INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi eKhethekileyo yomhla we-13 kweyoMqungu yowama-2016

1. Uqoqosho

1.1. IKhabhinethi ibihlangene ngeenjongo zokuxoxa ngobume bezoqoqosho nemiba enxulumene nohlahlo lwabiwo-mali. IKhabhinethi iyiqaphele imiba eliqela enempembelelo kuqoqosho lweli lizwe.

Kwezi nyanga zakutsha nje imeko yoqoqosho lwehlabathi iye isiba mbi. Uhlumo loqoqosho olucothayo ehlabathini jikelele, ingakumbi, lubonakalisa ukuqhuba kakubi kunye nemingcipheko ephezulu kumazwe abalulekileyo asakhulayo aliqela, aquka neChina.

Ukuphucuka kohlumo loqoqosho kwelizwe laseMelika (i-USA) obekulangazelelwa ngamazwe onke ehlabathi  kulindeleke ukuba kungakhokelela ekunyukeni kwenzala kwimali-mboleko kwihlabathini jikelele. Umthamo ophantsi kurhwebo nombhodamo kurhwebo lwhlabathi kubethelelela  ukubaluleka kokuba amazwe ehlabathi kufuneka aqine kwaye achule ukunyathela kwezi nyanga zimbalwa zizayo.

IKhabhinethi ikwaqaphele ukuba iyeyakhona iinzuzo kwixabiso eliphantsi le-oli ekrwada. Njengelizwe elithumela ikakhulu izimbiwa kumazwe angaphandle, uMzantsi Afrika uxhalabile kukuhla okuqhubekayo kwamaxabiso ezimbiwa.

Urhulumente usaqhuba ekwakheni kwiziseko zoqoqosho ezahlukahlukeneyo zeli lizwe, kwaye ingeniso evela ekuthunyelweni kwemveliso kumazwe angaphandle kuyaqhuba ukuxhomekeka ikakhulu kwisinyithi kunye neempahla zorhwebo ezingalungiselelwanga ngokugqibeleleyo.

Ukwehla kwamaxabiso ezimbiwa akukhangeleki ngathi kungatshintsha ngokukhawuleza. Oku kuza kuba neziphumo ezibi kuqoqosho loMzantsi Afrika nakuninzi lamazwe esirhweba nawo kwilizwekazi le-Afrika..

Ukwehla kwexabiso leRandi kule minyaka imbalwa idlulileyo kunika ithemba elingcono kuhlumo lwemveliso ethunyelwa kumazwe angaphandle kwaye, kudityaniswe nexabiso le-oli eliphantsi ehlabathini jikelele, kuye kwanceda kwanika isiqabu kuxinzelelo kwimali ekhoyo karhulumente. Nangona kunjalo, uhlumo olubuthathaka kumahlakani ezorhwebo aphambili oMzantsi Afrika luye lwathetha ukuhla kwezinga ezifunwa ngalo iimveliso zoMzantsi Afrika kumazwe angaphesheya.

Imeko yoqoqosho lwehlabathi jikelele ithathwa njengomngeni ingakumbi kumazwe asakhulayo, nanamaxabiso aphantsi ezimbiwa nokuqiniswa kwemigaqo-nkqubo yezezimali e-USA okubeka uxinizelelo ekungeneni nasekuphumeni kwemali namazinga ohlumo alindelekileyo. Oku kukhokelele ekubeni kungabikho zinzo kuqoqosho lwehlabathi.

IRandi yaseMzantsi Afrika, neseyiphakathi kwezinye zeemali ekurhwetywa ngayo kakhulu yamazwe asakhulayo, ibethwe ngokukodwa zimeko zoqoqosho kwezi veki zisanda kudlula.

Kule meko imaxongo kuqoqosho lwehlabathi, apho onke amazwe ajongene nemingeni enzima iKhabhinethi iphinde yakubethelela ukubaluleka kokuba urhulumente angenelele ngobuchule nangokupheleleyo ukubuyisela isantya uqoqosho obeluhluma ngayo.  

1.2. IsiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) siwalungiselele la manyathelo okungenelela. Urhulumente uza kuthethana namahlakani akhe, ingakumbi abezoshishino nemibutho yezabasebenzi, ukuze kufikelelwe kwizivumelwano ngamanyathelo ekuza kubanjiswana ngawo ukomeleza uqoqosho, ukwakha ukuthembeka, ukunyusa izinga lotyalo-mali nokubuyisela uMzantsi Afrika kwindlela yohlumo lwezoqoqosho oluquka wonke umntu. INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) eza kuba ngomhla we-11 kweyoMdumba iza kuwuthathela ingqalelo lo msebenzi.

1.3. IKhabhinethi iphumeze amanyathelo aluqilima ukubuyisela umzila wezezimali ozinzileyo, iyithathele ingqalelo inkangeleko ebuthathaka yoqoqosho lwehlabathi jikelele kunye nemiphumela yayo apha ekhaya. UMphathiswa wezeMali uPravin Gordhan uza kuwachaza la manyathelo xa esenza intetho yakhe yohlahlo lwabiwo-mali ngomhla wama-24 kweyoMdumba yowama-2016.

2. Inkxaso-mali yezeMfundo ePhakamileyo

IKhabhinethi iziphumezile izilungisokuhlahlo lwabiwo-mali lesizwe apho kuza kuxulwa imali ukuze ixhase iidyunivesithi kungakhange kophulwe izicwangciso zenkcitho ezasibhengezo esasenziwe somda wenkcitho.

UMongameli uJacob Zuma noMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho uBlade Nzimande kutsha nje bachaze ukuba ezi mali ziza kuvala isikroba esivelileyo ngenxa yokunganyuswa kwemali yokufunda ekuvunyelwene ngako kulo nyaka, ukucima amatyala asele ekhulile atyalwa ngabafundi beSkimu soNcedo lwezeZimali saBafundi seSizwe (i-NSFAS) nokuthintela ukukhula kwamatyala lawo kwisigaba esiphakathi.

La manyathelo okua aziziphumo zothotho lweentlanganiso ezaqala kweyeDwarha yowama-2015 nezisaqhubekayo sithetha nje. UMphathiswa wezeMfundo noQeqesho neqela lakhe labalawuli ubambe iintlanganiso ezininzi neenkokheli ze--SASCO, onke amaBhunga abaMeli babaFundi (ii-SRC), uMbutho weeDyunivesithi zaseMzantsi Afrika, iManyano yabaFundi baseMzantsi Afrika , amaGosa aziNtloko zeziGqeba zoLawulo (ii-CEO) we-SETA, uMbutho weNguqu kwezeMfundo ePhakamileyo kunye nekomiti yasePalamente ejongene nezemfundo ephakamileyo.

UMongameli naye ukwadibene kunye neenkokheli zabafundi waza wavakalisa ngokumiselwa kweKhomishini eza kuqwalasela imiba ephakanyiswe kwicandelo lezeMfundo ePhakamileyo. Ezi ndibano zisaqhuba kuba njengorhulumente sikholelwa ekubeni siyafuna ukusebenzela ekufumaneni isisombululo esiza kusabela kuzo zonke ezi ngxaki. Izinyanzeliso zabafundi ziyahambelana neenjongo zenkqubo karhulumente ngokumalunga nezemfundo.

2.1.1. Njengenyathelo elikhawulezileyo, imali eyi-2.3 yeebhiliyoni zeerandi ibekelwe bucala ukuncedisa kwimali ethi yaphela esithubeni yemisebenzi yemihla ngemihla yeedyunivesithi ngenxa yesivumelwano sokunganyuswa kwemali yokufunda ngowama-2016.

2.1.2. Ngonyaka-mali wowama-2016/17, urhulumente uphinde wabekela bucala imali eyi-2.543 yeebhiliyoni zeerandi kwimali karhulumente ukuba iye kwi-NSFAS ukuze ibonelele ngemali-mboleko yokunceda abafundi abachongiweyo abangama-71 753 nabafanelekileyo ukuba bangafumana inkxaso-mali ye-NSFAS kodwa banikwa nje inkxaso-mali engaphelelanga okanye abayinikwa tu kule minyaka yabo mithathu idlulileyo. Oku kuthetha ukuthi aba bafundi bafanelekileyo abazokuthintelwa ekubeni baqhubekeke ngezifundo zabo ngenxa yokuba betyala idyunivesithi.

2.1.3. Enye imali eyi-2.039 yeebhiliyoni zeerandi iza kwabelwa i-NSFAS kunyaka-mali wama-2016/17 ukuze ixhase abafundi abangaxhaswanga okanye abangaxhaswanga ngokupheleleyo abasesedyunivesithi ngowama-2016 ukuze bagqibe izifundo zabo.

Le nkxaso-mali yongeza imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-10 eza kunikezelwa yi-NSFAS kunyaka wemfundo wama-2016.

Urhulumente uzinikele ekuboneleleni ngemfundo yamabanga aphakamileyo yasimahla kubo bonke abafundi abafanelekileyo abangathatha ntweni abakumaziko emfundo ephakamileyo, kodwa oku ngokokuvuma kwepokotho karhulumente. IKhabhinethi ibongoza abafundi, abasebenzi, abahlohli kumaziko emfundo ephakamileyo kunye nabalawuli basezidyunivesithi ukuba basebenzisane norhulumente ukufezekisa le njongo iphambili. Iintshukumo eziphazamisa ukufunda okanye ezidala oko kungafanelekanga okanye ukulindelwa koko kungenakufezekiswa zingathathwa njengezinxamnye nenenkqubela phambili. Ubundlobongela nokugrogrisa akwamkelekanga tu kwaphela.

2.2. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba bakuqonde ukuba ukuba kukho iimeko eziyimingeni kweli xesha sijonge kulo. Uqoqosho lwehlabathini luyadodobala. Iziphumo zamaxabiso aphantsi ezimbiwa sele zibonakala eMzantsi Afrika. Iingxaki zala ekhaya ezifana nokunqongophala kombane zisasombethe. Imbalela emandla yenza kube nzima kumaphondo aliqela.   

IKhabhinethi iqinisekile ukuba abemi baseMzantsi Afrika bayakuhlala besisizwe esikwaziyo ukumelana neenzima, ukusebenzisana ngoxolo nemvisiswano. Ukubhentsa kwabathile kutsha nje ukuba basakholelwa kubuhlanga kuye kwasenza sonke sazinikela nangakumbi ekwakheni isizwe esingenacalucalulo ngokobuhlanga, ngokwesini nesinekamva eliqaqambileyo.

3. Izikhundla

IKhabhinethi ikwamkele ukuqeshwa kwaba balandelayo:

3.1. UMnu Shonisani Mathews Munzhedzi njengoSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): IiNtlobo-ntlobo zeNdalo noLondolozo kwiSebe lezeNdalo.

3.2. UNksz Siphokazi Ndudane njengo-DDG kuLawulo lwezokuLoba kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba

Imibuzo:
Phumla Williams (iSithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Qhagamshela: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore