INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-21 kweyeDwarha 2015

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente ezinguNdoqo

1.1 IKhabhinethi iyawaxhasa amalinge aziswe nguMphathiswa wezeMali uNhlanhla Nene kwiNtetho ngoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi. La malinge aza kukhokela uqoqosho ngala maxesha anzima oqoqosho lwehlabathi oludodobalayo nolunkene-nkene.

UMzantsi Afrika uhambe umgama obonakalayo ukuzisa iinguqu kwezoqoqosho nezentlalo kunye nokusombulula iingxaki ezithintela uhlumo loqoqosho. UMphathiswa Nene wenze intetho ngesicwangciso-qhinga senkcitho sale minyaka mithathu izayo. Esi sicwangciso-qhinga senkcitho siza kuqinisekisa ukuba urhulumente akaphambuki kwindlela yakhe yokuqalisa ukusebenzisa iinkqubo zakhe njengoko zicacisiwe kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP). Izinto ezingundoqo nezikhokeliswe phambili zisengumxholo wezicwangciso zenkcitho yesigaba esiphakathi.

IKhabhinethi iyawaxhasa namanyathelo okubopha ibhanti karhulumente aza kuqinisekisa ukuba iinkqubo eziphambili zikarhulumente azisileli ngasemva nakanjani nokuba kuyintonia.

IKhabhinethi iyavuyiswa ziziphumo zotyelelo lomsebenzi lukaMongameli Jacob Zuma obeluye eDemocratic Republic of Congo (i-DRC) ukusuka ngomhla we-16 ukuya kowe-17 kweyeDwarha ngowama-2015. Kule minyaka ilishumi izayo iKomishini yaMazwe amabini iza kuncedisa kakhulu ekuqinisekiseni ukuba ayaqaliswa amaphulo ezoqoqosho ala mazwe mabini, ingakumbi iGrand Inga Hydropower Project. Le projekthi iza kugalela omnye umthombo wamandla ombane kwiziko lombane lesizwe kunye nakwiNgingqi ekuMazantsi e-Afrika.

1.2 IKhabhinethi ikwamnkele ukuqukunjelwa ngempumelelo kotyelelo lomsebenzi lukaSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa eStockholm, eSweden ukusuka ngomhla we-18 ukuya kowama-20 kweyeDwarha apho ebengomnye wabahlali-ngaphambili beseshoni yesithoba yeKomishoni yaMazwe amaBini, uMzantsi Afrika neSweden, ekuthe kuyo kwamiselwa ikomiti encinci yezendalo, amandla ombane kunye namanzi.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezinguNdoqo

2.1 IKhabhinethi ikwamnkele ukuvunywa kweMithetho-siseko yeGqiza eliPhezulu yamazwe angamalungu e-G20 enge-Beneficial Ownership Transparecy. Le Mithetho-siseko icacise amanyathelo ilizwe ngalinye elililungu ekufuneka liwathathe ukuthintela ukusetyenziswa gwenxa kwabantu abasemthethweni kunye neenkqubo zomthetho malunga nomba wobunini.

IKhabhinethi iphinde yakuvumma ukusekwa kweKomiti yamasebe ahlukeneyo eza kuba liliso lokujonga ukuphunyezwa nokunika iingxelo ngesiCwangciso sokuSebenza seLizwe. Le Komiti iza kuququzelelwa liSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo.

Le mithetho-siseko yegqiza eliphezulu iza kuphucula umba wokwaziwa kwabantu neenkqubo zomthetho kwaye ibalulekile kuba ikhusela igama nenkqubo nomba wokugcina izinto elubala kwinkqubo yezimali yehlabathi.

Ukuthitelwa kokusetyenziswa kwala maqumrhu esetyenziselwa iinjongo ezingezizo ezifana norhwaphilizo, ukubaleka ukuhlawula irhafu kunye nokuthubelezisa imali kuxhasa iinjongo ze-G20 zokunyusa uhlumo ngokusebenzisa utyalo-mali lwamashishini abucala.

2.2 IKhabhinethi ikuvumile ukuba uMzantsi Afrika uthathe intambo njengoSihlalo weKomiti eTsala imiKhala yoMbutho kaRhulumente oVulelekileyo (i-OGP) ngowama-2015-2016. IKhabhinethi iyamnkele idrafti yesithathu yesiCwangciso seSizwe sokuSebenza se-OGP.

I-OGP liphulo lehlabathi elenziwe yindibanisela yoorhulumente abaphimbili kunye nemibutho yoluntu esebenzela ukubethelela ukubaluleka kokwenza izinto elubala kunye nokuphendula koorhulumente – kwaye ineenjongo zokunyusa isantya sikarhulumente sokusabela kwizikhalo zabemi, ukulwa urhwaphilizo, ukukhuthaza uqoqosho olusebenza ngokufanelekileyo, ukukhuthaza iingqondo ezifuna ukuyila izinto ezitsha kunye nokuphucula indlela ezihanjiswa ngayo iinkonzo. Ukusukela oko kwamiselwa i-OGP, uMzantsi Afrika oko wawulilungu elithatha inxaxheba kwiKomiti eTsala imiKhala, eyiyeyona komiti iphezulu ithatha izigqibo.

2.3 IKhabhinethi ivumile ukuba isiVumelwano seHlabathi malunga neTyala loMonakalo oweNziwe luNgcoliseko lwe-Oli eVuza kwiNqanawa eziNkulu, sowama-2001, ukuba singeniswe ePalamente ukuze siphunyezwe.

IsiVumelwano seNqanawa ezilayisha i-Oli siqinisekisa ukuba bonke abathatha inxaxheba bayaxhamla kwintlawulo eyimbuyekezo yomonakalo owenzeke ngenxa yengozi eyenzeke elunxwemeni lolwandle. Esi sivumelwano siza kusebenza kuphela kwiingozi zenqanawa ze-oli ezingabandakanywanga kwezinye izivumelwano zehlabathi.

UMzantsi Afrika awuzikuba naxanduva ngelahleko yezoqoqosho okanye iindleko zokucoca eziza kuvela xa kunokuchitheka i-oyile kwinqanawa kunxweme layo ngaphakathi okanye imimandla elwandle eyimida kunye kwindawo zolwandle eziziziza zezoqoqosho zoMzantsi Afrika kuphela. Iindleko ziza kuthwalwa ngumnikazi wenqanawa leyo okanye yinkampani ye-inshorensi.

Esi sivumelwano sikwaqinisekisa ukuba imbuyekezo efanelekileyo, ephuma ngokukhawuleza neluncedo iyakhutshwa iye kubantu abachaphazelekileyo koku kuchitheka kwe-oli, xa ibilayishwe njengepetroli okanye idizili kumatanki enqanawa.

2.4 IKhabhinethi iluvumile uyilo lwengqekembe lweNkampani yoMzantsi Afrika yokuXonxa iMali yowama-2015 nowama-2016 yeengqekembe ezisisikhumbuzo nezifundisa ngeenkonzo zemali. Imixholo ibonisa ukutyeba kwamafa oMzantsi Afrika (awangaphambili nawangoku), izilwanyana nezityalo kunye nezinto ozenzileyo kwezentlalo kwaye zilandela okwenziwayo ngokweenkonzo zezimali kwihlabathi.

a) Uluhlu lweeNgqekembe ezisisiKhumbuzo zowama-2015 – IsiKhumbuzo seminyaka engama-200 sokuXonxwa kweeNgqekembe eGriqua Town
b) INgqekembe yowama-2015 yokuBhiyozela uMzantsi Afrika – Ingxangxosi
c) ULuhlu lwesiQwane lowama-2016 – Ubomi beSithwalandwe: NR Mandela
d) ULuhlu lweNdalo lowama-2016 – IziLwanyana eziZingela eBusuku (Ingcuka enamabala)
e) ULuhlu lweziRhubuluzi zoMzantsi Afrika lowama-2016 (ULovane oluNcinci lwaseKapa)
f) ULuhlu likaVimba we-Biosphere lowama-2016 (UMmandla woNxweme leNtshona Kapa)
g) ULuhlu lweSilivere lowama-2016 - ImiMandla yoMzantsi Afrika yoLwandle eKhuselweyo.

3. ImiThetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi iwuvumile uMthetho osaYilwayo oKhethekileyo woHlahlo-mali weBhanki eNtsha yoPhuhliso ukuba ungeniswe ePalamente. Oku kuza kwenza uMzantsi Afrika ukwazi ukubhata isavenge sokuqala sezigidi zeerandi ezibini kwiBhanki eNtsha yoPhuhliso ekhokelwa yi-BRICS kunyaka-mali wama-2015/2016.

IBhanki eNtsha yoPhuhliso yibhanki yophuhliso yamazwe ahlukeneyo ephethwe ngamazwe angamalungu e-BRICS (iBrazil, iRussia, i-India, iChina kunye noMzantsi Afrika) ukukhuthaza intsebenziswano emandla kwezezimali nezophuhliso phakathi kwala mazwe mahlanu asahlumayo.

3.2 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-sihlomelo osaYilwayo weNkonzo zeSizwe zeLebhu yezeMpilo, wowama-2015 kwiPhephandaba likaRhulumente, ukuze uluntu luhlomle ngawo. Izihlomelo ziqinisa nangakumbi izixhobo zolawulo nokuxhaswa ngemali kweNkonzo yeSizwe yeLebhu yezeMpilo ukuze kuphuculwe indlela ekufikelelwa ngayo kwiinkonzo zezempilo.

Lo Mthetho usaYilwayo futhi uqinisekisa ukuba umsebenzi ongundoqo weLebhu yeSizwe yezeMpilo kukubonelela uluntu ngeenkonzo zelebhu yezempilo ezichaza isifo.

3.3 IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo wezeMali wowama-2015.

Lo Mthetho usaYilwayo ulungiselelwe ukuvunywa kwenkcitho karhulumente wesizwe engagunyaziswanga njengerhafu etsalwa ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeSizwe. Ulandela icandelo 34 loMthetho woLawulo lweziMali zikaRhulumente wowe-1999 kwaye uzalisekisa iziphakamiso zeKomiti yeMali zoLuntu yeNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe. Lo Mthetho usaYilwayo uqinisekisa ukuba ukuba kukho ulawulo olungqingqwa noluzinzileyo lwezimali zikarhulumente wesizwe nokuba yonke inkcitho ibe igunyaziswe ngokwemithetho efanelekileyo ekhoyo.

4. Imisitho ezayo

4.1 UMongameli Jacob Zuma uza kuzimasa iNgqungquthela yesiThathu yeQonga le-India ne-Afrika phakathi komhla wama-26 nowama-29 kweyeDwarha ngowama-2015 eNew Delhi, e-India. Inani lamazwe aya kule Ngqungquthela yowama-2015 landisiwe ngoku liquka onke amazwe angama-54 ase-Afrika kwaye iza kuba ingemiba yezorhwebo futhi iza kuxulusha nemiba etya i-India ne-Afrika ngokufanayo.

4.2 UMongameli Jacob Zuma ebendwendwelwe nguMongameli waseMozambique uMongameli uFilipe Nyusi kwiZakhiwo zoMdibaniso eTshwane izolo. Omabini la mazwe anamakhonkco angqingqwa ezoqoqosho oku kungqinwa zizivumelwano zala mazwe mabini kunye nezivumelwano zokuqondana ezingaphezulu kwama-60 ezichaphazela amacandelo ahlukeneyo.

4.3 Utyelelo ngomsebenzi lukaSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa eHavana, eCuba ukusuka ngomhla wama-22 ukuya kowama-26 kweyeDwarha kowama-2015, luza kuqinisa ngakumbi ubudlelwane bezopolitiko nezoqoqosho phakathi kwala mazwe mabini.

4.4 IMbumba ye-Afrika (i-AU) iqhuba uQeqesho lwe-AMANI AFRIKA (Uxolo e-Afrika) II kwiZiko loQeqesho loMkhosi weMfazwe woMzantsi Afrika eLohatla eMntla Koloni ukusuka ngomhla we-19 kweyeDwarha ukuya kowesi-7 kweyeNkanga ngowama-2015. Amalunga nama-5 400 amajoni, amapolisa kunye nabantu abamele imiButho yezoQoqosho yeeNgingqi ze-AU aza kuthatha inxaxheba kolu qeqesho.

Injongo yoku kukuhlola ukuba uzilungiselele kangakananina uMkhosi wokuLalelisela we-Afrika kunye neCandelo lokuTyalwa ngokuKhawuleza ukuba uthathe inxaxheba kumaphulo okudala uxolo kujongwe ukufikelela kuMkhosi oXhobe nokuLungele ngokwaNeleyo ngeyoMnga kowama-2015.

4.5 IKhabhinethi inqwenelela abafundi ingakumbi abo bakwiBanga le-12 kowama-2015 impumelelo kwiimviwo zabo zeBanga le-12, eziza kuqala ngomhla wama-26 kweyeDwarha ngowama-2015 ziqhube kude kube ngumhla wama-27 kweyeDwarha ngowama-2015. Kulo nyaka abafundi abangama-801 688 babhalisele ukubhala uviwo, kubo abangama-674 232 bafunda kwiiklasi zasemini baze abangama-127 456 bangene kwiiklasi zasemva kwemini okanye ebusuku. Eli liyathelo eliyimpumelelo lokunyuka kwenani labafundi abafunde bazigqiba iiklasi zesikolo.

Bonke abazali nabagcini-bantwana bayakhuthazwa ukuba babaxhase abantwana babo kumalungiselelo wabo eemviwo.

4.6 ISebe loPhuhliso loLuntu liza kuphawula iNyanga yokuFundisa ngamaLungelo wabaKhubazekileyo ukusuka ngomhla wesi-3 kweyeNkanga ukuya kowesi-3 kweyeMnga ngowama-2015, okwaLusuku lweHlabathi lwaBantu abaKhubazekileyo. Le nyanga inika urhulumente, imibutho yoluntu, amashishini kunye nabasebenzi  iqonga lokuba bahlalutye umgama osele uhanjiwe ekukhuthazeni nasekukhuseleni amalungelo abantu abakhubazekileyo. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubekeke besusa imiqobo ethintela abantu abakhubazekileyo ukuba bathathe inxaxheba ngokupheleleyo ekuhlaleni nakuqoqosho.

4.7 I-Arhente yeSizwe yobuChwepheshe boLwazi (i-SITA) kulo nyaka iza kubamba iNkomfa yeShumi yobuChwepheshe bukaRhulumente,  eza kube ingokuhanjiswa kweenkonzo ze-ICT ngurhulumente. I-GovTech 2015 iza kube ibanjwe ukusuka ngomhla wama-25 ukuya kowama-28 kweyeDwarha phantsi komxholo othi: “Ukubambisana kulungiselelwa ukuHanjiswa kweeNkonzo” onomxholo ophantsi kwawo wona othi ‘Ukunika aBantu iiNkonzo zoNxibelelwano kusenzelwa uPhuhliso noHlumo’.

Futhi kuza kumiselwa iiMbasa zokuHanjiswa kweeNkonzo ze-ICT nguRhulumente. Eli phulo lixhasa iphulo i-South Africa Connetc’, elaziswa nguMongameli Jacob Zuma kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe yowama-2014 ngokunika iqonga lokuba kukhangelwe izisombululo ezinenkqubela nezinokusebenziseka kwisizwe esisahlumayo esisebenzisa izixhobo ze-ICT.

4.8 IKhabhinethi ukuvumile ukubanjwa kweVeki yeSizwe yokuGxininisa kwiiMbizo ukusuka ngomhla wama-30 kweyeNkanga ukuya ngomhla wesi-6 kweyeMonga ngowama-2015 phantsi komxholo othi: “Sisonke Siqhubela uMzantsi Afrika Phambili”. Ngeli thuba lokuba urhulumente enxibelelana ngqo nabantu kuza kuphononongwa umgama osele uhanjiwe ukuphumeza amaphulo esiCwangciso esiManqaku aliThoba sokukhwezela uqoqosho loMzantsi Afrika.

Le Veki iza kunika uluntu ithuba lokuthatha inxaxheba lubambe incoko enesihlahla ukuze kuvuselelwe uqoqosho. Amalungu eKhabhinethi ayacelwa ukuba aziphe ithuba ancedise ukwenza ukuba eli phulo lifikelele mbombo zone zeli. Kufuneka kugxininiswe ekusekeni amaphulo entsebenziswano kunye namabali abaliswa ngabo bathi baxhamla kweli phulo. ISebe leNkqubo yoNxibelelwano loLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) liza kuququzelela amalungiselelo eli phulo futhi lisasaze izixhobo eziza kusetyenziswa, kuquka nemiyalezo ephambili kunye nezicwangciso zoonondaba.

5. Uluvo kweKhabhinethi ngemiba engundaba-mlonyeni

5.1 Amaqondo obushushu athe gqolo ephezulu kwimimandla emininzi kweli lizwe athetha ukuba kufuneka kusetyenziswa amanzi ngobunono ngumntu wonke. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bawasebenzise ngokubonono amanzi futhi bawonge.

Abahlali bephondo laKwaZulu-Natal bayacelwa ukuba bayithobele imiqathango yokusetyenziswa kwamanzi njengoko eli phondo lithwaxwa yimbalela eyakha yambi apha eminyakeni. Abemi boMzantsi Afrika mabonge amanzi ngokungasebenzisi amathumbu xa behlamba iimoto zabo, futhi bankcenkceshele izitiya ukutshona kwelanga, bazijonge izixhotyana zokubala amanzi asetyenzisiweyo ukujonga ukuba abawasebenzisi kakhulu futhi bazivale iindawo ezinamanzi avuzayo.

5.2 IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho nezihlobo zabo bathi baphulukana nobomi ngethuba kusiwa isikefele kwibhulorho iGreat Walk Bridge eGrayston Drive eSandton. IKhabhinethi inqwenela ukuba abo bonzakeleyo bachache ngokukhawuleza. IKhabhinethi ibaqhwabela izandla abeenkonzo zikaxakeka, isiXeko saseRhawutini kunye noRhulumente wePhondo waseGauteng ngokushukuma ngokukhawuleza kwakuvela le ntlekele, iyababulela nabaqhubi baseGauteng nabo abathe bafaka isandla.

IKhabhinethi ibamba ngazibini nakubakhweli nabaqhubi ngokuba nomonde ngethuba kutshayelwa kucocwa le ndawo yexhwayelo. IKhabhinethi imemelela ukuba uphando oluqhubekayo lucokise kwaye lukhawuleze kuze kwaziwe oyena nobangela wale ntlekele ukuze ingaphinde yenzeke. IKhabhinethi icela ukuba uluntu lube nomonde ngethuba kuqhutywa uphando.

5.3 IKhabhinethi iyazamnkela iziphumo zowama-2015/16 zeNgxelo yonyaka yeHlabathi yokuKwazi ukuMelana noKhuphiswano zeQonga lezoQoqosho leHlabathi (i-WEF), ezibone uMzantsi Afrika unyuke ngeendawo ezisixhenxe usuka kwindawo yama-56 waya kweyama-49 kuluhlu lwamazwe angama-140.

UMzantsi Afrika uqhube kakuhle kakhulu kula macandelo: elezempilo kunye nemfundo esisiseko (unyuke ngeendawo ezintandathu), elezabasebenzi (unyuke ngeendawo ezintandathu), umgangatho wezobuchwepheshe (unyuke ngeendawo ezili-16) kunye nelobuchule bokuyila izinto ezintsha (unyuke ngeendawo ezintlanu).

Oku kubonakalisa ukuba xa sibambisene singenza lukhulu. IKhabhinethi imemelela amashishini kunye nemibutho yoluntu ukuba baqhubeleke besebenzisana norhulumente ukufunqula uqoqosho lweli.

5.4 IKhabhinethi iqhwabela izandla iQumrhu loPhuhliso lwamaShishini (i-IDC) ebhiyozela imiNyaka engama-75 kule nyanga. I-IDC liqumrhu elibalulekileyo lesizwe kwaye kule minyaka ingama-21 idlulileyo yolawulo lwentando yesininzi, incedise kakhulu kumba wokwanda kwamaphulo otyalo-mali, ikhangela amathuba okudala imizi-mveliso emikhulu kunye nokuza neenguqu kuqoqosho.

Ukusukela ngowe-1994, i-IDC ityale imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-150 eMzantsi Afrika nakwi-Afrika iphela. Kule mali, iibhiliyoni zeerandi ezingama-60 zityalwe kwinkampani ezinabantu abantsundu boMzantsi Afrika abanezabelo ezingama-25% ubuncinane.

Ngesi sithuba, imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-20 yatyalwa kwi-Afrika iphela ukuze incede ukukhuthaza uhlumo nophuhliso e-Afrika kunye nokudala amathuba oqoqosho loMzantsi Afrika.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, ifumene imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-103 kumahlakani otyalo-mali ecandelo lamashishini abucala, nto leyo eyenza ukuba iziphumo zotyalo-mali zibe zibhiliyoni zeerandi ezili-163.

Ngethuba uqoqosho lujongene neengxaki ezintsha nezinye iinqwithela, i-IDC kulindeleke ukuba ibe ngathi iyalunyusa igalelo layo kuqoqosho nolwamvila lwayo kumba wokuzisa iinguqu, igxininise kakhulu ekuncediseni oosomashishini abantsundu kunye nophuhliso lolutsha.

5.5 IKhabhinethi iwothulela umnqwazi amaBhokobhoko ngokuba eza kudlala kwimidlalo eyandulela eyamagqibela kankqoyi yeNdebe yoMhlaba yoMbhoxo eNgilane kwaye ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba balixhase iqela lethu lesizwe lombhoxo njengoko bezama ukuza neNdebe yeHlabathi ekhaya isihlandlo sesithathu.

IKhabhinethi inqwenelela Amajimbos okuhle njengoko eza kukhuphisana kwimidlalo yeNdebe yeHlabathi yabaneminyaka engaphantsi kweli-17 (i-U-17 FIFA World Cup) eChile ukusuka ngomhla we-17 kweyeDwarha ukuya ngomhla wesi-8 kweyeNkanga ngowama-2015.

IKhabhinethi ithi huntshu kwi­-Orlando Pirates ngokufikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi wowama-2015 wendebe, i-Orange CAF Confederation Cup kunye naBanyana Banyana ngokufumana indawo yokudlala kwiMidlalo ye-Olimpiki yowama-2016.

5.6IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nabahlobo bowayesakuba yi-CEO yeKomiti eQuquzelela iMidlalo yeNdebe yaMazwe ase-Afrika (i-Afcon) kunye neyobuNtshatsheli yeZizwe zase-Afrika (i-Chan) kunye neSikhulu se-SABC, uMvuzo Mbebe osweleke ngobusuku bangoMvulo.

5.7Iintliziyo zamalungu eKhabhinethi zonzakele kukusweleka kukaMlungisi Sisulu, unyana wesibini kaWalter no-Albertina Sisulu, kwaye avakalisa amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zakhe. UMnu Sisulu wadlala indima enkulu kumaphulo ayefihlakele omzabalazo e-ANC kwiminyaka yowama-1980, efihle amabutho oMkhonto weSizwe kwisikroxo sakhe esasiseSoweto, esasisaziwa njengo-Shop 7, ebeka ubomi bakhe esichengeni ngokwenza oku.

IKhabhinethi nayo, njengoMongameli Jacob Zuma, ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zenye yeengqanga zabadlali beqonga eMzantsi Afrika, uSammy Moeti, olandulele eliphakade ngoMvulo , umhla we-13 kweyeDwarha kowama-2015, emva kwengulo ende.

5.8 IKhabhinethi iwuxoxe yawuxovula umba wokuqhankqalaza kwabafundi kutsha nje bekhalazela ukunyuswa zidyunivesiti kwemali yokufunda yowama-2016. IKhabhinethi iyavelana nabafundi ngezizikhalazo zabo zokuba iindleko zemfundo ephakamileyo zixhome kakhulu kwaye azifikeleki kubafundi abaphuma kumakhaya asokolayo.

Imfundo sesinye sezitshixo ezibalulekileyo ukulwa iingxaki eli lizwe elijongene nazo eziyindlala, ukungalingani kunye nentswela-ngqesho. UMgaqo-siseko wethu ucacisa phandle ukuba wonke ubani unelungelo kwimfundo esisiseko nemfundo ephakamileyo, uMbuso usebenzisa amalinge afanelekileyo kufuneka uqinisekise ukuba uyakwenza oku kwaye kuyafikeleleka.

Lo rhulumente usezintanjeni ukusukela ngowama-1994 koko wawuwubeke phambili umba wemfundo. ISkimu seSizwe soNcedisa abaFundi ngeMali yokuFunda (i-NSFAS) esincedise kakhulu kubafundi abangathathi ntweni senyusa minyaka le imali isuka kwizigidi zeerandi ezingama-300 yaya kutsho kwiibhiliyoni zeerandi eziyi-9,5. Kulo nyaka, urhulumente uxhasa abafundi abasokolayo nabaqhuba kakuhle kwizifundo zabo abangama-45 000.

IKhabhineti inikwe amagqabantshintshi nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho ngeentlanganiso anazo namaqela achaphazelekayo onke zokukhangela isisombululo ngomba wokunyuka kwemali yokufunda. IKhabinethi inikwe ingxelo nangomsebenzi osele wenziwe nangamanyathelo asele ethathiwa okuphucula indlela i-NSFAS ephethwe ngayo. Izindululo neziphakamiso ziza kuthiwa thaca phambi kweKhabhinethi kule kota izayo.

IKhabhinethi ikuqaphele nokusekwa kutsha nje kweQela likaMongameli eliSebenzayo elinikwe umsebenzi wokuqwalasela umba wokunyuka kwemali yokufunda ezidyunivesiti. Eli qela linabameli babafundi, abamaBunga eeDyunivesiti kunye nabeSebe. Eli qela kulindelele ukuba liqoshelise umsebenzi walo linike ingxelo lakuba nje liqukumbele umsebenzi walo.

IKhabhinethi ikholelwa ukuba amalinge kaMongameli kunye noMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho aza kunceda kakhulu ukuza nezisombululo kwezi ngxaki zivezwa ngabafundi.

Urhulumente uwuthatha lo mba wezikhalazo zabafundi njengotshisa ibunzi kangangokuba uMongameli uye wabizela kwintlanganiso namhlanje iinkokeli zabafundi nezeedyunivesiti ukuze afumane ingxelo enzulu ngalo mba ngeenjongo zokufumana isisombululo.

UMongameli uza kuthetha nesizwe emva kwemini njengoko lo mba ukwinqanaba lwemiba engxamisekileyo yesizwe.

5.9 IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngomgama osele uhanjiwe yiKomiti yaBaphathiswa (i-IMC) ngemiThetho yoFuduko ebikhokelwa nguSekela-Mongameli.

UMongameli wamisela le IMC ukuze iphande ngeziphumo ezazingacingelwanga ezazivezwe ngamahlakani akwicandelo lezokhenketho.

Emva kokuba kuphandiwe kwaphononongwa imiba efuna ukuhlenga-hlengiswa emva kokuba kuqwalaselwe ezokhuseleko kunye nezi ziphumo bezingacingelwanga, i-IMC yenza ezi zindululo zilandelayo:

Ukufaka isicelo ngokwakho buqu”

Imithetho eza kuqala ukusebenza kwezi nyanga zintathu zizayo.

  • Amazwe angenazindlu zozakuzo zoMzantsi Afrika, iSebe leMicimbi yezeKhaya (i-DHA) liza kuzamnkela izicelo ezithunyelwe ngeposi.

Emva koku ubucukubhede bomntu obuquka iinkcukacha zeminwe kunye neefoto zabo bahambi ziza kuthathwa xa befika kwizibuko lokungena. Lo mthetho uza kusetyenziswa kuphela kwi-Visa zezonyango okanye zokundwendwela.

  • I-DHA iza kuthatha ubucukubhede bomntu (obuquka iinkcukacha zeminwe kunye neefoto) xa befika kwizibuko lokungena. Amaziko ekuza kuqaliswa ukulinga oku iza kuba sisiKhululo seeNqwelo-moya saMazwe ngaMazwe, i-OR Tambo; isiKhululo seeNqwelo-moya saMazwe ngamazwe, iKing Shaka kunye nesiKhululo seNqwelo-moya saMazwe ngamazwe saseKapa.
  • I-DHA iza kuqalisa iNkqubo i-Accredited Tourism Company (i-ATC) yelizwe laseChina, e-India ne-Russia elinokwandisa liquke namanye amazwe afuna i-visa.
  • I-DHA iza kuqhubeleka ikhupha i-visa eza kusebenza izihlandlo ezininzi, i-Multiple Entry Visa, kwabo batyeleli bahambela eli rhoqo. Le visa iza kusebenza kwisithuba esingaphezulu kweenyanga ezintathu kodwa esingekho ngaphezulu kwiminyaka emithathu.

Imithetho eza kuqalisa ukusebenzi zingaphelanga iinyanga ezintathu ukuya kwisithuba sonyaka.

  • I-DHA iza kuwandisa amaZiko okuKhutshwa kwee-Visa (i-VFC) eChina, e-India, e-United Kingdom, eNigeria, eDemocratic Republic of Congo, e-Angola, e-Ghana, eKenya nase-Uganda. I-DHA iza kukhawulezisa ukuvulwa kwe-VFC eZimbabwe, e-UAE naseBotswana.

Imithetho eza kusebenza kwisithuba esisemva konyaka.

  • I-DHA iza kufaka inkqubo yokujonga phambi kokukhwela kwinqwelo-moya (kuquka namaziko okusebenza) kwizikhululo zeenqwelo-moya zamazwe ngamazwe.
  • I-DHA iza kuphucula ubuxhaka-xhaka i-Advance Passenger Processing (i-APP) ize iqalise ukusebenzisa i-Passenger Name Record (i-PNR) ukuphucula inkqubo yokujonga abo banokuba nobungozi.
  • I-DHA iza kugqibezela inkqubo yokubuxhaka-xhaka bekhompyutha be-visa nemvume.

Iinkcukucha ezifunwayo zabantwana abatyelelayo: Abantwana baseMzantsi Afrika:

Ngokubhekisele kubantwana baseMzantsi Afrika (abatyelela kumazwe angaphandle), i-IMC ikuvumile ukuqaliswa kokusebenza kweenkcukacha ezifunekayo ngoku kubantwana abatyelelayo, kunye namaxwebhu afungelweyo okuvuma kwabazali njengoko lo mthetho ulungiselelwe ukukhusela abantwana.

Imithetho eza kuqala ukusebenza kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezintathu.

  • Iinqununu zezikolo ziza kukhupha iileta eziqinisekisa ukuba abantwana bayifumene imvume yokuhamba nesikolo. Eli gunya liza kwandiswa liquke nemibutho yezemidlalo ebhalisiweyo.
  • Ixesha lokuhlala isemthethweni iLeta eFungelweyo yokuVuma koMzali liza kwandiswa libe sisithuba esingekho ngaphezulu kwiinyanga ezintandathu.

Imithetho eza kusebenza singekapheli isithuba seenyanga ezintathu ukuya kunyaka.

  • Ibinza elithi “iSatifiketi sokuZalwa esigaShunqulwanga” liza kutshintshwa libe leli: “iSatifiketi sokuZalwa esineenkcukacha zomzali”
  • Iinkcukacha zabazali ziza kufakwa kwiincwadi zokundwendwela, ipaspot, ukuze abazali iinkcukacha zabo ezifakwe kwincwadi yokundwendwela kungabikho mfuneko yokuba baphathe izatifiketi zokuzalwa.

Iinkcukucha ezifunwayo zabantwana abatyelelayo: Abantwana bangaphandle:

Ngokwabo batyelela kweli, i-IMC ithathe isigqibo sokuba apho kuza kufuneka i-visa, izatifiketi zokuzalwa uqobo okanye iikopi eziqinisekisiweyo zamaxwebhu afunekayo ziza kuqhubeleka zifunwa ngethuba ubani efaka isicelo se-visa njengoko kuqhutywa ngeli hlobo nakumanye amazwe.

Ngokubhekisela kubantwana bamazwe ekungafuneki visa kuwo, i-IMC iphakamise umthetho omtsha othi:

  • Abatyeleli bayabongozwa ukuba baphathe into ebubungqina bokuzalana kunye neluxwebhu lokukhululwa ngesihle ngabazali okanye abagcini bantwana xa bengekho.

Yonke iminye imiba yase-ofisini echaphazela amasebe abandakanyekayo iza kusonjululwa ngokubonisana phakathi kwalo masebe.

IKhabhinethi izamnkele ezi ziphakamiso kwaye ikholewa ukuba zisabela kanye kwiziphumo ebenzingalindelwanga ebezize nabantu kwaye azilubeki mngciphekweni ukhuseleko lwabantwana.

IKhabhinethi iphinde yavuma ukuba i-DHA mayikhokele amalinge okwenza ukuba ezi ziphakamiso zibe semthethweni zize ziqaliswe ukusetyenziswa. Iphinde kwakhona yacela onke amasebe achaphazelekayo ukuba abonisane namahlakani achaphazelekayo awanike ezi ziphakamiso.

IKhabhinethi ilandisile ixesha ebelisikelwe i-IMC ukuze ikwazi ukujongana neengxaki ezinokuthi zivele ngethuba kuqaliswa ukusetyenziswa isigqibo seKhabhinethi.

Imibutho: Nksz Phumla Williams (IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore