Ingxelo yentlanganiso yekhabhinethi ibibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngolwesithathu, umhla wama-26 kweyethupha 2020

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    Inqanaba lesi-2 lesilumkiso lesifo sentsholongwane i-Corona (i-COVID-19)

1.1.    Ukusuka kwiNqanaba lesi-3 lesiLumkiso kuyiwe kwiNqanaba lesi-2 lesiLumkiso lexesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, into leyo eqale ngomhla we-18 kweyeThupha 2020, kubangele ukuba kubekho unyenyiso, obelulangazelelwa kakhulu, kwimigaqo eyimiqathango kwimisebenzi ethile yezoqoqosho neyezentlalo.  Olu tshintsho luza kukhwezela uqoqosho lwelizwe lakuthi luze lufake isandla nakumalinge okudala imisebenzi efunwa ngabomvu, ingakumbi kwicandelo lezokhenketho nelezokutenda iindwendwe.
1.2.    INqanaba lesi-2 lesiLumkiso liza kwenza ukuba abaPhathiswa bakwazi ukuya buqu kwizindlu zombini zePalamente ezizezi: iNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe kunye neBhunga leSizwe lamaPhondo baye kuphendula imibuzo yamalungu ePalamente, phakathi kwezinye izinto. 
1.3.    Nangona ukuqhambuka kwesibini kwesi sifo, into leyo ethe yenzeka kwamanye amazwe amaninzi kusenokwenzeka nakweli, amanyathelo esiza kuwathabatha sisonke kwezi veki nezi nyanga zimbalwa zizayo angakuthintela oku, kwaye ngawo aza kusixelela ukuba siza kugqitha njani kule meko. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuthi sonke ukuba sibe nobunono kangangoko, siziphathe njengomzekelo size senze izinto ezifanelekileyo ukuze sinqande ukuqhambuka kwesi sifo okwesibini, namanani abantu abanaso enyuke. 
1.4.    Urhulumente usebenzisana namahlakani ezentlalo kunye noluntu ngokubanzi ukuze aqinisekise ukuba izithili zinazo zonke izixhobo ezizifunayo kwaye namalungiselelo ziwenzile okunqanda ukunwenwa kwesi sifo.
1.5.    Mkhulu umsebenzi osele wenziwe sesi sizwe sakuthi ukulwa lo bhubhane. Lo msebenzi mhle sele siwenzile, ngelishwa uphoxwa zizinto zokungakhathali ezenziwa ngabantu abathile abangafuniyo ukudlala eyabo indima ukuthintela ukunwenwa kwesi sifo. Abo baqhuba bephantsi kweempembelelo zotywala nangokungakhathali, babeka ubomi babantu abangenatyala esichengeni. 
1.6.    Ngenxa yokuziphatha ngokungakhathali, kule veki siphantsi kwelifu elimnyama emva kokusweleka kwamagosa amathathu eSebe laMapolisa esiXeko saseTshwane athe asutywa kukufa emva kwengozi yemoto embi apho imoto yawo itshayisene neyomqhubi oseleyo kule mpela-veki iphelileyo. Le ngozi ibulele abantu, isisilumkiso kuthi sisonke nakumntu ngamnye, esifuna sicingisise ngezinto esinokuzenza ukuze sibonakalise ukuziphatha ngenkathalo kunye nendima esinokuyidlala ukulwa ukusetyenziswa kakubi kotywala. 
1.7.    IKhabhinethi icela abantu baseMzantsi Afrika ukuba bayithobele imigaqo yezempilo nangoku sikwiNqanaba lesi-2 lesiLumkiso. Kufuneka siqhubeke sikhuthaze ukungasondelelani phakathi kwabantu, sinxibe izigqubuthelo-buso xa sisesidlangalaleni size sihlambe izandla zethu rhoqo ngamanzi nesepha okanye sisebenzise isibulala-ntsholongwana esenziwe nge-alkhoholi.

2.    Ukuvulwa kwezikolo namaziko emfundo aphakamileyo

2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kwakhona kwezikolo zamabanga aphantsi nezamabanga aphezulu eziphantsi kweSebe leMfundo esisiSeko kulo Mvulo udlulileyo. Abafundi beBanga lesi-6 nabele-11 babuyele esikolweni ngoMvulo ngelithuba bona abeBanga lesi-7 nele-12 babuyela kule nyanga iphelileyo emva kokuvalwa okwethutyana kwezikolo ngeenjongo zokuthintela ingxaki eyayibonakala yokunwenwa kwe-COVID-19.
2.2.    IKhabhinethi isamkele isibhengezo esenziweyo sokuba phantsi kweNqanaba lesi-2 lesiLumkiso, zonke iidyunivesiti ziza kubavumela abafundi ukuba babuyele kumagumbi okufundela, kodwa oku bekwenza  ngokuhambelana nemiqathango epapashwe kwiPhepha-ndaba loMbuso (Vol 660, No 43414 lomhla wesi-8 kweyeSilimela 2020). Ngokwale miqathango, phantsi kweNqanaba lesi-3 lesiLumkiso, ngabafundi abangama-66% ubuninzi abavumelekileyo ukuba babuyele edyunivesiti. 
2.3.    Ikwamkele nokubuyela, ngamaqela ahlukeneyo, kwabafundi beekholeji zeMfundo noQeqesho kubuGcisa nemiSebenzi yeZandla (ii-TVET) kunye nokuvulwa kwamaziko eMfundo noQeqesho oLuntu kunye nokubuyelwa kwabasebenzi emisebenzini yabo. Oku kuza kwenziwa kulandelwa izicwangciso ezineenkcukacha ezigcweleyo zolawulo lwe-COVID-19 ezisetyenziswa kumacandelo ahlukeneyo, neza kuqinisekisa ukuba abafundi nabasebenzi bakhuselekile, ngeli thuba abafundi abaninzi beza kufunda baze bafundiswe. 

3. Ukulwa urhwaphilizo

3.1.    IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuba izimisele ukuqinisekisa ukuba izityholo zorhwaphilizo olunxulumene nentengo ngethuba le-COVID-19 ziphandwa ngokukhawuleza zi-arhente zogcino-mthetho ezifana neCandelo loPhando eliKhethekileyo (i-SIU). Abo bafumaniseke benetyala baza kufumana izohlwayo eziqatha, ize imali ebiwe kuMbuso ziinkampani kunye nabantu abangabarhwaphilizi abathe banyusa ngokugqithisileyo amaxabiso ezixhobo zokuzikhusela (ii-PPE), ibuyiswe.
3.2.    IKhabhinethi yanelisekile ngumsebenzi osele wenziwe yiKomiti yabaPhathiswa enoSihlalo onguMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko uRonald Lamola. Eli qela labaPhathiswa kulindeleke liqokelele zonke izivumelwano zokuthenga konke okunxulumene ne-COVID-19 lize lizipapashe, uluntu lukwazi ukuzifundela. Ngelinge lokuzama ukwenza izinto elubala, iwebhusayithi kaNondyebo weSizwe (www.treasury.gov.za) sele izipapashile iinkcukacha zamasebe namaqumrhu ombuso azinikezele zonke izinto ezifunwayo. 
3.3.    UNondyebo weSizwe uza kuqhubeka nomnye umsebenzi wokuhlela nokubangula iziphene kwezi nkcukacha sele zinikiwe ukuze ziphinde ziqwalaselisiswe kwakhona. IKhabhinethi iyaqinisekisa ukuba ii-arhente zogcino-mthetho ziza kuqhubeka nokwenza umsebenzi wazo wokuphanda. 
3.4.    I-Fusion Centre, eliziko elidibanisa imisebenzi yazo zonke ii-arhente zogcino-mthetho, sele iwenze onke amalungiselelo okungenisa ingxelo yayo yokuqala yeeveki ezintandathu ngeveki yokuqala yeyoMsintsi kuMongameli Cyril Ramaphosa. 
3.5.    IKhabhineti iza kunika inkxaso efunekayo kuzo zonke ii-arhente zogcino-mthetho. Oku kuza kuquka ukuzinika izixhobo eziza kuzinceda zisebenze ngokugqibeleleyo, ngokuzimeleyo zingoyiki, zenzele idolo okanye zikhethe abathile xa ziqhuba uphando zize zitshutshise amatyala anxulumene norhwaphilizo, futhi oku zikwenza ngaphandle kokulibazisa. 
3.6.    Isihelegu sorhwaphilizo, esibonakala ngobusela bokunyoluka nokuthoba ngemilenze imali yombuso, yeyona ngxaki inkulu yesizwe enokwenza ukuba abantu bangawathembi amalinge karhulumente okuphucula iimpilo zabantu. IKhabhinethi izigxeka kabukhali zonke izenzo zorhwaphilizo kwaye inethemba elikhulu lokuba bonke abenzi bobubi baza kutshutshiswa ekugqibeleni, ngaphandle koloyiko okanye kokwenzelwa idolo. 
3.7.    IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba urhwaphilizo baluxele kuMnxeba kaXakeka wokulwa uRhwaphilizo ku: 0800 701 701.
A.    IziGqibo zeKhabinethi

1.    Iinkqubo zoqeqesho zamalungu ezigqeba nezikhulu zikarhulumente 
1.1.    IKhabhinethi izivumile iinkqubo zoqeqesho ezimbini eziza kuzalisekisa isithembiso sokwakha umbuso onezakhono. Eyokuqala luqeqesho lwe- Economic Governance Spring School, oluza kufundwa ngamalungu esiGqeba kuwo onke amaqoqo karhulumente. Iinjongo zolu qeqesho kukwenza iindlela zokufunda ziphangalale ngokusebenzisa uhlalutyo nocamngco olunzulu ngeentlobo zemingeni ajamelene nayo urhulumente. Olu qeqesho luza kuqhutywa siSikolo sikaRhulumente seSizwe (i-NSG), sisebenzisana ne-Wits School of Business kunye ne-OR Tambo School of Leadership.
1.2.    Inkqubo yesibini yona yenzelwe iintloko zamasebe. Inamacandelo amathathu, angala: yi-Executive Induction Programme, yi-Executive Education Programme kunye nenkqubo entsha ebizwa ngokuba yi-Etella. Ezi nkqubo ziza kuqhutywa yi-NSG, ibambisene ne-University College London. 

2.    Ukumiswa kokusingathwa kwe-International Maritime Organisation yowe-2020  (i-IMO)
2.1.    Ngenxa kabhubhane we-COVID-19, iKhabhinethi iye yakuvuma ukumiswa kokubanjwa kwe-IMO kunye nomnye umsitho ohamba nayo oluSuku lweHlabathi lwezeeLwandle, ukususela ngeyeDwarha 2020 ukuya kweyeDwarha 2021. IKhabhinethi yakuvuma ukusingathwa kwalo msitho ngeyeNkanga 2015. 
 
B.  IMithetho eYilwayo

1.  Umthetho-sihlomelo oyilwayo wabasebenzi abangabathunywa beemveliso zolimo wowama-2018
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo wabaSebenzi abangabaThunywa beeMveliso zoLimo wowama-2018. Ezi zilungiso zifuna ukukhusela amalungelo abavelisi kwizinto ezingekho phantsi kolawulo zabasebenzi abangabathunywa beemveliso zolimo. Wakuba uphunyeziwe wangumthetho, abasebenzi abangabathunywa baza kunyanzeleka ukuba bathathe i-inshorensi yokukhusela ilahleko futhi babe ne-akhawunti yetrasti.
1.2.    Onke amahlakani afanelekileyo aye anikwa ithuba lokuvakalisa izimvo zawo ngezi zilungiso zicetywayo kulo Mthetho uYilwayo. Ezi zilungiso ziza kwenza ukuba abavelisi abasakhasayo kunye nabasebenzi abangabathunywa, abarhwebi nabathengisi-zitalatweni ababehlelelekile ngaphambili bakwazi ukufumana amathuba okurhweba. 

2.    Umthetho-sihlomelo oyilwayo weetayitile zeziza ezingazimelanga
2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwalo Mthetho uYilwayo ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho weeTayitile zeZiza eziNgazimelanga, wowe-1986 (uMthetho Nombolo 95 wowe-1996), onika ingcaciso ngokusekwa kwezikimu zeetayitile zeziza ezingazimelanga. Ezi zilungiso zicetywayo ziza kunika ingcaciso zize zikhusele abantu abaqeshe izakhiwo ezikwiziza ezingazimelanga. 

3.    Umthetho-sihlomelo oyilwayo womthetho wezolonyulo wowama-2020
3.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo woMthetho wezoloNyulo wowama-2020. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kwimithetho emithathu, eyile: uMthetho weKhomishini yoloNyulo, wowe-1996 (uMthetho 51 wowe-1996); uMthetho woloNyulo, wowe-1998 (uMthetho 73 wowe-1998) kunye noMthetho woloNyulo looMasipala ooRhulumente beMimandla, wowama-2000 (uMthetho 27 wowama-2000).
3.2.    Olu tshintsho lucetywayo luza kwenza ngqingqwa le mithetho ikhoyo. Ezi zilungiso ziza kuza neendlela zale mihla kwiindlela oluqhutywa ngayo ulonyulo, phakathi kwezinye, ukuze kuphuculwe indlela esebenza ngayo iKhomishini yoloNyulo eziMeleyo xa iqhuba ulonyulo.

C.  Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Ukwandiswa kwexesha lesivumelwano sengqesho sikaMnu Hubert Mathanzima Mweli kwisikhundla sokuba nguMlawuli-Jikelele kwiSebe leMfundo esisiSeko isithuba seminyaka emihlanu.

2.    IBhodi yePosi yoMzantsi Afrika
a.    Mnu Emmanuel Lekgau;
b.    Nks Nolitha Pieters;
c.    Mnu Sandile Phillip; 
d.    Mnu Sipho Majombozi; kunye
e.    noNks Yvette Lillian Mavivi Myakayaka-Manzini.

3.    Abalawuli abangengomalungu esigqeba solawulo be-Post Postbank SOC Limited:
a.    Mnu Gcobani Mancotywa;
b.    Mnu Darwin Zinzile Nkonki;
c.    Mnu Thabile Wonci; kunye no
d.    Adv Leigh Hefer-Hendrikse.

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore