INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesibini, umhla woku-1 kweyeThupha wama-2017

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso eSefako M Makgatho Presidential Guesthouse ePitoli ngoLwesibini, umhla woku-1 kweyeThupha ngowama-2017.

1. IZigqibo ZeKhabhinethi

1.1. UMzantsi Afrika ubhiyozela iNyanga yooMama ngenyanga yeThupha, njengelinge lokuhlonipha oomama abangama-20 000 abathatha inxaxheba kumngcelele owawusiya kwiZakhiwo zoMdibaniso ngomhla wesi-9 kweyeThupha ngowe1956 bekhalazela ukwandiswa komthetho wamapasi ukuba uquke nabantu abangoomama.

Imibhiyozo yoSuku lweSizwe looMama iza kubanjelwe eGaleshewe Stadium, eKimberley eMntla Koloni. IKhabhinethi iwuvumile umxholo wemibhiyozo yalo nyaka ukuba uthi: uNyaka ka-OR Tambo: Oomama baqhubela uMzantsi Afrika phambili bemanyene.” IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise le nyanga yeThupha bahloniphe indima edlalwa ngomama kweli lizwe lethu.

1.2. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngenkqubo yeminyaka emithathu eza kuqaliswa nguMbutho wokuVuselela iziMilo (i-MRM). I-MRM inikwe uxanduva lokuququzelela, ukukhuthaza nokulawula le nkqubo ifuna ukubuyisela isizwe kwindlela yokuziphatha enesimilo nembeko. I-MRM ifuna ukuhlaziya ubuntu isebenzisa izixhobo noncedo lukarhulumente noluntu ngokubanzi.

IKhabhinethi iyivumile le nkqubo yokusebenza yeminyaka emithathu ye-MRM kunye nendlela eza kuqhutywa ngayo ezizigaba ezahlukeneyo zokwenza ukuba inkqubo yokuvuselela izimilo nobuntu yenziwe inxalenye yeenkqubo zikarhulumente.

1.3. IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika ungenise isicelo sawo sokusingatha imidlalo yeNdebe yeHlabathi yeBhola yiMbhoxo (i-RWC) yangowama-2023. Ukusingatha le midlalo kuza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuba ubonise ihlabathi izinto odume ngazo. UMzantsi Afrika sele ukhe wayisingitha iminyhadala nemisitho emikhulu yehlabathi efana ne-All Africa Games, iNdebe yeHlabathi yeQakamba, i-2010 FIFA World CupTM  kunye nezinye iinkomfa zamazwe ngamazwe ezininzi. Njengelizwe safunda lukhulu ngokusingatha le minyhadala ingakumbi iindleko ezithanda ukugqitha kwezo bezihleliwe kunye nokuphekwa kwamaxabiso okwakwenzeke ngowama-2010. Ngexa yoku eli zange livume ukuzibophelela lithi liza kuhlawula zonke iindleko, nokuba zigqithile, zokusingatha imiDlalo yaMazwe Ayesakuba ngamaThanga (i-Commonwealth Games).

IKhabhinethi ixelelwe ngamaqithi-qithi nokunye okuza kuzuzwa ngokusingatha le midlalo. UMzantsi Afria sele unazo iziseko ezingundoqo zokusingatha le tumente kungakhange kubekwe imali bucala yokwakha iziseko ezingundoqo. Imidlalo kuthiwa sesinye sezixhobo eziluncedo ekwakheni isizwe, iinkqubo zemidlalo yebhola yombhoxo ziza kunceda ukuqinisekisa ukuba uluntu nesizwe sihlalisana ngoxolo. Iinkqubo eziza kuqaliswa kulo lonke eli ngethuba kusenziwa amalungiselelo eNdebe yeHlabathi eza kubanjwa ngowama-2023 ziza kushiya ilifa nomlumiso wophuhliso yebhola yombhoxo kwiindawo ezihlelelekileyo.

IKhabhinethi iyamkele imali ebekelwe bucala eza ukuncedisa kule tumente, yona eyitumente esekelwe kwizinto zoqoqosho eziza kuzuzwa into leyo ezawubangela ukuba ingatyabuli kakhulu kwimali yesizwe futhi ikhwezele uqoqosho, idale imisebenzi ize ixhobise nabantu.

Le tumente iza kuba negalelo ekukhuliseni uqoqosho lweli kuba iza kuxhasa amaphulo aphambili karhulumente, ingakumbi ukuthengwa kweenkonzo ngendlela eyenzela idolo abo babehlelelekile ngaphambili kunye nokusebenza ngokwemiqathango yoMqulu weeNguqu kwezeMidlalo nokuba inzuzo efunywenweyo kwabelwane ngayo sisizwe sonke. Le tumente iza kuba negalelo elihle kwicandelo lezokhenketho nelezontendo.
 
IKhabhinethi ikuvumile ukumiselwa kweKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) eza kujongana ne-WRC 2023. I-IMC iza kuchophela imibandela yokufaka isicelo sokusingatha i-RWC 2023 ukuze iqinisekise ukuba eli lizwe lifumana amaqithi-qithi ezoqoqosho ngokusingatha le tumente. UMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo, uMnu Thulas Nxesi, uza kubamba enye intlanganiso noonondaba apho aza kucacisa ngale nkqubo yokufaka isicelo sokusingatha imidlalo.

1.4. IKhabhinethi iyamkele iDrafti yoMgaqo-nkqubo weMisebenzi yobuGcisa (i-IP) – isiGaba 1 (2017) ukuba ipapashwe kwiPhepha-ndaba loMbuso luze uluntu luhlomle kuyo.
Oku kusabela ngqo kweminye yemixholo yesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) sokuba kugxininiswe ekuqambeni izinto ezitsha, ukuphucula imveliso, ukugxininisa kakhulu kuqoqosho oluxhomekeke kulwazi, kunye nokugxila kakhulu kwizinto namacandelo esibalulwayo nesiwabethayo amanye amazwe esikhuphisana nawo kuwo.

UMgaqo-nkqubo we-IP ngumgaqo-nkqubo obalulekileyo oza kukhuthaza ukuqamba izinto ezintsha, ukuqinisekisa ukuba ubuxhaka-xhaka bobuchwephesha bufikeleleka kumntu wonke, uphando-nzulu nophuhliso, ubugcisa, ukukhusela abathengi, uphuhliso lwemizi-mveliso kunye nohlumo loqoqosho ngobubanzi.

1.5. IKhabhinethi iyamkele iDrafti yesiCwangciso-qhinga sezoThutho Ezingeyongozi kokusiNgqongileyo ukuba ipapashwe kuze uluntu luhlomle. Esi sicwangciso-qhinga kuza kusekelwa kuso xa kuqulunqwa imigaqo-nkqubo yecandelo lezothutho ephathelene nokuphungula umsi ophuma kwiigesi ezichaphazela amaqondo obushushu (i-GHG). Injongo yesi sicwangciso-qhinga kukuphungula umonakalo owenziwa zezothutho kokusingqongileyo ngeli thuba sisabela kwiingxaki ezikhoyo ngoku nezexesha elizayo zokunqongophala kwezothutho ngendlela esekelwe kwimigaqo yophuhliso oluzinzileyo.

Icandelo lezothutho liyintsika yeenkqubo zezoqoqosho nezentlalo zoMzantsi Afrika kuba linceda ukuba abantu bakwazi ukuhamba neempahla zithuthwe. Nangona kunjalo, imisi ekhutshwa licandelo lezothutho yenza i-10.8% yazo zonke iintlobo zemisi ezikhutshwa zigesi ezichaphazela amaqondo obushushu (i-GHG). Izithuthi ezihamba ezindleleni zona zikhupha umsi oyi-91.2% yale misi ye-GHG. UMzantsi Afrika wenze isibhambathiso sokuphungula umsi we-GHG ngama-34% ngowama-2020 nangama-42% ngowama-2025.

1.6. IKhabhinethi ivumile ukuba iSebe leMicimbi yezeKhaya lingalivula kwakhona ithuba lokuba bafake izicelo ngokutsha abemi baseZimbabwe abanamaPhepha-mvume Akhethekileyo, phantsi kwemiqathango ethile. La maPhepha-mvume Akhethekileyo okuqala abemi baseZimbabwe ayephunyezwe ngoTshazimpunzi wowama-2009 ukuze kuthathwe iinkcukacha zabemi baseZimbabwe abaseMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni. Amaphepha-mvume abo aphelelwa ngomhla wama-31 kweyoMnga ngowama-2017. UMphathiswa weMicimbi yezeKhaya uNjing Hlengiwe Mkhize, uza kubamba enye intlanganiso noonondaba acacise le miqathango kunye nenkqubo eza kulandelwa xa ixesha lokuba kuphindwe kufakwe izicelo kwakhona livuliwe.
 
1.7. IKhabhinethi izamkele iintlobo zeengqekembe zowama-2017 ezinombala eziveliswe yi-South African Mint Company ezinomxholo othi: Iintyatyambo neeNtaka zoMyezo weBhayosfiye yoNxweme olukwiNtshona yeKapa. Ezi ngqekembe zongeza kwezi ntlobo zeengqekembe zisisikhumbuzo zizasasazwayo  ziza kukhutshwa ngowama-2017.

2. Imithetho Eyilwayo

2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-sihlomelo oYilwayo woLuhlu lweeTayitile ngowama-2017 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho-sihlomelo ulungisa uMthetho woLuhlu lweeTayitile, wowe-1937 (uMthetho 47 wowe-1937), ukuze kuphuculwe indlela osetyenziswa nophunyezwa ngayo lo Mthetho. Lo Mthetho-sihlomelo uza kudibanisa imisebenzi yolawulo nokubhaliswa kweetayitile.

3. Amazwi Ovelwano

IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehlanga kwiintsapho zabathandi bebhola ekhatywayo ezithe zasutywa kukufa ngethuba kukho ugxalathelwano e-FNB Stadium ngoMgqibelo, umhla wama-29 kweyeKhala ngowama-2017. UMongameli Jacob Zuma umisele iKomiti yabaPhathiswa yoPhando, ekhokelwa nguMphathiswa uNxesi, eza kuphanda izinto ezikhokelele kule ngozi.

4. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

4.1 UMnu Lefentse Cuitzen Radikeledi uqeshiwe kwakhona njengommeli kaNondyebo weSizwe kwiBhodi ye-Export Credit Insurance Corporation of South Africa SOC Limited.
4.2 Ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho sikaNksz Thabang Charlotte Christine Mampane njengoMkhomishinala kwiKhomishini yeSizwe ye-Lotteries (i-NLC).
4.3 UNjing Ntshengedzeni Alfred Nevhutanda uqeshiwe kwakhona njengoSihlalo we-NLC.
4.4 UNksz Fadila Ethne Lagadien njengelungu le-Arts, Culture and National Historical, Natural, Cultural and Architectural Heritage Distributing Agency yeBhodi ye-NLC.
4.5 UMnu Sunrise Vusumuzi Mkhize njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) weSebe lezobuGcisa neNkcubeko.  
4.6 UNksz Thathakahle Jordan-Dyani njengeSekela-DG: ICT ImiCimba yaMazwe ngaMazwe kunye noRhwebo kwiSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi.
4.7 Ukuqeshwa kwakhona nokuqeshwa kwabalawuli abangekho kwisigqeba solawulo kwiBhodi yezoPhuhliso yamaZantsi e-Afrika isithuba seminyaka emithathu (kude kube ngumhla wama-31 kweyeKhala ngowama-2020):
4.7.1 UNksz Anuradha Sing (uqeshiwe kwakhona);
4.7.2 UNksz Gugu Mtetwa (uqeshiwe kwakhona);
4.7.3 UNjing Mark Swilling (uqeshiwe kwakhona);
4.7.4 UNksz Zanele Monnakgotla (uqeshiwe);
4.7.5 UMnu Lufuno Motsherane (uqeshiwe);
4.7.6 UNksz Bulelwa Ndamase (uqeshiwe);
4.7.7 UNksz Pinkie Nqeto (uqeshiwe);
4.7.8 UNksz Letlhogonolo Meko (uqeshiwe); kunye
3.7.9 NoMnu Blessing Mudavanhu (uqeshiwe);
4.8  Ukuqeshwa nokuqeshwa kwakhona kwabalawuli abengoyonxalenye yesigqeba solawulo kwiBhodi yePublic Investment Corporation SOC Limited isithuba seminyaka emithathu (kude kube ngumhla wama-31 kweyeKhala ngowama-2020):
4.8.1 UGq Xolani H Mkhwanazi (USekela-Sihlalo) (uqeshiwe);
4.8.2 UNksz Mathukana Mokoka (uqeshiwe);
4.8.3 UNksz Dudu Hlatshwayo (uqeshiwe kwakhona);
4.8.4 UNksz Sibusisiwe N Ngubane (uqeshiwe kwakhona); kunye
4.8.5 NoGq Trueman Goba (uqeshiwe kwakhona).

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – UMlawuli-Jikelele oliBambela (e-GCIS)
Inombolo yeselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore