Bhalisa izakhiwo nje ngeziko lokuzalisa ngobuxhakaxhaka (AI centre)

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa isakhiwo njenge ziko iAI centre

Ukuze ukwazi ukucubungula, ubeke ngendlea, unike amagama, ugcine okanye uthengise izinto zemveli, kufanele ubhalise iziko kuqala libe yi Al centre.

Isakhiwo sakho masibe noku okulandelayo:

  • Iofisi kunye nendawo yobuxhakaxhaka.
  • Indawo engena uwonke wonke
  • ucingo olubonakalisa ngaphaya
  • Iindawo zokugcina izilwanyana nesibaya 
  • Indawo ekhuselekileyo kwizifo
  • amanzi

Ezi zinto zibalwe ngentla kufanele ziqukwe kwiplani yendawo yakho.

Kufanele ube neplani yaphansi ebonakalisa mhlophe ubukhulu nobuncinane kunye nenkcukacha:

  • Zonke izindlu ezizakusebenza nje nge ofisi kunye nezobuxhakaxhaka oku kuquka:
    • Ukucubungula, ukuqhuba umsebenzi, ukubeka ngendlela ethile, ukuphisa ngamagama nezindlu zokugcina izinto zemvelo.
    • Izindlu zokucoca kunye nezokukhupha ubungozi kubuxhakaxhaka.
    • Indli yokuxhoma impahla zokusebenza kunye nedlu yangasese
  • Izitala, amadama amancinci, ukuqokelela imfuyo kunye izindlu zokudibanela.
  • Izibaya kunya nezokugcina uktya kwezilwanyana

Izilwanyana ezigcinwe kwezi zakhiwo kufuneka zingadibani nezingaphandle kwezi zakhiwo. Biyela ngocingo izakhiwo jikelele.

Izilwanyana ezigcinwe kwindawo yezilwanyana ezine zifo akufuneki zidibane nezinye kwizakhiwe. Ufanele ube nezitala ezihlukileyo ezisetyenziswa ekuqokeleleni ,ekugcineni nokuvavanya icindi zemvelo kwindawo yezilwanyana ezinezifo. Qinisekisa ukuba izilwanyana azinikezelani ngezifo.

Abantu abasebenza nge hagu ezikwindawo yezigulayo akufanelanga badibane nabanye abasebenzi emsebenzini.

Kufanele kubekho indawo enkulu ukwenzela ukuba izilwanyana zikwazi ukuzilolonga.

Kufanele ube nezindlu ezahlukileyo zokwenza le misebenzi ilandelayo:

  • ulawulo
  • oomatshini abacubungulayo, babeke ngendlea,babhale,baphinde bagcine izinti zemveli. 
  • ukucoca, ukubulala izifo, ukukhupha ubungozi noku lungiswa kobuxhakaxhaka bokuqokelela incindi zemvelo.

Abantu abaqokelela ezemvelo bangangeni kwezi zindlu sikhankanywe ngentla. Ezizindlu ekuqokelelwa, kucubungulwe, kubekwe, kubhalwe kungcinwe kuphinde kugcinwe izinto zemvelo kufuneka zihlale zicocekile ngamaxesha wonke.

Iindonga, phantsi nomphezulu wezindlu apho kuphathwa izinto zemvelo kufanele zicocwe rhoqo ukuze izilwanyana zikhuseleka.

Ofanele kukwenza

  1. Fumana uxwebu ngekhompuyutha  ulugcwalise: Isicelo sokubhslisa indawo nje ngeziko apha ngezantsi.
  2. Faka iikopi ezimbini, iplani yendawo kunye neyaphantsi nobungqina bokuthi uhlawule.
  3. Hlawula imali emiselweyo:
    The Director-General of the Department of Agriculture, Forestry and Fisheries
    Standard Bank
    Account number: 011219556
    Branch: Arcadia
    Branch number: 000845/010845.
    Ref: ligama ne fani yakho.
  4. Ungathumela nge emeyili, ngeposi okanye nge sandla ufake ubungqina bentlawulo.
    • Ukuba uyasi imayila isicelo sakho yenza umfanekiso ngqo wesicelo namaphepha afunekayo nesoqinisekiso sentlawulo ngekhomputha kule dilesi  : lesibanama@daff.gov.za.
    • Ukuba uthumela isicelo sakho nge posi kufuneka usithuleme ku: Private Bag X138, Pretoria, 0001
    • Xa usihambisa ngokwakho sise e Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria.

Ixesha elimiselweyo

Akukho xesha eliqingqiweyo kule nkonzo.

Ingaba kubiza malini na

R 6 030
 

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application for registration of premises as a centre (Isicelo sokubhslisa indawo nje ngesikhululo)

Ngubani onokuqhakamshelana naye

 

Registrar: Animal Improvement

Tel: 012 319 7424/34
Fax: 012 319 7570/7425

Physical address: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria
Postal address: The Registrar of Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001

Share this page