INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yangomhla woku-1 nowesi-2 kweyeNkanga ngowama-2016

1. Ukusebenza kweeNkqubo zikaRhulumente ezinguNdoqo

1.1. IKhabhinethi ivuyisana noMphathiswa wezeMali uPravin Gordhan neqela lakhe kuNondyebo weSizwe ngohlahlo lwabiwo-mali olwenziwe ngocoselelo kwaye lacingisiswa. Umgaqo-nkqubo woHlahlo lwabiwo-mali lweSigaba esiPhakathi (i-MTBPS) unika uluntu, abasebenzi kunye namashishini ithuba lokuba basebenzisane norhulumente ukufezekisa iinjongo zoqoqosho zelizwe lethu.

IKhabhinethi ixhasa amalinge aziswe kwi-MTBPS okukhokela uqoqosho kula maxesha oqoqosho anzima, ukufezekisa ukukhula koqoqosho olubandakanyayo nokusebenzisa ngobuchule izixhobo zikarhulumente.

1.2. IKhabhinethi ibulela abahlawuli-rhafu abangaphezu kwezigidi ezi-4.5 abangenise amaxwebhu abo erhafu ngeXesha leRhafu lowama-2016, kwaye ukhumbuza bonke abahlawuli-rhafu  abangalungiselelwanga abangekawangenisi amaxwebhu abo ukuba bawangenise kuba liya lisondela kakhulu ixesha elimiselweyo lokuvala elingumhla wama-25 kweyeNkanga ngowama-2016.

Abahlawuli-rhafu abalithandayo ilizwe labo bayanceda ekuphuculeni ubomi bezigidi ngezigidi zabemi boMzantsi Afrika ngokusebenzisana norhulumente ngelixa esisa ebantwini iinkonzo ezifuneka ngolona hlobo kunye nenkxaso yoluntu kuwo onke amabandla.

IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazibandakanye nemizamo yethu ekukhuliseni uqoqosho ngokudala imisebenzi emitsha, kunye nokwamkela ukuziqhelisa ukugcina nokonga imali. Xa sisebenzisana singaqinisekisa sinyusa ukukhula koqoqosho.

IKhabhinethi ixhasa ikhwelo lokuphanda ngokukhawuleza nakakuhle isityholo sokuvingcelwa kwabantu ekuthe kwenzeka kwii-ofisi zeNkonzo yeNgeniso yoMzantsi Afrika (i-SARS). Iziganeko ezinjengezi zinefuthe elibi malunga nokuthenjwa ngabantu kwamagunya ethu anyanzelisa umthetho kwaye kufuneka ziqwalaselwe ngokukhawuleza.

1.3. Inkxaso-mali yemfundo ephakamileyo isoloko iyinto ephambili kurhulumente kwaye i-17 leebhiliyoni zeerandi ezongeziweyo zabelwa iiyunivesithi kule minyaka mithathu izayo iza kunceda ekwenzeni lula umthwalo kwabo bahluphekileyo nabafuna imali kunye nabafundi abalengalengayo. Le nkxaso-mali iza kuqinisekisa ukuba inani elongezelelweyo labafundi lingakwazi ukufikelela kwimfundo ephakamileyo kuba i-9.2 yeebhiliyoni zeerandi yale nkxaso-mali iza kwabelwa i-NSFAS.

Le nkxaso-mali iyamkeleka. Kodwa eyona nto iphambili nengxamisekileyo ngoku kukuba kuqaliswe ukufundwa. IKhabhinethi imemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase onke amalinge okokuba   izifundo zowama-2016 zingaphanzi. Lifikile ixesha ngoku lokuba lonke uqhankqalazo luphele kubuyelwe esikolweni kwaye unyaka wezifundo ugqitywe kungalityaziswanga.

Urhulumente ukholelwa ekubeni uthethathethwano lokuhoya amabango abafundi lungenzeka ngelixa izifundo ziqhuba. Siyalibethelela kwakhona ilungelo lokuqhankqalaza, kodwa malwenzeke ngokulandela umthetho nangendlela enganyhashi amalungelo abanye abantu.

Inkqubela karhulumente ekwenzeni imfundo ephakamileyo ifikeleleke ingqinwa yingxelo yeziko lezeNkcukacha-manani yoMzantsi Afrika (i-Stat SA) malunga neeNkcukacha-manani zeZimali zamaZiko eMfundo ePhakamileyo zowama-2015. Le ngxelo ibonisa ukuba inani labafundi ababhalisileyo kwiMfundo ePhakamileyo linyuke ngama-32.5% ukususela kowama-2006 ukuya kowama-2015.

Ngaphezu koko, izibonelelo zikarhulumente wesizwe kwiMfundo ePhakamileyo zinyuke nge-144% kwiminyaka elishumi ukususela kowa-2006 ukuya kowama-2015.  

Izibonelelo zikarhulumente kunye nemali yokufunda zingumthamo omkhulu wengeniso yeeyunivesithi, yona inkcitho karhulumente ingama-43% engeniso yeyunivesithi ize imali yokufunda ibe ngama-34%. Ezi ziphumo zibonakalisa ukuzinikela kukarhulumente emfundweni kwaye zibethelela kwakhona ikhwelo lethu kwabo banako ukuhlawula esabo isabelo esilingeneyo. Ezi ziphumo zikwabonisa ukuba imali yokufunda isoloko iyinxalenye ebalulekileyo yenkxaso-mali jikelele.

Inkqubela ikwenziwe liQela laBaphathiswa eliChongelwe uMsebenzi nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho uBlade Nzimande wokuqulunqa isicwangciso esiza kubonisa inkxaso kunye nenkxaso-mali yabafundi abaphuma kumakhaya aHluphekayo “nabaLengalengayo.” Umkhombandlela onesihloko esithi INkqubo i-Ikusasa yoNcedo lwaBafundi ngeZimali (i-ISFAP), kuthe kwaboniswana ngawo into leyo ekhokelele ekubeni amahlakani ahlukeneyo nawo afake izimvo zawo ezahlukeneyo kwaze kwafikelelwa nakwisivumelwano ngabo bonke abachaphazelekayo malunga nemo kunye nendlela eza kulawulwa ngayo i-ISFAP kwixesha elizayo.

I-ISFAP yenze izindululo ngezindululo ekungoku ziqwalaselwayo ukuze zisebenze. Esi sicwangciso  sicetywayo kunye nezindululo ezikwingxelo ziza kunceda kakhulu ekuhoyeni iingxaki zenkxaso-mali abajongene nazo abafundi abahluphekileyo “nabalengalengayo”. Ziza kunceda nasekuhoyeni imingeni uMzantsi Afrika ojongene nayo equka;

  • Ukuhlisa amazinga aphezulu okukreqa kwabafundi abahluphekileyo nababasebenzi abangamkeli mivuzo mikhulu kwicandelo lemfundo ephakamileyo noqeqesho,
  • Ukuphucula amathuba okuqesheka kwabafundele isidanga abaxhaswe ngemali,
  • Ukwandisa inani labantu abanezakhono kweli lizwe,
  • Ukuphucula izivumelwano zentsebenziswano phakathi korhulumente, amacandelo abucala kunye namaziko emfundo ephakamileyo ekuxhaseni abafundi abahluphekileyo “nabalengalengayo.”

Umkhombandlela we-ISFAP ubonelela abafundi abahluphekileyo “nabalengalengayo” ngoncedo lwezimali oluhlawula zonke iindleko zokufunda. Nangona ukhuthaza ukuhlawulelwa ngokupheleleyo kwabafundi abaphuma kumakhaya ahluphekayo ngeebhasari kunye nezibonelelo-mali, kodwa ukwacebisa ukuthotywa kweebhasari nezibonelelo-mali ezihlawulelwa abafundi “abalengalengayo” ngokuya inyuka imivuzo yamakhaya, kwaye ubonisa iindlela ngeendlela enokwenzeka ngayo le nto ngokuhlanganisa imali evela kurhulumente nakumacandelo abucala.

1.4 Ukuphehlelelwa kweZiko loPhuhliso lwamaShishini ezoKhenketho , ePilanesberg eMntla Ntshona nguMphathiswa wezoKhenketho uDerek Hanekom, kuza kudala ithuba lokubandakanywa koqoqosho ngamashishini okhenketho amileyo. Le nto ikhulisa igalelo lezokhenketho ekwakheni uqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke.

Eli ziko lisalingwayo liza kujolisa kumaShishini aPhakathi, Amancinci namaNcinane (ii-SMME) angama-50 kwiSithili saseBojanala iminyaka emithathu ukuze eme. Eli ziko lixhasa ngokoshishino amashishini ezokhenketho. 

1.5  Ukusekwa kweZiko laMandla aDityanisiweyo iNgwaabe ngomhla wesi-4 kweyeNkanga ngowama-2016  liSebe lezaMandla, lisebenzisana namahlakani abalulekileyo, yinxalenye yenkqubo yokuseka amaZiko aMandla aYondeleleneyo kwiindawo ezihluphekileyo ezikhethiweyo. Eli ziko lezamandla linako konke libonelela kakhulu amakhaya ahluphekileyo ngemithombo yamandla ekhuselekileyo nefikelelekayo. Ngaphezu koko, linika ulwazi ngokusebenzisa imithombo yamandla ngendlela ekhuselekileyo, enenkuthalo nengazi kuba nabungozi kokusingqongileyo. Likwakhuthaza icandelo lee-SMME kwaye likhulisa amathuba engqesho ngokusebenzisa amashishini asebenza ngezamandla.

1.6 Inkomfa noMboniso iWindaba eza kubanjwa ukususela ngowe-2 ukuya kowe-4 kweyeNkanga kowama-2016 eCape Town International Convention Centre phantsi komxholo othi,”Ukujonga izinto ezinokuvuselelwa ngokupheleleyo” nayo iza kunyusa amalinge karhulumente okuvuselela amandla.

Idibanisa abachaphazelekayo nababandekanyekayo kumandla omoya kwilizwekazi lase-Afrika, ngokukodwa eMzantsi Afrika.Ngaphezu koko, Ingqungquthela ye-11 yonyaka wama-2016 yeSouthern African Energy Efficiency ukususela ngomhla we-8 ukuya kowe-9 kweyeNkanga  ngowama-2016 e-Emperors Palace eJohannesburg iza kugxila kuthotho lwezinto ezihambelana namandla.

Imiba ekuza kuthethwa ngayo iquka ubunjineli kwezamandla, ukuphucula indlela amandla asebenza ngayo, ukuphathwa kwezinto nezakhiwo, amandla avuselelekayo nangamanye, imveliso-kunye, imveliso yamandla, iinkonzo zamandla nozinzo.

1.7 Namhlanje, uMongameli Jacob Zuma uza kuchophela iSeshoni yokuQala yeKhomishini yaMazwe amaBini iZimbabwe noMzantsi Afrika noMongameli Robert Mugabe. Injongo ephambili kukuqinisa ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini  kunye nentsebenziswano phakathi kwala mazwe mabini kwanokuqinisa nokuphuhlisa amandla akhoyo okusondelelana kakhulu kwimiba yorhwebo, utyalo-mali, imigodi, amanzi, uphuhliso lweziseko, uthutho kunye noBuchwepheshe boLwazi noNxibelelwano (i-ICT), phakathi kwezinye.

Ukuza kuthi ga ngoku, la mazwe mabini atyikitye amaXwebhu okuQondana kunye neziVumelwano eziquka imiba emininzi, phakathi kwayo eyile, urhwebo notyalo-mali, imfuduko kunye nemiba yozakuzelwano, ukhuselo, ulimo, okusingqongileyo, amandla, impilo, kwakunye nobugcisa nenkcubeko.

1.8 Ukusingathwa ngempumelelo koMboniso wezoZakuzo woNyaka weSebe lezoBudlelwane bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano neProudly South Africa kwiZakhiwo zomDibaniso ngowama-29 kweyeDwarha ngowama-2016 ePitoli kusebenza njengeqonga elingundoqo lokufundisa abantu ngezozakuzo kunye neenjongo zomgaqo-nkqubo woMzantsi Afrika wezangaphandle.

Lo msitho wadibanisa amaziko ozakuzo, amaziko ozakuzo aphezulu kunye nemibutho yamazwe ngamazwe aqinisekisiweyo eMzantsi Afrika ukuze atshile kwaye akhuthaze uzakuzo ngezenkcubeko ngezinto ezibonisa ubuchule nobugcisa ezifana nobugcisa, umculo neentlobo zokupheka nezidlo ezivela kumazwe ehlabathi. Amaziko ezozakuzo angaphaya kwama-60 namashishini aliqela abucala atshila ngeziveliso zawo kunye namathuba akhoyo kulo nyaka. 

2 Izigqibo zeKhabhinethi ezinguNdoqo

2.1 INtlanganiso yeKhabhinethi eYodwa yomhla woku-1 kweyeNkanga ngowama-2016, yamkele ingxelo yenkqubela yomsebenzi weKomiti yaBaphathiswa yoHlaziyo lweeNkampani zikaRhulumente (ii-SOC), echotshelwe nguSekela-Mongameli Cyril Ramaphosa.

Intsusa yale nto kukusebenza kwezindululo ezamkelwe yiKhabhinethi zeKhomishini kaMongameli yowama-2010 yokuHlaziya ii-SOC. IKhabhinethi iphinde yayibethelela indlela ehamba ngezigaba ekusebenziseni ezi zindululo.

IKhabhinethi iyayiphinda into ethi onke amaqumrhu  karhulumente kufuneka asebenze ngokuhlakanipha futhi  azimele ngokwasezimalini.

Kuthathwe uthotho lwezigqibo ukulandelela injongo yomgaqo-nkqubo ongundoqo yokuqinisa ii-SOC ukuze zikwazi ukuhlangabezana neenjongo zazo zophuhliso.

  • IKhabhinethi isivumileele isiCwangciso-siKhokelo seNxaxheba yeCandelo labuCala sokunikezelwa kweziseko ezungundoqo esiza kukhokela amalinge entsebenziswano phakathi kwee-SOC necandelo labucala.
  • IKhabhinethi isamkele isikhokelo semigangatho yokuhlawula kunye namanye amaqithi-qithi afunyanwa ngabalawuli bamaQumrhu kaRhulumente
  • IKhabhinethi isiphehlelele isikhokelo esimbaxa sokutyunjwa kweebhodi namagosa esigqeba apho iSebe lezaBasebenzi bakaRhulumente noLawulo liza kubamba iindibano zokuthethathethana namaphondo kunye noomasipala phambi kokuba iKhabhinethi isivume.
  • Uyilo lokuqala lomgaqo-nkqubo omtsha wabanezabelo kurhulumente  ucebise ukuba makuphinde kubekho olunye uthethathethwano. Le nto iza kuphelela ekubeni kwenziwe umthetho oquka zonke ii-SOC.
  • UNondyebo weSizwe wenze isindululo sokumisela nokubala iindleko  zamaphulo ophuhliso amashishini namaqumrhu karhulumente, ukulandelwa kwale ndlela kuza kunceda ekuboneni loo maphulo angaworhwebo nalawo angengowarhwebo ee-SOC.

Ezi zinto zibeka ii-SOC endaweni entle ukuze zikwazi ukuba negalelo ekusebenzeni kwesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP); ukwakhiwa kweziseko ezingundoqo, ukukhulisa uqoqosho, ukwandisa ushishino, ukunceda ukuphuhlisa izakhono ezikudidi oluphezulu nezinqabileyo, ukudala imisebenzi nokuqhubela phambili ezinye iinjongo zenguqu.

2.2 IKhabhinethi ivume ukuba iSicwangciso esiDibeneyo sezaMandla (i-IEP) ipapashwe ukuze abantu abachaphazelekayo nabanomdla baphefumle ngayo. I-IEP isekelwe kuMthetho wezaMandla eSizwe, wowama-2008 (uMthetho uNombolo 34 wowama-2008). Ijonge ekukhokeleni ukuxhotyiswa ngeziseko zamandla nangophuhliso lomgaqo-nkqubo kwixesha elizayo, nto leyo eza kumisa kakuhle amandla oMzantsi Afrika.

Ukucwangcisa amandla adibeneyo kuyafuneka ukuqinisekisa ukuba iingxaki ezikhoyo nezizayo zokunikezela ngeenkonzo zamandla kungahlangatyezwana nazo ngeyona ndlela enobunono nenceda uluntu, ngelixa kuqinisekiswa ukuba iindleko zazo azide zigqithise kube ngaxeshanye bekekwe iliso nakweminye imingeni ebalulekileyo yelizwe  efana nokulwa ukuhlupheka, ukudala imisebenzi, kunye nokuhlisa izinga lefuthe kunye neziphumo ezibi kokusingqongileyo.

I-IEP inombono wexesha elide wokuba uMzantsi Afrika ungawasebenzisa njani na kakhulu amandla njengesixhobo sokuwunceda ukwazi ukumelana nokhuphiswano, nto leyo efuna kukhe kucingwe ngolunye uhlobo ngendlela yokusebenzisa imithombo ngemithombo yezamandla.

2.3 IKhabhinethi isitshintshile isigqibo sayo somhla we-10 kweyeSilimela ngowama-2015 sokunyula iQumrhu loMzantsi Afrika laMandla eNyukliya njengeArhente eza kukhokela iNkqubo eNtsha yoKwakha iNukliya. Esi sigqibo, ngelo xesha, sasinika u-Eskom ithuba lokuba aqukumbele ulwakhiwo lwamaZiko okuPhehla uMbane iMedupi, Kusile ne-Ingula kunye nemingeni yamandla ilizwe elalijongene nayo ngelo xesha.

IKhabhinethi ikhethe u-Eskom njengoQumrhunzi elinguMnini nomThengi lamaZiko ezaMandla eNyukliya ngokoMgaqo-nkqubo waMandla eNukliya wama-2008. U-Eskom uneminyaka engaphezu kwama-30 esebenza ngokukhuselekileyo kwiZiko lezaMandla eNyukliya laseKoeberg, ekukuphela kweZiko lazamandla eNyukliya elikhoyo e-Afrika, kwaye ebisoloko ebhala  iiNgxelo zoMonakalo Onokwenzeka kokusiNgqongileyo kunye neeNgxelo zoKhuseleko kumaziko amandla enukliya anokubakho ukususela kowama- 2007.

IKhabhinethi ikwavume ukunyulwa kweQumrhu loMzantsi Afrika lezaMandla eNyukliya  njengeQumrhu elunguMnini onguMsebenzi nomThengi weNuclear Fuel Cycle and Multi-Purpose Reactor.
ISebe lezaMandla liza kuqhuba lisenza umsebenzi walo eliwugunyazisiweyo  wokuba lisebe eliqulunqa umgaqo-nkqubo walo neliququzelela iNkqubo yoKwakha iNyukliya.

2.4. IKhabhinethi ixelelwe ngenkqubela malunga neza kutsha nje ze-Integrated Resource Plan (i-IRP) kwaye yavuma ukuba kuthethathethwane noluntu ngomba ongundoqo nangezinto ezicingwayo.
Ukususela nge-IRP 2010-30  kukho iqela lezinto ezenzekileyo ezichaphazela icandelo lezamandla.

I-IRP ilungelelanisa iqela leenjongo ukuqinisekisa ukunikezelwa kweenkonzo ukuze kucuthwe ixabiso lombane, kukhuthazwe ukudala imisebenzi nokukhuthazwa ukwenziwa nokusetyenziswa kweemveliso zalapha kweli, ukucutha ifuthe elibi kokusingqongileyo, ukucutha ukusetyenziswa kwamanzi kunye nokusetyenziswa kwababoneleli-nkonzo abahlukeneyo.

Into ebalulekileyo yokuqala ekukuqokelela izinto ezicingwayo eziza kusetyenziswa kwi-IRP igqityiwe, kodwa ixhomekeke kwiziphumo zeendibano zokubonisana noluntu. Into yesibini ebalulekileyo ekukuza nomba ongundoqo osisicwangciso sendleko igqityiwe. Into yesithathu ebalulekileyo eluhlalutyo lweemeko ngeemeko iyaqhuba. Eyesine into ebalulekileyo kukuhlenga-hlengisa umgaqo-nkqubo. 

2.5 IKhabhinethi iyifumene ingxelo ngeza kutsha nje ngokwenzekayo kuluvo ekuxoxelwa phezu kwalo kwiingxoxo kuMbutho wezoRhwebo weHlabathi (i-WTO) yaza yavuma ukuba kuyafuneka kubekho ukugxila kuphuhliso kwinkqubo yomsebenzi yasemva kwesivumelwano saseNairobi ukulungiselela iNkomfa ye-WTO ye-11 yaBaphathiswa (i-MC 11) eza kubanjelwa e-Argentina ngeyoMnga ngowama-2017.

Oku kuhambelana nenjongo ye-NDP yokuqulunqa imigaqo-nkqubo efanelekileyo ukusabela kwimeko engemanga ndaweninye kwihlabathi liphela.

2.6 IKhabhinethi ixelelwe ngezigqibo ezithathwe liBhunga likaMongameli lokuLungelelanisa kwintlanganiso yomhla we-11 kweyoKwindla ngowama-2016. Eli Bhunga limiswe ngokomthetho yaye lisekwe ngoMthetho wesiCwangciso-sikhokelo sobuDlelwane Phakathi kooRhulumente, wowama-2005 (uMthetho uNombolo 13 wowama-2005), odibanisa omathathu amaqoqo karhulumente kwimiba echaphazela wonke umntu kunye nebalulekileyo esizweni ngenjongo yokuqinisa ulawulo ngentsebenziswano.

Imiba exoxiweyo iquka ukusebenza kweNkqubo yokuBuyela kuNdalashe, ingxelo yenkqubela malunga nokusekwa koomasipala abacandwe ngokutsha, ukusabela kukarhulumente kwimbalela nokunqongophala kwamanzi kunye nokuhlaziywa kweMithetho yoMzantsi Afrika yeMfuduko, 2014.

2.7 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwePhepha eliyilwayo eliCacisa uMgaqo-nkqubo weNkonzo zoMlilo, ukuze uluntu luhlomle. Licacisa  izindululo zomgaqo-nkqubo ezingundoqo kunye nezinto ekunokukhethwa kuzo ezisisiseko somthetho weenkonzo zemililo ohlaziyiweyo oza kuthatha indawo yoMthetho weeNkonzo zeziCima-Mlilo, wowe-1987 (uMthetho uNombolo 99 wowe-1987) osele uphelelwe lixesha.

Le nto ihambelana nenkqubo yokuBuyela kuNdalashe enyanzelisa iinkonzo zezemililo ukuba zisoloko zifakana imilomo noluntu ezilusebenzelayo ukuze kuphungulwe iingozi zemililo kwaye ziqinisekise ukuba akho amaqhinga aneleyo okusabela ngokukhawuleza nakakuhle ezomlilo nezinye iziganeko eziyeleleyo.

Eli iPhepha liCacisa uMgaqo-nkqubo lilungiselelwe ukutshintsha iindlela ezisebenza ngayo ezi nkonzo, zingabi zinkonzo zokusabela kwimililo kodwa zibe zeziphungula amathuba okwenzeka kweengozi zomlilo.

Le nto inegalelo ekulawuleni iintlekele ngokusebenzekayo nangokuyondeleleneyo. Oku kwenzeka ngokubeka phambili ukunikezelwa kweenkonzo zezomlilo, ukhuseleko emlilweni nokuwuthintela, ngokukodwa ukuphungula ingozi yomlilo engqiyame ngabahlali ngokukodwa. Le nto iza kuba negalelo elikhulu ekudaleni iindawo ezihlala uluntu ezikhuselekileyo njengoko kuboniswe kwi-NDP.

3 IMithetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi ivume ukungeniswa koMthetho-sihlomelo osaYilwayo weNgxowa-mali yeeNgozi zaseziNdleleni wowama-2016 ePalamente. Lo Mthetho usaYilwayo ulungisa uMthetho weNgxowa-mali yeeNgozi zaseziNdleleni, yowe-1996 (uMthetho uNombolo 56 wowe-1996) obonelela ngentlawulo yembuyekezo ngenxa yokulahleka okanye ukulimala ngokungafanelekanga okwenziwa kukuqhuba izithuthi.

UMthetho osaYilwayo ulungelelaniswe ne-NDP kunye neSiphumo 13 esibonelela uluntu ngemo yokhuselo ebandakanyayo nesabelayo ngokuqinisekisa ukunikezelwa kweenkonzo ngenkuthalo, ukungenelela kwangoko ngezonyango ukunceda ukuphila nokubuyela emsebenzini, ukungatyholi bani, ukwenza lula umthwalo wezezimali kwabo bahlelelekileyo.

4 Imisitho ezayo

4.1 Amalungu eKhabhinethi kuwo omathathu amaqoqo karhulumente aza kuthungelana nabemi boMzantsi Africa ngokubanzi ngexesha leVeki yeSizwe yokuGxila kwiMbizo phakathi komhla we-7 nowe-11 kweyeNkanga ngowama-2016, phantsi komxholo othi, “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili: “Ikamva lethu – malisebenze”. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba ngokukhutheleyo kule misitho, bathethe neentloko zezopolitiko njengoko abemi abanolwazi nabakhutheleyo bebalulekile ekuphumeleliseni uMbono wowama-2030 we-NDP.  Inkqubo yeVeki yokuGxila kwiiMbizo iza kufumaneka ku: www.gov.za.

4.2 UMzantsi Afrika ukhumbula iNyanga yeSizwe yokuFundisa ngamaLungelo aBantu abaKhubazekileyo phantsi komxholo othi: “Abantu abakhubazekileyo – abathathi-nxaxheba abalingana nathi ekumiseni kakuhle ikamva elizinzileyo” ukususela ngomhla wesi-3 kweyeNkanga kwaye ugqibele ngoSuku leHlabathi laBantu abaKhubazekileyo ngomhla wesi-3 kweyeNkanga ngowama-2016. 

Le nkqubo eza kuthatha inyanga yonke iza kusetyenziselwa ukuhlanganisa uluntu kunye nabathathi-zigqibo ukuze bathathe uxanduva lokuqinisekisa ukuba abantu abakhubazekileyo bafikelela ngobulungisa ezintweni.

Iinkqubo iza kuphinda ilumkise abantu mayelana nokuthatha inxaxheba kwabantu abakhubazekileyo isizwe esizinzileyo nesibumbeneyo. Ulwazi ngamalungelo abantu abakhubazekileyo luza kufikeleleka nalo ukuxhasa ukugunyaziswa kwabo.

IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bawaqhubele phambili amalungelo abantu abakhubazekileyo ngokuhambelana nokuzinikela kwethu  kwi-NDPukunyusa ukufikeleleka kwiinkonzo, ngokukodwa imfundo esemgangathweni nengqesho yabantu abakhubazekileyo.
 
4.3 IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase iphulo leeNtsuku ezili-16 lokuLwa ubuNdlobongela obuJoliswe kwabaseTyhini naBantwana. UMzantsi Afrika waqalisa eli phulo ngowe-1998 njengelinye lamaqhinga okungenelela ekudaleni isizwe esingenabundlobongela.

Iphulo leeNtsuku ezili-16 liphulo lehlabathi elibakho njalo ngonyaka ukususela ngomhla wama-25 kweyeNkanga ukuya kowe-10 kweyoMnga. Injongo yeli phulo kukulumkisa nokufundisa abemi boMzantsi Afrika ngefuthe elibi lokuxhaphaza amabhinqa nabantwana. Likwamemelela wonke umntu ukuba achase ukuxhatshazwa kwamabhinqa nabantwana.

4.4 IKhabhinethi ilivumile uluvo ekuza kuxoxelwa phezu kwalo nguMzantsi Afrika kwiingxoxo zeSeshoni yama-22 yeNkomfa yaMazwe Angamalungu esiVumelwano sesiCwangciso-sikhokelo seZizwe eziManyeneyo malunga noTshintsho lweMo-zulu (i-COP22), kunye neSeshoni ye-12 yeNkomfa yaMazwe Angamalungu eza kusetyenziswa njengeNtlanganiso yaMazwe Angamalungu esiVumelwano saseKyoto (i-CMP12), eza kubanjwa ukususela ngomhla wesi-7 ukuya kowe-18 kweyeNkanga ngowama-2016 eBab Ighli, Marrakech, eMorocco.

Uluvo ekuza kuxoxelwa phezu kwalo luhambelana ne-NDP ekhuthaza uzinzo kokusingqongileyo  kunye nokuhlonitshwa koMgaqo-siseko othi okusingqongileyo makugcinelwe izizukulwana zangoku nezizayo.

5 Uluvo lweKhabhinethi mayelana nemiba esematheni

5.1 Isigqibo seGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) sokurhoxisa izityholo zobuqhetseba ebezibekwa uMphathiswa wezeMali uPravin Gordhan siyawuvala lo mcimbi, kwaye sivumela ilizwe ukuba onke amalinge alo liwabhekise ekuqhubeleni phambili uqoqosho, ukuvuselela ithemba kubatyali-mali nokuphepha ukuthotywa kwezinga lokuboleka imali kumazwe ngamazwe.

5.2 IKhabhinethi ixelelwe ngefuthe lembalela ekufumaneni amanzi eMzantsi Afrika ngokukodwa eGauteng efumana amanzi avela kwisiXokelelwano soMlambo iLigwa.

UMzantsi Afrika ufumene eyona mvula yakha yabancinci ukususela kowe-1904 (iminyaka eli-114 ) nawona maqondo obushushu akha aphezulu athi akho ngeyeDwarha neyeNkanga ngowama-2015.

Le nto ibe nefuthe elibi kakhulu kumanzi ethu esiwafumanayo, kwaye i-avareji yesizwe yamanzi amadami ihle ngama-48.4% xa kuthelekiswa nelixesha linye kulo nyaka uphelileyo apho amanzi ayengama-66.6%. Sisekwimeko ephakathi naphakathi ngezamandla kwaye kungenzeka kakhulu ukuba ixesha lokuphuma kule meko libe lidana.

Kungathatha ubuncinane iminyaka emibini ukuya kwemithathu ukuze sibone amadami eba namanzi ancumisayo, kwaye ingayiyo nje neminyaka emihlanu. Ngoko ke, sisekude kakhulu ukuphuma kule meko.

Mayelana nesiXokelelwano soMlambo iLigwa esinamadami ali-14 esinika iGauteng amanzi, kungoku nje simi kuma-49.1% xa kuthelekiswa nama-67.9% kwangeli xesha linye kulo nyaka uphelileyo.

Le nkqubo ikwabonelela ngamanzi uninzi lwezikhululo zombane zakwa-Eskom ezisebenzisa amalahle, iSASOL abantu abasebenzisa ukunkcenkceshela, imigodi yezimbiwa kunye namashishini eMpuma yeMpumalanga, eMntla Ntshona, eFreyistasta naseMntla Koloni. Ngolo hlobo ixhasa uqoqosho lweli lizwe ngoncedo olumalunga nama-45% nenani labantu abangama-35%. Ama-80% amanzi aseLigwa asetyenziswa emakhaya. Yiveki yesithathu le amanzi engaphantsi kwama-50% ngeli xesha lale mbalela.

IDami iLigwa ngoku limi kuma-26.4%, idami iKatse limi kuma-38.4%, iDami iSterkfontein kuma-91.5% lize iDami iGrootdraai lona lime kuma-66.3%. Kubekwe imiqathango yokusebenzisa i--15% lamanzi ezidolophini nezingama-20% zokucenkceshela njengoko zipapashwe kwigazethi kaRhulumente ngowe-12 kweyeThupa. Le miqathango sisinyanzeliso.

Kusekwe iQela leeNgcali loMsebenzi lokubeka iliso ekusebenzeni kwale miqathango. IRand Water nguyena mniki uphambili wamanzi okuselwa eGauteng kwaye kujongwe ukuhliswa kwamanzi avela kwiRand Water ngeelitha ezingama-687 ezigidi ngemini. Bonke ooMasipala abafumana la manzi banikwe iindawo ezithile amabajolise kuzo mayelana nokuhlisa umthamo wamanzi abawasebenzisayo.

Le ndlela ekuqalwe ngayo yeyongezelelekayo nehamba nokuhliswa ngokuthe chu kwamanzi afumanekayo, ukususela kwi-5% kwaye kuthiwe chu anyuswe aye kwi-15% ngokuqhina iivalvu eziphambili. Ukususela ngomhla wesi-3 kweyeDwarha sitshintshele kwimiqathango esekwe phezu komthamo.

Kubalulekile ukuba bonke abaxhamli bayithobele le miqathango ukuqinisekisa ukuba amanzi akhoyo siwafumana ixesha elide. Iphondo laseGauteng liseke iZiko lokuSebenzela eliHlanganyelweyo (iJOC) lokubeka iliso nokuqinisekisa ukuba imiqathango iyathotyelwa. Bonke ooMasipala bayalelwe ukuba baseke amaziko okusebenzela ngokukhawuleza okukhulu kwaye baqinisekise ukuba unxibelelwano nabaxhamli luyaphuculwa.

Idami iLigwa liza kugcinwa linamanzi angama-25% kwaye oku kuza kwenzeka ngokudlulisela amanzi avela kwidami iSterkfontein. Oku kuyafuneka ukuze kuqinisekiswe ukuba ahlala ekho kwaye anele amanzi afunwa ngu-Eskom, Rand Water kunye neSASOL.

Amanzi aza kuqala ukukhululwa ngomhla wesi-7 kweyeNkanga, kwaye oko kuza kuqhubeka ubuncinane iintsuku ezingama-54 ukuya kumhla wama-30 kweyoMnga. Owona mthamo mncinci wamanzi ocetywa ukukhululwa ziikhyubikhi-mitha ezili-190 lezigidi. Eziza kuhlisa amanzi edami iSterkfontein ngange-7%. Oku kukhululwa kwamanzi ngeendlela ezishiyashiyanayo kucutha ingozi nayiphi na enokuhlela abahlali abasemazantsi eSterkfontein kwaye kucutha umonakalo onokwenzeka emanxwemeni emilambo ekulixesha elide kakhulu omile.

IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise amanzi ngobunono kwaye bawalondoloze. Bonke abasebenzisa amanzi kufuneka beyigcinile le miqathango yamanzi apho isebenza khona, kwaye baqhubekeke bawalondoloze, besebenza noomasipala. Urhulumente wenza unako-nako ukudambisa le miqathango ikhoyo kwaye usebenza nabo bonke abachaphazelekayo kwiindawo ezintlithwe yimbalela.

5.3  USihlalo weKhomishini yeManyano ye-Afrika (i-AU), uGq Nkosazana Dlamini-Zuma, uququzelele ingxoxo phakathi kwaBahleli base-Afrika namaGosa amaShishini okuShicilela avela kumazwe onke angama-54 angamalungu e-AU, phantsi komxholo othi, “Ukuqinisa iBali le-Afrika namandla okuPhumelelisa i-Ajenda 2063”. I-Ajenda 2063 imemelela onke amacandelo oluntu lwe-Afrika kunye namanye ama-Afrika akumanye amazwekazi ukuba basebenzisane bakhe i-Afrika ephumelelayo nedibeneyo esekwe phezu kweenqobo ekuvunyelwana ngazo nekamva elinye. 

Abathathi-nxaxheba bacinge nzulu ngezinto ezibalulekileyo efikelele kuzo i-AUa kule minyaka mine idluleyo, bayiva ngcono i-Ajenda 2063, nangendlela amajelo eendaba ase-Afrika angankqenkqeza phambili ngayo ekuyithandekiseni nasekuyiqhubeni. Kuxoxwe nangendima yokuvakalisa iindaba ekumiseni kakuhle ibali le-Afrika nokukhuthaza ukuba amajelo eendaba abengawama-Afrika.

5.4 IKhabhinethi nayo ibhiyozela isikhumbuzo sobomi nemisebenzi ka-OR Tambo njengento ebonisa intlonelo nothakazelelo lwendima ayidlalileyo ekuqhubeni imicimbi yoMzantsi Afrika ongakhethi bala, ongakhethi sini, olawulwa ngokwentando yesininzi nophumeleleyo.

ISebe lobuGcisa neNkcubeko seliqalile ukuceba umBhiyozo weKhulu leMinyaka ka-OR Tambo ngowama-2017.

IKhabhinethi ivuyisana naba balandelayo:

5.5 IMamelodi Sundowns iintshatsheli ezintsha zebhola ekhatywayo e-Afrika yakuba iphumelele kwi-Confederation of African Football Champions League. IKhabhinethi ibulela bonke abaxhasi nabo bonke abemi boMzantsi Afrika ngokulixhasa eli qela , nto leyo ebeliqhayiya eMzantsi Afrika. ISundowns ilandela ekhondweni lelinye iqela loMzantsi Afrika, iOrlando Pirates, elaphuma phambili kubuntshatsheli e-Afrika ngowe-1995, nto leyo eyenza eli lizwe liphume emagqabini okokuqala kolu khuphiswano.

5.6 Abaphumelele kwi-14th Annual Centre for Public Service Innovation Public Sector abaza kukhuphisana ngebhaso elibawelwa kakhulu. Amabhaso akhuthaza eyona nto intle  kwaye abhiyozela impumelelo yabantu namaqela kuzo zonke izigaba zorhulumente. Ibhaso eli sisixhobo sokwandisa ukungeniswa kwezinto ezintsha nokukhuthaza abanye ukuba bangenise izinto ezintsha ukuze kuphucuke ukunikezelwa kweenkonzo.

IKhabhinethi idlulisa amazwi ovelwano kwaba balandelayo :

5.7 Usapho nezihlobo zalowo wayesakuba nguSekela-Mphathiswa woPhuhliso loLuntu, uNksk Bongi Maria Ntuli owayesisicaka sabantu, ummeli nomlweli ozinikezeleyo kwimicimbi yesini.

5.8 IKhabhineti nayo njengoMongameli idlulisa amazwi ovelwano kusapho nabahlobo bentatheli efotayo uMnu Juda Ngwenya. Imifanekiso yakhe ehloneleka kakhulu ibhale phantsi imbali yethu yaza yasinyanzela ukuba sithethe ngemeko yelizwe lethu kunye nelizwekazi.

5.9 Usapho nezihlobo zika-Abram Thuri Phago obhubhe xa oololiwe ababini bengquzulana apho kwahlukana khona iziporo ngaseTembisa eRhawutini, kwaye inqwenelela abo balimalayo ukuba baphile ngokukhawuleza. ISebe lezoThutho liza kusebenza nabakwaPrasa kunye noMlawuli woKhuseleko lweZiporo likhawulezise ukuseka iBhodi yoPhando eza kuphanda ngokupheleleyo ifumanise oyena nobangela wale ngozi ukwenzela ukuba iingozi ezinjengezi ezibulalayo zingaphinde zenzeke.

5.10 Usapho lwenkokheli yabafundi kwiYunivesithi yobuGcisa yaseTshwane, uLesego Phehla, owasweleka ngenxa yengozi eSoshanguve.

5.11 Kubantu baseCameroon emva kwengozi kaloliwe emasikizi eyenzeka phakathi kweYaoundé neDouala eyabulala abantu abangama-79. IKhabhinethi ikwanqwenelela amakhulu-khulu abantu athi alimala ukuba baphile ngokukhawuleza.

6 Izikhundla

Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuxhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

6.1 Ukongezwa kwesivumelwano sengqesho sikaGq Makhudu Gulube njengoNobhala wezoKhuselo.
6.2 UMnu ZU Dangor njengoMlawuli-Jikelele weSebe loPhuhliso loLuntu.
6.3 UMnu Robert D Nkuna kwisikhundla soMlawuli-Jikelele weSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi
6.4 UGqirha Thulani Dlamini njengeGosa eliyiNtloko leSigqeba soLawulo leBhunga loPhando lwezeNzululwazi nezoShishino (i-CSIR).
6.5 I-Arhente yezobuGcisa, iNkcubeko kunye neyokuSasaza Amafa esiZwe ezeMbali, ezeNdalo, aweNkcubeko kunye nawezaKhiwo yeBhodi yeKhomishini yeSizwe yeLottery:
a) UNksz Marjorie MM Letoaba (uSihlalo);
b) Umnu Thendo Resnic Ramagoma (uSekela-Sihlalo);
c) UMnu Thanduxolo Lungile; kunye
d) noMnu Sershan Theeyaagaraj Naidoo.
6.6 IBhodi yamaLungu eTrasti eziMeleyo yoPhuhliso:
a) UNjing Somadoda Fikeni (uSihlalo);
b) UNksz Nomvula Rakolote (uSekela-Sihlalo);
c) UMnu Theo Charl Adam;
d) UMnu Siyaduma Biniza;
e) UNksz Phelisa Nkomo;
f) UNksz Andani Amandaline Makhado;
g) UNksz Octavia Matshidiso Matloa;
h) UMnu Tlhotse Enoch Motswaledi;
i) UMnu Rashid Amod Sadeck Patel;
j) UGq Lulama Zitha;
k) UMnu Zakhele Alex Tummy Zitha; kunye
l) noGqirha Gcwalisile Cynthia Zulu-Kabanyane.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Iseli: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore