Ukuba ufuna ukusebenzela abeNkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS) ngokuzithandela njengepolisa kufuneka ufake isicelo sokuba lipolisa elililalela.
Ipolisa elililalela ngumntu olilungu lasekuhlaleni owenza imisebenzi yobupolisa ngexesha eliqingqiweyo (iiyure ezili-16 ubuncinane ngenyanga) encedisa abe-SAPS ngokuzithandela engazikuhlawulwa.
Awunakukhethwa njengepolisa elililalela ukuba:
- wayekiswa emsebenzini ngenxa yempilo ngumqeshi wakho wangaphambili
- wawulilungu le-SAPS elisicelo salo sokuqeshwa kwakhona sakhatywayo
- unesikhundla osibambileyo kwiqela lezopolitiko
- uyintatheli okanye unondaba osebenza isigxina
- ungumfundi
- ungunogada
- ulilungu labenkonzo yamapolisa kamasipala.
Ukuze ube lipolisa elililalela kufuneka:
- ubengummi osisigxina weRhiphabliki yoMzantsi Afrika
- ubuncinane ube neminyaka eli-18 nengaphantsi kwengama-70 ubudala
- ungabinakuphazamiseka engqondweni, sifo okanye zinkathazo zokuguga zinokukuphazamisa kumsebenzi wakho
- ube ngumntu onesimilo esingenachaphaza kwaye nobungqina ngoku bube nokufumaneka xa bufuneka.
- wenziwe ngempumelelo uhlolo lwengqondo oluza kulungiselelwa ngumkomishinala wesizwe
- ube unaso isiqinisekiso sebanga le-12 okanye isiqinisekiso semfundo esilingana naso ekufuneka uze namaxwebhu abubungqina baso.
- ukwazi ukuthetha, ukufunda nokubhala, ubuncinane, ngesiNgesi njengelinye leelwimi ezisemthethweni
- uvume ukuba kuthathwe umfanekiso woshicilelo lweminwe yakho kwaye ube kanti zange ufunyaniswe unetyala lokwaphula umthetho okanye ube usatshutshiswa ezinkundleni zamatyala
- ube kanti ukulungele ukuqeqeshwa
- uthathe isifungo
- awunamibhalo ibonakalayo emzimbeni
Ubani uyakhuthazwa ukuba abe neencwadi zokuqhuba nangona oku kungengommiselo wokuba lipolisa elililalela.
Khangela ezinye iinkcukacha ngeendlela zokuba lipolisa elililalela okanye qhagamshelana nabeNkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika.