UMongameli Cyril Ramaphosa: INtetho engoBume beSizwe Yowama-2023

INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) nguMongameli uCyril Ramaphosa kwiHolo lesiXeko saseKapa ngoLwesine, umhla wesi-9 kweyoMdumba yowama-2023

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA), Nksz Nosiviwe Mapisa-Nqakula,
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP), Mnu Amos Masondo,
Sekela-Mongameli uDavid Mabuza,
Sodolophu wesiXeko saseKapa, Mnu Geordin Hill-Lewis,
Owayesakuba nguMongameli, uThabo Mbeki,
Owayesakuba nguSekela-Mongameli Baleka Mbete,
UMongameli wePalamente yase-Afrika, oHloniphekileyo uNkosi Fortune Charumbira,
Jaji eyiNtloko eliBambela, Raymond Zondo kunye naMalungu eCandelo leeNkundla,
Iintloko zamaZiko kaRhulumente aXhasa uLawulo lweNtando yeSininzi,
Sekela-Mongameli weqela elilawulayo, Mnu Paul Mashatile kunye neenkokeli zawo onke amaqela ezopolitiko,
Malungu ePalamente,
Bemi BoMzantsi Afirka,

Ndiyalibulela eli wonga lokuma phambi kwenu ngolu rhatya ndenze le Ntetho ingoBume beSizwe.

Kuba sisisizwe esingadumanga ngazilwandle namilambo icanda imida yalo.

Asidumanga ngazimbiwa ezisezantsi emathunjini omhlaba weli lizwe okanye ngazintili ezithe tshitshilili kuhle esithawuza phezu kwazo. Asidumanga nangeelwimi ezi sizithethayo okanye iingoma esizombelayo okanye imisebenzi esiyenzayo.

Xa usijonga ngenene ukuba singoobani, sisizwe esiphila ngethemba nokunyamezela.

Yayilithemba esasimi ngalo ngethuba lomzabalazo wenkululeko, futhi ikwalithemba elisintyontyelayo nangoku njengoko sitatamisa isizwe sakuthi sisikhupha entsunguzini sisisa empilisweni.

Nangamaxesha obunzima, lithemba into esima ngayo kwaye nelisenza sizimisele nangakumbi ukuba sizoyise zonke iinzima esijamelene nazo.

Kule minyakana mithathu nje idlulileyo, izwe lakuthi lagqugqiswa ngoyena bhubhane wehlabathi wakhe wambi ezimbalini. Amawaka abantu abhubha angcwatywa, iinkampani ezininzi zavala, yaphela imisebenzi.

I-COVID-19 zange isibethe sibe ngamatywantsi okanye isishiye sihayiza.

Sibambisene, samoyisa lo bhubhane, kwaye ngoku sesiqalisile ukubuyela kwimeko yesiqhelo.

Namhlanje uqoqosho lweli lizwe lungaphezulu ngobukhulu kula mgangatho lwalu kuwo phambi kwalo bhubhane.

Phakathi kwekota yesithathu yowama-2021 neyowama-2022, kwadalwa imisebenzi emalunga nesiqingatha sesigidi kweli lizwe.

IsiBonelelo sezeMisebenzi sikaMongameli sidale amathuba emisebenzi nawokuphucula ubomi babantu abangaphezulu kwesigidi.

Kulo nyaka uphelileyo, i-80% yabafundi bebanga lematrikhi baphumelele, oko bekwenza phantsi kweemeko ezinzima zokuphazanyiswa yi-COVID-19, kwaye sibaqhwabela izandla ngalo msebenzi mhle kangaka.

Siyawubona lo moya wokuzimisela kumagcisa, iimvumi, abadlali beqonga, ababhali, abadlali bezemidlalo, abenza ezibukwayo apha ekhaya, kweli lizwekazi nakumazwe aphesheya kwezilwandle.

I-Banyana Banyana yasiphathela udumo ngethuba iphumelela indebe ye-Women’s Africa Cup of Nations, ngolo hlobo la maqobokazana azintshatsheli ze-Afrika.

U-Zakes Bantwini, Nomcebo Zikode kunye no-Wouter Kellerman nabo baliphakamisele phezulu igama leli lizwe ngethuba bephumelela imbasa kumsitho we-Grammy Awards ngengoma yabo elilima ethi, Bayethe.

Ezi zinto sikwazileyo ukuzenza njengesizwe kulo nyaka uphelileyo, nangona besijamelene neengxaki ezimandla, zisikhumbuzile ukuba ela themba sasinalo ngoMzantsi Afrika lisekhona.

Lo msebenzi siwubonayo sele siwenzile ufanele ukuba usikhuthaze njengoko sisendleleni esingise phambili.

Kodwa noko kunjalo, namhlanje ndithetha nani, kumakhaya wenu mbombo zone zeli, abantu abaninzi bathwaxwa yintsokolo, abaninzi baxhalabile, abanye abazi nokuba mababheke ngaphi na, futhi abaninzi baphelelwe lithemba.

Kodwa into endiqiniseke ngayo inye. Yeyokuba nokuba sikweyiphi na intsunguzi ngoku, nokuba sijamelene neengxaki ezingakanani na ngoku, siza kufunquka sonke sijajulisane nayo, kwaye sibambisene, siza kuza noloyiso.

Oku siza kukwazi ukwenza ukuba sisebenza ngokubambisana size singashiyi namnye ngasemva.

Sithe nqwadalala apha namhlanje ngexesha elinzima.

Sele kuzinyanga eziliqela ngoku, izwe lakuthi lithwaxa yingxaki yokunqongophala kombane eyenze umonakalo ongathethekiyo kuqoqosho lweli lizwe.

Futhi, kwiminyaka emibini phambi kwale nto, isizwe sakuthi savuthululwa ngubhubhane we-COVID-19 eyabulala abaninzi yashiya abaninzi bezimpula zikaLujaca.

Lo bhubhane uyenze yamaxongo kakhulu imeko yentswela-misebenzi, njengoko abantu abazizigidi ezibini zonke bathi baphulukana nemisebenzi kwizwe lakuthi. Lo bhubhane uwenzile umbhodamo kwiimpilo zabantu wenyusa nenani labo bathwaxa yindlala.

NgeyeKhala wowama-2021, sagutyungelwa bobona bundlobongela bubi nentshabalalo engazange ibonwe ezimbalini oko lathi eli lafumana inkululeko, eyabulala abantu abangaphezulu kwama-300.

Kulo nyaka uphelileyo, iindawo ezithile kwiphondo laseMpuma Koloni, elaKwaZulu-Natal nelaseMntla-Ntshona zathwaxa zikhukhula ezibi ezabulala abantu abaninzi, zitshabalalisa amakhaya futhi zonakalisa neziseko ezingundoqo.

Ngoku, ingxaki ethe gqolo kacimi-cimi wombane iyasiphazamisa ekubeni silungise umonakalo owenziwa zezi ziganeko.

Siyazi ukuba xa sinengxaki yokunqongophala kombane, amashishini awazikukhula, imizi-mveliso ayizikusebenza, izilimo azizunkcenkceshelwa futhi neenkonzo ezisisiseko ziza kuphazamiseka.

Ucimi-cimi wombane uthetha ukuba amakhaya kunye neevenkile azizukwazi ukugcina ukutya kungaboli, amanzi aza kumana evalwa, iirobothi azizukusebenza futhi izibane zezitalato nazo azizukukhanyisa ebusuku.

Xa lungekho uzinzo kwicandelo lezombane, aza kuphanza amalinge ethu okwakha uqoqosho oluza kuxhanyulwa nguye wonke noludala imisebenzi luze luphungule nendlala.

Ke ngoko njengoko sisandlala isicwangciso sethu sokusebenza salo umiyo, eyona into ingxamisekileyo kukuphungula umonakalo owenziwa yile ngxaki kacimi-cimi wombane kwezi nyanga zizayo size siyiphelise tu le ngxaki kacimi-cimi wombane.

Asinakukwazi ukwenza izinto ebesiqhele ukuzenza phantsi kwezi meko.

Abemi boMzantsi Afrika bafuna ukubona intshukumo, bafuna kuziwe nezisombululo kwaye bafuna urhulumente asebenzele bona.

Bafuna nje ukwazi ukuba le ngxaki kacimi-cimi yombane iza kusonjululwa nini.

Ke ngoku siza kugxininisa kula manyathelo aza kwenza umahluko obonakalayo ngoku, aza kwenza ibonakale indima kungaphelanga nesithuba sonyaka, naza kuba sisiseko ekuza kwakhelwa phezu kwaso kwindlela eya ekubuyiseleni izinto kwimo yesiqhelo naphakade.

Ngoku asizikuninika zicwangciso zitsha, futhi singazikunika inkqubo egcweleyo karhulumente.

Endaweni yoko siza kugxininisa kwimiba engabalalisiyo abemi boMzantsi Afrika:

Ucimi-cimi wombane.

Intswelo-misebenzi.

Indlala kunye namazinga akhulayo eendleko zokuthenga izinto zokuziphilisa.

Ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo.

Akululanga ukusombulula ezi ngxaki.

Kodwa sinawo amandla, indlela kunye nobuchule bokuzisombulula.

Ukuba sibambisene size sisebenze ngokuzithemba nangokuzimisela, singashiyi namnye ngasemva, singakwazi ukuzisombulula zonke ezi ngxaki sijongene nazo.

Le Ntetho engoBume beSizwa (i-SoNA) imalunga nokuvuselela ithemba apho abantu sele bexhomile bencamile.

Imalunga nokuza nezisombululo kwezi ngxaki sijongene nazo.

Ngolu rhatya, siza kunika ingxelo ngomsebenzi esele siwenzile malunga nokuzalisekisa izithembiso esasizenzile kule SoNA yalo nyaka uphelileyo.

Kulo nyaka uphelileyo, siye senza amalungiselelo asekelwe kwizithembiso esazenzayo sokuba nohlumo olukhawulezayo ngokusebenzisa amaphulo otyalo-mali, iinguqu kwezoqoqosho, iinkqubo zikarhulumente zokudala imisebenzi kunye nokwandisa inkqubo yokwakhiwa kweziseko ezingundoqo.

Ngoku into ecacileyo kwezi zinto sigagene nazo kule minyaka imbalwa idlulileyo – nakuyo yonke le esi sizwe silawulwa ngokwentando yesininzi – kukuba asingobantu bazizifede eziziyekelayo.

Ngethuba sijamelene nomqobo omkhulu kunayo yonke, ongurhulumente wocalu-calulo, zange sivume ukusonga izandla sinyamezele ingcinezelo abantu bakuthi ababebekwe phansi kwayo ngumbuso wocalu-calulo.

Sema sathi unotshe, sathath’izikrweqe sasingisa edabini, sinethemba lokuba siza kuza noloyiso kwelo dabi sasililwa. Seza nalo ke nangoku. Nangona iimeko zazinzima kodwa sakwazi ukuwoyisa umbuso wocalu-calulo.

Siyakwazi, futhi siza kuyitshintsha le meko sikuyo namhlanje.

Siyakwazi futhi sizimisele ukuzisusa phambi kwethu ezi nzima sijongene nazo size sifake uqoqosho lwethu endleleni engagungqiyo eya kuhlumo.

Eyona nto kufuneka siyikhokelise phambili ngoku kukubuyisela uzinzo kwicandelo lezamandla.

Sitshone nyhwam kwiingxaki zezamandla, ezaqala kwiminyaka imininzi ingaphambili.

Asinakukwazi ukuzilungisa iimpazamo ezazenziwe kudala, ingxaki yokungakhiwa kwezikhululo zophehlo-mbane, umonakalo owenzeka kwizikhulo zophehlo-mbane ngenxa yokuba zingakhandwa zigcinwe kwimeko efanelekileyo, okanye umonakalo owenziwa kukubanjwa ngobhongwane kombuso kumaqumrhu esizwe.

Kodwa into esinokuyenza kukusombulula le ngxaki namhlanje, siqinisekise ukuba umbane awucimi ngomso kwaye awusoze uphinde ucime.

Ngenyanga yeKhala kulo nyaka uphelileyo, ndabhengeza isicwangciso sokusebenza esicacileyo esiza kulungisa le ngxaki sinayo yezamandla.

Esi sicwangciso sasiza kusombulula le ngxaki yombane ongaphantsi ngeemegawathi (i-MW) eziphakathi kwezingama-4 000 kunye nama-6 000 kwezi zifunekayo.

Esi sicwangciso sabeka amanyathelo okungenelela angundoqo amahlanu:

Okokuqala, siza kulungisa izikhululo zophehlo-mbane zamalahle zika-Eskom size sinyuse umthamo wombane eziwuvelisayo kulo zikwaziyo ukuwuvelisa.

Okwesibini, sikhawulezise amaphulo otyalo-mali avela kwiinkampani zabucala kumaphulo okuvelisa umbane.

Okwesithathu, sikhawulezise umsebenzi wokuthengwa kombane omtsha kwiinkampani ezivelisa umbane ohlaziyekayo, igesi kunye neebhetri ezinobuxhaka-xhaka bokugcina umbane.

Okwesine, sikhuthaze amashishini kunye namakhaya ukuba athenge amacangca esola axhonywa phezu kwezindlu nezakhiwo.

Okwesihlanu, senze utshintsho olumandla kwicandelo lezombane ukuze lizinze ukusukela ngoku ukubheka phambili.

Iingcali ziyasixhasa esi sicwangciso ngelithi sesona sinokukwazi ukuyiphelisa tu le ngxaki kacimi-cimi wombane.

Kwezi nyanga zintandathu zidlulileyo, sihambe umgama omde sizama ukuqalisa ukusebenzisa esi sicwangciso.

Sele sithathe amanyathelo okuphucula indlela ezisebenza ngayo ezi zikhululo zophehlo-mbane zikhoyo zika-Eskom ukuze ezi zikhululo zophehlo-mbane zamalahle zivelisa i-80% yombane weli lizwe zivelise umthamo wombane ezazidalelwe ukuba ziwuvelise.

Phantsi kwale bhodi intsha, u-Eskom uqesha abantu aza atyale nezixhobo eziluncedo ukuze benze ezi zikhululo zithandathu zophehlo-mbane zivelise umbane omninzi ukuze zisincede siphume kule ngxaki sikuyo kacimi-cimi wombane, futhi zibe nozinzo.

U-Eskom uyayikhawulezisa le nkqubo yesisombululo sethutyana sokulungisa iiyunithi ezintathu zaseKusile zikwazi ukusebenza emva kokuba kophuke itshimbini kulo nyaka uphelileyo, ekwenza oko eqhubeleka nokulungisa ezi ndawo zisisigxina zesi sikhululo.

Siyaqhuba nokuqesha abantu abanezakhono ukuvala izikhewu zabo babethe bashiya emsebenzini kwaye sele siqashe iingcali ezinezakhono kwizikhundla eziphezulu eziza kukhutshwa ukuba ziye kusebenza kwezi zikhululo zingaqhubi kakuhle.

IBhunga lobuNjineli loMzantsi Afrika (i-ECSA) lithe liza kusinika uncedo olufanelekileyo ngokuthumela iinjineli eziza kusebenza nezikhulu eziphethe izikhululo zophehlo-mbane.

Sinabantu abaninzi abanezakhono kunye nabazingcali apha eMzantsi Afrika – kufuneka nje sibasebenzise.

UNondyebo weSizwe uqukumbela isisombululo esiza kunceda kule ngxaki yetyala lika-Eskom elizibhiliyoni ezingama-400 eerandi ngendlela elinganayo nengazikudlela ndlala amahlakani, into leyo iza kunceda eli ziko lombane ukuba likwazi ukubeka imali bucala eza kusetyenziswa ukukhanda kunye nokuhambisa umbane.

Urhulumente uza kunceda u-Eskom akwazi ukufaka isicelo senkxaso-mali yokuthenga idizili ude uphele lo nyaka-mali. Oku kuza kuyenza ingabi mbi kangaka le ngxaki kacimi-cimi wombane njengoko u-Eskom eza kukwazi ukusebenzisa izikhululo zakhe zedizili xa enengxaki yokunqongophala kombane.

U-Eskom uqalise iphulo lokuthenga umbane oyintsalela kumaqumrhu abucala avelisa umbane kwaye sele ethenge umbane ongama-300 MW kumazwe angabamelwane.

UMbutho weNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) useke iqela elinezikhulu eziphezulu elijongene nomsebenzi worhwaphilizo oludlangileyo kunye nobusela obenzeka kwizikhululo zophehlo-mbane ezininzi izinto ezo ezidale ukuba zingasebenzi kakuhle ezi zikhululo zophehlo-mbane. Amaphulo aza kukhokelwa licandelo lobuntlola kumaziko ka-Eskom akhokelele ekubeni kubanjwe abantu abangama-43.

Njengenxalenye yenkqubo yokuzisa iinguqu, ilinge lokutshintshwa kwendlela akheke ngayo u-Eskom esasilibhengezile ngaphambili liyaqhuba futhi ne-National Transmission Company enebhodi yayo ezimeleyo sele iza kuqalisa ukusebenza.

Emaphelweni alo nyaka, siza kungenisa uMthetho-siHlomelo oYilwayo woLawulo loMbane oza kwenza iinguqu kwicandelo lezamandla uze uzale icandelo lezombane elinamaqumrhu amaninzi akhuphisanayo.

Njengoko sasitshilo ngenyanga yeKhala kulo nyaka uphelileyo, sikwenza oko sineenjongo zokulwa le ngxaki kacimi-cimi wombane, siza kuqalisa ngephulo lokufakela amacangca esola phezu kwezindlu nezakhiwo.

KwiNtetho yakhe yoHlahlo Lwabiwo-mali, uMphathiswa wezeMali uza kunika ingcaciso ngendlela amakhaya aza kuncedwa ngayo kunye nendlela aza kuxhamla ngayo amashishini kwizaphulelo zerhafu.

UNondyebo weSizwe wenza uhlenga-hlengiso kwimboleko-mali yokuncedisa eza kunceda amashishini amancinci atyale imali kwizixhobo zesola, zize neebhanki kunye namaziko emali yezophuhliso akwazi ukuboleka ngqo kwesi sikimu ukuze akwazi ukuqeshisa ngamacangca esola ebantwini asebenzisana nabo.

Enye yeenguqu emandla esiyenzileyo kukuvumela amaqumrhu abucala ukuba azivelisele owawo umbane. Ngoku kukho iiprojekthi ezingaphezulu kwe-100, ekulindeleke ukuba zivelise umbane ongama-9 000 MW.

Iinkampani ezininzi ezithatha inxaxheba kwinkqubo yokuvelisa umbane ohlaziyekayo ziza kuqalisa ukwakha amaziko azo zize zivelise umbane omtsha ngama-2 800 MW.

U-Eskom uza kuthenga umbane ongxamisekileyo oza kukwazi ukusetyenziswa zingaphelanga iinyanga ezintandathu ukulungisa iingxaki ezivela ekhwapheni ezingxamisekileyo.

Sityale imali kumaphulo eengcingo zokuhambisa umbane kunye nezikhululo ezincinci zombane, ingakumbi kwiindawo ezifana neMpuma Koloni, eMntla Ntshona naseNtshona Koloni.

Onke la malinge aza kubangela ukuba wenyuke kakhulu umthamo wombane oza kugalelwa kwiziko lombane lesizwe kwezi nyanga zili-12 ukuya kwezili-18 zizayo, nasemva koko.

Lo mbane uyahambelana nombono esinawo wokusebenzisa imithombo eyahlukeneyo yombane, equka ezi zikhululo zophehlo-mbane zamalahle zikhoyo, owesola, owomoya, owegesi, owenyukliya, oveliswa ngamanzi  kunye neebhetri ezinobuxhaka-xhaka bokugcina umbane.

Ukuze sisilandele ngokupheleleyo esi sicwangciso, kufuneka siqinisekise ukuba sinequmrhu elinamagunya aneleyo eliza kukwazi ukunika umkhomba-ndlela.

Ngamaxesha anzima, kufuneka abe mnye umntu okanye iqumrhu elinika umkhomba-ndlela.

Nanjengokuba silungisa izinto ezingunobangela wale ngxaki sinayo, kufuneka siwujonge nomonakalo ewenzayo.

Le ngxaki iya ithatha unyawo kwaye ithwaxa yonke into kwizwe lakuthi.

Kufuneka sithathe amanyathelo ukuthibaza umonakalo owenziwa yile ngxaki kumafama, kumashishini amancinci, kwiziseko zethu zamanzi kunye nakwicandelo lezothutho.

Iziko leSizwe lezoLawulo lweNtlekele lide ekugqibeleni layihlela le ngxaki yombane sinayo laze umonakalo wayo lawuchaza njengentlekele.

Ke ngoko sibhengeza ngokusesikweni imeko yentlekele kwizwelonke ukuze sikwazi ukulwa le ngxaki kacimi-cimi wombane kunye nomonakalo ewenzayo.

UMphathiswa woLawulo ngeNtsebenziswano kunye neMicimbi yeMveli sele esifakile kwigazethi esi sibhengezo sisesikweni semeko yentlekele, eza kuqala ngoku.

Imeko yentlekele iza kusinceda sikwazi ukuthatha amanyathelo abonakalayo afunekayo ukuze sixhase amashishini akwicandelo lokuveliswa nokugcinwa kokutya kunye namaqumrhu asebenzisana neevenkile, kuquka nokukhutshwa kweejenareyitha, amacangca esola kunye nombane ongamane ucima.

Apho iingcali zikwaziyo, oku kuzakusinceda sitsho senze amaziko angundoqo afana nezibhedlela kunye namaziko okucocwa kwamanzi ukuba wona angacinyelwa umbane xa kukho ucimi-cimi wombane.

Futhi iza kusinceda sikhawulezise iiprojekthi zezamandla size siphungule nemithetho enobucukubhede obuninzi ngeli thuba siqinisekisa ukuba senza kangangoko ukukhusela okusingqongileyo, silandela imigaqo yokuthenga iinkonzo kunye nelawula ubuchule obusetyenziswayo xa kusakhiwa.

UMphicothi-zincwadi-Jikelele uza kudlala indima naye kuba nguye oza kuqinisekisa ukuba inkcitho ibekwe phantsi kweliso elibukhali ukuze anqande umkhuba wokusetyenziswa gwenxa kwezimali eziza kusetyenziselwa ukulwa le ntlekele.

Ukuzilwa ngokukhawuleza size siziphelise nyha ezi ngxaki sijamelene nazo, ndiza kwanyula uMphathiswa wezoMbane oza kuba kwi-Ofisi kaMongameli oza kuthathela kuye umsebenzi wokulawula zonke izinto ezinxulumene namanyathelo okulwa le ngxaki kacimi-cimi wombane, kunye nalo msebenzi ubusenziwa yiKomiti yeSizwe yokuLwa iNgxaki yoMbane.

Ukunika nje ingcaciso emfutshane ukuze abantu bangabhideki, uMpathiswa wamaShishini kaRhulumente uza kuqhuba inguye omele urhulumente njengomnini-zabelo ku-Eskom futhi uza kukhokela inkqubo yokutshintsha le ndlela akheke ngayo u-Eskom, aqinisekise ukuba kuvulwa inkampani yokuhambisa umbane, ongamele inkqubo yokufezekiswa kwenkqubo yokutshintshela kuhlobo lombane ongenabungozi kokusingqongileyo ngendlela engazikushiya mntu ngasemva, aze akhokele nomsebenzi wokusekwa kwe-State-Owned Enterprises (ii-SOE) Holding Company.

Inkqubo yokwenza utshintsho kurhulumente iza kusinika ithuba lokuba sikwazi ukwaba imisebenzi nelokuba sibone ukuba singawasebenzisa njani na amasebe kunye nabaphathiswa ukuze babalasele kwindlela abawenza ngayo umsebenzi wesizwe. Ngoku sigxininisa kule ngxaki yombane yona eyokwenza utshintsho kurhulumente iza kulandela kwalapha ethubeni.

Oku kufanelekile ukuba sikwenze kuba amanyathelo asebenzayo okulwa le ngxaki abandakanya amasebe namaqumrhu ahlukeneyo afuna ukukhokelwa kwi-ofisi ephezulu karhulumente.

Siza kubandakanya namanye amahlakani ezentlalo kwiqumrhu eliza kusebenza elifana neliya sasilisekile lalikhokela inkqubo yokugonywa kwabantu.

Iimeko ezimaxongo zinyanzelisa ukuba kuthathwe amanyathelo angaqhelekanga.

Njengoko sithatha la manyathelo ukusombulula le ngxaki yombane sijongene nayo, siyawuqonda nomonakalo onokwenziwa luguquko lwemozulu kwizwe lakuthi.

Iimeko zemozulu ezimbi kakhulu eziyimbalela, izikhukhula kunye nemililo yamadlelo ziyingxaki engxamele ukuthatha unyawo nebeka iimpilo, ubomi kunye nokhuseleko lwabantu emngciphekweni.

Siza kuqhubeleka nenkqubo yethu esekelwe kubulungisa yokutshintshelwa kuqoqosho olungakhuphi sisi sininzi siyingozi kokusingqongileyo ngesantya esiza kukwazi ukuhamba ngaso sisizwe nangendlela eza kuqinisekisa ukuba sinombane owaneleyo.

Le nkqubo yethu isekelwe kubulungisa yokutshintshela kuqoqosho olungeyongozi kokusingqongileyo siza kuyiqhuba ngendlela eza kuvula amathuba otyalo-mali, imizi-mveliso emikhulu zinto ezo zonke ziza kudala imisebenzi.

IKhomishini kaMongameli yezeMozulu yiyo eza kukhokela la malinge, kwaye xa isenza njalo iza kuqalisa inkqubo yokubambisana nokuquka wonke umntu xa kuthathwa izigqibo, kuqukwe abantu, abasebenzi kunye noluntu oluchatshazelwa kakhulu lolu tshintsho luza kwenzeka.

Ngokusebenzisa i-Just Energey Transitions Investment Plan, imali eyitriliyoni eyi-1.5 yeerandi iza kutyalwa kuqoqosho lweli lizwe kule minyaka mihlanu izayo kumacandelo amatsha afana nelamandla ahlaziyekayo, elehayidrojini engeyongozi kokusingqongileyo kunye neemoto ezihamba ngombane.

Amacandelo amaninzi ayaqalisa ukuvelisa kweli, afana neli likhulu lehaydrojini engeyongozi kokusingqongileyo, elezithuthi zombane kunye neeseli zokwenza umbane (i-fuel cells).

Iiprojekthi eziliqela esele ziqalile, ziquka ukwakhiwa kweziko elitsha lika-Sasol e-Boegoebaai eMntla Koloni, i-Prieska Power Reserve eFreystatha kunye nephulo le-Hydrogen Valley eLimpopo, Gauteng naKwaZulu-Natal.

Iphondo loMntla Koloni sele lingenelwe yimali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezili-100 evela koosomashishini abatyala imali kwiiprojekthi zombane ohlaziyekayo.

La maphulo kunye namanye otyalo-mali kwicandelo lombane ohlaziyekayo aza kudala imisebenzi aze akhwezele noqoqosho lwezi ndawo hayi nje kuphela eMntla Koloni, koko naseMpuma Koloni, eNtshona Koloni kunye naseMpumalanga, aze atshintshe iindawo ekwakungathenjwa ukuba kungaze kutyiwe nto ngazo zibe zingingqi ezivelisa umbane namandla.

Kuyo yonke le nto, inkqubo yethu esekelwe kubulungisa yokutshintshelwa kuqoqosho olungeyongozi kokusingqongileyo iza kukhokelisa phambili abasebenzi kunye noluntu kumacandelo angazinzanga ukwenzela ukuba kungabikho namnye oshiywa ngasemva.

Bemi boMzantsi Afrika,

Uqoqosho lweli kufuneka lukhule ngokukhawuleza ukuba sifuna ukuphungula kakhulu inani labantu abangenamisebenzi.

Kulo nyaka uphelileyo kwi-SoNA sathetha ngeenjongo zethu zokwakha izivumelwano zezentlalo ezibanzi eziza kudibanisa onke amahlakani ezentlalo atsho asengele thungeni linye elikukwakha uqoqosho lweli lizwe lukwazi ukukuhluma kakhulu.

Khange sikwazi ukusiqukumbela size sisityikitye isivumelwano sezentlalo ngela xesha besizisikele lona kuba kuye kwavela izinto ezininzi ezibangele ukuba amahlakani ezentlalo angakwazi ukuvumelana.

Amahlakani ezentlalo sele etshilo ukuba ayafuna ukuba siqukunjelwe isivumelwano sezentlalo kwaye ayaqhubeleka nokuqulunqa isicwangciso esiza kwenza ukuba sikwazi ukusebenza ngokubambisana kwimiba engundoqo efana nezamandla, ezothutho kunye nezokuhanjiswa kweempahla, ezokudalwa kwemisebenzi nophuhliso lwezakhono, ezotyalo-mali nokuveliswa kweempahla apha kweli, elezezibonelelo zikarhulumente, ezolwaphulo-mthetho kunye norhwaphilizo.

Nangona sizimisele ukwakha isivumelwano esitsha nawo onke amacandelo kwizwe lakuthi, sikwathathe nesigqibo sokuba sisebenzisane kwimiba ethile. Izivumelwano eziliqela sele zityikityiwe ngamahlakani ezentlalo.

Sikubonile ukuzimisela kwamahlakani ezentlalo kwizivumelwano esele zityikityiwe ezazimalunga nokulwa ubhubhane we-COVID-19 kunye nokuqalisa iphulo lokugonywa kwabantu elilelona lalikhulu ezimbalini.

Sizibonile iziphumo zamaphulo afana ne-Solidarity Fund eyakwazi ukukhuthaza isizwe, yakhuthaza abantu ukuba babhinqe omfutshane, yacela namalizo ayimali isenzela ukulwa ingxaki yethu sonke, kunye nezivumelwano esingene kuzo zokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina (i-GBVF) kunye nomonakalo owenziwa luguquko lwemozulu.

Sizibonile izinto ezilulutho ngokusebenza ngale ndlela ngokukhuthaza utyalo-mali kunye nokuqulunqa izicwangciso ezingundoqo zamacandelo ezoqoqosho afana nelezezithuthi, elezempahla namalaphu, elezeenkuku, eleswekile, elezolimo kunye neleenkonzo zoshishino zehlabathi.

Ezi zicwangciso zingundoqo sele ziqukunjelwe zincedisa kakhulu kumsebenzi wokuvuselela amacandelo afanelekileyo, ukungena kotyalo-mali luvela kwicandelo labucala kunye nokudalwa kwemisebenzi nokunceda kweempilo zabantu.

Ziyasichulumancisa iindaba zokuba amahlakani ezentlalo, ingakumbi amashishini, athe anika inkxaso kwinkqubo yokuphunyezwa kwesiCwangciso sokuSebenza sezaMandla ngelokubonisa ukuzibophelela kwawo kwezi zivumelwano. Sikwasebenzisana kakhulu nemibutho yabasebenzi kunye noluntu ekuxhaseni eminye imiba yamanyathelo okulwa le ngxaki yombane sinayo.

Njengokuba amandla ebalulekile kuhlumo loqoqosho, amanzi nawo abaluleke ngokulinganayo necandelo lezothutho elisebenzayo ngokunjalo neziseko zendlela.

Imizila kaloliwe kulithuba ithwaxwa zingxaki zokungancediswa ngemali, ukungakhandwa, ulwaphulo-mthetho kunye nokungasebenzi ngendlela efanelekileyo.

Ukulungisa le ngxali, kulo nyaka uphelileyo samkela ngokusesikweni uMgaqo-nkqubo weSizwe wezooLoliwe oza kusetyenziselwa ukukhokela amaphulo okuphucula icandelo lezoololiwe nawokwenza iinguqu kulo, sikhululela, phakathi kwezinye izinto, ukuba amanye amaqumrhu angengorhulumente nawo akwazi ukuyisebenzisa imizila neziseko zoololiwe.

Singurhulumente siqulunqa isiCwangciso sika-Transnet esiza kuzalisekisa izithembiso esizenzileyo kumgaqo-nkqubo, kuquka nokutshintsha indlela kwakhiwe i-Transnet Freight Rail ukuze sivule iQumrhu elilodwa elinguMlawuli weziSeko ezinguNdoqo wemizila kaloliwe ngeyeDwarha 2023.

UTransnet kunye neenkampani zabucala baza kutyikitya izivumelwano zokusebenzisana kwizibuko lase-Durban nelaseNgqura, into leyo eza kukhokelela ekubeni kutyalwe imali kamazibuko eli kuze kuphuculwe nendlela asebenza ngayo.

Oku kuza kunceda amaziko eli lizwe ukuba abuyele kwakhona kula ndlela ayesaziwa ngawo kwihlabathi ukuba angawona asebenza ngokhawuleza.

IziBuko lokuLayisha iziThuthi laseBhayi liqhube kakuhle kakhulu emva kokuba lilungisiwe, kuba ngoku likhulu ngokuphindwe kabini kwaye nomthamo wemithwalo ethunyelwa kumazwe angaphandle unyukile.

Izithuthi ezininzi ezithunyelwa kumazwe aphesheya zilayishwa kwiziBuko laseBhayi lokuLayisha iziThuthi.

U-Transnet naye uqalise inkqubo yokulungisa oololiwe abebekade bemile bengahambi futhi uyabongeza noololiwe bakhe.

Siseneengxakana esinazo mayelana noololiwe bokulayisha abantu.

Emva kokuba kwenziwe utshintsho kwi-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe abaLayisha Abantu (u-Prasa), imizila eli-13 yoololiwe abalayisha abantu ivuliwe kwakhona, into encede ukuba iphunguke kakhulu imali echithwa ngabasebenzi xa besiya emisebenzini.

Ukuba namanzi angamane ecinywa kubalulekile kwiimpilo zabantu nakuhlumo loqoqosho lweli lizwe.

Ukuqinisekisa ukuba sinamanzi awaneleyo ngoku futhi siza kuhlala sinawo nangomso, iSebe lezaManzi noGutyulo likhokela inkqubo yokutyala imali kumaphulo okwakha iziseko ezingundoqo ezikhulu mbombo zone zeli.

Uza kuqala kulo nyaka umsebenzi wokwakha isiGaba sesiBini seprojekthi ye-Lesotho Highlands emva kokuba ukhe walibaziseka iminyaka emininzi.

Le projekthi ye-Lesotho Highlands ibalulekile ekuqinisekiseni ukuba ukuba sinamanzi awaneleyo eGauteng, Freyistatha, Mpumalanga, Mntla-Ntshona naseMntla Koloni.

Emva kweminyaka engaphezu kweshumi kwaphakanyiswa ukuba kuza kwakhiwa i-Umzimvubu Water Project, emva kwesithuba emva komsitho wokuphethulwa kwesoyi, isigaba sokuqala sayo siza kuqalisa kulo nyaka-mali uzayo.

Esi sigaba siza kubhatalelwa ngurhulumente futhi siquka ukwakhiwa kweDami laseNtabelanga, iziseko ezingundoqo zokunkcenkceshela kunye nokufakelwa kwamanzi kwiilali ezingqongileyo.

Isigaba esilandelayo siza kuba kukwakhiwa kweDami laseLilane, lona eliza kuba nesikhululo sokuphehlwa kombane ngamanzi.

Iiprojekthi ezinkulu zokwandisa i-Clanwilliam Dam, iHazelmere Dam kunye neTzaneen Dam ziza kuqinisekisa ukuba kukho amanzi awaneleyo eWest Coast, eThekwini nakwimimandla esempuma yeLimpopo.

Kulo nyaka uphelileyo, sabhengeza isicwangciso esigcweleyo sokwenza utshintsho ukuze siyenze lula inkqubo yokufaka isicelo selayisenisi yokusebenzisa amanzi, into leyo ibalulekileyo kuba iza kuvula amathuba otyalo-mali.

Ukususela ngoko, sele siziqukumbele izicelo zelayisenisi ebezingekagqitywa saze saphungula ixesha elithathwayo ukuqwalasela izicelo latsho lazintsuku ezingama-90.

Inkqubo yethu yokwakha iziseko ezingundoqo iya inyusa isantya ngokuncedwa yi-Infrastructure Fund and Infrastruture South Africa, eyasekelwa ukuxhasa amaphulo okwakha iziseko ezingundoqo.

Enye yezinto engumqobo omkhulu kutyalo-mali kwiziseko ezingundoqo kukunqongophala kwezakhono zobugcisa kunye nabantu abazingcali kwezolawulo lweeprojekthi.

Ukulungisa le ngxaki i-Infrastructure South Africa ibekele bucala imali ezizigidi ezingama-600 zeerandi eza kunceda kumsebenzi wokwenza amalungiselo eprojekthi, ingakumbi kwiindawo ezisemaphandleni nezihlelekileyo.

Le nkxaso siyikhuphayo kwakunye nezi zicwangciso siziqulunqileyo kule minyaka iliqela idlulileyo ngoku ziyaqalisa ukuza neziphumo ngokuba sibona urhulumente etyala imali eninzi kwiziseko ezingundoqo.

Kuthe kufika eyoMqungu yalo nyaka, iiprojekthi ezixabisa imali ezibhiliyoni ezingama-232 eerandi zabe sele ziqalisile ukwakhiwa zona ezixabisa imali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezine zabe sele ziqukunjelwe.

Ezi projekthi zigqityiweyo ziquka iindawo zokuhlala abantu eGauteng, ukulungiswa kweendlela kunye nokuphuhliswa kwamazibuko asenxwemeni lolwandle amancinci.

Kwimisebenzi yokwakha emikhulu, i-Arhente yeSizwe yoMzantsi Afrika yezeNdlela – i-SANRAL – sele ikhuphe izivumelwano zokwakha iindlela ezixabisa imali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezili-18 kwezi nyanga zintathu zidlulileyo.

Umsebenzi wokwakhiwa kweBhulorho yaseMsikaba kunye neyaseMtentu uza kugqitywa into leyo eza kwenza ukuba kube lula ukusebenzisa iindlela eMpuma Koloni.

La maphulo aza kunceda icandelo lezokwakha futhi adale nemisebenzi emininzi, ancede kuphuhliso lwezakhono kunye nokulwa indlala, ingakumbi kwiilali ezikufutshane.

 Kulo nyaka uphelileyo sithe siza kulandisa inani lebhulurho zasezilalini esiza kuzakha njengenxalenye yenkqubo ebizwa ngokuba yiWelisizwe, ukunze sincede abahlali bakwazi ukuwela ngeebhulorho baye ezikolweni, emisebenzini nakumanye amaziko anezinto eziluncedo kubo.

Iibhuloro ezingama-24 sithetha nje ziyakhiwa kwiphondo laKwaZulu-Natal kwaye sele eqalisiwe namalungiselelo okwakha ezinye iibhulorho ezingama-24.

Kwicandelo leziseko ezingundoqo zezonxibelelwano, ukugqitywa kwenkqubo yokuvulwa kwefandesi yokuthengisa amaza osasazo ivule amaphulo amatsha otyalo-mali agalele imali ezibhiliyoni ezili-14 zeerandi kwingxowa karhulumente.

Kulo nyaka, siza kutshintshela kwinkqubo yosasazo edijithali kuze kucinywe uhlobo losasazo olu-analogu.

Oku kuza kuvulela amaza osasazo afuneka ngamandla kuze kuqaliswe inkqubo yonxibelelwano ngeeselula eyi-5G ize iphungule neendleko ze-data.

La manyathelo asisondeza kufutshane kwiphupha lethu lokuba ne-intanethi efikelelekayo, ehamba ngesantya esiphezulu kumntu wonke.

Kwi-SoNA yalo nyaka uphelileyo, sathi siza kugxininisa kumba wokutsala utyalo-mali lungene kweli lizwe, into leyo iza kunceda ukwenza uqoqosho luhlume futhi kudaleke nemisebenzi.

Sathi siza kulikhawulezisa iphulo esaliqala kwisithuba esiphantse sibe yiminyaka emihlanu esidlulileyo sokuqokelela imali yotyalo-mali olutsha oliyitriliyoni yeerandi eyi-1.2.

Kulo nyaka uphelileyo, kwiNkomfa yoMzantsi Afrika yoTyalo-mali (i-SAIC) safumana imali ezibhiliyoni ezingama-367 eerandi ezizithembiso zotyalo-mali, into leyo eyabangela ukuba sibe kufutshane kule mali sasizibekele ukuyiqokelela kwisithuba esiyiminyaka emihlanu.

Kulo nyaka uphelileyo, uninzi lwezi zithembiso zikhokelele ekubeni iinkampani ezazenze ezo zithembiso zityale imali kwiifektri ezintsha, amaziko omnxeba emibuzo, imizi-mveliso yokuvelisa amacangca esola, iintambo ze-intanethi nonxibelelwano ezihamba phantsi kolwandle, ukwandiswa kwemizi-mveliso ekhoyo kunye nokuqaliswa kokusetyenziswa kweentlobo ezintsha zobuchwepheshe.

Okubalulekileyo kukuba olu tyalo-mali ludalele amashishini amancinci nasakhasayo imisebenzi namanye amathuba.

Ngomhla we-13 kuTshazimpunzi kulo umiyo, siza kubamba i-SAIC yesihlanu.

Kule nkomfa, siza kuzibekela umyinge wemali yotyalo-mali esifuna ukuluqokelela ukusuka ngoku ukuya kunyaka wowama-2028 ibe yimali engaphezulu kweetriliyoni ezimbini zeerandi.

La maphulo otyalo-mali aqhutywa kweli lizwe ukuza kuthi ga ngoku abangele ukuba unyuke umthamo weemveliso oveliswa apha ekhaya.

La maphulo otyalo-mali athe asikhuthaza nathi ukuba sithenge iimveliso zeli.

Kulo nyaka uphelileyo, ndenza intetho ye-SoNA ndinxibe isuti kunye nezihlangu eziveliswe apha eMzantsi Afrika.

Namhlanje, ndisela amanzi ngeglasi eyenziwe eWadevilee kule veki iphelileyo ngabasebenzi baseKatlehong, Vosloorus naseGermiston.

Bekuyiminyaka uMzantsi Afrika uzithenga kumazwe angaphandle iiglasi zokusela.

Ngoku uninzi lwazo zenziwa apha kweli lizwe.

Futhi ayizoglasi zodwa.

Ukuba uyokwenza uqhaqho-tyando esibhedlela, maninzi amathuba uza kutofa ngechiza lokubala intlungu elenziwe kumzi-mveliso okumgangatho wehlabathi oseMpuma Koloni.

Ngethuba ndibambe uTyelelo lwasebuRhulumenteni oluya e-United Kingdom kulo nyaka uphelileyo, inkampani yalapha eMzantsi Afrika yaye yafumana ilayisenisi yokuvelisa ichiza eliselwayo lokunyanga ikholera eMzantsi Afrika, into leyo iyeyokokuqala ezimbalini.

Izivumelwano phakathi kweenkampani ezikhuphisanayo ziye zakhokelela ekubeni kuveliswe amafutha ezithuthi acolilweyo amaninzi kweli nokuba ukutya kuthengwe kumafama alapha kweli.

Kulo nyaka uphelileyo, sathembisa ngokuba siza kuvula amathuba otyalo-mali kwicandelo lezentsangu.

Ngoku siqhubela phambili sizama ukudala iimeko eziza kuvumela ukuba eli candelo likhule.

ISebe lezoLimo, ukuBuyekezwa koMhlaba nokuPhuhliswa kwamaPhandle kunye neSebe lezeMpilo liza kulungisa ezi meko zikhoyo zitsho zilungele ukulinywa kwentsangu ukwenzela ukuba ikwazi ukulinywa phandle kunye nokuqokelelwa kwesivuno sayo kumafama asakhasayo.

Oku kuza kukhwezela uqoqosho lwemimandla yasemaphandleni yeli lizwe, ingakumbi eMpuma Koloni, KwaZulu-Natal naseMpumalanga.

Sele uqukunjelwa ngurhulumente umsebenzi ongxamisekileyo wokuqulunqa imithetho eza kulawula eli candelo, apho kuza kukhuthazwa ukusebenza ngendlela esemthethweni xa kuveliswa amayeza okuncedisa empilweni yomntu, ukutya, izinto zokuzihombisa kunye neemveliso zemizi-mveliso emikhulu, ngendlela ehambelanayo nemigaqo esetyenziswa kwihlabathi nemimiselo efanelekileyo esetyenziswayo jikelele.

Oku kuquka ukutshintshwa kwemali ezibekelwe bucala zamasebe zisetyenziselwe ukuphuhlisa eli candelo zize zixhase amafama wabantsundu asakhasayo, kunye nokwenza imithetho elandelwa ngamapolisa xa eqhuba umsebenzi wawo ihambelana nale mithetho mitsha.

Uqoqosho olukhulayo kufuneka lube luqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke ngokukhawuleza.

INkomfa yokuqala yooSomashishini abaKhulu abaNtsundu ngeyeKhala kulo nyaka uphelileyo yasibonisa impumelelo entle yabemi boMzantsi Afrika abantsundu kwicandelo lokuveliswa kokutya, eleentsimbi zeemoto, elefenitshala, elezempahla, elesinyithi, elekhemikhali kunye neemveliso zezemigodi, ngolo hlobo badale amawaka emisebenzi futhi bafaka isandla kwiSambuku seMveliso yeLizwe yoNyaka (i-GDP).

Ngoku sinosoomashishini abakhulu abantsundu abamalunga newaka abathatha inxaxheba kwinkqubo yokuphuhlisa oosomashishini abakhulu abantsundu.

Njengomzekelo wobuchule baba somashishini, omnye owaphumelela imbasa kula nkomfa yayiyinkampani yakwa-Astrofica Technologies, inkampani eyasekwa nguJessie Ndaba olinina elintsundu encedisana nabanye, ibonelela ngeenkonzo ezinxulumene ne-data kwabo basebenza ngeesathelayithi ezisemajuku-jukwini.

Mde umgama esiwuhambileyo kulo nyaka uphelileyo malunga nokuqinisekisa ukuba abasebenzi badlala indima yokuba ngabanikazi-mashishini kweli lizwe.

Ngabasebenzi abangaphezulu kwama-400 000 abanezabelo kwiinkampani abasebenza kuzo.

Uhlumo kunye namaphulo okudala imisebenzi kuqoqosho lweli lizwe aza kuqhutywa ngamashishini amancinci naphakathi, ookopoletyeni kunye namashishini angabhaliswanga ngokusesikweni.

Kulo nyaka uphelileyo saphehlelela isikimu semali-mboleko yokuvuselela ishishini ekhutshwa zibhanki kunye namanye amaziko ezimali, kuze kubanjiswe ngorhulumente. Esi sikimu sesokunceda amashishini afuna imali yokuwavuselela emva kokuba engamaxhoba omonakalo owenziwa ngula bhubhane.

ISebe lezokuPhuhliswa kwamaShishini amaNcinci liza kusebenzisana noNondyebo weSizwe ngendlela esi sikimu esiza kwenziwa ngayo ukuba singaqhwaleli ndawo ukuze sincede amashishini amancinci naphakathi kunye nalawo angabhaliswanga ngokusesikweni.

Ukulwa le ngxaki yokunqongophala kwemisebenzi, iSaphulelo seRhafu yeNgqesho sandisiwe ukuze sikhuthaze amafama aqashe abantu abatsha abaninzi.

Kulo nyaka  uphelileyo, ndabhengeza ukuba siza kubuphungula ubucukubhede obuthandwa ukufunwa ngabasemagunyeni ngolo izwe lakuthi lingabinabo obu bucedu-cedu bulibambezelayo.

Iingcali zokwenza lo msebenzi wokuphungula umthamo wobucukubhede obuthanda ukufunwa ngabasemagunyeni kwi-Ofisi kaMongameli ezikhokelwa nguMnu Sipho Nkosi sele kulithuba zisebenza namasebe ahlukeneyo ngeenjongo zokwenza ukuba kube lula ukuqalisa ishishini.

Kuncede intsebenziswano, kuphathiswene namasebe kunye nezinye ii-arhente kumacandelo afana nelezokukhutshwa kweelayisenisi zemigodi, ukukhutshwa kweelayisenisi zokuqhuba izithuthi ezihambisa abakhenkethi, ukukhutshwa kwee-visa namaphepha-mvume okusebenza, okuvula izikolo-mpeleso kunye nawecandelo lamashishini angabhaliswanga ngokusesikweni.

Kulo nyaka, siza kuqukumbela izilungiso ezenziwe kuMthetho wamaShishini, wowe-1991 (uMthetho 71 wowe-1991) ukuphungula imithetho eyimiqobo esokolisa amashishini amancinci, aphakathi namancinane (ii-SMME) kunye nookopolotyeni kuze kwenziwe lula ukuba oosomashishini bavule amashishini.

Ngokusebenzisa i-Small Enterprise Finance Agency – siceba ukubekela bucala imali eyibhiliyoni yeerandi eyi-1.4 eza kuxhasa oosomashishini abasakhasayo abangaphezulu kwama-90 000.

Urhulumente, ebambisene ne-SA SME Fund uceba ukuseka ingxowa eza kuba nemali ezibhiliyoni ezilishumi zeerandi eza kuxhasa kumaphulo okukhulisa ii-SMME. Urhulumente ucinga ukufaka isandla ngemali ezibhiliyoni eziyi-2.5 yeerandi ize enye le izibhiliyoni zeerandi eziyi-7.5 ivele kwicandelo labucala.

Ukukhutshwa kwelayisenisi ye-PostBank kuza kuba ngamaqalela okuvulwa kwebhanki karhulumente eza kuncedisa ngemali ii-SMME, amashishini olutsha nawamanina kunye nabantu abangafumani nkxaso yaneleyo.

Njengokuba iNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe iza cubungula uMthetho-siHlomelo oYilwayo we-PostBank, i-PostBank izama ukuhlaziya uluhlu lweenkonzo eza kuzinikezela ngazo ukuze ikwazi ukuba yibhanki iza kunikezela ngeenkonzo ezingcono kunezo zinikezwa zezi bhanki zesiqhelo.

Eyona ndlela iyiyo neyenza umahluko yokwakha uqoqosho kukuxhobisa abantu ngezakhono kunye nolwazi lokwenza lo msebenzi.

Ke ngoko oku sixakekile sizama ukuqinisekisa ukuba kukho unxibelelwano phakathi kwezakhono ezikhoyo kweli lizwe kunye nezo zifunwa emisebenzini.

Kulo nyaka, i-National Skills Fund iza kunikezela ngemali ezizigidi ezingama-800 zeerandi eza kusetyenziselwa ukuphuhlisa izakhono kwicandelo lezedijithali nobuchwepheshe ngokusebenzisa inkqubo entsha edibanisa intlawulo ekhutshelwe uqeqesho kunye nokuba lo mntu uqeqeshiwe uwufumene na umsebenzi.

Siyasiphinda isibongozo esasenza kumashishini, amasebe kunye nee-SOE ukuba zilisuse ela solotya linyanzelisa ukuba abantu babenamava okusebenza phambi kokuba baqeshwe kwizikhundla ezisezantsi zabantu abaqalayo ukusebenza.

Kulo nyaka uphelileyo, sathi siza kufunela imisebenzi abafundi abaphumelele kwiikholeji zeMfundo noQeqesho lobuGcisa namaKhondo eZandla (i-TVET) abangamawaka alishumi.

Siye sagqitha kweli nani besizibekele lona kwaye ngoku silinyusile eli nani laya kutsho kuma-20 000 kulo nyaka wama-2023.

Inani labafundi abaqeqeshelwa ubugcisa kwiikholeji ze-TVET liza kunyuka lisuka kuma-17 000 liye kutsho kuma-30 000 ngowama-2023.

Enye yezinto ezinceda kakhulu kuhlumo loqoqosho kunye nokukwazi ukumelana nokhuphiswano kukukwazi ukuba nabantu abanezakhono ezifunwa luqoqosho.

Emva kokuba siqhube uhlaziyo olunzulu lwenkqubo yethu yokunikezela ngee-visa ezineempepha-mvume zokusebenza, siza kuqalisa ukuphumeza iziphakamiso ezenziweyo ngokukhawuleza.

Oku kuquka ukuqalisa inkqubo ezakusebenzisa amanqaku athile ukuze kutsalwe abantu abanezakhono bamazwe angaphandle ukuba bafudukele kweli lizwe, siqalise inkqubo ekhuthaza ukuba abaqeshi nabo bathembeke into leyo iza kwenza ukuba kube lula kubatyali-zimali abakhulu futhi nezinto ezifunekayo xa kufakwa izicelo nazo ziphungulwe.

Siza kuqalisa inkqubo yokukhupha ii-visa zabantu abaza kusebenza besebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla bekumazwe abo size siqalise iinkqubo ezintsha eziza kwenza kube lula kumashishini akumacandalo akhula kakhulu.

Ngeli thuba le nkqubo yokwenza iinguqu iqhuba, siza kuqhubeleka nokuxhasa amaphulo karhulumente nawoluntu okudala imisebenzi ukulungiselela abo baxhamlayo kuwo.

Kulo nyaka uphelileyo sithethile ngegalelo elibalulekileyo elenziwa yi-Presidential Employment Stimulus malunga nokudala imisebenzi kunye namathuba okuziphilisa.

Eli phulo ngoku sele livule amathuba angaphezulu kwesigidi, kwaye lenza umahluko kuwo onke amaphondo kunye nezithili kweli lizwe lakuthi.

Kulo nyaka uphelileyo, abantu abatsha abasebenza njengootitshala abancedisayo abangama-150 000 baqalise ukusebenzisa kwizikolo ezingaphezulu kwama-22 000. Amathuba afana nala abanika isidima, ithemba futhi bafumane namava okusebenza abantu abatsha abebekade bengasebenzi.

I-Social Employment Fund iza kuthatha abantu abangama-50 000 kwesi sigaba silandelayo abaza kwenza imisebenzi yobulungisa, ize yona i-National Youth Service evuselelweyo idale amanye amathuba angama-36 000 ngokusebenzisa imibutho engenzi inzuzo kunye neyoluntu.

ISebe leMicimbi yezeKhaya liqashe abantu abatsha abangasebenziyo abangama-10 000 abaza kukhuphela kwikhompyutha amaxwebhu aneenkcukacha zabantu angaphezulu kwezigidi ezingama-340.

Ngoku kunabantu abangaphezulu kwezigidi ezithathu ababhalise kwi-SAYouth.mobi., ikhasi lonxibelelwano elingafuni mali labantu abatsha boMzantsi Afrika abalisebenzisela ukukhangela amathuba emisebenzi nawokufunda.

Oku kwenziwe ngentsebenziswano ne-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha (i-NYDA), eqhubekayo nokubonelela ngoncedo olubalulekileyo koosomashishini abatsha kunye nabo bafuna imisebenzi.

Ndiyiqhwabela izandla i-NYDA ngendlela encedisa ngayo kwiphulo elinzima lokufuna imisebenzi.

I-Presidential Employement Stimulus nayo iyabancedisa abantu ukuba bafune imisebenzi.

Amafama akhasayo amalunga nama-140 000 afumana iivawutsha zokuthenga imbewu, izichumiso kunye nezixhobo zokulima, ngolo hlobo saba kanti senza igalelo kumalinge okuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneleyo futhi kwenziwa neenguqu kwicandelo lezolimo.

Eli phulo likhokelele ekubeni kulinywe umhlaba ozihektare ezingama-640 000.

Ama-68% onke abantu abathatha inxaxheba  kweli phulo ngabantu ababhinqileyo.

Kulo nyaka sineenjongo zokukhupha iivawutsha ezingama-250 000 eziza kunikwa amafama asakhasayo.

Le yimizekelo yomahluko onokwenziwa ngurhulumente kwiimpilo zabantu ngokusebenzisa ukuhlakanipha, ubukrele-krele nokuzimisela.

Bemi boMzantsi Afrika,

Iindleko zezinto ezisisiseko zenza indlala nokungalingani kuthathe unyawo.

Izigidi zabemi boMzantsi Afrika azikwazi ukuzithengela izinto ezisisiseko zokuziphilisa, zona neentsapho zabo.

Kukho umama ongenamyeni wase-Alex, oxhalatyiswa yinto yokuba engazi nokuba uza kuthatha ntoni adibanise nantoni njengoko ixabiso lombona nelokukhwela iiteksi enyuka imihla nezolo nje.

Kukho umsebenzi wefektri eGqeberha ungazaziyo nokuba ingomso limphathele ntoni na kuba ucimi-cimi wombane eyivalile le fektri asebenza kuyo.

Ngumsebenzi karhulumente ukunika abantu izibonelelo zokugcina iqondo lentsokolo likwinqanaba elithile ekungekho mmi woMzantsi Afrika kufanelekileyo ukuba abe ngaphantsi kulo.

Sithetha nje, kweli lizwe lakuthi kukho abantu abangaphezulu kwezigidi ezingama-25 abaphila ngeentlobo ezahlukeneyo zezibonelelo-mali.

Ukongeza, amakhaya asokolayo amalunga nezigidi ezibini afumana amanzi angumlinganiselo othile asimahla, umbane ongumyinge othile osimahla futhi nenkonzo yokuthuthelwa inkunkuma bayifumana simahla.

Imali emalunga nama-60% kuhlahlo lwabiwo-mali lweli lizwe ichithwa kwizibonelelo-mali, ezizintlobo ezahlukeneyo zenkxaso, ezeenkonzo ezisisiseko kunye noncedo olunikwa amakhaya kunye nabantu bakwazi ukugxotha ikati eziko.

Njengelinge lokuxhasa lo msebenzi kunye nokulwa ingxaki yokunyuka kwamaxabiso ezinto, siza kuqhubeleka ne-Social Relief Distress (i-SRD) Grant, ekungoku efunyanwa ngabantu abamalunga nezigidi eziyi-7.8.

Siza kuqinsekisa ukuba izibonelelo-mali zezentlalo ziyenyuswa ukuze zikhusele abantu bangathwaxwa kakhulu yintlungu yokunyuka kwamaxabiso ezinto.

Ingcaciso ethe vetshe malunga noku iza kunikwa nguMphathiswa wezeMali xa esenza intetho yohlahlo lwabiwo-mali.

Uyaqhuba umsebenzi wokuqulunqa uhlobo lwesibonelelo esiza kunceda abantu abasokola kakhulu, ngendlela apho ipokotho yesizwe iza kufikelela khona.

Olu hlobo lutsha lwesibonelelo uza kuyelelana nesiBonelelo se-SRD, kuquka nokusebenzisa iinkcukacha zabantu esele zikho koovimba bolwazi bakarhulumente ukuze kuqinisekiswe ukuba wonke umntu osokolayo uyaxhamla.

UNondyebo weSizwe uceba iindlela ezinokusetyenziswa ukulwa ingxaki yokunyuka kwamaxabiso okutya ebangelwa ngucimi-cimi wombane.

Kulo nyaka, siza kuthatha amanyathelo okuvumbulula ubutyebi obuzihleleleyo bamakhaya asokolayo ngokuthi sikhawulezisa inkqubo yokukhutshwa kweetayitile zezindlu zesibonelelo sikarhulumente.

Izindlu ezineetayitile ezidlulelwe lixesha ezingekaqukunjelwa zingaphezulu kwesigidi. Ixabiso lezi zindlu bekufanele ukuba kudala zakhutshelwa emagameni abantu abasokolayo baseMzantsi Afrika liqikelelwa kwimali ezibhiliyoni ezingama-242 zeerandi.

Ngoku asizikuqukumbela ezi tayitile sele zidlulelwe lixesha, koko siza kuzama ukwenza le nkqubo yokuphicothwa nokukhutswa kweetayitile ikhawuleze futhi isebenziseke lula.

Njengoko sasithembisele kwi-SoNA kulo nyaka uphelileyo, iSebe lezeMisebenzi kaRhulumente neziSeko zoPhuhliso sele liyiqukumbele inkqubo yokukhutshelwa komhlaba karhulumente ozihektare ezingama-14 000 oza kusetyenziselwa ukwakha izindlu.

Imfundo efikelelekayo sesona sixhobo siyinkunzi sokulwa intsokolo.

Kufuneka sibagobe besebatsha abantwana ngokuthi siqinisekise ukuba sibanika isiseko esiza kubanceda bakwazi ukubhala nokufunda ngokulandelayo, futhi bafundele nokuziphuhlisa.

Ke ngoko, ngumsebenzi omkhulu into yokuba inani labantwana abafumana isibonelelo sokufunda kwizikolo-mpeleso okanye iikritshi linyuke ngokuphindwe kabini phakathi kowama-2019 kunye nowama-2022, liye kufikelela kubantwana abasisiqingatha sesigidi.

ISebe leMfundo esiSiseko liphungula ubucukubhede obufunekayo xa umntu efuna inkxaso-mali yokuvula isikolo-mpeleso esiza kunceda amawaka ukuba afumane izibonelelo kurhulumente.

Futhi masibaqhwabele izandla nabantwana abebefunda ibanga lematrikhi kulo nyaka uphelileyo ngokuba i-80% yabo ithe yaphumelela, futhi namaphondo onke ngokuthi anyuse inani labantwana beli banga abaphumeleleyo.

Eli nani linyukile lisuka ku-76% wonyaka ongaphambili.

Kwizikolo ezingahlawulisiyo, inani labo baphumelele kwinqanaba lokubhalisela isidanga lenyuke lisuka ku-55% ngowama-2019 laya kuysho ku-64% ngowama-2022.

Oku kuthetha ukuba indlela abaqhuba ngayo abafundi bezikolo ezingathathi ntweni liya linyuka, into ebonisa ukuba inkxaso karhulumente inegalelo.

Ezi ziphumo zibonisa ukuba mkhulu umsebenzi owenziwa ezikolweni.

Izikolo kufuneka zibe zindawo ezikhuselekileyo apho abantwana baza kukwazi ukufunda nokufundiswa kakuhle.

I-Sanitation Appropriate for Education Initiatve – ebizwa ngokuba yi-SAFE – kunye nePhulo lokuKhawulezisa uKwakhiwa kweziKolo (i-ASID) sele zakhe izindlu zangasese ezifanelekileyo ezingama-55 000 ngoncedo olufunyenwe kurhulumente nakwicandelo labucala.

Ukuze sikhuphe abantwana abanezi zakhono zifunwa sisizwe, siyayandisa inkqubo yeekholeji zemfundo yoqeqesho nemisebenzi yezandla ngokuthi siqalise ukusebenzisa ikharityhulam ehlaziyiweyo eza kugxininisa kumakhondo amathathu amkelwe ngokusesikweni.

Kulo nyaka, urhulumente uceba ukuqukumbela iNkqubo eCacileyo yokuXhasa abaFundi ngeMali yokuFunda, ingakumbi abafundi abangavumelekanga ukuba baxhamle kwiSikimu seSizwe sokuXhasa abaFundi ngeMali yokuFunda (i-NSFAS); ngolo hlobo kuncedwe abo baphuma kumakhaya anemivuzo ephakathi kweyabantu abasokolayo kunye nabapokotho zifumileyo.

Malungu ahloniphekileyo,

Ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela luyingxaki ehlupha bonke abemi boMzantsi Afrika.

Abantu, mbombo zone zeli, baphila ngokungcungcutheka besoyikisela iintsapho zabo engozini.

Asinakuphila ngolu hlobo.

Sixhobisa ngezakhono i-SAPS ukuze amapolisa akwazi ukulwa ulwaphulo-mthetho,  iGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe (i-NPA) kunye neenkundla ukuze zona ziqinisekise ukuba abenzi bobubi badibana nengalo yomthetho.

La malinge aquka ukutyala amapolisa amaninzi ezitalatweni kunye nokuseka amabutho angoompondo-zihlanjiwe bokulwa iintlobo ezithile zolwaphulo-mthetho.

Kulo nyaka uphelileyo, sathatha isigqibo sokuba siqeshe amapolisa angama-12 000.

Sithetha nje, amapolisa amatsha angaphezulu kwama-10 000 alugqibile uqeqeso lokuqala kwizikolo zamapolisa futhi amanye angama-10 000 aza kuqeshwa aze aqeqeshwe kwakulo nyaka.

La mabutho amapolisa azingcali ajongene nokulwa iintlobo zolwaphulo-mthetho ezifana nokuxhwila, ukuhlawuliswa imali ngokugrogriswa, ukwemba imigodi ngokungekho mthethweni sele ebambe abarhanelwa abaliqela baze abaninzi kubo bafunyaniswa benamatyala, bagwetywa.

Kuthathwa amanyathelo angqingqwa ngoku ukulwa ulwaphulo-mthetho lokutshatyalaliswa koqoqosho kunye nezinye iintlobo zolwaphulo-mthetho ezifana nalo ezibangela umonakalo omkhulu kuqoqosho lweli lizwe.

Ngoku kukho amaQela Ajongene neziSeko ezinguNdoqo zoQoqosho asebenza kwiindawo ezingama-20 ezidume ngezi ntlobo zolwaphulo-mthetho.

Kulo nyaka  uphelileyo, ndathetha ngomonakalo omkhulu owenziwa kukubiwa kweentambo zekopolo nesinyithi kwiintambo zombane, iziporo zoololiwe kunye nezinye iziseko ezingundoqo zikarhulumente.

Ukususela ngoko, amapolisa sele ebambe abarhanelwa abakrokrelwa ngokuba iintambo zekopolo.

NgeyoMnga, urhulumente waphakamisa ukuba lunqunyanyiswe urhwebo lokuthunyelwa kweentambo zekopolo kunye neenkcenkce ezindala zesinyithi ngeenjongo zokulwa imigulukudu ephila ngalo mkhuba nokulinda ukuba kude kuqulunqwe izivumelwano zorhwebo ezitsha.

Nanjengoko besiqalise ngeenkqubo yokuzisa iinguqu kwicandelo lombane, elamanzi eleziseko ezingundoqo zonxibelelwano nelokuhanjiswa kwemithwalo sisebenzisa iphulo elibizwa nge-Operation Vulindlela, siqalisile ngeenkqubo yokuzisa iinguqu ukuze siphucule indlela esilulwa ngayo ulwaphulo-mthetho.

Siza kusisebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla obusetyenziswa kumaziko oncedo ngomnxeba size siphucule iziko loncedo elinenombolo engu-10111 sikwenza oku sibambisene necandelo labucala.

Iinjongo zoku kukuqinisekisa ukuba xa abantu betsalela umnxeba amapolisa, kufuneka baphendulwe baze bafumane uncedo abalufunayo.

Siza kulandela iinkqubo ezikhokelisa phambili iinkcukacha eziphandisisiweyo ngendlela ephucukileyo ukuze sikhangele size sigxininise kwiindawo ezidume ngolwaphulo-mthetho.

Eyona into ibaluleke kakhulu yeyokuba ngokuba siza kufaka uchatha kwimali eyabelwa amapolisa, i-NPA kunye neCandelo loPhando eliKhethekileyo (i-SIU).

Ulwaphulo-mthetho olwenziwa kumanina nabantwana luyintlungu embi eyambethe izwe lakuthi.

Ngenyanga yeKhala kulo nyaka uphelileyo, sabamba iNgqungquthela kaMongameli yesine ye-GBV ukuze sihlole umsebenzi osele wenziwe malunga nokuzalisekiswa okanye ukuqalisa ukusetyenziswa kwesiCwangciso esiQiqisisiweyo seSizwe, esiqulethe amanyathelo anolwamvila nangqingqwa okulwa esi sihelegu.

Enye yezinto ezichulumancisa kakhulu ngeli linge lethu lokulwa i-GBV yindlela amahlakani ezentlalo asixhasa ngayo esi siCwangciso siQiqisisiweyo seSizwe.

NgeyoMqungu kulo nyaka uphelileyo, ndatyikitya imithetho eyilwayo yayimithetho ezeleyo eenjongo zayo ikukukhusela amaxhobo e-GBV nokuqinisekisa ukuba abenzi bobubi abakwazi ukusebenzisa izikroba ezikhoyo kwimithetho yeli xa befuna ukungabanjwa.

Siyaqhubeka nokuzama ukwenza ukuba abantu bakwazi ukusebenzisa nokuxhamla kwiiNkundla zamaTyala eSondo futhi sandise nomsebenzi owenziwa zi-Thuthuzela Care Centre.

Umba ophambili kwesi siCwangciso siQiqisisiweyo seSizwe ngowokuxhotyiswa kwamanina ngezoqoqosho.

Ukususela oko sabhengeza ukuba sifuna ukuqinisekisa ukuba i-40% yeempahla neenkonzo ezithengwa ngurhulumente ziza kuthengwa kumashishini abantu ababhinqileyo, ngoku sele siziqalisile iinkqubo zokuxhasa oosomashishini abangamanina.

Sele siqeqeshe amashishini abantu abangoomama angaphezulu kwama-3 400 siwalungiselela ukuba akwazi ukuxhamla kula mathuba baza kuwavulelwa.

Ngokusebenzisa i-Women’e Economic Assembly, siyobonile imibutho yamacandelo ahlukeneyo kunye neenkampani zithembisa ukuba ziza kufikelela kulo myinge ubekiwe ngamacandelo ahlukeneyo kulo lonke eli wenani lamanina ekufuneka axhamle ngokulinganayo namadoda.

I-Industrial Development Corporation ibekele bucala imali ezibhiliyoni ezisithoba zeerandi eza kuyityala kumashishini oomama.

Amanye amaqumrhu, aquka i-Public Investment Corporation kunye ne-National Empowerment Fund, nawo athembisile ukuba aza kubeka imali bucala eza kunceda amashishini abantu ababhinqileyo.

Sonke masifake isandla, thina njengabantu, amaziko kunye neenkokeli kulo lonke eli, kumalinge okulwa isihelegu sobundlobongela obenziwa kumanina nabantwana.

Kulo nyaka uphelileyo, ndathi siza kuthatha amanyathelo angqingqwa okulwa urhwaphilizo siqinisekise nokuba asisoze siphinde sibuyele kwixesha elifana nelokubanjwa ngobhongwane kombuso.

IKhomishini yokuPhanda ngokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso ekhokelwa yiJaji eyiNtloko uRaymond Zondo, iwugqibile umsebenzi wayo yaze yalingenisa icandelo lokugqibela lengxelo yayo ngeyeSilimela kulo nyaka uphelileyo.

Njengesizwe, sibamba ngazibini kwiJaji eyiNtloko uZondo, abasebenzi bale Khomishini kunye nabo bonke abo bathi banika ubungqina ngomsebenzi onzima kangaka abawenzele isizwe.

 Iziphakamiso ezenziwa yile Khomishini sele ziqalise ukuphunyezwa kulandelwa esa sicwangciso ndandisingenise ePalamente ngeyeDwarha kulo nyaka uphelileyo ukuze zonke ezi ndawo ziqhwalelayo zabonwa yiKhomishini zilungiswe futhi sithintele nokuba singaze siphinde sibone urhulumente wethu ebanjwe ngobhongwane ngoohlohl’esakhe.

IBhunga leSizwe labaCebisi eliChasene noRhwaphilizo, elakhiwa ngabemi beli abaphuma kwiinkalo ezahlukeneyo, sele lisekiwe ukwenzela ukuba linike iingcebiso ngeendlela ezifanelekileyo zokusiphula neengcambi urhwaphilizo, kuquka nokutshintsha indlela akheke ngayo amaziko anikwe uxanduva lokulwa urhwaphilizo.

Siphezu komsebenzi wokuxhobisa ngezakhono iCandelo lokuKhuselwa kooDiz’amahleko kwaye siza kwenza izilungiso kuMthetho wokuDiza amaHlebo eKhusini, wowama-2000 (uMthetho 26 wowama-2000) kunye noMthetho wokuKhuselwa kooDiz’amahlebo, wowe-1998 (uMthetho 112 wowe-1998) ukuze siqinisekise ukuba lungqingqwa ukhuseleko loodiz’amahlebo.

Sele uqalisile umsebenzi wokwenza kube lula kubasebenzi bakarhulumente abadiza kwabasemagunyeni ulawulo olugwenxa, urhwaphilizo kunye nokuziphatha ngendlela enxamnye nemigaqo yokuziphatha, ukuba basebenzisa inkqubo yokukhuselwa koodiz’amahlebo.

Siza kuwuqukumbela uMthetho oYilwayo wokuThenga kukaRhulumente ukuze silungise ezi ngxakana zachazwa kwiKhomishini yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso sizwe siphucule indlela yokusebenza, ukulibona ixabiso lento oyichithe kuyo imali kunye nokwenza izinto elubala.

Ii-arhente zogcino-mthetho zeli ezivuke okutsha ngoku zizithathela  amanyathelo angqongqo iinkampani kunye nabantu ekutyholwa ukuba bayachaphazeleka kumkhuba wokubanjwa ngobhongwane kombuso.

ICandelo lezoPhando le-NPA, elasekwa ngowama-2019, sele libambe abatyholwa abali-187 betyholwa ngamatyala angama-32 anxulumene nokubanjwa ngobhongwane kombuso kunye norhwaphilizo.

Imali engaphezulu kweebhiliyoni ezisixhenxe zeerandi sele ibuyiselwe kurhulumente ivela kumatyala anxulumene nokubanjwa ngobhongwane kombuso.

Ukuza kuthi ga ngoku, iimpahla ezixabisa imali ezibhiliyoni ezili-12.9 zeerandi zithinjiwe.

Kulo nyaka, iCandelo lezoPhando liza kusekwa njengecandelo elisisigxina eliphantsi kwe-NPA.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ukuze sikwazi ukuhamba ngesantya esisifunayo kula lamalinge  okulwa ezi ngxaki sijamelene nazo, kufuneka sibe noRhulumente onezakhono futhi nosebenzayo.

Ezona ngxaki zinkulu esinazo zikumashishini ombuso kunye noomasipala.

Ii-SOE ezininzi zeli zithiwe nkxi ngamatyala, azityali mali yaneleyo kwiziseko zazo ezingundoqo, zithwaxwa ngumonakalo owenziwa kukubanjwa kombuso ngobhongwane kunye nokungabi nabasebenzi banezakhono ezifanelekileyo.

Siza kulandela iziphakamiso ezenziwe kwiBhunga likaMongameli lee-SOE lokuba kusekwe inkampani eza kulawula onke amashishini karhulumente njengenxalenye yokuba iinkampani zikarhulumente zilawulwe kwiziko elinye into leyo eza kwenza lula ukubeka iliso kwi-SOE.

Komnye umba, ndiyalele i-Ofisi kaMongameli kunye noNondyebo weSizwe ukuba basebenzisana kuze kukhangelwe indlela ekunokwenziwa ngayo ukuba asebenza ngobunono amasebe karhulumente, amaqumrhu ombuso kunye neenkqubo kule minyaka mithathu izayo.

UNondyebo weSizwe uqikelela ukuba umbuso ungonga imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-27 kule minyaka imbalwa izayo ukuba ingalungiswa ingxaki yokufana kwemisebenzi eyenziwa ngamacandelo ahlukeneyo, kuvalwe amacandelo angasebenzi kakuhle kuze kudityaniswe amaqumrhu apho kubonwa imfuneko.

Ukungaqhubi kakuhle koomasipala abaninzi kuyaxhalabisa.

Oomasipala abaninzi beli, abali-163 kwabangama-257 bafadalele okanye basezingxakini ezinkulu ngenxa yolawulo olugwenxa, iinkqubo zolawulo lwezimali ezingasebenziyo nezonganyelwe lurhwaphilizo kunye nokuphatha nje ngokubanzi kwakunye nokungahanjiswa kweenkonzo.

Urhulumente uqalise ngamanyathelo aliqela okungenelela ukuze kulungiswe le ngxaki yokungasebenzi kakuhle koomasipala kuze kuphuculwe neenkqubo zokuhanjiswa kweenkonzo ezisiseko.

La manyathelo aquka ukuqeqesha amagosa kunye nabameli boluntu abonyuliweyo, ukulungisa nokuphucula iziseko ezingundoqo zoomasipala, nokusebenzisa amagunya karhulumente kazwelonke okungenelela xa oomasipala bengawenzi umsebenzi wabo.

Urhulumente oneengcali, onabasebenzi abanezakhono, abantu abazimiseleyo nabathembakeleyo ubalulekile ukuze kubekho umbuso osebenzayo futhi kuliwe urhwaphilizo, ukwenzelelana idolo kunye nenkcitho engaphaya.

Ngelokulandela iziphakamiso ezenziwa yiKhomishini yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso kunye nesicwangciso-sikhokela sokujikwa kukarhulumente akhokelwe zingcali eziqeqeshiweyo, uvavanyo oluhlola ukuthembeka luza kuba yinxalenye yezinto ezinyanzelekileyo xa kuza kuqeshwa abantu kurhulumente, futhi kuza kubhaliswa novavanyo lokungena emsebenzini.

Senza izilungiso emithethweni futhi siza kuyinika amagunya athe chatha iKhomishini yabaSebenzi bakaRhulumente ukuze iqinisekisa ukuba kuqeshwa abantu abaneziqinisekiso zemfundo ezifanelekileyo kwizikhundla eziphezulu kuze kuqaliswe inkqubo yokuba necandelo elinye elijongene nezabasebenzi bakarhulumente.

Malungu ahloniphekileyo

Njengokuba sizimisele ukuphucula ubomi bomlisela nomthinjana weli kunye nokuqinisekisa ukuba sonke kweli lizwe sibudla ngokulinganayo ubuncwane balo, sikwazimisele nokuthatha inxaxheba kwidabi lokulwela i-Afrika eNgcono kunye nehlabathi eliNgcono.

Isixhalisa kakhulu into yokujongana kwezikhondo zamehlo kutsha nje phakathi kwabantu belizwe lase-Israel nabelizwe lasePalestine, kwaye sithi makuthotywe izibilini kubekwe phantsi izikhali kubuyelwe kwiingxoxo ezikhe zaphazamiseka zokwakha uxolo.

UMzantsi Afrika uthi tutwini kurhulumente nabantu baseTürkiye emva kwenyikima ebangele intshabalalo kweliya lizwe ekuqaleni kwale veki.

Njengesizwe siyalibulela igalelo le-Gift of the Givers kwiphulo lokunceda abo bathwaxwe yile nyikima.

Asilali buhlayo lungquzulwano olwenzeka phakathi kweRussia ne-Ukraine kwaye sibongoza la mazwe ukuba abeke phantsi izikhali azame ukusombulula iimbambano zawo ngomlomo.

Ikamva loMzantsi Afrika lixhomekeke kweli lizwekazi lethu, ingakumbi kuMbutho wokuPhuhliswa kwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC).

Ukuze neli lethu ilizwe libe nozinzo futhi liqhubele phambili, sinyanzelekile ukuba sincedise kumaphulo okuzisa uxolo, uzinzo kunye nophuhliso kweli lizwekazi lasekhaya.

Siyaqhubeleka nokuwandisa amathuba orhwebo notyalo-mali namahlakani ethu ezorhwebo ehlabathi kwaye sifuna ukurhwebeshela eMzantsi Afrika utyalo-mali kunye nemali ngokuthi sisebenzise amathuba esiwafumanayo ngokuthatha inxaxheba kumaqonga eengxoxo zehlabathi afana ne-G20, eza kusingathwa kuleli lizwe ngowama-2025.

Kulo nyaka uMzantsi Afrika uza kuthatha isikhundla sokuba ngusihlalo wombutho wamazwe adibanisa iBrazil, Russia, India, China kunye noMzantsi Afrika (i-BRICS).

Siza kugxininisa kumba wentsebenziswano kuphuhliso oluzinzileyo, ukutshintshela kuhlobo lwamandla angenabungozi kokusingqongileyo, ukuphuhliswa kwamashishini kunye nokusetyenziswa kwesivumelwano soMmandla weLizwekazi le-Afrika elingaHlawulisani Rhafu yoRhwebelwano (i-AfCFTA).

Yakuba iqalisile ukusebenza i-AfCFTA iza kusinika ithuba lokuqala ezimbalini lokuba kuhlanganiswe ngamandla uqoqosho lwe-Afrika, lokukhulisa uqoqosho kumazwe ase-Afrika, kuze kuvele namathuba okufumana iindawo kunye nabantu eziza kukwazi ukurhweba nabo iinkampani zaseMzantsi Afrika.

Bemi boMzantsi Afrika,

Imbilini yesizwe ibonakala mhla kunzima.

Imbilini yesizwe ebonwa kwindlela abemi baso abajajulisana ngayo neemeko ezimaxongo – bangakwenza oku ngokubambisana baze bafunquke bonke baswantsulisane neengxaki abajamelene nazo, besengela thungeni linye; okanye bakwenze oku ngokuxhoma izandla.

Sisizwe esijongene neengxaki zanamhlanje, kodwa sikwasisizwe esibhinqe omfutshane sizama ukuzalisekisa izithembiso zekamva eliqaqambileyo.

Ukuba sisakhumbula ngethuba sisenza amalungiselelo okuseka urhulumente wentando yesininzi, sasizazi ukuba sisingise phi na.

Sasinephupha lesizwe apho wonke umntu alinganayo.

Sasinephupha lesizwe apho sizakwabelana ngobutyebi ngokulinganayo.

Sasinephupha lelizwe apho sasiza kukwazi ukuphilisana ngoxolo, apho sasiza kukwazi ukusebenzisana sakhe isizwe esinye esinephupha elinye ngekamva lethu.

Isizwe sethu sisekelwe kuMgaqo-siseko wona okhokelisa phambili imimiselo ebalulekileyo yolawulo lwentando yesinzi esisidima, ulingwano nenkululeko, kunye namalungelo ethu sonke.

La manyathelo ndiwandlale ngolu hlatya, esakhela kumsebenzi osele wenziwe ngaphambili, aza kusisondeza kufutshane kweli phupha.

Aza kusinceda sikwazi ukusebenza ngokubambisana nangokuzimisela okukhulu, sizoyise nezi ngxaki sijongene nazo sivele sisizwe esizalwe ngokutsha.

Sizakudlula kwezi ngxaki sikuzo sivele ngaphaya sisizwe esinombane osebenzayo, ongacima-cimiyo nofikelelekayo.

Sizakuvela sisizwe ezinamazibuko noololiwe abakwizinga lehlabathi, sisizwe apho abemi abaninzi boMzantsi Afrika kwiindawo ezininzi benayo i-intanethi ehamba ngesantya esiphezulu, sisizwe esinamanzi oneleyo ampompoza ezimpompeni.

Kuza kuthontelana abakhenkethi kweli lizwe lakuthi, futhi siza kuphuhlisa size siqeqeshe abantu abanezi ntlobo zezakhono zifunwa kanye luqoqosho lweli lizwe.

Siza kudalela abangasebenziyo inkitha yemisebenzi, size sivuselele ithemba kwabo bebesele bencamile.

Kuza kugcwala amapolisa ezitalatweni enze umsebenzi wawo, ekhatshwa ngamaqumrhu ogcino-cwangco oluntu kunye negunyabantu lezotshutshiso elizimeleyo nelingenalusini, abantu baza kutsho bamthembe uRhulumente ukuba uligxadi labo lokugqibela lokubakhusela.

Ngokulwa umkhuba wokutshatyalaliswa koqoqosho kunye nolwaphulo-mthetho oluqhutywa ngamaqela emigulukudu, iziseko zethu ezingundoqo ziza kukhuseleka futhi namashishini aza kusebenza ngeentliziyo ezingenaxhala.

Ngokusebenzisa inkqubo eyandisiweyo yaze yenziwa ngqingqwa yezibonelelo zikarhulumente, lo nto iza kuphungula inani labantu ababhuqwa yintsokolo kunye nelamakhaya atyiwa yindlala.

Kufuneka senze zonke ezi zinto, hayi ngeenjongo zokulwa ezi ngxaki sijamelene nazo namhlanje, koko ngeenjongo zokuvuselela ela themba sasinalo ngoMzantsi Afrika.

Sisithembiso esisigcine ezintliziyweni zethu nesisizalisekisa ngezenzo.

Kulo nyaka, sisikhumbuzo seminyaka elishumi kwasweleka uNelson Mandela, uMongameli wokuqala woMzantsi Afrika olawulwa ngentando yesininzi, utata wethu, uMadiba omde. Futhi ebeza kube efinca iminyaka engama-105 wazalwa ukuba ebesadla amazimba.

Njengoko sibonisa imbeko kule ngqanga, masisimelele ngamazwi wayo eyawenza ngethuba ibekwa ngokusesikweni njengoMongameli ngowe-1994, apho yathetha yenjenje:

“Kwintlungu engathethekiyo ebangelwe ngumntu engcungcuthekise iminyaka, kufanele ukuba kuzalwe isizwe abantu abayakuzingoba isifuba ngaso.

Izinto esizenza imihla nezolo njengabemi boMzantsi Afrika kufanele zizale isizwe esiza kukhokelisa phambili size sigxininise inkolelo yoluntu enzulu kubulugisa futhi siluqinise ukholo lwethu kumoya onyulu womnye size sihlale ethembeni lokuba sonke sizakuwongwa ngobomi obuzukileyo.

Ukwakha isizwe esifana nesi, ukulwa ezi nzima sijongene nazo, kufuneka sisebenze ngokubambisana. Kufuneka singakhombi indlela siphinde sijike.

Sisisizwe, ingakumbi xa kunamhlanje, kufuneka siziveze into esiyiyo ngenene.

Kufuneka sisebenzisane futhi singashiyi namnye ngasemmva.

Enkosi.

 

Share this page

Similar categories to explore