Ukufaka isicelo selungelo lokumba umgodi

Malunga
Kufuneka wenze ntoni
Kuthatha ixesha elingakanani
Kubiza malini
Iifomu emazigcwaliswe
Kunxityelelwana nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo selungelo lokumba umgodi

Ukuba ufuna ilungelo lokumba umgodi, kufuneka ufumane imvume kwiSebe lemiThombo yeziMbiwa ukuze umbe izimbiwa kwindawo ethile.

Ilungelo lokumba umgodi alinakuqhuba kangangexesha elingaphezulu kweminyaka engama-30.

Ilungelo lokumba umgodi ulinikwa ukuba:

  • isimbiwa eso siza kumbiwa kangangoko
  • unayo imali nobuchwepheshe bokuqhuba loo msebenzi wokumba loo mgodi kangangoko.
  • imali oyicwangcisele lo msebenzi iza kuwanela kwaye ayizikushiya phakathi lingekapheli eli xesha olisikelweyo
  • akuyi kubakho monakalo okanye kungcoliseka okukwiqondo elingamkelekanga kwindalo
  • ikhona imali oyibekele bucala ukuba ukulungiselela ukuncedisa kumaphulo okuphuhlisa ekuhlaleni  kunye neemfuno zabasebenzi
  • awuwaphuli uMthetho woPhuhliso lwemiThombo yeziMbiwa nePetroleum wowama-2002 (UMthetho 28 wowama-2002) (i-MPRDA)
  • lo msebenzi wokumba umgodi uyambelana noMqulu wezeMigodi.

Kufuneka wenze ntoni

  1. Faka isicelo sakho usebenzisa i-intanethi.
  2. Bhatala imali yokufaka isicelo engazikubuyiswa usebenzisa i-intanethi.
  3. Ukuba isicelo sakho samkelwe ngoku usifaka kwi-intanethi, uza kuthunyelelwa imbalelwano ukuba ungenise iinkcukacha ngamanyathelo oza kuwathatha ukuze ungenzi monakalo kwindalo ukuze zihlolwe zamkelwe.
  4. Azisa uze unxibelelane nabo bonke abachaphazelekayo zingekapheli iintsuku ezingama-180 ukusuka kumhla ofumene ngayo imbalelwano.

Kuthatha ixesha elingakanani

  • Ukuba isicelo sakho siyazonezisa zonke iinkcukacha zokufunwayo umlawuli wengingqi uza kubhalela ileta zingaphelanga iintsuku ezili-14 emva kokuba esifumene isicelo ukuba samkelwe. Umlawuli wengingqi uza kuyalela ukuba udibane nomnikazi-mhlaba, nalowo ukuwo ngoku kunye nabo bonke abachaphazelekayo.
  • Ukuba isicelo sakho asihambanga kakuhle umlawuli wengingqi uza kusibuyisela kuwe isicelo sakho zingaphelanga iintsuku ezili-14.
  • Ukuba uMphathiswa akafuni ukunika ilungelo lokumba umgodi, uza kubhalela ileta, zingaphelanga iintsuku ezingama-30, enika izizathu zokuba isicelo sakho sikhatywe.

Kubiza malini

Nxibelelana neSebe lemiThombo yeziMbiwa ukuze ufumane iinkcukacha ngemali ebhatalwayo.

Iifomu emazigcwaliswe

Izicelo kufuneka zenziwe kwi-intanethi.

Kunxityelelwana nabani

 

Share this page