INgxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla we-10 kuCanzibe 2023

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni
1.    Umhla we-10 kuCanzibe – isiKhumbuzo sama-29 sokuBekwa kukamongameli wokuqala owonyulwa ngokwentando yesininzi

1.1.    Intlanganiso yeKhabhinethi ibanjwe kanye emva kweminyaka engama-29 emva kokubekwa ngokusesikweni kukaMongameli Nelson Mandela njengoMongameli wokuqala woMzantsi Afrika olawulwa ngokwentando yesininzi ngomhla we-10 kuCanzibe 1994. Emva kweenkulungwana ezintathu ezinesiqingatha phantsi kwenkqubo yobukholoniyali kunye neyocalu-calulo apho ilungelo lomntu lokufumana iinkonzo ezisiseko lalixhomekeka kwibala lakhe, uMzantsi Afrika olawulwa ngokwentando yesininzi wamisela iinjongo zophuhliso eziza kusiza kwisizwe esiqhubela phambili, esingacaluli ngokwebala, ngokwesini nesinolingwano. 1.2.    Nangona umninzi umsebenzi owenziweyo ukususela ngowama-1994, kusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukuze sizalisekise la maphupha eenjongo zophuhliso.
1.3.    IBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika ikhuphe imali entsha ephuculiweyo engamaphepha nezingqekembe, ebhiyozela urhulumente wethu olawulwa ngokomgaqo-siseko futhi ikwenza oku ngelokuhlonipha utata wethu uMadib’omde.

2.    INgqungquthela kaMongameli yezeMpilo
2.1.    INgqungquthela kaMongameli yezeMpilo yesibini ibibanjwe ngomhla wesi-4 nowesi-5 kuCanzibe 2023 ibigxile kwiintsika ezisithoba zesiVumelwano sikaMongameli sezeMpilo: abasebenzi; ukufumaneka kwamayeza, amachiza okuthintela kunye neemveliso zempilo; iziseko zophuhliso; ukubonisana necandelo labucala; iinkonzo zempilo ezisemgangathweni; ukuphucula indlela urhulumente azilawula ngayo izimali; ezolawulo nobunkokeli; ukufakana imilomo noluntu; iinkqubo zolwazi kunye nokulungela oobhubhane.
2.2.    Esinye seziphumo sale Ngqungquthela kukuzibophelela ngokutsha kumba wokuphunyezwa kwe-Inshorensi yeSizwe yezeMpilo (i-NHI). Oku kuyinxalenye yenkqubo yokuphungula umsantsa okhoyo kwindlela esifikelela ngayo kwiinkonzo zempilo ngokuphungula umyinge wemali efunwayo ukuze umntu afumane iinkonzo zempilo ezisemgangathweni.
2.3.    IKhabhinethi ichulumancile kukwamkelwa kwamanyathelo afunekayo ukuvuselela icandelo lezempilo kunye nokukhawulezisa utshintsho oluza kuza ne-NHI. Oku kuza kwenza iinkonzo zempilo zeli zisondele kwinqanaba lokukwazi ukunceda abemi boMzantsi Afrika ngcono.
 
3.    Ezamandla
3.1.    Urhulumente usebenzisana ngamandla no-Eskom ukwenza ukuba ukhawuleziswe umsebenzi wokulungiswa kweeyunithi ezibangele ukuba sifikelele kwiSigaba se-6 sikacimi-cimi wombane kwezi ntsukwana zimbalwa zidlulileyo saze saphazamisa inkqubo yokuqinisekisa ukuba sinombane owaneleyo kwe kweli lizwe. 
3.2.    Umsebenzi omandla uyaqhuba kwa-Eskom ukuze kunyuswe uMthamo woMbane oKhoyo (i-EAF) weli Ziko loMbane ngokwenza umsebenzi omkhulu wokukhanda, ukusetyenziswa kakhulu kwee-Open Cycle Gas Turbines, ukuthenga omnye umbane ohlaziyekayo kwiinkampani zabucala kunye nokuqhubeleka nokufundiswa kwamashishini asebenzisa umbane kakhulu kunye namakhaya ngenkqubo yokuLawulwa kweSantya sokuSetyenziswa koMbane.
3.3.    Izenzo zokonokalisa ngabom ziyaqhubeleka nokuthwaxa iziseko ezingundoqo zika-Eskom ke ngoko ukutyalwa kwamajoni e-SANDF ukuze agade izikhululo zophehlo-mbane zika-Eskom eziliqela kuyinxalenye yamanyathelo esiwathabathileyo ukuthintela ukuba iziko lombane lesizwe lingacimi.
3.4.    IKhabhinethi isamkele isigqibo sokubhena kwisigwebo sakutsha nje seNkundla ePhakamileyo yasePitoli ebesinyanzelisa u-Eskom ukuba aqinisekise ukuba awachatshazelwa ngucimi-cimi wombane amaziko kawonke-wonke, aquka izikolo, iiklinikhi, izibhedlela kunye nezikhululo zamapolisa ngenxa yeengxaki ezinokwenziwa sesi sigwebo.
3.5.    IKhabhinethi icela abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeleke nokonga umbane kude kufikelelwe kulo myinge wesizwe umiselweyo uyi-1000MW.

4.    UPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo

4.1.    Iphulo loMzantsi Afrika lokukhwezela uqoqosho kunye nokudala imisebenzi liqhuba kakuhle kakhulu. Kangangokuba, uMphathiswa wezoThutho, uNks Sindi Chikunga uphethule isoyi yokuqaliswa komsebenzi wokwakha i-Ashburton Interchange Project eza kuxabisa imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-2.4 kuMasipala waseMsunduzi kwiphondo laKwaZulu-Natal into leyo eza kwenza ukuba ihambe lula imithwalo esuka kwiZibuko laseThekwini ukungena kweli lizwe nakummandla we-SADC. 
4.2.    UMphathiswa weMisebenzi kaRhulumente neziSeko ezinguNdoqo, uMnu Sihle Zikalala unikezele ngamazibuko amancinci aselwandle ali-13 alungiswe ngemali ezizigidi zeerandi ezingama-501 njengenxalenye yeNkqubo yokuVuselelwa nokuLungiswa kwamaZibuko amaNcinci. Ukuhlaziywa kwala mazibuko kuza kulenza lisebenze ngcono futhi kulincede kakhulu icandelo lokuloba lengingqi nganye kunye namanye amacandelo oqoqosho lwengingqi.
 
5.    Utyelelo lokuya kuHlola e-Jagersfontein
5.1.    USekela-Mongameli uPaul Mashatile ebeyokuhlola e-Jagersfontein, kuMasipala weNgingqi wase-Kopanong kwiSithili sase-Xhariep eFreyistata. Ufumene ingxelo ngokunikezelwa ngokufanelekileyo nangokulinganayo kwamanzi, kunye nokunikwa indawo yokuhlala kwabantu ababechatshazelwe yile ntlekele eyabangelwa kukudilika kweendonga zedama.
5.2.    IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kuzo zonke iinkampani ezinemigodi ukuba ziwabhalise amadama wazo entlenge eludaka lomgodi kwiSebe lezaManzi noGutyulo ukuze kuqinisekiswe ukuba asebenza ngokwemigaqo elawula ukhuseleko lwamadama.
5.3.    ISebe lezaManzi noGutyulo sithetha nje lihlaziya uluhlu lwawo onke amadama entlenge eludaka lomgodi kweli lizwe anazo zonke izinto ezifunwayo ukuze athathwe ngokuba “ngamaDama angenaMngcipheko wobuNgozi”. Xa ufuna iinkcukacha ezithe vetshe malunga namadama entlenge eludaka lomgodi thumela i-imeyile ku: greylingjm@dws.gov.za.

6.    I-Africa Travel Indaba
6.1.    I-Africa Travel Indaba yowama-2023 iyaqhuba sithetha nje e-Inkosi Albert Luthuli International Convention Centre eThekwini, apho izinyaswe zizithunywa ezahlukeneyo eziphuma kwicandelo lezokhenketho lase-Afrika. Amazwe ase-Afrika athatha inxaxheba kulo msitho angaphezulu kwama-20 futhi abonisa ngeemveliso zezokhenketho ezingaphezulu kwama-350.
6.2.    Lo msitho uliqonga elibalulekileyo eliza kusetyenziswa zingcali zezokhenketho ukuba zidibane, zibonisane zize zityikitye nezivumelwano zentsebenziswano eziza kukhulisa eli candelo.
6.3.    UMzantsi Afrika uyibulela kakhulu inkxaso enikwa ngurhulumente kumashishini oomama nolutsha amancinci, aphakathi namancinane akwicandelo lezokhenketho nezokutenda iindwendwe.

7.    IiVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali
7.1.    Amasebe karhulumente ayiqalisile inkqubo yokunikezela ngeevoti zohlahlo lwabiwo-mali, eziyingxelo ezinikwa esidlangalaleni zomsebenzi owenziwe lisebe kunyaka-mali.
7.2.    Inkqubo yeeVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali eziza kwenziwa ePalamente iyafumaneka kule webhusayithi: www.parliament.gov.za/parliament-programme.  
7.3.    Isicwangciso seeNgxoxo-mpikiswano zeVoti yoHlahlo Lwabiwo-mali ukusuka ngomhla we-16 kuCanzibe 2023 ukuya ngomhla we-19 kuCanzibe 2023. 

I-EPC yezeMithombo yeziMbiwa naMandla

(Indibano nooNondaba 13:00 Iqinisekisiwe)

16 kuCanzibe 2023

Good Hope Chamber  

  10:00 -15:15

I-EPC yezaManzi noGutyulo  

(Indibano nooNondaba 08:30-09:30 Isezakuqinisekiswa)

16 kuCanzibe 2023

M46 10:00 -12:15

I-EPC yezaBasebenzi bakaRhulumente noLawulo (isiKolo seSizwe sikaRhulumente (i-NSG) kunye neKhomishini yezaBasebenza bakaRhulumente)

(Indibano nooNondaba 10:00-11:00 Isezakuqinisekiswa)

16 kuCanzibe 2023

Good Hope Chamber  14:00 -16:15

I-EPC yeZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente

(Indibano nooNondaba 12:00-13:00 Isezakuqinisekiswa)

16 kuCanzibe 2023

M46 14:00 – 16:15

I-EPC yezokuPhuhliswa kwamaShishini amaNcinci

(Indibano nooNondaba 14:00-15:00 Isezakuqinisekiswa)

16 kuCanzibe 2023

Good Hope Chamber             16:30 -18:15

I-EPC kaNondyebo weSizwe

(Indibano nooNondaba 15:00-16:00 Isezakuqinisekiswa)

16 kuCanzibe 2023

  M46 16:30 -18:15

I-EPC yezoThutho

(Indibano nooNondaba 12:00-13:00 Isezakuqinisekiswa)

17 kuCanzibe 2023

Good Hope Chamber             15:00 -17:15

I-EPC yezoNxibelelwano neeNtlobo zobuXhaka-xhaba bale Mihla

(Indibano nooNondaba 11:00-12:00 Isezakuqinisekiswa)

17 kuCanzibe 2023

M46 15:00 -17:15

I-EPC yezeMicimbi yeKhaya  

(Indibano nooNondaba 09:00-10:00 Isezakuqinisekiswa)

17 kuCanzibe 2023

Good Hope Chamber             17:30-19:00

I-EPC yezeMfundo esisiSeko

(Indibano nooNondaba  09:00-10:00 Isezakuqinisekiswa)

18 kuCanzibe 2023

Good Hope Chamber             14:00-16:15

I-EPC yezeNkonzo zoLuleko (Indibano nooNondaba 11h00-12h00 )

18 kuCanzibe 2023

Good Hope Chamber             16:30-18:15

I-EPC yezoCwangciso, ukuHlola nokuVavanya  (Indibano nooNondaba 10h00-11h00 Isezakuqinisekiswa)

18 kuCanzibe 2023

  M46 16:30 -18:15

ElezamaHlathi, ezokuLoba nezokusiNgqongileyo

(Indibano nooNondaba 08:30-09:30 Iqinisekisiwe)

19 kuCanzibe 2023

Good Hope Chamber             10:00- 12:15

EzoKhuseleko lweLizwe

(Indibano nooNondaba 13:00-14:00 Isezakuqinisekiswa)

19 kuCanzibe 2023

  M46 10:00-12:15

8.    IsiBonelelo sokuNceda kuMatyala ooMasipala 
8.1.    UMphathiswa wezeMali uze nesibonelelo sokunceda kumatyala oomasipala esisetyenziswa ukucima amatyala amadala oomasipala ku-Eskom ngeenjongo zokunceda oomasipala ukuba babenayo imali yokunikezela iinkonzo ezisisiseko ngokusisigxina. Oomasipala kuza kufuneka bebenazo zonke ezi zinto zingqingqwa zingama-33 zifunwayo ukuze bakwazi ukuxhamla kwesi sibonelelo.
8.2.    Le miqathango iquka ukukwazi ukuqokelela imali yerhafu yamanzi nombane engumyinge othile azibekele wona; ukubekela bucala yonke irhafu eqokelweyo yombane, amanzi nogutyulo; kunye nokubhatala ityala lika-Eskom kuqala kuze kubhatalwe elamanzi okwesibini phambi kokuba kubhatalwe amanye amatyala enyanga.

9.    AmaPhulo e-Afrika
9.1.    UMongameli Cyril Ramaphosa uthathe inxaxheba kwiNdibano ye-11 yeNqanaba eliPhezulu yeNkqubo yeNgingqi yokuHlola isiCwangcsio soXolo, uKhuseleko neNtsebenziswano e-Democratic Republic of Congo noMmandla we-Great Lakes, ebibanjwe e-Burundi njengenxalenye yenkqubo yase-Afrika yokuphelisa nya iimfazwe kweli lizwekazi ngowama-2030.
9.2.    UMongameli Cyril Ramaphosa uphinde wazimasa i-Extraordinary Organ Troika Summit Plus e-Namibia. Le Ngqungquthela ifumene ingxelo kwiGqiza le-SADC lokuHlola kwiMpuma ye-Democratic Republic of Congo yaze yaxoxa ngamanyathelo aza kuthatyathwa yile ngingqi kula ngxaki ibeka emngciphekweni ukhuseleko nentlalontle yabantu. Le Ngqungquthela iye yavumelana ukuba i-AU ibeyiyo ekhokela amaphulo ogcino-xolo nokhuseleko kwiMpuma ye-DRC.
9.3.    IKhabhinethi ikwamkele ukuqalisa kweengxoxo ezihlakulela uthetha-thethwano phakathi komkhosi wase-Sudan kunye ne-Rapid Support Forces, eziqale e-Jeddah, e-Saudi Arabia, ngomhla wesi-6 kuCanzibe 2023. Ilizwe lase-Sudan elinoxolo, elikhokelwa ngurhulumente wabantu, libalulekile hayi nje kuphela e-Sudan koko kula mmandla uwonke kunye neli lizwekazi. IKhabhinethi ke ngoko ibongoza omabini amaqela akolu ngquzulwano ukuba azame ukuvumelana ngokuthetha-thethana ukuze lupheliswe olu ngquzulwano kuyekwe nokungcungcuthekiswa kwabantu base-Sudan.
9.4.    IKhabhinethi ichulumancile zindaba zokuba bonke abemi boMzantsi Afrika abathi bafuna ukubuyela ekhaya beshiya ilizwe lase-Sudan elithwaxwa zizidube-dube babuyele ekhaya ngenene kunye noncedo elalinika amazwe angabamelwane eli phulo laqalwa nguMzantsi Afrika.

10.    IMiba yezoRhwebo
10.1.    IKhabhinethi ixelelwe ngezamva nje malunga nemiba yezorhwebo yaze yeva nangokuba kwinyanga yoKwindla yowama-2023, iimveliso zorhwebo zoMzantsi Afrika ezithunyelwe kumazwe angaphandle bezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-184. ICandelo leMizi-mveliso lilo eliqhube kakuhle kakhulu kuba lona ligalele imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-85 ngokuthengisa iimveliso eziveliswe kweli, laze lona iCandelo lezeMigodi lenza imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-84 laze lona elezoLimo lagalela imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-11.
10.2.    Ezi zixa-mali zibonakalayo, nangona zingaphantsi nje kancinci kwezi zenyanga yoKwindla yowama-2022, zibonisa indlela elinyamezela ngayo uqoqosho loMzantsi Afrika nangethuba apho uhlumo lwalo luphantsi. Kwezi mpahla zorhwebo, ezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-41 zithunyelwe kumanye amazwe ase-Afrika into ebonakalisa ukuba amashishini aseMzantsi Afrika angena ngamandla ngokwezorhwebo kweli lizwekazi lase-Afrika.
10.3.    Amazwe apho kubekho ukunyuka kwemithamo yorhwebo aquka i-China, i-Belgium, i-Italy kunye ne-United Arab Emirates into ebonisa ukuba siyaxhamla kwizivumelwano zoqoqosho esinazo nala mazwe.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1.    IsiCwangciso-qhinga esiHlangeneyo seSizwe sokuLwa ukuRhweba ngokungekho Mthethweni ngeziLwanyana zaseNdle (i-NISCWT)

1.1.    IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga esiHlangeneyo seSizwe sokuLwa ukuRhweba ngokungekho Mthethweni ngeziLwanyana zaseNdle (i-NISCWT). Esi sicwangciso-qhinga sesokuqala ngqa apha eMzantsi Afrika. Eyona njongo yaso iphambili kukuxhobisa ii-arhente zogcino-mthetho ngezixhobo ezifanelekileyo zokuphungula nokuthintela umkhuba odlangileyo wokurhweba ngokungekho mthethweni ngezilwanyana zasendle kweli lizwe obeka emngciphekweni ukhuseleko lwelizwe.
1.2.    Esi sicwangciso-qhinga siza neziphakamiso ezibambekayo zokuxhobisa ii-arhente zogcino-mthetho kweli lizwe, kuquka nokugxininisa kakhulu kumba wokuphandwa nokunye nokutshutshisa imigulukudu erhweba ngokungekho mthethweni ngezilwanyana zasendle. I-NISCWT ipapashwe kwiwebhusayithi yeSebe lezamaHlathi, ezokuLoba nezokusiNgqongileyo ethi: www.dffe.gov.za. 

2.    UMgqatswa woMzantsi Afrika Otyunjelwe ukuba yiJaji kwiNkundla yezoBulungisa yeHlabathi (i-ICJ)
2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukutyunjwa kukaNjingalwazi Dire Tladi njengomgqatswa woMzantsi Afrika ukuze onyulwe njengeJaji yeeNkundla yezoBulungisa yeHlabathi (i-ICJ) ngethuba lonyulo lwale nkundla oluza kubanjwa ngeyeNkanga 2023.
2.2.    U-Dire Tladi yiNjingalwazi kwiCandelo le-International Law kwiDyunivesiti yasePitoli kwaye ukwanguye noMongameli weCandelo loMzantsi Afrika le-International Law Association kunye neLungu lesiGqeba soLawulo se-International Law Association. Wayekhe wanguye noSihlalo we-International Law Commission, iqumrhu le-UN elithathwa njengelinceda ngolwazi i-ICJ. WayenguMcebisi wezoMthetho kwi-Ofisi yoMzantsi Afrika yezoZakuzo ese-New York ikwanguye noMcebisi oKhethekileyo wabaPhathiswa bezangaPhandle boMzantsi Afrika.

3.    Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

Abantu abatsha abaqeshwe kwiBhodi ye-Independent Regulatory Board for Auditors.

(a)    UNksz Precious Nompumelelo Sibiya; kunye 
(b)    NoMnu Mojalefa Mosala 

Abaqeshwe kwiBhodi yeThutyana ye-Umngeni Water Board.  

(a)    UNksz Khulekelwe Glynnis Mbonambi;
(b)    UMnu Mzimkulu Msiwa;
(c)    UNksz Sylvia Thandazile Mhlongo;
(d)    UNksz Hlengiwe Patricia Majozi;
(e)    UMnu Mfanveli James Ndlovu;
(f)    UMnu Sibusiso Wycliff Mkhize; kunye 
(g)    No-Adv Lavan Gopaul;

C.    ImiThetho eYilwayo

1.    UMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkonzo zoLuleko, wowama-2023

1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkonzo zoLuleko wowama-2023 oseluyilo.
Ezi zilungiso zenziwe ngenxa yesiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko esawiswa ngeyoMnga 2020 kwityala le-Sonke Gender Justice NPC imangalele uMongameli woMzantsi Afrika nabanye.
1.2.    Ezi zilungiso zibethelele umba wokuzimela kweCandelo lezoBulungisa leeNkonzo zoLuleko njengoko kuchaziwe kwiCandelo 7(2) loMgaqo-siseko weRiphabhliki yoMzantsi Afrika wowe-1996. Oku kukuqalisa ukusebenzisa iCandelo 88A (1)(b) kunye neCandelo 91 loMthetho weeNkonzo zoLuleko, wowe-1998 (uMthetho 111 wowe-1998).
1.3.    Ukungeniswa kwalo Mthetho uYilwayo useluyilo kwenzelwe ukulungisa ukuqhwalela okukhoyo kumacandelo athile alo Mthetho achazwe yiNkundla yoMgaqo-siseko.

2.    UMthetho oYilwayo wezeNtengo kuRhulumente

2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo wezeNtengo kuRhulumente. Lo Mthehto uYilwayo uguzula uMthetho woMgaqo-nkqubo wokuThenga ngokweNzelelela wowama-2000 (uMthetho uNombl 5 wowama-2000).
2.2.    Lo Mthetho uYilwayo useluyilo uza kudala isicwangciso esinye sokuthenga kurhulumente kuze kupheliswe nengxaki yemithetho emininzi emalunga nezentengo kurhulumente. 
2.3.    Lo Mthetho uYilwayo wezeNtengo useluyilo ubaluleke ngokuba ulwela ukufezekisa iinjongo eziphambili zesizwe ezifana neenguqu, ukuxhotyiswa ngezakhono kwamanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo.
2.4.    Ukwavulela nokuba kusetyenziswe kakhulu iimveliso zalapha ekhaya kunye nokuxhaswa kokuyilwa kwezinto apha ekhaya kunye nophando, kwaye uvumela ukuba amashishini amancinci naphakathi eMzantsi Afrika enzelelelwe xa kuthengwa.

D.    Imisitho Ezayo

1. Imiba yehlabathi
1.1.    UMongameli Cyril Ramaphosa uza kundwendwelwa nguMongameli wase-Bulgaria uMnu Rumen Radev ngomhla we-12 kuCanzibe 2022 oza kuba ekutyelelo lwaseburhulumenteni. Olu tyelelo luza kwakha ubudlelwano bezopolitiko nezoqoqosho, futhi nentsebenziswano ngokwezenkcubeko phakathi koMzantsi Afrika ne-Bulgaria.  I-Bulgaria liqabane lezorhwebo elibaluleke kakhulu kuMzantsi Afrika kangangokuba ngowama-2022 eli lizwe lathumela e-Bulgaria iimpahla zorhwebo ezixabisa imali eyibhiliyoni yeerandi eyi-1.96.
1.2.    UMongameli Ramaphosa uza kundwendwelwa nayiNkulumbuso ye-Republic of Singapore uMnu Lee Hsien Loong ngomhla we-16 kuCanzibe 2023 ozakube ekutyelelo lwaseburhulumenteni oluza eMzantsi Afrika. Olu tyelelo luza kusetyenziselwa ukuqinisa obu budlelwane bukhoyo phakathi kwala mazwe mabini. Ngowama-2022 uMzantsi Afrika uthumele e-Singapore iimpahla zorhwebo ezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-10.3, ngolo hlobo wagqithisa kumlinganiselo wesiqhelo. Iimpahla ezingundoqo zorhwebo zoMzantsi Afrika ezithunyelwa e-Singapore ziquka i-aluminiyam yendalo, i-sintered dolomite kunye ne-Portland cement, phakathi kwezinye.
 
2.    ImiSitho yeHlabathi yezokusiNgqongileyo Esiza Kuthatha Inxaxheba Kuyo 
2.1.    IKhabhinethi iyivumile imiba ekuza kuxoxelwa phezu kwayo nguMzantsi Afrika kunye nokuba uthathe inxaxheba kwiSeshoni yesi-2 yeKomiti yokuThetha-thetha yooRhulumente abaHlukeneyo (i-INC2) ngesiVumelwano esiBophelelayo seHlabathi esiMalunga noNgcoliseko lweePlastiki kunye neeLwandle eza kubanjelwa e-Paris, e-France ukusuka ngomhla wama-29 kuCanzibe ukuya kowesi-2 kweyeSilimela 2023. I-INC yenza umsebenzi wokuqulunqa isivumelwano sehlabathi esingongcoliseko lweeplastiki kuquka neelwandle.

2.2.    IKhabhinethi iyivumile imiba ekuza kuzoxelwa phezu kwayo nguMzantsi Afrika kwiBhunga lama-35 leHlabathi lokuQuquzelela iNkqubo yaBantu neNdalo loMbutho wezeMfundo, ezeNzululwazi nezeNkcubeko weZizwe eziManyeneyo (i-UNESCO MAB ICC) eza kuqhuba ukusuka ngomhla we-12 ukuya kowe-16 kweyeSilimela 2023.
2.3.    Injongo ye-UNESCO MAB ICC kukukhuthaza ukuba kuphilwe ngeendlela ezingenzi monakalo kokusingqongileyo nezilondoloza indalo. UMzantsi Afrika waqalisa ukuthatha inxaxheba kwiNkqubo ye-MAB ngowama-1995 kwiNkomfa yase-Seville e-Spain. UMzantsi Afrika ngoku ukwisigaba sokuqalisa ukusebenzisa isiCwangciso-qhinga soMzantsi Afrika sokuLondoloza iNdalo esiza kusetyenziswa njengesikhokelo sokuqaliswa kweNkqubo ye-MAB kuwo onke amaqoqo olawulo lolondolozo lwendalo.

3.    UTyelelo oluza eMzantsi Afrika nguSekela-Mongameli wase-Colombia
3.1.    USekela-Mongameli u-Paul Mashatile uza kundwendwelwa ngugxa wakhe wase-Colombia, oHloniphekileyo uNkskz Vice Francia Elena Márquez, uSekela-Mongameli we-Republic of Colombia oza kube ekuTyelelo lwaseBurhulumenteni ngoLwesihlanu, umhla we-12 kuCanzibe 2023. Olu tyelelo luneenjongo zokuqinisa ubudlelwano phakathi koMzantsi Afrika ne-Colomiba njengoko i-Colombia ikwiphulo elibanzi lokwakha ubudlelwane neli lizwekazi le-Afrika.

4.    Iintlanganisa ezizayo eziza kubanjwa noonondaba ngamaLungu eKhabhinethi
4.1.    UMphathiswa wezoMbane uGq Kgosientsho Ramokgoba uza kunika oonondaba iinkcukacha ngeza kutsha nje ngomgama osele uhanjiwe malunga nokuqaliswa kwesiCwangciso sezoMbane (i-EAP) ngoLwesihlanu umhla we-12 kuCanzibe 2023 ngentsimbi yesi-14:00. Ezi ndibano zibanjwa rhoqo ngeveki zenzelwe ukunika oonondaba kunye nesizwe iinkcukacha ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokulwa le ngxaki kacimi-cimi wombane kwiveki engaphambili futhi zikwanika nengcaciso malunga nezinto ezibangele le ngxaki kacimi-cimi wombane kutsha nje. 

5.    INyanga ye-Afrika
5.1.    NgekaCanzibe, uMzantsi Afrika ubhiyozela iNyanga ye-Afrika, esisikhumbuzo sokusekwa koMbutho weManyano ye-Afrika (i-OAU) ngowe-1963, namhlanje ebizwa ngokuba yiMbumba ye-Afrika (i-AU). Owona msebenzi uphambili we-AU kukulwela uxolo nozinzo kweli lizwekazi.

6.    ITumente yeHlabathi ye-Table Tennis
6.1.    ITumente yowama-2023 yeHlabathi ye-Table Tennis yoMbutho weHlabathi we-ITTF iza kubanjwa ukususela ngomhla wama-29 ukuya kowama-28 kuCanzibe 2023.
6.2.    Lo msitho uza kubanjelwa e-Durban International Convention Centre, apho kuza kudlalwa iintlobo ezahlukeneyo zalo mdlalo eziquka i-Men’s Singles, i-Women’s Singles, i-Men’s Doubles, i-Women’s Doubles kunye ne-Mixed Doubles. IKhabhinethi inqwenelela okuhle kodwa abo baza kuthatha inxaxheba kule midlalo.
6.3.    Le Tumente yeHlabathi ye-ITTF ye-Table Tennis iyimbali kumdlalo we-table tennis njengoko kuza kuba kokokuqala kwiminyaka engaphezulu kwama-80 le midlalo iza kudlalelwa kweli lizwekazi lase-Afrika.

7.    INdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi
7.1.    Njengoko sele kusele iiNtsuku ezingama-81 phambi kokuqala kweNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi, iKhabhinethi icela abemi boMzantsi Afrika ukuba badlamkise esi sizwe njengoko siza kusingatha le midlalo ngokuthi bathathe inxaxheba kwiphulo i-Netball Fridays.

8.    UTyelelo lokuHlola iNkqubo yoPhuhliso lweziThili
8.1.    UMongameli Cyril Ramaphonsa uza kubamba iMbizo kaMongameli yesi-8 yeNkqubo yoPhuhliso lweziThili (i-DDM) kwisiThili sase-Cape Winelands, eNtshona Koloni ngomhla we-19 kuCanzibe 2023 njengenxalenye yamalinge karhulumente okuphucula amaphulo okuhanjiswa kweenkonzo kunye nokukhuthaza uluntu nesizwe ngokubanzi ukuba lube yinxalenye yamalinge okukhulisa uMzantsi Afrika sibambisene futhi kungashiywe namnye umntu ngasemva. 
8.2.    Amalungu esiGqeba soLawulo aza kuqalisa kungekudala isigaba esilandelayo sale Nkqubo yeeMbizo njengenxalenye yokufakana imilomo nokubonisana noluntu into ebangela ukuba urhulumente asondele kakhulu ebantwini nekhuthaza uhlobo lolawulo apha kulawulwa ngokwentando yesininzi ngokwenene kusenzela ukusombulula iingxaki eziphambili ezichaphazela ngqo abantu kunye nezinye ezilibazisekileyo ezinxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo.

E.    Imiyalezo

1.    AMAZWI OKUVUYISANA
IKhabhinethi ithumele amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:

  • kuNksz Kirsten Neuschäfer ngokuphumelela i-Golden Globe Race apho echithe iintsuku ezingama-235 ehamba ngolwandle engena-GPS nobunye ubuchwepheshe bokukhangela indlela. Ibinguye yedwa owasetyhini othathe inxaxheba kolu khuphiswano futhi wangumntu obhinqileyo wokuqala ukuphumela umdyarho wokujikeleza umhlaba wonke uwedwa ngephenyane. 

2.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithi tutwini kusapho nezihlobo:

  • zetshantliziyo lase-Netherlands elalichasene nocalucalulo, uMnu Klaas de Jong, ijoni lomzabalazo elalizinikele, nalowo wawongwa ngeMbasa yeSizwe i-Companions of OR Tambo. U-De Jong ukhunjulwa ngokufuna igwiba kumzi wezozakuzo wase-Netherlands apho wahlala iminyaka emibini ebaleka ukubanjwa ngamapolisa karhulumente wocalucalulo. Udume nangamaphulo akhe okusombulula ungquzulwano kumazwe amaninzi kweli lizwekazi.
  • zengcali yezamandla uMnu Ted Blom, obeyingcali ehlomla rhoqo ngomgaqo-nkqubo wezamandla.
  • ZikaSajini Lwando Lawrence Bunga, uSajini Mario Nel kunye no-Constable Lefaka, amapolisa amathathu ayinxalenye yoMbutho woMzantsi Afrika wamaPolisa (i-SAPS) abulewe kule veki iphelileyo esemsebenzini kwizithili abesebenza kuzo. Apha kubo omnye ebesebenza kuMasipala oMbaxa wase-Nelson Mandela, omnye kuMasipala oMbaxa wase-Buffalo City eMpuma Koloni aze omnye yena abe ngowase-Atteridgeville, e-Gauteng. Ukongeza, amanye amapolisa amabini abulewe izolo. IKhabhinethi ikugxibha kabukhali ukubulawa kwamagosa ee-arhente zogcino-mthetho kwaye oku ikuthatha njengenyathelo lokubeka ngqo ukhuseleko lwesizwe emngciphekweni. IKhabhinethi iyalele ii-arhente zogcino-mthetho ukuba zenze konke okusemandleni ukuzingela aba nqali-ntloko babulala amagosa ee-arhente zogcino-mthetho kweli lizwe. 
  • zegqala lomdlalo wegalufa ebelithandwa kakhulu, uMnu John Blank (obeneminyaka engama-77), owaphumelela iimbasa ezingama-36 kwiminyaka emininzi engumdlali wegalufa.
     

Imibuzo:
UMnu Michael Currin – iBambela lesiThethi sikaRhulumente
Iselula: 082 462 7896

Share this page

Similar categories to explore