Ukubhalisa isithuthi esisuka kumazwe angaphandle

Ukuba ufuna ukubhalisa isithuthi esisuka kumazwe angaphandle apha eMzantsi Afrika, kufuneka ukwenze oko kwiziko lokubhalisa elikufutshane elifanelekileyo.

Kufuneka la maxwebhu alandelayo:

  • Ifomu ye-eNaTIS (i-MVR1A okanye i-RLV);
  • Incwadi-sazisi yaseMzantsi Afrika;
  • Ukuba awunayo incwadi-sazisi yaseMzantsi Afrika:
    • Incwadi-sazisi ekhutshwe lilizwe langaphandle okanye
    • Isatifikethi senombolo yobhaliso lwezendlela
  • Amaxwebhu amalunga nokubhaliswa nokukhutshwa kwelayisenisi yesithuthi ngaphandle kweRiphabliki yoMzantsi Afrika.
  • INwadi yesiGunyaziso (i-LOA) evela kuMlawuli weSizwe weMigaqo esisiNyanzelo.

Ukuba ufuna ukubhalisa isithuthi ngegama lenkampani, kufuneka ube nako oku:Isatifikethi sequmrhu njengoko sikhutshwe ngokwemimiselo yoMthetho weeNkampani okanye;

  • Isatifikethi sokutshintshwa kwegama njengoko sikhutshwe ngokwemimiselo yoMthetho weeNkampani.
  • Ukuba ufuna ukubhalisa isithuthi ngegama lequmrhu elidibeneyo, kufuneka ube noku:
    • Inkcazelo elisekelwe phezu kwayo ekhutshwe ngokwemimiselo yoMthetho wamaQumrhu aDibeneyo okanye;
    • Isatifikethi sokutshintshwa kwegama esikhutshwe ngokwemimiselo yoMthetho wamaQumrhu aDibeneyo.

Phambi kokuba isithuthi sibhaliswe, kufuneka ufumane isatifikethi esicacisa ukungabi nangxaki koMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ekubhalisweni kwaso. Sikhutshwa kuphela emva kokuba iziko lokubhalisa likukhuphele incwadi ekudlulisela kubo kunye nesatifikethi sokubhalisa.  

ICandelo leRhafu neRhafu yeeMveliso zaseKhaya leeNkonzo zeRhafu zaseMzantsi Afrika (i-SARS) lizakunika isiqinisekiso sokuthobela esiyimfuneka ngokumalunga nemimiselo neenkqubo zalo. Ucetyiswa ukuba uqhagamshelane no-SARS ukuba ufuna ulwazi oluthe vetshe.

Fumana iinkcukacha ezithe vetshe kwiwebhusaythi ye-eNaTIS.

Ungaqhagamshelana nabani

Published Date

Share this page