INtetho kaMongameli engoBume beSizwe ngoBekekileyo uMongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika uJacob G Zuma kumsitho weNdibanisela yeziNdlu zePalamente, eKapa

17 Jun 2014

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA),
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP),
Sekela Somlomo we-NA noSekela Sihlalo we-NCOP,
Sekela Mongameli weRiphabliki, oHloniphekileyo u-Cyril Ramaphosa,
OwayeSakuba nguSekela Mongameli uKgalema Motlanthe,
eHloniphekileyo iJaji eyiNtloko yeRiphabliki, nawo onke amalungu ahloniphekileyo eCandelo leeNkundla,
kuBaphathiswa nooSekela Baphathiswa abaHloniphekileyo,
kwiiNkulumbuso nooSomlomo bamaPhondo,
kuSihlalo weBhunga looMasipala baseMzantsi Afrika(i-Salga), nazo zonke iinkokheli zoorhulumente basekhaya,
kuSihlalo weNdlu yeeNkokheli zeMveli yeSizwe,
kwiiNtloko zamaZiko karhulumente axhasa intando yesininzi,
kumalungu weenkonzo zezozakuzo,
kuMalungu aHloniphekileyo,
kwiiNdwendwe ezihloniphekileyo
Bemi boMzantsi Afrika,

Good evening, sanibonani, molweni, riperile, dumelang, ndi madekwana, goeie naand.

Kuyinyhweba enkulu ukuba ndithethe nani kule Ntetho kaMongameli engoBume beSizwe yokuqala kulawulo lwesihlanu lwentando yesininzi.
Mandiqale ngokuvakalisa amazwi wovelwano olunzulu ngokushiywa kwethu nguNobhala wePalamente, uMnu. Michael Coetzee.

Igalelo lakhe kumzabalazo wenkululeko nowolawulo lwentando yesininzi alisoze lilibaleke.

Kule veki iphelileyo siye sashiywa kananjalo ngumama wethu, uMama u-Epainette Mbeki. Isikhokelo nobulumko bakhe buyakuhlala bukhunjulwa ngokwenene. Sivakalisa amazwi wethu wovelwano kusapho lakwaMbeki.
Iintliziyo zethu zilila kunye nezo ntsapho zamalungu oMkhosi woKhuselo woMzantsi Afrika (i-SANDF) nathe asweleka kwingozi embi yenqwelo-ntaka eMpumalanga namhlanje ngexesha ebefumana uqeqesho enkampini. Abo bathe bonzakala sibanqwenelela ukuba bachache ngokukhawuleza.

Bantu bakuthi,

Sisanda kuphuma kunyulo lukawonkewonke olube yimpumelelo ebelubanjwe ngomhla we-7 kwekaCanzibe. Sizimisele ukusebenza nawo onke amaqela asePalamente njengoko siqhubela uMzantsi Afrika phambili.

KwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe ebikwinyanga yoMdumba, ndabalisa ngebali elimyoli leminyaka engama-20 yenkululeko nolawulo lwentando yesininzi. 

Sathi uMzantsi Afrika lilizwe elithe chatha ngobungcono ukuhlala kulo kunokuba kwakunjalo ngaphambi kowe-1994, kwaye ubomi bezigidi zabantu bethu buphucukile.

Noko kunjalo, iSicwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) noPhononongo lwemiNyaka engamaShumi amaBini lwe-ofisi kaMongameli lugxininisa imingeni emithathu yendlala, ukungalingani nentswela ngqesho iyaqhuba nokuchaphazela ubomi babantu abaninzi.

Njengoko singena kwisigaba sesibini sotshintsho lwethu lokusuka kwingcinezelo ukuya kuluntu olulawulwa ngentando yesininzi, kufuneka sizibandakanye kwinguqu emandla yokutyhiliza imingeni entlando-ntathu.
Utshintsho aluzokwenzeka ngaphandle kongenelelo oluthile olungena nzulu.
Simisele iNkqubo yeMisebenzi esekwe kuMqulu weziThembiso woMbutho weSizwe (i-ANC) nakwi-NDP.

Uqoqosho luphambili kule nkqubo. Yinkolelo yethu emandla ukuba esona sixhobo sisebenzayo kuphulo lokulwa indlala, kukudala imisebenzi endilisekileyo, kwaye ukudala umsebenzi kufuna uhlumo lwezoqoqosho olukhawulezayo.

Sizisikele uhlumo lwe-5% ngowama-2019. Ukuze sikuzuze oku, siza kuzibandakanya kumanyathelo ngamanyathelo nongenelelo ukuze siqalise ukuvuselela uqoqosho.

Sizisikele oku ngexesha elinzima. Uqoqosho luhlume ngaphantsi kwamandla alo kwisithuba seminyaka emithathu edlulileyo kwaye imizi emininzi iyasokola.
Uhlumo olucothayo lubangelwe yinxalenye yokudodobala koqoqosho lwehlabathi ize okwesibini ibe zimeko zalapha ekhaya, ezifana nogwayimbo oluhamba nobundlobongela ngamanye amaxesha noluthatha ixesha elide, kwakunye nokusilela kwamandla.

Xa ujonga impembelelo yemeko yobudlelwane bezemisebenzi obungalinganiyo kuqoqosho, kubalulekile ukuba abehlulelani nabadlala indima ebululekileyo badibane baze baxoxe ngobundlobongela nexesha eli lithathwe lugwayimbo.

Kwakhona kuza kufuneka ukuba abehlulelani nabadlala indima ebalulekileyo baxoxe ngokungalingani kwemivuzo. Kwelethu icala njengoRhulumente ngeli xesha sikolu lawulo siza kuphanda ngowona mvuzo uphantsi unokuhlawulwa abasebenzi ngokubanzi njengenye yezixhobo ezibalulekileyo zokunciphisa ukungalingani kwemivuzo.

USekela Mongameli uCyril Ramaphosa uza kubiza intlanganiso yothethathethwano phakathi kwabehlulelani nabadlala indima ebalulekileyo, kweBhunga leSizwe lokuPhuhlisa uQoqosho nezaBasebenzi (i-Nedlac).

Okwesibini, uRhulumente uza kudlala indima yakhe ekufezekiseni iNkqubo-sikhokelo yeSivumelwano soShishino lweMigodi oluZinzileyo eyimbali phakathi kwabasebenzi, abezoshishino norhulumente kulo nyaka uphelileyo, phantsi kobunkokheli bowayesakuba nguSekela Mongameli uKgalema Montlanthe.

Le nkqubo ngoku iza kukhokelwa nguMongameli.

Siza kufezekisa umsebenzi wokwakha izindlu nezinye iinkonzo ukuze sivuselele iidolophu ezinemigodi, njengenxalenye yesivumelwano seyeDwarha yowama-2012 phakathi kukarhulumente nabezoshishino, urhulumente nabasebenzi.

Ingqalelo ikwiindawo ezinemigodi zaseMatlosana, Emalahleni, eSekhukhune, eLephalale, e-West Rand nase-Matjhabeng.

Kusungulwe iKomiti edibanisa aBaphathiswa ejongene nokuVuselela uLuntu oluHluphekileyo lwaseMigodini phantsi kobunkokheli boMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli ojongene noCwangciso, ukuHlola kokuSebenza noVavanyo, uMnu Jeff Radebe. 

Amalungu ekomiti aquka aba Baphathiswa balandelayo owezeMithombo yeziMbiwa, owezaManzi noGutyulo, owezoRhwebo noShishino, owezoPhuhliso lezeNtlalo, owezeMisebenzi, owezokuHlaliswa koLuntu, owezeMpilo, owoPhuhliso lwezoQoqosho nowezeZimali.

Ukukhuthaza ngakumbi ukuphuculwa kweemeko zezentlalo zabasebenzi-mgodini, uRhulumente uhlola ukuthotyelwa koko kumiselwe kwiMigaqo yeMigodi ziinkampani zemigodi, ngokunxulumene nokuphucula iimeko zezentlalo zabasebenzi.

Ezi nkampani zilindeleke ukuba ziguqule okanye zihlaziye iihostele zibe zindawo zokuhlala iintsapho, zizuze umlinganiselo wokuhlala komntu omnye egumbini ngalinye kananjalo ziququzelele iindlela ezinokuzikhetha zizisebenzise ukwenza abasebenzi-mgodini babe ngabanini bezindlu.

Sibongoza ezi nkampani ukuba zifikelele kula maxesha amiselweyo wonyaka wama-2014 zize zenze eli lungelo libe lilungelo lokuba nesidima kubasebenzimgodini.

Malungu aHloniphekileyo,
Ndwendwe ezihloniphekileyo,

Amaqondo aphantsi otyalo-mali ngowona mqobo uphambili kuhlumo lwezoqoqosho. Sizimisele ukusebenza necandelo labucala ukuze sisuse imiqobo ethintela utyalo-mali.

Singathanda ukubona icandelo labucala libonisa ukuzithemba kangangoko kuqoqosho njengoko lisenza icandelo likarhulumente.

Siza kuqhubeka nokubandakanya abezoshishino ekukhuthazeni uhlumo oluquka konke nolwakha uluntu olunempumelelo ngakumbi. Kulo meko, kungekudala ndiza kubiza intlanganiso yeQela eliSebenza ngezoShishino likaMongameli.

Emva kwentlanganiso yokugqibela yeQela eliSebenzayo kulo nyaka uphelileyo, kwasekwa imisebenzi enenkqubela phambili ezokwenziwa phantsi kweenkqubo ezahlukeneyo ezintandathu kwaye bezikade zixoxa ngezisombululo zemiqobo eyahlukahlukeneyo ethintela ushishino eMzantsi Afrika.

Le miba iye yaphakanyiswa kananjalo ngabanikazi namaGosa aziNtloko zeziGqeba zoLawulo weenkampani ezinkulu endithe ndazisindleka kwiiseshoni ezahlukeneyo, ezintathu ebesisebenza ngamandla kuzo kwikhaya eliseMahlamba Ndlopfu kweyeNkanga nakweyoMnga kulo nyaka uphelileyo. 

Intlanganiso elandelayo yeQela eliSebenzayo iza kuqhubela phambili ubudlelwano bentsebenziswano yohlumo oluquka konke nophuhliso oluzinzileyo.

Bemi boMzantsi Afrika,

Kufanele sihlangabezane ngokugqibeleleyo nemiqobo yezamandla yeli lizwe khona ukuze sikwazi ukudala imeko yokusingqongileyo efanelekileyo yohlumo.
Inkqubo yokufakelwa kombane eyimpumelelo etshintshe ubomi kumakhaya amaninzi iphumelele ngokucofa nje koovimba bombane bethutyana, ebingayilelwanga ukubonelela ukuhambisa umbane ngemiyinge emikhulu.

Le meko ifuna inguqu emandla kwicandelo lezamandla, ukuqulunqa iindlela ngeendlela ezizinzileyo  zokuphehla amandla eziquka amalahle, isola, umoya, amanzi, igesi namandla enyukliya.

Le nguqu iza kufuna utshintsho kumaziko ngendlela  amasebe karhulumente, iinkampani zikarhulumente ezichaphazelekayo nolu shishino ngokubanzi athi ahlangabezane ngayo nemingeni yezamandla.

Isicwangciso sezamandla sikwafuna ukuxhaswa ngezimali nangabasebenzi kwicandelo lezamandla. 

Kananjalo kuza kufuneka sichonge iindlela ezenza inguqulelo ezikhawulezisa ukuthenga nokuhambisa oko kuthengiweyo ngurhulumente kwicandelo lezamandla. 

Ukulungiselela ukuxhotyiswa kweziko, sikwinkqubo yokuguqulwa kweKomiti eQuquzelelayo yesiGqeba seKhabhinethi yeNyukliya nezaMandla yeSizwe, ukuba ibe yiKomitana yeKhabhinethi yoKhuseleko lwezaMandla. 

Le komitana iza kujongana kwanawo nomsebenzi wokubeka esweni, wokuququzelela nokunika isikhokelo semisebenzi yecandelo lezamandla.

Le komitana kananjalo iza kuqinisekisa ukuba u-Eskom ufumana inkxaso eyidingaayo ukuze azalisekise isigunyaziso sakhe kwaye uya qhubeka ukugxila ekuphumezeni iinjongo nezinto ekujoliswe kuzo.

Ukuze siphumeze iinjongo zethu zokhuseleko lwezamandla, iinkampani zikarhulumente ezibandakanyekayo kwiCandelo lezaMandla ezifana no-Eskom, iQumrhu lezaMandla eNyukliya loMzantsi Afrika neNgxowa-mali ePhambili yezaMandla kuza kufuneka ziziqhelanise neendima ezisekwe ngokutsha ukuze kuphunyezwe ezi njongo.

Ngokunxulumene nenkxaso-mali msebenzi kufanele wenziwe kwinqanaba lezobuchwephetshe kuzo zonke iindidi zamandla ingakumbi amandla enyukliya nawegesi ephuma ematyeni, ukhuselo, ukusetyenziswa ngokugqithisileyo nokuveliswa kwamalungu apha ekhaya.

Inyukliya inamathuba okuvelisa ngaphaya kwe-megawatts ezingama-9000, ngeli xesha igesi ephuma ematyeni isaziwa ngokutshintsha imeko yezoqoqosho lwethu.

Siza kukhetha ukulandela le gesi iphuma ematyeni kwakwisikhokelo semithetho yethu emihle yokusingqongileyo.

Ikhona neminye imisebenzi engxamisekileyo esizibandakanya kuyo, eyexesha elifutshane. Inkqubela-phambili kwisiza solwakhiwo kwisikhululo sombane saseMedupi iza kukhawuleziswa.

Izicwangciso zokuxhasa ngezimali isikhululo esikhulu samalahle esilandelayo, i-Coal 3, ziza kukhawuleziswa ukuze inkqubo yokuthenga ikwazi ukuqalisa.
Kananjalo siza kuqalisa isigaba se-4 senkqubo yabavelisi abazimeleyo bamandla avuselelweyo, ngokuthi basebenzise uncedo lomoya, isola, i-biomass nobunye ubuchwephetshe obandisa amathuba okuphuhliswa kwamaphandle.

Somlomo oHloniphekileyo noSihlalo oHloniphekileyo,

Sikwajonge ngaphaya kwemida yethu yokhuseleko lwamandla.

Kulo nyaka uphelileyo kweyeDwarha satyikitya iSivumelwano seProjekthi i-Grand Inga Hydro Power noRhulumente we-Democratic Republic of Congo. Le projekthi inkulu inesicwangciso sobuchule inamandla okuvelisa i-megawatts ezingama-40 000 zombane ofumaneka emanzini.

Ilizwe lethu liza kuxhamla kakhulu kule projekthi ingumfuziselo.

Ukulungiselela ukufezekiswa kwesi sicwangciso sezamandla, kufuneka siqukumbele umthetho onxulumene nokuhlengahlengiswa koshishino lwezamandla njengoko kunkanywe kuMthetho oYilwayo weNkqubo eZimeleyo yabaSebenzisi-mandla boRwebo, iSicwangciso sokuXhobisa esiDibeneyo neminye imigaqo-nkqubo echaphazela icandelo lezaMandla.

Malungu ahloniphekileyo,
Ndwendwe ezihloniphekileyo,

Sisisizwe esisebenzayo.

Ukongeza kumangenelelo wethu amakhulu wokhuseleko lwezamandla, siza kuqhubeka nokufezekisa iSicwangciso seZisekelo ezinguNdoqo seSizwe, phantsi kweliso leKomishoni yokuQuquzelela iziSekelo ezinguNdoqo kaMongameli, kwilizwe liphela.

Kwiminyaka emihlanu edlulileyo, satyala malunga netriliyoni enye yeerandi kwiziseko ezingundoqo ezitsha zokubonelela ngamanzi, ngamandla, ngezothutho, ngogutyulo, ngezikolo nangeekliniki noqhagamshelo lwe-intanethi kubantu bethu.

Kwisithuba seminyaka emithathu ezayo, siza kuchitha malunga nama-R847 eebhiliyoni kwiziseko ezingundoqo neeprojekthi eziliqela kuza kuqaliswa okanye ziza kuqukunjelwa.

Ukwakhiwa kwedama iMzimvubu eMpuma Koloni kuza kuqhubeka, kwakunye nokwenyuswa kodonga lweDama i-Clanwilliam eNtshona Koloni.
Kwisithuba seminyaka emihllanu ezayo umsebenzi omkhulu wokwakha kwiSigaba se-2 kwi-Lesotho Highlands Water Project uza kuqukunjelwa.
Kwiminyaka emihlanu ezayo, siza kugqibezela ukwakha ngaphezulu kwezitya ze-Meerkat ezingama-60 size siqalise ukwakha izitya zee-antena zokuqala ze-100 Square Kilometre Array.

Siza kunabisa, senze ntsha size sandise ukufumaneka kolwazi neziseko zonxibelelwano neenkonzo zonxibelelwano ngekhompyutha, kuquka nosasazo lwe-broadband nolwedijithali.

Ukuze siqhubele phambili nalo msebenzi, kweyoMnga kunyaka ophelileyo iKhabhinethi yamkele “i-South Africa Connect”, uMgaqo-nkqubo wethu wamaza osasazo e-Broadband neSicwangciso-qhinga.

Siza kuqhubeka nezinye iiprojekthi zeziseko ezingundoqo ezahlukahlukeneyo eziza kutshintsha iimeko zezentlalo zabantu bethu neziza kukhulisa  uhlumo lwezoqoqosho.

Bantu bakuthi

Inkqubo yethu yenguqu emandla yezoqoqosho loluntu iza kuthathwa ekuphunyezweni kweSicwangciso soMsebenzi woMgaqo-nkqubo wamaShishini.

Siza kukhuthaza ukuthengwa kweenkonzo nemveliso yalapha ekhaya size sandise imveliso yasekhaya ngokwenza ukuba urhulumente athenge iimpahla neenkonzo ezingama-75% kubavelisi baseMzantsi Afrika.

Siza kusebenzisa icandelo lokuvuselelwa kwamandla, ukuveliswa kweebhasi, iikhontrakthi zeentloko zikaloliwe zakwa-Transnet ezixabisa ama-R50 eebhiliyoni  neeprojekthi ze-Arhente yaBakhweli bakaLoliwe yaseMzantsi Afrika (i-PRASA) zabakhweli  bakaloliwe phakathi kwezinye, ukuze kukhuthazwe ukusetyenziswa kwemveliso yasekhaya nokukhuthaza uhlumo.

Kananjalo kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo siza kukhuthaza uphuhliso loqoqosho nokuvulwa kwemizi-mveliso emininzi, ngokudala iMimandla yezoQoqosho eYodwa kwilizwe ngokubanzi. 

Siza kuqhubeka nokuxhasa ngembuyekezo yenkuthazo, ukuba kumgangatho wokhuphiswano kwamashishini ezithuthi, wempahla, wezikhumba, wezihlangu nemizi-mveliso yamalapu, egxile ekudaleni imisebenzi.

Malungu ahloniphekileyo

Nangona kukho iimeko ezinzima kurhwebo lwehlabathi kuqoqosho  lwalo lwesiqhelo, icandelo lezoKhenketho laseMzantsi Afrika liqhubeke ngokubonisa uhlumo oluhle ngowama-2013, lafikelela kwinqanaba eliphezulu le-9,6 sezigidi zabakhenkethi abathe bafika bevela kwihlabathi ngokubanzi.

Abantu bayalithanda ilizwe lethu kwaye bayaqhubeka ukutyelela uMzantsi Afrika.

Sizibekele ixesha lokwandisa inani leendwendwe zamazwe angaphandle lifike ngaphezulu kwezigidi ezili-15 ngonyaka ngowama-2017.

Sikwajonge ukwandisa igalelo lezokhenketho kwingeniso yelizwe ibe ngaphezulu kw e-R125 leebhiliyoni ngowama-2017.

Kule minyaka mihlanu izayo, siza kubeka phambili inkxaso yamashishini amancinci, ngokukodwa amashishini asezilokishini nakwicandelo elingekho sesikweni, yiyo ke loo nto siza kusetyenziswa inkqubo yophuhliso lwaMashishini amaNcinci aPhakathi naPhuhlayo ukuxhasa ukuxhotyiswa kwabamnyama kwezoqoqosho ngokubanzi.

Siza komeleza ukufezekiswa koMthetho ohlonyelweyo wokuXhotyiswa kwabaMnyama kwezoQoqosho ngokuBanzi noMthetho wokuQesha ngokuLingana, ukuze kwenziwe inguqu kubunikazi, kulawulo, nakulawulwa kwezoqoqosho.

Siza kukhuthaza ngakumbi izikimu zobunini-zabelo kubasebenzi noluntu size sixhase nokuthathwa kwenkxaxheba ngoosomashishini abamnyama ekuvuselelweni kwemizi-mveliso emininzi yezoqoqosho.

Bantu bakuthi,

Impahla epheleleyo yaMaziko oPhuhliso lwezeZimali axabisa kwimali engangeebhiliyoni ezingama-R230.

Noko kunjalo, impembelelo yazo kuphuhliso azisekwanga ngokubanzi ngokwaneleyo kwaye iinkqubo zotyalo-mali zawo aziququzelelwanga ngendlela efanelekileyo. 

Amaziko azakubekwa kwezinye iindawo kwiminyaka emihlanu ezayo ukuze akwazi ukuqhuba ngokwenene uphuhliso loqoqosho loluntu. 

Kwangamoya omnye, i-Postbank iza kuxhaswa ukuze ikwazi ukudlala indima ephambili ekwandiseni iinkonzo zebhanki ebantwini abahluphekayo nakubasebenzi.

Malungu ahloniphekileyo,
Ndwendwe ezihloniphekileyo,

Ukuxhotyiswa kolutsha kuza kubaphambili kwinkqubo yethu yenguqu yezoqoqosho.

Urhulumente uzakuvelisa amanye amanyathelo okukhawulezisa ukuqeshwa kolutsha, ngokuhambelana neSivumelwano seNgqesho soLutsha.
Siza kwandisa inani lezithuba zabasebenzi abafunda amava omsebenzi kwicandelo likarhulumente, ngesebe ngalinye nequmrhu ngalinye likarhulumente kuza kulindeleka athathe abantu abazasebenzela ukufunda amava omsebenzi  kuqeqesho lokubanika amava.

Icandelo lezamashishini likusabele ngendlela entle ukuvezwa kwerhafu yenkuthazo yengqesho. Kwiinyanga ezintlanu kuphela, kukho abasebenzi abali-133 000 abaxhamlileyo nabaqeshi abali-11 000 abathathe inxaxheba kwiskimu senkuthazo.

Uninzi luqeshwe koobhazabhaza abathengisela oonovenkile nakwiindawo zomathenga-thengisa, ezokuvelisa nakumacandelo ezezimali.

Somlomo oHloniphekileyo,
Sihlalo oHloniphekileyo,

Ukusukela ngowama-2004 urhulumente uqhube iNkqubo yeMisebenzi yoLuntu eNyatyisiweyo (i-EPWP) ebonelela ngamathuba emisebenzi nokuqeqeshwa kwabangenamsebenzi ngokuyimpumelelo. Isigaba esitsha siza kubonelela ngamathuba emisebenzi azizigidi ezintandathu ngowama-2019. Sakha kwiimpumelelo zeminyaka embalwa edlulileyo.

Sidale amathuba emisebenzi amalunga nezizigidi ezine kule minyaka mihlanu idlulileyo.

Amanyathelo okusingqongileyo we-EPWP afana nokusebenza ngenkunkuma, nokusebenza kwimigxobhozo, ukusebenza ngamanzi, ukusebenza ngomlilo neenkqubo zeeNkonzo zoLutsha zokusiNgqongileyo kuza kunyuswa umgangatho wazo ukuya kutsho ngowama-2019, egameni lokuxhasa uphuhliso lolutsha.

Ukongeza apho, iNkqubo yeMisebenzi yoluNtu esekwe kumasipala iza kwandiswa ukuze ibonelele ngamathuba emisebenzi azizigidi ekupheleni kowanma-2019.

Bantu bakuthi,

Sichonge ezolimo njengothombo obalulekileyo ovelisa imisebenzi. Sizimisele ukuba icandelo lezolimo lidale imisebenzi esisigidi ngowama-2013.
Urhulumente uza kubonelela amafama athengisa ngemithamo emincinci ngenkxaso epheleleyo ukukhawulezisa uhlengahlengiso lwezemihlaba nokubonelela ngenkxaso yobuchwephetshe, eyeziseko ezingundoqo nenkxaso yezimali. 

Inkxaso iza kunikezelwa kuluntu kwanokubandakanya imveliso yokutya nokufama ngemithamo emincinci ukuziphilisa uze uthengise ubuncinane bemveliso ukuze kuqinisekiswe ukufumaneka kokutya, ngokuhambelana nenkqubo yemveliso yokutya i-Fetsa Tlala.

Siza kukhawulezisa ukuhlawulwa kwamabango omhlaba ashiyekileyo awayefakwe phambi kwexesha elalimiselwe lowe-1998. Kananjalo siza kuvula kwakhona ixesha lokufakwa kwamabango okubuyiselwa kwemihlaba kangangesithuba seminyaka emihlanu, kwenziwe umthetho weemeko ezizodwa zexesha ebelimiselwe ukunqanyulwa ngowe-1913 kwinzala yamaKhoi namaSan.

Somlomo ohloniphekileyo,
Sihlalo oHloniphekileyo,

I-Afrika eseMazantsi e-Sahara iye ikhula ekubeni liqabane lezorhwebo elibalulekileyo lelizwe lethu. Sikhuthazwa kukuba utyalo-mali loMantsi Afrika kwilizwekazi lusanda ukusuka kwiibhiliyoni ezi-R5,5 ngowama-2002 ukuya kwiibhiliyoni ezingama-R32,3 ngowama-2013.

Imveliso yethu ethunyelwa kwilizwekazi nayo iyanda rhoqo ngonyaka, inyuke ngama-28,5% isuka kuma-22,6% ngowama-2002.

UMzantsi Afrika uza kuqhubeka ukukhokela imanyano yommandla ngeManyano yohlobo loRhwebelwano, Uluntu oluPhuhlileyo laMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC) nakuMmandla woRhwebo oluKhululekileyo lamaHlakani amaThathu wamazwe  anqamleza i-Afrika eseMpuma neseMazantsi.

Bemi boMzantsi Afrika,

Singathanda amava wabantu bethu oorhulumente basekhaya abengamnandi.
Sizimamele izikhalazo neziphakamiso zabemi boMzantsi Afrika kwisithuba seminyaka emihlanu edlulileyo, ezinxulumene nokusebenza koomasipala.
Ndingathanda ukwabelana nani ngoku isicwangciso sethu somsebenzi sokuvuselela oorhumente basekhaya.

Oomasipala bethu bakhelwe kwisiseko esiluqilima, esakhiwe kwisithuba seminyaka engama-20 edlulileyo yolawulo lwentando yesininzi.
Sibahlole bonke oomasipala bethu.

Sihlole ulawulo lwabo lwezezimali, indlela abasebenza ngayo kwakwiinkqubo zomthetho kwakunye nobuchule babo bokuqalisa iiprojekthi nokulungisa ukusilela kokuxhotyiswa ngezakhono.

Kananjalo sijonge indlela abahlangabezana ngayo noqhankqalazo lokunikezelwa kweenkonzo. Zikhona iimpumelelo ezininzi koomasipala abaninzi. Noko kunjalo, sijongene nemingeni emininzi kweminye.

Sikholisekile kuba oomasipala abalishumi elinanye bagqwesile ngokuhlala beqhuba kakuhle kuphicotho, kwinkcitho-mali yezibonelelo zeziseko ezingundoqo zoomasipala nasekunizelweni kweenkonzo.

Abo masipala balishumi linanye ngaba balandelayo:
1. uMasipala weSithili iNkangala.
2. uMasipala weSithili iCacadu.
3. uMasipala weSithili iZululand.
4. uMasipala weSithili Umzinyathi.
5. uMasipala weSithili Ilembe.
6. uMasipala waseKhaya i-Knysna.
7. uMasipala weSithili i-West Coast.
8. uMasipala waseKhaya iMatzikama.
9. uMasipala waseKhaya i-Mossel Bay.
10. uMasipala waseKhaya i-Breede Valley
11. noMasipala waseKhaya i-Steve Tshwete.

Sivuyisana naba masipala ngale ndlela basebenze ngayo.
Uhlolo olupheleleyo loomasipala abahlukahlukaneyo lubonakalise apho badinga khona inkxaso.

Siza kubonelela ngoncedo aba masipala balandelayo phakathi kwabanye:
UMasipala weSithili i-Amathole eMpuma Koloni, iBhanki yethu yoPhuhliso ye-Afrika eseMazantsi iphumeze inkxaso-mali yokuphucula iziseko ezingundoqo.

Iiprojekthi ezahlukahlukeneyo ezilikhulu, ingakumbi ezamanzi nogutyulo, ziza kuqaliswa kwaye injongo kukuziqukumbela kwisithuba seenyanga ezili-12 ezizayo.

KuMasipala weSithili uMzinyathi, KwaZulu-Natal, kuza kubonelelwa ngenkxaso-mali ukuze kuphuhliswe iiprojekthi zeziseko ezingundoqo ezichaphazela kakhulu ukufakelwa kombane ezindlini.

Oomasipala basekhaya abaza kubonelelwa ngeenkonzo baquka uMsinga, Umvoti neNquthu.

UMasipala weSithili i-Alfred Nzo eMpuma Koloni, uza kubonelelwa ngenkxaso-mali kwiiprojekthi zophuhliso lweziseko ezingundoqo ezichaphazela ubonelelo lwamanzi, ugutyulo nokufakelwa kombane.

Oomasipala basekhaya babandakanya iMbizana neNtabankulu, abanceda abemi abamalunga nesigidi esinye.

Siza kuxhasa uMasipala waseKhaya iLukhanji ukuze ahlengahlengise ulawulo lwakhe aze afezekise izicwangciso zenkxaso zokubonelela ngamanzi nombane.

Siza kunceda umasipala weSithili i-OR Tambo uzinzise ulawulo neziseko zeziko nokukhawulezisa ukufezekisa iziCwangciso zoNgenelelo lukaMongameli.

KuMasipala waseKhaya uMbhashe siza kufezekisa izicwangciso zokulawula inkunkuma nokulungisa imiba echaphazela ukungcoliseka kwamanzi angaphantsi komhlaba.

UMasipala weSithili i-Ngaka Modiri Molema eMntla Ntshona, urhulumente wesizwe uza kubonelela ngenkxaso aze asebenze neBhanki yoPhuhliso ye-Afrika eseMazantsi ukuze kusonjululwe ukuxhaswa ngezimali kwiziseko ezingundoqo zamanzi nogutyulo.

Siza kuxhasa iSixeko saseRhawutini eGauteng ukuze sisombulule iingxaki yenkqubo yokukhutshwa kwamatyala.

Siza kuxhasa uMasipala waseKhaya i-Moqhaka eFreyistata ngokuphelisa inkqubo yokusetyenziswa kwamabhakethi nemingeni yezindlu zangasese ezingenandonga naluphahla.

Ngeli xesha umsebenzi wokuphelisa inkqubo yokusetyenziswa kwamabhakethi uyaqhuba kwilizwe liphela. Lo iza kuba ngumsebenzi ophambili weQela laBaphathiswa abajongene noMsebenzi wokuNikezelwa kweeNkonzo endithe ndaliseka. Eli qela likhokelwa nguMphathiswa u-Pravin Gordhan.

Eli qela liqulathe aba Baphathiswa owoCwangciso, uVavanyo nokuHlolwa koMsebenzi, kwi-Ofisi kaMongameli  owezokuHlaliswa koLuntu, owezaManzi noGutyulo, owezoThutho, eweMicimbi yezeKhaya, owezaMashishini kaRhulumente, owezaMandla, owezoPhuhliso lwaMaphandle noHlengahlengiso lweMihlaba, owezeMpilo nowezeMfundo esiSiseko.

Somlomo oHloniphekileyo noSihlalo oHloniphekileyo,

Ingqwalasela ebalulekileyo koorhulumente basekhaya kwiminyaka emihlanu ezayo iza kuba yindlela esiza kuhlangabezana ngayo nenyaniso yokwanda okukhawulezileyo kokufudukela kwabantu ezidolophini.

UMzantsi Afrika uba lilizwe elinesimo sokugcwalisa kwabantu ezidolophini. Ngowama-2011 phantse ngama-63% abantu bethu ababehlala ezidolophini nakwizixeko kwaye olu phuhliso kulindeleke ukuba luqhubeke kwisithuba seminyaka elishumi ezayo.

INkqubo-sikhokelo yoPhuhliso lweDolophu oluDibeneyo siza kuqukunjelwa ngowama-30 kweyeKhala yowama-2014.

Iza kubonelela izixeko needolophu zoMzantsi Afrika ngorhwebo olutsha.
Iza kucacisa inkqubo-isikhokelo yomgaqo-nkqubo ngendlela yenkqubo iidolophu zaseMzantsi Afrika emazhlengahlengiswe ngayo ukuze zikwazi ukuquka wonke umntu, zibenemithombo eyaneleyo neendawo ezilungele ukuhlwalwa kwisithuba sale minyaka ingama-20 ukuya kuma-30.
Sisonke masiqhubele oorhulumente basekhaya phambili!

Bantu bakuthi,

Kwisithuba seminyaka engamashumi amabini edlulileyo, sandise ngokuthe chu inkxaso yemizi engathathi ntweni nebuthathaka ngokutyala imali kwezezindlu, ukwandisa iinkqubo zethu zezibonelelo zenkxaso-mali karhulumente nokufikelela kwimfundo okuphuculiweyo nemkathalelo yezempilo yokuqala.

Kweli xesha lizayo, siza kuqhubeka ukomeleza ukuncitshiswa kwendlala.
Siza kuqhubeka ukutyala imali kwezemfundo nakuphuhliso lwezakhono njengoko oko kubalulekile kuhlumo lwezoqoqosho nophuhliso. Sidinga iinjineli, abantu abasebenza ngombane, abatywini, oogqirha, ootitshala namanye amagcisa okwakha uqoqosho lweli lizwe.

Imfundo ngoko ke ihlala ingumba ophambili nobalulekileyo kulo rhulumente. Siza kuqhubeka nokukhuthaza ukufikelela kwimfundo kwabantwana bonke ngokuqinisekisa ukuba bonke abantwana abaphakathi kweminyaka esixhenxe neli-15 basesikolweni.

Siza kwandisa inani labafundi beBanga le-12 abanokungena kwiidyunivesithi lisuke kuma-172 000 ngowama-2013 liye kuma-250 000 ngowama-2019.
Sivule ubuncinane isikolo esinye esitsha rhoqo ngeveki eMpuma Koloni kunyaka odlulileyo kwaye siza kuqhubeka ukuphelisa izikolo ezakhiwe ngodaka nezinye izakhiwo ezingafanelekanga.

Inani lolutsha olukwiidyunivesithi nakwiikholeji landile kwiminyaka edlulileyo.  Iikhontrakta ziza kuba zisebenza kweyoMsintsi ziqalise ukwakha iidyunivesithi ezintsha eMntla Koloni naseMpumalanga.

KweyoMqungu kunyaka ozayo, kuza kubhaliswa abafundi bokuqala abafundela ubugqirha kwidyunivesithi entsha yezonyango eLimpopo.

Ukongeza apho, kuza kwakhiwa iikholeji zoqeqesho nezemfundo yamakhondo ezili-12 ukwandisa umxube wezakhono zobuchwephetshe kweli lizwe.

Bantu bakuthi

Masisebenzisane siqhubeke ngokulwa iziyobisi nokusetyenziswa kakubi kwezidodobalisi ezikolweni zethu naseluntwini lwethu. Kananjalo siza kubeka phambili ukhuseleko ezikolweni, kwizithuthi ezisetyenziswa ngabafundi nempilo yabantwana.

Kumba wezempilo, siza kuthi chatha ukusebenza nzima ukuze sandise ubomi obuphilwa ngumntu obulindelekileyo ukusukela ekuzalweni busukele kwiminyaka engama-60 ngowama-2012 ukuya kwiminyaka engama-63 ngowama-2019.

Iphulo lokunciphisa umlinganiselo wokusweleka kweentsana xa zizalwa nokusweleka kwabasetyhini xa bebeleka liza kuqhubeka.
Oku kuza kufuna ukufezekiswa kwe-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe nokuphucula umgangatho wenkathalelo kwicandelo likarhulumente.

Siza kwakhela kwiimpumelelo zethu zonyango  lweNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo nenkqubo exhasayo ngokunabisa amaphulo ethu onxibelelwano amakhulu okuthintela i-HIV.

Bantu bakuthi,

Siza kuqhubela phambili namanyathelo esele siwathathile ukukhuthaza ukuxhotyiswa nokuphuhliswa kwabasetyhini.

UMphathiswa kwi-ofisi kaMongameli ojongene nophuhliso lwabaseTyhini, uNks. Susan Shabangu, uza kusebenzisana namanye amasebe kaRhulumente, ii-arhente, amacandelo abucala nemibutho engekho phantsi kukarhulumente, ukuze kukhuthazwe ukuxhotyiswa koqoqosho nezentlalo yabasetyhini, uphuhliso namalungelo oluntu.

Ukomeleza ngakumbi iimpumelelo zethu zolawulo lwentando yesininzi, siza kuqhubela phambili size siphucule ubomi babantu abakhubazekileyo kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo.

Siza kusebenza necandelo labaKhubazekileyo ukuchonga iindawo ezibalulekileyo apho kufuneka sizalisekise indima edlalwa nguMzantsi Afrika njengoko watyikitya iSivumelwano seZizwe eziManyeneyo esingamaLungelo waBantu abaKhubazekileyo neMigaqo yayo eNganyanzelisiyo.

Olunye ungenelelo olubalulekileyo lweli xesha  luza kuba kukuqukumbela uMgaqo-nkqubo wamaLungelo wabaKhubazekileyo weSizwe oquka iNkqubo-sikhokelo yeSizwe yabaKhubazekileyo.

Lo Mgaqo-nkqubo neNkqubo-sikhokelo-nkqubo uza kukhokela umsebenzi kaRhulumente ukuze ukhuthaze uluntu oluquka konke ngokuthe chatha nokukhuthaza ukubandakanyeka kwabantu abakhubazekileyo kwiinkqubo zokuthatha izigqibo. 

Bemi boMzantsi Afrika,

Ikhona inkqubela-phambili ethe yenziwe kwisithuba seminyaka emihlanu edlulileyo yokunciphisa amaqondo olwaphulo-mthetho olunobuzaza olufana nokubula, ukuphanga kuxhotyiwe, ulwaphulo-mthetho olujoliswe kwabasetyhini, ebantwaneni nakwamanye amaqela abuthathaka, kodwa luhlala luphezulu ngendlela engamkelekiyo.
Siza kusebenzela ukuba sinciphise amaqondo olwaphulo-mthetho ngakumbi.

ICandelo eliLodwa loPhando, iQela lokuLwa uRhwaphilizo, iCandelo lokuThimba iMpahla nelooKhetshe, enze inkqubela-phambili eqaphelekayo kumsebenzi wethu wokulwa urhwaphilizo eluntwini ngokubanzi nakwicandelo likarhulumente. Lo msebenzi uza kuqhubeka kule minyaka mihlanu izayo.

Ububhetyebhetye ekuthengweni, kulawulo nakwinkqubo zokusebenza ezisengela phantsi ukusebenza ngempumelelo nangokuvakalayo kukarhulumente buza kulungiswa.

Elinye lamanyathelo abalulekileyo, esele liqhuba, kukubeka izinto ezijongene nokuthenga endaweni enye phantsi kwe-Ofisi yeGosa eliyiNtloko lokuThenga ekwi-ofisi kaNondyebo weSizwe.

Sesiqalise ngokuyilinga le ndlela intsha ejongene nokuthenga endaweni enye yefenitshala yezikolo eMpuma Koloni. Le fenitshala iza kuhanjiswa kuzo zonke izikolo zaseMpuma Koloni phakathi kweyeThupha yowama-2014.

Amanyathelo azakwaziswa ukuze kuthintelwe abasebenzi bakarhulumente nabameli boluntu ekwenzeni ushishino norhulumente.

Oku kuza kuxhaswa lufezekiso oluphuculweyo lweNkqubo-sikhokelo sokuDandalazisa iZimali, ukhuselo oluxhotyisiweyo  loontamnani, nangokubonelela ngoncedo lobuchwephetshe kumasebe ukuze kulawulwe indlela yokuziphatha ngempumelelo.

Bantu bakuthi,

Kule minyaka mihlanu izayo siza kuqhubeka ukukhuthaza ukwakha i-Afrika engcono nehlabathi elithe chatha ngobulingisa.

UMzantsi Afrika uza kuqhubeka nokuxhasa iinkqubo zommandla nezelizwekazi ukuba uhlangabezane uze uzisombulule iingxubakaxaka, ukhuthaze uxolo nokhuseleko, uqinise ukudityaniswa kommandla, uze wandise ngokubonakalayo urhwebo lwangaphakathi kumazwe ase-Afrika nokukhokela uphuhliso oluzinzileyo e-Afrika.

Oku kuza kuquka ukuxhasa nokufezekisa izigqibo zeManyano yaMazwe ase-Afrika kwakunye nokukhuthazwa komsebenzi wamaziko wayo.

Siza kuqhubeka kananjalo nokukhuthaza intsebenziswano yaMazwe aseMazantsi-naMazwe aseMazantsi ngokusebenzisa ubulungu nokuzibandakanya namaqonga namaqela aseMazantsi.

Ngokufanayo, siza kuqhubeka nokukhuthaza ubudlelane bokuzuza ngokufanayo namazwe aseMantla.

Siza kuqhubeka nokuphuhlisa nzulu uqoqosho, urhwebo, nentsebenziswano yotyalo-mali namazwe we-BRICS (i-Brazil, i-Russia, i-China, noMzantsi Afrika) ngomsebenzi owenziwa liQela loQhagamshelo le-BRICS lezoQoqosho neMiba yezoRhwebo.

Malungu aHloniphekileyo,
Ndwendwe ezihloniphekileyo,

I-SANDF ibengumthombo weqhayiya lesizwe njengoko ibithatha inxaxheba kwimisebenzi yokugcina uxolo kwilizwekazi.

Le ndima iza kuqhuba kwaye urhulumente ujonge ekuxhobiseni igunya le-SANDF ngokoPhononongo loKhuseleko oluqukunjelwe kutshanje.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ukuze siqhubele eli nyathelo phambili, uSekela Mongameli nam siza kudibana naBaphathiswa nooSekela Baphathiswa sixoxe ngezicwangciso zokufezekisa ezithe vetshe zesebe ngalinye.

UMphathiswa ngamnye uza kutyikitya isivumelwano sokusebenza noMongameli esicacisa okuzokwenziwa lisebe ngalinye kwinkqubo yemisebenzi.

Bantu bakuthi,

Umhla we-17 kweyeSilimela uphawula isikhumbuzo seminyaka engama-22 senyhikitya embi yaseBoipatong eGauteng.

Xa sijonga emva kwelinye lawona mabali mabi akhe akhona kwimbali yakutshanje, sikhunjuzwa ukuba kufuneka sibeke phambili ukupholisa nokwakha isizwe kakhulu kunakuqala.

Kufuneka siqhubeke ukuqondisana, ukunyamezelana noxolelwano, silwe ucalu-calulo ngokobuhlanga sikunye, intiyo yabemi bangaphandle, iingcinga ezimbi ngabantu abathandana besisini esinye nazo zonke ezinye iindlela zokunganyamezalani ezinxulumeneyo.

Ukusetyenziswa kwezemidlalo nenkcubeko njengoko kusimanyayo elizweni lethu kuza kuqhubeka kweli xesha lolawulo.  Siza kuqhubeka kananjalo ukukhuthazwa koMgaqo-siseko ezikolweni siqinisekise ukuba abantwana bethu bakhule neenqobo ezibalulekileyo nokuthanda ilizwe labo nabantu balo.

Siza kuqhubeka nokwakha amagugu aquka konke kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo ngokwakha izakhiwo zesikhumbuzo namanye amaphawu okuhlonipha amaqhawe namaqhawekazi womzabalazo awasinika inkululeko nolawulo lwentando yesininzi esiluxhamlayo namhlanje.

Njengenxalenye yemibhiyozo yeminyaka engama-20 yenkululeko nolawulo lwentando yesininzi, iingcombolo ezineminyaka engama-20 kulo nyaka, ezifana nezo zalowo ungasekhoyo wayesakuba nguMongameli uNelson Mandela zentsuku zokuqala e-Ofisini ziza kusiwa kooVimba beSizwe.

Kulo nyaka siza kubona kananjalo ukudweliswa kweeNgcombolo zeQonga leeNgxoxo laMaqela ngaMaqela we-CODESA kwiRejista yeHlabathi yeeNkumbulo yaMazwe-ngamazwe.

Kule nyanga izayo ilizwe nehlabathi liza kubhiyozela usuku lukaMandela lweHlabathi.

Bonke abemi boMzantsi Afrika kufanele banikele ubuncinane ngemizuzu engama-67 ngomhla we-18 kweyeKhala, ukuze bacoce uMzantsi Afrika, engumxholo wethu kulo nyaka.

Masiqale ngokucwangcisela iphulo elikhulu lokucoca izixeko zethu, iidolophu, iilokishi, iilali, izikolo size senze ntle yonke indawo yelizwe lethu.

Bemi boMzantsi Afrika,

Le nkqubo yemisebenzi ijolise ekwenzeni uMzantsi Afrika ube yindawo engcono yabantu bonke.

Sikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane nathi senze ukufezekiswa kwale nkqubo kube yimpumelelo.

Sisonke masiqhubele uMzantsi Afrika phambili.
Ndiyabulela.
 

Issued by: The Presidency

Share this page

Similar categories to explore