Intetho eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa engaManyathelo oMzantsi Afrika Okulwa uBhubhane weNtsholongwane i-Corona

Bemi boMzantsi Afrika,

Kule veki ilizwe lakuthi lizibona liphantsi kwelifu elimnyama ngenxa yobhubhane wentsholongwane i-corona njengoko linomntu wama-219 othe wasutywa kukufa, ebulawa sesi sifo.

Umntu ngamnye obhubhayo ngenxa yokonganyelwa sesi sifo uzishiya iintliziyo zethu zidandathekile.

Aba bantu bangama-219 babulelwe sesi sifo bebeneentsapho, abantu abaxhomekeke kubo, abahlobo kunye nabo bebesebenza nabo.

Bathe basweleka phambi kwexesha bebulalwa yile ntsholongwana yenza umonakalo ongathethekiyo ebantwini nakuqoqosho kwihlabathi liphela.

Xa sihleli phantsi sibala sinika neengxelo ngamanani amatsha abantu abosulelwa, babulawe nabathi baphile siphele kubo esi sifo – kungalula ukulibala ukuba, ayingomanani nje kuphela la koko ngabantu abanegazi nomphefumlo aba sithetha ngabo.

Le ntsholongwane i-corona ayizonzakalisanga nje kuphela iimpilo zabantu bakuthi, koko ibathintela nokuba bangakwazi ukuzenzela imali yokuziphilisa, ukuzondla bona neentsapho zabo, ukuya esikolweni, ukuziphuhlisa, nokuxhamla amalungelo amaninzi esingawathatheli ngqalelo amaxesha amaninzi.

Ngolu rhatya, masibeke emithandazweni abo bathe bosulelwa yile ntsholongwane i-corona, abo bathe bashiywa zizihlobo babo, kunye nabo bathwaliswe ubunzima – nabaqhubekayo ukuthwala ubunzima – ngenxa yalo bhubhane.

Ngoku sisithuba esimalunga neeveki ezisi-7 ukusukela oko ilizwe lakuthi lonke laba phantsi kwemeko apho abantu bavaleleka phantsi kwemiqathango ethile.

Ngethuba siphantsi kwale meko, abemi boMzantsi Afrika babonakalise inkuthazo, ukunyameka nenkathalo.

Kwakhona ndibamba ngazibini kuni ngentsebenziswano yenu ukuza kuthi ga ngoku.

Ndifuna ukukubethelela kwakhona, nanjengoko ndandenzile ngaphambili ukuba nangona sele kulithuba siphantsi kwale meko kwaye ibuhlungu, ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwakunyanzelekile ukuba siqalise ngako.

Ukuba sasingazange siqalise ngokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile inani labantu abosulelwe yile ntsholongwane i-corona ngeliphezulu kakhulu, amaziko ethu ezempilo ngegcwele ephuphuma futhi namawaka ngamawaka abemi boMzantsi Afrika ngengasekho, ebulewe yile ntsholongwane.

Ukususela ekuqaleni, amanyathelo esawathathayo besilandela iingcebiso zeengcali ezihlonitshwa kwihlabathi jikelele zalapha ekhaya neziphuma mbombo zone zomhlaba.

Olunye uncedo silufumene kuMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO).

Izinto esizibone zisenzeka kwamanye amazwe nazo zisifundise lukhulu.

Iingcali zinika izimvo ezahlukileyo ngendlela engesiqhube ngayo esi sifo ukuba sasingazange sithathe amanyathelo angqingqwa nakhawulezileyo.

Ngokuye sifumana iinkcukacha nolwazi, ezi zimvo ziye zahlaziywa zacokiswa.

Olona luvo lukufutshane enyanini lelokuba, ukuba sasingazange siqalise ngokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile futhi sithathe namanye la amanyathelo siwathathileyo, abemi boMzantsi Afrika abangama-80,000 ubuncinane ngesele bosulelwe yile ntsholongwane ngoku.

Futhi nenani labantu ababulewe siso ngelingaphezulu ngokuphindwe kasi-8 kweli sinalo ngako.

Kungoku nje eMzantsi Afrika ngabantu abangama-219 ababulewe sesi sifo.

Xa sithelekisa namanye amazwe, ngethuba i-Melika ikwelinqanaba sikulo yayisele inabantu abangaphezulu kwama-22,000 ababulelwe sesi sifo ize yona i-United Kingdom ibe nabangama-19,000 ababulewe sesi sifo.

Kufuneka singalibali ukuba injongo yokubeka ilizwe phantsi kokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile yayikukubamba le ntsholongwane inganwenwi nokuthintela ukuba kungabikho bantu baninzi bosulelwa yiyo ngokukhawuleza.

Okwangoku, sisaphumelela kakhulu kwindlela njengabemi boMzantsi Afrika esiyilwa nesiyinyanga ngayo le ntsholongwane.

Umyinge wabantu abafunyenwe benale ntsholongwane kwabo bahloliweyo usesezantsi kakhulu kwaye ayikatshintshi indlela okhula ngayo.

Umyinge wabantu abaqinisekisiweyo ukuba banale ntsholongwane eMzantsi Afrika usengabantu abamalunga ne-181 kwisigidi sabantu.

Xa sithelekisa, amazwe afana ne-Melika, i-United Kingdom, i-Spain, i-Italy kunye ne-Singapore wona anomyinge wabantu abanentsholongwane i-corona abaphakathi kwama-2,400 nama-4,600 kubantu abasisigidi.

Inika ithemba into yokuba kubantu abangama-12,074 abaqinisekisiweyo ukuba banale ntsholongwane eMzantsi Afrika, abangama-4,745 kubo iphelile kubo, baphilile.

Ngokuthi siyibambe inganwenwi le ntsholongwane, sizinike ithuba lokuba siphucule icandelo lethu lezempilo kwaye siqalise neenkqubo zezempilo zoluntu ezibanzi ukuze sikwazi ukulwa ukunyuka okuza kwenzeka kwenani labantu abosulelwe yile ntsholongwane.

Ngoku sinezinye iibhedi ezimalunga nama-25,000 ezikumaziko okugcina abantu abosulelwe yile ntsholongwane.

Sikwazile ukukhangela nokuvelisa umthamo ovisayo wezixhobo zokusebenza nokuzikhusela zabasebenzi bezempilo, izixhobo zonyango ezibalulekileyo kunye nezinye izixhobo eziluncedo.

Sisebenzisa eli thuba silinikwe kukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, sikwazile ukulandisa inani labantu abahlolwayo nabavavanywayo.

Bebonke abantu abahloliweyo kuthathwa neenkcukacha zabo bangaphezulu kwezigidi ezili-9, bona abenziwe uvavanyo bexilongelwa intsholongwane i-corona bamalunga nama-370,000.

Eli lelona phulo likhulu lezempilo likarhulumente kwimbali zelizwe lethu.

Eli phulo libe yimpumelelo ngenxa yemisebenzi nokuzinikela kwamawaka abasebenzi boluntu, abongikazi, oogqirha kunye nabanye oonompilo.

Bancame izinto ezininzi futhi bezibeka emngciphekweni bezama ukuqinisekisa ukuba iinjongo zokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ziyafezekiswa.

Ngokuthi abantu boMzantsi Afrika bavume ukuhlala emakhaya nokuzigcina bekhuselekile basindise abantu abaninzi ekubulaweni sesi sifo.

Njengoko siwenze ngqingqwa amanyathelo karhulumente ezempilo okulwa le ntsholongwane, siye saqalisa ngeenkqubo ezintsha ezibalulekileyo zokuxhasa iinkampani, abasebenzi kunye namakhaya athe achatshazelwa kakhulu kukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile.

Siye savula ingxowa yokunceda ezoqoqosho nakwizibonelelo zentlalo enemali engaphezulu kweebhiliyoni ezingama-500 zeerandi yokunceda iinkampani ezisengxakini, ukuthintela ukuba abantu bangaphelelwa yimisebenzi nokunika isibonelelo-mali kubasebenzi bamacandelo angabhaliswanga ngokusesikweni kunye namakhaya asokolayo.

Oko sathi sasekwa esi skimu sikhethekileyo soncedo se-COVID-19 seNgxowa-mali ye-Inshorensi yabangaSebenziyo sele ibhatale imali engaphezulu kweebhiliyoni ezili-11 zeerandi kubasebenzi abazizigidi ezibini abaqeshwe zinkampani ezisengxakini ezingaphezulu kwama-160,000.

Oku kuza kunceda iinkampani zingatshoni futhi kuncede nezigidi zabantu zingaphelelwa yimisebenzi.

Ezinye iingxowa-mali esizisekileyo zokunika inkxaso kumashishini asakhasayo, eziquka ingxowa esekwe liSebe lezoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, liSebe lezoKhenketho, iQumrhu loPhuhliso lwamaShishini (i-IDC) kunye ne-South African Future Trust, zinike uncedo oluye ngqo kwiinkampani ezingaphezulu kwama-27,000.

Ukususela namhlanje, iibhiliyoni ezingama-200 eerandi ze-COVID-19 Loan Guarantee Scheme, eziqinisekiswe ngurhulumente, sele iqalile nenkqubo yokufakwa kwezicelo zamashishini asakhasayo naphakathi.

Ekuqaleni kwale nyanga, urhulumente ubhatale imali eyongezelelwe eziibhiliyoni ezi-5 zeerandi kubantu abamkela inkam-nkam ngeenjongo zokunceda amakhaya asokolayo ngoku isomileyo eminye imithombo yemali yabo yemali.

Sizivulile izicelo zenkxaso-mali ekhethekileyo ye-COVID-19 eyi-R350 ngenyanga zabemi boMzantsi Afrika abangasebenziyo ekungekho sibonelelo basifumanayo kurhulumente.

Kuthe kuphunywa emisebenzini ngabantu namhlanje, babe sele bemalunga nezigidi ezi-3 abemi boMzantsi Afrika asele befake izicelo zokufumana esi sibonelelo.

Ezi zibonelelo zethutyana ziza kuqhuba iinyanga ezintandathu.

Siza kwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba abemi beli abangathathi ntweni baza kufumana uncedo futhi abasokoli ngeli xesha lobunzima.

Buyimbali ubukhulu nobubanzi bala manyathelo siwathathileyo, aquka izaphulelo kwirhafu namanye amalinge okungenelela enziwe yiBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika.

I-Solidarity Fund, eyasekelwa ukulwa intsholongwane i-corona, sele inyuse malunga neebhiliyoni eziyi-2.7 zeerandi yezithembiso zemali ezivela kubantu abangaphezulu kwama-175,000 kunye neenkampani ezingaphezulu kwe-1,500 kunye nemibutho engenzi ngeniso.

Sibamba ngazibini koorhulumente nemibutho emininzi efaka isandla kumalinge ethu okulwa intsholongwane i-corona.

Ukongeza kwaba sele ndibabulele, mandenze nelinye ilizwi lombulelo kurhulumente nabantu base-Melika ngesipho sezixhobo zokuphefumlisa ezili-1,000.

Ndifuna ukwamkela ukuzibophelela kwe-ELMA Group of Foundations ngesithembiso semali ezibhiliyoni ezi-2 zeerandi sokuncedisa kumaphulo okulwa umonakalo owenziwe yile ntsholongwane i-corona kubantu abangathathi ntweni e-Afrika.

Le mali iquka isixa esizizigidi ezingama-250 zeerandi eza kuya kwi-Solidarity Fund yoMzantsi Afrika.

Sizimisele ukuqinisekisa ukuba amanyathelo esiwathathayo aza kukwazi ukumelana nomonakalo oza nalo bhubhane futhi aqinisekise nokuba uqoqosho lweli lizwe aluxikixwa kakhulu ngulo bhubhane.

Kukho iingxelo ezisiphatha kakubi ezingokunyuka kweziganeko zobundlobongela obusekelwe kwisini ukusukela oko kwaqalisa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile.

Isibetho sobundlobongela obusekelwe kwisini siyaqhubeka nokulixinanisa ilizwe lethu njengoko amadoda elizwe lethu eqhubeka nokuqalisa imfazwe namanina.

Sivule amaziko oncedo olungxamisekileyo okunceda amaxhoba obundlobongela obusekelwe kwisini.

Elinye lamanyathelo okungenelela esilithathileyo kukuqinisekisa ukuba imigaqo yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile iqulunqwe ngendlela eza kunika ithuba umntu wasetyhini lokuba alishiye ikhaya lakhe aye kuxela lowo umxhaphazayo engenaxhala lokuba uza kufumana isohlwayo, agrogriswe okanye adibane nobunye ubundlobongela kwabasemagunyeni.

Ngoku, iinyanga ezimbini emva kokuba sibhengeze imo yentlekele kwizwelonke, sikulungele ukungena kwisigaba esitsha kwindlela esimlwa ngayo lo bhubhane wentsholongwane i-corona.

Ngomhla wokuqala kuCanzibe, sangena kwiNqanaba 4 saqalisa ukunyenyisa imiqathango yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kazwelonke.

Oku kuhambelana nesicwangciso sethu esihlenga-hlengiswe ngokubona ubungozi nomonakalo esisisebenzisela ukuthoba izinga abantu abosuleleka ngalo kunye nokuphungula inani labantu abosulelekayo.

Ngoku senza amalungiselelo okunyenyisa nangakumbi size sivule uqoqosho singangxamanga.

Ndifuna ukuyiphinda la nto ndandiyithethe ngaphambili: ukuba sikunqumamisa ngesaqhuphe nangokukhawuleza ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, siyakuba sizithezela olunenkuma kuba aya kwanda amathuba okuba esi sifo siphinde siqhambuke sele singalawuleki.

Ke ngoko siza kuqhubeka sibaze amehlo, sisebenzise ubungqina obusekelwe kulwazi oluhlalutyisisiweyo kunye neengcebiso zeengcali zalapha ekhaya nezehlabathi.

Iinjongo zethu kukuvula amacandelo ezoqoqosho amaninzi ngelithuba sisenza amalungiselelo okuphungula ukunwenwa kwale ntsholongwane size sibanike iinkonzo zezonyango ezifanelekileyo abo bosulelwa sesi sifo kwaye befuna unyango.

Ukugqibela kwam ukuthetha nani, ndanika ingcaciso ngenkqubo yamanqanaba amahlanu esiyiqalisileyo eza kusikhokela kweli dabi.

Ngeliya xesha eli lizwe lalikwinqanaba 5, elalinemiqathango engqingqwa kakhulu elawula ukuhamba-hamba kunye namacandelo ezoqoqosho anokuvula.

Inqanaba 4 – elilinqanaba ilizwe elikulo ngoku – lilandela imigaqo emininzi yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kodwa livumela ukuba amacandelo athile oqoqosho avulwe.

Inqanaba 3 ukuya kweloku-1 aza kuvumela ukuba kwenziwe unyenyiso olukhulu kwimigaqo, ngokwenqanaba ngalinye.

Njengoko ndanditshilo ngala mini, iindawo ezithile kweli lizwe zingabekwa kwinqanaba elithile, ngelithuba ezinye zinokubekwa kwamanye amanqanaba awahlukileyo.

Oku kuza kwenziwa ngokuthi kujongwe isantya abantu abosuleleka ngaso kwindawo ethile kunye namalungiselelo nezixhobo ezikhoyo kumaziko ezempilo aloo ndawo aza kuyinceda ikwazi ukumelana nomthamo wabantu abosulelekileyo abafuna unyango.

Okwangoku, abantu abaninzi abosulelekileyo bakoomasipala bezixeko ezikhulu nezithili ezimbalwa.

Kubalulekile ukuba sihlale siyithobela le migaqo ingqinggwa kule mimandla futhi sibathintele abantu bangaphumi baye kwezi ndawo zelizwe ezinabantu abambalwa abosulelwe yile ntsholongwane.

Kungekudala siza kubamba iindibano zokufakana imilomo namahlakani afanelekileyo sibonisane ngesiphakamiso sokuba ekupheleni kukaCanzibe, uninzi lweli lizwe lubekwe kwinqanaba 3, nokuba ezo ndawo zinabantu abaninzi abosulelwe yile ntsholongwane zihlale zikwinqanaba 4.

Siza kwenza ezinye izibhengezo emva kokuba siziqukumbele ezi ndibano zokubonisana.

Kwezi ntsuku zizayo, siza kwenza izibhengezo ngezinto ezithile esiza kuzitshintsha kwimigaqo yenqanaba 4 ukuze sandise iintlobo zemveliso ezinokuthengiswa zivenkile ezinkulu, urhwebo kusetyenziswa i-intanethi futhi senze unyenyiso kwimigaqo elawula ukuzilolonga.

Abanye bavakalise amakhwiniba kwindlela esiyisebenzisayo ukulwa le ntsholongwane i-corona ngelithi ibe neziphumo ezibi kubomi babantu bakuthi.

Eyona njongo yethu iphambili ibikukusindisa abantu ekubulaweni yile ntsholongwane nokukhusela iimpilo zabo.

Eyona nto besijolise kuyo kakhulu ibikukuthoba isantya abantu abosuleleka ngaso ngokuthi sisebenzise amaqhinga amaninzi kwisicwangciso sethu sokuthintela intsholongwane i-corona.

Onke la manyathelo okuthintela abalulekile futhi anyanzelekile. La manyathelo ngala:

  • Ukuvalela abantu phantsi kwemiqathango ethile (ukwenzela ukungasondelelani kwaphela kwabantu)
  • Ukungasondelelani kwabantu
  • Ukuziqhelanisa nokuhlamba izandla rhoqo ngamanzi nesepha okanye ngesibulala-ntsholongwane.
  • Ukulandela imigaqo efanelekileyo yokukhohlela equka ukukhohlelela engqinibeni okanye kwithishu.
  • Ukunxiba izigqubuthelo-buso (ii-maski) ezenziwe ngelaphu nanini na uphakathi kwabantu
  • Ukusetyenziswa kwezixhobo zokuzikhusela ngabo bonke abasebenzi bezempilo
  • Ukucocwa rhoqo kweendawo ezisebenza abantu nakwiindawo zikawonke-wonke.
  • Ukuhlolwa kujongwa iimpawu zesi sifo
  • Ukuvavanya, ukuzigcina wedwa, ukuzivalela wedwa nokulandelela kukhangelwa abantu abebedibene nomntu onale ntsholongwane.

Kuxa sithe sasebenzisa onke la manyathelo okuthintela le ntsholongwane apho siza kuthi sikwazi ukusoyisa esi sifo.

Aya kuthi ukuze aphumelele amalinge ethu okuphungula ukunwenwa kwale ntsholongwane siqale sikwazi ukukhangela size sifumane ngokukhawuleza abo sele bosulelwe, sizingele abo bebedibene nabo size sibavalele bodwa ukwenzela ukuba ingakwazi le ntsholongwane ukudlulela kwabanye.

Iphulo lokungena indlu nendlu sihlola abantu abaneempawu kwiindawo ezihlala abantu abasokolayo kulo lonke eli lizwe likhokelele ekubeni sifumane abantu abangaphezulu kwama-100,000 abathe bathunyelwa ukuba baye kwenziwa uvavanyo.

Oku kusinika umfanekiso ocacileyo ngomthamo wabantu abosulelekileyo kweli lizwe, kodwa ngoku kufuneka sifune inkqubo yokuhlola nokuvavanya eza kuya ngqo kwezo ndawo zikrokreleka ukuba zinabantu abaninzi abosulelekileyo.

Oku kuza kufuna ukuba sikhangele iindawo ezinokuba zinabantu abaninzi abosulelekileyo, sisebenzise ubuchwepheshe sibudibanisa nophando olubeka iindawo ezithile esweni nolunika ulwazi olunzulu ngeendawo ezinokuhlaselwa kakhulu yile ntsholongwane, into leyo iza kunceda ukuba kuthunyelwe iingcali zokuhlola nokuvavanya kwezi ndawo.

Abo kufumaniseke ukuba bosulelekile kuza kufuneka bazivalele bodwa okanye bavalelwe kumaziko afanelekileyo navunywe zingcali ezizimeleyo.

Okubaluleke ngamandla, kukuba esi sigaba sitsha siza kufuna ukuba umntu ngamnye kuthi ayitshintshe kakhulu indlela aziphethe ngayo.

Kufuneka siyitshintshe kakhulu indlela esicinga ngayo kunye nobomi bethu.

Kufuneka siyazi into yokuba impilo yethu neyabanye ixhomekeke kuthi.

Masikhumbule ukuba nangona ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kusithobile isantya abosuleleka ngaso abantu, intsholongwane i-corona yona isagqugqisa – kwaye iseza kuqhubeka igqugqisa ixesha elide.

Silunyukisiwe ukuba inani labantu abosulelekayo, ngokuqinisekileyo, liza kunyuka njengoko siya siyinyenyisa imigaqo yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile njengoko kunjalo kumazwe amaninzi.

Siyayazi nokuba intsholongwane i-corona iza kuqhubeka nokuba sisoyikiso sezempilo kwihlabathi liphela ixesha elide, nokuba izinto esizenzayo ukulwa i-COVID-19 kufuneka siziqhelanise nazo njengoko ziza kuba yinxalenye yezo sizenza imihla nezolo.

Impumelelo yedabi lethu lokulwa le ntsholongwane i-corona iza kuxhomekeka kwizinto esizitshintshayo kwindlela esiziphethe ngayo.

Njengoko siyinyenyisa imigaqo, kuza kufuneka siqhubeke nokugcina umgama phakathi kwethu futhi siqinisekise ukuba siyazinxiba izigqubuthelo-buso xa siphuma kumasango amakhaya ethu, sihlambe izandla rhoqo ngesepha namanzi okanye ngesibulala-ntsholongwane, size singadibani nabanye abantu.

Iyandichulumancisa into yokubona abantu benxibe izigqubuthelo-buso xa bekwiindawo zikawonke-wonke ukususela oko kwaqala iNqanaba 4.

Kuza kufuneka siyitshintshe indlela esenza ngayo izinto emisebenzini, ezikolweni, kwiidyunivesithi, iikholeji nakwezinye iindawo zikawonke-wonke ukuthintela ukosuleleka kwabantu.

Kufuneka siziqhelanise neendlela ezintsha zokukhonza, zokuzonwabisa nabahlobo, zokuzilolonga nokudibana ukuze siphungule amathuba okunwenwa kwale ntsholongwane.

Zizinto esizenzayo eziza kusixelela ukuba zonke izinto esizizuzileyo ngokuqalisa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile azizikuphelela emoyeni.

Ngamanyathelo esiwathatha ngoku – umntu eyedwa naxa sisonke – aza kusixelela ukuba zonke izinto abantu abakhethe ukuzincama kwezi nyanga zimbini zidlulileyo ekugqibeleni aza kusindisa amawaka abantu boMzantsi Afrika ekubulaweni yile ntsholongwane kuze kulihlangule nakwintshabalalo enokwenziwa ngulo bhubhane.

Ukutshintshela kwisigaba esilandelayo kumanyathelo ethu okulwa le ntsholongwane i-corona kuza kubanzima kakhulu kuneli sikulo ngoku.

Aza kuba maninzi amathuba okuba esi sifo siphinde siqhambuke njengoko abantu abaninzi bebuyela emisebenzini.

Oku kunyanzelisa ukuba sihlale sichophe ezithendeni, silumke futhi singenzi zimpazamo.

Bemi boMzantsi Afrika,

Kwezi veki zisixhenxe zidlulileyo, niye nacelwa ukuba ninyamezele futhi nizincame izinto ezininzi.

Kuzizihlandlo ezininzi ndisima apha phambi kwenu ndinicela ukuba niyamkele le migaqo ingqingqwa ichaphazela ubomi bethu, ndisazi ukuba oku kuza nobunzima.

Niwasabele la makhwelo, nikholelwa ngenene ukuba la manyathelo ayimfuneko ukuze songe impilo nobomi silungiselele nokuba ilizwe lakuthi elisaqingqayo lingayeliselwa ngulo bhubhane.

Ngokuthobela nokusimamela kuyo yonke into esinicele ukuba niyenze, niye nacela ukuba nathi sinenzele izinto ezibalulekileyo ezimbalwa, njengeenkokheli zenu.

Yiyo loo nto sivuma ukuba zikhona iimpazamo esizenzileyo ngethuba sisenza amatile-tile okulwa nale ngxaki ingazange ibonwe ngaphambili.

Amanye amanyathelo esiwathathileyo abe nayo indawo yokungacaci kakuhle, amanye abonakalise ukukhabana amanye awacaciswanga ngokufanelekileyo.

Sibe nakho ukuhamba ngesantya solovane kwezinye iindawo futhi namanyathelo okunyanzelisa ukuba kuthotyelwe imigaqo anokungahambelani futhi nokubaqatha kakhulu.

Ngolu rhatya, ndifuna ukuthembisa ukuba mna nalo rhulumente ndimkhokelayo siza kwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba sikhusela ubomi, isidima kunye nazo zonke izinto ezilulutho kubantu boMzantsi Afrika.

Ngomhla wokugqibela ndithetha nani, ndathi kungekudala siza kuqalisa isigaba sesithathu samanyathelo ezoqoqosho okusabela kule ngxaki yentsholongwane i-corona ngokuthi sinike iingcaciso ngenkqubo eza kusetyenziswa ukukhwezela uqoqosho.

IKhabhinethi iyawugwadla lo mba kwaye iza kwazisa xa umsebenzi sele uqukunjelwe.

Asigungqi futhi sizimisele:

ukuqinisekisa ukuba zonke izigqibo zikarhulumente zithathwa ngokuba zineenjongo zokwakha, kwaye ziqiqisisiwe kwaye zisekelwe kubungqina obunzulu, kwaye azenzi monakalo ongaphezulu kokulungisa;

ukwenza izinto elubala, senze isizwe sisithembe kwaye sikwenze rhoqo oku;

ukungafihli zinto malunga nalo bhubhane. Nifuna ukwazi xa imeko ingentlanga, nixelelwe naxa ixhalisa kakhulu;

ukuqhubeka sifakana imilomo futhi sibonisana nani;

ukuqinisekisa ukuba sisebenzisa yonke into esinayo ukunika uncedo kubantu abangathathi ntweni, sinike uncedo oluninzi abo basokola kakhulu; kunye,

ukuqinisekisa ukuba imali ebekelwe bucala ilungiselwa ukulwa intsholongwane i-corona ayisetyenziswa dlaka-dlaka okanye ithotywe nemilenze.

Ngaphezu kwako konke, ndiyathembisa kwakhona ukuba ndiza kuqinisekisa ukuba amalungelo wenu ayahlonitshwa futhi awanyhashwa, ingakumbi ngabo banikwe uxanduva lokuwakhusela.

NjengoMongameli wenu, njengalo rhulumente, sizimisele ukwenza konke enikulindele kuthi.

Apho siniphoxe khona, siza kwenza utshintsho.

Apha sense khona iimpazamo khona siza kuzilungisa.

Iinzima esidibene nazo kwezi nyanga zidlulileyo zisifundise lukhulu ngathi zafundisa nomnye ngomnye.

Sikwafunde lukhulu ngale ntsholongwane.

Nangona zikhona iindawo esahluke nesingavumelaniyo ngazo, sibonisene imfobe, uvelwano nesisa.

Kubonakele ubugorha nentsebenziswano.

Siya kuMzantsi Afrika nehlabathi elahluke kakhulu kweli silaziyo.

Eyona nto iya kuba ngumqobo onzima iya kuba ngamathidala ethu ukwamkela olu tshintsho.

Masifunquke siqubisane nale ngxaki.

Masibambisane sibe yibumba nesizwe esimanyeneyo sakhe isizwe esiyingqili.

Ziza kubanzima ezi ntsuku zizayo.

Kodwa siza kusebenzisa la maqhinga besele siwasebenzisile ngaphambili.

Xa kunje kufanele sikhumbule amazwi akhe athethwa nguMongameli Nelson Mandela kwiminyaka engama-20 eyadlulayo ngethuba eli lizwe lalithwaxwa ngomnye ubhubhane.

Wathi:

“Xa sijongene nobungozi obuza ne-HIV/AIDS, kufuneka sizibeke bucala izinto ezisahlulayo sibambisene ukuze sisindise abantu bakuthi.

Izizukulwana ezizayo ziya kusigxeka kabukhali ukuba asikwenzi oku.”

Xa ndiqukumbela, mandicaphule kumazwi ka-Franklin Delano Roosevelt, awawenza ngethuba yena nelizwe lakhe bephantsi kobunzima:

Imeko yesi sizwe intle

Impilo yesi sizwe ayinachaphaza

Umoya wesi sizwe awugungqi

Ukholo lwesi sizwe lolwanaphakade.

Wanga uThixo angasikelela uMzantsi Afrika akhusele abantu bawo.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore