Umongameli u-Cyril Ramaphosa: Ukwazisa ngemeko yezokhuseleko elizweni 

Bantu bakuthi eMzantsi Afrika,
 
Ekuqaleni kwemini yanamhlanje, ndindwendwele iindawo zaKwaMashu, Springfield, Mobeni kwakunye no-Umlazi kwiphondo laKwaZulu-Natal, nezibe ziziza zobundlobongela nokutshatyalaliswa obungazange bubonwe ngaphambili, kwiintsuku ezimbalwa ezigqithileyo. 
 
Izitalato kunye nezakhiwo endizibonileyo zibonisa iziva zothyuthulo nezidube-dube.  
 
Kodwa eyonanto idandathekisa ngakumbi, luxinzelelo oluze nezi ziganeko kwimpilo yabantu, iindlela yabo yokuphila kwakunye nokuziva bekhuselekile.
 
Iziphumo zoxinzelelo eluntwini zizakuthatha ixesha elide ukuzilungisa. 
 
Kucace ngokumhlophe ngoku, ukuba iziganeko zeveki ephelileyo bezilicebo elicwangciswe, lalungelelwaniswa kakuhle ukuze kuhlaselwe intando yesininzi yethu.   
 
Inkqubo yomgaqo-siseko welizwe lethu ingaphantsi kwesoyikiso.
 
Ukungazinzi okukhoyo ngoku, kunye nokuphembelela phambili ubudlobongela   obuqhubekayo kuchasene ngqo nomgaqo-siseko kunye nomthetho.  
 
Ezi ntshukumo zenzelwe ukukhubaza uqoqosho, zenze ukungazinzi kwezentlalo kunye nokwenza buthaka-thaka ngamandla okanye zide zishenxise urhulumente wentando yesininzi. 
 
Abo babangela ezi zenzo, ngokuzithethelela basebenzisa ukukhalazela ezopolitiko, xa bevusa olu uqhushululu oludumileyo. 
 
Bafuna ukuxhaphaza nokuxoka ngeemeko zentlalo nezoqoqosho uninzi lwabemi baseMzantsi Afrika oluphila ngaphantsi kwazo. Nekuzimeko ezibembi ngamandla kususela oko kwaqala ubhubhane lwentsholongwana i-corona. Bakwenza oku ngeenjongo zokucaphukisa abemi kunye nothungelwano lwezaphula-mthetho ukuze bazibandakanye kwizenzo zosomathuba ngokuthyuthula.
 
Isiphithiphithi esilandele oko, sisetyenziswe njengesixhobo sokuhlasela esijoliswe kuqoqosho ngokuthi kuhlaselwe iilori, iimizimveliso, oovimba bokugcina kunye nezinye iziseko zophuhliso eziyimfuneko ekusebenzeni koqoqosho lwethu kunye nokunikezelwa kweenkonzo eluntwini lwethu.  
 
Ngokusebenzisa amaqonga onxibelelwano, iindaba ezingezizo nezilahlekisayo, baye bazama ukokhela umlilo wobuhlanga.  
 
Eyona nto imbi kakhulu, bazame ukusebenzisa amahlwempu nabasesichengeni ukuze kuzuze bona. 
 
Okwangoku, ngaphandle kokutshatyalaliswa osele kusasazekile, oku kuzama ukuvukela abasemagunyeni kusilele ukufumana inkxaso ebantwini abaninzi.  
 
Kusilele ngenxa yemizamo yemikhosi yethu yokhuseleko, kwakhona isilele kuba abemi base Mzantsi Afrika bayikhabile baphakama bakhusela inkululeko yethu esayifumana nzima. 

Oko kuzinikela ndikubonile kusenzeka namhlanje xa bendihamba ezitalatweni zaseThekwini. 
 
Ndibone abantu becoca izitalato, besakha ubomi babo kwakhona, beme kunye bemanyene ngokwahlukana kwabo -  abadala nabancinci, amadoda nabafazi, abantsundu nabamhlophe.
 
Babenombulelo kakhulu ngenkxaso yezokhuseleko, kwaye bakubeke kwacaca kum ukuba abagungqi bamanyene kwaye bazakusebenzisana norhulumente ukubuyisa uzinzo.  
 
Bantu bakuthi eMzantsi Afrika,
 
Oko kwaqhambuka olu dushe, ebuncinaneni ngabantu abangama-212 abaphulukene nobomi babo.
 
Kweli nani, abangama-180 bakwiphondo iKwaZulu-Natal zekuthi abangama-32 bakwiphondo lase-Gauteng. 

Inkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika iphanda amatyala angama-131 okubulala kwaye ivule amadokodo ophando malunga nokubhubha kwabantu abangama-81.  
 
Iingcinga zethu kunye nemithandazo yethu ikunye neentsapho zabo baphulukene nemiphefumlo yabo kobu budlobongela bungenangqondo. Yintlungu le ekungekho sapho kwaye akukho luntu kufuneka luyinyamezele.   
 
Oko kwaqala uqhushululu, iQela leSizwe eliBambiseneyo loMsebenzi nezobuNtlola lishicilele ngaphezulu kwama-118 eziganeko zobudlobongela eluntwini, ukutshisa, ukuthyuthula kwakunye nezinye iimeko ezinxulumene noqhushululu. 
 
Ezi ziganeko zenzeke kakhulu e-Gauteng naKwaZulu-Natal.
 
Okokoko konyuka izidubedube ngoMvulo nangoLwesibini, kubekho ukuhla okukhulu kwinani leziganeko kwaye nokuzola sele kubuyele kuninzi lwezi ndawo.  
 
Bangaphezu kwama 2 550 abantu abaseluvalelweni ngokunxumelene noqhushululu kwaye kukho amalungiselelo akhethekileyo amiselwe ukuqinisekisa ukuba lamatyala abekwa phambili.
 
Ukutshatyalaliswa kwezindlu nokwebiwa kweempahla kuzise iindleko ezizibhiliyoni zeerandi kumashishini, abathengi nelizwe lonke liphela.
 
Ngokweengxelo zokuqala ezidityaniswe yi-NatJoints, umonakalo omkhulu wenziwe kudederhu lweevenkile nendawo zokuthenga ezingama-161, oovimba bokugcina abayi-11, imizimveliso eyi-8 kunye neendawo ezithengisa utywala nabasasazi babo abangama-161. 
 
Oku akuquki umonakalo owenziwe ezindleleni nakwezinye iziseko zophuhliso.
 
Bantu bakuthi eMzantsi Afrika,
 
Singurhulumente kufuneka sivume ukuba besingazilungiselelanga kakuhle ukujongana nephulo elicwangcisiweyo lobundlobongela eluntwini, ukutshatyalaliswa kunye nokonakaliswa okulolu hlobo.   

Ngelixa sincoma isenzo sobukroti semikhosi yethu yezokhuselo, kufuneka sivume ukuba besingenawo amandla nezicwangciso zokuba sikwazi ukusabela ngokukhawuleza, kwaye sithathe isigqibo ngokugqibeleleyo. 
 
Amapolisa ethu ebejongene nemeko enzima kwaye aye azama ukuthintela nakuphi na ukuphulukana nobomi okanye ukunyuka kwemiphefumlo elahlekayo. 
Kodwa ke, emva kokuba kongezelelwe abasebenzi bezokhuseleko, bakwazile ukubuyisela ngokukhawuleza ukuzola kwiindawo ezininzi ebezichaphazelekile.
 
Xa le ntlekelele idlula, siza kwenza uphononongo olunzulu nolubalulekileyo lokulungiselela ukulungela nokusabela kwethu ngokukhawuleza.
 
Okwangoku izinto eziphambili kuthi zezi: 
 
Okokuqala, ukuzinzisa ilizwe,
 
Okwesibini, ukuqiniseka ngobukho bezibonelelo eziyimfuneko kunye neziseko zophuhliso,
 
Okwesithathu, ukubonelela ngoncedo kunye nenkxaso yokwakha kwakhona,
 
Okwesine, ukukhuthaza iinzame zabemi ekukhuseleni ubomi, iindlela zokuphila kunye nentando yesininzi. 
 
Ngelokuzama ukuzinzisa ilizwe, siwonyuse kakhulu amanani abasebenzi abanyanzelisa ukuthotyelwa komthetho kunye nabasebenzi bezokhuseleko eGauteng naKwaZulu-Natal.
 
Ukuxhasa umsebenzi wamapolisa, ndigunyazise ukuthunyelwa kwamalungu angama 25 000 oMkhosi wezoKhuselo waseMzantsi Afrika.
 
Kula manani i-10 000 sele eqalile ukubonakala, zekuthi abanye abasashiyekileyo bona bazakuqalisa ukufika kwiindawo abathunyelwe kuzo ngokuhamba kwempela veki.
 
Inkqubela ethe gqolo iyenziwa ukuze kukhuselwe iziseko zethu zophuhliso: 
•    Uhola wendlela u-N3 phakathi kwetheku neRhawuti ivuliwe kwakhona kwaye abanyanzelisi bokhuselo bakhona ukuze bagcine iindlela ezibalulekileyo zokuhambisa iimfuneko zivulekile. 
•    Umkhosi wezokhuseleko usebenza kunye namashishini ukuqinisekisa ukuthuthwa okukhuselekileyo kwezibaso, ukutya, i-oksijini, amayeza, amachiza nezinye izinto ezibalulekileyo. 
•    Ukusebenza kwizibuko laseThekwini nase-Richards Bay, kubuyiselwe ukuze kuqhutyekwe nokuthumela impahla ngaphandle kunye nokuyingenisa elizweni. 
•    Kukhutshwe imimiselo ngokwemiqathango yomThetho woKhuphiswano, ukuze amafemu abandakanyeka kunikezelo lweempahla eziyimfuneko abelane nolwazi olumalunga nokufumaneka kunye nemfuno kwiimpahla ezithile. Oku kwenzelwe ukuthintela ukungqongophala kweempahla eziyimfuneko kunye nokukhuthaza ukuhanjiswa ngokulinganayo kwezinto ezinqabileyo neziyimfuneko kwilizwe lonke liphela.  
 
La manyathelo azakuqinisekisa ukuba amakhonkco onikezelo ahlala eluqilima. 
 
Ndifuna ukugxininisa ukuba akukho kungqongophala kokutya kwiindawo ezininzi zelizwe. Kwaye ukuthenga ngovalo kuzakuyenza ibembi nangakumbi imeko.
 
Ukongeza ekuxhaseni amapolisa ekubambeni ucwangco, amalungu e-SANDF athunyelwe ukuze akhusele izizinda eziphambili zofakelo nezokuthengisa ezibalulekileyo ekusebenzeni koqoqoso kwakunye nokungaphazamiseki kokunikezela ngeenkonzo kubemi.
 
Amasebe ethu akhethekileyo ee-arhente zethu zokunyanzeliswa komthetho asebenza ubusuku nemini ukufumana nokubamba abo banoxanduva lokuceba nokulungelelanisa obu bundlobongela.  
 
Asizukuyeka konke-konke ukuzama ukuzisa aba bantu ngaphambi komthetho.
 
Kukho iziphakamiso ezininzi ezivela kwiindawo ezininzi nezimemelela ukuba urhulumente abhengeze imeko kaxakeka ukuze kunqandwe obu bundlobongela notshatyalaliso.  
 
Ezi ziphakamiso ziyavakala xa ujonga amazinga nobunzulu bolu phazamiseko. 
 
Uluvo lwethu belusoloko lusithi ukubhengezwa kwemeko kaxakeka makwenziwe kuphela xa zonke ezinye iindlela zokuzinzisa imeko zibonise ukuba azonelanga. 
Imeko kaxakeka ingavumela ukusikelwa umda okukhulu kwamalungelo asisiseko aqulathwe kuMgaqo-siseko, akukho rhulumente onenkathalo ongafuna ukwenza loonto ngaphandle kokuba ke bekuyimfuneko ngokuqinisekileyo.
 
Okwangoku, umbono wethu esikholelwa kuwo xa kuthunyelwa imikhosi yethu yezokhuseleko isebenze noluntu kunye nentsebenziswano kwabezentlalo bazakubanakho ukubuyisela ucwangco nokunqanda ukuqhubeka kobundlobongela.
Sizakuyicima yonke imililo evuthayo sinyathele nentlantsana yokugqibela. 
Siza kubona kwaye sithathe amanyathelo ngokuchasene nabo balayita amalangatye kunye nabo bawasasazayo.
 
Siza kufumana abo baphembelele obu bundlobongela. Bazakuphendula ngezenzo zabo. Asisayi kuvumela nabani na ukuba azise iziphithiphithi elizweni lethu akugqiba aphunkculise singamenzanga nto.   
 
Asisayi kuvumela nabani na okanye naliphi na iqela liphikise igunya lolawulo lukarhulumente wethu owakhethwa ngentando yesininzi.
 
Ngelixa imikhosi yethu yezokhuselo iqalisa ukuthi chu nolawulo kwiindawo zeziganeko, iziphumo zolwamvila zolu dushe zizakuviwa ngabo bonke abemi boMzantsi Afrika kwiintsuku, iiveki neenyanga ezizayo.
 
Umonakalo owenziwe kwiziseko ezibalulekileyo zezoqoqosho uzakuthatha ixesha elide ukuwulungisa. 
 
Oku kuzakuba nefuthe kubukho bokutya, ipetroli, amayeza kunye nezinye izinto hay eMzantsi Afrika kuphela kodwa nakummandla wonke.
 
Ubundlobongela nokutshatyalaliswa kwenze umonakalo omkhulu elizweni lethu, ngelixa kanye sisasokola sizikhotha amanxeba emva kolwamvila lobhubhane lwentsholongwane i-corona.

Butshabalalise amashishini amaninzi kwaye ngokungathandabuzekiyo buza kukhokelela ekulahlekeni okungakumbi kwamathuba emisebenzi.   
 
Ekugqibeleni, buzakuqinisa ubuhlwempu kwaye bubangele ubunzima obukhulu kwizigidi zabemi boMzantsi Afrika. 
 
Uthyuthulo oluphangaleleyo lweveki ephelileyo kusenokwenzeka ukuba lubangele ukonyuka okuthe kratya kosulelo lwe-COVID-19. 
 
Ezi ziganeko ziphazamise inkqubo yethu KwaZulu-Natal nase-Gauteng yokugonyelwa kwe-COVID-19 xa kanye ibisele iqala ukuba namandla.
 
Ngoku kunyanzelekile ukuba sithathe amanye amanyathelo ukubonelela ngenkxaso kumakhaya kwaye sincede amashishini ukuba aqalise ngokutsha athenge iimpahla aphinde akhe kwakhona. 

Sikwinkqubo yokubonelela ngoncedo olukhawulezileyo lokutya emakhaya. Sijolise kwimmimandla echatshazelwe luthyuthulo, nalapho abantu bengenako ukufikelela ekutyeni.
 
Amasebe ephondo oPhuhliso loluNtu kunye ne-SASSA azakusebenzisa uhlahlo-lwabiwo mali olushiyekileyo kwinkqubo yoncedo lwentlupheko ukubonelela ngenkxaso ngohlobo lweepasela zokutya, imali kunye nevawutsha zokutya. 
Sisebenza nzima ukwenza zonke ii-ofisi zakwa-SASSA zisebenze. Iindawo zokukhupha imali kulindeleke ukuba ziqalise ukusebenza ukususela ngomhla we-19 kweyeKhala kuzo zonke iindawo ezibhengezwe njenge zikhuselekileyo ukuba kusetyenzwe kuzo.
 
Ukunceda ngeemfuno ezikhawulezileyo zoluntu oluchaphazelekayo, iNgxowa-mali yoBumbano i-Solidarity Fund imisele iNgxowa-mali yokuNceda uLuntu Ngexesha leNtlekele i-Humanitarian Crisis Relief Fund kwabo basengxakini. Simema bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba baxhase le ngxowa-mali.
 
Siyayibulela inkxaso yeenkampani, imibutho, kunye namaqela eenkolo asebeqalisile ukunika inkxaso kwiintsapho ezisengxakini.
 
Esisebenzisana nabo kwezentlalo yoluntu, bebesadibanisa iintloko ukuza neendlela ekungancedwa ngazo iintsapho ngokukhawulezileyo sisebenzisa imali esifikelelayo kuyo. 
 
Oku kuquka ukubonelelwa ngoncedo olungxamisekileyo lokutya, nezinye iindlela zoncedo kwabo bakwiingxaki ezinkulu.
 
Kwakhona sizakunceda amashishini ethu amancinci, kuquka nalawo asezilokishini nasezilalini ukuba akwazi ukuzikhotha amanxeba omonzakalo awufumeneyo.
 
Oosomashishini bethu babonelela ngempahla kunye neenkonzo ezibalulekileyo kwiindawo esihlala kuzo, sizakubanceda ke baphinde bakhe amashishini abo kwakhona.
 
Iqela likaMongameli kunye noNondyebo weSizwe basebenza nzima ukuqulunqa icebo elizakuba yinkxaso ebanzi cebo elo elizakuphononongwa yiKhabhinethi.
 
Sizakukwazi ke ukwazisa ngolwazi oluthe vetshe olumalunga neli cebo kungekudala.
 
Kwixesha elifutshane, kubalulekile ukuba kwakhona sibuyisele emzileni ngokukhawuleza inkqubo yokugoma, kwaye akukho nzame ezakuyekelwa ngalo umba.
 
Bantu bakuthi eMzantsi Afrika,
 
Ngelixa kwiindawo ezininzi zase-Gauteng naKwaZulu-Natal uzinzo lubuya, kodwa ke ukugrogriswa kwelizwe lethu kunye nentando yesininzi yethu kusekhona kwaye kuyinyani.
 
Abo babandakanyeka ekuququzeleleni eli phulo lobundlobongela kunye nokutshabalalisa abakabanjwa kwaye isidleke sabo asikachithwa.
 
Ngoko ke masihlale sivule amehlo singazivumi naziphi na iinzame ezizakufuna ukuqhubeka ziphebha uqhushululu.      
 
Siyayamkela inkxaso engagungqiyo evela kwabezenkolo, abesintu, amaqela ezopolitiko, abasebenzi kunye neenkokheli zoshishino. 
 
Sibaqhwabela izandla abo bantu, imibutho noluntu abathathe inyathelo ngeendlela zoxolo ukubuyisela ukuzola nokukhusela ubomi, izakhiwo neziseko zophuhliso.  
 
Sibamba ngazibini kubo bonke abo bantu abathe bahlala kwizikhundla zabo noxa bebephantsi kweemeko ezinzima nezinobungozi, bebonelela ngeenkonzo kubantu bethu nakwisizwe sethu.  Abasebenzi bezomthetho, abasebenzi bezempilo, oonontlalontle, oonogada, abasebenzi bakamasipala nabanye abasebenzi bakarhulumente abaphambili. 

Sibulela iintatheli ebezisoloko zinika ingxelo ngelixa kanye ezi ziganeko bezisenzeka, zinceda ekuqinisekiseni ukuba abemi boMzantsi Afrika banolwazi kwaye baxhotyisiwe.
 
Sihlaba ikhwelo kuluntu lwelizwe lonke, ukuba lisebenzisane namaQonga ezobuPolisa aseKuhlaleni (ii-CPF).
 
Akukho mntu emakazithathele umthetho ezandleni zakhe. 
Kufuneka sihlale siyilumkele nantoni na enokubangela ukungavisisani nangakumbi. 
 
Sihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bakhuthaze ukuzola kwaye bazikhwebule ekwabelaneni ngolwazi olungeyonyani. Kwaye baxelele amapolisa ngokukhawuleza xa kukhona iziganeko zobundlobongela.
 
Ngokwenza ezi zinto zisisiseko, sonke singasebenza ukukhusela uMzantsi Afrika.
 
Ngale Cawa, abemi boMzantsi Afrika bazakuzimanya nabantu kwihlabathi lonke liphela bebhiyozela usuku lukaNelson Mandela. 

Njengoko kwakhona siqinisekisa ukuzibophelela kwethu kwintando yesininzi yethu, masisebenzise uSuku lukaMandela ukubonelela ngokutya kwabona bantu basemngciphekweni kuluntu lwethu, ukucoca izitalato zethu kunye nokuqalisa umsebenzi wokwakha kabutsha.   
 
Ngelixa imikhosi yezokhuseleko ibalulekile ekubuyiseleni ucwangco kunye nozinzo. Ekugqibeleni olu hlaselo kwintando yesininzi yethu aluzukuphumelela kuba abantu boMzantsi Afrika abayi kuluvumela.  
 
Ukuba ngaba sima kunye, akukho mvukelo okanye ubundlobongela kweli lizwe oluya kuphumelela.
 
Sikumzabalazo wokukhusela intando yesininzi yethu, umgaqo-siseko wethu, iindlela zethu zokuphila kunye nokhuseleko lwethu. 
Eli lidabi ekufuneka siloyise. 
 
Ngenye imini xa sijonga ngasemva kwimbali yethu, kufuneka sithi sajongana ngqo nokufa kodwa ngenxa yokuma sonke sakoyisa kunye.       
 
Masithwale ubungqina bokomelela nokunyamezela kwentando yesininzi yethu, hay ukuwohloka kwayo. 
 
Masithethe ngokuphumelela komgaqo-siseko wethu, hay ukutshatyalaliswa kwawo.
 
Asinakuze siwuvumele lo msebenzi omkhulu woluntu, nekuyintando yesininzi yethu yoMzantsi Afrika ukuba isilele.
 
Okokugqibela, ndinqwenela ukudlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho zaba bantu baseMzantsi Afrika, abathe basweleka kwezi ntsuku zimbalwa zigqithileyo:    
Ikosi Sipho Mahlangu (Usihlalo weNdlu yeSizwe yeeNkokheli zeMveli), Tshepo Tshola (omnye wamagcisa ethu abalaseleyo), Njl Ben Ngubane (Inkulu-mbuso yangaphambili yaKwaZulu-Natal), Aubrey Mokoena ( Inkokheli yePhulo lokuKhululwa kuka Mandela, nowayesakuba lilungu lePalamente) , Khehla Mthembu (Inkokheli yoshishino), Gqr Sam Gulube ( owesakuba nguNobhala kwezoMkhosi), Geoff Makhubo (Usodolophu wesixeko saseRhawutini), Gqr Vanguard Mkosana  (oweyasakuba nguMlawuli-jikelele wezaBasebenzi) kunye no-Michael Zuma (Umntakwabo omncinci walowo wayesakuba nguMongameli uZuma). 

Wanga uThixo angawusikelela uMzantsi Afrika, akhusele abantu bakhe. 
 
Ndiyabulela. 
 

Share this page

Similar categories to explore