Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe kwi-Intanethi yangoLwesithathu, umhla wesi-8 kweyoMnga 2021

A.    Imiba enguNdabamlonyeni

1.    Usuku lweHlabathi loKulwa noRhwaphilizo 

1.1.    UMzantsi Afrika uzibandakanya nehlabathi liphela ekubhiyozeleni uSuku lweHlabathi lokuLwa noRhwaphilizo ngoLwesine, umhla we-9 kweyoMnga 2021 phantsi komxholo othi “Ikamva elingenalurhwaphilizo liqala namhlanje, liqala ngam”. Umxholo weZizwe eziManyeneyo woSuku lokuLwa noRhwaphilizo lwaMazwe ngaMazwe lowama-2021 uthi: “Ilungelo lakho, indima yakho: Yithi hayi kurhwaphilizo”.
1.2.    Urhwaphilizo, nokuba lukhulu okanye luncinci, luhlala lungomnye wemiceli-mngeni emikhulu ejongene nelizwe lethu kwaye lubuyisela emva ukukhula koqoqosho kunye nophuhliso lwezentlalo. 
1.3.    IKhabhinethi isakhuthazwa into yokuba inkqubo yezobulungisa iyaqhubeka nokuthatha amanyathelo aqinisekileyo ukuze abo bafunyenwe bebandakanyeka kwizenzo zorhwaphilizo baphendule. IKomishini yoPhando ngeZityholo zokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso, uRhwaphilizo kunye noBuqhophololo kwiCandelo loLuntu, kuquka namaZiko oMbuso, icwangciselwe ukuba ingenise ingxelo yayo yokugqibela kuMongameli uCyril Ramaphosa ngoMgqibelo, umhla woku-1 kweyoMqungu ngowama-2022.  
1.4.    IKhabhinethi ilindele ukuba ngaphezu kokubhentsisa abenzi borhwaphilizo, le ngxelo iza kusinika nezindululo zokuqinisa iinkqubo zethu zokuthintela urhwaphilizo.
1.5.    Njengenxalenye yomlo wethu oqhubekayo wokulwa norhwaphilizo, iCandelo loPhando eliKhethekileyo (i-SIU) limisele amatyala amaninzi kwiNkundla ePhakamileyo nakwiNkundla eKhethekileyo kwaye la alandelayo asachotshelwe ukuza kufikelela kumhla wama-31 kweyoKwindla ngowama-2021: 

  • Amatyala angama-56 kwiNkundla ePhakamileyo abandakanya izivumelwano ezixabisa izigidi zezigidi zeerandi ezingama-62;
  • Amatyala angama-64 kwiNkundla eKhethekileyo abandakanya izivumelwano ezixabisa izigidi zezigidi zeerandi eziyi-6.99. Izixa-mali okanye amaxabiso zizixa-mali zezivumelwano ezathi zakhutshwa ngokungafanelekanga nangokungekho mthethweni ngamaziko karhulumente nezingumxholo wesimangalo se-SIU. 
  • Kunyaka-mali wama-2021/22, i-SIU sele inqumamise izibonelelo zomhlalaphantsi zabo babesakuba ngabasebenzi bakarhulumente, ii-akhawunti zebhanki kunye neempahla zabantu kunye nezamashishini ezixabisa ngaphezulu kwezigidi zeerandi ezingama-43. 
  • UMongameli utyikitye iZibhengezo ze-SIU ezilithoba kunyaka-mali ophantsi kophononongo. 

1.6.    IKhabhinethi iye yaphinda yathi impumelelo yomlo wethu ochasene norhwaphilizo ixhomekeke ekubandakanyekeni kwabo bonke abantu baseMzantsi Afrika. Ukuba ubona into, thetha, luxele urhwaphilizo ngokutsalela Umnxeba Ongahlawulelwayo weSizwe woKulwa noRhwaphilizo ku-0800 701 701. 
1.7.    IKhabhinethi ikuqinisekisile ukuzibophelela kwayo ekukhuseleni abaxeli bobubi, kwaye iqhwabela izandla ubugorha babasebenzi bakarhulumente abanyanisekileyo ababhentsisa ubuqhophololo kunye norhwaphilizo, ngamanye amaxesha bebeka iimpilo kunye nobomi babo emngciphekweni. 

2.    Ukonyuka ngokukhawuleza kosuleleko lweNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19).

2.1.    IKhabhinethi ikuqaphele ukwanda okukhawulezileyo kosuleleko lwe-COVID-19 kwiindawo ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika yaze yabongoza bonke abantu belizwe ukuba bathathe amanyathelo aqatha okuzilwela kwesi sifo kunye nezinye iindidi zaso. Usuleleko lwethu lwe-COVID-19 olushicilelwe kwiiyure ezingama-24 ezidlulileyo lumi kuma-19 842, nto leyo ethetha ukuba umlinganiselo wesiqinisekiso ngama-26.8%. Siphinde saphulukana nabantu abangama-36 ngenxa yeengxaki ezinxulumene ne-COVID-19 kwiiyure ezingama-24 ezidlulileyo. 
2.2.    Ugonyo alusincedi nje ukuba sizilwele kubhubhane obulalayo ngokunqanda isigulo esixhalabisayo, ukulaliswa esibhedlele okanye nokufa, kodwa lukwanciphisa imingcipheko yempilo ebangelwa ziindidi zexesha elizayo. 
2.3.    Kufuneka siqhubeke sibambelele kumanyathelo okuthintela angengawo amayeza okunxiba isigqubutheli-buso esigquma umlomo kunye neempumlo; sigcine umgama wasekuhlaleni, kunye nokuhlamba izandla rhoqo ngesepha namanzi okanye ngokusebenzisa isicoci sezandla esine-alcohol elinganiselwa kuma-70%. 
2.4.    Sinokukuthintela ukusasazeka kwale ntsholongwane ngokuphepha imisitho enwenwisa ngokugqithisileyo efana neminyhadala kunye namatheko. Sikunye singazilwela ngokuba noxanduva kwaye sisoloko sisenza okona kulungileyo ekukhuseleni impilo yabantu esibathandayo kunye nesizwe sethu ngokuchasene ne-COVID-19.  
2.5.    IKhabhinethi izibandakanye noMongameli Ramaphosa ekuqhwabeleni izandla iingcali zenzululwazi ngokulumkisa ihlabathi ngodidi lwe-Omicron oluthe lwasasazeka kwihlabathi jikelele. IKhabhinethi iyaqhubeleka nokuxhasa amakhwelo okuba zisuswe ngokukhawuleza izithintelo zokuhamba ezingenabulungisa ezibekelwe uMzantsi Afrika.  

3.    I-Vooma Vaccination Week

3.1.    Sele sinikezele ngamathamo amayeza okugonya angama-26 781 642 ewonke ukuza kufikelela ngoku. Ngexesha elandisiweyo lephulo le-Vooma Vaccination Week ukusuka ngomhla wesi-3 ukuya kowe-10 kweyoMnga yowama-2021, amawakawaka abantu agonywe kwiindawo ezahlukeneyo zokugonya ezivulelekileyo kwilizwe lonke. IKhabhinethi ibongoze abantu abaneminyaka eli-12 nangaphezulu ukuba bagonye ngaphandle kokulibazisa.  
3.2.    Zigcine wena kunye nabo ubathandayo nikhuselekile ngeli xesha leeholide ngokuya nje kwindawo yogonyo ekufutshane nawe, nangaphandle kwedinga, ukuze ubhalise kwaye ugonywe simahla.
3.3.    Iinzuzo zempilo zokugonywa ziquka umngcipheko ophantsi kakhulu wokulaliswa esibhedlele emva kokuba wosulelwe yi-COVID-19. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba basabele kwikhwelo elicacileyo lokuba bagonywe kuba iingqokelelo-manani zibonisa ukuba uninzi lwabantu abalaliswa ezibhedlele abagonywanga.

4.    Uvavanyo lwaBasebenzi lweKota (i-QLFS)

4.1.    Urhulumente usazimisele ekulungiseni intswela-ngqesho njengomnye wemiceli-mngeni ophambili ojongene neli lizwe. Iziphumo ze-QLFS zakutshanje zeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika ezibonise ukonyuka kwepesenti eyi-0,5 kwizinga lentswela-ngqesho ukusuka kuma-34,4% kwikota yesibini ukuya kuma-34,9% kwikota yesithathu yowama-2021 ziyaxhalabisa. 
4.2.    Urhulumente uyaqhubeka nomsebenzi wakhe ojolise ekubuyiseleni intembeko kushishino ngokulungisa imiqobo yolwakhiwo ethintela ukukhula koqoqosho, ukudala imisebenzi kunye nokuphelisa intlupheko. Ngendlela yamangenelelo athile afana notyalo-mali olukhulu kwiziseko ezingundoqo, usebenzela ukuxhasa inguqu yezakhiwo, ukukhula koqoqosho nokudalwa kwemisebenzi.
4.3.    Ngendlela yeSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano, urhulumente uyaqhubeka ukuxhasa imveliso yalapha ekhaya, kuquka nokuvuselelwa koshishino lwemveliso zoMzantsi Afrika. Inkomfa yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika yonyaka (i-SAIC) iyaqhubeka ukutsala abatyali-zimali abanokubakho. Ukusukela kwinkomfa yayo yokuqala ngowama-2018, i-SAIC ukuza kufikelela ngoku izuze izifungo zemali engaphezulu kwezigidi zezigidi zeerandi ezingama-770 kwizibophelelo zotyalo-mali kuluhlu olubanzi lwamacandelo ezoqoqosho. 
4.4.    IKhabhinethi isazibophelele ekusebenzisaneni nawo onke amacandelo ukulungisa imiceli-mngeni ephindwe kathathu yentswela-ngqesho, ubuhlwempu nokungalingani.  Urhulumente uza kwenza nantoni na enokwenzeka ukudala imeko encomekayo kutyalo-mali lweli lizwe. Iza kuphembelela inguqu kwezoqoqosho ukuze kuvuleleke amathuba ezoqoqosho kumaqela ebekade evinjwe amathuba ngaphambili 

5.    UTyelelo lukaMongameli lweZizwe Ezine eNtshona Afrika

5.1.    Kutshanje uMongameli Ramaphosa ukhokele igqiza labaPhathiswa kunye neenkokeli zamashishini ngeenjongo zokukhulisa ubudlelwane boqoqosho kunye nentsebenziswano phakathi kwabantu phakathi koMzantsi Afrika kunye ne-Nigeria, i-Côte d’Ivoire, i-Ghana kunye ne-Senegal. 
5.2.    Olu tyelelo lwezizwe ezine lusuka ngomhla wama-30 kweyeNkanga ukuya kowesi-7 kweyoMnga yowama-2021 luqinisa ubudlelwane bamazwe amabini oMzantsi Afrika ukuze kuqine ubudlelwane obujolise kuphuhliso lwe-Afrika kunye nentsebenziswano kumaqonga eengxoxo zamazwe ngamazwe.
5.3.    UMzantsi Afrika kunye namazwe angamahlakani baye baphonononga iindlela zokusebenzisa amathuba anikezelwe nguMmandla woRhwebo oluKhululekileyo weLizwekazi le-Afrika ukuze kuxhamle kuwo omabini, kunye nenkxaso enkulu kumashishini aqhuba urhwebo kunye notyalo-mali phakathi kwamazwe ase-Afrika.

6.    Iphulo le-16 Days of Activism lokuLwa uBundlobongela obujoliswe kwabaseTyhini kunye naBantwana

6.1.    Njengoko iphulo le-16 Days of Activism lokuLwa uBundlobongela obujoliswe kwabaseTyhini kunye naBantwana lifikelela esiphelweni, iseyinyani ephazamisayo into yokuba kusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukuphelisa ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini (i-GBVF) kuluntu lwethu.
6.2.    Amabali amaninzi awoyikisayo anxulumene ne-GBVF, kuquka nokufa kwabantu, axeliwe ngeli xesha nakwiphulo lonke elandisiweyo le-365 Days of Activism.
6.3.    Siyasilela njengesizwe xa izikhalo zabona bantu basesichengeni kuluntu lwethu zingekaviwa okanye zingahoywa. Izithethe zoluntu zokungakhathali eziqinisekisa ukuziphatha kobundlobongela bamadoda kunye nokuthanda ukuxhaphaza abasetyhini abathethayo makuphele. 
6.4.    IKhabhinethi ibongoza wonke umntu, ingakumbi amadoda, ukuba athathe inyathelo kwaye adlale indima ebonakalayo ekupheliseni isibetho sobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini kunye nabantwana.  Amadoda kufuneka akhokele ngokuthetha phandle ngokuchasene ne-GBVF kwaye ayixele kwii-arhente zogcino-mthetho.  Kufuneka kwakhona akhulise ukuqonda, kwaye azibandakanye kwimfundo yoontanga kunye neenzame zokuthintela i-GBVF. 
6.5.    Ukuze siphucule indlela esisabela ngayo kulwaphulo-mthetho lokwabelana ngesondo kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini, urhulumente uneeNkundla zoLwaphulo-mthetho loKwabelana ngesondo ezili-106 kwaye ngoku usondela ekusungulweni kweeNkundla zoMthetho zoLwaphulo-mthetho loKwabelana ngesondo Nabantwana. 
6.6.    KweyoMdumba wama-2020, icandelo 55A loMthetho-sihlomelo woMthetho woLwaphulo-mthetho (uLwaphulo-mthetho loKwabelana ngesondo  kunye neMiba eNxulumeneyo) watyikitywa ukuba usebenze nto leyo ethetha ukuba okokuqala iiNkundla zamaTyala zoKwabelana ngesondo  ngoku ziza kusekwa ngokungqinelana nomthetho obhaliweyo. ICandelo 55A loMthetho oxhobisa uMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko ukuba ukhethe, kungekuphela nje inkundla yengingqi ekhethiweyo, kodwa nalo naliphi na iCandelo leNkundla ePhakamileyo, njengeNkundla yoLwaphulo-mthetho loKwabelana ngesondo.
6.7.    IKhabhinethi ibongoze onke amacandelo oluntu ukuba asebenzisane norhulumente ukudala uluntu olukhuselekileyo nokukhusela amaxhoba okuxhatshazwa. Kuza kutshintsha kuphela ukuba sonke sithatha amanyathelo, kwaye ixesha lokuthatha inyathelo linamhlanje!

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    Ukwandiswa kweMeko yeNtlekele yeSizwe 

1.1.    IKhabhinethi isivumile isindululo seBhunga loMyalelo leSizwe leNtsholongwane ye-Corona sokwandisa ngakumbi uBume beSizwe beNtlekele ukuya kutsho ngomhla we-15 kweyoMqungu ngowama-2022, ngokweCandelo lama-27 (5) (c) loMthetho woLawulo lweNtlekele, wama-2002 (uMthetho wama-57 wowama-2002).
1.2.    Imeko yeNtlekele yeSizwe ijolise ekusabeleni kwiimeko ezikhethekileyo ezibonakaliswe ngubhubhane we-COVID-19.

2.    Ukhuseleko lweXesha leeHolide

2.1.    Ngelixa uninzi lwethu luzakuthatha ikhefu elifanelekileyo leeholide, kufuneka sikhumbule ukuba i-COVID-19 ayithathi holide.  Ixesha leholide elikhuselekileyo lakho kunye nabo ubathandayo linokuqinisekiswa sisitofu esilula kwindawo yokugonya ekufutshane nawe.
2.2.    IKhabhinethi imemelela wonke umntu ukuba aqhubeke aqaphele kwaye aphephe iindibano ezinkulu zokuzonwabisa.  Sikunye singenza ixesha leeholide zibelulonwabo kwaye zikhuseleke kumntu wonke ngokungaqhubi sisele. Kufuneka sithobele yonke imithetho yendlela, kuquka ukuqhuba ngokwemiqathango yesantya esisemthethweni.  Sonke masenze iinzame zokuFika siPhila. 
2.3.    IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kubazali kunye nabo babanonophelayo ukuba baqaphele ngakumbi abantwana ababagcinayo, ingakumbi kumadama, amalwandle okanye amanzi akufutshane.  Ukuqinisekisa ixesha leeholide elikhuselekileyo, hlala uphaphile ngawo onke amaxesha xa useholideyini okanye ngamaxesha okuzonwabisa. Xela nasiphi na isenzo solwaphulo-mthetho esirhanelwayo ngoko nangoko emapoliseni ku-10111 okanye wazise amagosa okhuseleko akufutshane nawe.

C.    Imiyalezo 

1.    Uvuyiswano 

Ikhabhinethi ivakalisa ukuvuyisana kunye neminqweno emihle ku: 

  • UMongameli Ramaphosa ngokuwongwa ngesidanga sobugqirha i-Honoris Causa kwiYunivesithi yase-Cheikh Anta Diop e-Dakar, e-Senegal, ehlonitshwa njengenye yeeyunivesithi zase-Afrika ezibalaseleyo kwihlabathi. Kwiminyaka engamashumi amabini anesithoba eyadlulayo, owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela wawongwa ngesidanga sobugqirha esifanayo ngexesha apho isizwe sethu sasingekakhululeki.  Kuyafaneleka ukuba uMongameli Ramaphosa ethe wawongwa ngeli wonga lihloniphekileyo kulo nyaka xa sikhumbula iminyaka engama-25 wokuba uMgaqo-siseko wethu utyikitywe ukuba ube ngumthetho.
  • I-Blitzboks ngokuphumelela kabini kwiimpelaveki ezimbini ngexesha letumente yombhoxo edumileyo ye-Dubai Sevens. 

2.    Amazwi ovelwano 

Ikhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo baka: 

  • UMnu Ebrahim Ismail Ebrahim (84), owayesakuba nguSekela Mphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano. U-Ebie, njengoko wayesaziwa ngothando kubahlobo bakhe namaqabane akhe, wanikela ngobomi bakhe kumzabalazo wentando yesininzi kunye nenkululeko, waza wasebenza ngokungagungqiyo ukwakha uMzantsi Afrika ongcono kumntu wonke.
  • UNozakuzaku Lindiwe Mabuza (83), igqala lozakuzo, imbongi, igqala lobufazi kunye noMzabalazo osebenze kwizikhundla ezininzi zozakuzo.  Ngowama-2014 uye wafumana iMbasa ye-Ikhamanga yeSilivere “ngegalelo lakhe elihle ekukhuthazeni ukusetyenziswa kobugcisa nokusetyenziswa kobuchule bokuyila kwintando yesininzi – ebonisa ukuba ubutshantliziyo benkcubeko budlale indima ebalulekileyo ekuphumezeni intando yesininzi”.

D.    Ukuqeshwa 

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.     UGqr Sean Douglas Philips – uMlawuli-Jikelele (i-DG) weSebe lezaManzi noGutyulo.
2.    Igqwetha Alison Gay Bengtson – iSekela le-DG (i-DDG) iNkxaso yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam nokuBeka iliso kwiSebe leMfundo esiSiseko.
3.     UNksz Busisiwe Iris Letompa – i-DDG: iMisebenzi yePhondo kwiSebe lezoLimo, uBuyekezo loMhlaba noPhuhliso lwaseMaphandleni.

4.    Ukwandiswa kwamalungu eBhunga leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika:
a.    UNjing David Everatt (uSihlalo);
b.    UMnu Ian Assam (USekela Sihlalo);
c.    UMnu Faldie Esau 
d.    UNksz Reshoketswe Mokobane;
e.    UNksz Blanche Motsosi;
f.    UGqr Jacky Galpin;
g.    UGqr Ariane Neethling;
h.    UGqr Thabi Leoka;
i.    UMnu Ettiene le Roux;
j.    UMnu Wandile Sihlobo;
k.    UNksz Nompumelelo Nzimande;
l.    UNksz Vuyelwa Mantyi (Ummeli weMpuma Koloni);
m.    UNksz Zeenat Ishamial (Ummeli weNtshona Koloni);
n.    UMnu Kuberin Packirisamy (Ummeli woMntla Koloni);
o.    UMnu Thulani Bhengu (Ummeli waKwaZulu-Natal);
p.    UNjing Andries Monyeki (Ummeli waseMntla Ntshona);
q.    UGqr Nomusa Mlondo (Ummeli waseMpumalanga); kunye no
r.    UGqr Modjadji Malahlela (Ummeli waseLimpopo).

5.    Amalungu eBhodi yeZiko loPhuhliso lwaMandla kuMzantsi Afrika:
a.    UMnu Sicelo Goodwill Xulu (USihlalo);
b.    UNksz Lungile Mtiya (USekela Sihlalo);
c.    UNksz Abegail Boikhutso; 
d.    UNksz Mary Tumelo Mashabela;
e.    UMnu Jongikhaya Witi (Ilungu eliphambili leSebe lezamaHlathi, ezokuLoba nokusiNgqongileyo (i-DFFE);
f.    UNksz Olga Chauke (Ilungu elibambeleyo – i-DFFE);
g.    UNksz Lize Baron (Ilungu eliphambili leSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano (i-dtic);
h.    UMnu Gerhard Fourie (Ilungu elibambeleyo – i-dtic);
i.    UMnu Mthokozisi Mpofu (Ilungu eliphambili leSebe leMithombo yeziMbiwa naMandla (i-DMRE); kunye
j.    UNksz Nomawethu Qase (Ilungu elibambeleyo – i-DMRE).

6.    IBhanki yezoMhlaba i-Land Bank
(a)    UNksz Khensani Mukhari – uMlawuli weSigqeba seBhanki yezoMhlaba.

Ibhodi yabaLawuli abaNgekho kwiSigqeba seBhanki yezoMhlaba:
(b)    UNksz Nyane Rethabile Nkosi (USihlalo);
(c)    UMnu Lehlogonolo Andrew Makenete (USekela Sihlalo); 
(d)    Mathane Makgatho;
(e)    UNksz Dineo Maithufi;
(f)    UGqr Johann Frederick Kirsten;
(g)    UNksz Thulisile Njapa Mashanda;
(h)    UNksz Nonthuthuzelo Pinkie Motshegoa;
(i)    UNksz Egashnee Pillay;
(j)    UGqr Monde Mbovu Tom; kunye no
(k)    UMnu Dimitri Wilhem van der Westhuizen;

7.    IBhodi yeThutyana ye-Sentech
a.    UNksz Sedzani Faith Mudau (USihlalo);
b.    UNksz Veronica Mmakoma Motloutsi;
c.    UNksz Mapuleng Moropa;
d.    UNksz Tshavhuyo Sesani;
e.    UMnu Themba Phiri;
f.    Igqwetha Nkhumeleni Anderson Mudunungu; kunye no
g.    UMnu Metusa Mbasa.

Imibuzo: UNksz Phumla Williams – Isithethi seKhabhinethi 
Iselfowuni: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore