Mongameli Cyril Ramaphosa: Inkqubela-phambili yoMzantsi Afrika kwiinzame zikazwe-lonke zokunqanda ukusasazeka kukabhubhane wentsholongwane i-Corona (i-COVID-19)

Bemi boMzantsi Afrika,

Ngoku sineentsuku ezili-11 singenile kunyaka omtsha.

Kwakhona, ndininqwenelela konke okuhle ku-2021.

Singena kulo nyaka sinethemba elikhulu – ithemba lokuba siza kubuyisela ilizwe lethu empilweni, elokuba unyaka omtsha uza kuzisela abantu bethu isiqabu nentuthuzelo, nokuba ubomi bethu neendlela zokuziphilisa ziza kwakhiwa ngokutsha.

Kodwa, ukuze siyifezekise iminqweno yethu yalo nyaka, kufuneka sibumbane soyise lo bhubhane wentsholongwane i-corona ombi, ozingisayo noye usiba nzulu.

Lo bhubhane uselizweni lethu ukwelona nqanaba lidandathekisayo ngoku.

Inani labantu abatsha abosulelekileyo, abantu abangeniswa ezibhedlele nabaswelekayo liphezulu ngoku kunakuqala oko sathi safumanisa umntu wokuqala owosulelekileyo elizweni lethu ngeyoKwindla ku-2020.

Ukususela ngoSuku loNyaka oMtsha, iingxelo zithi kukho phantse i-190 000 yabantu abatsha abosuleleke yintsholongwane i-corona.

Ilizwe lethu linengxelo yabantu abangaphaya kwe-4 600 abasweleke ngenxa ye-COVID-19 ukuza kuthi ga ngoku kulo nyaka.

Oko kwaqala lo bhubhane, uMzantsi Afrika sele unengxelo yenani elonyukayo elingaphaya kwe-1.2 yezigidi zezehlo ze-COVID-19.

Sesinengxelo yabantu abangaphaya kwe-33 000 abathe basweleka nangaphaya kwe-148 000 yabantu abathe balaliswa ezibhedlele.

Njengesixa sabemi, iphondo elinelona nani liphezulu lezehlo kwezi ntsuku zisixhenxe ezigqithileyo lelaKwaZulu-Natal, lilandelwa yiNtshona Koloni, i-Gauteng, Limpopo neMpumalanga.

Inani labantu abatsha abosulelekileyo kwaZulu-Natal naseNtshona Koloni likhule ngokukhawuleza kwaye ngoku liyogqithe lee inkcochoyi yangesigaba sokuqala.

Inani labantu abosulelekileyo e-Gauteng likhula ngokucacileyo kwaye kulindeleke ukuba likhule nangakumbi xa abahlali base-Gauteng bebuyela kweli phondo emva kwekhefu leeholide zehlobo.

Kodwa nangona kunjalo, siyakhuthazwa lizinga lenani labantu abatsha abosulelekileyo eMpuma Koloni, nangona lisephezulu, lingaphantsi ngoku kunendlela ebeluyiyo embindini weyoMnga.

Kwiindawo ezininzi zelizwe lethu, ukulaliswa kwabantu ezibhedlele konyuke kakhulu ngoku kunangesigaba sokuqala.

Njengangoku, kukho abantu abayi-15 000 abane-COVID-19 ezibhedlele kuzwe-lonke, nto leyo ebeka uxinzelelo olukhulu kumaziko, abasebenzi nezixhobo zezempilo.

Malunga nesithathu sazo zonke izigulana ze-COVID-19 ezisezibhedlele zifakwe koomatshini bomoya.

Ngoko ke, kukho ingqalelo enzulu kumaziko ezempilo yokonyusa ubukho koomatshini bomoya nokusebenzisa iibhedi zesibhedlele zethutyana.

Amanye amathuba omsebenzi ebevulekile ayagcwaliswa, kwaye izitokhwe zezixhobo zokuzikhusela zibekwe iliso elibukhali kusetyenzwa kunye ne-Ofisi yokuThotyelwa kweMigangatho yeMpilo.

Uphando olwenziwe ziinzululwazi zethu lubonise ukuba ukonyuka kakhulu kwenani labantu abosulelekayo luqhutywa ikakhulu luhlobo lwentsholongwane i-corona olwaziwa ngokuba yi-501.v2.

Olu hlobo luqatshelwe okokuqala eMzantsi Afrika ngeyeNkanga.

Siyazi ukuba olu hlobo lutsha lwentsholongwane lusasazeka msinyane kakhulu kunezi ntlobo zangaphambili.

Le nto icacisa ukuba kutheni abantu abongezelelekileyo besosuleleka kwisithuba sexesha elincinci kakhulu.

Ulwazi oluvelayo lunika umbono othi olu hlobo lutsha alugulisi ngaphezu kwezi ntlobo zakuqala.           

Kodwa lubeka uxinzelelo olongezelelekileyo kwisixokelelwano sezempilo kuba izehlo zikhula ngokukhawuleza okukhulu kwaye nezibhedlele zigcwala msinyane kakhulu.

Kodwa enye yezona zinto ezibalulekileyo esizaziyo ngolu hlobo lutsha kukuba sisengakuthintela ukusasazeka sisebenzisa amanyathelo afanayo nala besihleli siwasebenzisa ukuzikhusela thina nabanye ixesha eli lonke.

Kufuneka sikhumbule ukuba le ntsholongwane isasazeka ngomoya.

Ngoko ke, kufuneka silumkele ezi zinto zibizwa ngo-C abathathu – iindawo ezivalekileyo (closed spaces), iindawo ezigcweleyo (crowded places) nokusondela kwabanye abantu (close contact).

Ngenxa yokuba olu hlobo lubosulela lula abantu, kubaluleke kakhulu ukuba umntu ngamnye azilumkele nangakumbi iindawo azihambayo nenani labantu adibana nabo.

Kufuneka singayekeleli namnye kwimithetho yempilo ebesisoloko siyilandela.

Kunoko, olu hlobo lutsha luthetha ukuba kufuneka sikhuthale nangakumbi, siyithobele nangakumbi imithetho ze sizekelele nangakumbi ekulandeleni izikhokelo zezempilo.

Bemi boMzantsi Afrika,

Nangona lo bhubhane engqongqo kweli lizwe lethu, sisenawo amandla.

Kwezi nyanga zilishumi ezigqithileyo sibonisile ukuba izenzo zethu zinalo ifuthe kwindlela nomgama othatyathwa sesi sifo.

Sibonisile ukuba xa sisebenzisana, sinakho ukwenza umahluko.

Xa siqala lo nyaka omtsha, masicandeni indlela ecacileyo eya ekuchacheni.

Masivumelaneni ngemasikwenze – nesiza kukwenza – ukuze simoyise lo bhubhane apha ku-2021.

Okokuqala, kufuneka senze konke esinakho ukucothisa izinga lokusasazeka ze, njengokuba besikhe senza ngaphambili, sityabaze igophe lokosuleleka.

Okwesibini, siza kusungula ubhazabhaza wenkqubo yokuthintela ukuze sikwazi ukuqinisekisa ukhuseleko lwabemi ze sithi ngaloo ndlela sicothise ukusasazeka kwale ntsholongwane. 

Ukuba sigxila kule misebenzi mibini, ukuba sisebenza ngokukhawuleza nangenjongo, siza kukwazi ukuthintela usuleleko oluninzi, sisindise ubomi obuninzi, sakhe uqoqosho lwethu kwakhona, ze ekugqibeleni sisoyise esi sifo.

Kumsebenzi wokuqala – owokwehlisa izinga lokusasazeka – sinazo zonke izixhobo esizidingayo.

Siyazi ukuba kufuneka senze ntoni singabanye ngabanye, siziintsapho, siziinkampani, singabahlali.

Iyandikhuthaza kakhulu indlela abantu abalisabele ngayo ikhwelo lokunxiba izifonyo xa besesidlangalaleni, njengoko sisazi ukuba le yenye yezona ndlela ezihamba phambili zokuthintela ukusasazeka kwale ntsholongwane.

Ndinqwenela ukubulela bonke abemi boMzantsi Afrika abanxiba izifonyo lonke ixesha.

Ngoku nangaphezulu kunakuqala, kufuneka umntu ngamnye athabathe isigqibo sokukubaleka ukudibana nabanye abantu xa kungekho mfuneko.

Ndingathanda ukuthabatha umzumu ndithethe ngokuthe ngqo malunga nomba wezingcwabo ezisoloko zikhonjwa kusithiwa ziindawo ‘ezizisasazi ezikhulu’.

Ukuvalelisa ngendlela efanelekileyo kwabo sibathandayo yinto eyendele nzulu kuthi sonke.

Kukho iinkqubo ezithile esizenzayo ngokuhambelana namasiko nezithethe zethu; hayi esingcwabeni uqobo nje kuphela, kodwa kwiintsuku ezikhokelela ekufihleni.

Kodwa ezi zizinto esingakwaziyo nje tu ukuzenza ngeli xesha.

Sibanjwe ngubhubhane ongumbulali kwaye ezi zinto ebesiqhele ukuzenza zonyusa nje umngcipheko wethu wokosuleleka – owethu, owosapho oluswelekelweyo nowezethu iintsapho emakhayeni ethu.

Liza kubakho ixesha apho siza kukwazi khona ukuya kwikhaya longasekhoyo siye kunika imbeko, sigqithise uvelwano kakuhle nabamelwa bethu, abahlobo nezizalwane.

Kodwa okwangoku, kungcono kwaye kukhuseleke kakhulu ukuba sihlale emakhayeni ethu.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ngomhla we-28 kweyoMnga 2020, siye sachaza ukuba uMzantsi Afrika ubekwa kwiNqanaba lesi-3 lesiLumkiso esinyenyisiweyo ukunqanda ukonyuka okukhawulezileyo kwenani labantu abosulelekayo.

Siye saphinda sachaza ukuba iindawo ezininzi eziseMpuma Koloni, Ntshona Koloni, Kwazu-Natal, Gauteng, Limpopo nakuMntla-Ntshona zibhengezwe njengeendawo ezinabantu abaninzi abosulelekile.

Siye saba nexesha lokuhlaziya amanyathelo ebesiwabeke njengenxalenye yenqanaba lesi-3 lesilumkiso esinyenyisiweyo, ngenxa yemeko yalo bhubhane esikuye nje ngangoku.

Siye saphinda sathethathethana neenkokheli zezenkolo, amaqela asekuhlaleni, oosomashishini, abasebenzi nabo bamele oorhulumente bamaphondo nabasemakhaya kunye neenkokheli zemveli malunga nefuthe lala manyathelo.

Ngokusekelwe kwiingcebiso zeBhunga likaZwe-lonke loLawulo lwentsholongwane i-Corona, iKhabhinethi ithabathe isigqibo sokuba igcine ilizwe kwinqanaba lesi-3 lesilumkiso esinyenyisiweyo.

Uninzi lwamanyathelo ayethe apapashwa nge-28 kweyoMnga 2020 aza kuhlala enjalo.

  • Ngenxa yomngcipheko wosasazeko olubanzi, uninzi lweendibano zangaphandle nangaphakathi alizi kuvunyelwa. Oku kuquka iindibano zasekuhlaleni, ezenkolo, imisitho yezopolitiko, iintlanganiso zamabhunga eenkokheli zemveli kunye neendibano ezikumabala ezemidlalo.

Njengakuqala, oku akuzibandakanyi izingcwabo nezinye iindibano ezikhethekileyo ezichazwe banzi kwimigaqonkqubo, ezifana neendawo zokutyela (iirestyu), iimyuziyam neendawo zokuzilolonga (iijim).

  • Akuvumelekanga ukuba kubekho abantu abangaphezulu kwama-50 ezingcwabeni, kwaye kufuneka kubekho ukuchaselana, kusetyenziswe isibulali-ntsholongwane ezandleni zekunxitywe izifonyo.
  • Ngoku iiyure zexesha ekufuneka ukuba abantu babe sezindlini ngalo ziza kuqala ngentsimbi yethoba ebusuku ze ziphele kwangoko kancinci, ngentshimbi yesihlanu kusasa
  • Kusanyanzelekile ukuba wonke umntu anxibe isifonyo esidlangalaleni.
  • Ukuthengiswa kotywala ezivenkileni zotywala nokuselwa kwabo ezindaweni akukavumeleki nangoku.

Iinkonzo zezempilo kwiindawo ezininzi zelizwe zichaze ukuba ukuyekiswa kokuthengiswa kotywala kuye kwalehlisa kakhulu inani lezehlo zeengozi ezibonwa ezibhedlele kwixesha loNyaka oMtsha.

Kubaluleke kakhulu ukuba siqhubeke nokukhusela iinkonzo zethu zezempilo ngeli xesha libaluleke kangaka.

  • Onke amalwandle, amadama, amachibi, imilambo, iipaki zikawonke-wonke neepuli zokudada zikawonke-wonke ziza kuvalwa eluntwini. Njengakuqala, iigadi zezityalo, iipaki zelizwe nezinye iipaki apho kuhleli kukho khona amanyathelo olawulo nalapho kuhleli kukho umlinganiselo wamanani zingahlala zivuliwe eluntwini.

Omnye wemiceli-mingeni esinayo njengokuba ixesha leeholide zehlobo zifikelela esiphelweni luxinano olukhulu kwiindawo zethu ezininzi zemida.

Oku kubangele ukuba abantu abaninzi babesemngciphekweni wokosuleleka ngethuba belinde ukuba kujongwe iimpepha zabo nokuba kube nzima ukuqinisekisa ukuba kumelwana nezidingo zezempilo zokungena eMzantsi Afrika, kwaye abantu abaninzi baphetha bengena bengenabo ubungqina bovavanyo lwe-COVID-19.

Ukucutha uxinano nomngcipheko omkhulu wosasazeko, iKhabhinethi ithabathe isigqibo sokuba amazibuko angama-20 okungena asemhlabeni avuliweyo nje ngangoku avalwe ukuze kungangenwa kwaye kungaphunywa de kube yi-15 kweyoMdumba.

Ezi ziquka iindawo zemida ezintandathu ezizezona zixakekileyo, eziyi-Beitbridge, Lebombo, Maseru Bridge, Oshoek, Ficksburg ne-Kopfontein.

Kodwa abantu basezakuvunyelwa ukuba bangene okanye baphume kweli lizwe:

  • Ukuthutha amafutha eenqwelo, imithwalo nenye impahla,
  • Ukufumana uncedo lwezempilo olungxamisekileyo lweemeko ezibeka ubomi emngciphekweni,
  • Ukubuyela kwabemi boMzantsi Afrika, abahlali beli abasisigxina okanye abanye abantu abaneempepha ezisebenzayo kweli
  • Oonozakuzaku
  • Ukuhamba kwabemi bamanye amazwe,
  • Abo bangena bephuma yonke imihla besuka kumazwe angabamelwane abafunda apha eMzantsi Afrika.

Uluhlu olupheleleyo lwabo bangachaphazelekileyo luza kuqulathwa kwimigaqonkqubo.

Kunyanzelekile ukuba sigcine amanyathelo eNqanaba lesi-3 leSilumkiso de sibe sigqithile enkcochoyini yosuleleko olutsha nokuze siqinisekile ukuba izinga losasazeko lehle ngokwaneleyo ukuba sikwazi ukwehlisa izithintelo ezikhoyo ngokukhuselekileyo.

Ndinqwenela ukudlulisa umbulelo wam kuluntu lwezenkolo ingakumbi ngenkxaso nokuqonda kwalo ngeli xesha lobhubhane.

Imibutho esekelwe enkolweni ayanelanga nje ukucutha okanye ukunyenyisa indlela yokunqula nezinye izinto, akwanike uluntu uncedo lwempilo yengqondo, inkxaso, iinkqubo zokutya nezinye iinkonzo.

Ngexesha abantu abadinga ngalo intuthuzelo yenyama neyomoya, ngenene ililishwa into yokuba kunyazeleke ukuba izithintelo zeendibano zenkolo zihlale zimile.

Uphando luveze imingcipheko emininzi ethi ivele kwiinkonzo zenkolo nezinye iindibano. Le mingcipheko iquka leyo inento yokwenza neendawo ezivaliweyo, amaqela amakhulu, ukusondela kakhulu kwabanye abantu, ukuhlala endaweni enye ixesha elide, nokuthethela nokuculela phezulu.

Siza kuqhubeka neengxoxo zethu neenkokheli zenkolo ezimalunga neyona ndlela ikhuselekileyo yokuhlangabezana nenkanuko yabantu yokunqula ebandleni ngethuba sisebenzisana ukugcina abantu bephila.

Njengokuba izikolo namanye amaziko emfundo elungiselela ukuqala konyaka omtsha wemfundo, kukho inkxalabo elindelekileyo malunga nokuba kububuchule na oku njengokuba sisembindini wesigaba sesibini sosuleleko.

IBhunga likaZwe-lonke loLawulo lwentsholongwana i-Corona, lijongene nalo nomba, kwaye siza kunika isikhokelo ngawo kwezi ntsuku zizayo.

Njengokuba ilizwe libuyela emsebenzini emva kwekhefu leeholide zehlobo, kubalulekile ukuba bonke abaqeshi baqinisekisa ukuba iindawo zokusebenzela ziqhubeka nokuba nemigaqo yokhuseleko nokuba ilandelwa ngendlela engqongqo.

Umsebenzi wethu wesibini njengokuba sicangcatha indlela yethu eya ekuvuselelekeni kukwenza abemi bephela ukuba bakhuseleke sisebenzisa ubhazabhaza wenkqubo yokugonya.

Ukuveliswa kwamachiza amaninzi okugonya yeyona nto ibalulekileyo nethembisayo oko kwaqala lo bhubhane wehlabathi.

Kudala sisithi ichiza lokugonya elisebenzayo liza kutshintsha yonke into.

Ukunika abantu behlabathi amachiza okugonya kuthetha ukulawula ubhubhane wentsholongwane i-corona.

Umntu ogonyiweyo unamathuba acuthwe kakhulu okugula nokubulawa yi-COVID-19.

Xa kuthe kwagonywa abantu aboneleyo, siza kufikelela kwinto ebizwa ngokuba ‘herd immunity’ okulukhuseleko lwabantu abaninzi okanye ‘population immunity’ ukhuseleko lwabemi.

Oku kuxa abantu aboneleyo kubemi bekhuselekile kwintsholongwane ukunika ukhuseleko ngqo kwabo bangakhuselekanga, nto leyo ethi yenze intsholongwane ilawuleke.

Ngethuba elona nqanaba lidingekayo ukuze sifikelele kukhuseleko lwabantu abaninzi lingaziwa, iinzululwazi zethu ziqikelela ukuba kungenzeka sifikelele kukhuseleko lwabantu abaninzi xa malunga ne-67% yabemi bethu bekhuselekile.

EMzantsi Afrika, oku kuthetha abantu abamalunga nezigidi ezingama-40.

Sineqhinga elibanzi lokugonya eliza kufikelela kuzo zonke iindawo zeli lizwe.

La malungiselelo aza kuba ngawona antsokothileyo esakhe sawenza kwimbali yelizwe lethu.

Aza kuba banzi ngaphezulu kakhulu kunenkqubo yonyango lwe-HIV okanye nalo nonyulo lwelizwe, olwamaphondo nolwasekuhlaleni xa sijonge inani labantu ekufuneka kufikelelwe kubo ngexesha elifutshane.

Aza kufuna ukuba onke amanqanaba karhulumente, amacandelo asekuhlaleni nabo bonke abemi nabahlali beli bazibandakanye ngendlela ebonakalayo.

Iqhinga lethu linezahlulo ezininzi.

Isahlulo sokuqala seqhinga lethu kukufumana imilinganiselo eyaneleyo yechiza lokugonya ukuze sifikelele kukhuseleko lwabantu abaninzi.

Sikwinkqubo yokuthenga izitofu zokugonya sisebenzisa iindlela ezintathu: ngeziko le-COVAX loMbutho wezeMpilo weHlabathi, ngenyathelo lechiza lokugonya leMbumba ye-Afrika nangokuthethathethana ngqo nabavelisi bamachiza okugonya.

Njengoko bendikhe ndachaza, uMzantsi Afrika uyinxalenye yeziko le-COVAX lehlabathi, apho amazwe adibanisa khona imithombo yawo ukuxhasa uphuhliso lwamachiza okugonya ngenjongo yokuqinisekisa ukuba onke amazwe athi akwazi ukufumana amachiza okugonya oneleyo.

Siza kufumana imilinganiselo yamachiza okugonya ezakwanela malunga ne-10% yabemi bethu isuka kwi-COVAX.

Njengosihlalo woManyano lwe-Afrika, sisungule ukusekwa kweQela le-Afrika loMsebenzi wokuFunyanwa kweChiza ukufumanela ilizwekazi lethu imilinganiselo yechiza lokugonya. La machiza okugonya azakuthengwa ngesixa kwaye amazwe ase-Afrika azakukwazi ukuthenga imilinganiselo yechiza lokugonya kule ndibanisela.

Kuqikelelwa ukuba i-Afrika xa iyonke iza kudinga imilinganiselo ezizigidigidi eziyi-1.5 ukuthintela le-60% yabemi bayo ekujoliswe kuyo.

Ngokuthethathethana okunzulu nabavelisi bamachiza okugonya, iQela loMsebenzi lenze umsebenzi omangalisayo ukufumanela amazwe akwizwekazi imilinganiselo yechiza lokugonya.

Urhulumente woMzantsi Afrika naye unexesha elingaka ngeenyanga ezintandathu ethethathethana ngqo nabavelisi abaninzi bamachiza okugonya.

Ngenxa yokuba amachiza okugonya edingeka kakhulu kwihlabathi nangenxa yokuba amazwe atyebileyo enamandla amakhulu kakhulu okuthenga, sikhangela ezinye iindlela zokufumana imilinganiselo emininzi kangangoko yechiza lokugonya ngokukhawuleza okukhulu.

Nangona kukho iingxoko eziliqela ezithembisayo nabavelisi abaninzi ekusafuneka ukuba zigqitywe, ukuza kuthi ga ngoku sesifumene imilinganiselo ezizigidi ezingama-20 aza kuziswa ikakhulu kwisiqingatha sokuqala sonyaka.

Siza kukwenza ezinye izaziso xa sigqibe iingxoxo zethu nabavelisi bamachiza okugonya.

Isahlulo sesibini seqhinga lethu kukuchonga amaqela emakuqalwe ngawo adinga ukugonywa xa simane sifumana amachiza okugonya apha enyakeni.

KwisiGaba sokuqala, ngebhetshi yokuqala yamachiza okugonya, siza kuqala ngabasebenzi bezempilo abamalunga nezigidi eziyi-1.2.

KwisiGaba sesibini, xa kufika amanye amachiza okugonya, siza kuqala ngabasebenzi abasisiseko abafana nootitshala, amapolisa, abasebenzi bakwamasipala nabanye abantu abasebenza ngabantu. Siza kuphinda sibeke phambili abantu abakumaziko afana namakhaya abantu abolupheleyo, iindawo zokhuselelo zabo bangenamakhaya, iintolongo, abantu abaneminyaka engaphaya kwama-60 nabantu abadala abaphila nezinye izifo.

KwisiGaba sesithathu, xa konyuke ukufumaneka kwechiza lokugonya kubavelisi, siza kuthi ke silinike abemi abadala abashiyekileyo abamalunga ne-22.5 yezigidi.

Sakube sesifikelele kubemi boMzantsi Afrika abamalunga nezigidi ezingama-40, nto leyo ethathwa ngokuba ngumlinganiselo ophezulu wokhuseleko lwabantu abaninzi.

Icandelo lesithathu leqhinga lethu kukuhambisa amachiza okugonya kwilizwe liphela siwanike abo abachongelwe ukuba bawafumane.

Siseke ikomiti eququzelayo yelizwe, edibanisa amasebe angundoqo, icandelo labucala nabanye abanegunya ukuba babeke iso ekumiliselweni kweqhinga lethu likazwe-lonke.

Siza kugonya sisebenzisa izibhedlele, iiklinikhi, iinkonzo zokuncedisa eluntwini, iiklinikhi ezihambayo, kunye nendawo zabucala ezifana nee-ofisi zoogqirha, iikhemesti nendawo zokusebenzela.

Sibe neengxoxo eziliqela nabo banegunya kwezi veki sisuka kuzo ukuqinisekisa ukuba sinephulo lokugonya elicwangciswe kakuhle nelibandakanya bonke abantu.

Kusekwe intsebenziswano ebandakanyayo phakathi kukarhulumente, iinkqubo zezonyango necandelo labucala ukuxhasa ukufunyanwa, ukuhlawulelwa nokukhutshwa kwamachiza okugonya.

Sibona indima ebaluleke kakhulu engadlalwa ngabaququzeleli babasebenzi, iinkokheli zemveli, uluntu lwenkolo ekusasazweni kolwazi oluchanekileyo olumalunga namachiza okugonya nokuqinisekisa ukuthatyathwa kwenxaxheba ngokupheleleyo kwinkqubo yokugonya.

Siyazamkela iingcebiso ezenziwe luluntu, oosolwazi nabanye kuphuhliso lweqhinga lelizwe elisebenzayo, nokuba le zingcebiso bezikhe zigxeke urhulumente.

Sidibanisa yonke imithombo namandla elizwe lethu ukuze ibe ngumzamo omnye ojoliswe ekwenzeni ukuba ichiza lokugonya lifumaneke.

Le ntsebenziswano, eyenye yezona zibalulekileyo kwezinje ngayo kwimvelaphi yethu, ibalulekile njengokuba sidibana sisebenza kunye ukuze siphumelele imfazwe enxamnye ne-COVID-19.

Kusekho abanye kweli lizwe lethu abaseneentandabuzo malunga namachiza okugonya, kwaye kukho iinkcukacha ezininzi ezingezizo neengcinga zamayelekenqe ezisasazwayo malunga namachiza okugonyela i-COVID-19.

Ngelo xesha amachiza okugonya asetyenziselwe ukutshabalalisa izifo ezifana nengqakaqha nepholiyo. Abantwana bagonywa rhoqo ukubakhusela kwizifo ezininzi ezifana noqilikwane, imasisi i-rubella, kwaye nabakhenkethi badla ngokugonyelwa izifo ezifana nomkhuhlane i-yellow fever.

Ichiza lokugonya ngalinye eliza kusetyenziswa kwinkqubo yethu liza kupasiswa liGunya loMzantsi Afrika eliLawula iiMveliso zeMpilo, elimisela imigangatho eqatha yobunzululwazi ukuqinisekisa ukhuseleko nokusebenza okukuko kweyeza okanye unyango ngalunye.

Iqhinga loMzantsi Afrika lokuzisa ichiza lokugonya lisendleleni.

Iyaqondakala into yokuba sonke sifuna ukwazi ukuba ichiza lokugonya liza kufika nini.

Njengokuba sisebenzela ukufumana imilinganiselo eyaneleyo ngethuba ifuneka kakhulu kwihlabathi liphela, siza kwenza nantoni na esemandleni ukuqinisekisa ukuba inkqubo icace gca nokuba zonke iinkcukacha ziyafumaneka.

Ndicela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babe yinxalenye yesenzo esikhulu sokukhupha ichiza lokugonyela intsholongwane i-corona.

Nangona kuza kuba nzima, kuntsokothe, kudandathekise, kubaluleke kakhulu ukuba oku sikwenze kunye, senzele ilizwe lethu nentlalo-ntle yabo bonke abantu bethu.

Njengokuba sihamba sonke endleleni yokoyisa ubhubhane wentsholongwane i-corona, singaze siyilibale imfuneko yokusebenza ngokungxamisekileyo nangendlela ethatha isigqibo ukuze siphelise ubundlobongela obenziwa ngamadoda kubafazi nabantwana.

Ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulwaba kwabasetyhini ngubhubhane wesibini kweli lizwe.

Izicwangciso zokumisela utshintsho ekuhlaleni nakwindlela yokuziphatha ziza kakuhle.

Umzekelo, urhulumente usebenzisana neembumba ezininzi zasekuhlaleni ukuxhobisa abaqhubi neemashali zeeteksi ngolwazi ngesini, izinto eziqhelekileyo ngesini, ubudoda obuyityhefu nobundlobongela obusekelwe kwisini ngeenzame zokutshantsha indlela yokuziphatha.

Komnye umzekelo, amaqela ezenkolo asungule iphulo lokwenza iinkokheli zezenkolo zithabathele ingqalelo ngomuba wokuthanda izwe, ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye necawa. Oku kuquka inkqubo apho iinkokheli ziqeqeshelwa ukukhapha abo boyise ubundlobongela obusekelwe kwisini ukususela kwixesha abachaza ngalo isehlo de bakhonjwe kwenye inkqubo. Amatshantliziyo ezokholo nawo aqeqeshelwe ukuxhasa abafazi ngethuba behamba inkundla.

Kukho iinzame ezenziwayo zokuxhasa ukunikwa kwabafazi amandla ezoqoqosho, ingakumbi ngeli xesha le-COVID-19. Oku kuquka uqeqesho lwabafazi abakwezoshishino ukuze bakwazi ukufumana amathuba oshishino kuluntu.

Ukuphelisa ukungcungcuthekiswa emsebenzini, uMzantsi Afrika ukwinkqubo yokulungisa i-ILO Convention 190, eseka umgangatho wehlabathi wokukhusela abafazi namanye amaqela abuthathaka kwilizwe lomsebenzi.

Bemi boMzantsi Afrika,

Sekuphantse kube kugqithe isiqingatha sonyaka emveni kokuba ndandithethe nani malunga nesaqhwithi sentsholongwane i-corona esigqugqisa isizwe sethu.

Ndathi isaqhwithi sentsholongwane i-corona singqwabalala ngaphezulu lee kwaye sinentshabalaliso engaphezulu kunayo nayiphi na esakhe sayibona ngaphambili.

Ngoku sisembindini wesaqhwithi.

Asisazi ukuba siseza kuthabatha ixesha elingakanani okanye ukuba sizakuba sibi kangakanani.

Kodwa siyayazi into ekufuneka siyenze ukuze siphume kwesi saqhwithi.

Siyayazi into ekufuneka siyenze ukuzikhusela thina nabo basingqongileyo.

Siyayazi into ekufuneka siyenze – sililizwe, sililizwekazi nanjengoluntu lwehlabathi – ukuze soyise lo bhubhane.

Kufuneka sisebenze sinenjongo enye, siqonda ukuba into esiyenzayo singabanye ibalulekile kuthi, iintsapho zethu, iindawo esihlala kuzo noluntu lwethu.

Ukuba sisebenzisana ngendlela esenze ngayo iinyanga ezininzi, ukuba siyanyamezela, siza kuwufumana unyaka omtsha esiwunqwenela ngakho konke esinako.

Siza kulufumana uxolo, ukuthuthuzeleka, isiqabu nempilo entle esizikhangelayo sonke.

Siza kubakha kwakhona ubomi bethu nelizwe lethu.

Wanga uThixo angaqhubeka nokusikelela uMzantsi Afrika aze akhusele abantu bakhe.

Ndiyabulela.

 

Share this page

Similar categories to explore