Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesibini, umhla wesi-8 kweyeThupha 2023

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. Ugwayimbo lweeteksi lwe-South African National Taxi Council (i-SANTACO) eNtshona Koloni

1.1. IKhabhinethi iye yachazelwa malunga nongquzulwano oluqhubekayo phakathi kwe-SANTACO yaseNtshona Koloni kunye nesiXeko saseKapa, oluye lwadlulela lwaba lugwayimbo olunobundlobongela ngenxa yokubanjwa kweeteksi sisiXeko saseKapa.
1.2. IKhabhinethi igxeka ubundlobongela kunye nokungabikho kozinzo eKapa yaye ihlabe ikhwelo kwi-SANTACO ukuba iqinisekise ukuba uqhankqalazo lwayo luseluxolweni yaye aluphazamisi amalungelo abanye. Ngenxa yoku, siye saphawula ukuba bezingekho iingxaki zobundlobongela kwiiyure ezingama-48 ezidlulileyo. Noko ke, amalungu Enkonzo YamaPolisa oMzantsi Afrika kunye namanye amaziko anyanzelisa umthetho aye ayalelwa ukuba aqinisekise ubundlobongela buselulawulweni ukuze kuvunyelwe abahlali bahambe ngokukhuselekileyo ukuba esikolweni, emsebenzini yaye nemisebenzi yabo yesiqhelo yemihla ngemihla.
1.3. IKhabhinethi kwakhona iye yachazelwa malunga nesiXeko saseKapa esibeka iimeko zokusebenzela zeteksi engavumelaniyo noMthetho weNdlela KaZwelonke, ka-1996 (Umthetho wama-93 ka-1996) kunye Nomthetho Wezithuthi Ezihamba Kumhlaba Wendlela KaZwelonke, 2009 (Umthetho wesi-5 ka-2009), elawula amatyala endlela kunye nezohlwayo ezifanelekileyo, kuquka ukubanjwa kweemoto. Ikhabhinethi iyalele uMphathiswa weNdlela, uNks. Sindisiwe Chikunga, ukuze aqinisekise ukuba naziphi na iimeko zokusebenza kweteksi ezingqubana nemithetho yeRiphabhliki iyasuswa.

2. Umlo nxamnye nokusetyenzwa kwemigodi okungekho semthethweni

2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukusasazwa kwecandelo lamapolisa elikhethekileyo, elixhaswa ngumkhosi, e-Riverlea, eRhawutini, eliza kujongana nokusetyenzwa kwemigodi okungekho semthethweni endaweni.
2.2. Ukongezelela, iKhabhinethi income ukubanjwa kwabasolwa abangaphezu kwe-194 ngenxa yemisebenzi yokusebenza kwimigodi engekho semthethweni yaye yayalela amaziko anyanzekisa umthetho ukuze avale ngokukhawuleza oku kunye nolunye ulwaphulo lomthetho olumandundu elizweni.
2.3. ISebe leziMbiwa kunye Namandla (i-DMRE) lizibophelele ekuvaleni zonke iishafti ezivulekileyo ezityeshelweyo kunye nemingxumo yemigodi e-Riverlea ekupheleni kweyoMsintsi wama-2023, ngoxa kuqosheliswa izicwangciso zokuvala kwezinye iishafti ezityeshelweyo ezivulekileyo kunye nemingxumo yemigodi kulo lonke ilizwe.

3. Imeko yokhuseleko e-Niger

3.1. IKhabhinethi iyiphawulile imeko yokhuseleko e-Niger enayo kuhambo-lomoya phakathi koMzantsi Afrika naMazantsi e-Afrika kunye neNtshona yeYurophu, echanaba kakubi ushishino kunye nabantu ngabanye ngokufanayo kunye neshishini lenqwelo-moya elisandul’ ukuchacha ekutshatyalalisweni ngubhubhani weSifo seKhorona sama-2019 (i-COVID-19).
3.2. IKhabhinethi iphinda unganeliseki nokuchasa kukaRhulumente ubhukuqo-mbuso e-Niger yaye ihlab’ ikhwelo lokubuyiselwa ngokukhawuleza kozinzo lwentando yesininzi, yaye kwakhona iziphawulile iinzame zokubuyisela imeko esiqhelweni ngaphantsi koQoqosho Loluntu looRhulumente baseNtshona ye-Afrika.

4. Ingqungquthela yeRashiya ne-Afrika

4.1. UMongameli Cyril Ramaphosa ebephakathi kwezinye iinkokeli zase-Afrika beziye Kwingqungquthela Yesibini YeRashiya ne-Afrika, e-St Petersburg kwi-Russian Federation nge-27 nange-28 kweyeKhala 2023. Le ngqungquthela yamkele Izicwangciso Ezenziwayo ZeForam Yobudlelwane YeRashiya ne-Afrika ejolise ekuqiniseni intsebenziswano kwiindawo zepolitiki kunye nokhuseleko, uqoqosho, imiba yoluntu, kunye nomdla wenzuzo efanayo yaye nempumelelo.
4.2. Ecaleni kwengqungquthela, iiNtloko ZooRhulumente Base-Afrika kunye nooRhulumente abayinxalenye Yeenzamo Zoxolo e-Afrika kungquzulwano oluphakathi kweRashiya kunye ne-Ukraine ibambe iintetho zolandelelwano noMongameli u-Vladimir Putin kwingxubusho ebingaphambili yeenzame zokwakha ukuzithemba ezakwenza iimeko zothethathethwano ekupheliseni imfazwe.
4.3. Oomongameli u-Ramaphosa no-Putin kwakhona babe nentlanganiso yaye baxubusha ngamathuba orhwebo phakathi kwamazwe amabini, kwaye ne-Russian Federation ukunyusa utyalo-mali eMzantsi Afrika.

5. Ukulungela Ukusingatha Ingqungquthela Ye-BRICS

5.1. IKhabhinethi ichazelwe ukuba zonke iinkqubo zifanelekile zoMzantsi Afrika sezikulungele ukusingatha Ingqungquthela ye-BRICS ye-15 eRhawutini ukususela ngama-22 ukuya ngama-24 kweyeThupha 2023.
5.2. Iintlanganiso zokugqibela Zabaphathiswa be-BRICS – Abaphathiswa be-BRICS beNtlanganiso Yolimo – iyaqhubeka sithethanje, ngoxa Iintlanganiso Zabaphathiswa beMicimbi Yezekhaya, Ukhuseleko, Urhwebo, Ishishini, Imfundo, Inzululwazi, Umsebenzi, Unxibelelwano, Impilo, kunye neForam Yeedolophu ziye zaqoshelisa iingxelo zazo zeeNkokeli Zengqungquthela.
5.3. Iinkqubo ze-BRICS Zokunceda Uluntu zamaziko ahlukahlukeneyo kunye noluntu nazo ziye zaqukwa.
5.4. Ezi ntethantethwano ziye zanika oorhulumente, imibutho, iingcali, kunye nezifundiswa ezivela kwizizwe ze-BRICS ithuba lokuxubusha ngemiba yomdla ofanayo oza kunceda ekwenziweni kwezigqibo ebudeni beNgqungquthela ye-BRICS.

6. Ukuhlolwa Kweminyaka Eyishumi yeziCwangciso Zophuhliso ZikaZwelonke (i-NDP)

6.1. IKhabhinethi yamkele Ukuhlolwa Kweminyka Eyishumi ye-NDP Yikomishini Yezicwangciso KaZwelonke echaze ukuba uqoqosho luhleli luzinzisiwe ngohlobo olungancedi bonke abemi boMzantsi Afrika, lo ngunobangela wokunyuka kwamanqanaba obuhlwempu kunye nokungalingani.
6.2. URhulumente usoloko ezibophelele ekulungiseni yaye nasekutshintsheni uqoqosho ukuze luncede bonke abemi boMzantsi Afrika.

7. Ezamandla

7.1. Umhla wama-25 kweyeKhala uphawula ukuphela konyaka wokuqala ukususela uMongameli u-Ramaphosa enze isaziso Sesicwangciso Sokusebenza Samandla.
7.2. IKhabhinethi yamkele inkqubela eyenziweyo ukufikelela ngoku ekusebenziseni iSicwangciso Sokusebenza Samandla, esiqhubeka sibonisa ukusebenza Ekufumanekeni Kwamandla yaye nokuphucuka kwezigaba zokucinywa kombane.

8. Ukhenketho

8.1. IKhabhinethi ivuyiswa zizibalo zoKhenketho zeyeSilimela 2023 ezibonisa ukuba iziko lokhenketho lwethu luyacotha yaye luyachacha kwimeko ebuhlungu yobhubhani we-COVID-19. Izibalo zeyeSilimela 2023 ezivela kwiZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA) ezibonisa amanani okufika, okuhamba kunye nabakhenkethi anyukile kokubini kubantu baseMzantsi Afrika kunye nabakhenkethi bamanye amazwe ukususela ngeyeSilimela 2022 kunye neyeSilimela 2023.

9. Uqoqosho

9.1. IKhabhinethi yamkele ingxelo ye-Stats SA yokwehla kokunyuswa kwamaxabisa omthengi ukususela kwipesenti eyi-6.3 ngekaCanzibe ukuya kwipesenti eyi-5.4 ngeyeSilimele 2023, ekukuncipha okukhulu ukususela ngekaCanzibe 2020. Oku kwehla kubonisa ukomelela koqoqosho lwethu, ebikhuthazwa ngakumbi sisigqibo seBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika ukushiya i-repo rate ingatshintshanga ngepesenti eyi-8.25.

10. Umthetho Oyilwayo We-South African Sign Language (i-SASL) 

10.1. IKhabhinethi yamkele ukutyobelwa ngokusemthethweni koMthetho Oyilwayo nguMongameli u-Ramaphosa, eyenze ukuba i-SASL ibe lulwimi olusemthethweni lwe-12 eMzantsi Afrika. Oku kuza kukhuthaza amalungelo abasebenzisi be-SASL abangama-600 000 eMzantsi Afrika.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. Ukukhululwa kwangaphambili kwekhalenda yempapasho yezibalo zolwaphulo-mthetho zekota zonyaka wemali wama--2023/24

1.1. IKhabhinethi igunyazise ukukhululwa kwangaphambili kwekhalenda yempapasho yezibalo zolwaphulo-mthetho zekota zonyaka wemali wama-2023/24. Izibalo zolwaphulo-mthetho zekota yokuqala kunye neyesibini ziza kukhululwa ngeyeThupha kunye neyeNkanga 2023, yaye ezekota yesithathu kunye neyesine zikhululwe ngeyoMdumba kunye nekaCanzibe 2024 ngokulandelelanayo. Ukukhululwa rhoqo kwezibalo zolwaphulo-mthetho kubalulekile ukujonga iindlela zolwaphulo-mthetho yaye nokokwenza izigqibo bhetele ekulweni ulwaphulo-mthetho.

2. UMgaqo-nkqubo Wemali Obandakanyayo 

2.1. IKhabhinethi igunyazise ukuba kusetyenziswe uMgaqo-nkqubo Obandakanyayo Wemali. UMgaqo-nkqubo yinxalenye yokutshintsha kukarhulumente iziko elilawula imali yaye livumelane nohlobo lokusebenza lwe-Twin Peaks kaNondyebo Wesizwe.
2.2. UMgaqo-nkqubo, phakathi kweminye, ujolise ekuqinisekiseni ukuziphatha okuhle kweemarike kunye nokuphathwa kwabathengi kwiziko lemali. Injongo kukuqinisekisa ukuba amaziko emali enza ushishino ngendlela ezifanelekileyo kubathengi, aphephe uqheliselo olujongela phantsi ingqibelelo yeemarike zemali, yaye kwakheke intembelo kwinkqubo yemali.
2.3. Ukusetyenziswa komgaqo-nkqubo uza kuqinisekisa ukuba ilizwe liqinisa iinkqubo zemali zalo ukuze kuxhaswe ukukhula koqoqosho yaye kukhuthaze ukufikelela kwiinkonzo zemali yaye nokuquka imali kubo bonke abemi. Kuyavunywa ukuba ngoxa amanqanaba okufikelela kuma-akhawunti aye aphucuka, oku akubonakalanga kuzo zonke iinkonzo kunye neemveliso zemali ezininzi.
2.4. UMgaqo-nkqubo ufumaneka kwiwebhusayithi kaNondyebo Wesizwe: www.treasury.gov.za

C. Imithetho Eyilwayo

1. UMthetho-sihlomelo Oyilwayo wama-2023 Wegunya Lotshutshiso LikaZwelonke (i-NPA)

1.1. IKhabhinethi igunyazisa ukuthunyelwa koMthetho-sihlomelo Oyilwayo wama-2023 we-NPA ongekaphunyezwa kwiPalamente. UMthetho Oyilwayo ulungisa Umthetho we-NPA, 1998 (Umthetho wama-32 ka-1998) ukuze uvumele ukusekwa Kolawulo Lophando njengeziko elisisigxina phakathi kwe-NPA yaye kwakhona nokuqinisa amandla alo okuphanda.

2. UMthetho-sihlomelo Oyilwayo Wolawulo LwezoNxibelelwano kunye NoLwazi Olunxulumene nezoNxibelelwano

2.1. IKhabhinethi igunyazisa ukuthunyelwa koMthetho-sihlomelo Oyilwayo ongekaphunyezwa, olungisa Umthetho Wezonxibelelwano kunye Nolwazi Olunxulumene nezoNxibelelwano (i-RICA), wama-2002 (Umthetho wama-70 wama-2002).
2.2. Izilungizo zijongise kakhulu ukunikela ukhuseleko olufanelekileyo ukuze kukhuselwe ilungelo labucala, njengoba kusitshiwo ngamalungelo okufikelela kwiinkundla, inkululeko yokuthetha kwamajelo eendaba kunye nelungelo lomthetho ngokuvumelana nesigwebo sama-2021 seNkundla yoMgaqo-siseko eyafumanisa ukuba i-RICA yama-2002 ayivumelani nomgaqo-siseko.

D. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekungqinisisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. UMnu. Percy Sechemane njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba le-Trans -Caledon Tunnel Authority.
2. UNks. Thathakahle Nonkqubela Jordan-Dyani njengoMlawuli-Jikelele (u-DG) kwiSebe Lonxibelelwano kunye Nobuchwepheshe beDijithali.
3. UMnu. Duncan Pieterse njengo-DG kuNondyebo Wesizwe.
4. UNks. Qinisile Precious Delwa njengoSekela Mlawuli-Jikelele(u-DDG): Uphuhliso Lweshishini kunye Noshishino kwiSebe Lophuhliso Lwamashishini Akhulayo (i-DSBD).
5. UNks. Mosa Keneilwe Makhele njengo-DDG: Iziko Lomgaqo-nkqubo kunye Nophando e-DSBD.
6. UMnu. Xolisa Mabhongo njengo-DDG: Ulawulo Jikelele kunye Ne-Ajenda Yelizwekazi kwiSebe Lobudlelwane Lehlabathi kunye Nentsebenziswano.
7. UNks. Rosinah Nghaka Dumalisile njengo-DDG: Ukurenta Okufanelekileyo kunye Nokuhlaliswa Ezindlini kwiSebe Lokuhlaliswa Koluntu.
8. UMnu. Thabo Kekana njengo-DDG: Iinkqubo kunye Neeprojekthi e-DMRE.
9. IBhodi yabaLawuli be-National Waste Disposal Institute:

(a) UNks. Lemao Dorah Modise (Usihlalo);
(b) UGq. Wolsey Barnard (Usekela Sihlalo);
(c) UNks. Gratitude Ramphaka;
(d) UGq. Kgaugelo Chiloane (uyaphinda ukuqeshwa); kunye
(e) no-Adv Derick Block.

10. IBhodi yabaLawuli be-National Nuclear Regulator:

(i) UMnu. Protas Phili – Usihlalo (uyaphinda ukuqeshwa);
(ii) UNks. Pinkie Deneo Peta (uyaphinda ukuqeshwa);
(iii) UMnu. Paul Heeger;
(iv) UNks. Nolubabalo Zolisa Zwakala;
(v) UGq. Pathmanathan Naidoo;
(vi) UGq. Nandi Malumbazo;
(vii) UNks. Theodorah Bahlekazi; kunye
(viii) noMnu. Happy Khambule.

11. IBhodi labaLawuli be-Inkomati-Usuthu Catchment Management Agency:

(i) UNks. Linda Carol Zulu (Usihlalo);
(ii) U-Adv Geraldine Khoza (Usekela Sihlalo);
(iii) UNks. Shivon Wiggins;
(iv) UMnu. Sam Mthembu;
(v) UMnu. Mokgobi Andrew Ramushu;
(vi) UMnu. Steven Matome Mathetsa; kunye
(vii) noNks. Salome Chiloane-Nwabueze.

12. IBhodi labaLawuli be-State Information Technology Agency:

(i) UMnu. Kiruben Pillay (Usihlalo);
(ii) UNks. Lerato Petlele (Usekela Sihlalo);
(iii) UNks. Khathu Sibanda;
(iv) UGq. Lucienne Abraham;
(vi) UMnu. Luvuyo Keyise;
(vii) UMnu. Mandla Martin Mnisi;
(viii) UNks. Renisha Naidoo;
(ix) UNks. Nolitha Pietersen; kunye
(x) noNks. Laura Mseme.

E. Umsitho Wangoku

1. INyanga Yamabhinqa

1.1. UMzantsi Afrika ubhiyozela Inyanga Yamabhinqa ngeyeThupha phantsi komxholo othi: “Ukukhawulezisa intlalo-yoqoqosho kumathuba okuxhobisa amabhinqa” ukuze ahloniphe amabhinqa angaphezu kwe-20 000 amatshela e-Union Buildings ngo-1956 eqhankqalaza nxamnye nengcinezelo yemithetho yepasi yorhulumente wocalucalulo.
1.2. IKhabhinethi ihlab’ ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba bangasebenzisi inyanga kuphela nje ukunikela imbeko kumabhinqa alwela inkululeko yethu kodwa kwakhona nokudlala indima yethu ekwakheni uluntu oluxhasa ukuxhotyiswa kwamabhinqa yaye nokuqinisekisa ukhuseleko lwamabhinqa kunye nabantwana.

F. Imiyalezo

1. Ukuvuyisana

Ikhabhinethi idlulisela iminqweno emihle yaye ivuyisana naba:

  • I-Netball Spar Proteas, ngokudlulela kumaqela amathandathu aphezulu kwiNdebe Yehlabathi Yebhola Yomnyazi. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise ezi ziganeko zimanyanisayo njengethuba lokufikelela kubemi boMzantsi Afrika ekwakheni umanyano loluntu yaye nokukhuthaza ekwakheni isizwe kwibutho labantu apho bonke abantu beziva bemkelekile.
  • I-Banyana Banyana, ngokwenza imbali yokudlulela kumaqela okugqibela ayi-16 eNdebe Yehlabathi Yamanina ye-FIFA yama-2023. Impumelelo yabo emangalisayo kwibala lezemidlalo ichukumise isizwe yaye baphakamisele phezulu iflegi yelizwe.    
  • UNjing. Thuli Madonsela, owayesakuba nguMkhuseli Woluntu, ngokumiselwa kwiBhodi Yengcebiso Yenzululwazi Ezimeleyo Yezizwe Ezimanyeneyo ngokuCebisa Okuzimeleyo Ekuphumeleleni kweNzululwazi kunye Nobuchwepheshe.
  • U-Tatjana Schoenmaker, ngokuphumelela igolide kwi-200m breaststroke kunye nesiliva kwi-100m breaststroke kwi-World Aquatics Championships e-Fukuoka, eJapani.

2. Amazwi Ovelwano

Ikhabhinethi idlulisela uvelwano kwiintsapho kunye nabahlobo balaba abalandelayo:

  • U-Imam Achmad Cassiem (78), owayesakuba libanjwa lase-Robben Island, ilungu kunye nomseki we-Pan Africanist Congress kunye noMbutho we-Qibla, obeligqala lomzabalo elalilwa nocalucalulo.
  • Abantu abaphulukene nobomi babo ngexesha logwayimbo lweeteksi eKapa.

Imibuzo: uNks Nomonde Mnukwa – iBambela leSithethi sikaRhulumente

Iselula: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore