMpumalanga naseLimpopo. Luza kuqaliswa ekuhambeni kwethuba naseMntla Ntshona, eMpuma Koloni, KwaZulu-Natal, eNtshona Koloni naseGauteng.   

1.21. Ukucinywa kwamaza osasazo lwe-analogu kuyinxalenye yenkqubo yokuFudukela kuSasazo lweDijithali kweli lizwe. Amakhaya ahluphekileyo afanele ukufumana isibonelelo sikarhulumente ayabongozwa ukuba makaibhalisele i-set-top box (i-STB) esimahla kwiiPosi ezikufutshane nawo.

1.22. IKhabhinethi yazisiwe nangesicwangciso sokugrumba amathambo amatsha-ntliziyo ezopolitiko awayexhonywe ngexesha localucalulo. Ayemalunga ne-130 amabanjwa ezopolitiko awayexhonyelwe ulwaphulo-mthetho olunxulumene nezopolitiko phakathi kowe-1960 nowe-1990, ekwathi emva kwawo isigwebo sentambo sanqunyanyiswa. Aba bathandi besizwe baza kungcwatywa ngesidima kwiindawo zabo zokuzalelwa.    

Le nkqubo ilandele ukuphehlelelwa esidlangalaleni kweProjekthi yokuGrunjwa kwabaXhonywayo ngomhla wama-23 kweyoKwindla yowama-2016 kwiZiko lezoLuleko iKgosi Mampuru II, ukuba kuqaliswe ngokugrunjwa kwamathambo wamabanjwa ezopolitiko angama-83 kwisithuba seenyanga ezintandathu phambi kokuba kuphela unyaka wama-2016/17.

1.23. IKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa ngokuyimpumelelo kweSeshoni yesi-3 yeKhomishoni yamaZwe amaBini phakathi kweBotswana noMzantsi Afrika ikhokelwa nguMongameli uJacob Zuma nogxa wakhe uMongameli uSeretse Ian Khama ukuqinisa ngakumbi amatyathanga entsebenziswano yezoqoqosho phakathi kwala mazwe mabini.

Umsebenzi wokukhawuleziswa kweProjekthi yokuDluliselwa kwaManzi iLesotho Highlands, ukufezekiswa kwesiCwangciso-qhinga sokuVulwa kweMizi-mveliso ngokuBuninzi soMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) kunye neSicwangciso soPhuhliso lobuChule bokuQondisa soMmandla ukudala amaqumrhu anegalelo elimandla kuqoqosho kunye neenkampani zokuvelisa,  nentsebenziswano kulawulo lwemida ukulwa ulwaphulo-mthetho olwenziwa phakathi kwamazwe olufana nokuzingelwa kwemikhombe neendlovu ngokungekho-mthethweni, kube phakathi kweminye imiba ekhe kwaxowa ngayo.      

UMzantsi Afrika uphinde wazibophelela ukuba uyawuxhasa umgqatswa we-SADC kwisikhundla sikaSihlalo weMbumba ye-Afrika (i-AU), oHloniphekileyo uGq Pelonomi Venson-Moitoi, uMphathiswa wemiCimbi yezaMazwe-ngamazwe neNtsebenziswano weRiphabliki yaseBotswana  

1.24. UMongameli uJacob Zuma uluqukumbele ngokuyimpumelelo uTyelelo lwakhe lwasebuRhulumenteni e-Addis Ababa, eFederal Democratic Republic of Ethiopia apho athe wazimasa iKomiti yeZinga eliPhezulu ye-AU engeLibya ebixoxa ngoxolo nemeko yokhuseleko eLibya. Le komiti ixoxe yavumelana ngemiba eliqela enokunceda ukufumana isisombululo sexesha elide kwimingeni ejongene nabantu baseLibya. Njengelungu le-AU sifuna ukubona uxolo nozinzo eLibya kwaye ikomiti ivumile ukuba njenge-Afrika sifuna ukuthundeza ngamandla onke amaqela abandakanyekayo eLibya ukuba kufumaneke isisombululo esiphekwe apha e-Afrika kwiingxaki elijongene nazo eli lizwe.

UMongameli uZuma ukwathathe inxaxheba kwiNgqungquthela yeSibini eKhetheke ngokuKodwa yeZizwe ezingamaVolontiya kuMkhosi we-Afrika wokuSabela ngokuKhawuleza kwiiNgxwaba-ngxwaba (i-ACIRC). Iinjongo zale Ngqungquthela ibikukuxoxa ngobume boMkhosi we-ACIRC emva kukubona indlela eziphathe ngayo i-UTULIVU AFRICA yoku-I neye-II ye-Command Post Exercise (i-CPX) nokuqinisekiswa kwezixhobo ebezithenjisiwe ukususela kwekaCanzibe yowama-2014 ukuya kwekaTshazimpuzi yowama-2015. Amazwe angamavolontiya kwi-ACIRC, naquka uMzantsi Afrika, agqibe kwelokuba akhokele imizamo yokufuna izisombululo eziphekwe e-Afrika kwimingeni yase-Afrika kungakhange kungenelele mazwe angaphandle.  

2. Imisitho ezayo

2.1. IiNtsuku ezili-16 zobuTsha-ntliziyo bokuLwa ubuNdlobongela obuJoliswe kwabaseTyhini naBantwana ziqhubeka qho ngonyaka ukususela kumhla wama-25 kweyeNkanga (oluluSuku lweHlabathi lokuPhelisa ubuNdlobongela obuJoliswe kaBantu baseTyhini) ukuya kumhla we-10 kweyoMnga (oluluSuku lweHlabathi lamaLungelo oLuntu). Ezinye iintsuku ezingundoqo ezikhunjulwayo ngeli xesha ziquka uSuku lweHlabathi likaGawulayo olungomhla woku-1 kweyoMnga noSuku lweHlabathi lwaBantu abaKhubazekileyo ngomhla we-3 kweyoMnga.

Umxholo weeNtsku ezili-16 lobuTsha-ntliziyo uthi “Nam ndibale: sisonke siqhubela uMzantsi Afrika ongenabundlobongela phambili” kwaye eli phulo  liqhuba unyaka wonke apho kusetyenziswana ngokuqhubekayo noluntu.

UMongameli uJacob Zuma ngomhla wama-25 kweyeNkanga uza kusungula iiNgxoxo zeSizwe apha ooMasipala beziThili baza kubamba iingxoxo unyaka wonke. Ezi ngxoxo ziza kuquka nophuhliso lwezakhono nokuxhotyiswa koluntu, ingakumbi abantu basetyhini, kwakunye nokuphuculwa konikezelo-nkonzo ngokumalunga nokufikelela kwezobulungisa  nentetho-ntuthuzelo kunye neenkonzo zezempilo. Bonke abemi baseMzantsi Afrika banoxanduva lokuthatha inxaxheba ngokubonakalayo ekulweni ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nokuxhatshazwa kwabantwana.  

2.2. UMphathiswa woBudlelwane bamaZwe ngamazwe neNtsebenziswano uMaite Nkoana-Mashabane kunye noMphathiswa wobuTyebi beNdalo  nezeNdalo wase-Russian Federation, uMnu Sergey Donskoy, baza kubambisana ngokuba ngoosihlalo beSeshoni ye-14 yeKomiti Edibeneyo yooRhulumente kwiNtsebenziswano yezoRhwebo nezoQoqosho (i-ITEC) phakathi koMzantsi Afrika neRussia ngoLwesihlanu, umhla we-18 kweyeNkanga yowama-2016, ePitoli.  

Le seshoni kulindeleke ukuba ivumelane ngezicwangciso ezithile ezicacileyo ezingumkhomba-ndlela ukukhawulezisa ukufezekiswa kwezivumelwano ezikhoyo kuwo onke amacandelo e-ITEC, aquka ezorhwebo, ezotyalo-mali nezebhanki; imithombo yezimbiwa; ezamandla; ezolimo, amahlathi nezokuloba; ezothutho; inzululwazi; ubuchwepheshe nesithuba; imithombo yezamanzi; nezemfundo nezobulungisa.

2.3. Ngomhla we-19 kweyeNkanga yowama-2016 uSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa uza kukhokela igqiza labaphathiswa nabadlali-ndima ababalulekileyo abangekho phantsi kukarhulumente ukuya kuMboniso woPhuhliso lwaMakhondo oLutsha kumaBala aseNkowankowa kuMasipala weNgingqi wase-Greater Tzaneen, eLimpopo.  

Lo mboniso uza kunika iingcebiso ngezamakhondo nolwazi ngemfundo eqhubekekayo namathuba oqeqesho kubafundi abakwiBanga le-10 ukuya kwabakwiBanga le-12, kubantu abatsha oabangasebenziyo, kunye nabantu abatsha abathi lwashiya phakathi kumabanga emfundo aphakamileyo. Lo Mboniso woPhuhliso lwaMakhondo oLutsha uyinxalenye yomsebenzi karhulumente wokuxhobisa ulutsha, ingakumbi ukuthatha kwalo inxaxheba kuqoqosho, ukuze lukwazi ukuthatha indawo yalo efanelekileyo kweli lizwe.

2.4. Emva koNyulo looRhulumente beNgingqi, ukuthatha inxaxheba koluntu kulawulo kweengingqi kusahleli kubalulekile ukuze kube negalelo kwiziacwangciso zikamasipala, ngendlela ehlangabezana ngcono neemfuno zabemi.

UMthetho wamaQumrhu kaMasipala ooRhulumente beNgingqi, we-1998, ufuna phakathi kokunye ukuba oomasipala baqulunqe iinkqubo zokufakana imilomo noluntu nemibutho yoluntu ekwenzeni imisebenzi yabo naxa besebenzisa amagunya abo. La maqumrhu aziwa njengeeKomiti zeWadi, kwaye zilikhonkco elibalulekileyo phakathi kooCeba beeWadi, uluntu nomasipala.

Kwezi nyanga zizayo kuza konyulwa iiKomiti zeeWadi ukuba zisebenzele uluntu kwaye abemi kufuneka bakulungele ukuba bathathe inxaxheba kolu nyulo kwaye basebenze kula maqumrhu.

IKhabhinethi iyalwamkela unyulo lovalo-sikhewu loomasipala ebelubanjwe ngoxolo nolube yimpumelelo kutsha nje kumaphondo amathandathu. Abantu baseMzantsi Afrika baphindile babonakalisa ukuzinikela kwabo kunyamezelwano lwezopolitiko into leyo ibubungqina obubonakalisa ukuba ulawulo lweli lizwe lwentando yesininzi olusekelwe kumgaqo-siseko luzinzile.  

2.5. UMsitho weeMbasa zezeMidlalo waseMazantsi Afrika wowama-2016 uza kubanjwa ngomhla wama-27 kweyeNkanga yowama-2016 e-Sand du Plessis Theatre, eMangaung, eFreystata. Iminxeba yokuvotela uMdlali woNyaka oyiNkwenkwezi oThandwa ngaBantu kunye neqabane lawo lezosasazo u-SABC Sport ivuliwe kwaye iza kuvalwa ngomhla wama-27 kweyeNkanga yowama-2016 ngentsimbi yama-21h00. IKhabhinethi incoma bonke abaChongwa boMdlali woNyaka oThandwa ngaBantu.

3. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba esematheni

3.1. Ifuthe lokuGuqu-guquka kweMo-zulu liyavakala ngemo zezulu ezingaqhelekanga ezifana nokuna kwemvula ngamaxesha engaqhelanga kuna ngawo, iimeko zembalela, ubushushu obugqithisileyo nezikhukhula ezifika ngesiquphe. Izikhukhula zesiquphe ebezihlasele eGauteng naseMpumalanga zikhokelele ekuphulukaneni kwabantu nobomi, nabantu abaaphelelwa zindawo zokuhlala kwimimandla yasematyotyombeni kwatshabalala neziseko ezingundoqo ezifana neendlela, iibhulorho nezindlu.

IKhabhinethi ivakalisa amazwi ayo ovelwano kwiintsapho nezihlobo zabo bathe baphulukana nobomi babo kwezi zikhukhula kwaye ikwanqwenela abo bonzakeleyo ukuba bachache ngokukhawuleza. Isizwe siza kubabeka emithandazweni abo banezizalwana zabo ezisadukileyo. Amaqela oLawulo lweeNtlekele eli ahleli evundlile kweli lizwe jikelele, ingakumbi kulo mimandla kusalindeleke ezinye iimvula. Bonke abantu kufuneka basabele kwizilumkiso zesimo sezulu esibi kwangaphambi kwexesha.

UMongameli uJacob Zuma ekhatshwa yiNkulumbuso yaseGauteng uDavid Makhura kunye noMphathiswa woLawulo lwezeNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli uDes van Rooyen bawuhlolile lo mmandla baza batyelele namakhaya ebehlaselwe zizikhula kummandla wamatyotyombe eStjwetla ecaleni komlambo iJukskei River. UMongameli uZuma uyalele ukuba kubekho kuqaliswe amanyathelo okungenelela aza kuqhutywa ngamasebe awohlukahlukeneyo karhulumente ekhokelwa nguMphathiswa uVan Rooyen ukuba ajikwe indlela ahamba ngayo amanzi omlambo iJukskei River kuxhaswe iindonga zawo ukunciphisa amathuba okuba le ngingqi iphinde ihlaselwe zizikhukhula. IKhabhinethi iyayibulela imibutho yoLuntu eNgekho Phantsi kukaRhulumente, ooCeba beeWadi namavolontiya athe eza kunceda abahlali.

Ezi mvula zakutsha nje akufanelekanga ukuba zibaqhathe abantu baseMzantsi Afrika zibanike ithemba lokuba imbalela ethwaxa eli iza kugqitha.. Urhulumente ukhuphe amanzi abekwiDama iSterkfontein ewakhuphela kwiDama laseLigwa njengecebo lexesha elifutshane ukunceda ukuthomalalisa imeko waza wongeza imali ezizigidi ezingama-212 zeerandi njengoncedo lwembalela ukuxhasa amafama akumaphondo abhengezwe njengemimandla yentlekele yembalela.    

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba baliqaphele igalelo lemisebenzi yabo kwindalo kwaye benze konke okusemandleni ukulondoloza amanzi.

3.2. Ii-arhente zehlabathi zokuhlela isakhono sokuhlawula isikweliti iMoody’s, Fitch ne-Standard andPoors kwezi veki zizayo baza kuchaza izigqibo zabo zenqanaba abalibeka kulo eli lizwe kutyalo-mali. Urhulumente kulithuba esebenza nabezoshishino, imibutho yoluntu neyabasebenzi ukuguqula izicwangciso zeli lizwe ukuba zibe yimisebenzi ebonakalayo into iza kuqinsekisa ukuba uMzantsi Afrika uhlala ulilizwe elikumgangatho wotyalo-mali.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo ukuba asebenzisane norhulumente kukhuselwe indawo elibekwa kuyo eli lizwe lethu kwezotyalo-mali.

3.3. Ukukhutshwa kweziphumo zophicotho-zincwadi lowama-2015/16 nguMphicothi-zincwadi-Jikelele, uKimi Makwetu zamasebe wesizwe nawamaphondo kunye namaqumrhu wawo kukuqaqambisa ukubaluleka kokukwenza le misebenzi isisiseko ilandelayo kakuhle nangokuthe gqolo: ukuphunyezwa kwezicwangciso  ngeenjongo zokulungisa ukuqhwalela okukhoyo kwindlela imali esetyenziswa ngayo ngokwezicwangciso ebesele kuvunyelwene ngazo; iinkokeli nabaphathi abasebenze ngokufanelekileyo kunye nokuhlola ukuba iinjongo nemibono ebekujoliswe kuyo iyafezekiswa; nokuhlaziywa kunye nokuhlola ukuthotyelwa kwemithetho nemimiseloengundoqo kwimiba yezezimali.

Iziphumo zophicotho zabaphicothwa besizwe zibonakalise ukuphucuka okuthe kwe-8%; ama-30% abaphicothwa afumene iziphumo zoophicotho-zincwadi ezingenachaphaza ize i-14% ibe ngabo baneziphumo ezinemiba esafuna ukuphendulwa, izinto ezincinci ezifuna ukulungiswa okanye iziphumo ezibi kakhulu.

Uninzi lwamasebe emaphondweni afumene iziphumo ezingezihlanga ngokwendlela elandelwa ngayo imithetho ebalulekileyo kunye nomgangatho weengxelo zawo zonyaka.
IKhabhinethi ixhalatyisiwe yimingcipheko nemingeni njengoko ichaziwe kwiziphumo zophicotho-zincwadi. Iye yambophelela urhulumente ukuba ayilungise le miba ihluphayo ithe yachazwa aze aphucule ulawulo lwezezimali ukuze ekugqibeleni kufunyanwe iziphumo zophicotho-zincwadi ezingcono.  

3.4. IKhabhinethi yamkele abathunywa abamalunga nama-11 000 abathatha inxaxheba kwingqungquthela ye-19 ye-AfricaCom nebanjelwe eKapa ukususela ngomhla we-15 ukuya kowe-17 kweyeNkanga yowama-2016 phantsi komxholo othi “Nonophela ubunganga bemisebenzi ye-Afrika ukuzama ukuzisa ubuxhaka-xhaka bobuchwepheshe: i-intanethi njengesixhobo sophuhliso lwezoqoqosho nokuxhotyiswa kwezentlalo”. Kule ngqungquthela kwenziwe intetho nguMphathiswa weziSeko zezoNxebelelwano neeNkonzo zePosi uGq Siyabonga Cwele kwaye bekukho izithethi ezingaphezulu kwama-350.   

I-AfricaCom seyaba liqonga elibanzi ekuphuhliseni uqoqosho olusebenzisa i-intanethi e-Afrika ukwenzela uphuhliso lwezoqoqosho nolwezentlalo nokuxhotyiswa ekuxhaseni inkqubo ye-Ajenda ye-Afrika yowama-2063. Le ngqungquthela itsala iinkokheli ze-ICT, oosomashishini abancinci nabayili abasuka e-Afrika kunye nezikhulu eziphuma kumazwe angaphezulu kwe-140. Ingqungquthela yalo nyaka igxile kuphuhliso lwezakhono ze-intanethi, ukuxhobisa abantu basetyhini kubuchwepheshe, ukusetyenziswa kobuchwepheshe ukunceda abo banokukhubazeka nokuxhasa i-African Tech Start-Up Ecosystem. Oku kubonelela ngendlela yokufezekisa iinjongo ze-NDP ngokwemimiselo yenguqu yedijithali, uphuhliso lwezoqoqosho nokuxhotyiswa kwezentlalo.   

3.5. IKhabhinethi iyavuya kuba abafundi abaninzi kumaziko emfundo ephakamileyo mbombo zone zeli bavumile ukuba lo nyaka wama-2016 ungemki namanzi. Uninzi lwamaziko sele eqalisile ngeemviwo zokuphela konyaka.

Siyabakhuthaza abafundi ukuba bahlale begxile ekugqibezeleni izifundo zabo baze bavumele iKhomishoni ekhangela ukuba kunoKwenzeka njani ukufumana iMfundo ePhakamileyo engaHlawulelwayo noQeqesho ukuba igqibezele umsebenzi wayo.

Umsebenzi oqaliswe yi-NEDLAC uyamkeleka, apho uNondyebo weSizwe enikezele iziphakamiso ngeendlela ekunokufikelelwa ngazo kwimfundo esimahla ngabafundi bamaziko emfundo ephakamileyo. Isibhengezo siza kwenziwa ekupheleni kweyeNkanga yowama-2016.

Isimemo esenziwa zinkokheli zeenkonzo zesizwe nezinye iinkokheli zezenkolo sokuba kufunyanwe izisombululo kwimingeni ekwimfundo ephakamileyo samkeleka ngezandla ezishushu. Inkxaso yazo ngokulamla, imithandazo namalinge oxolo, ndawonye kunye nekhwelo lazo sokuba unyaka wemfundo wowama-2016 mawuqukunjelwe iyamkeleka.

3.6. IKhabhinethi iyasamkela isigqibo seNkundla yoMgaqo-siseko malunga neNkqubo yeSizwe yoLwazi eLawula ukuHamba koLwazi olu-Eletronikhi (i-eNATIS) eza kulawulwa ngurhulumente ngoku.

3.7. Sikwasiqaphele isiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko sokuba isicelo ebesifakwe nguTerry Crawford-Browne, sokuba inkundla izibekele bucala iziphumo zekhomishoni engesivumelwano sentengo yezixhobo, asisekelwanga kubulungisa. IKhomishoni yoPhando kaSeriti eyayiphanda isivumelwano sowe-1999 sentengo esasixabisa iibhiliyon ngeebhiliyoni zeerandi yafumanisa ukuba akukho bungqina bubonakalisa ukuba kukho izivumelwano ezazidyobheke yityhefu yorhwaphilizo, ubuqhetseba okanye ukungahambi ngendlela kwezi zivumelwano. Le ngxelo yakhutshwa nguMongameli uJacob Zuma kwekaTshazimpunzi yowama-2016.

3.8. IKhabhinethi ixhalabile ngokuxhokonxa nokuphenjelelwa kokujongana ngezikhondo zamehlo okunobuhlanga nobundlobongela ziinkokheli zoluntu okusingela phantsi inkululeko yethu esiyifumene nzima. Abantu baseMzantsi Afrika kufuneka bazigxeke izenzo ezingakhiyo ezifana nokuhlaselwa ngokobuhlanga kukaRethabile Mlotshwa okonyelise abanye babemi baseMzantsi Afrika kwaye akongezi nto kumoya woBuntu besizwe sethu. Kukwafanele ukuba siqhubeke ukuwuhlonipha umthetho size sithethe ngokuphandle ngokuchasene nezimemezo ezinxamnye nomgaqo-siseko zokuba sihlale kumhlaba okwiindawo esihlala kuzo ngokungekho mthethweni.   

3.9. IKhabhinethi ikuhloniphile ukurhoxa kukaMnu Brian Molefe njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba kwa-Eskom kwaye imnqwenela okuhle kodwa kumaphupha akhe. UMnu Molefe ebephambili ekuqulungweni  kwesicwangciso-qhinga sokudala inguqu kwa-Eskom esesiqalile ukuveza iziphumo ezihle. IKhabhinethi iqinisekile ukuthi ushiye iqela lesigqeba eliluqilima eliza kuqhubeka ukufezekisa isigunyaziso sika-Eskom lize liphumeze esi sicwangciso-qhinga sokudala inguqu.  

3.10. IKhabhinethi iziqaphele izityholo ezityatyekwe uMphathiswa woKhuseleko lweLizwe, uMnu David Mahlobo nebezisasazwe kwinkqubo kamabonakude –kwisikhululo i-Al Jazeera , kwaye ivile nokuba iiNkonzo zezobuPolisa zaseMzantsi Afrika (i-SAPS) iyaziphanda ezi zityholo.

3.11. IKhabhinethi ikubalule ukuba urhulumente usoloko ephambili ekulweni ulwaphulo-mthetho olungokusingqongileyo, oku kuquka umsebenzi owenziwe ziinkonzo zezokhuselo njengenxalenye yamalinge karhulumente okunqanda ulwaphulo-mthetho oluqhutywa ngamaqela emigulukudu phakathi kwamazwe nokuqinisekisa ukuba ubulungisa budlala buyaboyisa abenzi bobubi abakumaqela emigulukudu.

IKhabhinethi ivuyisana naba balandelayo:
3.12. UMphathiswa wezeMali, uPravin Gordhan othe wahlonitshwa kumsitho woNikezelo Mbasa wowama-2016 we-Sunday Times weeNkampani ezi-100 eziPhezulu ngabaPhathi boshishino lwaseMzantsi Afrika. Ukuvunywa ngabezoshishino kubonakalisa ukuba sikunye kule meko, nokuthi sisonke sizimisele ukuwuguqula uMzantsi Afrika ube lilizwe elingcono. Amalinge karhulumente, abezoshioshino, abasebenzi nemibutho yoluntu   aqhuba kakuhle kakhulu emzileni wokufezekisa uMbono wowama-2030 we-NDP.

3.13. UFrancois Groepe ophinde waqeshwa kwakhona, nguMongameli uJacob Zuma, njengeSekela-Rhuluneli yeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika, isithuba seminyaka emihlanu ukususela kumhla woku-1 kweyoMqungu yowama-2017.

3.14. Umseki wombutho we-Gift of the Givers u-Imtiaz Sooliman, othe wawongwa ngeMbasa yoMmi weHlabathi, i-Global Citizen Award, yinkampani esebenza kwihlabathi liphela, i-Henley & Partners. Oku kubonakalisa ukuba abemi baseMzantsi Afrika baliphakamisela phezulu igama loMzantsi Afrika ngokuzenza idini lokunceda abantu abasweleyo

3.15. INcutshe yoMpheki oyiNtloko uMartin Kobald, nongumpheki okhetheke ngokukodwa eMzantsi Afrika, owonyulwe njengosekela-mongameli woMbutho weHlabathi weeNcutshe zokuPheka.

3.16. IHotele eyiyeYona iSebenzisa iziNto ezingenabuNgozi kwiNdalo e-Afrika, iHotel Verde ekwiSikhululo seeNqwelo-moya saseKapa seSizwe ngezizwe ivotelwe njengephumeleleyo ehlabathini jikelele kwicandelo leeNdawo zokuHlaliswa kweeNdwendwe eziXekweni ngexesha leMbasa yoKhenketho oluZinzileyo leZizwe-ngezizwe i-Skål ye-15 yonyaka, ebibanjelwe eMonaco.

3.17. Umdlali ogqwesileyo weqela lombhoxo loMzantsi Afrika, i-Sevens, uSeabelo Senatla, owongwe njegngoMdlali woNyaka kuMdlalo woMboxo weHlabathi wohlobo lwe-Sevens wamaDoda ngomdlalo wakhe ogqamileyo wowama-2016. Lo mdlali woMzantsi Afrika ubaleka ngamandla uwuwele izihlandlo ezingama-66 umgca kwimidlalo eli-10 kudederhu lwemidlalo yowama-2015/16 – engowesibini ukugqwesa kwimbali eminyaka ili-17 yodederhu lwemidlalo, oku kuyabavuselela abadlali bomboxo abaselula. Esi ikwa sisihlandlo sesibini ingumdlali waseMzantsi Afrika ophumelela le mbasa.   

3.18. Lowo waphumelela imbasa yegolide uWayde van Niekerk othe wabhengezwa njengembaleki eyindoda yemiDlalo ye-Olimpiki kumsitho woThweso-Mbasa lweKomiti ye-Olimpiki yeSizwe obubanjelwe eDoha.  

3.19. UBrad Binder oye wathweswa njengophumelele kumdyarho weemoto obizwa i-Moto3 ngokuphumelela kwixesha lamagqibela kankqoyi kwibala lomdyarho oseValencia eSpain.

3.20. IKhabhinethi ivuyisene ne-Proteas ngokuphumelela kudederhu lwemidlalo yoVavanyo xa beziqubisene ne-Australia kwakunye naBafana Bafana ngokuphumelela kwabo xa bebedlala neSenegal kumdlalo ohluza abo baza kuya kudlala kwiNdebe yeHlabathi. IKhabhinethi iwanqwenela okuhle amaBhoko-bhoko kumdlalo wawo xa edlala nelamaTaliyane kwaye inethemba ukuba ukoyiswa kwawo yiNgilane ibukukulomeleza nje kuphela iqela.

IKhabhinethi ibulela bonke abantu baseMzantsi Afrika abathe kwakhona bamanyana bexhasa amaqela wethu wesizwe ngokubukela le midlalo yahlukeneyo nangokunxiba imibala yeflegi yethu okanye izikipa zamaqela wabo abawathandayo. Masiqhubeke ukwamkela nokuthabatheka ngumoya wokuzingca kwethu ngokobuzwe njengoko amaqela wethu ephakamisela iflegi yelizwe lethu phezulu.  

3.21. IKhabhinethi, njengoMongameli uJacob Zuma, iyavuyisana noDonald John Trump othe wonyulwa njengoMongameli wama-45 wase-United States of America (USA) kwaye inethemba lokuba iindibano zokubonisana ezizayo phakathi koMzantsi Afrika ne-USA ziza kuwanceda omabini la mazwe.  

4. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

4.1. ISebe lezabaSebenzi

a) UNksk MSB Matebesi njengoSekela-Mlawuli-Jikelele: IiNkonzo zokuXhasa ukuPhathwa kweMisebenzi yeQumrhu, kunye
b) noMnu TS Maruping njengoSekela-Mlawuli-Jikelele kwiNgxowa-mali ye-Inshorensi yabaNgaphangeliyo.

4.2. UNksz CL Duma njengoSekela-Mlawuli-Jikelele: IiNkonzo zokuXhasa ukuPhathwa kweMisebenzi yeQumrhu kwiSebe lezoKhenketho.

4.3. UMnu H Ratshisusu njengoSekela-Mkhomishinala kwezoKhuphiswano.

4.4. UMnu Enver Daniels njengoSekela-Sihlalo kwiNkundla yezoKhuphiswano.

4.5. UNjing H Cheadle njengelungu lethutyana leNkundla yezoKhuphiswano.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Inombolo yoqhagamshelwano: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore