Intetho yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu umhla we-16 kweyeThupha kowama-2017

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso yayo kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli.

1. Imiba engundaba-mlonyeni   

1.1. Njengokuba sibhiyozela iNyanga yooMama, iKhabhinethi inqwenelela uNks Getrude Shope iminqweno emihle ngomhla wokuzalwa kwakhe xa egqiba iminyaka engama-92. UMmaShope, xa eteketiswa, liqhawekazi elihlonitshwa kakhulu kumzabalazo wenkululeko ingakumbi kwinkululeko yabasetyhini.

Wafumana imbasa ebizwa Isithwalandwe/Seaparankwe, elona wonga lihloniphekileyo i-African National Congress ewonga ngalo abo banegalelo elincomekayo kunye nabazincamela umzabalazo wenkululeko.

IKhabhinethi isekwadlulisa iminqweno emihle kuNks Zondeni Veronica Sobukhwe xa egqiba iminyaka engama-92. UMzantsi Afrika lilizwe elingcono ngenxa yokuzincama kwabasetyhini abafana naye.

Njengokuba ilizwe libhiyozela iNyanga yooMama phantsi komxholo othi “UNyaka ka-O R Tambo: AbaseTyhini beManyene ekuQhubeleni uMzantsi Afrika Phambili”, iKhabhinethi nayo njengabo bonke abemi baseMzantsi Afrika ihlonipha amagorhakazi abamba umngcelele woqhankqalazo esiya kwiZakhiwo zoMdibaniso ngonyaka we-1956 eqhankqalazela imithetho yamapasi.

Sicinga ngomoya ka-O R Tambo xa wayesenza intetho yakhe esihloko sithi “IiNtyatyambo zoMzabalazo Wenkululeko” sikhumbula sihlonipha indima yabasetyhini ababangoovulindlela bombutho wabasetyhini kweli lizwe, sikwamkela ukuba xa uxhobisa owasetyhini, uxhobisa isizwe.

Njengelizwe siphumeze okuninzi kwicala lokuxhotyiswa kwabasetyhini. Phambi kowe-1994 iPalamente yayinabantu basetyhini abayi-2,7%, kwaze emva konyulo lwentando yesininzi, inani labasetyhini kwiNdlu yoWiso-mthetho lema kuma-27,7%. Kowe-1999 elo nani lanyuka langama-30% laze laya kutsho kuma-32,7% kowama-2004.

Emva konyulo lwesizwe lowama-2009 abantu basetyhini bafikelela kuma-42%. AbaPhathiswa abangabaseTyhini ngoku benza ama-43% eKhabhinethi.

Sinabantu basetyhini abaninzi abakwizikhundla zobunkokeli kwaye kukho namaqumrhu karhulumente okuphucula imeko yabasetyhini. Ngoku sinalo neSebe looMama kwi-Ofisi kaMongameli.

1.2. Abemi boMzantsi Afrika nkalo zonke basebenze kakuhle kakhulu ukuthatha inxaxheba kule mibhiyozo yesikhumbuzo. Imigaqo-nkqubo karhulumente ebonakalisa inkqubela phambili iyaqhubeka ukuwubeka phambili umba wokuxhotyiswa kwabasetyhini, ingakumbi abo bahlala emaphandleni, kumaxa amaninzi abangabantu abatsala nzima benyamezele ukuthwaxwa yintlupheko.

1.3. Njengokuba sibhiyozela inkqubela esiyenzileyo kwinkululeko yabasetyhini, iKhabhinethi ikhumbuza ilizwe ngelinye itshantliziyo elingowasetyhini elalichasene nocalucalulo nelathi labulawa ngomhla we-17 kweyeThupha kowe-1982. URuth First wabulawa ngenkohlakalo ngeleta eyayiyibhombu eyathunyelwa kuye eMozambique. Waphulukana nobomi bakhe kwidabi lokulwela inkululeko yabantu baseMzantsi Afrika.

Ubundlobongela obujoliswe kwabesini esithile

1.4. IKhabhinethi yongeze ngelayo ilizwI lokugxeka ividiyo eshicilelweyo ebonisa intombazana engumfundi wesikolo ihlaselwa ngomnye umfundi oyindoda kwisikolo saKwaZulu-Natal kwaye iyakuxhasa ukubanjwa komrhanelwa. Ukubulawa kutshanje kotitshala odutyulwe phambi kwabafundi bakhe liqabane lakhe kusikhumbuza ngemingeni esisajongene nayo yokuxhatshazwa nokuphathwa gadalala kwabasetyhini.

1.5. Iingxaki kunye nobungozi bokukhokelwa ngamadoda njengosolusapho okunesiphumo sobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana kufuneka buliwe ngumntu wonke kwesi sizwe. Ii-arhente zogcino-mthetho kunye nenkqubo yobulungisa kufuneka zijongane nabenzi bobundlobongela ngokugqibeleleyo.

Ingqungquthela ye-SADC

1.6. UMzantsi Afrika, njengosihlalo ongenayo woMbutho woPhuhliso laMazwe akuMazantsi e-Afrika (i-SADC), usingethe iNgqungquthela eQhelekileyo ye-SADC yama-37 yeeNtloko zooRhulumente nemiBuso ukususela kumhla we-9 ukuya kowama-20 kweyeThupha wama-2017 phantsi komxholo othi: “Ukusebenzisana neCandelo laBucala kuPhuhliso loShishino namaCandelo oNgeza iXabiso kwiiMmveliso”.

UMzantsi Afrika uza kusebenzisa isikhundla sawo ukukhuthaza uphuhliso nokubethelela izinto eziphambili nezibalulekileyo kuwoi njengoko ichaziwe kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP), uqhubele phambili ukwakhiwa kwamashishini nemizi-mveliso yale mihla kule ngingqi kunye nakwilizwekazi liphela kunye nokumanya amashishini elizwekazi ize ikhawulezise ukuqaliswa kwe-Ajenda ye-Afrika yowama-2063 yeManyano yase-Afrika (i-AU).

I-Ajenda 2063 yinkqubo-sikhokelo yobuchule yokutshintsha ezentlalo nezoqoqosho lwelizwekazi kwiminyaka engama-50 ezayo. Yongeza kwaye ifuna ukukhawulezisa ukuqaliswa kweenkqubo zangaphambili nezikhoyo zelizwekazi zokukhulisa uqoqosho kunye nophuhliso oluzinzileyo.

Amacandelo amathathu aza kukhuthaza uhlumo ngala, ukucolwa nokuhlelwa kweemveliso zolimo, ukuxhanyuliswa ngezimbiwa kunye namashishini amancinci ahlela aphinde aphucule ixabiso leemveliso.

Le ngqungquthela iza kwenza namazwi ombulelo kuMongameli ophumayo uJosé Eduardo dos Santos wase-Angola, oza kuba esihla esikhundleni sokuba nguMongameli emva kweminyaka engama-37 kwaye ekhokelele ilizwe lakhe ekupheleni kwemfazwe yobukhaya ethathe ixesha elide. 

1.7. USekela-Mongameli uRamaphosa, kwisikhundla sakhe sokuba ngumququzeleli othunywe yi-SADC kwilizwe laseLesotho, uza kuthi thaca ingxelo kwiNgqungqthela ye-SADC Double Troika eza kubanjelwa ePitoli ngomhla we-18 kweyeThupha, apho uRhulumente waseLesotho kulindeleke ukuba naye athi thaca umkhombandlela wenguqu. Oku kulandela iintlanganiso zokubonisana phakathi koSekela-Mongameli kunye norhulumente omtsha, iinkokheli zamaqela aphikisayo, iqumrhu leenkosi kunye nemibutho yoluntu echaphazelekayo yaseLesotho, ezicacisa inkqubo eza kulandelwa xa kuphunyezwa izigqibo ze-SADC malunga nezinto eziza kutshintshwa kumgaqo-siseko nakwicandelo lokhuseleko.

1.8. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zeengxoxo ebeziphakathi kukaMongameli Ellen Johnson Sirleaf weRiphabliki yaseLiberia kunye noMongameli uJacob Zuma, ngexesha uMongameli Sirleaf ekuTyelelo lwasebuRhulumenteni kweli. Omabini la mazwe avumile ukujongana nemiba eza kuphucula iimeko zokuqhuba ushishino ngokukhululekileyo phakathi kwala mazwe mabini. IKhabhinethi ikhuthaza nezinye iinkampani ezikushishino lwabucala ukuba zityale imali eLiberia.

La mazwe avumelene ukuba agqibezele ukutyikitywa kweSivumelwano sokungaBizwa kwee-Visa Kwabo baSebenzisa iiNcwadi zokuNdwendwela zooNozakuzaku nezasebuRhulumenteni. La mazwe avumelene nangokukhawulezisa iingxoxo kunye nokugqibezela ezinye izivumelwano phakathi kwala mazwe mabini ukuze asebenzisane kwezolimo, ukhenketho, ezempilo, amandla, amanzi kunye nogutyulo lwelindle, phakathi kwezinye izinto.

1.9. IKhabhinethi ivuyisana nabantu belizwe laseRwanda ngokubamba unyulo ngoxolo nalapho kuphinde kwanyulwa uMongameli Paul Kagame. Ukubanjwa kolunye unyulo ngokuyimpumelelo e-Afrika kubonisa ngokucacileyo ukuba ulawulo lwentando yesininzi luqhubela phambili kulo lonke eli lizwekazi.

1.10. IKhabhinethi nayo njenge-AU ivuyisana nelizwe laseKenya ngokuqhuba unyulo oluyimpumelelo. Ngoku kuxhomekeke kubo bonke abemi baseKenya ukwamkela iziphumo zonyulo kunye nokusebenza kujoliswe kubunye besizwe kweliya lizwe.

I-BRICS

1.11. Namhlanje, umhla we-17 kweyeThupha wowama-2017, uMongameli Zuma uza kuchophela umsitho wokusungulwa ngokusesikweni kweZiko leNgingqi ye-Afrika leBhanki yoPhuhliso eNtsha (i-NDB) yeBrazil, Russia, India, China kunye noMzantsi Afrika (i-BRICS) kwihotele iMichelangelo, eSandton. Ukusungulwa kweli Ziko leNgingqi yase-Afrika kuza kuqhayisa ngokubonisa iinkonzo iBhanki yoPhuhliso eNtsha eza kuzinikezela, iqaqambisa indima enokudlalwa yi-NDBi kwicandelo leziseko eziluncedo nezingundoqo kunye nophuhliso oluzinzileyo kumazwe asakhulayo nasaphuhlayo.

1.12. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe angamalungu e-BRICS amkele isiCwangciso sokuSebenza esinamaNqaku asiXhenxe agxininisa ekwandiseni intsebenziswano kwezorhwebo, kwintlanganiso yaBaphathiswa bezoRhwebo be-BRICS eyayibanjwe eHangzhou, eChina. La mazwe aza kusebenzisana ngakumbi kwimiba efana nophuhliso lweziseko zorhwebo eziluncedo nezingundoqo ezitsha, uphuhliso lobuchwepheshe kunye nokuqanjwa kwezinto ezintsha, kunye namashishini amancinane naphakathi.

1.13. AbaPhathiswa bezoNxibelelwano abavela kwi-BRICS nabo bathathe inxaxheba kwingxoxo, neqela elipapasha isiBhengezo sabaPhathiswa ngobuChwepheshe kuLwazi, yokuba amazwe e-BRICS aza kwandisa intsebenziswano kukhuseleko lweenkcukacha, njengokuba unxibelelwano ngobuchwepheshe bekhompyutha ludlala indima ebalulekileyo ukuqhubela phambili uhlumo kwezoqoqosho.
1.14. IKhabhinethi ibulela owayesakuba yiRhuluneli yeBhanki enguVimba, uMnu Tito Mboweni, ngomsebenzi wakhe okwizinga eliphezulu kunye nokuzinikela ngexesha engumlawuli ongelilo ilungu lesigqeba kwi-NDB ye-BRICS isithuba seminyaka emibini. UMlawuli-Jikelele weSebe lezeziMali, uMnu Dondo Mogajane, uza kutsala imikhala.

Umanyano lwesizwe kwezentlalo

1.15. IKhabhinethi iyazigxeka izenzo zobuhlanga zakutshanje ezenziwe ngabantu abathile kweli lizwe lethu. Ukuziphatha okunjalo akuhambelani nomoya wamalungelo, uxanduva kunye nezinto ezinexabiso ezibethelelwa ngumgaqo-siseko, kwaye akunayo indawo kwisizwe sethu esilawulwa ngokwentando yesininzi.

IKhabhinethi incoma abalawuli beenkampani zabucala ezithi zisabele ngokukhawuleza kwizenzo zobuhlanga, zibonise ukuba ubuhlanga sisihelegu esingamkelekanga kwisizwe sethu, kwaye kufuneka ngalo lonke ixesha buliwe kuba kufunwa ubumbano nomanyano phakathi koluntu kunye nokupholisa amanxeba ashiywa yinkqubo yocalucalulo yangaphambili.

Sonke sinoxanduva lokuba sibulwe ngokukhawuleza ubuhlanga kunye nocalucalulo xa busenzeka kwisizwe sethu. Sonke sinoxanduva lokwakha isizwe esitsha ekwakucingwa ngaso emva konyulo lokuqala lwentando yesininzi. 

1.16. IKhabhinethi ivakalise inkxalabo malunga nesimo sokuphulukana nemisebenzi elizweni, ingakumbi kwicandelo lweevenkile ezinkulu kunye nelemigodi. Kodwa ke, izamkele iinzame ezenziwa licandelo lemigodi zokubamba iintlanganiso zokugwadla amacebo okuzama ukusindisa imisebenzi. Ukuvunywa kwesicelo saseLonmin kutshanje sokuthenga ama-42,5% e-Anglo Platinum kwiPandora – isivumelwano soshishino sokusebenzisana phakathi kweLonmin ne-Anglo Platinum – kwamkelekile.

Esi sivumelwano sentsebenziswano sisindise imisebenzi engama-3 000 kwaye sinika isiqabu, ingakumbi kwesi simo sigqubayo kwezoqoqosho kwihlabathi lonke. URhulumente uzinikele ekudaleni imeko ekhokelela kuhlumo kwezoqoqosho kunye nokudala imisebenzi.

1.17. IKhabhinethi isamkele isigqibo senkundla esingqina ilungelo elilodwa likarhulumente lokuthatha izigqibo malunga neimigaqo-nkqubo kunye nemithetho ngokusikhaba isicelo nokuhlawulisa iindleko zenkundla i-Metal Recyclers Association of South Africa. INkundla yoMgaqo-siseko isikhabile isicelo sokubhena kwisigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseMzantsi Afrika kunye neNkundla ePhakamileyo yeziBheno senkampani yabathumela izinto ezenziwe ngesinyithi ezindala nezilahliweyo kwamanye amazwe.

INkundla ixhasa izibonelelo zoMbuso zokuthumela iimveliso ezindala nezilahliweyo zesinyithi kumazwe angaphandle ezaziwa njengesaphulelo samaxabiso emizi-mveliso yasekhaya, imizi-mveliso emincinane kunye neenkampani ezinyibilikisa isinyithi.

Ezi zibonelelo zinika isaphulelo sexabiso esingama-20% kumaxabiso amazwe ngamazwe phambi kokulungela ukufumana imvume yokuthumela kumazwe angaphandle. Lo mgaqo-nkqubo uza kunceda ngokuvuselelwa kwamashishini kwakhona kuqoqosho lwelizwe kunye nokudala imisebenzi.

1.18. IKhabhinethi ikwamkele ukuzinikela koRhulumente waseCanada ukusebenzisana noMzantsi Afrika kulawulo lwemida. Oku kuza emva kokuba uMphathiswa weMicimbi yezeKhaya, uNjingalwazi Hlengiwe Mkhize, ehlangene nogxa wakhe uMphathiswa wezeMfuduko, iiMbacu kunye naBemi, uMnu Ahmed Hussen kule veki. Esi sivumelwano sokusebenzisana siza komeleza ubudlelwane obukhoyo phakathi kwala mazwe mabini.

2. Izigqibo zeKhabhinethi

2.1. IKhabhinethi ivume iPhepha eliGunyazisa uHlahlo lwabiwo-mali lowama-2018. Oku kuza kuqhubela phambili ukuqaliswa kwe-NDP. Eli phepha lomeleza ulungelelwaniso lohlahlo lwabiwo-mali kunye neNkqubo-sikhokelo yoBuchule yeXesha laPhakathi (i-MTSF). Lisiseko senkqubo yokukhetha phakathi kwemiba ephambili nekhuphisanayo kusetyenziswa le mali ikhoyo incinci.

UMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uMnu Jeff Radebe, uza kubamba intlanganiso noonondaba kungekudala abanike amagqabantshintshi.

2.2. IKhabhinethi ivume isiCwangciso sokuPhumeza ezoKhenketho kuNxweme kunye naseLwandle, esibhalwe phantsi kwenkqubo i-Operation Phakisa uQoqosho lwaseLwandle. Esi sicwangciso siza kukhulisa ukhenketho kuqoqosho lwaselwandle. Siza kuhlumisa iindawo zokundwendwelwa nokukhenkethwa ezikumgangatho ophezulu eziselunxwemeni naselwandle nezithi zenze uMzantsi Afrika ube lilizwe eliphambili ngokwezendalo, ezenkcubeko kunye namafa. UMphathiswa wezoKhenketho, uNksz Tokozile Xasa, uza kubamba enye intlanganiso noonondaba acacise esi sicwangciso.

2.3. IKhabhinethi ikuvumile ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kuHambo lwesibini lwaMazwe ngaMazwe kwi-Indian Ocean kowama-2017 – 2020. Ukuthatha inxaxheba kuza kuxhasa ukuba nguSihlalo koMzantsi Afrika kuMbutho i-Indian Ocean Rim Association kowama-2017/18.

UMzantsi Afrika uza kusebenzisa inqanawe yophando yawo i-SA Agulhas II ukuqhuba uphando elwandle lo gama uqeqesha kwaye usakha kwaye usomeleza izakhono zenzululwazi yoMzantsi Afrika kunye neyamazwe asempuma ye-Afrika. 

Ukuqokelelwa kweengcombolo ezisisiseko zexesha elide kunye nolwazi kuza kubeka amazwe asaphuhlayo e-Indian Ocean Rim kwindawo engcono yokukhusela ulwandle kunye nokufumana iindlela zokuvula uqoqosho lwaselwandle olunokwenzeka ukuze kuphuculwe ubomi babemi.

2.4. IKhabhinethi yaziswe ngelinge leeLebhu zePhakisa zeMichiza kunye noQoqosho lweNkunkuma, elimiselwe ukuba liqalise kweyeThupha kowama-2017. Oku kuyinxalenye yokungenelela kwelizwe ekulawuleni umonakalo kokusingqongileyo kunye nempilo yoluntu ebangelwa yimichiza kunye nenkunkuma. 

Iza kubonelela ngethuba lokuba urhwebo lwemichiza lwaseMzantsi Afrika luchonge indawo elufaneleyo yokwenza enxulunyaniswa ne-Green Chemistry (uyilo lweemveliso zemichiza kunye neenkqubo ezinciphisa okanye ziphelise izinto ezinobungozi).

2.5. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngezicelo eziliqela zokucanda kwakhona imida yamaphondo ezivela kubantu bamaphondo ahlukileyo. Phakathi kwemimandla echaphazelekayo nguMasipala weNgingqi i-Elias Motsoaledi, uMasipala weNgingqi waseMarblehall kunye noMasipala weNgingqi waseMatatiele.

Abantu baba masipala banike iqela lezizathu ngezi zicelo, ezifana neendawo ezikuzo kunye nokufikelela kwiinkonzo. Ezi zicelo zafunyanwa yiBhodi yokuCanda yooMasipala kunye neSebe loLawulo lweNtsebenziswano.

Imida yamaphondo ikhona kuMgaqo-siseko. Nakuphina ukucingisiswa kwezi zicelo kufuneka kwenziwe ngokomgaqo-siseko.

IKhabhinethi ivumile ukuba inkqubo yokucandwa kwakhona kwemida, kuquka eyaseMatatiele, iqaliswe. Le nkqubo yasepalamente iza kuquka ukuthatha inxaxheba koluntu njengoko kunyanzeliswa nguMgaqo-siseko nayimithetho yeli.

3. Imisitho ezayo

3.1. IKhabhinethi iyaliphinda ikhwelo elihlatywe nguMongameli Zuma, ikhumbuza uluntu ukuba onyule abantu abaphuma kuzo zonke iinkalo zobomi abafanelekileyo ukuba bafumane awona mawonga aphezulu, amaWonga eSizwe, kuTshazimpunzi kunyaka ozayo.

Lo msitho uhlonipha abemi baseMzantsi Afrika kunye nabemi bamazwe angaphandle abahlonitshwayo nabagqwesileyo kwinkalo ezahlukileyo.

Iifomu zokunyula ziyafumaneka kwiwebhusayithi ye-Ofisi kaMongameli (www.thepresidency.gov.za), kwiiThusong Service Centre, ii-ofisi zikamasipala kunye nee-ofisi zeenqila zovoto. Ezi fomu kufuneka zifakwe nenkcaza emfutshane enika izizathu zokuba umntu lowo onyulwe. Umhla wokuvalwa kokonyulwa kwabantu abafanele ukufumana amaWonga eSizwe kowama-2018 ngumhla wama-31 kweyeThupha 2017.

3.2. ISebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe liza kubamba umsitho weeMbasa zabaseTyhini baseMzantsi Afrika abakwiNzululwazi (i-WISA) zowama-2017. Ezi mbasa zihlonipha imisebenzi eyimpumelelo nemihle yeengcungela zezenzululwazi kwaye zidala iqonga lokukhuthaza abasetyhini abakwinzululwazi abathatha inxaxheba kuphando-nzulu.

Lo msitho we-WISA uza kubanjwa phantsi komxholo othi: “Ukuxhotyiswa kwabasetyhini kwezoqoqosho kwimeko zemisebenzi ezitshintshayoi”, mxholo lowo uhambelana nomxholo ophambili kwimiba yabasetyhini weKomishoni yeZizwe eziManyeneyo malunga neMeko yabasetyhini.

3.3. IKhabhinethi ibulela amalungu eNdlu yeSizwe yesiHlanu yeeNkokeli zeMveli (i-NHTL) aphelelwa lixesha lokuba ngamalungu ale Ndlu. INdlu yeSizwe yesiHlanu yeeNkokeli zeMveli liqumrhu elenziwa ziinkokeli zemveli ezingabathunywa abavela kwizindlu zamaphondo zeeNkokheli zeMveli zaseMzantsi Afrika, ezimele izindlu zamaphondo kwinqanaba lesizwe.

Eli qela lenziwe ngamalungu aphumayo eNdlu yeSizwe yesiHlanu yeeNkokeli zeMveli kunye namalungu aphinde anyulwa ukuba akhonze elinye ixesha lolawulo elimiselweyo. Amele iinkokheli zemveli kunye nezizwe zawo kwaye axhasa indima yeenkokheli zemveli kwisizwe esilawulwa ngokomgaqo-siseko.

IKhabhinethi nayo njengoMongameli Zuma ibulela uKumkani PP Maubane (uSihlalo), uKumkani SE Mahlangu (uSekela-Sihlalo) kunye namalungu eNdlu yonke ngokubanzi. IKhabhinethi yamkela ngezandla ezishushu amalungu amatsha angena kwiNdlu yeSizwe yesiThandathu yeeNkokeli zeMveli kunye nezo zezindlu zamaphondo zisixhenxe.

4. Imiyalezo

4.1. IKhabhinethi ivuyisana noNksz Senamile Masango obe ngowasetyhini wokuqala wase-Afrika ukuqhuba umfuniselo wokuqala okhokelwa ngowase-Afrika kwilebhu yoPhando ngeNyukliya yoMbutho waseYurophu (i-CERN) eseSwitzerland. Wayeyinxalenye yeqela labaphandi-nzulu abasengabafundi abavela kwiDyunivesithi yaseNtshona Koloni abafunda nge-isotope seleniyam 70 ukuze baqonde ngcono ukuba ukumila kwayo okufana ne-nucleus kunxulumene njani nomgangatho wamandla ayo.

4.2. IKhabhinethi ivuyisana naBantu abaChasene nokuXhatshazwa kwabaseTyhini (i-POWA), abathe benza inkqubo yekhompyutha (i-app) enceda amaxhoba asindileyo kubundlobongela obujoliswe kwisini, abakunxunguphalo okanye engozini enokubehlela, ukuba bafumane iinkonzo ezihlangeneyo nezilungeleleneyo. Inekhonkco loqhagamshelwano neZiko loNcedo leSebe lezoPhuhliso loLuntu, le app iyakwazi ukuqhagamshelana nezinye iinkonzo ezifana namapolisa kunye noonontlalontle, bona abakwaziyo ukubona indawo apho umyalezo uvela khona. 

Ngokucofa iqhosha loncedo olungxamisekileyo kwiselula, ixhoba liza kuhlanganiswa neZiko loNcedo. Le ntsebenziswano phakathi kukarhulumente kunye nemibutho engekho phantsi korhulumente iza kunceda kakhulu ekulweni isibetho esikukuxhatshazwa nokuphathwa gadalala.

4.3. IKhabhinethi iqhwabela izandla iQela loMzantsi Afrika ngokuqhuba kakuhle kakhulu kwimidlalo yombaleko kwiMidlalo yoKhuphiswano yeHlabathi yoMfelandawonye wemiButho yeHlabathi yeeMbaleki (i-IAAF) ebibanjelwe eLondon. UCaster Semenya uphumelele imbasa yegolide kugqatso lwe-800m kunye neyebronzi kwi-1 500m, kwangelo thuba esophula irekhodi lakhe.

Eli lizwe liyazidla ngoSemenya kwaye kuko konke ukugxekwa, usahleli omelele kwaye enyamezele. Ulandela ezinyaweni zikaZola Budd, Natalie du Toit, ongumdlali we-olimpiki okhubazekileyo, kunye noPenny Heyns, oyindadi. UWayde van Niekerk uphumelele imbasa yegolide kugqatso lwamadoda lwe-400m kunye neyesilivere kugqatso lwe-200m.

Sidlulisa ilizwi elilodwa lombulelo kumqeqeshi, uNksz Anna Botha. ULuvo Manyonga uphumelele imbasa yegolide ngomtsi wakhe obude bu-8.34m kukhuphiswano lamagqibela kankqoyi lwamadoda lokutsiba, waze yena uRuswahl Samaai waphumelela imbasa yebronzi kwakolu khuphiswano lwamadoda lokutsiba, waze u-Akani Simbine wakwindawo yesihlanu kugqatso lwamagqibela kankqoyi lwamadoda lwe-100m.

Indlela abaqhube ngayo kule midlalo kubonise ubunganga belizwe lwethu kwezemidlalo, into leyo ivuselela futhi ikhuthaza bonke abemi baseMzantsi Afrika, ingakumbi ulutsha oluziimbaleki ezisaqalayo.

Isizwe sethu siyazingca ngezi mbaleki kwaye ziyiphakamisele phezulu ngeqhayiya iflegi yesizwe sethu. Sihlaba ikhwelo kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba baqhubeke bewaxhasa onke amaqela esizwe sethu, kwakunye nabadlali abangamadoda nabasetyhini beli lizwe. Bangabameli besizwe sethu esilibhongo, kwaye asithandabuzi ukuba baza kuvuselela ulutsha ukuba lulandele emkhondweni wabo.

5. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
5.1. UMnu AD Matseke njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) laseBroadband Infraco, ukususela kumhla woku-1 kweyoMsintsi 2017 ukuya kumhla wama-30 kweyeThupha 2022.
5.2. Ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho sexesha elisisigxina se-CEO ngoku eBroadband Infraco, uNksz PV Kwele, ngeenyanga ezintathu, ukususela kumhla woku-1 kweyoMsintsi 2017.
5.3. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Ian van Niekerk njengeGosa eliyiNtloko kwezeziMali laseBroadband Infraco.
5.4. UGqr Moshibudi Priscilla Rampedi njenge-CEO ye-South African National Biodiversity Institute.
5.5. UNksz IL Mathenjwa njengoSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): UkuHlolwa kunye noVavanyo kwi-ofisi yeKomishoni yeeNkonzo zoLuntu (i-OPSC).
5.6. UNksz Wilhemina Reshoketswe Tshabalala njenge-DDG: Inguqu kwezeNtlalo noQoqosho kwiSebe lezooMama kwi-Ofisi kaMongameli
5.7. UMnu Matome Emmanuel Malatsi njenge-DDG: uBulungisa kunye nokuChasa uRhwaphilizo kwi-Ofisi yeKomishoni yeeNkonzo zoLuntu (i-OPSC).

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – UMlawuli-Jikelele oliBambela (we-GCIS)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore