Ukuba ufuna ukubhalisa isithuthi esisuka kumazwe angaphandle apha eMzantsi Afrika, kufuneka ukwenze oko kwiziko lokubhalisa elikufutshane elifanelekileyo.
Kufuneka la maxwebhu alandelayo:
- Ifomu ye-eNaTIS (i-MVR1A okanye i-RLV);
 - Incwadi-sazisi yaseMzantsi Afrika;
 - Ukuba awunayo incwadi-sazisi yaseMzantsi Afrika:
- Incwadi-sazisi ekhutshwe lilizwe langaphandle okanye
 - Isatifikethi senombolo yobhaliso lwezendlela
 
 - Amaxwebhu amalunga nokubhaliswa nokukhutshwa kwelayisenisi yesithuthi ngaphandle kweRiphabliki yoMzantsi Afrika.
 - INwadi yesiGunyaziso (i-LOA) evela kuMlawuli weSizwe weMigaqo esisiNyanzelo.
 
Ukuba ufuna ukubhalisa isithuthi ngegama lenkampani, kufuneka ube nako oku:Isatifikethi sequmrhu njengoko sikhutshwe ngokwemimiselo yoMthetho weeNkampani okanye;
- Isatifikethi sokutshintshwa kwegama njengoko sikhutshwe ngokwemimiselo yoMthetho weeNkampani.
 - Ukuba ufuna ukubhalisa isithuthi ngegama lequmrhu elidibeneyo, kufuneka ube noku:
- Inkcazelo elisekelwe phezu kwayo ekhutshwe ngokwemimiselo yoMthetho wamaQumrhu aDibeneyo okanye;
 - Isatifikethi sokutshintshwa kwegama esikhutshwe ngokwemimiselo yoMthetho wamaQumrhu aDibeneyo.
 
 
Phambi kokuba isithuthi sibhaliswe, kufuneka ufumane isatifikethi esicacisa ukungabi nangxaki koMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ekubhalisweni kwaso. Sikhutshwa kuphela emva kokuba iziko lokubhalisa likukhuphele incwadi ekudlulisela kubo kunye nesatifikethi sokubhalisa.
ICandelo leRhafu neRhafu yeeMveliso zaseKhaya leeNkonzo zeRhafu zaseMzantsi Afrika (i-SARS) lizakunika isiqinisekiso sokuthobela esiyimfuneka ngokumalunga nemimiselo neenkqubo zalo. Ucetyiswa ukuba uqhagamshelane no-SARS ukuba ufuna ulwazi oluthe vetshe.
Fumana iinkcukacha ezithe vetshe kwiwebhusaythi ye-eNaTIS.
Ungaqhagamshelana nabani
- City of Johannesburg
 - City of Tshwane
 - City of Cape Town
 - Nelson Mandela Bay
 - Eastern Cape municipalities
 - Free State municipalities
 - Gauteng municipalities
 - KwaZulu-Natal municipalities
 - Limpopo municipalities
 - Mpumalanga municipalities
 - North West municipalities
 - Northern Cape municipalities
 - Western Cape municipalities
 

