Intetho engobume besizwe (i-SoNA) eyenziwe Ngumongameli Cyril Ramaphosa

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA), Nkskz Baleka Mbethe
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP), Nkskz Thandi Modise
Sekela-Somlomo we-NA noSekela-Sihlalo we-NCOP,
Isekela leJaji eyiNtloko uRaymond Zondo nawo onke amalungu ahloniphekileyo eCandelo leeNkundla,
Owayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki, noNkskz Mbeki,
Owayesakuba nguMongameli uKgalema Motlante, noNkskz Motlante,
Owasakuba nguSomlomo uGq Frene Ginwala,
Owasakuba nguSomlomo uMnu Max Sisulu
Baphathiswa nooSekela-Baphathiswa,
ZiNkulumbuso nooSomlomo beziNdlu zoWiso-mthetho zamaPhondo,
Sihlalo woMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA) nabo bonke oosodolophu abahloniphekileyo abakhoyo
IRhuluneli yeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika, uMnu Lesetja Kganyago
Intloko zamaZiko karhulumente axhasa ulawulo lwentando yesininzi, Isithwalandwe, uNksz Sophie De Bruyn,
Isithwalandwe, uMnu Andrew Mlangeni,
Sihlalo weNdlu yeSizwe yeeNkokeli zeMveli, Nkosi Sipho Mahlangu
INkokeli yeSizwe samaKhoi San aseNtshona Koloni, uPrince Jacobus Titus,
UKumkani uJohn Molefe Pilane,
INkosi Aaron Martin Messelaar,
UMqeqeshi woNyaka wowama-2018 weQela leSizwe labaseTyhini we-Confederation of African Football (i-CAF), uNksz Desiree Ellis,Iinkokeli zemibutho yeemvaba ngeemvaba,
Iinkokeli zamaziko emfundo ephakamileyo nawezophando,
Magqala omzabalazo wenkululeko,
Malungu weenkonzo zezozakuzo,
Iindwendwe ezimenyiweyo,
Malungu abekekileyo e-NA
Malungu abekekileyo e-NCOP,
Bantu boMzantsi Afrika,

Ndilibulela ngokungazenzisiyo eli wonga lokuma kule ndawo namhlanje ndenze iNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) yama-25 kuMzantsi Afrika okhululekileyo nolawulwa ngokwentando yesininzi.

Kulo nyaka, njengabantu abazintlanga ezahlukeneyo nesizwe esimanyeneyo, siza kubhiyozela lo msebenzi ungummangaliso ongazange wabonwa ezimbalini.

Siza kube sibhoyezela ukoyiswa kwamakhamandela obukhoboka esoyiswa yinkani yenkululeko, ukoyiswa kwengcwangu yocalu-calulo isoyiswa lulawulo lwentando yesininzi, ukuphumelela komoya wethemba phezu komoya wentandabuzo nokuncama.

Siza kuqhayisa ngesibindi sokuzimisela sabantu ababecinezelwe besilwela inkululeko, ulingwano nenzaliseko.

Siza kusebenzisa eli xesha sikhumbule iinzima kunye nentsokolo eyanyanyezelwa zizizukulwana ngezizukulwana zabantu bakuthi - amadabi wabo, iintlungu abazinyamezeleyo kunye nokuzimesalo kwabo ngokungagungqiyo kwimizamo yokwakha uMzantsi Afrika wabantu bonke abangaphakathi kwemida yawo.

Siza kukhumbula imigcobo nokuhla kwezibilini ngomhla wenkululeko, ngomhla lowo sathi sasisizwe sokwenene, isizwe esixolileyo futhi nesingenanxa nehlabathi.

Apha ekuhambeni konyaka, kufuneka futhi sicamngce sihlaluletye le ndlela siyihambileyo kule minyaka ingama-25 idlulileyo.

Njengabemi boMzantsi Afrika, kufuneka sizibuze ukuba ingaba sizizalisekisile na izithembiso esazenzayo ngethuba eli lizwe lifumana inkululeko.

Kufuneka sichithe lo nyaka, unyaka osisikhumbuzo sama-25 enkululeko yethu, sizibuza ukuba ingaba sisakhile na isizwe apho bonke abemi boMzantsi Afrika bexhamla, ngokulinganayo nangokungenamkhethe, amalungelo angenakuhluthwa mntu obomi, esidima nawenkululeko.

Ingaba sisakhile na isizwe apho iintlungu zemihla yangaphambili nezezolo ingezizo esiphila zona imihla nezolo?

Kufuneka sisebenzise eli xesha sithethe ngomgama esele siwuhambile, imingeni esidibene nayo, iindawo esibetheke kuzo kunye neempazamo esizenzileyo.

Kulo nyaka uphelileyo, siqalise ngendlela eya kuhlumo novuselelo.

Siphuma kwixesha apho besingazi nokuba siya ngaphi na, singathenjwanga nathi singenathemba, saze sathatha isigqibo sokuba sizidilize iindonga ezazibangela iyantlukwano zisenza intsalu, sigxininise kwezo zinto zisihlanganisayo.

Sathatha isigqibo sokusiphula neengcambo isihelegu sorhwaphilizo sibuyisele amaqumrhu eli lizwe kwisimo sawo sesiqhelo.

Sathatha isigqibo sokukhokelisa phambili imigaqo yoMgaqo-siseko sigxininise kwakhona kwiimfuno nezidingo zabantu abangathathi ntweni, abangasebenziyo, abathwaxa yintsokolo nentswela.

Satsho ngazwi nye sathi, njengelinge lokubhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaNelson Rolihlahla Mandela no-Albertina Nontsikelelo Sisulu, yonke into esiyenzayo, amalinge ethu, izinto esizithethayo ziza kusetyenziselwa ukuzalisekisa umbono wesizwe esilawulwa ngentando yesininzi, esisekelwe kubulungisa nesinolingwano.

Abantu besi sizwe bezintlanga nezizwe ezinamasiko alibhongo ahlukahlukeneyo, nangona zikhona izinto neendawo abangavumelaniyo ngazo, balisabela ngomdla ikhwelo lika-Thuma Mina.

Ngobuninzi babo, abemi boMzantsi Afrika zange bathi bona bafuna ukukhongozwa nakukhanyisiswa koko bathi nabo bafuna ukubhinqa omfutshane bafake isandla kumalinge okuqhubela eli lizwe phambili.

Abemi boMzantsi Afrika baphosa lo ntwana umntu anayo, inkulu incinci, oku bekwenza esidlangalaleni, abanye ezindlini zabo, bencedisa kumalinge okwakha isizwe esingcono.

Abanye bolula isandla banceda abanye abemi boMzantsi Afrika abasezingxingweni zokonganyelwa zingxaki.

Abanye bavakalisa uthakazelelo lokunceda urhulumente kwimizamo yakho yokutshintsha eli lizwe.

Namhlanje, xa sijonga ngasemva kulo nyaka siwushiyayo, singatsho sithi ikhona indima ebonakalayo.

Abantu bakuthi bayawabulela la malinge okuvuselela isizwe sethu futhi bagcwele lithemba lokuba izinto ziza kubangcono ngomso.

Eli themba abantu bakuthi banalo abalikhi nje esithubeni, benziwa kukubona umsebenzi oselwe wenziwe. 

Kulo nyaka uphelileyo, siphinde savuselela isivumelwano sokubambisana namahlakani ethu abalulekileyo ukuze siqalise iinguqu ezimandla zezentlalo nezoqoqosho njengoko sasithembisile.

Njengamahlakani asebenzisanayo, sivuselela ukuthembana, amaphulo okufakana imilomo nawokusebenzisana.

Senza imizamo yokufikelela nakwabo sele bencamile, baphelelwe lithemba okanye bangathathi ntweni ngokusebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zokufakana imilomo nokubonisana.

Kona amalinge wethu angade abe wona awahambi afike yonke indawo, kwaye sisenomsebenzi omninzi ekufuneka siwenziwe, kodwa sibonisile kulo nyaka uphelileyo indlela esizimisele ngayo ukusebenzisana ukuze silwe ezi ngxaki sijamelene nazo.

Sigxininisa amaphulo nemizamo yethu yokukhwezela uhlumo nokudala imisebenzi.

Sisebenzisane kakuhle - njengorhulumente, abasebenzi, imibutho yoluntu kunye noluntu ngokubanzi - ukususa imiqobo ethintela uhlumo oluza kuxhanyulwa nguye wonke ubani nokuqinisekisa ukuba sizingela utyalo-mali oluninzi.

Besibambe iNgqungquthela kaMongameli yemiSebenzi eyaqhuba kakuhle kakhulu neyavumelana ngamanyathelo aza kwenza umahluko omkhulu xa anokuthi aphunyezwe ngokugcweleyo. La manyathelo anokuliphinda kabini eli nani lemisebenzi idalwayo kweli ngonyaka.

Kulo nyaka uphelileyo, amahlakani ethu amaninzi avakalisa inkxalabo ngomba wokungacaciswa kakuhle kwemigaqo-nkqubo yeli kunye nengxaki yokulala neli kuphindwe kuvukwe neliya malunga neenkcukacha zayo.

Yonke imibuzo ebebenayo siyiphendule, nale ngxaki sayilungisa.

Amanyathelalo esiwathathileyo ngemeko emaxongo kumashishini karhulumente (ii-SOE) eli - ebengasebenzi kakuhle ngokuba embethwe zingxaki zolawulo olugwenxa kunye norhwaphilizo - sithathe amanyathelo angqingqwa okuphucula ulawulo, okuqesha izikhulu ezifanelekileyo kunye nokuzisa uzinzo kula mashishini karhulumente abaluleke kangaka. 

Futhi sijongene nengxaki yokubanjwa ngobhongwane kwamaqumrhu karhulumente abalulekileyo, aquka ii-arhente zeli zogcino-mthetho, isakhono namandla awo okwenza umsebenzi athi athenwa.

Ke ngoko sithathe amanyathelo okuzisa uzinzo futhi sibuyisele isidima samaqumrhu afana neGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA), iZiko leRhafu loMzantsi Afrika (u-SARS), i-Arhente yoKhuseleko lweLizwe kunye noMbutho wezamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS).

Simqeshile uMlawuli kaZwelonke weGunyabantu lezoTshutshiso (i-NDDP), u-Advocate Shamila Batohi, ukuba akhokelela amalinge okuvuselela i-NPA futhi aqinise namaphulo ethu okulwa ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo.

Siqalisile ukuphumeza izindululo ezikwingxelo yeKomishini yoPhando kaNugent ebiphanda ngo-SARS kwaye sesiqalisile ngamalungiselelo okuqesha uMkomishinari omtsha oza kukhokela u-SARS.

Ndisebenzisa ingxelo nezindululo zeGqiza eliPhezulu lokuPhonononga i-Arhente yoKhuseleko lweLizwe, ibikhokelwa njengosihlalo ngulowo wayesekuba nguMphathiswa uSydney Mufamadi, ndiza kubhengeza amanyathelo amaninzi angxamisekileyo aza kunceda xa kusakhiwa ngokutsha icandelo lesizwe lezobuntlola loMzantsi Afrika elineengcali ezihlonitshwayo.

Phakathi kwamanyathelo esiza kuwathatha ukwakhwa ngokutsha icandelo lesizwe lezobuntlola elineengcaphephe kuza kuquka ukuvuselela iBhunya leSizwe lezoKhuseleko, eliza kukhokelwa nguMongameli njengosihlalo walo, ukuze kuqinisekiwe ukuba imisebenzi yoMbuso yezobuntlola neminye yezokhuseleko enxulumene nayo ilawulwa ngendlela engcono kwakunye nokusekwa kwakhona kwamacandelo amabini eenkonzo zezobuntlola, elinye lijongane neenkonzo zobuntlola apha ekhaya lize elinye ligxininise kwiingxaki zobuntlola zangaphandle.

Umsebenzi wokwenza utshintsho kuluhlu lwamasebe oMbuso sele usiya ekuqukunjelweni.

Kuyasivuyisa ukubona ukuba abemi abaninzi boMzantsi Afrika, njengamathanda-zwe athanda ukuthatha inxaxheba kwizinto ezenzeka kweli, banomdla kakhulu kwindlela amasebe oMbuso aza kumila ngayo xa sele etshintshiwe.

Kulo nyaka uphelileyo siyi-Ofisi kaMongameli, siye sabuthathela ingqalelo kakhulu ubundlobongela nempatho-mbi ibisenziwe kwabasetyhini nasebantwaneni kweli lizwe.

Saye sasabela kwikhelo nakwinkxalabo evakaliswe ngabemi boMzantsi Afrika ngokuthi sibambe iNgqungquthela engobuNdlobongela obuJoliswe kwabaSini Esithile nokuBulalwa kwabaseTyhini eyathi yasinceda seza necebo likazwelonke lokulwa le ngxaki.

Besibambe iNgqungquthelo yokuqala yezeMpilo kaMongameli ngenyanga yeDwarha kulo nyaka uphelileyo, eyathi yadibanisa amahlakani aphuma kwimimandla eyahlukeneyo kwicandelo lezempilo.

Kule ngqungquthela yezempilo, abathunywa bagwadla iingxaki ezambethe icandelo lezempilo aza eza nezisombululo ezinokuqaliswa ngokukhawuleza, eziza kufuna ixeshana elifutshane kunye neziza kufuna ixesha elidana ukuze kuphuculwe icandelo lezempilo. 

Lo nyaka mtsha siwuqala sikholisekile ngumsebenzi osele siwenzile, sibambisene, kumalinge okuvuselela uqoqosho nokubuyisela uzinzo kumaziko eli karhulumente axhasa ulawulo lwentando yesininzi.

Sizimisele ukuba sithi ngcembe singaphambuki kule ndlela siyihambayo.

Asiwoyiki la mageduka namaxethuba siseza kudibana nawo.

Sonke, njengabemi boMzantsi Afrika, kufuneka siqule siligangathe sizokukwazi ukumelana nale mingeni nezinzima ziphambi kwethu.

Umsebenzi wokwakha uMzantsi Afrika ongcono luxanduva lwethu sonke sisisizwe, singabantu boMzantsi Afrika.

Nguwo ophambili kwimisebenzi yawo onke amasebe, ii-arhente namaqumrhu karhulumente.

Isekelwe kuyo yonke imigaqo-nkqubo, iinkqubo namaphulo ethu.

Nangona umninzi omsebenzi obalulekileyo owenziwayo kurhulumente ephela, ngolu rhatya ndifuna ukunyathela kwimiba emihlanu ebaluleke kakhulu kweli xesha sikulo sililizwe.

Le mibaiza kuba yiyo esisiseko sayo yonke into esiyenzayo kulo nyaka.

Sibambisene, kufuneka senze oku kulandelayo:

  • Okokuqala, kufuneka sikhawulezise uhlumo loqoqosho oluza kuxhanyulwa nguye wonke futhi sidale nemisebenzi.
  • Okwesibini, imbali yethu iyasinyanzela ukuba siphucule inkqubo yezemfundo size siphuhlise nezakhono eziza kufuneka ngoku nakwilixa elizayo.
  • Okwesithathu, sinyanzelekile ukuba siziphucule iimeko abaphila phantsi kwazo abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi abo basweleyo.
  • Okwesine, sinyanzelekileyo ukuba siliqinise idabi lokulwa urhwaphilizo nokubanjwa ngobhongwane kombuso.
  • Okwesihlanu, kufuneka siwuxhobise ngezakhono uMbuso ukuze kulungiswe futhi kusatyelwe kwizidingo zabantu.

Kulo nyaka uphelileyo, amalinge ethu agxininise ekukhawuleziseni uhlumo oluxhanyulwa nguye wonke, ukunyusa ngamandla izinga lotyalo-mali nokuqalisa amalinge okudala imisebenzi emininzi.

Kulo nyaka uphelileyo, eli lizwe belinengxaki yokudodobala koqoqosho okwenzeka iikota ezimbini zilandelelana.

Urhulumente wasabela kulo mngeni ngesicwangciso sokuvuselela nokuhlumisa uqoqosho sona esabangela ukuba kuxulwe imali kwamanye amacandelo isiwe kulawo ayebonakalisa ithemba lohlumo nokudala imisebenzi.

Icebo lethu lalingasekelwanga ekugaleleni nje imali kule ngxaki yoqoqosho oludodobalayo, koko yayikukutatamisa uqoqosho luphume kula ngxingwa lize liqalise ukuhluma.

Senza amacebo amaninzi okukhwezela uqoqosho, okuthoba izibilini zabatyali-mali batsho balithembe eli lizwe kwakhona, ukuncedisa kumaphulo okudala imisebenzi nokulungisa imingeni engxamisekileyo echaphazela ubomi babantu bakuthi abangathathi ntweni.

Kuluvuyo ukunazisa ukuba mninzi umsebenzi esiwenzileyo ekuqinisekiniseni ukuba kukho ingcaciso egcweleyo necacileyo ngemithetho elawula icandelo lezemigodi kunye neencwadi zokundwendwela (ii-visa), ukuqalisa amalungiselelo okunikezela ngamaza osasazo eeselula, ukuhlaziya amaxabiso neentlawulo zamazibuko, zoololiwe kunye nombane.

Siqalisile ngomsebenzi wokuzisa uzinzo nokuxhasa oomasipala abangama-57, apho sele kuqaliswe iiprojekthi zoomasipala zeziseko ezingundoqo ezingaphezulu kwama-10,000.

Enza umahluko obonakalayo amalinge esiwenzayo okuvuselela amaziko ezoshishino ezilokishini nasemaphandleni, njengoko amaziko ezoshishino ebekade ehleli nje engasetyenziswa ephinde avulwa kwaye ayavelisa kwakhona.

Ukuza kuthi ga ngoku sele sivuselele amaziko emizi-mveliso nezishishino ali-10 kwabebaliwe ali-16, kwiindawo ezifana neBotshabelo, Phuthaditjaba, Garankuwa, Isithebe, Komani naseSeshego.

Amazinga ekufuneka uqoqosho lweli luhlumo ngawo ukuze kudaleke imisebenzi ebonakalayo asinakufikelela kuwo kungakhange kubekho utyalo-mali olumandla.

INkomfa yokuqala yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika ebibanjwe ngeyeDwarha kulo nyaka uphelileyo ibe negalelo elihle kakhulu kumalinge ethu okuqokelela utyalo-mali oluzitriliyoni zeerandi eziyi-1.2 kule minyaka mihlanu izayo.

Kule nkomfa yotyalo-mali iinkampani zoMzantsi Afrika nezehlabathi zathembisa ngokutyala imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-300 kweli.

Kulo nyaka uphelileyo kubekho uchatha oncumisayo kutyalo-mali lwangaphandle oluza ngqo kweli.

Ngowama-2017, iingxelo zethu zibonakalisa ukuba utyalo-mali lwangaphandle oluza ngqo kweli beliyimali ezibhiliyoni zeerandi ezili-17.

Iinkcukacha-manani ezisesikweni zibonisa ukuba kwikota nje zokuqala zowama-2018, utyalo-mali olungene kweli lusuka ngaphandle beluzibhiliyoni ezingama-70 zeerandi.

Ngumzamo omhle kakhulu lo xa uthelekiswa namazinga otyalo-mali kule minyaka ingaphambili.

Abathunywa bethu bezotyalo-mali - uTrevor Manuel, Mcebisi Jonas, Phumzile Langeni noJacko Maree - kwakunye ne-InvestSA bazibeke phantsi kweliso elibukhali indlela eziqhuba ngayo ezi zithembiso zotyalo-mali zenziwa kwinkomfa yotyalo-mali.

Ukungqina ukuba inkomfa yethu yotyalo-mali yayingeyondibano nje eyinkcitha-xesha, apho kwakusenziwa izithembiso ezingazikuzalisekiswa, sithetha nje, iiprojekthi ezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-187 sele ziqalisiwe, zona ezinye ezixabise imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-26 kusenziwa amalungiselelo okuziqalisa.

Sisebenzisa isifundo esisifundileyo, ngamalinge angqalileyo, nangemizamo esiyenzayo yokuphucula icandelo lezoshishino, sifuna ukufumana utyalo-mali olusisixa esikhulu nangakumbi kulo nyaka.

Siza kuhamba sikhangela amacandelo kunye nemizi-mveliso esiyifunayo eMzantsi Afrika size silityhutyhe lonke eli limiweyo sifuna abatyali-mali.

Siza kusebenzisa konke esikufundileyo nesikubonileyo kulo nyaka uphelileyo, futhi siqale apho siyeke khona, kulo nyaka siza kuphinda sibambe iNkomfa yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika. 

Liphupha lethu ukuba utyalo-mali esilufumanayo kufuneka luye mbombo zone zeli lizwe.

Malunga nalo mba, ndicele oorhulumente bamaphondo ukuba bakhangele iiprojekthi ekunokutyalwa imali kuzo size siqinisekise ukuba sinencwadi enoluhlu lweeprojekthi zotyalo-mali kuwo olithoba amaphondo eli esiza kuthi siyinike oongxowankulu abangabatyali-mali.

Kulandela inkomfa yotyalo-mali eqhube kakuhle kakhulu, iqela loosomashishini boMzantsi Afrika, lichukunyiswe ngumoya ka-Thuma Mina, liqalise ngePhulo loHlumo lamaShishini Abucala noRhulumente eliza kukhokela izicwangciso zotyalo-mali ezingqalileyo zeenkampani ezinkulu kuwo oli-19 amacandelo oqoqosho; ukusuka kwicandelo lezemigodi ukuya kwelamandla ahlaziyekayo; ukusuka kwelemizi-mveliso ukuya kwelezolimo.

La macandelo kulindeleke ukuba anyuse utyalo-mali kakhulu kule minyaka mihlanu izayo futhi adale nenqwaba yemisebenzi emitsha ingakumbi ukuba singakhuthaza ukuba kuthengwe iimveliso zalapha ekhaya, sizise uzinzo kwicandelo lezabansebenzi size siphucule neemeko ushishino oluqhutyelwa phantsi kwazo.

Njengenxalenye yomsebenzi wethu oqhubayo wokususa imiqobo ethintela utyalo-mali, siseke iqela elenziwe ngamagosa aphuma kwi-Ofisi kaMongameli, i-InvestSA, uNondyebo weSizwe kunye neSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya eliza kuthi lisombulule ingxaki yemigaqo-nkqubo, imithetho, imigaqo yolawulo kunye nobunye ubucukebhede basezi-ofisini obuyimiqobo obuthi busokolise abatyali-mali.

Lo ngumba obalulekileyo kumsebenzi wethu wokwenza lula ukuqhuba ushishino eMzantsi Afrika, into leyo ebalulekileyo ekutsaleni umdla wabatyali-mali.

Eli qela liza kunika ingxelo ngendlela eliqhuba ngayo kwiKhabhinethi rhoqo ngenyanga.

Ingxelo yonyaka yeBhanki yeHlabathi yokuqhuba ushishino i-Doing Business Report, uMzantsi Afrika iwubeka kwindawo yama-82 kumazwe ali-190 athathe inxaxheba kolu phando. 

Thina sizimisele ukuba sibe phakathi kwamazwe ehlabathi aphezulu angama-50 kule minyaka mithathu izayo.

Kudala kusasizwa ukuba eminye yemiqobo ethintela uhlumo loqoqosho lweli yingxaki yomyinge omninzi wobutyebi beli obusezandleni zegcuntswana.

Uqoqosho lweli lizwe lwalungiselelwe ukuba ubutyebi balo buxhanyulwe yimbinana yabantu.

Oku kungumqobo kuhlumo nakumashishini kwaye, ubukhulu becala, kuthintela oosomashishini boMzantsi Afrika abangabantu abatsha kunye namashishini asakhasayo ukuba akakwazi ukuthatha inxaxheba ngokugcweleyo kuqoqosho lweli okanye bachwethelwe ngaphandle kuqoqosho lweli.

Njengenxaleye yamalinge ethu okunyusa utyalo-mali, nokulwela ukuba abantu abaninzi baxhamle kuhlumo futhi sidale namathuba amaninzi, kungekudala ndiza kutyikitya uMthetho-sihlomelo oYilwayo wezoKhuphiswano ukuba ube ngumthetho ogcweleyo.

Oku kuza kunika ithuba amagosa ezokhuphiswano ithuba lokuba alungise le ngxaki, kodwa okubaluleke nangakumbi kukuba oku kuza kuvulela abemi boMzantsi Afrika abaninzi amathuba amatsha okuba bathathe inxaxheba kumacandelo ahlukeneyo oqoqosho lweli baze bakhuphisane ngokufanayo.

Ukukhwezela uhlumo kuqoqosho, ukwakha amashishini amaninzi kuze kuqeshwe abantu abaninzi, kufuneka sikhangele iindawo ezintsha nezinabantu abaninzi eziza kuthenga ezi mpahla neemveliso.

Ke ngoko siza kugxininisa ngakumbi kumba wokukhulisa umthamo weempahla neemveliso zorhwebo ezithunyelwa kumazwe angaphandle.

Ngokuhambelana nezithembiso ezenziwayo kwingqungquthela yemisebenzi, siza kugxininisa ekuthumeleni kumazwe angaphandle iimpahla eziveliswe kweli size sirhwebe ngeenkonzo ezifana nokuqesha abantu bangaphandle benze imisebenzi yezoshishino ethile kunye nokuhanjiswa kweenkonzo noncedo lwezonyango kusetyenziswa ububuxhaka-xhaka bale mihla.

Siza kuqwalasela nomba wokuseka imimandla ekhethekileyo yezoqoqsho eza kuvelisa kuphela iintlobo ezithile zeempahla, ezifana, umzekelo, neempahla zokunxiba namalaphuo.

Ukuze siphucule iimveliso zethu zorhwebo ezithunyelwa kumazwe angaphandle zitsho zikwazi ukumelana nokhuphiswano, siza kugqibezela amaphulo ophando asele eqalisile ukuphungula iindleko zombane, urhwebo, unxibelelwano, ezothutho nezinye iindleko.

Siza kugxininisa kumalinge okuphucula umgangatho weemveliso zethu zorhwebo esizithumela kumazwe angaphandle.

Isivumelwano sokumisela uMmandla weliZwekazi lase-Afrika ongaHlawulisani Rhafu yoRhwebo (i-ACFTA) uza kunika uMzantsi Afrika amathuba amahle kakhulu okuwubuyisela kurhwebo olukhokelwa lutyalo-mali, nokuba usebenzisane namanye amazwe ase-Afrika ukuze kukhuliswa imizi-mveliso namashishini.

Esi sivumelwano sithetha ukuba kukho ummandla onabantu abangabathengi abangaphezulu kwebhiliyoni abaphuma kumazwe anemveliso yonyaka ezitriliyoni eziyi-3.3 zeedola ($) xa edibene.

Ukongeza kumaphulo ethu okugxininisa kwiimveliso ezithunyelwa kumazwe angaphandle siza kuqalisa nangamanye amanyathelo okunyusa izinga ekuthengwa ngala apha ngaphakathi ngokuthi sinyuse umyinge weemveliso neenkonzo zalapha ekhaya ezithengwa ngurhulumente nalicandelo labucala, phakathi kwezinye izinto.

Ukunyusa izinga ezithengwa ngalo iimveliso zeli kunye nokuphungula ukuthengwa kweemveliso eziveliswa kumazwe angaphandle kubalulekile kuba kuvulela amathuba amaninzi abavelisi boMzantsi Afrika batsho bathengisele abathengi abaninzi.

Ukuze oku kuphumelele siza kuvuselela ngamandla iphulo lethu lokukhuthaza ukuba kuthengwe iimveliso zeli, i-'buy South Africa.'

Ngenxa yendima edlalwa ngamashishini asakhasayo ekukhwezeleni uqoqosho nokudala imisebenzi - nanjengelinye ilinge lokubethelela inkqubo ebanzi yokuphuhlisa abamnyama ngezoqoqosho - kulo nyaka siza kugxininisa ekuyandiseni kakhulu inkqubo yethu yokuxhasa amashishini asakhasayo, i-Small Business Incubation Programme.

Le nkqubo yokuxhasa amashishini asakhasayo inika ithuba osomashishini abasiqingqayo iindawo yokusebenzela, iziseko ezingundoqo kunye neenkonzo ekwabelwana ngazo, bafumana ulwazi lobungcali, badityaniswe nabantu okanye iindawo abaza kuzithengisela iimveliso zabo, uqeqesho kwiindlela zokusebenzisa ubuchwepheshe bale mihla kunye neendlela zokufumana inkxaso-mali.

Sithetha nje le nkqubo yokuxhasa amashishini inamaziko angama-51 okunceda amashishini ezobuchwepheshe, ali-10 okuphuhlisa amashishini angabanikezeli-zinkonzo kunye nali-10 okunceda ulutsha ngokukhawuleza.

Njengenxalenye yokwandisa le nkqubo, kuza kuvulwa amaziko ezobuchwepheshe asezilokishini, kuza kuqalwa ngamaphondo amane, aze amanye wona alandele.

Silindele ukuba la maziko abonelele ngoncedo olufunwa kakhulu ngamashishini amancinci naphakathi asemaphandleni nasezilokishini kodwa aza kunceda ngakumbi abantu abatsha abafuna ukuziqalela awabo amashishini.

Eyona ngxaki inkulu esijongene nayo kukudala imisebenzi siyidalela abantu abangasebenziyo namhlanje, ngeli thuba siqeqesha abasebenzi sibalungiselela imisebenzi yangomso.

INgqungquthela kaMongameli yemiSebenzi kulo nyaka uphelileyo yakhokelela ekubeni kubekho izivumelwano eziphathekayo phakathi kwemibutho yabasebenzi, amashishini, uluntu ngokubanzi kunye norhulumente. 

Ezi zivumelwano, ekungoku nje ziqaliswayo ukuphunyezwa ngamahlakani esebenzisana nawo ezentlalo, zineenjongo zokudala ngqo eminye imisebenzi engama-275 000 unyaka nonyaka.

Sipheke izicwangciso ezikhulu, amaqonga kunye namaphulo esiza kuqhubeleka siwasebenzisa ukutsala abantu abatsha abaninzi ukuba bathathe inxaxheba kuqoqosho lweli ngamaphulo afana neSaphulelo seRhafu yokuQesha.

Esi saphulelo kulindeleke ukuba sandiswe siqhube eminye iminyaka eli-10.

Ukongeza koku, sivule iQumrhu lokuQesha uLutsha, (i-YES), lona ethi incede abantu abatsha bafumane izithuba ezihlawulayo zoqeqesho emsebenzini kwinkampani kuwo onke amacandelo oqoqosho.

Sihlaba ikhwelo kuzo zonke iinkampani, ezinkulu nezincinci, ukuba zithathe inxaxheba kweli linge ngolo hlobo zibe kanti azincedisi nje ekukhuliseni amashishini azo koko zibe zikhulisa noqoqosho futhi zikhuthaza nokuhlalisana ngoxolo.

Uyabonakala umgama ohanjiweyo kwimisebenzi yokufakela, ukulungisa neyokugcina iziseko zikwisimo esifanelekileyo, imisebenzi ye-eletronikhi nobuchwepheshe efana nokubhala iikhowudi nokuhlalutya idata, kunye nakwiinkonzo zezoshishino zehlabathi.

Oku kuza kusinceda ukuba sifake abantu abatsha abaninzi kumathuba ezoqoqsho nakumathuba emisebenzi - ingakumbi abo basanda kuphumelela ezikolweni nasezikholejini, nabo bangafundiyo, bangaqhubiyo ngoqeqesho okanye bangaphangeliyo

Njengorhulumente sigqibe kwelokuba akuzikubakho sinyanzelo sokuba ubani kufuneka abe namava omsebenzi xa efaka isicelo somsebenzi wezikhundla eziphantsi kumaqumrhu namasebe karhulumente. 

Abantu abatsha beli bayakufuna ukuncediswa nokunikwa amathuba okuba bafumane imisebenzi. 

Akufuneki bahlangane nemiqobo nezinye izinto eziza kubathintela xa befuna imisebenzi

Ngoku imigaqo-nkqubo kunye neenkqubo zethu ziza kugxininisa kumacandelo oqoqosho afuna abasebenzi abaninzi.

La macandelo aquka elezolimo, elezokhenketho kunye noQoqosho lwaseLwandle.

Icandelo lezolimo eMzantsi Afrika alikasetyenziswa ngokwaneleyo ukudala imisebenzi nasekuhlumiseni uqoqosho.

UMzantsi Afrika unomhlaba omninzi ongasetyenziswa ngokwaneleyo okanye umhlaba ongenakutya.

Kukho amafama asakhasayo amalunga nama-250, 000 asebenza umhlaba kwaye afuna uncedo ukuze akhulise amashishini awo ngokugcweleyo.

Iimveliso zezolimo ezithunyelwa kumazwe angaphandle zingenisa imali eninzi kuqoqosho lweli, ke ngoko ukuphucula nokuphuhlisa icandelo lezolimo kubaluleke kakhulu kumalinge ethu okuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneleyo futhi kukwatsalwa nabatyali-mali.

Sinentlahla thina kuba sinecandelo lezolimo elikumgangatho ophezulu, elikwaziyo ukumelana neenkqwithela futhi nelibalesele ngeentlobo ezahlukeneyo zeemveliso.

Sineenjongo zokwakhela kulo size siphuhlise icandelo lezolimo leli ukuze amaqithi-qithi alo axhanyulwe ngumntu wonke.

Ngokusebenzisa inkqubo ekhawulezayo yokubuyiswa komhlaba, sizakwenza konke okusemandleni ukuze sikhulise umthamo weemveliso eziveliswa licandelo lezolimo size sikhuthaze ukuba kuqukwe wonke umntu kuqoqosho.

Imigaqo-nkqubo kunye nemithetho esiyiphumezileyo iza kuqinisekisa ukuba umhlaba uyakhululwa ukwenzela ukulima, ukuphuhlisa ushishino nokwakhela abantu iindawo zokuhlala.

Ndifuna ukubamba ngazibini kubemi boMzantsi Afrika abaninzi abathathe inxaxheba bencedisa iKomiti yokuHlaziywa uMgaqo-siseko ngethuba kubanjwe iindibano zokufakana imilomo nokugaya izimvo zabantu kulo lonke eli.

Ndiwothulela umnqwazi amalungu eKomiti yokuHlaziywa uMgaqo-siseko ngokungaphumi emxholweni ngeli thuba kubanjwe ezi ndibano nangokuhluza nokuhlela izimvo neengcebiso zabemi boMzantsi Afrika abaninzi kunye nemibutho yabo.

Siza kuwuxhasa umsebenzi weKomiti yokuHlaziya uMgaqo-siseko ethwaliswe uxanduva lokwenza izilungiso kwiCandelo 25 loMgaqo-siseko kuze licacise amasolotya angokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo.

USekela-Mongameli unikwe umsebenzi wokukhokela iKomiti yabaPhathiswa engokuBuyekezwa koMhlaba ukuze, isebenzisana nale nkqubo yokuhlaziywa komgaqo-siseko, kukhawuleziswe inkqubo yokubuyiswa komhlaba.

Iqela labacebisi leengcali elikhokelwa nguGq Vuyo Mahlathi, elasekwa ukuze licebise urhulumente kwinkqubo yakhe yokubuyekeza umhlaba kulindeleke ukuba lingenise ingxelo yalo ekupheleni kwenyanga yoKwindla 2019.

Njengenxalenye yokuqinisekisa ukuba iyakhawuleza le nkqubo yokubuyekezwa komhlaba, sikhethe izizana zomhlaba zikarhulumente eziza kunikwa abantu.

Umhlaba okwiindawo ezithile uza kukhululwa ukuze uncedise kumaphulo okwakhela abantu iindawo zokuhlala ezidolophini nakwimimandla eengqonge iidolophu. 

Njengenxalenye yesicwangciso sokuvuselela ezolimo, sigalele imali eninzi kumaphulo abanzi okuphuhlisa nokunceda amafama ukuze siqinisekise ukuba umhlaba obuyiselwe ebantwini nalowo ungowoluntu usetyenziswa ngendlela eza kwenza inzuzo.

Siza kuqhubeleka nokukhokelisa phambili umba wokuphuhliswa kwezakhono ezinqongopheleyo nangenkqubo zokuxhobisa ngezakhono kumafama alimela ukuzondla nalawo antsundu asakhasayo.

Kulo nyaka uzayo, siza kuqhubeleka nokugxininisa kwiimveliso zezolimo ezinengeniso entle nekurhwetywa ngazo namazwe angaphandle ezifana neziqhamo, iwayini kunye nemifuno, kwakunye nenyama ebomvu neyentaka zasekhaya (iinkuku, inciniba, njl njl).

Ngethuba ndisenza i-SoNA kulo nyaka uphelileyo ndanaba kakhulu ngecandelo lezokhenketho nangendlela elityebe ngayo.

Amalinge ethu okuqhayisa nokuthengisa uMzantsi Afrika njengelizwe eliphambili ngokutenda nokunwabisa abakhenkethi eze neziphumo ezincumisayo, kuba likhule kakhulu inani lonyaka labakhenkethi bangaphandle abeza kweli.

Kulo nyaka uphelileyo, ngabakhenkethi abazizigidi ezili-10 abakhenkethele kweli lizwe. 

Sineenjongo zokulinyusa eli na libe zizigidi ezingama-21 ngonyaka wama-2030, sifuna ukurhwebesha nokutsala abakhenkethi abaphuma kumazwe atyebileyo nanoqoqosho olukhula ngokukhawuleza afana ne-India kunye neChina kunye namanye amazwe anabakhenkethi abaninzi kweli lizwekazi.

Ukongeza kwimisebenzi efumaneka ngqo kulo, eli candelo lingorhwebo namazwe angaphandle ngowama-2030 lingadala eminye imisebenzi enokude ifike kwizigidi ezibini kwicandelo lezokutya nelozolimo, elezobungcali kwezokwakha, elezothutho, kwiivenkile ezinkulu, kwelezobugcisa nelezenkcubeko.

Siza kuqinisa ubudlelwane obukhoyo phakathi kukarhulumente kunye namashishini ukuze sizalisekise lo mbono.

Eyona into iphambili kakhulu kuthi kulo nyaka kukuqaliswa kweenkqubo entsha ekumgagatho wehlabathi yokufaka izicelo zokunndwendwela kweli kusetyenziswa ubuxhaka-xhaka be-intanethi (i-eVisa).

Oku kudityaniswa namaphulo okuthengisa eli lizwe kunye namalinge okuqinisekisa ukuba abakhenkethi bakhuselekile, kuza kudala imeko eza kukhuthaza olu hlumo silufunayo, nalo eliza kulandelwa yimisebenzi namathuba.

Eli lizwe lethu lihle, uMzantsi Afrika, linelinye lamanxweme angawona made kwihlabathi liphela, elingumgama ozikhilomitha ezingama-3,000 lijikeleze iintlambo neentili zeli ukusuka empuma ukuya kutsho entshona.

Indawo nje le likuyo eli lizwe ithetha ukuba singazisebenzisa kakhulu iilwandle zethu ukukhulisa uqoqosho.

Ukususela saqalisa i-Operation Phakisa: uQoqosho lwaseLwandle ngowama-2014, sesifumene utyalo-mali oluxabisa imali ezibhiliyoni ezingama-30 zeerandi kwaze kwadalwa imisebenzi engama-7,000kweli candelo ngqo.

Uninzi lolutyalo-mali luye kuphuhliso lweziseko ezingundoqo, imveliso yaselwandle, ulimo lwaselwandle kunye necandelo le-oli negesi.

Utyalo-mali olulindelekileyo kuQoqosho lwaseLwandle kule minyaka mihlanu izayo oluvela kurhulumente luqikelelwa kwiibhiliyoni zeerandi eziyi-3,8 luze lube zibhiliyoni ezingama-65 zeerandi oluvela kwicandelo labucala.

Olu tyalo-mali kulindeleke ukuba ludale imisebenzi engama-100,000 kweli candelo ngqo kunye neminye engama-250,000 kwamanye amacandelo asebenzisana nalo.

Phezolo, benditsalelwe umnxeba nguMphathiswa uGwede Mantashe apho ebendixelela ukuba inkampani enkulu ye-oli uTotal unesibhengezo esiza kothusa umzi aza kusenza namhlanje nge-oli negesi ekumgangatho wehlabathi efunyenwe kunxweme loMzantsi Afrika.

Sivuysiwa kakhulu zindaba esizifumene ngale ntseni ezinge-Brulpadda block ekwi-Outeniqua Basin, abaninzi abayichaza njengomthombo obhaqiweyo owakhe wamkhulu ezimbalini.

Oku kungalutshintsha kakhulu eli lizwe lethu kwaye kuza kwenza umahluko omkhulu kumalinge ethu okuqinisekisa ukuba sinamandla awaneleyo kunye nophuhliso kweli candelo.

Simqhwabela izandla uTotal kunye namahlakani akhe kwaye sibanqwenelela impumelelo kulo msebenzi wabo.

Urhulumente uza kuqhubeleka equlunqa imithetho eza kulawula eli candelo ukuze lilawulwe ngendlela efanelekileyo ukwenzela bonke abo bachaphazelekayo.

Mkhulu umsebenzi esiwenzileyo kule minyaka mihlanu idlulileyo malunga nokwakhiwa kweziseko ezingundoqo.

Imali engaphezulu kweetriliyoni zeerandi eziyi-1,3 igalelwe kumaphulo okwakha izikolo kunye needyunivesiti ezintsha ezimbini, ukwakha izindlu ezintsha, ukufakela umbane kumakhaya angaphezulu kwesigidi, kunye nokuphehla umbane omtsha nokwandisa izithuthi zikawonke-wonke.

Utyalo-mali kwezi ziseko zingundoqo luncede nasekuhlumiseni uqoqosho nasekudaleni imisebenzi emininzi emitsha kwicandelo lezokwakha nakwamanye.

Uphuhliso lweziseko ezingundoqo lube negalelo elikhulu kuqoqosho lweli lizwe kwaye eli lilizwe luzuze kakhulu kulo.

Kufuneka songeze kula maphulo.

Isantya ahamba ngaso amaphulo ethu ophuhliso lweziseko ezingundoqo sehlile ngenxa yezizathu ezininzi. 

Futhi siphinde sabona ukuba akukho lunxulumano kwiziseko ezingundoqo zamaqoqo ahlukeneyo karhulumente. 

Umzekelo iindawo ekwakhiwa kuzo izindlu ezintsha ezinye zazo azikho kufutshane kwiindawo ezinamathuba ezoqoqosho, amadami akhiwayo, imibhobho yamanzi, izikolo nezinye iziseko eziluncedo nezibalulekileyo.

IKhabhinethi iphumeze indlela entsha yokwakha iziseko ezingundoqo ukuze kulungiswe ezi ngxaki.

Le ndlela iza kuxhaswa yile Ngxowa-mali yeziSeko ezinguNdoqo intsha ibhengezwe ngeyoMsintsi kulo nyaka uphelileyo.

Urhulumente uthembise ukuba uza kufaka imali ezibhiliyoni ezili-100 zeerandi kule Ngxowa-mali yeziSeko ezinguNdoqo kwisithuba seminyaka elishumi aze asebenzise oku xa esiya kunkqonkqoza efuna imali kwicandelo labucala namaziko emali yezophuhliso.

Njengenyathelo lokuqala, siza kuwandisa amaphulo asele eqhuba ngoku afana nelokwakhiwa kweendawo zokuhlala zabantwana besikolo.

Siceba ukwenza izinto ngendlela eyahlukileyo, siza kuqala ngokubambisana ngamandla noluntu xa kusenziwa izicwangciso, kusakhiwa naxa kulungiswa ezo ziseko zingundoqo.

Njengoko sasenzile kuMlambo iLigwa, apho uMkhosi weSizwe woMzantsi Afrika wezoKhuselo (i-SANDF) wathi wangenelela ukuncedisa kwingxaki yelindle elalichithakele kulo mlambo, siza kucela uncedo eMbusweni nakwicandelo labucala ukuba bafake isandla kwiingxaki esidibana nazo ezinxulumene neziseko ezingudoqo. 

Siza kuqeqesha abasebenzi bakarhulumente kwizakhono zobugcisa ukuze siqinisekise ukuba iiprojekthi ziyakhawuleza, siqeqeshe iinjineli, abaphathi beeprojekthi, iingcali kwezokucwangciswa kolwakhiwo lomhlaba neengcali kwezokubala izixhobo zokwakha - abasebenzi abawubamba ngokwabo umsebenzi futhi abenza izinto zihambe ngokukhawuleza.

Icandelo leziseko zonxibelelwano linesakhono sokuncedisa kuhlumo loqoqosho.

Kungekudala uMphathiswa wezoNxibelelwano uza kuphumeza umgaqo-nkqubo oza kuncedisa iZiko eliziMeleyo lezoNxibelelwano loMzantsi Afrika (i-Icasa) xa likhupha iilayisenisi zamaza asasaza ngomoya asetyenziswa kakhulu. 

Njengelizwe elibethwa kukunqongophala kwamanzi, sinengxaki yamanzi ngoku kwiindawo ezininzi kweli lizwe. 

Siqulunqa isicwangciso sesizwe esihlangeneyo esibanzi esiza kugxininisa kwingxaki yokunqongophala kwamanzi, iziseko ezingundoqo ezibonakalisa ukuguga nokonakala kunye neyokungawalandeli kakuhle amanyathelo okuqala nokuqhuba iiprojekthi.

Simanxada-nxada siseka iqela leengcali elikhawulezayo lamaqoqo ahlukeneyo karhulumente eliza kuncediswa zingcaphephe zamacandelo athile ukuba zingenelele kwiimeko apho sineengxaki ezimbi kakhulu zokunqongophala kwamanzi.

Enye yezi ndawo, eyiGiyani, mkhulu umsebenzi owenziwayo sithetha nje wokuqinisekisa ukuba abahlali bafumana amanzi kungekudala ngokuthi kulungiswa imingxuma yesitsala-manzi, kuze emva koko kwakhiwe ngokukhawuleza iziseko ezingundoqo ezifanelekileyo.

Ukhuseleko lwabantwana bezikolo zethu lubalulekile ukuze kudalwe iimeko zokufunda ezifanelekileyo.

Namhlanje sithoba iintloko sinxokothisile ngenxa yentlungu yokusweleka kumaMichael Komaphe, owatshona kwindlu yangasese engumgxuma ogrunjiweyo eMahlodumela Primary School eLimpopo ngowama-2014, kunye noLumka Mkethwa owayefunda eLuna Junior Secondary School eMpuma Koloni naye owasweleka kabuhlungu ngenyanga yoKwindla kulo nyaka uphelileyo.

Siqhube uphando kulo nyaka uphelileyo saze safumanisa ukuba izikolo eziphantse zibe ngama-4,000 azinaziseko zogutyulo zisemgangathweni ofanelekileyo.

Ngenxa yobuninzi bezi zikolo kunye nangendlela engxamiseke ngayo le ngxaki, siye samisela iphulo i-SAFE Initiative ngenyanga yeThupha kulo nyaka uphelileyo, apho sathi saqokelela lonke uncedo esinokulifumana, oluquka izithembiso ezenziwe ngamashishini, amahlakani wethu abalulekileyo kunye namashishini akwicandelo lezokwakha ukuba atshintshe izindlu zangasese ezingafanelekanga kwizikolo zikarhulumente.

Ukususela oko eli phulo laqalayo, izikolo ezingama-699 sele zakhelwe iziseko zogutyulo ezifanelekileyo. Iiprojekthi kwezinye izikolo ezili-1,150 zikwinqanaba lokucwangcisa, lokuceba okanye sele kuqalisile ukwakhiwa.

Sizimisele ukuphelisa zonke iziseko zogutyulo ezingafanelekenga ingaphelanga le minyaka mithathu izayo.

Lo ngumzekelo omhle kakhulu wentsebenziswano phakathi korhulumente namashishini kulungiswa ngokukhawuleza ingxaki enkulu echaphazela ilungelo labantwana boMzantsi Afrika lokukhuseleka nesidima ezikolweni.

Siqhuba kakuhle kakhulu kwiphulo lethi lokubuyisela ii-SOE zethu kwimeko efanelekileyo yesiqhelo nokuqesha abantu abafanelekileyo kuzo

Ukubuyisela imeko kulawulo olufanelekileyo, kwa-Eskom, Denel, Transnet, SAFCOL, PRASA nakwa-SA Express kuqeshwe iibhodi ezintsha ezinabalawuli abanamava afanelekileyo, abaziphethe ngendlela esulungekileyo nabanembali engenachaphaza kwezokusebenza.

Siseke iBhunga likaMongameli le-SOE, eliza kuba liliso elijonge imiba yezopolitiko kunye nolawulo oluhlakaniphileyo ukuze kwenziwe utshintsho, kuhlaziywe kutshintshwe nemisebenzi yee-SOE, ukuze zikwazi ukudlala indima ephambili kuhlumo nophuhliso loqoqosho.

Sifuna ukuba ii-SOE zizimele ngokupheleleyo futhi zikwazi nokudlala indima yazo kuphuhliso loqoqosho.

Apho ii-SOE zingakwaziyo ukufumana imali eyoneleyo ezibhankini, iimarike zezimali, amaziko emali yophuhliso okanye kwingxowa yombuso, kuza kufuneka senze amanye amacebo afana nokuthengisela amahlakani abalulekileyo izabelo okanye sithengise amacandelo ezi SOE angabalulekanga kakhulu kurhulumente.

Xa senza oku, siyakuwakhaba onke amalinge, nokuba eza ngoluphi na uhlobo, okuzama ukuthengisa amashishini oMbuso abalulekileyo kuqoqosho nabantu beli.

Sinomsebenzi noxanduva lokukhusela, sakhe size sigcine la maqumrhu angundoqo silungiselela izizukulwana ezizayo.

Sicele iibhodi zezi SOE ukuba zisinike izicwangciso ezivakalayo zokuqesha abantu abanezakhono nobuchule obufanelekileyo ukuze siyeke ukusebenzisa amacebo ethutyana okuzisa uzinzo kuwo sitsho sigwadle amaqhinga aza kugcina la mashishini ezinzile ixesha elide.

Sikwafuna nokwakha ubudlelwano obusebenzayo bentsebenziswano phakathi kukarhulumente, imibutho yabasebenzi kunye necandelo labucala, apho sinokugqiba sonke ngendlela ekufuneka ilandelwe zi-SOE ukuze zidale imisebenzi, zikhuthaze ukuba kubekho uhlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke zize zibe nozinzo ngokwendlela ezisebenzayo nangokwezimali.

Ukuba namandla (ombane) aneleyo kubaluleke kakhulu.

U-Eskom wambethwe zingxaki ezininzi kwaye oku kubeka uMzantsi Afrika kwimeko engentlanga.

Oku kungenza umonakalo ombi kakhulu kuqoqosho nakumaphulo ethu ophuhliso lwezentlalo.

Kufuneka kuthathwe izigqibo eziqatha namanyathelo angqingqwa

Iziphumo zoku zingakrakra, kodwa mkhulu kakhulu umonakalo onokwenzeka ukuba singalibala kukulibazisa.

La manyathelo siwathathayo okulungisa le ngxaki siwathathela ukuphungula iindleko abantu bakuthi kunye nabarhafi abanokungena kuzo.

Xa silungisa ezi ngxaki zambethe u-Eskom siza kuqinisekisa ukuba sifakana imilomo futhi sibonisana nawo onke amahlakani abalulekileyo.

Lo msebenzi sizawuqhuba nabasebenzi, u-Eskom kunye namanye amahlakani ukuze size nendlela ecacileyo eza kubangela ukuba olu tshintsho lungadleleli bani, izicwangciso ezinomhluzi neziqiqileyo eziza kusabela kwizikhalo zabo baza kuchaphazeleka.

Ngoku silungisana neengxaki ezifumene u-Eskom kufuneka siyijonge nemali karhulumente, siphucula indawo esibekwa kuyo isizwe ngesakhono sokukwazi ukubhatala izikweleti, size siwathathele ingqalelo amalungelo noxanduva lwabo baxhasa u-Eskom ngemali.

U-Eskom uze nesicwangciso sokutshintsha izinto esimanqaku alithoba nathi esisixhasayo futhi nesifuna ukusibona siphunyezwa. 

Njengoko esi sicwangciso sisitsho, u-Eskom kufuneka athathe amanyathelo abonakalayo navakalayo aza kuphungula iindleko zakhe. 

Uza kufuna imali ethe xhaxhe ngokuthi anyuse ixabiso lombane kodwa ngendlela engabaxekanga nengazikukrwitsha abantu abasebenzisa iinkonzo zakhe.

Kufuneka sithathe amanyathelo okulwa nokuphelisa lo mkhutyana wokungazibhataleli iinkonzo wenziwa ngoomasipala nabantu kwiindawo ezithile zeli.

Kubalulekile ukuba bonke abo basebenzisa umbane - ngaphezu kwalo wasimahla bawuphiwayo - bawubhatalele.

Urhulumente uza kummela u-Eskom ematyaleni akhe. UMphathiswa wezeMali uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngalo mba xa esenza iNtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali.

Oku siza kwenza ngaphandle kokuthatha imali eninzi kurhulumente ngolo hlobo simfake ematyaleni angazi kukwazi ukuwabhatala.

Ukuqinisekisa ukuba esi sicwangciso sokulungisa umonakalo siyasebenza futhi anqade ukubuyela kwimeko yezimali efana nale kule minyaka izayo, u-Eskom kufuneka eze nesicwangciso seshishini esitsha.

Esi sicwangciso seshishini kufuneka sithathele ingqalelo izinto ezingunobangela wale ngxaki azibona ekuyo ngoku u-Eskom kunye notshintsho olwenzekileyo kwiindleko zokuqhuba ishishini kwihlabathi nalapha ekhaya, kunye nokungena ngamandla kweentlobo ezintsha zamandla, ingakumbi obu buxhaka-xhaka butsha bungenabungonzi kokusingqongileyo.

Kufuneka siyinyathele nendima u-Eskom uqobo ekufuneka eyidlalile kobu buxhaka-xhaka bokuphehla amandla bungenzi monakalo kokusingqongile.

Ukuze senze esi sicwangciso sokuza notshintsho kwa-Eskom kunye nokwenza icandelo lezamandla loMzantsi Afrika likwazi ukumelana nemingeni yelixa elizayo kufuneka siqalise ngenkqubo yokwahlula-hlula u-Eskom abe ngamacandelo amathathu ahlukeneyo - Elokuphehla umbane, elokuHambisa umbane nelokuThunyelwa kombane ebantwini abawusebenzisayo - aphantsi ko-Eskom Holdings.

Oku kuza kuqinisekisa ukuba iindleko zibekwa zodwa ize nemisebenzi yabiwe inikwa icandelo ngalinye elifanelekileyo.

Oku kuza kwenza abe lula amaphulo ka-Eskom okuboleka imali, eyibolekela amaqumrhu akhe ahlukeneyo, kubabolekisi-mali nakwiimarike zezimali.

Okubaluleke kakhulu nokungxamiseke ngamandla kukuba eli qumrhu likwazi ukulawula iziko lombane likarhulumente elizimeleyo eliquka icandelo lokuqhuba imisebenzi yokuphehla kunye nelokwenza ucwangciso kunye nelokuthenga.

Kubalulekile ukuba sithathe la manyathelo ngaphandle kokulibazisa ukuze sibuyisele izimali zika-Eskom kwimeko efanelekileyo, siqinisekise ukuba kukho umbane owaneleyo size silungiselele ukuba kubekho uzinzo kwa-Eskom ngoku nakwilixa elizayo.

Iinjongo eziphambili zokwenza la malinge okuqinisekisa ukuba uhlumo luhamba ngesantya esiphezulu kwaye luxhanyulwa ngumntu wonke, ukudalela ulutsha imisebenzi nokulungiselela eli lizwe eli lixa lobuxhaka-xhaka bobuchwepheshe bale mihla, kufuneka ibe kukukhokelisa phambili imfundo kunye nophuhliso lwamakhono.

Njengoko besinabantwana abangaphezulu kwama-700,000 abafunda kwizikolo-mpeleso (iikritshi) kulo nyaka-mali uphelileyo, loo nto ithetha ukuba ngoku sinabantwana abayilungeleyo iNkqubo yeMfundo abaseLula (i-ECD) esisiseko senkqubo yethu yezemfundo.

Kulo nyaka amaziko e-ECD (iikritshi) aza kususwa kwiSebe loLuhlu loPhuhliso loLuntu asiwe phantsi kweSebe leMfundo esiSiseko, size siqalise ngenkqubo eza kunyanzelisa ukuba abantwana bafunde iminyaka emibini kumaziko e-ECD phambi kokuba baye kwiBanga 1.

Enye into esiyikhokelise phambili kukuphucula ngamandla izakhono zokufunda kumabanga aphantsi esikolo.

Oku kubalulekile njengoko kuza kunceda abantwana batsho baqhube kakuhle kwizifundo zabo esikolweni, benze kakuhle emisebenzini nasebomini nje ngokubanzi - kwaye esi sakhono singasesona sixhobo silixhadi esinokusimelela ngalo kwidabi lokulwa intsokolo, intswelo-misebenzi kunye nokungalingani.

Uphando ngezakhono zokufunda zamabanga aphantsi oluqhutywe lisebe luyawungqina umahluko owenziwa zincwadi nezinye izixhobo zokufunda, iingcali zokufundisa izakhono zokufunda kunye nezicwangciso zokufunda kwiziphumo zokufunda.

Siza kuqinisekisa ukuba siyalandisa inani nomthamo weencwadi kunye nezixhobo zokufunda zamabanga aphantsi kuso sonke isigaba esisiseko esikolweni.

Kule minyaka imithandathu izayo, siza kuqinisekisa ukuba wonke umntwana ofundayo eMzantsi Afrika uneencwadi zokusebenza nezokufunda ezi-elektronikhi kwi-tablet.

Siza kuqala ngezo zikolo zazihlelelekile ngaphambilii zikwindawo zabantu abasokolayo kuquka nezikolo ezinamabanga ahlukeneyo, ezinamabanga ezigaba ezahlukeneyo, ezo zisezifama nezo zisemaphandleni.

Ama-90% eencwadi zokufunda ezifundwa ngabafundi abaninzi kuwo onke amabanga nazo zonke iincwadi zokusebenzela sele zikhona kwikhompyutha.

Ngokuhambelana nesiCwangciso-sikhokelo sethu seZakhono zoBomi obuTshintsha ngokuKhawuleza, siza kufaka ootitshala nabafundi abaninzi kwiinkqubo zoqeqesho ukuze izakhono zabo zihambelane nezi ntlobo zintsha zobuchwepheshe zivelayo, eziquka i-intanethi, inzululwazi yezerobothi kunye nobuchwepheshe obonobukrelekrele obufana nobabantu.

Kumaziko emfundo kuza kuqaliswa izifundo zeentlobo zobuchwepheshe obutsha neziza kugxila kokuthile, eziquka izibalo zobugcisa, inzululwazi yezobugcisa, inzululwazi ngezaselwandle, izifundo ngezophapho, izinzululwazi ngezemigodi kunye nezifundo zolimo nofuyo lwaselwandle (i-aquaponics).

Ukuze sikhuthaze abafundi abaninzi ukuba benze izifundo zobugcisa, izikolo zikarhulumente ezininzi ziza kutshintsha zibe zizikolo zobugcisa zamabanga aphezulu.

Ngokuhambelana nombono karhulumente wokukhusela ilungelo labantwana abaphuma kumakhaya angathathi ntweni, kulo nyaka uphelileyo siqalise imfundo ephezulu esimahla kwabo benza unyaka wokuqala. 

Ngenxa yeli phulo, sikwazile ukuqhakamshelana nawo onke amaziko emfundo ephakamileyo, futhi iinkokeli zala maziko kunye nezabafundi zidlale indima emandla ekunxibelelaneni nabafundi.

Le nkqubo yemfundo esimahla iza kuqhutywa ngokwezigaba isithuba esiyiminyaka emihlanu bade bonke abafundi abenza isidanga sabo sokuqala abafanelekileyo ngokwemiqathango babe basixhamlile.

Kulo nyaka siya kuwo uza kukhokeliswa phambili mba wokuzisa uzinzo kwiSikimu soNcedo lwezeZimali sabaFundi seSizwe (i-NSFAS) ukuze sikwazi ukuqesha abantu abanezakhono ezifanelekileyo abaza kudlala indima emandla ekuqinisekiseni ukuba abafundi abafanelekileyo bayalufumana uncedo. 

Azisonwabisanga izinto ezenzeke kumanye amaziko emfundo ephakamileyo kule veki, ingakumbi iingxelo esizivayo zobundlobongela nokugrogrisa.

Eyona ibuhlungu kakhulu, kukusweleka kabuhlungu kukaMlungisi Madonsela, umfundi weDyunivesiti yobuChwepheshe yaseDurban (i-DUT).

Sithi akuhlanga lungehliyo kusapho lwakwaMadonsela kwaye sicela ii-arhente zogcino-mthetho ziwuphandisise lo mba.

Sicela onke amabhunga amele abafundi kunye nezikhulu zeedyunivesiti ukuba basebenzisa baze nezisombululo zezi ngxaki abafundi bajamelene nazo.

Siza kuzalisekisa izithembiso zethu zokwakhela abantu bakuthi izindlu kwiindawo ezifanelekileyo ezingekudanga kwiindawo ezinamathuba ezoqoqosho, iinkonzo kunye nezinye izixhobo eziluncedo ezifunwa ngabantu.

I-Arhente yoPhuhliso lweziNdlu (i-HDA) iza kwakha ezinye izindlu ezingama-500,000 kule minyaka mihlanu izayo, kwaye oomasipala kunye namaphondo baza kunikwa imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-30 ukuze bakwazi ukwenza imisebenzi yabo abayigunyazisiweyo.

Noko kunjalo, kona ukuba sifuna ukwakha ezi zindlu zifunekayo kweli lizwe lethu, kufuneka sikhangele ezinye iindlela ezintsha zokubhatala amaphulo okwakhiwa kwezindlu.

Yiyo loo nto siza kuseka ibhanki yophuhliso lokuhlaliswa kwabantu, i-Human Settlement Development Bank, eza kuthi icele urhulumente necandelo labucala ukuba bancedise kumaphulo okwakhiwa kwezindlu.

Siza kuyandisa neNkqubo yoHlaliswa koLuntu, ngokuthi iziza esele zifakelwe zonke iziseko neenkonzo zinikwe abantu baze bazakhele ngokwabo okanye besebenzise ookopolotyeni boluntu bezezindlu.

UMzantsi Afrika uneenkqubo yezibonelelo-mali zikarhulumente nexhanyulwa ngabantu eyiyona ibanzi kwihlabathi liphela. Ezi zibonelelo-mali zilithemba lokugqibela lokunceda abantu abangathathi ntweni bangabi zizisulu zendlala. `

Rhoqo ngenyanga kubhatalwa imali yenkam-nkam kubemi boMzantsi Afrika abazizigidi ezili-17,5.

ISebe loPhuhliso loluNtu lifanelwe ukuqhwatyelwa izandla ngokuwuthobela umyalelo weNkundla yoMgaqo-siseko wokuba liqhawule ubudlelwano bentsebenziswano noCash Paymaster Services.

Ngokwengxelo zakutsha nje uninzi lwabantu abamkela imali yezibonelelo zikarhulumente bayamkela kwiPosi yoMzantsi Afrika (i-SAPO) aze amakhadi amadala e-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) atshintshwa ngamatsha.

Mkhulu umsebenzi esele siwenzile ekumiseleni isiCwangciso-qhinga seziBonelelelo zikaRhulumente neBhunga leSizwe loPhuhliso loQoqosho nezaBasebenzi (i-Nedlac).

Olu tshintsho lwenziweyo lulungiselelwe ukuba kubekho inkqubo yezibonelelo zikarhulumente nomhlalaphantsi engabizi imali eninzi, ezinzileyo kunye nefanele kanye iimeko zabo bonke abemi boMzantsi Afrika. 

Ngokuncedwa yiKomishini yeSizwe yezokuCwangcisa, siye savumelana ngotshintsho ekufuneka lwenziwe oluquka iNgxowa-mali yeSizwe yeziBonelelo zikaRhulumente, uhlenga-hlengiso kweli ziko, utshintsho lwemithetho elawula le arhente, kuphuculwe izibonelelo zabo baphelelwe yimisebenzi, kwandiswe inani labantu abafanele ukufumana ezi zibonelelo, kunye nemigaqo-nkqubo elawula abo bemi basebenzayo baneminyaka yobudala ephakathi kweli-18 nama-59.

Ngoku siza kufaka zonke ezi zinto zitshintshiweyo kuvunyelwene ngazo kumgaqo-nkqubo ukuze usetyenziswe xa kuzalisekwa imiyalelo yawo.

Kulo nyaka, siza kuthatha amanyathelo abonakalayo okuqinisekisa ukuba wonke umntu ufumana iinkonzo zempilo ezisemgangathweni eMzantsi Afrika.

Emva kokuba kufakenwe imilomo nabantu abaninzi, uMthetho oYilwayo we-i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI) uza kulungela kungekudala ukungeniswa ePalamente.

I-NHI iza kunika abemi boMzantsi Afrika ithuba lokufumana iinkonzo zempilo ezisimahla kwizibhedlela zikarhulumente nakwezabucala ezivumelekileyo ukuthatha inxaxheba kweli phulo.

Ngokusebenzisa umoya wokusebenzisana nokucingelana singabantu kunye nokuba abo banendlela bahlawule imali ethe chatha eza kunceda abo bangenanto, sifuna ukuphungula ingxaki yokuba abemi beli bafumane iinkonzo zempilo ezingafaniyo ngokomgangatho.

Sithe sakubona ubuninzi beengxaki ezambethe iinkonzo zezempilo, siye saseka iQela lokuGwadla iQhinga le-NHI nokuPhucula uMgangatho kwi-Ofisi kaMongameli. Eli qela liza kuba neengcali eziphuma kumasebe aphambili ahlukeneyo ukuze kulungiseke ezi ngxaki zikwicandelo leenkonzo zempilo zikarhulumente ngeli thuba kulungiselelwa ukuqalisa i-NHI.

Sisincedise ngemali isicwangciso sesizwe sokuphucula umgangatho weenkonzo zempilo kuzo zonke iiklinikhi nezibhedlela ezityikitye isivumelwano sokusebenzisa i-NHI.

Ngokuqalisa nge-NHI ekhatshwa yinkqubo embaxa yokuphucula umgangatho weenkonzo zempilo kumaziko karhulumente ezempillo, senza konke okusemandleni ukwenza utshintsho olumandla kwinkonzo zempilo ezisetyenziswa ngabemi boMzantsi Afrika.

Nangona umninzi umsebenzi esiwenzileyo ukususela ngowe-1994 ukulwa nokunciphisa iintlobo ezithile zolwaphulo-mthetho, kodwa iindawo ezininzi kweli zizovuyo-vuywa zingxaki zamaqela emigulukudu kunye nobundlobongela.

Njengenxalenye yamalinge ethu angqingqwa okwenza eli lizwe libe lilizwe elikhuselekileyo, isiCwangciso-sikhokelo zokuziKhusela koLuntu saphehlelwa ngenyanga yeDwarha kulo nyaka uphelileyo. 

Esi sicwangciso sigxininisa kumba wokwakha ubudlelwano phakathi koluntu namapolisa; ukuqinisekisa ukuba kukho izixhobo ezaneleyo zokuncedisa uluntu xa luzikhusela kunye nokunxibelelana okungcono phakathi kwamapolisa noluntu ngamacebo okulwa ulwaphulo-mthetho.

Oku kuza kunceda amapolisa ukuba akwazi ukubona izinto ekufuneka zenziwe kusengethuba xa esilwa ingxaki yolwaphulo-mthetho nezinye ezinxulumene nokhuseleko loluntu ngokubanzi.

Ukongeza koku, siphucula indlela asebenza ngayo amacandelo ezobungcali afana nelobuNdlobongela beeNtsapho, elokuKhuselwa kwaBantwana kunye nelamaTyala okuXhatshazwa ngokweSondo kunye nokuphucula iindlela kuwo onke amanqanaba indlela esilawula nesigcina ngayo iingxelo neenkcukacha.  

UMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) uqhuba inkqubo yokwenza utshintsho ukuze kongezwe izixhobo nobuchule bokugcina ucwangco koomasipala.

Buthathe unyawo ubundlobongela obenziwa ebantwini basetyhini nasebantwaneni.

Imihla le, abantu basetyhini boMzantsi Afrika bangcungcuthekiswa ngokucalulwa, ukuxhatshazwa, ubundlobongela kwezinye iimeko bade babulawe, futhi le ntlungu yenziwa kubo ngabantu ababaqhelileyo nababaziyo.

Kulo nyaka uphelileyo, saqalisa ngeenkqubo zokulwa le ngxaki sisebenzisa amacebo abukhali nawahlukeneyo.

KwiNgqungquthela kaMongameli engobuNdlobongela obuJoliswe kwabaSini Esithile nokuBulalwa kwabaseTyhini oomama abaphuma kwiinkalo ngeenkalo badibana norhulumente kunye nemibutho yoluntu ukuze kubhalwe isicwangciso sokulwa nokuphelisa ubundlobongela obujoliswe kwabesini esithile, kuphuculwe indlela eziqhutywa ngayo izicwangciso, kuze kuthathwe isigqibo ngokuncedisa ngezixhobo zoncedo kunye nokuphendula ngoxanduva olunikiweyo. 

Uyaqhuba umsebenzi wokuphumeza izigqibo ezithathwe kule ngqungquthela, eziquka ukwenza amalungiselelo esiCwagciso esiQiqisisiweyo ngobuNdlobongela obuJoliswe kwabeSini Esithile.

Kulo nyaka, siza kusebenzisana namahlakani wethu kwimibutho yoluntu ukuze sizalisekise izigqibo ezathathwa kwiNgqungquthela yeSizwe yobuNdlobongela obuJoliswe kwabeSini Esithile nokuBulawa kwabaseTyhini.

Siyawandisa amaziko enkxaso futhi siyayongeza nemali ebekelwe la maziko, afana neeThuthuzela Care Centre kunye neeKhuseleka Care Centre. 

Kudala sisenza umsebenzi wokuqinisekisa ukuba iinkundla zamatyala ezesondo zisebenza ngokufanelekileyo.

Siza kuphucula umgangatho weenkonzo ezifumaneka kumaziko onakekelo size siqinisekise ukuba ayabanceda nabantu abafana nabantu abathandana nesini esinye, abanamalungu esini amabini ahlukeneyo, njl njl, ngamafutshane abaziwa njenge-LGBTQI+.

Siza kuxhobisa amaziko esizwe emibuzo anceda abantu basetyhini abangamaxhoba obundlobongela obujoliswe kwabesini esithile futhi siqinisekise ukuba asebenza ngokufanelekileyo.

Sisivile isicelo sokuba sikhuphe imali yokulwa ubundlobongela obujoliswe kwabesini esithile, kangangokuba sibekele bucala imali kulo nyaka-mali eza kusabela kwizigqibo ebezithathwe kula ngqungquthela.

Urhulumente uza kukhokela iphulo eliza kuquka ukusebenzisa amadoda namakhwenkwe njengamatshantliziyo ancedisa kwidabi lokulwa ubundlobongela obujoliswe kwabesini esithile.

Ukuphelisa ubundlobongela obujoliswe kwabesini esithile ngumba wesizwe ophambili ofuna ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika babhinqe omfutshane nokuba onke amaziko athathe inxaxheba.

UMzantsi Afrika unengxaki yabantu abaninzi abasebenzisa iziyobisi, zona ezithi zikhokelele kulwaphulo-mthetho nobundlobongela obenziwa kwabasetyhini nasebantwanani, kwaye zibangela nentsokolo kwaye ziyintsusa yobunzima nentlungu ethwaxa iintsapho ezininzi.

Njengorhulumente siyaqhubeleka ngamanyathelo okungenelela ukulwa le mikhuba itshabalalisa abantu bakuthi ifana nokusebenzisa utywala neziyobisi ngokugqithisileyo.

Njengoko sisazi ukuba kukho unxulumano phakathi kokusebenzisa iziyobisi gwenxa, ukurhweba ngeziyobisi, ulwaphulo-mthetho kunye nokunqongophala kokhuseleko kwiindawo ezihlala abantu bakuthi - sifuna ukuya kanye kule nto iyintsusa yale ngxaki ngokusebenzisa iinkqubo zothintelo sizijolise ebantwini abanokuba ngamaxhoba alula ezi ngxaki, ingakumbi ulutsha. 

Simi kwelokuba mazivalwe zonke iithaveni, izimokolo nezikroxo zotywala ezifukutshane nezikolo.

Siyazi, njengoko bonke abemi boMzantsi Afrika besazi, ukuba awona malinge ethu abukhali wokulwa intsokolo, intswelo-misebenzi kunye nokungalingani awanukaba naziphumo ngaphandle kokuba singalwa zonke iintlobo zokubanjwa ngobhongwane kombuso norhwaphilizo kuyo yonke iindawo.

Amanyathelo esiwathatha ngoku okulwa ubundlobongela nokusiwa kwabo basolekayo kwabasemagunyeni ukuze baphendule ngezenzo zabo ngawo aza kusixelela isantya nendlela eya kwiinguqu zezoqoqosho nezentlalo ezigqibeleleyo esizifunayo.

Alihlazo amanyundululu abhentsiswa kwiKhomishini kaZondo yoPhando ngokuBanjwa koMbuso ngoBhongwane nakwezinye iikhomishini, kuba achaza ubunzulu nokwendela kwezenzo zolwaphulo-mthetho ezibeka emngciphekweni amaseko axhase uMbuso wethu olawulwa ngokwentando yesininzi.

Siyazibulela ezi khomishini ngomsebenzi eziwenzayo ukuvumbulula inyaniso, amaxesha amaninzi eziwenza phantsi kweemeko ezinzima,.

Ezi khomishini kufuneka zenze umsebenzi wazo ngaphandle kokuphazanyiswa, futhi sihlaba ikhwelo kuyo wonke umntu onento ayaziyo nengaluncedo ukuba eze ngaphambili.

Nangona ezi khomishini ziza kuthatha ixesha phambi kokuba ziqukumbele zinike iziphumo neziphakamiso ngokomsebenzi eziwugunyazisiweyo, ubungqina obukhomba izenzo zolwaphulo-mthetho obuvelayo kufuneka buthunyelwe kwiinkundla nee-arhente zogcino-mthetho.

Apho kukho ubungqina obunyanzelisa ukuba abantu batshutshiswe, kufuneka batshutshiswe ngokukhawuleza ize imali karhulumente ebithotywe nemilenze ibuyiswe ngokukhawuleza.

Malunga nalo mba, siye savumelana ne-NDPP entsha, ukuba kufuneka kuvulwe icandelo lophando kwi-ofisi ye-NDPP eliza kugxininisa kumatyala amabi orhwaphilizo namanye afana nawo, njengoko lisitsho iCandelo 7 loMthetho we-NPA.

Kungekudala ndiza kwenza isibhengezo esisesikweni esiza kucacisa imigaqo eza kulandelwa yokumisela eli candelo.

Ngokufutshane, eli candelo liza kugxininisa kubugqina obuvela kwiKhomishini kaZondo yoPhando ngokuBanjwa koBhongwane koMbuso, nakwezinye iikhomishini kunye neziphumo zophando ngemiba yezoluleko.

Liza kujonga amatyala eliza kuwaphanda liwase ezinkundleni zotshutshiso lize libuyise nemali ekukho ubungqina bokuba ifunyenwe ngondlela mnyama norhwaphilizo.

Eli candelo liza kuba neengcali kwezophando nakwezotshutshiso eziphuma kurhulumente nakwicandelo labucala futhi liza kuba phantsi komlawuli yena oza kubaphantsi kwe-NDPP.

Ekuhambeni kwexesha, siza kusebenzisana ne-NPA kunye nezinye ii-arhente zogcino-mthetho sizame isisombululo esiza kusisebenzisa ixesha elide esiza kongeza inani labantu abaqeshwe ezinkundleni nakwii-arhente zogcino-mthetho ukuze kuliwe urhwaphilizo.

Bantu bakuthi,

Njengoko sisajamelene nemingeni yangaphambili, nanjengoko siqhubeleka nokuqinisa amalinge ethu okulwa inkohlakalo embi yeenkulungwane zeminyaka, kubalulekile ukuba sihlale sithe qwa sazi apho sisingise khona.

Isantya ezitshintsha ngaso izinto kule mihla siphezulu ngendlela engazange yabonwa ezimbalini.

Ubuxhaka-xhaka bobuchwephesha obukwizinga eliphezulu kakhulu buyazitshintsha iindlela abantu abasebenza nabaphila ngazo.

Ziyatshintsha iindlela esisebenzisana nesibabona ngayo abanye abantu, neendlela uluntu ngobubanzi olusebenza noluzenza ngayo izinto kunye nendlela abantu nezizwe ezilawulwa ngayo.

Umonakalo ongathethekiyo owenziwa kukunyuka kwamaqondo obushushu kwihlabathi kwimo zezulu uyavakala, iimeko zezulu ezimbi ziyabaphehluzelisa abantu, izizwe kunye namazwe.

Njengesizwe esifumene inkululeko izolo, sineminyaka nje engama-25 silawulwa ngokwentando yesininzi, sixakene nengxubakaxaka yokukhetha phakathi kokusonga izandla okanye ukubhinqa omfutshane siphathe khona.

Ukukhetha phakathi kokunyevulela ubuxhaka-xhaka bale nokubamkela ngezandla zozibini ukuze sibusebenzisele ukufezekisa amaphupha ethu okuphuhlisa eli lizwe. 

Ukukhetha phakathi kokuyibetha ngoyaba intlungu yokungalingani okanye ukusebenzisana sidale ilizwe lobusi nobisi kuye wonke ngokusebenzisa ubuchule bokuyila.

Ngaphandle kokuba siyazihlanganisela sizilungiselele, ngaphandle kokuba siyawazi owona mongo ungundoqo wolu tshintsho lwenza ezibukwayo kwihlabathi liphela, ngaphandle kokuba sithi unotshe nathi siza kuwaxhaphaza siwasebenzise la mathuba eza nolu tshintsho, izithembiso esazenzayo ngethuba eli lizwe lifumana inkululeko ziya kuhlala zinjalo, zizizithembiso ezingazalisekwanga.

Namhlanje, sikhetha ukuba sisizwe sale mihla esikhasela phambili.

Ngokwenza oku, sakhela kwimisebenzi yezobunzululwazi ekwizinga lehlabathi.

Ukwakhiwa ngempumelelo kwesibonakude (itheleskophu) i-MeerKAT eMntla Koloni, isibonakude esiseona sikhulu nesinobuxhakaxhaka bokuva amaza obubukhali kunawo onke kwihlabathi jikelele, nokwakhiwa kweSiza esiyiKhilomitha uBude nobuBanzi (i-SKA) kwenze uMzantsi Afrika waqesha iingcali kwinzululwazi yokujonga emajukujukwini, kweyobunjineli bezinga eliphezulu nobekhompyutha ezinobuxhaka-xhaka obukwelona qondo lokugqibela ngokwesantya nesakhono.

Ezi ngcungela zinezi zakhono ziyasetyenziswa ekwakheni i-HERA, isibonakude samaza esenzelwe ukuva, okokuqala ezimbalini, amaza afana wodwa avela kwiinkwenkwezi nee-galaxy zokuqala (iingqumba zeenkwenkwezi ezingaphaya kwamajukujuku) ezazalwa ngethuba indalo yonke iseneminyakana nje embalwa ikho.

Oku akukho malunga nje nokutyebisa ulwazi lwabantu ngemvelaphi yendalo - kumalunga nokusabela kule mingeni abemi boMzantsi Afrika bajamelene nayo namhlanje, nabasezakujamelana nayo ngomso.

Injongo yoku kukubhala ubuchwepheshe kunye nezakhono eziza kwakha uqoqosho lwale mihla nolukwaziyo ukumelana nokhuphiswano eliza kudala imisebenzi esisigxina.

Intsusa yoku kukuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneleyo, sinamacebo nobuxhaka-xhaka bokulwa izifo kunye namandla afikelelekayo, angenabungozi kokusingqongileyo nasebenza ngobunono.

Lo msebenzi ulungiselelwe iindawo ezihlala abantu ezilungiselwe iimeko zale mihla kunye nezisombululo kwiingxaki zophuhliso loluntu ezisekelwe kwizidingo nezinto ezithandwa ngabantu.

Oku kumalunga nolawulo oluhlakaniphileyo, olusabela ngokukhawuleza kunye nolusebenzayo.

Ukuze siqinisekise ukuba siyawasebenzisa futhi siwaxhamla onke amathuba eza notshintsho kwezobuchwepheshe kuba sifuna ukufikelela kuhlumo loqoqosho oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke kunye nophuhliso loluntu, ndonyule iKomishini kaMongameli yeziSeko zokuChwepheshe Bale Mihla.

Le Komishini yenziwe ngabantu abazingcali ezaziwayo eziphuma kumacandelo ahlukeneyo kweli lizwe iza kusebenza njengequmrhu lesizwe labacebisi elilelona liphezulu lemiba engenguqu kwezobuchwepheshe.

Liza kuqulunqa lize linike neengcebiso ngemigaqo-nkqubo, amacebo kunye nezicwangciso eziza kwenza uMzantsi Afrika ube lelinye lamazwe ahamba phambili kubuchwepheshe bale mihla.

Sisebenzisa lo msebenzi sele siwenzile kulo nyaka uphelileyo, siza kuphucula izakhono zoMbuso.

Inkulu indima esele siyihambile malunga nokuphonononga inani labasebenzi kunye neendlela ezihlelwe ngayo izikhundla zoMbuso, siza kuwugqiba lo msebenzi xa lo rhulumente wathatha intambo zolawulo ngowe-2014 uphelelwe lixesha lawo lolawulo.

Sihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathumele izimvo kunye neengcebiso zabo ngendlela abafuna atshintshwe indlela urhulumente ahlelwe ngawo ukuze akwazi ukuba luncedo ngamandla ebantwini.

Njengelinge lokuphucula izakhono zabasebenzi bakarhulumente, isiKolo seSizwe sikaRhulumente (i-NSG) siza kuqalisa izifundo ezisisinyanzelo eziza kuba kwicandelo lemigaqo yokuziphatha nokulwa urhwaphilizo, izakhono zokuphatha kumanqanaba aphezulu kunye nezokulawula iinkqubo zokuthenga kweenkonzo neempahla, ukuthunyelwa kwabaphathi kumaziko apho baza kunxibelelana ngqo nabahlali ngolo hlobo kuphuculwe iinkqubo zokuhanjiswa kweenkonzo.

Siza kuqalisa ukusebenzisa iCandelo 8 loMthetho woLawulo nokuPhathwa kukaRhulumente, elenza ngqingqwa imithetho elwa okanye eyenza kungabikho mthethweni ukuba abasebenzi bakarhulumente baqhube ushishino noMbuso lize lincede urhulumente akwazi ukulusiphula neengcambu urhwaphilizo. 

Lo mthetho uza kubangela ukuba amagosa aphula umthetho afumane izohlwayo eziqatha, eziquka umdliwo oyintlawulo okanye nokuthunyelwa ejele. 

ICandelo loNcedo lobuChule ngeMigaqo yokuziPhatha, iMfezeko noLuleko liza kusekwa ukuze kuphuculwe indlela elawulwa ngayo imigaqo yokuziphatha nokuqinisekisa ukuba kukho iziphumo xa ubani ethe wenza into enxamnye nemigaqo karhulumente.

Bantu boMzantsi Afrika,

UMzantsi Afrika kulo nyaka uza kuthatha indawo yawo njengelingu elingesosigxina seBhunga lezoKhuseleko leZizwe eziManyeneyo (i-UNSC).

Siza kusebenzisa esi sikhundla silwelwe uxolo kweli lizwekazi nakwihlabathi liphela, ngolo hlobo siqhubele phambili umbono kaNelson Mandela wehlabathi elinoxolo, elizinzileyo nelisekelwe kubulungisa.

Bantu bakuthi,

Kwiinyangana nje ezimbalwa, abemi boMzantsi Afrika baza kuya kuvota isihlandlo sesithandathu ukusukela oko eli lizwe lafumana inkululeko, apho baza kuya kuvotela urhulumente kazwelonke nowamaphondo.

Eli iza kuba lithuba lokuba abantu bakuthi basebenzisa ilungelo labo abalilwela nzima lokuthatha inxaxheba xa kuthathwa isigqibo ngendlela eli lizwe ekufuneka lilawulwe ngayo.

Bendibambe indibano neKomishini yoNyulo eziMeleyo (i-IEC) kunye neenkulumbuso zamaphondo, yaye ndineenjongo zokubhengeza umhla wesi-8 kuCanzibe 2019 njengomhla wolonyulo.

Sifuna ukukhumbuza bonke abemi boMzantsi Afrika abafanelekileyo abangekabhaliseli ukuvota ukuba basenalo ixesha ude umhla wolonyulo ubhengezwe ngokusesikweni.

Bantu boMzantsi Afrika,

Singabantu abakwaziyo ukunyamezela, abangaxhomi izandla idabi lizaqhuba nabakwaziyo ukubambelelela ethembeni.

Nangona umbuso wocalucalulo wawusekelwe kwinzondo nenkohlakalo, zange siphele sisisizwe esilugcwabevu nesigcwele ingcwangu yempindezelo ngethuba sifumana inkululeko yethu. 

Isizwe sethu esilawulwa ngentando yesininzi asiqhathuli nje kuphela koko siyagqabadula futhi siqhakazile, ngokufukanyelwa bubushushu bobubele bamadoda oqobo, oomama namaqobokazana eli lizwe lookhokho bethu, abazazi kakuhle izinto ezancanywa ngamagorha namagorhakazi eli ukuze sibe silapha namhlanje. 

Kodwa indlela eya enkululekweni egqibeleleyo inde, inameva, kwaye sesiqalile ukuzibona iintanda ezikhulayo phakathi kwabantu bakuthi.

Kukho umsantsa phakathi kwabantsundu nabamhlophe, kwezinhanha namahlwempu, kwabasemaphandleni nabasezidolopheni, kwabasebuhlanti nabasegoqweni, phakathi kwabantu abathetha iilwimi ezahlukeneyo kunye naphakathi kwabo baneentlobo ezahlukeneyo zenkcubeko.

Ngamanye amaxesha kubonakala ngokungathi ububele obushushu babantu beli bokuxolelana ngowe-1994 baphephetheka nemimoya.

Kodwa angekhe sivumele ofunzeweni namagwala ibe ngabo abeza nodumo. 

Ingcambu zesi sizwe zimile phezu konyamezelwano nokuhlalisana ngoxolo, kwaye simi, asigungqi futhi simanyene kwidabi lokulwa yonke into ezama ukusahlula okanye itshabalalise lo msebenzi weza ngegazi neenyembezi zabantwana beli.

Amatshijolo athi sibhibhidla nje amazinyo xa sithi sifuna ukwakha uMzantsi Afrika ongacaluli ngobuhlanga, futhi baxoka besithi asisoze sixole xoliyane zizigxala zangaphambili. 

Kodwa sakwazi ukudlula kwezo nzingo, kuba singaba siyaphila.

Ngumoya wethemba osegazini labantu beli owasenza sadlula kula ntsunguzi.

Ngulo moya wethemba oza kuba likhubalo lethu xa siqhathula sisingise phambili.

NguMzantsi Afrika apho oomama, ootata nabantwana benikwa amathuba nezixhobo zokuba bazisebenzele benze ubomi babo ngcono.

NguMzantsi Afrika oza kuwasebenzisa kangangoko amaqithi-qithi namathuba eza nobuchwepheshe bale mihla obudumbise iintloko abantu kulo lonke eli limiweyo ukuze sikhulise uqoqosho lweli lizwe sidale nemisebenzi.

NguMzantsi Afrika onabantu abangqondo zihleliyo, abanamaphupha neminqweno; into eyenza eli lizwe libe ngumakhonya kubuchule bezokuyila, kwezoshishino nokuba nesibindi sokwenza imizamo.

NguMzantsi Afrika oziqondayo iingxaki zangaphambili kodwa okhetha ukujonga phambili.

NguMzantsi Afrika oneenkokeli ezinesibindi nobugorha, iinkokeli ezizinekeleyo ekusebenzeleni abantu - ezaziyo ukuba ukubalasela nokugqwesa emsebenzini wakho liwonga elingaphezulu kwawo onke.

Ngaphezu kwako konke, nguMzantsi Afrika esizingcayo ngako konke esele sikwenzile nangale ndlela siyihambayo.

Mninzi lo msebenzi uphambi kwethu.

Kwinto yonke, kufuneka sivuselele uqoqosho lweli lizwe luphinde luvuke kwakhona.

Ndihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bawufunqule bawuthathele kubo lo msebenzi. 

Kuba xa sifumana uloyiso - enqinisekileyo ngalo - impumelelo yalo igcotyelwa ngumntu wonke kweli.

Njengorhulumente, amashishini, abasebenzi kunye nabemi beli masivule iintliziyo zethu samkele amathuba eza nengomso.

Masilamkele ngezandla ezishushu ikamva lethu, silandela amazwi awuhlala emi ngonaphakade oMqulu weNkululeko athi: sibambene njengenyanda, sityhale ngawo onke amandla esinawo.

Uxanduva lokwakha uMzantsi Afrika ongcono ngumsebenzi wethu sonke sisisizwe, singabantu boMzantsi Afrika.

Xa sijijisana nalo msebenzi kunye nale mingeni sijamelene nayo kufuneka siqamele ngamazwi kaTheodore Roosevelt, owakhe ngenye imini wathi:

"Ayingomgxeki ekufuneka athathelwe ingqalelo; ayinguye lowo uhlelele uchuku lokuchonga iimpazamo, okanye oziqhathayo athi ukuba ibindim ngekungenje.

Iwonga liya kuloo madoda axhimfana neengxaki ezingxamele ukuwagxagxisa, abila esoma encame yonke into, abhinq'omfutshane athi unotshe; awe evuka elinga imizamo, ayaziyo intsingiselo yelabadala elithi 'umzingisi akanashwa', aziyo ukuba isandla esingcolayo sesibenzayo; aziyo ukuba ukusonga izandla akuzange kwazisela mntu sonka; awubamba umsebenzi awenze ngoncumo nokuzinikela; abakhetha ukwenza imisebenzi elulutho ngexesha labo; alaziyo ixabiso lokuvuzwa ngemisebenzi emihle, aziyo ukuba inkungu ilala kwiintaba ngeentaba, namhlanje ndim, ngomso nguwe; ukuze lo mhlaba ungabi ngowabo bankenenkene bangazaziyo iinzima neenzingo zobomi.

Sinendima esinokuyidlala sonke, umntu ngamnye, njengabemi boMzantsi Afrika, iimvaba ngeemvaba, imibutho yezemidlalo, imibutho yabasebenzi, amashishini, abafundi, izifundiswa nabemi beli.

Masiqhubeleke nokuba ngabemi abonomoya wokuzenzela njengoko sisitsho sisithi, Thuma Mina, njengoko sisingise kwilixa apho kukho ulingwano, inkululeko kunye namathamsanqa enkqubela kuthi sonke.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore