Faka isicelo sokubhalisela ukuba ngumhlawuli-rhafu wethutyana

Ukuba ngaba ufumana ingeniso eyenye engenguwo umvuzo okanye isibonelelo, kufuneka ubhalise njengomhlawuli-rhafu wethutyana. Kufuneke ke ngoko ukuba uhlawule irhafu kwangaphambili kangangezixa ezibini ubuncinane kulo nyaka wokuhlolwa, ngokusekelezelwe kwingeniso ethelekelelweyo efanele ukuhlawuliswa irhafu. Kuyakufuneka ukuba uhlawule intlawulo yokugqibela emva kokuhlolwa. Iinkampani ngokungathandabuzekiyo zingena phantsi kweso sibonelelo senkqubo yerhafu yethutyana.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nerhafu yethutyana okanye qhagamshelana nabakwa-SARS ngolwazi oluthe vetshe.

 

Share this page