Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama-24 kweyeNkanga 2021

A.     Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.     Ugonyo oluchasene nobhubhane weSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19).

1.1.     IKhabhinethi ichulumancile kukuba bangaphezulu kwama-260 000 abantu abagonyiweyo kwimpelaveki yesibini yokugonya i-Vooma Vaccination Weekend ebibanjwe kwilizwe liphela ukusuka ngomhla we-12 ukuya kowe-14 kweyeNkanga 2021.

1.2.    Kufuneka sikhumbule ukuba intsholongwane ayikapheli kwaye ugonyo luyasikhusela ekuguleni kakhulu, ukulaliswa esibhedlele okanye ekufeni.
1.3.    Ugonyo lusimahla kubo bonke abantu abahlala eMzantsi Afrika, kwaye nabani na oneminyaka eli-12 nangaphezulu uyakhuthazwa ukuba agonye. Masigonye ukuze siqinisekise ukuba sichitha ixesha leeholide ezikhuselekileyo, ezinolonwabo neentsapho kwakunye nabahlobo bethu.


2.     IModeli yoPhuhliso lweSithili (i-DDM)

2.1.    IKhabhinethi ilwamkele utyelelo lukaMongameli u-Cyril Ramaphosa lwango Lwesihlanu ngomhla we-12 kweyeNkanga 2021,  kwiSithili sase-Ugu KwaZulu-Natal. Olu tyelelo luqaqambise uphuhliso loLwandle lwaseMpuma oluquka iikhilomitha ezingama-600 kunxweme oluphakathi kweKwaZulu-Natal neMpuma Koloni.
2.2.    Uphuhliso loLwandle lwaseMpuma yiprojekthi ebalaseleyo ye-DDM, ezimisele ukwakha uqoqosho lwengingqi olubandakanyayo ukuze koyiswe ilifa elashiywa zizicwangciso zangexesha localu-calulo. Le projekthi ijolise ekusebenziseni amandla obuninzi bezipho zendalo zale ndawo ukuze kukhule uqoqosho.


3.    Ingxelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlolwabiwo-mali lweXesha eliPhakathi (i-MTBPS)
3.1     IKhabhinethi iyixhase ngokupheleleyo indlela yezemali echazwe kwi-MTBPS ethiwe thaca nguMphathiswa wezeMali u-Enoch Godongwana ePalamente, eKapa ngoLwesine, umhla we-11 kweyeNkanga 2021. Le ndlela  ithumela umyalezo oqinileyo wokuzibophelela kwethu kulawulo olulumkileyo lwezemali. 

3.2    Njengenxalenye yezibophelelo zethu zoluntu, i-60% yohlahlo lwabiwo-mali lwethu yathi yabelwa uphuhliso lwezindlu, iinkonzo ezisisiseko zasimahla, iinkqubo zengqesho, ezempilo, imfundo kunye nezibonelelo zikarhulumente.

3.3    Amalinge achazwe kwi-MTBPS abonisa ukuba urhulumente unesicwangciso esicacileyo sokukhokela uqoqosho kwangaxeshanye abeke isizwe sethu kuhlumo lwexesha elide, nangona kubekho isiphithiphithi esidalwe ngubhubhane we-COVID-19.

4.    UMboniso woRhwebo lwangaphakathi kwe-Afrika wowe-2021 (i-IATF2021)

4.1.    Impumelelo ye-IATF2021 ebibanjelwe e-Inkosi Albert Luthuli International Convention Centre e-Durban, ukusuka ngomhla we-15 nowama-21 kweyeNkanga 2021. Incede ngokwenza nzulu intsebenziswano, nokukhuthaza urhwebo notyalo-mali phakathi kwamazwe ase-Afrika.

4.2.    I-IATF idibanise iinkokheli zoshishino ukuze zabelane ngorhwebo, utyalo-mali, iinkcukacha zemarike nokwandisa amathuba otyalo-mali kwilizwekazi. Iimpahla neenkonzo zaseMzantsi Afrika nazo zabhaliswa kwakhona zathengiswa ngelokwakha uthungelwano nobudlelwane ukuze kwandiswe ukuthunyelwa kwempahla kumazwe eli lizwekazi.

5.    Ukhuseleko lwekhaya 
5.1.    IKhabhinethi ivakalise inkxalabo ngokhuseleko lwabantwana emva kweziganeko zakutsha nje zokuxhwilwa kwabantwana kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe. Kwezi holide ezizayo, abazali kunye nabanonopheli kufuneka balumke ngakumbi malunga nokhuseleko  nangokuba baphi abantwana ababakhathalelayo.

5.2.    Abazali kunye nabanonopheli bayabongozwa ukuba baxoxe nabantwana ababakhathalelayo ngamanyathelo okhuseleko ngokubanzi, le ngxoxo kufuneka iquke nemingcipheko ye-COVID-19 kunye nemigaqo elandelwayo yokuzikhusela kulo bhubhane. Sikwabongoza abazali kunye nabanonopheli ukuba baqwalasele ukuba zeziphi izinto abantwana babo, ingakumbi ulutsha, abanokuthi bathathe inxaxheba kuzo ngokukhuselekileyo.

5.3.     Imisitho efana netheko lokuvalelisa lematriki kwakunye netheko lukuzonwabisa eliba semva kwalo msitho zezona zinamathuba amakhulu okusasaza i-COVID-19. Iindibano ezinkulu, ingakumbi ezo zibandakanya ukusela utywala, zingumngcipheko omkhulu kwaye zijongela phantsi iinzame zethu zokulawula ukusasazeka kwale ntsholongwane.

6.    Ukusekwa komanyano lokulawula  ngokusebenzisana rhulumente wasekhaya

6.1.    IKhabhinethi ibulele bonke abavoti abafanelekileyo abavote kuNyulo looRhulumente baseKhaya (i-LGE) ukumisela ukuba ngubani omakalawule koorhulumente basekhayalowama-2021 obelubanjwe ngoMvulo, umhla woku-1 kweyeNkanga 2021. Ikwaqaphele amalungiselelo akutsha nje okulawula ngomanyano abhengezwe kwabo masipala abangakhange babeneqela eliphumelele ngokuthe geqe.

6.2.    IKhabhinethi ivuyisene nabo bonke oosodolophu nooceba abasandula ukunyulwa nokuba bazibandakanye naliphi na iqela lezopolitiko, kwaye ibanqwenelela impumelelo kumsebenzi wabo obalulekileyo wokubonelela ngeenkonzo zoomasipala kulo lonke uluntu. Ikwaqhwabele izandla amaqela ezopolitiko ngendlela ehloniphekileyo athe aziphatha ngayo ngexesha le-LGE nangexesha leengxoxo zemanyano yokulawula ngokusebenzisana.

7.     Intsebenziswano yoluntu
7.1.    IKhabhinethi iqaphele ukunyuka kweemvakalelo zokubukulwa kwabemmi bamanye amazwe kunye neembono ezisoloko zisetyenziswa kwezinye iindawo zelizwe ezigxibha abemmi bamazwe angaphandle.

7.2.    Uhlaselo lwe-COVID-19 luchaphazele bonke abantu baseMzantsi Afrika, kodwa iimvakalelo ezimbi eziphenjelelwa liqaqobana labantu azibonisi ubume bobudlelwane bokwenene phakathi kwabantu bangaphandle abahlala kunye nabasebenza phakathi koluntu lwethu nabemmi bethu.

7.3.    IKhabhinethi icele uluntu ukuba lulumke kananjalo luzithibe ekunyanzelweni ukuba luthiye abanye abantu. Ikwamemelele wonke umntu ukuba athathe uxanduva ngokulandela imida yomthetho axele kwii-arhente zogcino-mthetho nasiphi na isenzo sokuchasa umthetho esifana nokoyikisa kunye nobundlobongela esidlangalaleni. 

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    Iziphumo zeseshoni yama-26 yeNkomfa yamaQela (i-COP26) kwiNgqungquthela yeNkqubo-sikhokelo yeZizwe eziManyeneyo ngoTshintsho lweMozulu (i-UNFCCC)

1.1.    IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi nguMphathiswa wezaMahlathi, ezokuLoba nokusiNgqongileyo, uNksz Barbara Creecy, ngeziphumo zeseshoni yama-26 ye-COP kwi-UNFCCC ebibanjelwe e-Glasgow, e-Skotlani, e-United Kingdom (e-UK) ukusuka ngomhla wama-31 kweyeDwarha ukuya kowe-13 kweyeNkanga 2021.

1.2.    Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kusekelwe kwizibophelelo zawo kwisiVumelwano sase-Paris soTshintsho kwiMozulu sowama-2015 sokunciphisa ukukhutshwa kwegesi etshabalalisayo, nokwakha ukomelela kwemozulu kuluntu noqoqosho lwalo. Ukufuduka kwelizwe lifudukela kumandla ahlaziyekayo  kuza kuxhamlisa  okuninzi kokusingqongileyo kunye noqoqosho.

1.3.    IKhabhinethi iyamkele iNtsebenziswano yeNguqu ezakuba yimbali  eyasekwa nguMzantsi Afrika kunye neFrantsi, iJamani, i-UK, iMelika kunye neManyano yaseYurophu, eyabhengezwa kwi-COP26.

1.4.    IKhabhinethi isivumile isithembiso sobudlelwane bokudibanisa izigidi zezigidi ezili-R131 kule minyaka mithathu ukuya kwemihlanu izayo ngelokuxhasa izicwangciso zeNguqu eLungileyo yoMzantsi Afrika. Esi sithembiso sihambelana nokuzinikela phantsi kweSivumelwano sase-Paris ngamazwe aphuhlileyo ukuxhasa izenzo zemozulu zamazwe asaphuhlayo, kuquka nezo zaseMzantsi Afrika.

1.5.    IKomiti yabaPhathiswa echotshelwe nguMongameli Ramaphosa iza kuququzelela umsebenzi owongezelelekileyo kwisicwangciso selizwe seNguqu eLungileyo kunye nezibonelelo zemali ezinikwe uMzantsi Afrika ngokwemeko yobudlelwane.

1.6.    IKhabhinethi iphinde yayalela urhulumente ukuba atyumbe iqela lezemali eliquka uNondyebo weSizwe; IQumrhu loPhuhliso lwamaShishini; iSebe lezamaHlathi, ukuLoba nokusiNgqongileyo; i-Eskom kunye nezinye iingcali zezemali ukuba zithathele ingqalelo imiba efihlakeleyo  yobu budlelwane  kunye nomnikelo. 

2.    Ukwandiswa koBume beNtlekele yeSizwe
2.1.    Ngokuhambelana nemigaqo yeCandelo lama-27(5) (c) loMthetho woLawulo lweNtlekele, wowama-2002 (uMthetho wama-57 wama-2002), iKhabhinethi ikwamkele ukwandiswa koBume beNtlekele yeSizwe ukuya kutsho ngomhla we-15 kweyoMnga 2021. La manyathelo asaqhubeka encedisa ilizwe ngokulwa nokunwenwa  kwe-COVID-19.

3.    INyanga yoKwazisa ngamaLungelo abaKhubazekileyo

3.1.    IKhabhinethi iyamkele indlela yokujongana nesikhumbuzo salo nyaka seNyanga yokuQatshelwa kwamaLungelo aBantu abaKhubazekileyo, ekhunjulwa minyaka le ukusuka ngomhla wesi-3 kweyeNkanga ukuya kowesi-3 kweyoMnga. Umxholo walo nyaka wowama-2021 uthi: “Unyaka ka-Charlotte Mannya Maxeke – Dala kwaye uQinisekise uLuntu oluBandakanyayo noluGcina amaLungelo aBantu abaKhubazekileyo”.

3.2.    Eli phulo ligxile ekwaziseni abantu abakhubazekileyo kuluntu lwethu, kwaye likwavuyisana nenkqubela esiyenzileyo njengelizwe ukubonelela ngesithuba sokuthatha inxaxheba kwabantu abakhubazekileyo kwiphulo lethu lokukhulisa uqoqosho. UMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli wabaseTyhini, uLutsha kunye naBantu abaKhubazekileyo, uNks. Maite Nkoana-Mashabane, kungekudala uza kucacisa ngeenkqubo ezinomxholo zeveki-neveki.

3.3.    UMzantsi Afrika uyiqinisekisile Indibano  ye-UN ngamaLungelo aBantu abaKhubazekileyo

4.     Ingxelo yeSimo seSizwe ngaMalungelo oMntwana

4.1.    IKhabhinethi ikuvumele ukupapashwa kweNgxelo yoNyaka yeSizwe yamaLungelo oMntwana. Le yingxelo yokuqala ebanzi yelizwe eye yaphuhliswa kusetyenziswa iSicwangciso seSizwe sokuSebenza saBantwana sonyaka wama-2019 kuya kowama-2024.

4.2.    Ingxelo ichaza inkqubela ekuphunyezweni kwemithetho nemigaqo-nkqubo ejoliswe ekukhuseleni nasekukhuthazeni amalungelo abantwana njengoko kuchaziwe kuMqulu wamaLungelo.

5.    INgxelo yeQela loMbuso kwiKomiti yeeNgcali zase-Afrika kumaLungelo neNtlalontle yoMntwana (i-ACERWC)

5.1.    IKhabhinethi iyamkele iNgxelo yeQela loMbuso loMzantsi Afrika ukuba ithunyelwe kwi-ACERWC yeManyano ye-Afrika (i-AU).

5.2.    Le yingxelo yesithathu uMzantsi Afrika oyithumela kwi-ACERWC, ngokuhambelana nelizwe elityikitye izibophelelo ze-AU ngentlalontle nokhuseleko lwabantwana kwilizwekazi. Le ngxelo yangoku, ekulindeleke ukuba yondlalwe kwinyanga yeNkwindla yowama-2022, iphendula  imiba eyayiqatshelwe yi-ACERWC kwingxelo yethu yowama-2016.

6.    Amaphepha -mvume aKhethekileyo aseZimbabwe (i-ZEP)
 
6.1.    IKhabhinethi iyithathele ingqalelo into eninzi ekuthethwa ngayo nge-ZEP kwakhona iziqhaphele neendaba zobuxoki ezisasazwayo ezimalunga nala maphepha-mvume. Unikezelo lokuqala olukhethekileyo lwaseZimbabwe lwaqala ngo-2009 ngoko lwalubizwa ngokuba yi-Dipensation for Zimbabwe Permit. Yayibonelele ngamaxwebhu emvume  esithuba seminyaka emihlanu kubantu baseZimbabwe abafanelekileyo. 

6.2.    Ngowama-2014, ixesha lokunikezela ngama phepha-mvume lathi landiswa ngeminyaka emithathu laze labizwa ngokuba yi- the Zimbabwean Special Permit. Le- ZEP ekhoyo ngoku yaqalwa ngowama-2017 kwaye izakufikelela esiphelweni ngomhla wama-31 kweyoMnga kulo nyaka wama-2021.

6.3.    Emva kweengxoxo zayo, iKhabhinethi igqibe ekubeni ingaphindi ivumele ulwandiso lwexesha lokunikezela ngamaphepha-mvume olukhethekileyo lwaseZimbabwe. Kodwa ke nangona kunjalo, yagqiba ngeenyanga ezili-12 ezizakuba lixesha loxolelo kwabo bane ZEP yangoku ephelelwe lixesha.

6.4.    Ngeli xesha loxolelo, abanini bamaphepha-mvume kufuneka bafake izicelo zezinye iimvume ezifanele ubume okanye imeko yabo ethile yokuhlala kwabo kweli lizwe. Xa kuphela ezi nyanga ezili-12, abo bangaphumelelanga kuya kufuneka bawushiye uMzantsi Afrika okanye bazakuthunyelwa elizweni labo.

7.    Uhlenga-hlengiso lwenkqubo yonyulo yaseMzantsi Afrika ukuze ibandakanye abagqatswa abazimeleyo

7.1.    IKhabhinethi ikuvumele ukuba ingxelo yeKomiti yeeNgcebiso yabaPhathiswa (i-MAC) emalunga noHlaziyo lweeNkqubo zoNyulo ithunyelwe ePalamente. Uhlaziyo lolonyulo lwaqalwa emva kokuba isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko yabhengeza ngowama-2020 ukuba uMthetho woNyulo, wowe-1998 (uMthetho wama-73 wowe-1998) wawunxamnye nomgaqo-siseko njengoko wawubonelela kuphela unyulo lwamalungu eNdlu yoWiso-mthetho kunye nezindlu zowiso-mthetho zamaphondo ukuba lwenziwe kusetyenziswa amaqela ezopolitiko.

7.2.    Ingxelo ye-MAC ikhankanya  eminye imigaqo-nkqubo engasetyenziswa ukulungisa  imiba  ethile kuMthetho woNyulo wowe-1998 echasene nomgaqo-siseko welizwe. 

8.    Inkqubo-sikhokhelo  eJoliswe kwiCandelo Loshishino (ii-SET)

8.1.    IKhabhinethi iyamkele iNkqubo-sikhokelo yee-SET ngokuhambelana nesivumelwano sase Paris  esenziwa nguMzantsi Afrika  nesatyikitywa yiNkomfa yamaQela eSivumelwano se-UN ngoTshintsho lweMozulu ngowama-2015. Ze kuthi isebe likarhulumente eliyintloko lisebenzise esi sikhokelo njengomhlahla-ndlela wokunxibelelanisa inkqubo yokwabiwa nokuphunyezwa kwee-SET kwamanye amasebe.
8.2.    Izicwangciso zamasebe esizwe okanye iMigaqo-nkqubo kunye neMiqathango (ii-PAM) zifuna ukunciphisa umoya omdaka osuka kweli candelo loshishino ngokuhambelana neemfuno zeli candelo. Ii-PAM zeCandelo zibalulekile ekuphumezeni iimfuno zalo. Yiyo loonto zizakucaciswa kananjalo  zihlonyelelwe  ngokukhawuleza emva kokuba nje uMthetho Oyilwayo wokuTshintsha kweMozulu wamkelwe ngokusesikweni. Oku ke kuza kumiselwa isithuba esingangeminyaka emithathu elandelelanayo kwaye zizaku phononongwa rhoqo emva kweminyaka emihlanu.

9.    Uhlahlo lwabiwo-mali lwekhabhoni kwinqanaba lenkampani

9.1.    IKhabhinethi iyamkele indlela yokuphunyezwa koHlahlo Lwabiwo-mali lweKhabhoni kwiNqanaba leNkampani. Inkqubo yohlahlo lwabiwo-mali lwekhabhoni olunyanzelekileyo nelujoliswe kwiinkampani ezikhupha kakhulu umoya omdaka iza kuphunyezwa ngowama-2023. Inkqubo yohlahlo lwabiwo-mali lwekhabhoni izakunyanzela iinkampani ezikhupha kakhulu umoya omdaka ukuba zamkele izixa  ezabelwayo  njengolwabiwo lwesibonelelo seminyaka emihlanu ukuze iinkampani ezo zikwazi ukukhupha umoya ococekileyo. 

9.2.    Indlela yokwabiwa kohlahlo lwabiwo-mali lwekhabhoni ibeka ngokucacileyo izinyanzeliso  zokuphunyezwa kohlahlo lwabiwo-mali lwekhabhoni kunye neenkcukacha zezicwangciso-nkqubo zokusebenza eziza kusetyenziswa ukubala kunye nokwabiwa kohlahlo lwabiwo-mali lwekhabhoni kwisigaba  sokuqala sekhabhoni ukuya nakwesilandelayo.

10.    Ulungelelwaniso lwezithili zoomantyi

10.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa kolungelelwaniso lwezithili zoomatyi kumaphondo amane abesele eshiyekile (iMpuma Koloni; iFreystata; iKwaZulu-Natal naseNtshona Koloni). Inkqubo, ephumeza uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996, yaqala ngowama-2014 ngokuthi izithili zomantyi zaseGauteng naseMntla-Ntshona zilungelelaniswe. Ze kwathi iLimpopo neMpumalanga zona zaqukunjelwa ngowama-2016, eMntla Koloni khona kwaqukunjelwa ngowama-2018.

10.2.    Kwithuba elingaphambi kowe-1994, izithili zoomantyi belizwe zazimiselwe ngokobuhlanga, ziqhubela phambili iinkonzo zenkundla ezikumgangatho ophantsi kubantu abamnyama abahlala kumaphandle ahlelelekileyo, kumazwe azimele geqe nakwiilokishi.

10.3.    Imida ecetywayo nehlenga-hlengisiweyo yolawulo lweenkundla iqinisekisa ukufikelela ngokulinganayo kwinkqubo yobulungisa ngabo bonke abemmi boMzantsi Afrika. Inkqubo yokuza nale mithetho  ibe yinkqubo equke umantyi, iNkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika; UGunyaziwe woTshutshiso weSizwe; IBhodi yoNcedo lwezoMthetho, iBhodi yokuCandwa kooMasipala kunye nabo bonke abachaphazelekayo kumaphondo afanelekileyo

11.    Ulawulo lwesimangalo sikarhulumente, ulamlo kunye nemigaqo-nkqubo karhulumente yokumelwa ngokusemthethweni

11.1.    IKhabhinethi iyamkele imigaqo-nkqubo emithathu ephathelene nolawulo lwamatyala karhulumente, ukulamla kunye nokumelwa ngurhulumente ngokwasemthethweni. Le migaqo-nkqubo ifuna ukukhuthaza ulawulo oluxhobisayo noluneendleko eziphantsi kumatyala oluntu.

11.2.    Imigaqo-nkqubo ibonelela ngemithetho-siseko jikelele ekufuneka iqwalaselwe kunye nendlela ekufuneka yamkelwe yi-Ofisi yeGqwetha likaRhulumente (i-OSA) xa ijongene nemicimbi yesimangalo sikarhulumente. Kwakhona, le imigaqo-nkqubo iseka iinkqubo ezifanayo kwaye ikwabonelela ngesikhokelo sokunceda i-OSA. Lo mgaqo-nkqubo awungeneleli ngokuncedisa qha kodwa ukwazisa ezinye iindlela zokungenelela kumatyala anokusombululeka ngeenkqubo zenkundla ezingatyabuli kakhulu epokothweni.

11.3.    Okwangoku le migaqo-nkqubo yamkelweyo izakusebenza njengendlela yotshintsho ngelixa uMthetho wamaGqwetha kaRhulumente, wowe-1957 (uMthetho wama-56 wowe-1957), olungisiweyo usaphononongwa. 

C.    Imithetho esayilwayo
1.    UMthetho osaYilwayo wokuLungisa iMithetho yeMfundo esiSiseko

1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuthunyelwa ePalamente koMthetho osaYilwayo wokuLungisa iMithetho yeMfundo esiSiseko. Lo Mthetho usaYilwayo uhlomelela kuMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, wowe-1996 (uMthetho wama-84 ka-1996) noMthetho weNgqesho yooTitshala, wowe-1998 (uMthetho wama-76 ka-1998).

1.2.    Ezi zilungiso zicetywayo zifuna ukomeleza iinkqubo zokufunda kwezemfundo njengoko kuchaziwe kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika ngonyaka we-1996. Phakathi kwezinye zezi zihlomelelo, kukufikelela jikelele kwemfundo kwiminyaka emibini yokukhula komntwana.
1.3.    Lo Mthetho uYilwayo ukwanyanzelisa uxanduva lokuphendula phakathi kwamabhunga olawulo ezikolo, kwaye ucacisa imigaqo-nkqubo yokwamkelwa kwabafundi, ulwimi nomgaqo wokuziphatha ezikolweni. Ezi zilungiso zicetywayo ziza kuphucula ukufikelela kwimfundo kubo bonke abafundi kwilizwe liphela.

1.4.    Lo Mthetho usaYilwayo ugqithisiwe eluntwini nakubo bonke abachaphazelekayo abafanelekileyo.

2.       UMthetho osaYilwayo weerhafu zeCandelo lezeziMali wowama-2021

2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuthunyelwa ePalamente koMthetho osaYilwayo weeRhafu zeCandelo lezeziMali wowama-2021. Lo Mthetho uYilwayo wenza ukuba  uMthetho woLawulo lweCandelo lezeziMali (FSR) wama-2017 (uMthetho we-9 wama-2017) uqalise ukusebenza.
2.2. Lo Mthetho uYilwayo unyanzelisa iirhafu kwicandelo lezemali eziza kusetyenziselwa ukuxhasa ngemali yokusebenza kwamaqumrhu ecandelo lezemali asekwe ngokoMthetho weFSR wowama-2017. Kwakhona lo mthetho unyanzelisa intlawulo yediphozithi ye-inshurensi kumalungu abhalisiweyo kwintsebenziswano ukubonelela umnatha wokhuseleko kubagcini-mali xa kunokwenzeka ukuba ibhanki ingaphumeleli. 

2.3.   Lo Mthetho uYilwayo ukwalungisa uMthetho weNgxowa-mali yoMhlalaphantsi, wowe-1956 (uMthetho wama-24 we-1956); uMthetho weeBhanki, 1990 (uMthetho 94 wowe-1990); I-Mutual Banks Act, 1993 (uMthetho we-124 wowe-1993) kunye noMthetho weeNgcebiso zezeziMali kunye noMthetho wama-2002 (uMthetho wama-37 wama-2002) kwaye uzilungelelanisa noMthetho weFSR wowama-2017 ngokubhekiselele kumaqumrhu ecandelo lezemali.

3.    UMthetho osaYilwayo wokuLungisa uloNyulo

3.1.    IKhabhinethi iwamkele uMthetho ohlonyelelweyo  woNyulo nosele kukudala ulindelwe ukuba ungeniswe ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo uhlomela uMthetho woNyulo wowe-1998 ukuze wenze amalungiselelo onyulo lwabagqatswa abazimeleyo kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe nakwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo.

3.2.    Ngenyanga yeSilimela kowama-2020 iNkundla yoMgaqo-siseko yayalela iPalamente ukuba ilungise isiphene kuMthetho woNyulo okhoyo wowe-1998 ukuqinisekisa ukuba abagqatswa abazimeleyo bayakwazi ukungenela  unyulo kwiNdlu yoWiso-mthetho nakwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo.

3.3.    IKhabhinethi iphinde yaphumeza ukungeniswa kwengxelo ye-MAC echaza iindlela ezinokuthathwa xa  kulungiswa imiba yoMthetho woNyulo efunyenwe ingahambelani nomgaqo-siseko.

A.     Imicimbi ezayo

1.    Iintsuku ezili-16 zobuTshantliziyo zokungaxhatshazwa kwabaseTyhini naBantwana kulo nyaka wama-2021

1.1.    IKhabhinethi iyamkele indlela yokujonga iphulo leeNtsuku ezili-16 zokuLwa noBundlobongela obujoliswe kwabaseTyhini nabaNtwana. Iphulo lokwazisa uluntu liza kuqaqanjiswa ngaphantsi komxholo othi: “Unyaka ka-Charlotte Mannya Maxeke: IiNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo – sisuka ekuqapheliseni siya ekuthatheni inxaxheba”. Eli phulo liyinxalenye yomsebenzi obanzi karhulumente weeNtsuku ezingama-365 zobuTshantliziyo zokwazisa kunye nokukhuthaza ukuphelisa ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana.

1.2.    IKhabhinethi isibongoza sonke ukuba sigxeke kwaye sizibophelele ekunqandeni ukunyhashwa kwabasetyhini nabantwana kweli lizwe. Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zakutsha nje ngobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini ezikhutshwe liSebe lezobuPolisa kufuneka zikhwankqise bonke abemmi boMzantsi Afrika abathanda uxolo nabathobela umthetho.
1.3.    IKhabhinethi imemelela bonke abemmi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane ukuqinisekisa ukuba eli phulo lisondeza eli lizwe ekuphumezeni ilungelo lokhuseleko lwabasetyhini nabantwana. Namhlanje kungomhla wama-25 kweyeNkanga,  uMphathiswa uNkoana-Mashabane, uza kuphehlelela ukuqalisa kweli phulo.

D.    Imiyalezo

2.    Ukuvuyisana 

IKhabhinethi idlulise amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle kwaba balandelayo:

  • Mr Damon Galgut, umbhali ophumelele iwonga lowama-2021 ibhaso lakhe le- Booker Prize kwinoveli yakhe, The Promise, njengomntu wesithathu waseMzantsi Afrika ukuphumelela i-Booker Prize.
  • Mamelodi Sundowns Ladies ngokuphumelela uMfelandawonye we-African Football Women’s Champions League ebibanjelwe e-Cairo, eYiputa. Ngokuqinisekileyo Impumelelo yabo iza kukhuthaza uphuhliso lwebhola ekhatywayo yabasetyhini eMzantsi Afrika.

3.    Uvelwano

IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zaba balandelayo:

  • Umnu FW de Klerk (85) owayesakuba nguMongameli woMzantsi Afrika wangaphambi kwentando yesininzi nowasebenza njengoSekela Mongameli kuRhulumente woManyano lweSizwe ngowe-1994. Wabelana ngeBhaso loXolo i-Nobel Peace Prize ngowe-1993 nowayesakuba nguMongameli uNelson Mandela ngomsebenzi wabo wokuphelisa ngoxolo ulawulo localucalulo, kunye nokubeka isiseko soMzantsi Afrika omtsha wentando yesininzi.
  • Umnu Wilbur Smith (88) umbhali odumileyo wamazwe ngamazwe othengise ngaphezulu kwezigidi ezili-140 zeencwadi. Wayengumbhali odumileyo kunye nombalisi wamabali ophakathi kweengxilimbela zoncwadi zesizwe sethu.
  • Umnu Tubby Reddy (62) owayesakuba liGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) yeKomiti yoMbutho wezeMidlalo yaseMzantsi Afrika kunye neKomiti ye-Olimpiki, ethe gqolo wasebenzela ukuphuculwa kwezemidlalo eMzantsi Afrika.


E.    Ukuqeshwa
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwesokhuselo.
1.    UMnu Lucky Charles Mohalaba njenge-CEO ye-Arhente yolawulo lwe-Inkomati-Usuthu (Inkomati-Usuthu Catchment Management Agency).

2.    UNjing Azwihangwisi Edward Nesamvuni njengoSihlalo weBhodi yeZiko loMzantsi Afrika leSizwe leZityalo ezahlukeneyo zeNdalo (Board of the South African National Biodiversity Institute)

3.    UMnu Lemogang Pitsoe njenge-CEO yeQumrhu lezeMigodi neMali lokuHlola laseAfrika (African Exploration Mining and Finance Corporation).

4.    UMnu Nasele Nathan Mehlomakulu njengoSekela Mlawuli-Jikelele: woKhuseleko lokuTya kunye noHlaziyo lwezoLimo kwiSebe lezoLimo, uBuyekezo lweMihlaba noPhuhliso lwasemaPhandleni (Food Security and Agrarian Reform in the Department of Agriculture, Land Reform and Rural Development).

5.    IBhodi yabaLawuli beNgxowa-mali yeMbuyekezo:

(i)    Umnu Paul Serote (Usihlalo);
(ii)    Umnu Gerald Boitumelo Mokgoro;
(iii)    Umnu Tibor Szana;
(iv)    Unksz Valerie Manamane Rennie;
(v)    Ugq Zukiswa Pinini;
(vi)    Unksz Ndivhuwo Manyonga;
(vii)    Unksz Gys Myburgh McIntosh;
(viii)    Umnu Mandla Shezi; 
(ix)    Umnu Adam Letshele;
(x)    Ugq Sethole Reginald Legoabe;
(xi)    Unksz Elma Mary Burger; 
(xii)    Umfundisi Ntombizine Madyibi;
(xiii)    Unksz Vuyiswa Miya;
(xiv)    Umnu Fani Xaba;
(xv)    Unksz Sumaya Hoosen;
(xvi)    Umnu Kevin Cowley;
(xvii)    Ugqirha Hilko Johannsmeier; 
(xviii)     Umnu Jan Mahlangu;
(xix)    Unksz Naledi Tsipane;
(xx)     Unksz Janek Wilimiec;
(xxi)    Umnu Edward Malometje Thobejana; kunye no
(xxii)    Unksz Desugee Pillai.

6.    IBhodi yabaLawuli beNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika:

(i)    Unksz Feziwe Yolanda Renqe;
(ii)    Unksz Mmapula Moreen Kgari;
(iii)    Unksz Sandika Daya;
(iv)    Unksz Moipone Edith Magomola;
(v)    Umnu Mmaphaka Ephraim Tau;
(vi)    Umnu Itani Phaduli;
(vii)    Unjing Ndivhudzannyi Sylvester Mpandeli; kunye no
(viii)    Ugqirha Grant Reagon Son. 

7.    IBhodi yabaLawuli boPhuhliso lweShishini loKwakha:

(i)    Umnu Khulile Vuyisile Nzo (Usihlalo);
(ii)    Unjing Susanna Gertruida Bouillon (Usekela sihlalo);
(iii)    Unksz Yvonne Deliwe Mbane;
(iv)    Umnu Tumelo Gopane;
(v)    Umnu Sibusiso Makhanya;
(vi)    Unksz Karabo Joyce Siyila;
(vii)    Unksz Moloko Benadette Rabosiwana;
(viii)    Unksz Ertia Boitumelo Mokgatle;
(ix)    Unksz Celeste Margo le Roux;
(x)    Umnu Danny Lesiba Masimene;
(xi)    Unksz Thuthuka Siphumezile Songelwa;
(xii)    Unksz Bongekile Zulu; kunye no
(xiii)    Umnu Khuliso Kennedy Maimela.

8.    IBhodi yabaLawuli be-Community Schemes Ombud Service:

(i)    Unksz  Marvellous Phindile Mthethwa (Usihlalo);
(ii)    Umnu Sediko Rakolote;
(iii)    Unksz Julia Ramataboe;
(iv)    Unksz Deshni Subbiah;
(v)    Umnu Mthokozisi Daluxolo Xulu;
(vi)    Umnu Donovan Vincent Goliath; kunye no
(vii)    Unksz Ntombikayise Sithole.

9.    IBhodi yaBalawuli be-Property Practitioners Regulatory Authority:

(i)    Umnu Steven Piet Ngubeni (Usihlalo); 
(ii)    Unksz Pamela Nonkululeko Makhubela;
(iii)    Iqgwetha Mxolisi Sphamandla Nene;
(iv)    Umnu Terry Kevin Johnson;
(v)    Umnu Thato Ramaili;
(vi)    Unksz Thokozani Radebe;
(vii)    Unksz Thuthuka Siphumezile Songelwa;
(viii)    Umnu Shaheed Peters;
(ix)    Unksz Nokulunga Makopo; kunye no
(x)    Unksz Pamela Beatrice Snyman. 
(xi)    Unksz Veruska Gilbert (omele iSebe lezoRhwebo,uShishino noKhuphiswano)


10.    Ibhodi yabaLawuli yeBhunga leSizwe lokuBhalisa abakhi bezindlu:

(i)    Unksz Nomusa Mufamadi (Usihlalo);
(ii)    Umnu Francois Beukman;
(iii)    Umnu Kganki Matabane;
(iv)    Unksz Nontuthuko Chiluvane;
(v)    Unksz Mandy Jayakody;
(vi)    Umnu Refilwe Lediga;
(vii)    Unksz Morwesi Ramonyai;
(viii)    Unksz Siphindile Memela;
(ix)    Unksz Nomthandazo Lucia Ncalane-Ngcobo;
(x)    Unksz Kedibone Tsiloane;
(xi)    Umnu Roy Mnisi;
(xii)    Unksz Shelly Huntley;
(xiii)    Unksz Sasa Subaban; kunye no
(xiv)    Unksz Zodwa Matiwane. 

11.    Amalungu eBhunga kaGunyaziwe woLawulo lweZindlu zeNtlalo:

(i)    Unksz Busisiwe Nzo (Usihlalo);
(ii)    Unksz Pulani Thobejane-Mogotsi
(iii)    Unksz Lahlane Malema;
(iv)    Unksz Sanele Masiza;
(v)    Unksz Yvonne Deliwe Mbane;
(vi)    Unksz Lebogang Shole;
(vii)    Unksz Ayanda Olifant;
(viii)    Unksz Zimbini Hill;
(ix)    Unksz Confidence Tshilande;
(x)    Umnu Kevin Kiewitz;
(xi)    Umnu Ashley Latchu; kunye no
(xii)    Umnu Mashukudu Maboa.

12.    IBhodi yabaLawuli be-Arhente yoPhuhliso lweZindlu:

(i)    Ugqirha Tshilidzi Ratshitanga (Usihlalo);
(ii)    Unksz Marina Dumakude (Usekela sihlalo);
(iii)    Ugqirha Manqoba Soni;
(iv)    Unksz Nalini Maharaj;
(v)    Umnu Rajesh Makan; kunye no
(vi)    Unksz Magdeline Tshabalala.  

Imibuzo: Unksz Phumla Williams – Isithethi seKhabhinethi
Umxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore