Isicelo sokubhalisa ukutya kwasefama

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa ukutya kwemfuyo efuywe efama kunye nokwezilwanyana ezifunywe ekhaya

Ukwenza okanye ukuthengisa ukutya kwemfuyo efuywe efama nokwezilwanyana ezifuywe ekhaya, kufuneka ubhalise neGosa loBhaliso loMthetho wama-36 we-1947.
 
Ukutya kwemfuyo yasefama kunye nokutya kwezilwanyana ezifuywe ekhaya kukutya okufunyanwa ngokucumza okanye ngokungqusha ukutya okuzizinongo, iivithamini okanye iiminerali. Zisetyenziswa  ukondla izilwanyana ezifuywe ekhaya kunye nemfuyo yasefama. Kufuneka ube uhlala eMzantsi Afrika okanye ungumntu womthetho one-ofisi eMzantsi Afrika ukuze ubeselungelweni. Ukuba ukutya kwemfuyo yasefama okanye kwezilwanyana zasekhaya ofuna ukukubhalisa sekubhaliswe ngomnye umntu, kufuneka ufumane imvume ebhaliweyo evela kuloo mntu ubhalisileyo phambi kobhaliso.
                                                                                                                                        
Phambi kokufaka isicelo sakho, kufuneka uthumele isampulu yokutya kwezilwanyana ezifuywe efama okanye ukutya kwezilwanyana zasekhaya kwindlu esetyenziselwa uphando lwenzululwazi esemthethweni. Imveliso kufuneka ihlalutywe ngokweemfuneko ezichaziweyo. Indlu esetyenziselwa uphando lwenzululwazi kufuneka ikunike isiqinisekiso sokuhlalutywa ekufuneka usiqhoboshele kwisicelo sakho. IGosa loBhaliso aliyi kusamkela isicelo sakho ngaphandle kwesiqinisekiso sokuhlalutywa esivela kwindlu yophando lwenzululwazi esemthethweni.
                                
Nceda uqaphele: Kufuneka uhlaziye ubhaliso rhoqo emva kweminyaka emithathu. Isebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba liya kukwazisa xa lifikile ixesha lohlaziyo.

Ofanele kukwenza

  1. Thatha isampulu yokutya kwemfuyo yasefama okanye kwezilwanyana zasekhaya uyise kwindlu yophando lwenzululwazi ukuze ivavanywe uze ufumane isiqinisekiso esivela kubo.
  2. Bhala incwadi yengcaciso uyibhalela kwiGosa loBhaliso kunye nezi nkcukacha zilandelayo:
    • Igama lokutya kwemfuyo yasefama okanye kwezilwanyana zasekhayaInombolo yobhaliso yokutya kwemfuyo yasefama okanye kwezilwanyana zasekhaya, ukuba sele kubhalisiwe nika isizathu sokufaka isicelo (nokuba sisicelo esitsha okanye wongeza okutya kwemfuyo yasefama okanye izilwanyana zasekhaya kwimveliso ebhalisiweyo)   
    • Imvume ebhaliweyo, ukuba ukutya kwemfuyo yasefama okanye kwezilwanyana zasekhaya sekubhaliswe ngomnye umntu.                                
    • Isiqinisekiso sokuhlulutywa nokuvavanywa esivela kwindlu yophando lwenzululwazi Ubungqina bentlawulo kunye nenombolo yesazisi.
    • Oku akukho mfuneko yako ukuba isicelo sakho usizise ngokwakho wahlawula isixamali ngemali ezinkozo kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba.      
    • Indlela imveliso eya kupakishwe ngayo okanye igama elibhalwe kwimveliso 
  3. Kopa uze uzalise uxwebhu olungezantsi. Uxwebhu kufuneka lutyikitywe nguMfungisi. 
  4. Qhoboshela incwadi yengcaciso, igama elibhalwe kwimveliso kunye nesiqinisekiso sokuhlalutywa nokuvavanywa esivela kwindlu yophando lwenzululwazi kuxwebhu lwesicelo. 
  5. Faka amaxwebhu esicelo (esoqobo kunye nekopi) namaxwebhu aqhotyoshelweyo kwi: Gosa loBhaliso: Act No. 36 of 1947, Private Bag X343, Pretoria, 0001 okanye uwazise ngokwakho kwi: Gosa loBhaliso: Act No. 36 of 1947, Agriculture Place, 20 Steve Biko Street, Arcadia Pretoria
  6. Hlawula umrhumo omiselweyo. Ukuba usithumela ngeposi isicelo sakho, kufuneka uhlawule umrhumo omiselweyo ngephetshana eliyimali yaseposini elisegameni loMlawuli Jikelele wezoLimo. Ukuba isicelo sakho usifaka ngokwakho, kufuneka uhlawule umrhumo omiselweyo ngemali ezinkonzo. Qinisekisa ukuba ufumana  iphetshana elibubungqina bentlawulo (irisiti). Ukuba uhlawula umrhumo wakho ngekhompyutha, hlawula kule akhawunti ilandelayo:
    Igama le-akhawunti: NDA-ACT36 of 1947
    Inombolo ye-akhawunti: 11 2031 02
    Branch code: 01 0845
    Bank name: Standard Bank
    Inombolo yesazisi: 11FF1 kunye negama lenkampani.

Ixesha elimiselweyo

Kuthatha ukuya kwiinyanga ezine.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama- 2024/25

Ungaqhagamshela nabani

 

Administration

Lindinkosi Lembethe
Tel: 012 319 6863
E-mail: LindinkosiL@daff.gov.za

National office
Tel: 012 319 6657
Fax: 012 319 7179
Physical address: 20 Steve Biko Street, Arcadia, Pretoria
Postal address: Private Bag X343, Pretoria 0001
Web address: http://www.old.dalrrd.gov.za/Branches/Agricultural-Production-Health-Fo…

Share this page