INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-28 kweyoMdumba yowama-2018

IKhabhinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla wama-28 kweyoMdumba yowama-2018, e-Tuynhuys, eKapa.

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. INtetho engoHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe

1.1. IKhabhinethi iyakubulela ukwamkelwa ngokupheleleyo koHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2018 oluthe lwangeniswa ePalamente, eKapa, kule veki iphelileyo. Kumoya omtsha wokuhlaziyeka kwakutshanje ogqubayo kweli, iKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane norhulumente ekukhuliseni uqoqosho lweli lizwe nokudala imisebenzi edingeka kakhulu.

1.2. Ukuncitshiswa kwenkcitho ngemali engama-85 eebhiliyoni zeerandi kule minyaka mithathu izayo kubonakalisa ukuzinikela kukarhulumente ekubopheni ibhanti nokwabiwa kwemali ngobunono ukukhulisa uqoqosho.

1.3. Amanyathelo okuthoba isantya sokukhulisa amatyala karhulumente nokuqinisekisa ukuba ityala likarhulumente alikhuli nathe abhengezwa ayiphucule kakhulu inkqubo-sikhokelo yethu yezezimali aza anika abemi boMzantsi Afrika ithemba kuqoqosho lwethu ukuya phambili.

1.4. IKhabhinethi iqinisekile ukuba la manyathelo okungenelela aaza kubonakala kuhlumo loqoqosho lwelizwe lethu, aphucule ubume bezoqoqosho aze aqinisekise nokuba eli lizwe alithotywa kwizinga elibekwa kulo ngokwezotyali-mali ali. 

1.5. UHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2018 luxhasa abahluphekileyo kwisizwe sethu ngenkqubo yoncedo lwesibonelelo sezentlalo edibeneyo kunye nemfundo ephakamileyo esimahla kubafundi abaphuma kumakhaya angathathi ntweni.

1.6. Ngelokuphendula kwizikhalazo eziphakanyiswe luluntu ngokunyuswa kweRhafu eyoNgezwa kwiXabiso (i-VAT), iKhabhinethi iceba ukulwandisa uluhlu lwezinto ezingundoqo ezingenayo irhafu ye-VAT.

2. ImiNyaka eliKhulu yokuZalwa kukaNelson Mandela

2.1. IKhabhinethi  nayo njengoMongameli uCyril Ramaphosa ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba baqinisekise ukuba baza kuzinikela bebonke ekusebenzeleni abantu njengokuba siqhuba sibhiyozela iminyaka elikhulu wazalwayo owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela. UMadiba nguMongameli wokuqala woMzantsi Afrika oPhantsi koLawulo lweNtando yeSininzi kwaye ebeza kugqiba iminyaka eli-100 wazalwayo ngomhla we-18 kweyeKhala yowama-2018.

2.2. UMadiba sisithwalandwe esihlonitshwa lihlabathi jikelele futhi uthathwa njengeNtshatsheli yamaLungelo oLuntu, yokungacalucaluli ngokobuhlanga nangokwesini. Wadlala indima enkulu kakhulu ukumanyanisa abemi boMzantsi Afrika, nokuvuselela umanyano lolawulo lwentando yesininzi kwi-Afrika iphela nasehlabathini jikelele.

2.3. Umbhiyozo wokuqala weminyaka elikhulu yokuzalwa kukaNelson Mandela ububanjwe kwiNgqungquthela yeManyano ye-Afrika (i-AU) ebise-Addis Ababa, e-Ethiopia kweyoMqungu yowama-2018. Kuza kubanjwa imisitho eliqela kweli jikelele kulo nyaka ukukhumbuza ngobomi bukaTata uMadiba. 

2.4. IKhabhinethi imema bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kule mibhiyozo yeminyaka elikhulu emisebenzini, ezikolweni, ezinkonzweni nakwimibutho yasekuhlaleni. Ibongoza umntu ngamnye apha kuthi kulo nyaka ukuba sihambe ezinyaweni zikaNelson Mandela ngokuthi ngokweendlela zethu ezahlukeneyo sisebenzele ukwakha ilizwe elimanyeneyo, elingenacalucalulo ngokobuhlanga, elingenacalucalulo ngokwesini nelihlumayo.

2.5. Eli lizwe likwabhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kwenye yeentombi ezibaluleke kakhulu zase-Afrika uMama u-Albertina Sisulu, neyanikela ngobomi bayo ekulweleni ukukhululeka kwabantu basetyhini nenkululeko yoMzantsi Afrika. Kwintlanganiso yeKhabhinethi elandelayo siza kucacisa ngenkqubo yokubhiyozela imiNyaka eliKhulu yokuZalwa kukaMama u-Albertina Sisulu. 

3. Imbalela

3.1. IKhabhinethi iyawabulela amalinge anzima enziwa yiKomiti yabaPhathiswa malunga neMbalela kunye nabadlali-ndima ababalulekileyo kuwo onke amaqoqo karhulumente nawesizwe ukulwa imbalela engapheliyo nechane imimandla eliqela kweli.

3.2. Ngaphandle kokuba uMzantsi Afrika ulilizwe elinqatyelweyo ngamanzi, iziphumo zokutshintsha kwamaqondo obushushu omhlaba kuyaqhubeka nokuchaphazela indlela ena ngayo imvula, le nto ibangela ukuba umthamo wamadama wethu uhlale usezantsi.

3.3. IQela labaPhathiswa eliThweliswe uXanduva leMbalela liyaqhubeka ukuququzelela umsebenzi phakathi kukarhulumente wesizwe, abamaphondo noomasipala kuyo yonke imimandla echatshazelwe yimbalela. Oku kuquka ukufezekiswa kwamanyathelo exesha elifutshane, eliphakathi nelide ukulwa nokuthomalalisa umonakalo onokubangelwa yile mbalela.

3.4. Urhulumente unikezele ngemali yokubonelela ngoncedo lwexesha elifutshane kumaphondo achaphazelekayo. Ubonelele ngoncedo oluxabisa malunga nama-473 zezigidi zeerandi kunye ne-6 seebhiliyoni zeerandi kunyaka-mali wama-2018/19 ukongeza iziseko ezingundoqo zamanzi eNtshona Koloni, Mpuma Koloni naseMntla Koloni.

3.5. IKhabhinethi iyasibongoza sonke ukuba siqhubeke ukusebenzisana norhulumente ekongeni amanzi nokuwasebenzisa ngobunono. IKhabhinethi ihleli izimisele ekwenzeni uMzantsi Afrika ukuba ube lilizwe elithandwayo ngabakhenkethi nabatyali-mali ngokunjalo.

4. Ukugetyengwa kwamapolisa

4.1. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwiintsapho nezihlobo zamapolisa amahlanu nejoni ebelisidla umhlala-phantsi abathe bagetyengwa ngokumasikizi kuhlaselo olwenzeke kwiSikhululo samaPolisa saseNgcobo eMpuma Koloni.

4.2. IKhabhinethi ikugxeka kabukhali ukugetyengwa kabuhlungu kwamadoda nabasetyhini abasebenzela isizwe. Ukusweleka kwepolisa elinye, ijoni okanye kwakhe nabani na osebenzela ukukhusela isizwe nabantu bakuthi akwamkelekanga tu.

4.3. IKhabhinethi, ngoMphathiswa wezamaPolisa, izimisele ukwenza konke okusemandleni ukuxhobisa izikhululo zethu zamapolisa ukukhusela ukuba lungaphinde lwenzeke uhlaselo olukumila kunje kwixesha elizayo.

4.4. Ukongeza apho iKhabhinethi ibongoza abazali noluntu ngokubanzi ukuba luqinisekise ukuba abantwana basoloko begcinwe bekhuselekile ngalo lonke ixesha kwaye kusetyenziswane nee-arhente zogcino-mthetho ukukhusela amalungelo wabantwana bethu. Makudizwe naluphi na uhlobo lokuxhatshazwa nokuphathwa gadalala kwabantwana kuze kubikwe kwabezomthetho ngoko nangoko. Ngokusebenzisana, singagcina iindawo ezihlala abantu bakuthi zikhuselekile kwaye siqinisekise ukuba ulwaphulo-mthetho alunandawo yakuzimela.

B. IziGqibo zeKhabhinethi

1. IKhabhinethi iluphumezile iDrafti eHlaziyiweyo yoMgaqo-nkqubo wezoThutho weSizwe ukuba upapashwe ukuze uluntu luhlomle. Lo mgaqo-nkqubo ulungiselelwe ukuba uze nenkqubo yezothutho edibeneyo nezinye izicwangciso ezinxulumeneyo zecandelo khona ukuze kuncitshiswe indleko zokukhwela nokuhamba ngezithuthi. Ikwalungelelanisa nezicwangciso zezothutho zelizwe lethu zihambelane nezehlabathi.

2. IKhabhinethi iliphumezile iPhepha loGayo-zimvo loMgaqo-nkqubo woMzantsi Afrika wezeNdlela ukuba upapashwe ukuze uluntu luhlomle. Lo mgaqo-nkqubo ubonelela ngenkqubo-sikhokelo equka konke ukuqinisekisa ukuba iindlela zaseMzantsi Afrika zilawulwa ngcono, zikhuselekile kwaye ziquka zonke iindidi zezithuthi ukunikezela ngendlela ezinzileyo yokulawulwa kweendlela. Unika isikhokelo kwimithetho yezendlela, iziseko ezingundoqo, ukhuseleko, inkxaso-mali yezendlela nezithuthi ezingenanjini.

3. IKhabhinethi inikiwe amagqabantshintshi malunga neziphumo zoPhando lweSizwe loPhando-nzulu noPhuhliso loMfuniselo lowama-2015/16 (uPhando lwe-R&D).

I-R&D ibaluleke kakhulu kuphuhliso lwezentlalo noqoqosho lweli lizwe. La ibe ngamalinge karhulumente, abezoshishino namaziko ezophando-nzulu. Le ngxelo iyafumaneka kwiwebhusaythi yeSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe: www.dst.gov.za.

4. IKhabhinethi iluphumezile uyilo lweengqekembe zemali ezisisikhumbuzo ezingasasazwayo kuwonke-wonke zowama-2018, nezizakuveliswa yinkampani yokwenza imali yaseMzantsi Afrika, i-South African Mint Company. Ezi ngqekembe zowama-2018 ziza kubhiyozela imiNyaka eliKhulu yokuZalwa kukaNelson Mandela. Ezi ngqekembe ziza emva kweengqekembe ezisisikhumbuzo zowama-2017 ezazibhiyozela uMzantsi Afrika phantsi komxholo othi iNkululeko, uLawulo lweNtando yeSininzi neeNkcubeko.

C. ImiThetho esaYilwayo

1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho osaYilwayo weSiko loLwaluko lweSintu wama-2018 ePalamente. Lo mThetho usaYilwayo uzama ukukhusela, ukukhuthaza nokulawula indima yendlela elenziwa ngayo isiko lolwaluko lwesintu.

Unika imigangatho yesizwe egxile ekukhuseleni ubomi nokukhusela umonzakalo nazo zonke iindidi zempatho-mbi ezithi zenziwe ebakhwetheni.

2. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho siHlomelo weNkqubo-sikhokelo wamaBakala eMfundo eSizwe wama-2016 ePalamente. Lo mThetho usaYilwayo, nohlomela umThetho weNkqubo-sikhokelo wamaBakala eMfundo eSizwe, wama-2008 (umThetho 67 wama-2008), womeleza lo mThetho ngokuphucula amalinge okusebenza ngemiba yabantu abangathethi nyani nabanika iinkcukacha ezingezizo ngeziqinisekiso zamabakala emfundo yabo, ukubeka izinto eziza kuba ziziphumo emazilindelwe ngumntu othe wanika inkcaza engeyonyani ngeziqinisekiso zamabakala wakhe emfundo okanye imibutho okanye amaqumrhu athi akhuphe iziqinisekiso zamabakala emfundo ezingekho mthethweni.  

Ukwacebisa ngemimiselo yokuqinisekisa ukuba iziqinisekiso zamabakala emfundo zobuqhetseba zithunyelwa kwimibutho elawulwa amacandelo ahlukeneyo efanelekileyo (uluhlu oluneeenkcukhacha zabantu abathe banika inkcaza engeyonyani ngeziqinisekiso zamabakala emfundo yabo). Ikwalungisa nemeko yokugunyaziswa nokuqinisekiswa kweziqinisekiso zamabakala emfundo aphunyelelwe kumazwe angaphandle.

3. IKhabhinethi ivumile ukuba umThetho osaYilwayo ongoKhuselo kooLoliwe wama-2017 ukuba upapashwe ukuze uluntu luhlomle. Lo mThetho usaYilwayo uzama ukuphucula ukhuselo koololiwe nokumisela amaqumrhu olawulo  aza kuba liliso eliqwalasela umsebenzi weQumrhu lwaseMzantsi Afrika eliLawula uKhuseleko kooLoliwe. Ukwahambelana noMgaqo-nkqubo weSizwe wooLoliwe ngokumalunga nokuphuculwa kwendlela olubekwa ngayo esweni ukhuseleko, nokukhuthaza nokunyanzeliswa ukuthotyelwa kwemithetho yezokhuseleko koololiwe.

4. IKhabhinethi iyivumile iDrafti yoLawulo lwezoQoqosho yomThetho osaYilwayo wezoThutho wowama-2017 ukuba upapashwe ukwenzela ukuba uluntu luhlomle futhi lucebise.

Lo mThetho usaYilwayo uvala izikhewu ezikhoyo ngokwemithetho elawulayo futhi ulungisa nengxaki yokunqongophala kwabantu abanezakhono ezifanelekileyo, izinto ezo ezithi zichaphazele inkqubo yezothutho ziyenze ingakwazi ukusebenza ngokufanelekileyo futhi ingabizi kakhulu.

D. Imisitho Ezayo

1. UMzantsi Afrika, njengoSihlalo, uza kubamba iNgqungquthelaso yabaPhathiswa bezabaSebenzi, ezeNgqesho zezeNtlalo zoLuntu boMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC), ukusukela ngomhla woku-1 ukuya kowe-2 kweyoKwindla yowama-2018 kwiZiko leeNgqungquthela zamaZwe ngamaZwe laseKapa (i-CTICC). Umxholo wale ngqungquthela uthi: “Ithemba lomsebenzi ondilisekileyo: Ukuqhubela phambili uqhagamshelwano, ukunamathelana nokubandakanya wonke umntu”. Abathathi-nxaxheba baza kuquka amahlakani kwezentlalo – imibutho yezoshishino, abasebenzi noluntu.

2. UMongameli uRamaphosa kwisikhundla sakhe njengoSihlalo we-SADC uza kuba notyelelo lokubonsana nokufakana imilomo e-Angola, Botswana naseNamibia ukususela ngomhla we-2 ukuya kowe-3 kweyoKwindla yowama-2018. Uza kukhatshwa nguMphathiswa wezobuDlelwane bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano uLindiwe Sisulu kunye noMphathiswa wezoKhuselo namaGqala eMfazwe uNosiviwe Maphisa-Nqakula.

3. UMzantsi Afrika uza kuba ngomnye wabasingathi beNgqungquthela yeHlabathi ye-17 yeCuba okanye iMpilo (i-WCTOH) ukususela ngomhla we-7 ukuya kowe-9 kweyoKwindla yowama-2018 eKapa phantsi komxholo othi: “Ukumanyanisa iHlabathi ukwenzela isiZukulwana esingaChaphazelekiyo kwiCuba”. Le ngqungquthela kokokuqala ukuba isingathwe e-Afrika.

I-WTCOH ifuna ukuba kuthathwe amanyathelo angqingqwa kwaye inika nethuba lokuba oorhulumente, imibutho yoluntu, ii-arhente zeZizwe eziManyeneyo (i-UN), imibutho yehlabathi, abasebenzi bezempilo nabanye abadlali-ndima ukuba baxoxe ngezinto ezaziwayo ngala mahlakani onke, ngokukodwa ezichaphazela ulutsha nabantu basetyhini abasengxakini yokuhlala nokuphila kwiindawo ezinabantu abatshaya icuba.

Ukusingatha le ngqungquthela kunegalelo ekuhlangabezeni iinjongo zesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) kuba ifundisa ngobungozi bokutshaywa kwecuba, nokudingeka kokuqiniswa kwamanyathelo okulawula icuba.

4. Ngomhla we-10 nowe-11 kweyoKwindla iKomishoni yoNyulo eziMeleyo (i-IEC) iza kuvula amaZiko okuBhalisela uVoto ukwenzela ukuba abantu bazokubhalisa baze bakhangele neenkcukacha zabo zobhaliso.
IKhabhinethi ibongoza bonke abaselungelweni lokuvota ukuba baye kwizikhululo zabo zokuvota ukuze balungise iinkcukacha zabo zokuvota ukulungiselela unyulo lukawonkewonke lowama-2019. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo ngokukodwa kwabo baza kuvota okokuqala ukuba baqinisekise ukuba bathatha inxaxheba kwilungelo labo elikumgaqo-siseko lokuvota ngokuhamba bayokubhalisela ukuvota.

Le mpela-veki yobhaliso ibaluleke kakhulu ekuqukunjelweni kwephulo leminyaka emibini yokufumana iidilesi zokuhlala zabo bonke abavoti ababhalisiweyo.

Izikhululo zovoto ziza kuvulwa phakathi kwentsimbi ye-08:00 neye-17:00 ukuncedisa abantu abaza kuvota okokuqala ukuba babhalisele ukuvota, futhi zinike ithuba nabavoti ababhalisiweyo abazitshintshileyo iindawo zokuhlala ukuba babhalise kwakhona kwizithili zabo zokuvota ezichanekileyo baze balungise neenkcukacha zabo zeedilesi kuluhlu lwabavoti.

E. Imiyalezo

1. IKhabhinethi ibaqhwabela izandla bonke ootitshala abathe bawongwa kumsitho woNikezelo-mbasa wooTitshala weSizwe we-18 nothe waqhubeka eRhawutini ngoMgqibelo, umhla we-17 kweyoMdumba yowama-2018. Ezi mbasa zihlonipha ukufundisa okugqwesileyo nobunkokheli kumacandelo athile, kuquka nembasa ebizwa i-Nelson Mandelo Lifetime Achievement Award nebizwa i-Professor Kader Asmal Award.

2. IKhabhinethi idlulisa umyalezo wovelwano kuSekela-Mphathiswa u-Obed Bapela ngokushiywa kwakhe yinkosikazi yakhe u-Constance Bapela, nobesebenza njengoceba ngexesha lokusweleka kwakhe.

3. IKhabhinethi nayo njengoMongameli uRamaphosa ithi akwehlanga lungehlanga kusapho, abahlobo kunye nabo wayesebenza nabo usoqoqosho wezopolitiko nokwangumbhali, uNjingalwazi Johannes “Sampie” Terreblanche, othe wasweleka eminyaka ingama-84.

4. IKhabhinethi imothulela umnqwazi uMphathiswa uNaledi Pandor ngokwamkelwa yi-Leiden University e-Netherlands njengoNjingalwazi oTyeleleyo oHloniphekileyo we-Oort kwezeNzululwazi ngeeNkwenkwezi noPhuhliso. Oku kweziwa ngokwentlonipho kwimpumelelo engaqhelekanga yokusebenzisa ezenzululwazi, ingakumbi ngeenkwenkwezi, njengesixhobo sophuhliso lwehlabathi nokunceda uluntu.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. UNksz Lerato Mataboge njengoSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): uRhwebo noTyalo-mali lwaseMzantsi Afrika, kwiSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti).
2. UNksz Shandokane Evelyn Masotja njengo-DDG: kuLawulo lwabaThengi noShishino, kwi-dti.
3. UNksz Vuyelwa Vumendlini njengo-DDG: kuMgaqo-nkqubo wezoQoqosho weHlabathi noMmandla, kuNondyebo weSizwe.
4. UMnu Joseph Tebogo Leshope njengeGosa eliyiNtloko yoKwenziwa koMsebenzi kwa-SENTECH
5. UNksz Vuyo Zitumane njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba (i-CEO) le-Amatola Water.
6. U-Adv Seeng Catherine Ntsaba-Letele njengoNozikhalazo oyiNtloko weNkonzo yeZikimu zoLuntu zooNozikhalazo. 
7. UMnu Edward Mamadise njenge-CEO yeQumrhu eliLawula iMigaqo esisiNyanzelo yeSizwe.
8. UGq Sagren Moodley njengommeli ovela kwa-DST kwiBhunga lamaKhondo ezeNzululwazi yeNdalo laseMzantsi Afrika.
9. Ukuqeshwa kwakhona kwiBhodi yoVavanyo lweNto eQanjiweyo:
a. UNksz Shanaaz Tiry Mahomed;
b. UNksz Sandra Cleiland;
c. UNjing Christiena Maria van der Bank; kunye
d. no-Adv Nhlanhla Paul Sibisi.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – ISithethi seKhabhinethi esiliBambela
Inombolo yeselula: 083 501 0139

 

Share this page

Similar categories to explore