Ukufaka isicelo sesiza nephapha-mvume lentengiso

Malunga
Ekufuneka ukwenze
Ixesha elimiselweyo
Imali ehlawulwayo
Iifomu ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxibelelwano

 

 

Malunga nokufaka isicelo sendawo yokugcina ipetroleum kunye nephepha-mvume lokuthengisa

Kufuneka ufake isicelo kwiSebe lezaMandla xa ufuna indawo yokugcina ipetroleum kunye nephepha-mvume lokuthengisa ukuba ufuna ukuthenga okanye ukuthengisa iimveliso zepetroleum kuluntu.

Qaphela: Umthengisi uvumelekile ukuba athenge iimveliso zepetroleum kumvelisi okanye ishishini elithengisa ngesixa elinephepha-mvume kuphela.

Iphepha-mvume liza kuhlala lisemthethweni ukuba nje ishishini lakho lisaqhuba.

Ekufuneka ukwenze

  1. Ugcwalise ifomu yokuFaka isiCelo sesiza okanye iphepha-mvume lokuthengisa, i-DE 39.
  2. Thumela ifomu yokufaka isicelo kwi-ofisi yengingqi yeSebe lezaMandla.
  3. ISebe liza kuthumelela ileta ecacisayo ukuba kufuneka upapashe isaziso sokufaka isicelo kumaphepha-ndaba amane.
  4. Kufuneka unike ubungqina bokuba usipapashile isaziso sokufaka isicelo kwiSebe.
  5. Wakuba ulifumene iphepha-mvume, kufuneka ungenise iinkcukacha ngeshishini lakho rhoqo ngonyaka usebenzisa ifomu yolwazi lonyaka ngeshishini elithengisayo (Ifomu engeniswayo), i-DE 33.

Ixesha elimiselweyo

Isigqibo sithathwa zingekapheli iintsuku ezingama-90 ukusuka ngomhla iSebe lifumana ubungqina bokupapashwa kwesaziso sokufaka isicelo.

Imali ehlawulwayo

  • Intlawulo yokufaka isicelo sephepha-mvume lesiza li-R1 000.
  • Intlawulo yokufaka isicelo sephepha-mvume leshishini lokuthengisa ngama-R500.
  • Ulwazi lonyaka lephepha-mvume leshishini lokuthengisa ngama-R500.

Iinkcukacha zonxibelelwano

 

Share this page