Bhalisa abemi boMzantsi Afrika abaphesheya

ISebe lezobuDlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano (i-DIRCO) ayisenayo ifomu yokubhalisa nge-intanethi ebizwa ngokuba luBhaliso lwaBemi boMzantsi Afrika abaPhesheya (i-ROSA).

Abemi boMzantsi Afrika abahambela okanye abahlala kumazwe aphesheya bayakhuthazwa ukuba babhalise okanye baqhakamshelane nathi besebenzisa la maqonga alandelayo:

  • Mabaqhagamshelane nendlu yozakuzo okanye i-ofisi yomkomishinara wozakuzo okanye yonozakuzaku jikelele woMzantsi Afrika ekufutshane kwelo lizwe bakulo bayokuzibhalisa ngokwabo buqu.
  • Mabathumele i-imeyile kule dilesi: Rosahelp@dirco.gov.za.
  • Mababhalise besebenzisa i-DIRCO Travel Smart App,  yona efumanekayo kwiiselula ezisebenzisa i-iOS nezisebenzisa u-Android.
  • Mabangene kwikhasi Consular Services kwiwebhusayithi ka-DIRCO ukuze bafumane ulwazi olubalulekileyo kunye noncedo olufanelekileyo lwabemi boMzantsi Afrika abakumazwe aphesheya.

Ezi nkonzo zenzelwe ukuqinisekisa ukuba abemi boMzantsi Afrika abakumazwe aphesheya bakhuselekile futhi zikwanceda neSebe likwazi ukunika inkxaso kwiimeko ezifana neentlekele zendalo, izidubedube zoluntu okanye iingxaki zikaxakeka zeentsapho.
 

Share this page