INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-26 kuTshazimpunzi wama-2017

IKhabhinethi ibidibene ngomhla wama-26 kuTshazimpunzi wama-2017, kwiZakhiwo zoMdibaniso, ngosuku olungaphambi kwemibhiyozo yoSuku lweNkululeko yama-23. Le ntlanganiso ibichotshelwe nguMongameli uJacob Zuma njengosihlalo, nethe yamkela amalungu amatsha eKhabhinethi nawongeza ezi nkokeli zikhoyo zikarhulumente ekuqhubeleni phambili ukufezekiswa kweNkqubo yokuSebenza karhulumente yenguqu egqibeleleyo yezoqoqosho nohlumo lwezoqoqosho oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke.

1. Izigqibo zeKhabhinethi

1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuba iSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba ukuba libe ngomnye wabasingathi bengqungquthela yeHlabathi yoMbutho wokuFama ngeMveliso yaseLwandle eKapa ukususela ngomhla wama-26 ukuya kowama-30 kweyeSilimela yowama-2017.

Oku kwenza igalelo kwiLebhu ye-Operation Phakisa yokuFama ngeMveliso yaseLwandle negxile ekwandiseni uhlumo lokufama ngendalo yasemanzini ngokuphindwe kahlanu kule minyaka mihlanu izayo ukususela kwiitoni ezingama-4 000 ukuya kwezingama-20 000, ukudala imisebenzi eli-15 000 nokwandisa igalelo lokufama ngemveliso yaselwandle kwisambuku semveliso yelizwe (i-GDP).

Ukufama ngemveliso yaselwandle kunikezela ngethuba elihle lokwandisa iindidi ezahlukeneyo zemveliso yentlanzi ukwanelisa imfuno yalapha ekhaya, ukubakho kokutya, amathuba okuthumela kumazwe angaphandle nokudala imisebenzi. Ukusingatha le ngqungquthela kuza kukhulisa eli candelo, kuphucule utyalo-mali lwabamashishini abucala nabaxhasi, nokuncedisa ukukhawulezisa uphuhliso lokufama ngemveliso yaselwandle ngokufunda kwizicwangciso-qhinga zezinye izizwe.

1.2. IKhabhinethi ikuvumile ukusekwa kweKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) ukuba yongamele ize iququzelele amalungiselelo okusingatha iNgqungquthela yama-37 yesiQhelo yeeNtloko zeMibuso nooRhulumente boMbutho wokuPhuhlisa aMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) eza kubanjwa ngomhla we-17 kweyeThupha yowama-2017.

Le Ngqungquthela ye-SADC iza kubanjwa phantsi komxholo othi “UkuSebenzisana neCandelo labuCala ekuPhuhliseni uShishino namaCandelo oMmandla Ongeza iXabiso kwiiMveliso”, igxininise ingxaki yokufuneka kokuba kusatyelwe ekwimiba ebaluleke kakhulu ekufezekiseni nasekuphumezeni isiCwangciso-qhinga sezoShishino nesiCwangciso sokuSebenza se-SADC.  

UMzantsi Afrika uza kusebenzisa isikhundla sawo sokuba nguSihlalo we-SADC ukuqhubela phambili ngobuchule izinto ezibalulekileyo neziphambili kweli lizwe njengoko zicaciswe kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) nokomeleza amathuba ezoqoqosho alo mmandla kunye nemiba enxulumene nokhuseleko.

1.3. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko liza kusingatha uhlelo lwesithathu lweNyanga yase-Afrika kwinyanga kaCanzibe yowama-2017. Oku kwenza inxalenye yegalelo loMzantsi Afrika kumbhiyozo welizwekazi yokutshintsha lisuka kuMbutho weManyano ye-Afrika (i-OAU), nowasekwa ngomhla wama-25 kuCanzibe we-1963, ukuba ube yiManyano yase-Afrika (i-AU), kunye namaziko anxulumene nayo neenkqubo.  

Umbhiyozo weNyanga ye-Afrika wenza igalelo lokucima ubukoloniyali kwilizwekazi le-Afrika ngeeprojekthi zikarhulumente ezahlukahlukeneyo nezoluntu phantsi komxholo othi: “UNyaka ka-OR Tambo: UKwakha i-Afrika eNgcono neHlabathi eliNgcono”.

INyanga ye-Afrika inegalelo kwikhwelo le-Afrika iyonke lokuba kusetyenziswane futhi kumanyanwe ngabantu abamnombo wabo use-Afrika, kwaye isetyenziswa njengeqonga lokukhangela inkqubela esele yenziwe ekufezekiseni i-Ajenda 2063 ngawo onke amaZwe angamaLungu e-AU.  

Inkqubo ebude buyinyanga karhulumente wonke, neza kufumaneka ku-www.gov.za, ayipheleli nje kwicandelo lezobugcisa nenkcubeko ukwamkela igalelo loRhulumente woMzantsi Afrika ngezoqoqosho, ezopolitiko nezentlalo ezichaphazela uphuhliso lwelizwekazi. Imisitho neendibano zokufakana imilomo ziza kuba kwimo ebhiyozayo nefundisayo, kwaye zonke ziza knceda ngezopolitiko nezentlalo noqoqosho kubantu baseMzantsi Afrika nelizwekazi liphela ukuze babonakalise ukuzingca ngobu-Afrika babo nokuzibophelela ngokutsha ekwakheni izizwe ezakhelwe ekwabelaneni ngezithethe neenqobo ezintle zobu-Afrika.

1.4. IKhabhinethi yazisiwe ngokusingathwa ngokuyimpumelelo kweNkomfa yoNyaka yeHlabathi yamaThala eeNcwadi noLwazi yeManyano yeHlabathi yeMibutho namaZiko amaThala eeNcwadi (i-IFLA) eyayibanjelwe eMzantsi Afrika, eKapa ukususela ngomhla we-15 ukuya kowama-21 kweyeThupha yowama-2015.

IsiBhengezo se-IFLA saseKapa siza kunikezelwa kubaPhathiswa bezeNkcubeko be-AU ukwenzela imvumelwano, inkxaso nokufezekiswa. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko liza komeleza amalinge okukhuthaza ukuthanda ukufunda eMzantsi Afrika.

2. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente

2.1. Ukuzibophelela kukarhulumente ekukhuliseni uqoqosho kuphinde kwangqinwa zindibano zokufakana imilomo eziqhube kakuhle kakhulu phakathi koMphathiswa wezeZimali, uMalusi Gigaba nabatyali-mali kunye nemibutho namaqumrhu ezezimali ehlabathi ngexesha etyelele  e-United States of America esiya kwiiNtlanganiso zaseNtwasa-hlobo zeNgxowa-mali yeHlabathi yezeMali (i-IMF) kunye neBhanki yeHlabathi. UMphathiswa uGigaba ukwabambe iintlanganiso zokubonisana nabo nabatyali-mali balapha ekhaya neKomiti yesiGqeba eKhethekileyo ye-Nedlac (iBhunga leSizwe loPhuhliso lwezoQoqosho nezabaSebenzi) echotshelwe nguSekela Mongameli uCyril Ramaphosa njengosihlalo.  

Ezi ndibano zigxininisa ukuba urhulumente ugxile kwimigaqo-nkqubo yobulumko ekuphathweni kwezimali nokubanjwa kwesandla kwindlela eziphethwe ngayo izimali njengoko kukhanyiwe kuHlahlo lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2017.

IKhabhinethi ibongoza onke amacandelo ukuba asebenzisane norhulumente ukukhulisa intembeko nokuqhubela uqoqosho kuhlumo oluzinzileyo noluxhanyulwa ngumntu wonke.

2.2. Ukumisela kukaMongameli uJacob Zuma uMmandla wezoQoqosho oKhethekileyo iMaluti-A-Phafong (i-MAP-SEZ) eTshiame, eHarrismith, eMpuma Freystata, ngomhla wama-25 kuTshazimpunzi wama-2017 kubonakalisa ukukhuthaza kukarhulumente uphuhliso lwezoshishino nolungundoqo kwimpumelelo yezoqoqosho yexesha elide nokuchuma. Amacandelo aphambili kwi-MAP-SEZ lelemoto, elokuhlelwa kweemveliso zezolimo, elezothutho, elobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano (i-ICT), elezamachiza nokuhlela nje jikelele. Oku kudala amathuba ecandelo lezemizi-mveliso kwakunye norhwebo lommandla nolwehlabathi ngamaqumrhu ongeza ixabiso nengeniso yeemveliso ngaphakathi kuMasipala waseMaluti-A-Phofung.  

Ukumiselwa kwe-MAP-SEZ kubeka inani lee-SEZ kweli lizwe lifike kwisibhozo. Ukuza kutsho ngoku inkqubo ye-SEZ sele iyonke itsale utyalo-mali olungaphezulu kwe-9.5 yeebhiliyoni zeerandi. Ikwadale imisebenzi esisigxina ephuma ngqo kule SEZ engaphezulu kwama-10 000 kunye nemisebenzi engama-65 000 edalwe kumashishini amelene nale SEZ. Ii-SEZ zikwaqhubekeka ukudlala indima ekutsaleni uTyalo-mali oluthe Ngqo lamaZwe angaPhandle (i-FDI).  

Ukumiselwa kwale MAP-SEZ izihektare ezili-1038 kubaluleke kakhulu ekufezekisweni kwesiCwangciso soMgaqo-nkqubo wokuSebenza kwezoShishino (IPAP) nesimisela ii-SEZ ukukhawulezisa uhlumo lwezoqoqosho lwezi ngingqi nophuhliso kwimimandla ethile yeli lizwe.

2.3. IKhabhinethi iyayamkela ingxelo yeNtembeko kuTyalo-mali oluthe Ngqo laMazwe angaPhandle yowama-2017 ka-A. T. Kearney, nebonakalisa ukuba uMzantsi Afrika lilizwe lama-25 elilelona linomtsalane kutyalo-mali oluthe ngqo lamazwe angaphandle ehlabathini jikelele, nelibekwa kwindawo yokuqala kwiLizwekazi i-Afrika.

UMzantsi Afrika uphinde wabuyela kuluhlu, olupapasha amazwe angama-25 azezona ndawo zinomtsalane kutyalo-mali, okokuqala ukususela kowama-2014. Uhlelwa namanye amazwe aphuhlayo afana ne-China (kwindawo yesi-3), i-India (kwindawo ye-8), iBrazil (kwindawo ye-16) ne-Mexico (kwindawo ye-17).  

Oku hlelwa kubonakalisa ukuba ubudllelwane boMzantsi Afrika nabatyali-mali bamazwe angaphandle buya buqina ngakumbi kukwabonakalisa ukuba umgaqo-nkqubo weli lizwe kuphuhliso uveza iziqhamo. Ukuphucuka kwithemba loqoqosho lexesha elifutshane notyalo-mali lexesha elide kwicandelo lezokuvelisa leli lizwe liye lakhankanywa njengamanye angundoqo aqhubela phambili uthelekelelo loMzantsi Afrika kwesi Salathiso.   

2.4. Kwenye ingxelo eyahlukileyo, iSalathiso soTyalo-mali sase-Afrika sowama-2016 esisesona sitsha esiqhutywe licandelo elizimeleyo lophando-nzulu lakwaQuantum Global sibeka uMzantsi Afrika kwindawo yesine yezona ndawo zinomtsalane kutyalo-mali e-Afrika emva kweBotswana, iMorocco ne-Egypt. UMzantsi Afrika ufumane amanqaku amahle kwicala lohlumo lwe-GDP, ubulula bokwenza ushishino kweli kunye nenani labantu elivisayo.

Ukuba nomtsalane kweli njengendawo yokwenza utyalo-mali umntu anokuyikhetha kuphinde kwakhankanywa kwingxelo yeNkangeleko yoQoqosho lwase-Afrika yowama-2016, nebeka uMzantsi Afrika kwindawo yesine phakathi kwamazwe akhokelayo kutyalo-mali e-Afrika ngowama-2015 emva kwe-Egypt ($10.2 zeebhiliyoni), i-Mozambique ($4.7 zeebhiliyoni) ne-Morocco ($4.2 zeebhiliyoni) ne-$3.6 zeebhiliyoni kutyalo-mali lamazwe angaphandle. UMzantsi Afrika usaqhubeka ukwakhela kwisiseko sawo esomeleleyo sezezimali nesezoshishino, sibekwa kwindawo yama-47 kuthelekelelo lamazwe ali-138 leSalathiso soKhuphiswano lweHlabathi leQonga lezoQoqosho lweHlabathi sowama-2016/17.

2.5.  IQonga lezoQoqoqsho leHlabathi e-Afrika lama-27 liza kuqhubeka kwiZiko leNgqungquthela leZizwe-ngezizwe iNkosi Albert Luthuli eDurban ukususela ngomhla we-3 ukuya kowe-5 kuCanzibe yowama-2017 phantsi komxholo othi: “Ukuphumeza uHlumo oluXhanyulwa Nguye Wonke: Iinkokeli eziPhendulayo nezineNkathalo.”

IKhabhinethi iyalamkela eli thuba lokuba uMzantsi Afrika ubambe iindibano zokufakana imilomo malunga namathuba otyalo-mali athembisayo, intsebenziswano emandla phakathi kwemimandla kunye nokuzibophelela ngokutsha kuhlumo nophuhliso oluzinzileyo e-Afrika.

I-Afrika inamazwe angawona anoqoqosho oluhluma ngokukhawuleza kwihlabathi into leyo ithe yenza umtsalane ekwandeni komdla kubatyali-mali behlabathi jikelele. UMzantsi Afrika ulelona lizwe linoqoqosho olusekelwe nolumi ngeentlobo ezahlukeneyo zeemveliso kwilizwekazi kwaye udlala indima ebaluleke kakhulu ekuphucukeni kwe-Afrika.

2.6. Isibophelelo soMzantsi Afrika ne-Oman sokomeleza ubudlelwane bezorhwebo, kwindibano yezoshishino yangomhla wama-27 kweyoKwindla yowama-2017 phakathi koMphathiswa wezoRhwebo noShishino u-Rob Davies kunye nogxa wakhe wase-Oman, uGq Ali Bin Masoud Al-Sunaidy, kunceda oosomashishini baseMzantsi Afrika ukuba balisebenzise eli thuba balinikwa yi-Oman, ngokukodwa kwezolimo namashishini okuhlela iimveliso zezolimo.  

Ngaphezulu, iphulo leSebe lezoRhwebo noShishino lotyalo-mali ebeliqhutywa eGhana naseNigeria phakathi komhla wama-20 nowama-25 kweyoKwindla yowama-2017 libe negalelo ekukhangeleni nasekudaleni urhwebelwano namazwe angaphandle ukwenzela iimveliso zexabiso elongeziwe zaseMzantsi Afrika neenkonzo. Eli phulo likwathengise iimveliso neenkonzo zaseMzantsi Afrika kwakunye nokwakha ubudlelwane bezoshishino phakathi kwabezoshishino bala mazwe.  

Ukwanda korhwebo kwilizwekazi nokudalwa kobudlelwane namanye amazwe ase-Afrika kungakhokelela ekulweni indlala, ukwanda korhwebo, uphuhliso lwezoshishino ize ekugqibeleni kudale imisebenzi eyongezelelekileyo, nebalulekileyo kuphuhliso lwezoqoqosho lwase-Afrika.

2.7. UMphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uLindiwe Zulu ukhokele igqiza loMzantsi Afrika kwiNdibano yezoshishino yase-Estonia nebelisingathwe liBhunga lezoShishino neMizi-mveliso laseMzantsi Afrika. Ngoqosho lwase-Estonia olungama-90% angamaShishini amaNcinci, aPhakathi namaNcinane (ii-SMMEs), esi sivumelwano sentsebenziswano soMzantsi Afrika singqina ukuzimisela kukarhulumente ekudaleni imisebenzi nasekukhokeliseni phambili ii-SMME.

2.8. Isakhono sokukwazi ukumelana neenzima kwecandelo lethu leefama lixhaswa zinkqubo zokulumkisa kwangexesha nophando-nzulu, nangona eli belihlaselwe ngamandla yi-Fall Army Worm kunye nembalela, sibonakaliswe luqikelelo lesivuno sombona oza kuthengiswa sowama-2017 esingama-84%, okuthetha ukuba singaphezulu kwisivuno sowama-2016, nebesisesona sivuno sakhe sasincinci ukususela kowama-2007. Imimandla emithathu evelisa umbona omninzi,  eyiFreystata, iMpumalanga noMntla Ntshona, kulindeleke ukuba ivelise ama-82% esivuno sombona ngowama-2017.

Isivuno sombona esilindelekileyo zizigidi  ezili-14,324 zeetoni, leo yi-2,91% (iitoni ezingama-405 050) ngaphezulu kunoqikelelo langaphambili oluzizigidi ezingama-13,918 zeetoni. Uqikelelo lwe-eriya lwesivuno sombona lusahleli luzizigidi ezingama-2,629 eehektare nganye, ngeli xesha imveliso elindelekileyo ikwi-5,45 iitoni kwihektare nganye.

2.9. Ukuzinikela kukarhulumente ekomelezeni, ekuphuhliseni, nasekwenzeni lula indlela yokufikelela kwiidyunivesithi, ibonakaliswe kukuphinda-phindana kwenani labafundi kule minyaka ingama-20 idlulileyo.

Oku bekuxhaswa nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uGq Blade Nzimande kwisaziso sakhe sokuchaza inkcitho karhulumente efikelela kwisixhenxe seebhiliyoni zeerandi kule minyaka mibini izayo kwiindawo zokuhlala zabafundi abatsha, iilabhoretri, ubuchwepheshe bonxibelelwano, nolunye uncedo olufuneka kakhulu, kwakunye nokulungisa okubaluleke kakhulu nokwandiswa ngakumbi kweedyunivesithi ezintsha. Enye imali ezibhiliyoni ezi-2,5 zeerandi eza kongezwa kule minyaka mihlanu izayo iza kugxila  kwezo dyunivesithi zazisakuhleleleka ngaphambili ukuzinika amathuba angcono okuba zenze umsebenzi wazo ngokupheleleyo.

Utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo, kuquka ukufundisa neendawo zokwenza uphando-nzulu, izixhobo, kunye nendawo yokuhlala kwabafundi efanelekileyo ingundoqo ekuqinisekiseni ukuba iidyunivesithi ziyakwazi ukwenza umsebenzi wazo wokuxhobisa ngokugqibeleleyo.  

2.10. UMphathiswa wezabaSebenzi, uMildred Oliphant, uza kuba ekhokela iphulo lesizwe lokufundisa ngeNyanga yabaSebenzi lowama-2017 phantsi komxholo othi “Wazi amalungelo noxanduva lwakho njengendlela yokubethelela ukuthotyelwa kwemithetho nangakumbi”.

Eli phulo liza kufundisa abasebenzi baseMzantsi Afrika ngamalungelo noxanduva lwabo. Liza kuphawula nangezinto ezibe yimpumelelo zabasebenzi baseMzantsi Afrika lize lihlole nokuthotyelwa kwemithetho yezabasebenzi. Le nyanga iza kuquka notyelelo lohlolo lwequbuliso kulo macandelo athathwa njenganomkhwa wokophula imithetho yezabasebenzi.

Urhulumente uphumeze imithetho yokusebenza ngokungalingani okuninzi nocalulo olungeluhle nesashiywa nalo ngurhulumente wocalucalulo. Injongo ephambili yemithetho yezabasebenzi kukulwela ukuqhubela phambili uphuhliso lwezoqoqosho, ubulungisa kwezentlalo, uxolo kwezabasebenzi nokwenza ukuba kugqube ulawulo lwentando yesininzi emisebenzini. IKhabhinethi ibongoza onke amacandelo ukuba adlale indima yawo ekulungiseni umonakalo wokungalingani wangaphambili ngokusombulula ingxaki yokuhamba ngesantya sonwabu kumba wokuziswa  kwenguqu emisebenzini.

2.11. Ukususela ngomhla we-17 ukuya kowama-23 kuTshazimpunzi wowama-2017 urhulumente uqhube iVeki yeSizwe yesi-6 yokuGxininisa kwiiMbizo yalo rhulumente wathatha intambo zolawulo ngeyeSilimela kowama-2014. Le veki iphawulwe zindibano ezininzi zokubonisana phakathi kwamalungu esigqeba nabemi kwaye yenze igalelo kwizicwangciso zikarhulumente ezibanzi zokuphucula ubomi babo bonke abemi beli.
 
IKhabhinethi ibothulela umnqwazi abantu abathe bathatha inxaxheba kwiiMbizo kunye namagosa karhulumente kweli lizwe jikelele, ngenjongo yokusabela kwimingeni yonikezelo-nkonzo nokubonelela ngobomi obungcono kumntu wonke.

Ezinye iiMbizo ziquka: ukumiselwa kweZiko lamaShisini amaNcinane kwiKholeji yeMfundo yezobuChwepheshe nezaKhono zoMsebenzi noQeqesho i-Goldfields (TVET) e-Welkom, eFreystata nguMphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uNksz Lindiwe Zulu. Eli Ziko lenze igalelo ekuncediseni kwingxaki yentswela-ngqesho yolutsha ngokulubonelela ngenkxaso kwangethuba kumanqanaba okuqala okuqalisa ishishini. Kubanjwe iindibano zokubonisana ezingama-34 kulo lonke eli.  

3. Imiba engundaba-mlonyeni

3.1. UMongameli uJacob Zuma ukhokele imibhiyozo yama-23 yoSuku lweNkululeko lesizwe ngomhla wama-27 kuTshazimpunzi wowama-2017 phantsi komxholo othi: “Unyaka ka-OR Tambo: Sisonke singena nzulu kulawulo lwentando yesininzi nokwakha isizwe olukhuseleke ngokuthe chatha nolungenalwaphulo-mthetho”.

Indibano uMongameli ebayibambile eManguzi, kwaMhlabuyalingana iyinxalenye yephulo lesizwe lokulwa ulwaphulo-mthetho, eyindibano elandela i-Presidential I Siyahlola Monitoring Programme eyayibanjwe kweyoKwindla yowama-2017. Igxininisa umba wokuba kufuneka kuthathwe amanyathelo akhawulezileyo okulwa ulwaphulo-mthetho olwenziwa kunqunyulwe imida ngokukodwa ukuqweqwediswa kweemoto. Urhulumente akalali kukusebenza kulo mmandla ukuncothula ulwaphulo-mthetho nokulungisa imiba yabantu bakwaMhlabuyalingana, kuquka nemingeni echaphaze i-Isimangaliso Wetland Park.

Le mibhiyozo ibonakalisa ngemisebenzi eyimpumelelo yeli lizwe ukususela kowe-1994 ngeli xesha siwuqonda umsebenzi osadinga ukwenziwa ekwakheni uMzantsi Afrika omanyene ngokuyinene, ongenacalucalulo ngokobuhlanga, ngokwesini, onolawulo lwentando yesininzi nonempumelelo. Ngenyanga yeNkululeko sibhiyozela igalelo kwinkululeko yethu nolawulo lwentando yesininzi, lalowo wayesakuba nguMongameli woMbutho weSizwe (i-ANC) noliqhawe lesizwe, u-Oliver Reginald Tambo, nobezakugqiba iminyaka eli-100 kulo nyaka ukuba ebesaphila.

3.2. Njengenxalenye yenkqubo yeNyanga yeNkululeko uMphathiswa wezoNxibelelwano, u-Ayanda Dlodlo, uqalise iindibano zokufakana imilomo nolutsha njengenxalenye yeengxoxo eziqhubekayo malunga nokuba kuthetha ntoni kulo “UKUBA NGUMNINI WENKULULEKO YAKHO”, olu qhagamshelwano lusetyenziselwe ululandela ezi ngxoxo kumakhasi onxibelelwano.

IKhabhinethi ibongoza ulutsha ukuba lusebenzise ilungelo noxanduva lwalo ngobulumko luze lubahloniphe abo bathi balwela inkululeko yethu, nexhanyulwa nguye wonke umntu kwilizwe lethu eliphantsi kolawulo lwentando yesininzi.

3.3. IKhabhinethi iyayamkela intlanganiso yokuqala yegqiza eliphezulu loMzantsi Afrika-China leeNdlela zokuSebenzisana Phakathi Kwabantu (i-PPEM) nebibanjwe ukususela ngomhla wama-24 ukuya kowama-27 kuTshazimpunzi. Oku ibikufezekiswa kwesivumelwano esisusela kuTyelelo lwasebuRhulumenteni oluza eMzantsi Afrika phakathi kukaMongameli uJacob Zuma noMongameli u-Xi Jinping. IIMC malunga neNdlela yokuSebenzisana Phakathi Kwabantu, ebikhokelwa nguMphathiswa uNathi Mthethwa isingathwe nguSekela Nkulumbuso u-Lui Yandong nabathunywa be-People’s Republic of China.

Kutyikitywe uninzi lwezivumelwano zentsebenziswano ezingaphakathi kwale mixholo ibanzi mibini – uPhuhliso lwabaSebenzi, noPhando-nzulu noPhuhliso. Uhlumo lwezoqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke lubonakaliswa yinguqu egqibeleleyo yezentlalo noqoqosho kwaye luhamba kunye nokuxhotyiswa kwabantu beli, ingakumbi ulutsha lweli lizwe kumanqanaba awohlukeneyo.
 
IKhabhinethi iyayamkela inkxaso yesipho sezixhobo zezempilo (ezenziwe eMzantsi Afrika) evela kurhulumente wase-China, njengenxalenye yesivumelwano sentsebenziswano kwezempilo phakathi kwe-Afrika ne-China, oku kuza kunceda ukuphucula umgangatho wonikezelo-nkonzo kwizibhedlele zikawonkewonke.

Ngezi zivumelwano zentsebenziswano zozibini ezi zizwe zizimisele ukusebenzisana ngezixhobo zobuchwepheshe bale mihla eziza kuxhanyulwa ngala mazwe omabini, uqeqesho lootitshala nokwabelana ngezakhono kwicandelo lezemfundo, ngokukodwa kwiZibalo, iNzulu-lwazi nobuChwepheshe njengesiqalelo sokukhula koqoqosho lolwazi. Eminye imimandla yentsebenziswano ephuculiweyo iquka: inkcubeko; unxibelelwano, ezempilo, inzulu-lwazi nobuchwepheshe; imidlalo; ukhenketho; imicimbi yezabasetyhini neyolutsha.

3.4. IKhabhinethi idlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho nabahlobo babantu abangama-235 abathe baphulukana nobomi babo ngenxa yeengozi zeendlela ngexesha leeholide zePasika. Iinkcukacha-manani zeli xesha zibonakalisa ukuba ama-50% kwabo baswelekileyo ibingabahambi-ngeenyawo, kulandela abakhweli abangama-24% ize abaqhubi ibe li-19%.

3.5. IKhabhinethi nayo njengoMongameli uJacob Zuma ivakalisa udandatheko nomothuko omkhulu ngokusweleka kwabantwana besikolo abali-18, nabantu ababini abadala ngexesha kusenzeka ingozi eyoyikekayo yeteksi eBronkhorstpruit, ngaphandle nje kwePitoli. Soleka umsundulu kwisimemezo esenziwe nguMongameli uZuma sokuba abezomthetho mabaphande ngokukhawuleza unobangela wale ngozi.
 
IKhabhinethi ibulela onke amasebe karhulumente, imibutho engekho phantsi korhulumente (ii-NGO), amagcisa nabezoshishino abaxhasa iintsapho ezichaphazelekayo kwakunye nabafundi nabasebenzi besikolo seMfundo ePhakamileyo saseMahlenga neSikolo sePrayimari iRefano ngeli xesha linzima kangaka.

Inyhikitya yokufa ezindleleni, ngokukodwa ngexesha leeholide eMzantsi Afrika, ihleli iyinkxalabo yesizwe. Kwiimeko ezininzi oku kusweleka bekunokuthintelwa ngokuziphatha ngendlela enenkathalo nokusetyenziswa kweendlela zeli lizwe ngokunenkathalo. Ukuqhuba ngokungakhathaleli ngozi konke-konke nangokungenankathalo akwamkeleki kwaye bonke abantu baseMzantsi Afrika bayabongozwa ukuba baluthathele kubo uxanduva lokhuseleko lwabo ezindleleni zeli.  

3.6. IKhabhinethi ibothulela umnqwazi abecandelo lezothutho leebhasi ngokubuyela emsebenzini emva kuqhankqalazo olungabanga naziganeko zabundlobongela, libonisa indlela yokuqhankqalaza yabasebenzi. Indima edlalwe nguMphathiswa wezeMisebenzi kufuneka inconyiwe ngokuququzelela isiphelo soluqhankqalazo kweli candelo libaluleke kakhulu kuqoqosho lwethu.

3.7. IKhabhinethi ixhalabile kukuqhambuka kwakutsha nje kobundlobongela eVuwani emva kwesigqibo seBhodi yoCando-mida yooMasipala sokuyifakela phantsi komasipala omtsha. IKhabhinethi ikugxeka kakhulu ukusetyenziswa kwabantwana bethu njengesixhobo sothethathethwano, ukuvalwa kwezikolo iiveki ngeeveki kulenza mfiliba ikamva laba abantwana nabathi bathwaliswe umthwalo ongaphezulu kwabo.

Ubundlobongela, izoyikiso, ukutshatyalaliswa, okanye amanyathelo athi akhokelele ekutshatyalalisweni kwezikolo okanye abafundi bavinjwe ithuba lokuya eskolweni akunandawo tu kweli lizwe lethu lilawulwa ngokwentando yesininzi.

IKhabhinethi iyawubulela umsebenzi owenzwe yi-IMC, ikhokelwa nguMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli uMnu Des Van Rooyen nokutyelelwa nguMphathiswa wezamaPolisa, uFikile Mbalula, kwaye uyaluxhasa uluvo lokuba izenzo zolwaphulo-mthetho kuquka nokonakaliswa nokutshatyalaliswa kwempahla nezakhiwo akuzikunyanyezelwa. UMongameli uJacob Zuma kulindeleke ukuba adibane neKumkani yaMaVenda uKumkani Toni Mphephu Ramabulana kunye neenkokeli zomthonyama zesithili saseVhembe ngelinge lokuzisa uzinzo. IKhabhinethi iyagxininisa ukuba imali nezixhobo zoncedo ezichithwe ekulungiseni izikolo ezonakalisiweyo yimali ebiza kusetyenziswa kwezinye iinkqubo zikarhulumente.

3.8. IKhabhinethi ikwacela inzolo nozinzo emva koqhankqalazo obelunobundlobongela kwidolophu yase-Lichtenburg nakwilokishi yase-Blydeville, kuMasipala wasekuHlaleni waseDitsobotla, eMntla Ntshona. Ukuya esikolweni kuye kwaphazanyiswa, iivenkile zatyhuthulwa zaza iimoto kunye nezindlu eziliqela zatshiswa. INkulumbuso yaseMntla Ntshona, u-Supra Mahumapelo, uchonge iqela labaPhathiswa kwiPhondo (ii-MEC) abahlanu noosodolophu ababini ukuba baphande baze balungise imingeni yonikezelo-nkonzo kulo mmandla.

3.9. IKhabhinethi iyalucela uluntu lwase-Coligny, eMntla Ntshona ukuba libuyeke ubundlobongela  lize livumele uMbutho wamaPolisa aseMzantsi Afrika (i-SAPS) e-Coligny ukuba ugqibezele uphando lwaqwo ngokusweleka komntwana, ukuqinisekisa ukuba buyenziwa ubulungisa.

Abemi beli bayabongozwa ukuba bavakalise iinkxalabo zabo ngokusebenzisa amaziko akhoyo asemthethweni kwaye bakwenze oko ngokulandela umthetho.

3.10. Urhulumente uwothulela umnqwazi amaziko ogcino-mthetho ngomsebenzi oncomekayo wokubamba abenzi bobundlobongela kwabasetyhini nakubantwana.

Kulo meko, iKhabhinethi iyawamkela amanyathelo akhawulezileyo athe athathwa liCandelo lokuLwa ukuRhweba ngaBantu looKhetshe kunye neQela lokuSabela ngobuChule le-SAPS nelithe labambaumfundisi ozinze eDurban ngesimangalo sokurhweba ngabantu eBhayi.
 
Kungumsebenzi noxanduva labo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane nabasemagunyeni ukukhusela abantu beli basetyhini nabantwana kubabulali kwaye siqinisekise ukuba siyayenza eyethu indima ukwenza iindawo ezihlala abantu beli zikhuselekile.

4. Imiyalezo

4.1. IKhabhinethi iyavuyisana noZolani Tete ngokuphumelela intshinga yodidi lwebhantamu yoMbutho wezamaNqindi weHlabathi (i-WBO). Oku kumbeka kwindawo elungele ukudibanisa iintshinga zehlabathi – oku kuthetha ukuba ngoku angakwazi ukucela umngeni kwiintshinga zehlabathi kwimibutho yomine emikhulu yezamanqindi yehlabathi: iBhunga lezaManqindi leHlabathi (i-WBC), uMbutho wezaManqindi weHlabathi (i-WBA) kunye neManyano yezaManqindi yeHlabathi (i-IBF).   

4.2. IKhabhinethi nayo njengoMongameli uJacob Zuma ithumela amazwi ovelwano kusapho nabahlobo bomcebisi oligqala ekwanguye nomqeqeshi, uNick Durandt, nobesaziwa ngesakhono sakhe sokuvelisa iimbethi-manqindi ezizintshatsheli kwakunye nokuthatha amakhwenkwe asemancinane awasuse ezitalatweni aze awenze abe zintshatsheli.

5. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

5.1. Amalungu achongwe nguMongameli weNkundla yeSizwe yamaTyala wabaThengi, aqalisa ukusebenza ngomhla wesiVumelwano sokuQondana sikaMongameli esifanelekileyo:
a) Njing. Joseph Mandal Maseko (uSihlalo wesiGqeba);
b) Nksz Laura Best (uSekela-Sihlalo);
c) Mnu Lulama Andisa Potwana (ilungu elisisigxina);
d) Nksz Penelope Anne Beck (ilungu lethutyana);
e) Adv. Hope Fiona Neo Sephoti (ilungu lethutyana);
f) Nksz Diane Reinette Terblanche (ilungu lethutyana);
g) Nksz Nomfundo Maseti (ilungu lethutyana);
h) Nksz Maleho Margaret Daisy Nkomo (ilungu lethutyana);
i) Njing. Bonke Clayton Dumisa (ilungu lethutyana);
j) Njing. Tanya Ann Woker (ilungu lethutyana);
k) Njing. Kasturi Moodaliyar (ilungu lethutyana);
l) Gq Maria Claudina du Toit (ilungu lethutyana);
m) Mnu Xolela Christopher May (ilungu lethutyana);
n) Mnu Fungai Khumbulani Sibanda (ilungu lethutyana);
o) Mnu Lehlohonolo Lucky Rabotapi (ilungu lethutyana);
p) Mnu Trevor Albert Bailey (ilungu lethutyana); kunye
q) no-Adv Frans Kgolela Manamela (ilungu lethutyana).

5.2. Ukuchongwa kwamalungu angengowesigqeba solawulo kwiBhodi yeQumrhu leziXhobo laseMzantsi Afrika (i-ARMSCOR):
a) Sekela-Mphathi woMkhosi waseLwandle (odla umhlala-phantsi) RJ Mudimu (uSihlalo noqeshiweyo kwakhona);
b) Nksz Thuthukile Skweyiya (uSekela-Sihlalo noqeshiweyo kwakhona);
c) Gq Moses Khanyile (uqeshiwe kwakhona);
d) Mnu Ndumiso M Tyibilika (uqeshiwe kwakhona);
e) Mnu Raymond Mlungwana Vokwana (uqeshiwe kwakhona);
f) Adv Virginia Lee Anne De La Hunt (uqeshiwe kwakhona);
g) Nksz CE Simpson;
h) Nksz T Mhlan; kunye
i) noNozakuzaku TJ Ndhlovu.
5.3. Mnu Kgabo Mahoai njengoMlawuli-Jikelele kwiSebe lobuDlelwane baMazwe ngamazwe neNtsebenziswano.

Imibuzo:
Willy Hlopheka Baloyi
Inombolo yoqhagamshelwano: 0833907147
 

Share this page

Similar categories to explore