INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wesi-7 kweyoMnga yowama-2016

Njengoko sisonga unyaka, iKhabhinethi nayo njengabemi boMzantsi Afrika iphawula isikhumbuzo seminyaka emithathu yokusweleka kukaNelson Mandela ngeyoMnga ngowama-2013.

“Izinto esizenza imihla ngemihla njengabemi boMzantsi Afrika kufuneka zikhokelele kuMzantsi Afrika obethelela isizwe esikholelwa nesixabise ubulungisa, esigxininisa abantu abazukileyo nempilo esilungekileyo futhi siwagcina amathemba ethu obomi obuthamsanqelekileyo kuhhi sonke.” – Nelson Mandela

UMadiba wayekholelwa ngokungagungqiyo kwimimiselo yoMgaqo-siseko wethu kunye nephupha lesizwe esikhululekileyo, esinobulungisa nesimanyeneyo esikhokelela kwintlalo ekufuneka sonke sisebenze sijolise kuyo. Ukuze kwenzeke oku, abemi boMzantsi Afrika kufuneka batsho ngazwinye bemanyaniswe ngumbono wesizwe esingcono.

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente

Uqoqowho loMzantsi Afrika

1.1. IKhabhinethi iyiqhwabela izandla intsebenziswano entle yeQela loMzantsi Afrika (i-Team SA) – elenziwe ngurhulumente, amashishini, imibutho yabasebenzi kunye nabo bonke abemi boMzantsi Afrika – ngokutsala ngamxhole-mnye lilwele ukukhusela indawo obekwa kuyo uMzantsi Afrika kwezorhwebo. Ngokusebenza nzima nangokubambisana, uqoqosho kunye nendlela abatyali-zimali abaluthemba ngayo uqoqosho lweli ziye zazinziswa kula maxesha anzima oqoqosho oludodobalayo.

UMongameli Jacob Zuma waseka i-Team SA ngeenjongo zokukhuthaza amacandelo ahlukeneyo ukuba asebenzisane ukuze kukhwezelwe uqoqosho lweli, kutsalwe utyalo-mali kudalelwe abantu beli imisebenzi. Le misebenzi mihle kufuneka isikhuthaze ukuba sisebenze nzima nangakumbi ukuze siqhubele uMzantsi Afrika phambili.

1.2. I-Moody’s Investor Services, Fitch Ratings kunye neStandard & Poor’s ziwugcine kwindawo ubukuyo uMzantsi Afrika ngokwesakhono sokukwazi ukubhatala izikweliti, izinga elo lingaphezulwana kwelo lilelona lisezantsi.

Iinkxalabo eziphakanyiswe zezi arhente ziza kuthathelwa ingqalelo futhi ngokusebenzisana namahlakani ethu ezoqoqosho sikhawulezisa amanyathelo okungenelela ukuze kuphuculwe uqoqosho lweli. IKhabhinethi isenalo ithemba lokuba iinkqubo ezikwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) kunye nezicwangciso ezikhoyo zokuqinisa isandla kwindlela olulawulwa ngayo uqoqosho, kunye nokuqaliswa ukusetyenziswa kwesiCwangcico esinamaNqaku aliThoba, ziza kunceda uMzantsi Afrika uhlale ukweli zinga ubekwa kulo ngokwezotyalo-mali.

1.3. IKhabhinethi ikuqaphele ukuba isambuku semveliso (i-GDP) yoMzantsi Afrika sikhule nge-0.2% kwikota yesithathu. Amacandelo abenegalelo elikhulu ekukhuliseni i-GDP licandelo lezemigodi nelezekwari, elezemali, elokuthengiswa kwezindlu nemihlaba kunye neleenkonzo zoshishino kwakuye neelenkonzo zikarhulumente ngobubanzi. Icandelo lezolimo, elezamahlathi kunye nelezokuloba anciphe nge- -0.3%; elezemizi-mveliso nge- -3.2%; elezombane, igesi kunye namanzi nge- -2.9%; elezorhwebo, elozokulungisa ukutya kunye nelezeendawo zokuhlala nge- -2.1%. Imbalela yiyo esenegalelo elikhulu kwingxaki yokuhla kwezinga elikhula ngalo icandelo lezolimo.

1.4. Ukunikezelwe kwamaxwebhu angamalungelo omhlaba nezindlu kwiziphaluka ezihlanu zaseBahurutshe nguMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba, uMnu Gugile Nkwinti, kulelinye lamabango omhlaba amakhulu omhlaba obuyisiweyo eMotsane Game Farm cebu kuhle naseZeerust eMntla Ntshona.

Umhlaba ozihektare ezingaphezulu kwamawaka angamashumi amahlanu anane (54 280), oquka ifama enezilwanyana zasendle, uza kubuyiselwa.

Futhi, kunye nokuphehlelelwa kwenkqubo yokulingwa kwesiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo wokuLwela amaLungelo Athile Abantu abaSebenza uMhlaba (umgaqo-nkqubo womakulingwane okanye i-50/50) saseMntla Ntshona eStars Away Farm e-Ottoshoop, eZeerust kulandela ukuqukunjelwa kwesivumelwano esiza kukhokelela ekubeni abasebenzi basezifama kunye nomfama babengabanikazi bale fama.

1.5. Iziseko ezingungoqo ziyinxalenye yesiCwangciso sikarhulumente seSizwe seziSeko ezinguNdoqo ukuzisa iinguqu kuqoqosho ngeli thuba sidala imisebenzi emitsha futhi siphucula umgangatho nesantya esinikezela ngaso iinkonzo ezisisiseko.

Ukuphehlelelwa kwe-Mokolo and Crocodile River (West) Water Augmentation Project kubonisa ukuzinikela kukarhulumente ekusabeleni kwizidingo zabemi beli. Eli ziko lokuhanjiswa kwamanzi liza kusa amanzi kuMasipala weNgingqi waseLephalale, kwizikhululo zombane zika-Eskom (iMatimba neMedupi), kwiziko lokucocwa kwamanzi amdaka laseZeelanda nakumgodi wakwa-Exxaro iGrootegeluk Mine. Liza kuthumela amanzi asuka kumlambo iCrocodile River West okufutshane naseThabazimbi kummandla waseLephalale.

1.6. Iziko lokuCoca Amanzi Amdaka laseWelgedacht kufutshane naseSprings, eGauteng, landisiwe ukuze likwazi ukumelana neengxaki ezikhulayo zokucocwa kwamanzi amdaka.

Ukuze kuphungulwe ukungcola kuMlambo iLigwa, iSebe lezaManzi noGutyulo lilungise ngokutsha iZiko lokuCocwa kwaManzi Amdaka lase-Oranjeville kuMasipala wesiThili iMetsimaholo kunye neZiko lokuCocwa kwaManzi Amdaka laseLeeuwkuil kuMasipala wesiThili wase-Emfuleni ngemali exabise izigidi zeerandi ezingama-44.4. Futhi imali engaphezulu kwizigidi zeerandi ezingama-300 ibekelwe bucala ukulungiselela ukuvuselela amaziko okucoca amanzi amdaka angama-26 kwiindawo ezithile zaseGauteng naseFreyistatha.

1.7. IKhomishini ye-Orange-Senqu River Basin iyaqhuba sithetha nje ukusuka ngomhla wesi-5 ukuya kowesi-9 kweyoMnga ngowama-2016 e-Emperors Palace eKempton Park. UMzantsi Afrika, iLesotho, Botswana kunye neNamibia ngamazwe angamalungu ale khomishini. Le khomishini iphumeza isicwangciso-sikhokelo esibalulekileyo sokulawulwa kwamanzi amazwe ahlukeneyo kwaye sisebenzela neenjongo zophuhliso zexesha elide zesi sithabazi semilambo.

1.8. Iqonga elitsha le-Afrika iyonke, iVeki yase-Afrika yoRhwebo yowama-2016, ibibanjwe ukusuka ngomhla wama-28 kweyeNkanga ukuya kowesi-2 kweyoMnga phantsi komxholo othi: “Ukumilisela iiNguqu kwiziSeko zeNtlalo nezoQoqosho ngokusebenzisa uRhwebo phakathi kwamazwe ase-Afrika. Le ndibano inike iqonga elizeleyo, elihlanganisiweyo kunye neliquka onke amazwe lokuba kugwadlwe imigaqo-nkqubo phakathi kwamahlakani ezorhwebo ahlukeneyo.

UMphathiswa wezoRhwebo noShishino uGq Rob Davies, uthathe inxaxheba kwiiNgxoxo zoMmandla weli Lizwekazi oNgahlawulisani ziRhafu zoRhwebo (i-CFTA), owamiselwa ngethuba leNdibano yeMbumba ye-Afrika (i-AU) eyayibanjelwe eMzantsi Afrika ngomhla we-15 kweyeSilimela ngowama-2015. Iinjongo ze-CFTA kukukhuthaza urhwebo phakathi kwamazwe ase-Afrika nokwakha i-Afrika emanyeneyo enabantu abayibhiliyoni ne-GDP elinganiselwa kwitriliyoni eziyi-2.6 zedola zaseMelika.

1.9. Umjikelo wesibini weNdibano yaseMzantsi Afrika yezeNzululwazi ubanjwe phantsi komxholo othi “Ukuqalisa iingxoxo ngezenzululwazi” ukusukela kumhla wesi-8 ukuya kowesi-9 kweyoMnga e-CSIR International Convention Centre. Oosonzululwazi, izikhulu ezinamagunya okuqulunqa imigaqo-nkqubo, abafundi, izifundiswa kunye noluntu bagwadla imiba ebalulekileyo emalunga nezenzululwazi, ezobuchwepheshe kunye nobuchule bokuyila.

Kulo nyaka kuza kugxininiswa kwezenzululwazi yezentlalo, kwaye iingxoxo-mpikiswano ziquka owona mvuzo usezantsi ubani anokuphila ngawo kunye nenani labafundi abashiya phakathi kwiidyunivesiti zoMzantsi Afrika ekuthiwa ngama-60%. Ezinye izihloko ziquka ufuduko olubangelwa luguquku-guquko lwemozulu, uluvo loluntu ngeziphili ezikhuliswe ngoomatshini, ukubakho kokutya okwaneleyo nokuba icandelo lezenzululwazi yezentlalo linganagalelo lini kwikamva le-Afrika.

URhulumente wemimandla

1.10. INkomfa yeSizwe yoMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA) ibisanda kubanjwa ukusuka ngomhla wama-28 kweyeNkanga ukuya kowoku-1 kweyoMnga ngowama-2016 iye yaqukunjelwa ngokuzibophelela kwakhona kwinkqubo yokuBuyela kuNdalashe kunye nokukhuthaza indlela zokuhlala ezingachwetheli abanye abantu ngaphandle ngokuphunyezwa kwesiCwangciso-sikhokelo esiHlanganisiweyo soPhuhliso lweeNdawo eziseziDolophini (i-IUDF). I-IUDF igxininisa umbono wokudala “izixeko needolophi ekuhlalekayo kuzo, ezikhuselekileyo kunye nezingasebenzisi kakubi iziseko ezibalulekileyo futhi ekuhlaliswana ngoxolo kuzo, ezingakhupheli abanye ngaphandle ngokwezoqoqosho futhi nezikumngangatho wehlabathi, apho abahlali bathatha inxaxheba kangangoko kubomi basezidolophini”.  

UbuTshantliziyo bokuLwa ubuNdlobongela obuJoliswe kwabaseTyhini nabaNtwana

1.11. Eli phulo liqhubayo ngoku leeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo bokuLwa ubuNdlobongela obuJoliswe kwabaseTyhini nabaNtwana lowama-2016 phantsi komxholo othi: “Nam Ndibale: Sisonke Siqhubela uMzantsi Afrika Ongenabundlobongela Phambili” elaphehlelelwa nguMongameli Zuma, liqalise iphulo i-#365 days of Activism. Njengenxalenye yokuqinisekisa ukuba wonke umntu uyazifumana iinkonzo zikarhulumente, ingakumbi abo bantu basesichengeni, ukumiselwa kwecandelo lokunceda abo bakhubazekileyo kwiZiko lobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini elivula imini nobusuku kuza kunceda abantu abangevayo ngeendlebe ukuba bazifumane iingcebiso zeengcali ezifumaneka kweli ziko.

1.12. IKhabhinethi iyakubethelela ukuba izigxibha kabukhali nazo naziphi na izenzo zobundlobongela ezibangelwa yintiyo. Urhulumente uyaqhubeleka nemizamo yakhe kwimiba yokukhuseleka kwabantu abathandana nabesini esinye, abo banezini ezibini okanye abo baphila okwamabhinqa kodwa benamalungu esini sobudoda. UMthetho oYilwayo wokuThintela nokuLwa amaTyala eNtiyo neeNtetho zeNtiyo, ekusaboniswanawo ngawo, uza kuphucula ukunyanzeliswa ukuthotyelwa kwawo wandise nenani labo batshutshiswayo ngenxa yokuwaphula.

EzeMpilo

1.13. Umsitho wokukukhunjulwa koSuku lweHlabathi lukaGawulayo (i-AIDS) ngomhla woku-1 kweyoMnga ngowama-2016, phantsi komxholo oith “Kusezandleni zethu ukuphelisa iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) nesifo sephepha (i-TB)”, ubukhokelwa nguSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa, wenziwe wandiliseka nangokuphehlelelwa kwamaphulo okulinga ichiza leNtsholongwane kaGawuluyo (i-HIV) noGawulayo elibizwa ngokuba yi-HVTN 702.

IKhabhinethi ibothulela umnqwazi oosonzululwazi baseMzantsi Afrika abakhokela olu phando lwezonyango. Eli phulo lokulinga lelinye lawona makhulu kwihlabathi yaye libubungqina izakhono ezitshatsheleyo zeengcali zezenzululwazi nezamachiza zeli.

1.14. Urhulumente uyaqhuba nokusebenzisana nawo onke amahlakani  - aquka i-PHILA kunye neBhunga lesiZwe zoMzantsi Afrika likaGawulayo – ukuzama ukuwuphelisa nya uGawulayo, ukulwa lingenyuki inani labo bosulelwa yi-HIV okokuqala, nokuphelisa ubhubhane wesifo sephepha (i-TB) nokukhuthaza bonke abemi beli ukuba baphile ngendlela engagxagxisi ubomi neempilo zabo.

UMzantsi Afrika ufikelele kumda ubuzibekele wona ngokwachiza okuthomolalisa i-HIV (i-ARV) kwaye sithetha nje sineyona nkqubo ye-ARV inkulu kwihlabathi liphela, enabantu abasebenzisa ii-ARV abazizigidi eziyi-3.4 ngowama-2015. Kufikelelwe kwinani ekwakujoliswe kulo lokukhusela ukosulelwa kosana ngunina, elehle kakhulu lisuka ngaphezulu kwe-3.5% ngowama-2010 laya kutsho ku-1.8% ngowama-2014.

Inani labantu abatsha abaneminyaka ephakathi kweli-15 nengama-25 abosulelwa yi-HIV ngenxa yokwabelana ngesondo lihlile lisuka kuma-410 000 ngowama-2011 laya kutsho kuma-330 000 ngowama-2014. Inani labo bosulelwa yi-TB okokuqala kunye nabo babulawa yi-TB lehlile, kodwa inani ebesijolise kulo lama-50% labo babulawa yi-TB akufikelelwanga kulo.

Iikhondom zamadoda ezingaphezulu kwezigidi ezingama-800 kunye nezabasetyhini ezingaphezulu kwezigidi ezingama-20 kunikezelwe ngazo kulo nyaka-mali uphelileyo. Ngethuba lephulo lovavanyo lwe-HIV kwavavanywa i-HIV kubantu abazizigidi ezingama-35 kwisithuba seminyaka emihlanu. UMzantsi Afrika unoomatshini i-GeneXpert abangama-300 ekwiindawo ezahlukeneyo zeli kwaye kuvavanywe abantu nge-GeneXpert abazizigidi eziyi-2.1. ngowama-2016 uMzantsi Afrika waqalisa inkqubo ehlangeneyo yokuvavanya nokunyanga apho umntu one-HIV enikwa amayeza nokuba umlinganiselo we-CD4 yakhe uthini na.

ULawulo Lweentekele

1.15. Intlanganiso yabaPhathiswa boMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) abajongene nolawulo lweengozi eziyintlekele ibibanjwe ngomhla wama-26 kweyeNkanga ngowama-2016 eMauritius kwaye usihlalo wayo ibinguMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano nemiCimbi yeMveli, uMnu Des Van Rooyen.

Kule ntlanganiso kwamkelwa isiCwangciso-qhinga seNgingqi sokuLungela nokuSabela kwiiNtlekele kwaze kwamiselwa neQela eliza kumisela ingxowa-mali yokulungela kunye nokusabela kwiintlekele. Iqumrhu lolawulo lwe-SADC liza kubiza intlanganiso yabaPhathiswa boLawulo lweeNtlekele kunye nabazeziMali ukuba kuqwalaselelwa le ngxowa-mali icetywayo yokulungela nokusabela kwiintlekele.

Ezolutsha

1.16. Njengenxalenye yenkqubo yokuphuhlisa abantu abatsha, ivuliwe iNdibano yesihlanu yoLutsha yeSizwe e-3 South African Infantry Battalion kufutshane naseKimberley eMntla Koloni liSebe lezoPhuhliso loLuntu kunye nelezoKhuselo namaGqala eMfazwe, phantsi komxholo othi #Emva kweminyaka engama-40 – Ulutsha luqhubela uMzantsi Afrika phambili.

Kule ndibano bekukho abantu abatsha abali-1 000 abazintlanga, izizwana, izini ezahlukeneyo futhi abaphuma kumakhaya afume ngokwahlukeneyo nabathetha iilwimi ezahlukeneyo futhi besuka kuwo onke amaphondo ngeenjongo zokugxininisa ukuba sisizwe esinye, ukwakha isizwe, ukukhuthaza iintsebenziswano esizweni, ubuthandazwe kunye nohlobo lommi othatha inxaxheba kubantu abatsha baseMzantsi Afrika. Kuza kubanjwa iingxoxo ngemingeni emininzi abantu abatsha abajongene nayo.

Ukusukela kwiNdibano yokuQala yoLutsha yeSiwe ngowama-2012, abantu abatsha abathatha inxaxheba badlale indima enkulu kumaphulo ophuhliso ahlukeneyo kwiindawo abahlala kuzo. Le Ndibano yoLutsha inika abantu abatsha ithuba, okungoku nje nabo bazinkokeli kwiindawo abahlala kuzo, lokuba babaliselana ngamava abo nabanye abantu abatsha.

Isicwangciso sesizwe sophuhliso (I-NDP)

1.17. I-NDP ngumbono kunye nesicwangciso sexesha elide esiza kusebenza njengesikhokelo somsebenzi ekufuneka wenziwe ukuze kufikelelwe kwisizwe soMzantsi Afrika esiyokozela ngamathamsanqa ngowama-2030. Eyona miba ingundoqo nephambili ye-NDP kukulwa indlala, intswela-ngqesho kunye nokungalingani.

1.18. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kumacandelo okuhlala, amashishini, imibutho yabasebenzi neyoluntu ukuba adlale indima ekugqamiseni igama neempawu ze-NDP ngokugxininisa ukhuphunyezwa kwe-NDP ngokusebenzisa amalinge aneempawu nemibhalo ye-NDP kunye neyalo mahlakani abalulekileyo ekuphunyezweni kwesicwangciso.

1.19. Amalungu eKhabhinethi aye afota ukuphawula ikhwelo lokuba makubhinqwe omfutshane kusetyenzwe ngawo amacandelo okuhlala kusetyenziswa iimpawu nemibhalo ye-NDP.

2. Izigqibo zeKhabhinethi

2.1. IKhabhinethi iyamxhasa uMphathiswa wezoThutho, uNkszn Dipuo Peters, ngokuyalela iTransnet National Ports Authority, ngokweCandelo 79, icandelwana (1) loMthetho weSizwe wamaZibuko, wowama-2005 (uMthetho 12 wowama-2005) ukuba kutshintshwe isiVumelwano seNkampani eseBenza emaziBukweni ukulungiselela ukuba inkampani i- Strategic Fuel Fund igcine imithwalo yePetroli kwiziBuko laseSaldanha Bay. Isivumelwano sokuqeshisa esikhoyo ngoku kunye nelayisensi yeStrategic Fuel Fund ziza kwandiswa isithuba esiyiminyaka engama-25 ubuncinane ukuze kubekho uzinzo nokuqiniseka kurhwebo kwakunye nakwimisebenzi kulungiselelwa ukuba utyalo-mali lungahexi kwicandelo le-oyile nelegesi.

Oku kuhambelana nemiba ekhokeliswe phambili kwi-Operation Phakisa malunga nokuKhulisa uQoqosho lwaseLwandle kwakunye nezinye iinjongo ezibanzi ze-NDP, ukuze kukhuthazwe uhlumo loqoqosho kwandiswe namaphulo adala imisebenzi.

2.2. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngemeko yeprojekthi yokuMfimfa kwe-Asidi yoMgodi “Imisebenzi Engxamisekileyo” eyaqaliswa njengesisombululo sexeshana kwingxaki yokuMfimfa kwe-Asidi yoMgodi kwimigodi yaseWitwatersrand. Isisombululo sexesha elide siza kuqaliswa ukusetyenziswa kulandelwa izindululo ezinikwe yiKomiti yabaPhathiswa AbaHlukeneyo (i-IMC).

Ukuba sisizwe esinengxaki yokunqongophala kwamanzi, iprojekthi yokuMfimfa kwe-Asidi yoMgodi ikhokelisa ukongiwa kwamanzi nokuba alungiselelwe ukusetyenziswa kwakhona, ukuqinisekisa ukuba kukho amanzi okusela afanelekileyo acociweyo kuyekwe ukuba kuxhonyekekwe kumanzi acocekileyo kuphela kwimizi-mveliso. Okunye, le projekthi ikwanciphisa nongcoliseko kunye nezinye izinto ezinefuthe elibi.

2.3. IKhabhinethi iwuphumezile uMgaqo-nkqubo weSizwe wezoGutyulo, wowama-2016 ukuba ungaqalisa ukusebenza. Oku kulandele iindibano ezininzi zokubonisana nokuwugwadla. Lo mgaqo-nkqubo ukhokelisa ukubaluleka kwempilo yabantu xa kusenziwa uphuhliso kwaye ujongise phambili ngokubhekiselele kuphuculo lomgangatho weenkonzo, ubuchule bokuyila izinto ezintsha nobuxhakaxhaka bobuchwepheshe obufanelekileyo ukuze kuqinisekiswe ukuba kuphuculwa ubomi babantu abangathathi ntweni.

2.4. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kweengxelo yeeNkcukacha-mani zeSizwe zolwaPhulo-mthetho zeekota ezimbini zokuqala zowama-2016/17, nguMphathiswa wezamaPolisa, uMnu Nkosinathi Nhleko. Ukukhutshwa kwezi ngxelo rhoqo ngekota kunceda urhulumente ukuba abone ukuba kumaxa aphi na kwiinjongo zakhe azimisele zona, ingakumbi mayelana nokuphungula izenzo zolwaphulo-mthetho olumanyungunyezi ezixeliweyo kwabasemagunyeni, njengoko kumiselwe kwiNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi (i-MSTF) kwaye zingasetyenziswa njengesilumkiso somonakalo ongekehli kuze kuqiniswe amaphulo okulwa ulwaphulo-mthetho namanye amacebo amasebe karhulumente ahlukeneyo. UMphathiswa uNhleko uza kuzikhupha ezi nkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho ngomhla wama-31 kweyoMqungu ngowama-2017.

2.5. IKhabhinethi iyivumile iNgxelo yesiBini yeSizwe malunga nokuphunyezwa koMqulu wase-Afrika wamaLungelo neNtlalontle yabaNtwana (uMqulu wabaNtwana) ukuba ingeniswe kwi-AU nngeyoMqungu ngowama-2017.

UXwebhu lwabaNtwana lwamkelwa yi-AU ngowe-1990 kwaye iluxwebhu olutyebileyo olucacisa amalungelo kunye nemigaqo nemimiselo engemeko yabantwana. INgxelo yesiBini yeSizwe icacisa umgama osele uhanjiwe malunga nokuphunyezwa koluhlu lwemigaqo-nkqubo kunye nemithetho karhulumente ukuze kulwelwe, kukhuselwa futhi kuhlonitshwe amalungelo abantwana. Le ngxelo iyawachaphazela namalinge aqhubekekayo naphucukileyo okuqinisa iinkqubo neeprojekthi zokulwela amalungelo abantwana.

2.6. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeziphumo zeNtlanganiso ye-17 yamaZwe angamaLungu (i-COP 17) esiVumelwano soRhwebo lwaMazwe ngamazwe ngeziTyalo neziLwanyana zaseNdle eziseMngciphekweni wokuTshabalala (i-CITES), ibisingathwe nguMzantsi Afrika ukusuka ngomhla wama-24 kweyoMsintsi ukuya kowesi-05 eyeDwarha ngowama-2016.

La mazwe angamalungu avumelene ngamanyathelo aza kuphunyezwa ngokwesi siVumelwano ukuze kuqinisekiswe ukuba urhwebo lwamazwe ngamazwe luyaqhuba luze lona urhwebo olungekho mthethweni lusitshulwe neengcambu. La mazwe aphinda avumelana ukuba abantu kufuneka baxhamle kubutyebi bawo bendalo, kuquka nakurhwebo ngabo olusemthethweni lwamazwe ngamazwe.

2.7. IKhabhinethi izivumile izimvo uMzantsi Afrika oza kuxoxela phezu kwazo kwiNtlanganiso ye-13 ye-CoP ngesiVumelwano seyaNtlukwano kwezeNdalo (i-CBD COP 13) kunye nemithetho yayo eza kubanjelwa eCancun, eMexico ukusuka ngomhla wesi-4 ukuya kowe-17 kweyoMnga ngowama-2016.

I-CBD COP13 iza kuqwalasela le miba ingundoqo ilandelayo: Ukusetyenziswa kwezixhobo zokusebenza, Ukuziswa kwemiba yezeNdalo Ngaphambili kunye nokuHlanganiswa kweNtlobo-ntlobo zeNdalo namanye amacandelo; kunye neeNtlobo-ntlobo zeNdalo zaseLwandle naseluNxwemeni.

2.8. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngomgama osele uhanjiwe ngurhulumente mayelana nokusabela kwizenzo zokuhlaselwa kwabemi bamazwe angaphandle kunye nokulungisa unobangela woku.

Ekhokelwa yi-IMC yezoFuduko, urhulumente waqalisa nge-Operation Fiela, eyathi yabuthomalalisa ubundlobongela. Ukusuka ngomhla woku-1 kweyeKhala ukuya kowama-30 kweyoMsintsi ngowama-2015, kwaqhutywa amaphulo ogqogqo angama-702 athi akhokelela ekubanjweni kwabantu abangama-9 741 kubo abangama-3 158 eyayingabantu bamazwe angaphandle.

Umsebenzi okusabela kule nto kanye ingunobangela wokuhlaselwa kwabemi bangaphandle wabonisa ukuba kukho ukrutha-kruthana okuninzi ngamathuba ezoqoqosho, izixhobo zokusebenza kunye neenkonzo zikarhulumente phakathi kwabemi bamazwe angaphandle kunye nabemi boMzantsi Afrika abangaphengeliyo futhi bengathathi ntweni abahlala ezilokishini nakwimimandla engamatyotyombe.

Ukuphunyezwa kokugqibela kwePhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wokuFuduka kwiHlababathi kucetywe ukwenziwa ngeyoKwindla ngowama-2017, kwaye uza kuquka umthetho ogxininisa ukubaluleka kokukhuseleka kwelizwe into leyo iza kunceda ukulawula abo bafuna amaphepha-mvume okuba zimbacu. IKhabhinethi ikwawuvumile noMthetho-siHlomelo oYilwayo weeMbacu ngeyoMsintsi ngowama-2015 ukuba uthiwe thaca ePalamente kwaye iSebe leMicimbi yezeKhaya liza kungenisa uxwebhu kwi-SADC licele ukuba kubanjwe iingxoxo malunga neendlela zokulungisa ingxaki yofuduko kulo mmandla. Kukho nomhlaba othengiweyo ngowama-2015 eLebombo eMpumalanga  ukuze kwakhiwe amaziko okuqwalasela izicelo zokuba yimbacu kufutshane nomda.

2.9. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngezakutsha nje malunga nokuphunyezwa kweNkqubo yeSizwe yokuHlola ecaciswe kwiNgxelo yoNyaka yokuHlola yowama 2016 ukuya kowama-2017 futhi yaze yamkela isiCwangciso seSizwe soHlolo sesithandathu sowama-2017 ukuya kowama-2018.

INkqubo yeSizwe yoHlolo kungoku nje imiselwa ngokusesikweni kuye wonke urhulumente kwaye iqokelela iinkcukacha ezibubungqina emva kwemisebenzi yohlolo lwezoqoqosho eli-16; imisebenzi yohlolo yezolimo/ezasemaphandleni emithandathu; imisebenzi yohlolo yohlaliso loluntu esixhenxe kunye nesicwangciso esibonisa ubungqina; imisebenzi yohlolo yezabantwana emihlanu; kunye nemisebenzi yezokhuseleko emine (kukho eminye emibini yohlolo eqalayo ngoku).

IKhabhinethi ikubethelele ukuba amasebe kufuneka abekele bucala imali eyaneleyo ukuze kukwazi ukuqhutywa iinkqubo zokuhlola nokuvavanya eziza kuza nolutho kunye noncedo ukwenzela ukuba iinkqubo zibe neziphumo kunye noncedo.

2.10. IKhabhinethi ixelelwe ngeziphumo kunye nezindululo ezivela kuphando ebeliqhutywe liSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo (i-DPSA) malunga nokufukileleka kwamaziko iiThusong Service Centre ngokweendawo emi kuzo. La ngamaziko karhulumente anakho konke kwaye uluntu lufumana ulwazi kunye neenkonzo kuwo.

Olu phando luphakamisa ukuba la maZiko kufuneka  afikeleleke kumntu wonke ngokufanayo nokudityaniswa ndawonye kwee-ofisi zokunikezela ngeenkonzo zamasebe angundoqo kulungiselelwa ukuba babe baninzi abantu abazifumanayo iinkonzo, kuphungulwa imigama ehanjwa ngabantu kunye neendleko zokukhwela; kuphungulwa namathuba okuba kufuneke ukuba kuchithwe enye imali kusakhiwa amanye amaziko. Ukongeza kwezi Thusong Centre zili-197 zikhoyo, olu phando liphinde lwakhomba ezingama-67 futhi lwakhuthaza ukuba ziqwalaselwe apho umgangatho weenkonzo kufuneka uphuculwe ukuze kwaneziswa izidingo zabantu kuze kuphungulwe nobude bemigama ehanjwa ngabantu ukuya kula maziko.

2.11. IKhabinethi ixelelwe ngezibonelelo ezikumyalelo ongokuxhotyiswa ngezakhono okunyanzelekileyo, iintsuku zoqeqesho ezisisinyanzelo kunye nezinto ezifunekayo ukuze ubani abe unokuqeshwa kwiNkonzo yabaLawuli abaPhezulu (i-SMS). Oku kuza kuphucula umgangatho wezakhono zabasebenzi, into leyo ibalulekileyo kwizakhono zikarhulumente ekwenzeni umsebenzi wakhe kwaye futhi inegalelo kwi-NDP efuna ukwakha isizwe esinakho nesigxininisa kuphuhliso.

2.12. IKhabhinethi ifake uchatha we-2.5% kwimivuzo yabasebenzi beKhomishini yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika ukusuka ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2016.

3. ImiThetho esaYilwayo

IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwale miThetho isaYilwayo ePalamente:

3.1. UMthetho osaYilwayo woLwaphulo-mthetho lwe-Intanethi kunye noKhuseleko lwe-Intanethi wowama-2016, oqinisa inkqubo yobulungisa njengoko kucacisiwe kwi-NDP, ngokulwa ulwaphulo-mthetho lwe-intanethi, ukuqesha abantu abaza kukwazi ukujongana nokhuseleko lwe-intanethi nokukhusela iziseko ezigcina ulwazi olubalulekileyo.

Lo mthetho uza kuncedisa ekwakheni isizwe esikhuselekileyo njengoko kucaciswe ngolo hlobo kwi-NDP. Ngoko ke, urhulumente uzimisele ukubeka imithetho nemiqathango eza kwenza ukuba kuthenjwe ukuba iiNtlobo zobuChwepheshe boLwazi noNxibelelwano zisetyenziswa ngendlela engazi kuvula zikroba kukhuseleko.

3.2. UMthetho osaYilwayo weeNkundla zeeNkokeli zoMthonyama wowama-2016, ofaka igalelo kwiphulo lokusebenzela ukufikelela kwisizwe esigxininisa uphuhliso, esinezakhono kunye nesilawulwa yimigaqo exabise intsulungeko kwindlela yokuziphatha ngokuthi imisele imithetho elawula imisebenzi nendima yeenkokeli zomthonyama xa kulanyulwa iimbambano, kulandelwa uMgaqo-siseko woMzantsi Afrika.

Oku kuza kwenza ukuba wonke umntu akwazi ukuzixhamla iinkonzo zobulungisa futhi sibe sisizwe esiphilisana ngemvano.

3.3. UMthetho-sihlomelo osaYilwayo weNkqubo yoLwaphulo-mthetho wowama-2016, olungisa uMthetho weNkqubo yoLwaphulo-mthetho, wowe-1997 (uMthetho 51 wowe-1977).

Ezi zilungiso zinika iinkundla amagunya abanzi okuthatha izigqibo ngokokubona kwazo xa ekhupha imiyalelo echaphazela abantu abasesichengeni sokuxhatshazwa, abo bantu ngabantu abanokukhubazeka ngokwengqondo. Iinkundla ziza kuncediswa nangokuba zithathe izigqibo ezingekho nxamnye nomthetho futhi ezifanelekileyo ezisekelwe kwiingxelo zeqela leengcali elisekwe ngokufanelekileyo.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli waseZambia u-Edgar Lungu uza kube ekuTyelelo lwasebuRhulumenteni eMzantsi Afrika ukusuka ngomhla wesi-8 ukuya kowe-9 ngeyoMnga ngowama-2016. Kulindeleke ukuba kuphehlelwe iKhomishini esisiGxina yala Mazwe Omabini eza kuba liliso lesiVumelwano esiBanzi sowe-1996 kunye nesiBhengezo seeNjongo esisisikhokelo sezivumelwano zamazwe amabini.

La mazwe mabini anobudlelwano bentsebenziswano nobezoqoqosho obufudumeleyo, kwaye ilizwe laseZambia lilenye lamazwe amathathu aphambili angamahlakani orhwebo oMzantsi Afrika kweli lizwekazi le-Afrika.

Iimpahla ezithunyelwe eZambia nguMzantsi Afrika ngowama-2014 bezixabisa imali ezibhiliyoni ezingama-29.5 eerandi, lo gama zona ezithunyelwe yiZambia eMzantsi Afrika ibizibhiliyoni zeerandi eziyi-3.6.

4.2. IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNgqungquthela yase-Afrika yobuChwepheshe boLwazi noNxibelelwano yowama-2017 ngokubambisana ne-AfricanBrains ngenyanga yeKhala ngowama-2017. Lo msitho uza kukhokelwa liSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi.

4.3. Ngomhla we-9 kweyoMnga ngowama-2016, urhulumente wethu esebenzisana ne-Ofisi yeZizwe eziManyeneyo (i-UN) engeziYobisi noLwaphulo-mthetho kunye neDyunivesiti yoMzantsi Afrika (i-Unisa), uza kuphawula kwakhona uSuku lweHlabathi lokuLwa uRhwaphilizo phantsi komxholo othi: “Simanyene Silwa uRhwaphilizo”, mxholo lowo uhambelana nombono we-NDP wokubethelela uhlobo lwabemi abangoyikiyo ukubhinqa omfutshane nabo babambisane norhulumente kwidabi lokulwa urhwaphilizo.

Ukusukela ngowe-2014 siye senza kangangoko kwaze kwagwetywa abantu namaziko angama-90 ngenxa yamatyala orhwaphilizo neminye imiba enxulumene norhwaphilizo. Amatyala angama-32 ibingamatyala apho imali iyonke ibichaphazeleka ibizizigidi ezihlanu zeerandi ityala ngalinye, ize iyonke ibe zibhiliyoni zeerandi eziyi-3.1.  Aba bashiyekileyo bangama-58 bagwetywayo bebenamatyala orhwaphilizo abandakanya imali engaphantsi kwizigidi zeerandi ezihlanu, imali ebandakanyekileyo kula amatyala iyonke zizigidi zeerandi ezili-188.  

Kwakwesi sithuba sinye, sikwazile nokufumana imiyalelo yenkundla engama-871 yokuvala ii-akhawunti ebezinemali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-7.65 kwakunye nemiyalelo eli-1 089 yokuthinjwa kwempahla exabise imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-2.86.

Urhwaphilizo kuliwa nalo kusetyenziswa izixhobo ezahlukeneyo, eziquka: imiGaqo yokuziPhatha yabaSebenzi bakaRhulumente; ukusekwa kwamacandelo aneengcali zokulwa urhwaphilizo afana neCandelo lokuLwa uLwaphulo-mthetho lamaQela eMigulukudu loMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS); iCandelo loPhando lwamaTyala Angxamisekileyo: iCandelo loLwaphulo-mthetho oluloDwa lwezoRhwebo leGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA); iCandelo leSizwe looNothimba kunye neZiko loPhando ngokuThutyeleziswa kweMali. La malinge anikwa ulwamvila ziNkundla zamaTyala ezoRhwebo awoDwa kunye nokuvulwa kwenombolo yomnxeba yokuxela izenzo zorhwaphilizo.

4.4. Unyaka wama-2016 uphawula iminyaka engama-20 yokutyikitywa koMgaqo-siseko weRiphabhulikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 wangumthetho ngulowo wayesakuba nguMongameli uNelson Mandela eSharpeville ngomhla we-10 kweyoMnga ngowe-1996.

UMgaqo-siseko waba sisikhokelo sesizwe esilawulwa ngokwentando yesininzi futhi nesivulelekileyo apho urhulumente asekelwe kwintando yesininzi sabantu. Usisiphumo sohambo olude lomzabalazo kunye neengxoxo zothetha-thethwano ngamaqela ahlukeneyo apho abezopolitiko, amagqwetha kunye naba babemele imibutho yoluntu bathi badlala indima. UMgaqo-siseko weli uthathwa njengomnye wemigaqo-siseko egxininisa iinguqu nokhomba indlela eya phambili kwihlabathi liphela.

Ukubhiyozela isikhumbuzo seminyaka engama-20 phantsi komxholo othi “Ukubhiyozela iminyaka engama-20 oMgaqo-siseko -   ukuzisa iinguqu ekuhlaleni nokubumba isizwe” urhulumente uza kubamba iindibano zokufakana imilomo noluntu kunye neenkqubo zokufundisa nokwazisa abantu nzulu ngoMgaqo-siseko, ukubaluleka kwawo kunye namalungelo oluntu. Umsitho wesizwe uza kubanjelwa eGeorge Thabe Stadium eSharpeville ngoMgqibelo, umhla we-10 kweyoMnga kowama-2016.

4.5. Umsitho wesizwe wokukhumbula uSuku loXolelwaniso ngoLwesihlanu, umhla we-16 kweyoMnga wowama-2016 phantsi komxholo othi “Ukuvala uMsantsa ngeenjongo zokuFikelela kwiSizwe esingaCaluli ngokobuHlanga”, uza kubanjelwa eGopane Black Aces Ground, eZeerust eMntla Ntshona.

4.6. IKhabhinethi inqwenelela abemi boMzantsi Afrika okuhle kodwa ngeli xesha siya kulo leeholide zokuphela konyaka. Sihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba bafake isandla bancede abanye abantu kunye neentsapho kwiindawo abahlala kuzo ingakumbi abantwana, abantu abadala kunye nabantu abakhubazekileyo.

4.7. Isibhengezo esenziwe yi-SAPS sokuba amapolisa aza kuwabeka phantsi kweliso lokhozi amaziko anodederhu lweevenkile ngeli xesha leeholide zokuphela konyaka sibonisa ngokuphandle ukuba afuna ukuqinisekisa ukuba abemi boMzantsi Afrika abaziva nje bekhuselekile koko bakhuselekile ngenene. Ukutyalwa kwamapolisa aqeqeshwe agqibelela kunye nalawo asaqeqeshwayo kumaziko anodederhu lweevenkile ahlukeneyo mbombo zone zeli kuyinxalenye yendlela yokuqalisa ukusebenzisa inkqubo yokuBuyela kuNdalashe esetyenziswa yi-SAPS ukuze kuqiniseke ukuba amapolisa ayabonakala phakathi koluntu, kuphuculwe indlela enza ngayo umsebenzi wawo nokulwa iintlobo ezahlukeneyo zolwaphulo-mthetho ezithanda ukuqatsela ngethuba leeholide zokuphela konyaka.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babe yinxalenye yabo bafuna isisombululo futhi baqinisekise ukuba eli xesha leeholide zokuphela konyaka likhuselekile kwaye limyoli kumntu wonke njengoko kucacisiwe kwiintlobo zoxanduva kwi-NDP.

Njengoko abemi boMzantsi Afrika beza kungena ezindleleni besiya emakhaya, kufuneka bahlale bethe qwa futhi baqinisekise ukuba iimoto zabo zikulungele ukuba sendleleni. Ukuqhuba ngokwesantya esimeselweyo, ukunxiba amabhanti kunye nokuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala zizinto ekufuneka zingaphazanywa nakancinci xa ubani efuna ukuqinisekisa ukuba ukhuselekile yena buqu kunye nabantu abasecaleni kwakhe.

Njengoko siza konwabela ixesha leeholide zokuphela konyaka, nceda uqhubeleke nokusebenzisa amanzi ngobunono nangononophelo njengoko sisenengxaki yokunqongophala kwawo.

5. Lo nyaka siwuqoshelisayo

Kulo nyaka siwuqukumbelayo kubekho amaphulo otyalo-mali amaninzi abhengeziweyo apha elizweni, into leyo ebonisa ukuba abatyali-mali behlabathi baluthembile uqoqosho loMzantsi Afrika. Oku kukwabonisa nokuba ilizwe lethu lisendleleni eya ekuphuculeni imeko yalo kwaye liyaqhubeleka nokuba lilizwe elinomtsalane kubatyali-zimali. Ukuqaliswa kokusetyenziswa kwesiCwangciso esinamaNqaku aliThoba, i-MTSF kunye namanyathelo okungenelela e-Operation Phakisa kusibeke ethubeni elihle kakhulu lokufikelela kwiphupha loMbono wowama-2030 we-NDP.

Sidale amathuba amatsha orhwebo anjongo yawo ikukwandisa iindlela zokufikelela kubathengi kunye nokuqinisa amakhonkco ezoqoqosho akhoyo. Oku kwaphunyezwa ngeentlanganiso ezaziphakathi kwamazwe ngamazwe namaSebe kaRhulumente athile, iindibano nabatyali-zimali, iintlanganiso zokubonisana namaQumrhu oRhwebo ahlukeneyo kwakunye nokuthatha inxaxheba kwiintlanganiso zesizwe kunye nemiboniso nemisitho yokukhuthaza ukhenketho.

La malinge akhokelela ekunyukeni kwentengiso yeempahla ezinexabiso elithe chatha ezithunyelwa kumazwe angaphandle ngemali eyibhiliyoni yeerandi eyi-1.2, ethi xa ingeniso ngazo idibene iyonke ngonyaka ibe zibhiliyoni zeerandi eziyi-3.8. Ukongeza koku, ingeniso yoTyalo-mali oluZa ngqo luVela kuMazwe Angaphandle (i-FDI) lungazibhiliyoni zeerandi ezili-13.1 ingakumbi kwicandelo lezamandla nelezekhemikhali. Loo nto yenze ukuba ingeniso enokwenziwa yi-FDI ngowama-2016 ibe zibhiliyoni zeerandi ezingama-30.

Ukhenketho lwehlabathi luyaqhubeka ngokudlala indima emandla kumalinge ethu okuphucula uqoqosho, futhi lunegalelo elihle ekudaleni imisebenzi nakuhlumo loqoqosho. Amanani abakhenkethi abafika kweli enyuke nge-14,8% ngowama-2016 xa ethelekiswa naweli xesha linye ngowama-2015. Imali esuka kumazwe angaphandle echithwe kweli kwiinyanga zokuqala zowama-2016 zibhiliyoni zeerandi ezingama-39.3 iyonke, into leyo ibe negalelo kumaphulo okudala imisebenzi kunye nokugcina uqoqosho lwalapha ekhaya luzinzile. Ezi nkcukacha zicacise ngokuphandle ukuba uMzantsi Afrika uselilizwe elithandwayo ngabakhenkethi abaphuma kumazwe angaphandle.

Njengenxalenye yesiCwangciso seSizwe seziSeko ezinguNdoqo kutyalwe imali kwiziseko ezingundoqo kwezemfundo, ezempilo, ezamanzi, ezamandla kunye nezothutho. Onke la maphulo adale imisebenzi aze enza umahluko oncumisayo kwiimpilo zabantu. Uzinzo kwiziko lombane lesizwe kwenze ukuba umbane ungamane ucima eMzantsi Afrika.

Iintlanganiso ezahlukeneyo ezingemiba edlikidla ihlabathi zikhokelele ekubeni kutyikitywe izivumelwano zokuqondana kunye nezinye izivumelwano ezibanzi. Ezi zivumelwano ziza kuba luncedo kumaphulo okuphuhlisa loqoqosho kwaye ziza kuba negalelo ekufezekiseni iinjongo zeli ze-NDP.

Besibambe ngempumelelo uLonyulo looRhulumente beMimandla, futhi sasingatha ngomoya wobuntu eminye imisitho emikhulu. Le misithi iquka: i-AfricaCom; iNgqungquthela yase-Afrika yoLawulo lwe-Intanethi; i-COP17 engesiVumelwano soRhwebo lweHlabathi ngeziLwanyana neziTyalo zaseNdle ezisesiMngciphekweni wokuTshabalala (i-CITES): iNkongolo yeHlabathi yezeJiyoloji yama-35: INkomfa yeHlabathi yama-21 kaGawulayo kunye neminye emininzi. UMzantsi Afrika lilizwe elithandwa kakhulu ukutyelelwa zindwendwe eziphuma kumazwe ehlabathi.

IKhabhinethi ichulumancile kukuba abafundi abaninzi kumaziko emfundo ephakamileyo mbombo zone zeli asivile isicelo sokuba unyaka wama-2016 ungemki namanzi kwaye ibaqhwabela izandla abafundi abangamawaka abathe babhala iimviwo zabo zokuphela konyaka.

Amaqela eli ezemidlalo kunye neembaleki asenze sanebhongo ngokudlala kunye nokuqhuba kakuhle nangomoya wobunye abawubonisileyo kwimiDlalo yee-Olimpikhi yaseRio yowama-2016 nakweminye iminyhadala yemidlalo. Abemi boMzantsi Afrika kumacandelo ahlukeneyo basenze sanelunda ngezakhono neziphiwo zabo futhi bathe bawongwa ngembasa zesizwe nezehlabathi. UMzantsi Afrika sisizwe esinempumelelo.

6. Imiyalezo yovelwano neyokuvuyisana

IKhabhinethi ivuyisana:

6.1. Neqela i-Springbok Sevens ngokuphakamisela phezulu igama leli lizwe ngokuthi liphumelele indebe i-HSBC World Rugby Sevens Series eDubai.

6.2. Nomqeqeshi weqela lokubhexa isikhitshane (i-rowing) waseMzantsi Afrika owaphumelela iimbasa ezimbini kwimidlalo yee-Olimpikhi, uRoger Barrow, okhethwe njengoMqeqeshi woNyaka weHlabathi kwezokuBhexa ngowama-2016 nguMbutho weHlabathi wezokuBhexa.

6.3. NoMongameli olindele ukubekwa u-Adama Barrow, okhethwe njengoMongameli omtsha waseGambia kwaye inethemba lokuba iintlanganiso ezizayo ziza kuba lulutho kuwo omabini la mazwe.

Amazwi ovelwano:

6.4. IKhabhinethi, nayo njengoMongameli Zuma, ivakalisa amazwi ovelwano kubantu baseCuba ngokusweleka kowasekuba nguMongameli kunye negorha letshantliziyo iNgqanga yeNkumanda, u-El Commandante Jefe Fidel Alejandro Castro Ruz, owanikela ubomi bakhe kwinkululeko nozimele-geqe. UMongameli Zuma ebengomnye wooMongameli neeNkokeli zooRhulumente ebezimenyiwe ukuba benze amazwi kwinkonzo ekhethekileyo ebibanjwe eCuba. UCastro wayengagungqi kuluvo lokunyevulela ugonyamelo lobukholoniyali kwilizwekazi lase-Afrika kwaye wadlala indima emandla kumzabalazo wenkululeko woMzantsi Afrika.

6.5. Bonke abemi boMzantsi Afrika bayacelwa ukuba nabo bagxwale emswaneni nabantu baseCuba ngokufaka amagama kwincwadi yamazwi ovelwano ekwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli, enye eseTuynhuys eKapa zize ezinye zibe kwii-ofisi zeeNkulumbuso zamaphondo.

6.6. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kurhulumente kunye nabantu beseFederative Republic of Brazil, ingakumbi kwiintsapho, abahlobo kunye namaqabane amaxhoba enqwelomoya ethe yantlitheka kummandla oneentaba Columbia. IKhabhinethi inqwenelela abo basindayo kule ngozi ukuba bachache ngokukhawuleza.

6.7. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ayo ovelwano ngokusweleka kweGqala loMzabalazo elidumileyo uRiot Makhomanisi Mkhwanazi,  owawongwa ngembasa i-Order of Mendi for Bravery ngegalelo lakhe kwidabi leli lomzabalazo.

6.8. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zemvumi yomculo wezeNkolo eyaphumelele iimbasa ezininzi uSifiso Ncwane, oyenye yemvumi eziphambili zomculo wezenkolo ezakha zaphuma eMzantsi Afrika.

IKhabhinethi yenza umbulelo:

6.9. kumalungu amajelo eendaba ngendima yawo ekuqinisekiseni ukuba izigqibo zeKhabhinethi ziyafikelela kubemi boMzantsi Afrika kuze bakwazi nabo ukuzihlalutya baxoxe ngazo bezazi.

6.10. kumavolontiya nemibutho engekho phantsi korhulumente ngokuzinikela bengajonganga kuvuzwa bancede iintlobo zonke zabantu ngomoya omhle nowokwenene wobuntu.

6.11. kumahlakani kunye nemibutho yabasebenzi ngendima aqhubelekayo eyidlala ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika usendleleni eya apho uqoqosho lukhula ngokulinganayo.

6.12. Kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abathi kubomi babo bemihla ngemihla badlale indima ekwakheni uMzantsi Afrika ongowomntu wonke. .

7. Izikhundla:

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

7.1. UMnu Alvin P Rapea njengoNobhala Wamapolisa.

7.2. UNksz MS Bronkhorst njengeGosa eliPhezulu lemiSebenzi leSebe lezabaSebenzi.

7.3. Mnu D Mashitisho njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) weSebe lezaManzi noGutyulo.

7.4. UNksz L Shange njengeSekela-DG: Ulawulo e-DPSA.

7.5. UNksz TA Fosi njengoMphathi-Jikelele: ULawulo lobuChule e-Government Printing Works.

7.6. UGq Valanthan Munsami njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba soLawulo (i-CEO) ye-Arhente yeSizwe yoMzantsi Afrika yezaseMajukujukwini.

7.7. Abalawuli abangekho kulawulo lwesigqeba kwiBhodi ye-SENTECH:
a) UNksz Ntombizodwa Petunia Mbele (uqeshiwe kwakhona);
b) UNksz Reitumetse Jacqueline Huntley (uqeshiwe kwakhona); kunye
c) noNksz Lungile Myrtle Ndlovu.

7.8. UNksz NJ Dewar njengeGosa eliPhezulu lezeziMali kwa-SAPS.

7.9. Amalungu angekho kwisigqeba solawulo seBhodi ye-Arhente yoMbuso yoLwazi lobuChwepheshe:
a) UMnu Zukile Nomvete (uqeshiwe kwakhona kwaye unguSihlalo);
b) UNksz Seadimo Hessie Chaba (uqeshiwe kwakhona);
c) UMnu Graeme Alvan Victor (uqeshiwe kwakhona);
d) UNksz Nokuzola Nelly Ehrens;
e) Mnu Mahomed Talib Sadik;
f) UNksz Phuti Matlala;
g) UNksz Nelisiwe Magubane;
h) U-Adv Ndumiso Mahlangu;
i) UGq Vuyokazi Felicity Mahlati;
j) UMnu Nkhangweleni Walter Mudau (ummeli we-DPSA); kunye
k) noMnu Job Stadi Mngomezulu (ummeli kaNondyebo weSizwe).

7.10. Amalungu angekho kwisigqeba solawulo seBhodi se-Universal Service and Access Agency of South Africa:
a) UNksz Mawethu Cawe (Chairperson);
b) UMnu Xola Gladman Stock;
c) UNksz Jabulile Nkosi; kunye
d) noMnu Linda Cecil Nene.

7.11. I-Central Energy Fund (SOC) LTD:
a) UMnu Luvo Lincoln Makasi (uSihlalo);
b) UMnu Mosimaneotsile Jim Besnaar; kunye
c) noMnu Neville Israel Mompati.

7.12. UGunyaziwe wezaMandla woMzantsi Afrika:
a) UMnu Christopher Forlee (njenge-CEO kunyenelungu elisisigxina likagunyaziwe).

7.13. INkampani yoMzantsi Afrika yaMandla eNyukliya:
a) UMnu Phumzile Tshelane (uqeshiwe kwakhona njenge-CEO);
b) UGq Gregory Jerome Davids; kunye
c) noMnu Samuel Matlobela Sekgota.

7.14. Amalungu eBhodi ye-National Radioactive Waste Disposal Institute:
a) UMnu Tshepo Mofokeng (USihlalo);
b) UMnu Luvuyo Mkontwana (USekela-sihlalo);
c) UMnu Trevor Mark Gordan;
d) UGqi Barry Kistnasamy;
e) UNksz Mbali Ndlovu;
f) UMnu Lebohang Sam Moleko;
g) UNksz Lerato Makgae;  kunye
h) No-Adv Mothusi Lucas Tsineng.

7.15. Amalungu eBhodi kaGunyaziwe weSizwe weNyukliya:
a) UGq Thapelo Motshudi (USihlalo kwaye uqeshiwe kwakhona);
b) UGq Pamela Zibuyile Dube (Usekela-sihlalo);
c) UNozaku-zaku uMochubeloa Jacob Seekoe;
d) UMnu Abraham Pieter Le Roux;
e) UNksz Phoibe Elsie Monale;
f) UMnu Protas Thamsanqa Phili;
g) UNksz Bridgette Motshidisi Mokoetle;
h) UMnu Jeffrey Leaver (uqeshiwe kwakhona);
i) UGq Bethuel Sehlapelo (uqeshiwe kwakhona);
j) UMnu Kabelo Samuel Kakoma (uqeshiwe kwakhona); kunye
k) noNksz D Bendeman (omelet iSebe leMicimbi yezeNdalo).

7.16. UMnu Siyabulela Tsengiwe njengeMkomishala oMkhulu weKhomishini yoLawulo loRhwebo lweHlabathi.

7.17. Amalungu angekho kwisigqeba solawulo seBhodi yeNkampani yoLawulo lweziThuthi eziNdlelenu:
a) UMnu Zola Malvern Percival Majavu (uqeshiwe kwakhona kwaye unguSihlalo);
b) UNksz Thembeka Mdlulwa (uqeshiwe kwakhona);
c) UNksz Pinkie Mathabathe (uqeshiwe kwakhona);
d) UNksz Daphline Harridene Charlotte-Ann Ewertse (uqeshiwe kwakhona);
e) UMnu Thulani Matiki Norman Kgomo (uqeshiwe kwakhona);
f) UNjing Maredi Ivan Mphahlele;
g) UNksz Thandi Clarah Thankge; kunye
h) noGq Eddie Mogalefi Thebe.

7.18. INkundla yeziBheno yeBhodi yezeFilimi noPapasho:
a) UNksz Nonkoliso Isabela Sigcau;
b) UNksz Nonduduzo Samukelisiwe Kheswa;
c) U-Adv Thembelihle Pretty Mapipa-Ndlovu;
d) UNksz Manko Talitha Tsoehlisi;
e) UMnu Sizwe Lindelo Snail;
f) UMnu Lutendo Joy Malada;
g) UNjng Adelaide Simangele Verah Magwaza;
h) UMnu Christopher Mamathuntsha; kunye
i) noGq Mbulaheni Mulaudzi.

7.19. UMnu PK Legodi njenge-CEO ye-Lepelle Northern Water.

7.20. Amalungu ebhunga eQumrhu leCandelo looNogada beeNkampani Zabucala:
a) UMnu Humphrey Nhlanhla Ngubane;
b) UMnu Zwile Zulu;
c) UMnu Methews Thembinkosi Oliphant; kunye
d) No-Maj Gen Cynthia Lindiwe Pilison.

Imibuzo:
Mnu Donald Liphoko
Inombolo yoqhakamshelwano: 082 901 0766

 

Share this page

Similar categories to explore