Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga ukufaka isicelo selayisenisi yokuvelisa ipetroliyamu
Iphepha-mvume lokuvelisa ivaselina liyakuvumela ukuba uvelise izinto ezenziwa ngevaselina uzithengise kwabanamaphepha-mvume okuthengisa ngezixa ezikhulu, nabanye abathengisi ngaphandle kwabathengisa ngaphandle kelizwe.
Qaphela: akukho mntu onokuvelisa ivaselina engenawo amaphepha-mvume.
Ungathathwa njengonalo ihepha-mvume lokuvelisa ivaselina, kodwa kufuneka ufake isicelo zingaphelanga iinyanga ezintandathu zokuqala ukusebenza komthetho xa bowusele usebenza njengomvelisi wevaselina ngaphambi komhla weshumi elinesixhenxe ku Matshi 2006.
Ofanele kukwenza
- Kufuneka ugcwalise iFomu yokufaka isicelo selayisenisi yokuvelisa: engu-DE 40.
- Thumela ifomu yokufaka isicelo kwi-ofisi yesithili yeSebe lezaMandla.
- ISebe liza kuthumela incwadi ecacisa ukuba kufuneka upapashe isaziso sokufaka isicelo kwiSebe kumaphephandaba amane.
- Kufuneka unikezele ngesiqinisekiso sokupapasha isaziso sesicelo kwiSebe.
- Xa soyifumene ilayisenisi, kufuneka unikezele ngolwazi olumalunga neshishini lakho rhoqo ngonyaka usebenzise uLwazi lonyaka lwelayisenisi yokuvelisa (iFomu yokuFaka), engu-DE 33.
Ixesha elimiselweyo
Isigqibo kufuneka sithathwe zingadlulanga iintsuku ezingama-90 ukususela kumhla iSebe elifumene ngawo isiqinisekiso sokupapasha isaziso sesicelo.
Ingaba kubiza malini na
- I-R1 000 ukuba ngaba ubusowusebenza ngaphambi kokuba uMthetho siHlomelo weeMveliso zePetroliyam, wama-2003 (uMthetho 58 wama-2003), uqale ukusebenza.
- Li-R10 000 ukuba ngaba ubungekasebenzi ngaphambi kokuba uMthetho siHlomelo weeMveliso zePetroliyam, wama-2003 (uMthetho 58 wama-2003), uqale ukusebenza.
- Umrhumo wama-R5 000 rhoqo ngonyaka welayisenisi yeemveliso zepetroliyam ezivela nakweyiphi na i-hydrocarbon kuquka ipetroliyam, i-oli ekrwada, igesi yendalo, ulwelo lweegesi zendalo, okanye nawuphi na umxube wayo.
- Umrhumo wama-R500 rhoqo ngonyaka welayisenisi yeemveliso zepetroliyam evela kwezinye iziveliso zendalo.