Intetho kaMongameli Cyril Ramaphosa yamaNyathelo okuLungisa iNgxaki yoMbane

Bemi BoMzantsi Afrika,

Ngolu rhatya, ndifuna ukuthetha nani ngomba weengxaki ezambethe ezamandla kweli lizwe lakuthi.

Kwezi veki zintathu zidlulileyo, ucimi-cimi wombane omandla usiphazamise kakhulu waze wenza umonalakalo omkhulu kuqoqosho lweli lizwe.

Ingxaki yokucinywa mihla le kombane iphazamise izigidi zamakhaya yaye yawenzela iingxaki ezinkulu amashishini.

Emva kwesithuba esingaphezulu kweminyaka elishumi umbane weli ungenazinzo, abemi boMzantsi Afrika bakruqukile kwaya bebomvu ngumsindo, futhi ngakhona.

Badikwe bada bagqithisa.

Ke ngoko siye saqulunqa amacebo athile okusabela kule ngxaki.

Le ngxaki sijamelene nayo ifuna ukuba sithathe inyathelo elibonakalisa isibindi nokungathandabuzi ukuze sivale lo msantsa ukhoyo kwezombane.

Eli ke kukuhlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba nabo babe yinxalenye yesisombululo; baphose igade, umntu ngalo nto anayo ukuze kulungiswe le ngxaki yokunqongophala kombane eMzantsi Afrika.

Njengorhulumente siza kubhengeza amanyathelo aliqela okulwa le ngxaki sijamelene nayo.

Kwezi ntsuku zili-10 zidlulileyo, bendibambe iingxoxo ezishushu nezikhulu zakwa-Eskom, abaphathi bezikhululo zophehlo-mbane kunye nabo babe sayakuba ngabasebenzi bakwa-Eskom.

Ndiye ndabamba iintlanganiso nemifelandawonye yemibutho yabasebenzi, i-Business Unity South Africa, i-Black Business Council, imibutho yoluntu kunye neengcali ezahlukeneyo zezamandla.

Kusasa nje, ndiye ndanentlanganiso kunye neenkokeli zemibutho yezopolitiko.

Ndiyazibulela kakhulu iziphakamiso neengcebiso ezenziwe ngabo besibambe iintlanganiso nabo.

Ezi ntlanganiso zisincedile ngethuba siqulunqa amacebo esiza kuwasebenzisa ukusombulula le ngxaki kwaye kwaqinisekisa nokuba onke amacandelo eli loMzantsi Afrika ayinxalenye yabo bazingela isisombululo, njengoko le iyingxaki eyambethe isizwe siphela.

Bonke abantu endithethe nabo bathi eli lixesha lokuba isizwe sibumbane kuliwe le ngxaki sijongene nayo.

La manyathelo ndiza kuwabhengeza ngolu rhatya ngala:

Okokuqala, iinjongo zawo kukuphucula indlela ezisebenza ngayo ezizikhululo zophehlo-mbane zikhoyo zika-Eskom;

Okwesibini, aza kukhawulezisa inkqubo yokuthengwa kombane omtsha;

Okwesithathu, enzelwe ukunyusa umthamo otyalwa ngamaqumrhu abucala kumaphulo okuvelisa umbane;

Okwesine, enzelwe ukuvumela amashishini kunye namakhaya ukuba athenge amacangca esola afakelwa phezu kwezindlu; kuze,

Okokugqibela, ibe kukwenza iinguqu notshintsho olumandla kwicandelo lezombane nokwenza eli candelo lizinze kule minyaka izayo.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ukuze enze umahluko la manyathelo siwathathayo, kufuneka siqale siyiqonde le ngxaki ingunobangela.

UMzantsi Afrika unamaziko ombane asele esebenza avelisa umbane omalunga nama-46 000 MW. Ngamaxesha okusetyenziswa kakhulu kombane sisebenzisa umbane omalunga nama-32 000 MW.

Noko kunjalo, ngamaziko ombane ayi-60% kuphela asoloko esebenza kuba amanye aqhele ukuba evaliwe kuba ekhandwa kusenziwa umsebenzi wokuwalungisa ocetyiwe aze amanye wona angasebenzi kuba esenziwa ukhando obelungacetywanga.

Amaziko ophehlo-mbane amaninzi eli akhiwa kudala kakhulu.

Umyinge wobudala bamaziko ophehlo-mbane ka-Eskom yiminyaka engama-35. Ngokwesiqhelo ke, amaziko ophehlo-mbane amadala awasebenzi kakuhle njengamatsha.

La maziko ophehlo-mbane matsha, i-Medupi kunye neKusile, akhiwe sele siphelelwe lixesha kwaye kubekho ulibaziseko olukhulu ngethuba esakhiwa futhi anazo neengxakana ezinxulumene nendlela la ayilwa aze akhiwa ngayo.

Ezi ngxakana nazo ziyalungiswa.

Ngenxa yoku, u-Eskom waye wanyanzeleka ukuba awunqumamisa umsebenzi wesiqhelo wokuwakhanda ukuze ahlale esebenza ngokufanelekileyo kuba efuna ukuba singacinyelwa ngumbane, into leyo ibangele ukuba amane esonakala ngoku.

Imeko yamanye amaziko ophehlo-mbane ka-Eskom yenziwe yamaxongo nangakumbi ngumkhuba oxakileyo wokubusela, ubuqhetseba nokonakaliswa ngabom.

Emva kwesithuba seminyaka emininzi sithwaxwa yingxaki yokubanjwa ngobhongwane kombuso nolawulo olugwenxa, ezi zikhulu zingoomakhwekhwetha zikhoyo ngoku azisalali zizama ukulungisa ezi ngxaki zambethe u-Eskom kunye nomonakalo omkhulu wale minyaka ingaphambili.

Nangona kunjalo, sithetha nje ngoku sifuna umbane ongama-6 000 MW.

Kwezi veki zimbalwa zidlulileyo, siye sazibona sisengxakini yokuba amaziko ophehlo-mbane avelisa umbane ongama-18 000 MW engasebenzi ngenxa yezizathu ezininzi, into leyo eyabangela ukuba u-Eskom asibeke kwinqanaba le-6 lokucinywa kombane.

U-Eskom uye wanyanzeleka ukuba awunkinkishe umbane ngokumana ewucima ukuthintela ukuba iziko lophehlo-mbane lingacimi lonke, nokuba ilizwe lonke libe sebumnyameni.

Izinto ezikhokelele kwimeko yokuba kucinywe umbane ziquka ukonakala izihlandlo eziliqela kwamaziko ophehlo-mbane.

Kwaye kwakho nomonakalo kwiintambo yombane esuka e-Cahora Bassa e-Mozambique futhi kwakukho neengxelo zokuba bakhona abantu abonakalise ubuxhaka-xhaka buka-Eskom ngabom.

Abasebenzi baka-Eskom basebenza nzima ukulungisa lo monakalo ukuze ezi zitishi zikwazi ukugalela umbane kwiziko lombane lesizwe elingundlukulu.

Ngenxa yomsebenzi waba basebenzi, ngoku noko izinto ziyakhetheka kule veki.

Isivumelwano ekwafikelelwa kuso ngu-Eskom kunye nabasebenzi siye savumela ukuba kwenziwe umsebenzi obalulekileyo wokukhanda izitishi ebezonakele nokuba uqalise umsebenzi wokuphehlwa kombane.

Ii-arhente zogcino-mthetho nazo ziqhuba kakuhle kumba wokulwa ukonakaliswa ngabom, ubusela kunye nobuqhetseba kumaziko ophehlo-mbane akwa-Eskom nakumanye amaziko obuxhaka-xhaka abalulekileyo.

Nangona la malinge encedile azisa uzinzo kwicandelo lokuphehlwa kombane ethe ayinqumamisa le ngxaki sijongene nayo ngoku kacimi-cimi wombane, iziko lombane lesizwe alikazinzi gqibelele futhi lisenakho nokuqhwalela.

Ingxaki yokunqongophala kombane ingumqobo kakhulu kuhlumo loqoqosho nakumalinge okudala imisebenzi.

Ithintela utyalo-mali kwaye ilutheza amandla okukwazi ukukhuphisana uqoqosho lweli.

Singulo mbuso uphetheyo ngoku, sele siwathathile amanyathelo abalulekileyo okwandisa umthamo wombane esiwuvelisayo kunye nokuqinisekisa ukuba sisebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zombane.

Elinye lamanyathelo okuqala esalithathayo ukulungisa le ngxaki yokunqongophala kombane yayikukuvuselela inkqubo yokuthengwa kombane ohlaziyekayo ngowama-2018.

Ukususela ngoko, umbane ongama-2 000 MW ophehlwe ngelanga nangomoya sele ugalelwe kwiziko lesizwe lombane kusetyenziswa inkqubo ye-Bid Window 4.

Omnye umbane ongama-2 600 MW sele uthengiwe kusetyenziswa inkqubo ye-Bid Window 5, eza kuqalisa ukugalela umbane kwiziko lesizwe lombane ekuqaleni kowama-2024.

Sele siqalisile ukusebenzisa imithombo eyahlukeneyo yokuphehla umbane ngokuthi sivumele amanye amaqumrhu angengo-Eskom ukuba nawo avelise umbane.

NgeyeSilimela kulo nyaka uphelileyo, saye sawandisa umyinge omiselwe wabantu abazivelisela umbane wasuka ku-1 MW waya ku-100 MW.

Oku kwasusa ela solotya limisela ukuba umyinge ungegqithi kwi-100 MW kombane odityanisiweyo nalo weziko lesizwe.

Eli nyathelo lanceda iinkampani ezizivelisela umbane ukuba zikwazi ukuthengisela umbane amaqumrhu amaninzi afana neefektri, imigodi kunye namaziko okugcina ulwazi.

Siye senza utshintsho nakwimithetho ethile ukuze sikwazi ukuvumela oomasipala ukuba bazithengele umbane ngokwabo.

Oomasipala abaliqela sele beqalisile ukwenza oku.

Kwezi nyangana zimbalwa zidlulileyo, u-Eskom uye wakhupha umhlaba okufutshane namaziko akhe ophehlo-mbane eMpumalanga oza kusetyenziselwa iiprojekthi zombane ohlaziyekayo, into leyo iza kuvelisa umbane oli-1 800 MW.

U-Eskom uphinde wakhangela nomnye umhlaba oza kusetyenziselwa lo msebenzi mnye.

La manyathelo abalulekile kwaye aza kuba luncedo kakhulu kwezi nyanga nale minyaka izayo.

Into ethe yacaca gca ngethuba sithwaxwa yingxaki kacimi-cimi wombane kwezi ntsukwana zidlulileyo kukuba la manyathelo besikade siwathatha nesisaqhubekayo ukuwathatha awanelanga.

Ke ngoko sigqibe kwelokuba sithathe amanye amanyathelo ukuze siyilungise le ngxaki ingaphindi ivele, iphele tu.

Okokuqala, silungisa u-Eskom futhi siphucule nendlela asebenza ngayo la maziko ophehlo-mbane sinawo.

Inkqubo yokukhanda nokugcina amaziko ophehlo-mbane akwa-Eskom esebenza ngokufanelekileyo iye yayeke-yeke ngokuhamba kweminyaka.

Ngoku kuye kwathathwa isigqibo sokuba kwezi nyanga zili-12 zizayo, u-Eskom uza kuyenyusa imali ayibekele ukwenza umsebenzi wokukhanda nokulungisa ukuze oko kubangele ukuba angonakali rhoqo amaziko ophehlo-mbane.

Siphungula ubucukubhede obuninzi obuqhele ukufunwa ku-Eskom xa eza kuthenga iintsimbi zoomatshini bokuphehla umbane ukuze zikwazi ukufumaneka ngokukhawuleza lingaqhithanga ixesha elisikiweyo.

Enye yemingeni u-Eskom ajongene nayo kukunqongophala kwabasebenzi abanezakhono kunye neenjineli.

Kungoku nje eli ziko liqhuba inkqubo yokuqesha abasebenzi abanezakhono, abaquka abaphathi bamaziko ophehlo-mbane kunye neenjineli zangaphambili ebesele zisebenza kumashishini abucala.

Aba basebenzi banezakhono baza kuncedisa aba bakhoyo baze baqinisekise ukuba kubuyelwa kweza nkqubo zangaphambili zazikumgangatho wehlabathi xa kusenziwa umsebenzi wokulungisa nokukhanda.

Kwezi nyanga zintathu zizayo, u-Eskom uza kuthatha amanye amanyathelo aze ongeze ngokukhawuleza ezinye izixhobo zokuvelisa umbane.

Njengenyathelo lokungenelela ngoku, kuza kuthengwa omnye umbane kumaqumrhu azimeleyo avelisa umbane.

La ngamaziko ombane avelise umbane ongaphezulu kwemfuneko ngoku ke lo mbane uyintshiyekela bangawuthengisela u-Eskom.

Njengenxalenye yokulungisa le ngxaki yokunqongophala kombane, u-Eskom ngoku uza kuthenga umbane kumaqumrhu abucala afana nemigodi, imizi-mveliso yamaphepha, amaziko odederhu lweevenkile kunye namanye afana nala anombane omninzi ngokugqithisileyo angawusebenzisiyo.

Amazwe amaninzi angabamelwane apha emaZantsi e-Afrika, afana ne-Botswana kunye ne-Zambia, anombane ongaphezulu kunemfuneko.

U-Eskom uza kuthenga umbane kula mazwe angaphandle esebenzisa isivumelwano esiyi-Southern African Power Pool.

U-Eskom naye usebenzisa nezinye izixhobo zokubambisa okwethutyana, ezifana neejenareyitha, ukongeza kulo mbane unqongopheleyo.

U-Eskom uza kuqalisa inkqubo eza kukhuthaza ukusetyenziswa ngobunono kombane ngabantu ukuze ungabimninzi kakhulu umbane osetyenziswayo ngamaxesha okubuya kwabantu emisebenzini.

Sasikhe sathetha ngaphambili ngetyala elikhulu lika-Eskom, ekungokunje eliyimali emalunga neebhiliyoni ezingama-400 eerandi.

Eli tyala liyingxaki engumqobo othintela u-Eskom ukuba akwazi ukulungisa iingxaki ezininzi ajamelane nazo.

UNondyebo weSizwe uqukumbela icebo aza kulisebenzisa ukusombulula le ngxaki yetyala lika-Eskom.

UMphathiswa wezeMali uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngendlela urhulumente aza kulilwa ngalo eli tyala xa esenza iNgxelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS) ngenyanga yeDwarha.

Siza kusebenzisa imali ekwingxowa yezemozulu efunyenwe nge-Just Energy Transition Partnership size sityale imali ku-Eskom sakugqiba siwavuselele amaziko ophehlo-mbane asele ephelelwe lixesha.

U-Eskom uza kwakha iiprojekthi zakhe zokuqala zesola nezebetri eKomati, eMajuba, eLethabo nakumanye amaziko ophehlo-mbane. Oku kuza kukhokelela ekubeni umbane ongama-500 MW ungene ku-Eskom.

UMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) umisele iqela elilodwa logcino-mthetho eliza kunceda u-Eskom akwazi ukulwa ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo.

Abantu abaninzi sele bebanjiwe kwezi ntsukwana zimbalwa zidlulileyo kwaye abanye sele besezinkundleni bexoxa amatyala orhwaphilizo nobuqhetseba obenzeka kwizivumelwano no-Eskom.

Yakuba imithetho yenziwe ngqingqwa futhi noluntu ngobubanzi labaza iindlebe, u-Eskom uza kukwazi ukuqhubeleka neenkqubo zakhe zokukhanda nokutyala imali.

Asikwazi ngoku ukube sithandabuza.

La manyathelo aza kusinceda senze le ngxaki kacimi-cimi wombane ingabimandla kakhulu futhi ipheliswe tu kule minyaka izayo.

Ukuze le ngxaki kacimi-cimi lombane ipheliswe, kufuneka sigalele umbane omninzi ku-Eskom.

Into yesibini esiyikhokelise phambili kukukhawulezisa amaphulo okuthengwa kombane omtsha kumaziko avelisa umbane ohlaziyekayo, wegesi okanye ogcinwa kwiibhetri.

Amasebe afanelekileyo karhulumente ayasebenzisana ukuqinisekisa ukuba zonke iiprojekthi zika-Bid Window 5 zenkqubo yombane ohlaziyekayo zingaqalisa ngoku kanye ngeli xesha belibekiwe.

Oku kuquka ukuba siziqonde izinto ezingenokwenzeka nezingenongenzeki ngokumayelana nomyinge wezixhobo ekufuneka zithengwe apha ekhaya kulo msebenzi, kukhokeliswe phambili umba wokwakha ezi zitishi zophehlo-mbane ngokukhawuleza.

ISebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano kunye ne-Ofisi yabaVelisi boMbane abaziMeleyo baza kunika iingcaciso egcweleyo ngalo mba kwezi ntsukwana zimbalwa zizayo.

Umthamo wombane othengiweyo ngethuba lika-Bid Window 6 lombane womoya nowesola uza kuphindwa kabini usuke kuma-2 600 MW uye kuma-5 200 MW.

Siza kukhupha isicelo sokungeniswa kweziphakamiso zeebhetri zokugcina umbane ngenyanga yoMsintsi kulo nyaka, size siphinde sikhuphe esinye isicelo sombane wegesi ngokukhawuleza emva koko.

UMphathiswa weMithombo yeziMbiwa naMandla uza kukhupha isicwangciso sale miyinge ishiyekileyo ikwisiCwangciso seZixhobo esiDityanisiweyo sowama-2019, aze avule amanye amathuba ngokukhawuleza okufakwa kwezicelo zokungeniswa kweziphakamiso.

Ukuze siqinisekise ukuba sicwangcisa kakuhle, isiCwangciso seZixhobo esiDityanisiweyo siyaqwalaselwa kwakhona ukuze sibe namasolotya abonakalisa ukuba kukho imfuneko yokuba kongezwe umthamo wombane esinawo kunye nezivumelwano esinazo ezinxulumene nezemozulu.

Okwesithathu, siza kukhawulezisa amaphulo otyalo-mali lwecandelo labucala kwicandelo lokuveliswa kombane.

Kulo nyaka uphelileyo sabhengeza ukuba siyawongeza umyinge wabo banokukhutshelwa iilayisenisi uye kwi-100 MW.

Eli nyathelo lathakazelelwa kakhulu. Liye lakhokelela ekubeni kuvele iiprojekthi zabucala ezingaphezulu kwama-80 eziza kuvelisa umbane ongama-6 000 MW.

Sele sisebenzisana neli candelo ukuqinisekisa liyazikhawulezisa ezi projekthi sele ziphambili, uninzi lwazo esele ziqalisile ukwakhiwa.

Olu tshintsho lubangele ukuba kubekho iintlobo ezahlukeneyo zamaqumrhu avelisa umbane.

Emva kwempumelelo yolu tshintsho kunye nomdla obonakaliswe ngamashishini abucala, siza kuwususa la myinge ubumiselwe kwabo bazivelisela umbane ngokwabo.

Oku kuza kukhokelela ekubeni unyuke kakhulu umthamo wemali etyalwa ngamashishini abucala kumaphulo okuvelisa umbane.

Nangona zingafuni layisenisi, zonke ezi projekthi zintsha zokuvelisa umbane kufuneka zibhaliswe kwiqumrhu elilawulayo futhi zibe nabo ubuxhaka-xhaka obufanelekileyo obuhambelanayo nobu buka-Eskom kunye nemithetho yeli yezokusingqongileyo.

Enye yezinto ezingumqobo kakhulu kumaphulo okongeza umbane kulo wesizwe lixesha elithathwa ziprojekthi zokuvelisa ukuba zikhutshelwe amaphepha-mvume okuqalisa umsebenzi wokwakha.

Le nkqubo yonke, ukusuka kwisithuba sokuyila kuya kwinqanaba lokuqalisa ukusebenza, ithanda ukuthatha isithuba esingaphezulu kweminyaka emithathu ngenxa yemithetho kunye nobunye ubucukubhede obugqithisileyo obufunwayo.

Nangona le mithetho ikhoyo ngoku ingenakuba yingxaki ngamaxesha aqhelekileyo, le meko sikuyo ngoku ifuna ukuba sihambe ngesantya futhi singelibazisi.

Ke ngoko siza kuthi thaca imithetho eyodwa ePalamente ngokukhawuleza ukuze kulungiswe le ngxaki yemithetho eyimiqobo ethintela ukuthengwa kombane omtsha wethutyana.

Lo mba siwuphakamisile kusasa namhlanje kunye neenkokeli zamaqela ezopolitiko anamalungu akwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe.

Siye savumelana sonke ukuba le nkqubo kufuneka ikhawuleziswe wakuba lo mthetho ukhethekileyo sele ungenisiwe ePalamente.

Ngokwangoku siza kube sibunqumamisa obunye ubucukubhede bezomthetho obufunekayo phambi kokuba kuqaliswe iiprojekthi zesola kwimimandla engabonakalisi ukuba oko kungenza umonakalo kwindalo.

Kukwathetha nokuba u-Eskom angazandisa iipali zombane kunye nezitishi ezincinci zophehlo-mbane engakhange afune imvume kumagosa ezendalo kwiindawo ezingabonakalisi ukuba oku kungenza umonakalo kwindalo futhi nekunokunqumla kuzo iintambo zombane.

Siza kuseka indawo enye ekuza kuthunyelwa kuyo zonke izicelo zeeprojekthi zamandla, ukuqinisekisa ukuba kukho uthungelwano nentsebenziswano kwiinkqubo zikarhulumente zokukhupha amaphepha-mvume.

Ndiyalele amasebe kunye namaqumrhu ombuso ukuba akhe aqwalasele la maxesha asikiweyo nokuqinisekisa ukuba zonke izicelo ziqwalaselwa ngokukhawuleza.

Angcono la manyathelo kunokubhengeza imo yentlekele okanye yonxunguphalo, njengoko abanye bebesithi masenze njalo.

La manyathelo okungenelela aza kusinika ithuba lokuba sikhawulezise ukukhangela iindlela ezintsha zokuvelisa umbane ngeli thuba sikhusela amalungelo abo bonke abemi boMzantsi Afrika futhi silandela umthetho.

Asidingi ukude sibhengeze imo yonxunguphalo okanye yentlekele kwizwelonke ukuze sisebenzise imithetho efuna ukusetyenziswa kwengqondo eza kusinceda ukusombulula le ngxaki yombane.

Okwesine, sifuna ukudala iimeko eziza kuvumela amashishini kunye namakhaya ukuba athenge iisola ezibekwa phezu kwendlu.

UMzantsi Afrika unelanga eligqatsa umhla nezolo nelinokusetyenziswa ukuphehla umbane.

Kukhulu anokuzuza amakhaya kunye namashishini ngokufakela amacangca esola kumaphahla ezindlu baze lo mbane bawudibanise nalo ka-Eskom.

Ukuze kubekho inzuzo encumisayo ngokufakela amacangca esola kumaphahla ezindlu, u-Eskom uza kuqulunqa imithetho kunye noluhlu lwamaxabiso – aza kubizwa ngokuba yi-feed-in-tariff – aza kuhlawulwa ngombane osuka kulo ufakwe ngamakhaya kunye namashishini waza wadityaniswa nalo ka-Eskom.

Oku kuthetha ukuba abo bakwaziyo kunye nabo sele bewafakele la macangca esola kumakhaya okanye amashishini wabo baza kukwazi ukuthengisela u-Eskom umbane oshiyekileyo kubo.

Sicela bonke abemi boMzantsi Afrika bangawusebenzisi kakhulu umbane njengoko silala obungehliyo sizama ukuphelisa le ngxaki kacimi-cimi wombane nokugalela umbathe othe chatha kulo wesizwe.

Okokugqibela, senza utshintsho olumandla kwicandelo lezombane oluza kulenza eli candelo lizinze kule minyaka izayo.

Sasithethile ngaphambili ngomba wokwahlulwa-hlulwa kuka-Eskom, into leyo eyakhokelela ekubeni simqhekeze abe ngamaqumrhu amathathu angala: iqumrhu lokuphehla umbane, iqumrhu lokuhambisa umbane kunye nelokuthunyelwa kombane ebantwini.

U-Eskom useke inkampani ezimeleyo yokuhambisa umbane kwaye aqhuba kakuhle namalungiselelo okumisela ishishini lokuphehla kunye nelokuthumela umbane ebantwini ekupheleni kowama-2022.

Kungekudala siza kuqasha ibhodi yequmrhu lezokuhambisa umbane kunye neyelokuphehla umbane.

Iinguqu ezibanzi ziza kwenziwa ngokukhawuleza ukudala icandelo lezombane eliza kukwazi ukumelana nokhuphiswano ngokuthi kuqukunjelwe uMthetho-siHlomelo oYilwayo woLawulo loMbane oza kuvulela ukutyalwa kwemali licandelo labucala.

Ezi nguqu ziza kulitshintsha kakhulu icandelo lezombane ukwenzela izizukulwana ezizayo.

Amazwe amaninzi nawo sele esenza ngolu hlobo kwaye ngokwenza oku akwazile ukuzisa uzinzo kwicandelo lokuveliswa kombane.

Oku kuza kubangela ukuba sisebenzise iintlobo ezahlukeneyo zombane futhi siqinisekise nokuba sinombane owaneleyo.

Olu tshintsho luza kuvumela amaqumrhu amaninzi avelisa umbane, asuka kwicandelo labucala nakurhulumente, ukuba akhuphisane phantsi kweemeko ezifanayo.

Iziko lesizwe lombane lona liza kuhlala liphantsi korhulumente.

U-Eskom uza kuqhubeleka inguye yedwa iqumrhu lombane elisemthethweni ngoku siza kuba sizama ukuphucula indlela asebenza ngayo futhi sisizisa nozinzo kwizimali zakhe.

Ukuqinisekisa ukuba la manyathelo alandelwa ngendlela ethungelanayo, ndiye ndaseka iKomiti yeSizwe yekuJongana neeNgxaki zoMbane.

Usihlalo wale komiti iza kuba nguMlawuli-Jikelele kwi-Ofisi kaMongameli, kwaye iza kudibanisa onke amasebe namaqumrhu achaphazelekayo kwinkqubo yokunikezelwa kombane.

Le Komiti yeSizwe yokuJongana neeNgxaki zoMbane iza kuba namalungu azingcali aphuma kwicandelo lezoshishino, elezabasebenzi, kumaqumrhu eengcali zobunjineli kunye nemibutho yoluntu.

AbaPhathiswa abafanelekileyo baza kunika iingxelo rhoqo ngenkqubo ngqo kum ukuze siqinisekise ukuba sinyathelela phezulu xa sizalisekisa yonke into esithe siza kuyenza ngokwala manyathelo.

Bemi boMzantsi Afrika,

La manyathelo ndiwadandalazise apha ngasentla awenzelwanga nje ukulungisa ezi ngxaki sijongene nazo ngoku.

Eyona njongo yethu kukuba sibe nombane owaneleyo ukusukela ngoku ukubheka phambili ukuze singaze siphinde sibe nengxaki yokunqongophala kombane kwakhona.

Sifuna ukwenza oku ngokuzisa uzinzo ku-Eskom kunye nokuphucula indlela asebenza ngayo, ukudala icandelo lezombane elikwaziyo ukumelana nokhuphiswano, ukuvulela amashishini abucala ukuba atyale imali kulo mbane mtsha uza kuveliswa kunye nokunyusa umthamo wemali esiyifaka kwiintlobo zombane ohlaziyekayo.

La manyathelo anyanzelekile ukuze avuselele uhlumo loqoqosho futhi adale nemisebenzi.

Xa sisenza oku, siza kulenza eli libe lilizwe elihamba phambili kwinkqubo yokutshintshela kuhlobo olutsha lombane ozinzileyo, sitshintshe le ngxaki sijongene nayo siyisebenzisele uzinzo kunye nohlumo lwangomso.

Njengokuba norhulumente eza kudlala eyakhe indima, ndifuna ukuhlaba ikhwelo nakumashishini, imibutho yabasebenzi kunye nabantu bonke ukuba basebenzisane nathi babe yinxalenye yeli linge.

Oku kuquka ukuqalisa ngokukhawulezisa ukusebenzisa isiVumelwano sezeNtlalo sika-Eskom kunye nokuvuselela izithembiso kunye namanyathelo abambekayo aza kuthathwa ngawo onke amahlakani ezentlalo.

Nanjengoko sathi saxhasa ilinge lesizwe lokulwa ubhubhane we-COVID-19, nakweli linge masenze ngokunjalo siphose igade apho sinakho.

Singamakhaya kufuneka singawusebenzisi kakhulu umbane.

Masizibhatalele iinkonzo sikuthintele nokuzifakela umbane ngokungekho mthethweni.

Masibe yinxalenye yeli phulo likhulu lokufakelwa kwamacangca esola emaphahleni ezindlu sincedise kumalinge okugwadla isisombululo.

Amashishini nawo kufuneka ayiphungule indlela awusebenzisa ngayo umbane ngokuwusebenzisa ngobunono.

Amashishini kufuneka asebenzise la mathuba avelayo atyale imali kumaphulo okuvelisa umbane.

Imibutho yabasebenzi kufuneka nayo izamele ukuba kubekho intsebenziswano, ikhumbule ukuba sizamela ukuba sibe nombane owaneleyo into leyo ibalulekileyo esinokuyenza ukuqinisekisa ukuba imisebenzi ayipheli kunye nokudala imisebenzi emitsha.

Kule mpela-veki iphelileyo, bendikhe ndatyelela kwisikhululo sophehlo-mbane sase-Tutuka eMpumalanga, ebesithwaxwe kakhulu yimikhuba yolwaphulo-mthetho.

Sivile ngokubiwa kwezixhobo zokukhanda oomatshini bokuphehla umbane zize zithengiselwe i-Tutuka nezinye izikhululo zophehlo-mbane.

Sixelelwe nangomkhuba othe gqolo wokubiwa kwe-oli eninzi kunye nokonakaliswa ngabom kwezixhobo kusenzelwa ukuba e-Eskom aphinde abhatale imali eqesha ezi zixhobo kumashishini abucala.

Le nto yenzeka e-Tutuka nakwezinye izikhululo zophehlo-mbane yinto yangabom eyenziwa ngamaqela emigulukudu atshabalisa u-Eskom kunye noqoqosho lweli lizwe.

Emva kokuba ndityelele e-Tutuka, ndiye ndanendibano nabo bonke abaphathi bezikhululo zophehlo-mbane zika-Eskom.

Ndaziva ndinebhongo kukubona ukuba bangabantu abahlukeneyo futhi bazimisele ukuba bafumane abasebenzi abanezakhono ezifanelekileyo nokuqinisekisa ukuba imigaqo efanelekileyo yokukhanda iyalandelwa.

Sibulela ngokungazenzisiyo kubasebenzi bezi zikhululo zophehlo-mbane ngomsebenzi wabo.

Bangumzekelo ekufuneka siwulandele sonke.

La manyathelo siwabhengezayo ngolu rhatya, kunye nala sele siwathathile, aza kusinceda siphelise ngokukhawuleza le ngxaki kacimi-cimi wombane.

Aza kufaka izwe lakuthi endleleni eya kwilixa apho siza kuba nombane ongazikusiphoxa, ofikelelekayo kunye nozinzileyo.

Ukuba siyasebenzisana, ukuba sinyanzelisa ukuba umntu aphendule ngomsebenzi wakhe, ukuba izinto sizenza sizigqibe ngexesha esilisikelweyo, siza kuyilwa iphele le ngxaki yombane siza sidale iimeko eziza kukhuthaza uhlumo sivule nemisebenzi.

Kodwa okona kungaphezulu kuko konke, siza kubonakalisa ukuba siza kukwazi ukumelana nomsebenzi wokwakha ngokutsha izwe lakuthi elihle.

Enkosi.

Share this page

Similar categories to explore