Ukukhupha isisu

Ukukhupha isisu kuxa umntu wasetyhini ethatha isigqibo sokukhutshwa isisu ngoogqirha phambi kokuba kufike ixesha lokubeleka. Kufuneka lowo wasetyhini abe uneeveki ezingaphantsi kwezili-13 ekhulelwe ukuze akwazi ukukhupha isisu ngaphandle kokunikezela izizathu.

Ukuba umntu wasetyhini unexesha eliziveki eziphakathi kwezili-13 nezingama-20 ekhulelwe, angasikhupha isisu phantsi kwezizathu ezicacileyo. Ukuba unexesha elingaphezulu kwiiveki ezingama-20 ekhulelwe, isisu singakhutshwa kuphela ukuba ubomi bakhe kunye nobomntwana osesiswini busengozini okanye ukuba kukhangeleka ngathi umntwana uza kuba nokukhubazeka neengxaki ezigqithisileyo.

Qhagamshelana neSebe lezeMpilo kule nombolo:-012 395 8000.

 

Share this page