INgxelo eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngeNkqubela-phambili kwiiNzame zeSizwe zokuNqanda ukwanda koBhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Kwiiveki ezimbini ezigqithileyo ndibhengeze amanyathelo ongezelelekileyo okunqanda ukunwenwa kwentsholongwane ye-corona.

Ekuthabatheni isigqibo sokwazisa la manyathelo ongezelelekileyo, iKhabhinethi ilandele iingcebiso zobunzululwazi ezinikwe yiKomiti yabaPhathiswa yokunika iiNgcebiso nge-COVID-19 kunye neengxoxo zeSigqeba soLawulo seSizwe seNtsholongwane ye-Corona.

La manyathelo ebengxamisekile kwaye ebenyanzelekile ukuze sinqande ukwanda kwetyeli lesithathu, elibaselwe luhlobo lwentsholongwane olutsha oluyi-Delta.

Kusabalulekile kuthi ukuqhawula ikhonkco lokugqithisa ngokucutha unxibelelwano ekuhlaleni.

Kwezi veki zimbini zigqithileyo, ilizwe lethu oko likwinqanaba lesi-4 lesilumkiso.

Oku bekubonisa umngcipheko ophezulu wokugqithiseka.

Ukugqibela kwam ukuthetha nani, ndatsho ukuba siza kuvavanya imeko emva kweentsuku ezili-14 ze sithabathe isigqibo malunga nezilungiso ezingafuneka.

Ngendlela ezimi ngayo izinto ngoku, amazinga osulelo asephezulu kakhulu.

Njengokuba kukho olu hlobo luyi-Delta olusasazeka ngokukhawuleza, sijongene netyeli lesithathu elingqongqo ngaphezulu kwelokuqala nelesibini.

Kwezi veki zimbini zigqithileyo, ilizwe lifumene iingxelo ezisisigxina zezehlo ezintsha ezikumyinge ophantse ube ngama-20 000 ngosuku.

Njengangoku, kukho izehlo ze-COVID-19 ezingaphaya kwama-200 000 kweli lizwe.

Kwezi veki zimbini zigqithileyo, bangaphaya kwama-4 200 abemi boMzantsi Afrika abaphulukene nobomi babo ngenxa ye-COVID-19.

Ngethuba iliRhawuti elinososulelo olutsha olungaphaya kwesiqingatha, usulelo lwanda ngesantya esiphezulu eNtshona Koloni, eLimpopo, kuMntla Ntshona, KwaZulu-Natal naseMpumalanga.

Inkqubo yethu yezempilo kwilizwe liphela isephantsi koxinzelelo.

Kungenzeka ukuba kuthi kusiba yile veki izayo, abe amanani abantu abalaliswa ezibhedlele kwilizwe liphela yonke imihla abe efikelele kumanqanaba esawabona kwinkcochoyi yamatyeli amabini okuqala.

Amanani okufa okoyamene ne-COVID-19 ezibhedlele nawo ayonyuka, kwaye sele ogqithe lawo esawabona kwinkcochoyi yetyeli lokuqala.

Ngenxa yoko, emveni kweengxoxo namaphondo, iKhabhinethi igqibe kwelokuba ilizwe lihlale kwiNqanaba lesi-4 lesiLumkiso ezinye iintsuku ezili-14.

Oku kuthetha ukuba ukususela ngoku kude kube ngumhla we-25 kweyeKhala, la manyathelo alandelayo aza kuhlala emi.

  • Zonke iindibano zolonwabo, ezopolitiko, ezenkolo kunye nezinye azivumelekanga.
  • Ixesha ekufuneka ukuba abantu babe sezindlini ngalo liza kuhlala limi ukususela ngentsimbi ye-9 ebusuku de kube yeye-4 kusasa, kwaye ngabo banemvume kuphela abavumelekileyo ukuphuma ezindlini zabo ngeli xesha.
  • Ukuthengiswa kotywala akukavumeleki.
  • Izikolo ziza kuhlala zivaliwe de kube ngumhla we-26 kweyeKhala.
  • Kusanyanzelekile ukunxiba isigqubutheli-buso esigquma impumlo nomlomo xa usesidlangalaleni.

Kodwa senza ezi zilungiso kwimimiselo yeNqanaba lesi-4 lesiLumkiso:

  • Iirestyu neendawo ekutyiwa kuzo ziza kukwazi ukusebenza zilandela imithetho eqatha yezempilo. Ezi ndawo azivumelekanga ukwamkela abantu abangaphezulu kwama-50 ngexesha, iindawo ezincinci, azinakubanabantu abangaphezulu kwesiqingatha somthamo wazo wesiqhelo.
  • Ezinye iindawo ezithile, ezifana neendawo zokuzilolonga, nazo zingavula kwaye izinto ezifana nokuthengiswa kwemfuyo nezilwanyana zasendle ziza kuvumeleka, kodwa ngokwemiqathango echazwe kwimimiselo.
     

Oko kwaqala lo bhubhane, impendulo yethu yesizwe oko ikhokelwe bubungqina obukhoyo neengcebiso zeengcali.

Naku esikwaziyo.

Siyazi ukuba ukucutha amathuba okuba abantu basondelelane kunceda ukunqanda ukwanda kosulelo.

Siyazi ukuba intsholongwane ye-corona isasazeka ezingcwabeni, kwiintlanganiso zasezi-ofisini, ezipatini, kwimicimbi yosapho, nakwiirestyu nasezithaveni.

Yiyo loo nto kwinqanaba lesi-4 lesilumkiso, kuye kwafuneka ukuba singazivumeli iindibano zenkolo, ezolonwabo nezopolitiko.

Sikwazi ukuba xa abantu behambahamba, le ntsholongwane ihamba nabo.

Ngenxa yamanani aphezulu kakhulu eRhawutini kwezi veki zimbini zigqithileyo, siye sacutha intshukumo yokungena nokuphuma kweli phondo ukwehlisa isantya sokusasazeka kwale ntsholongwane isiya kwezinye iindawo zelizwe.

Siyazi ukuba amaxesha okuvaleleka ezindlini acutha intshukumo kwaye ehlisa iindibano zasebusuku ezonyusa amandla okuhambiseka.

Siyazi ukuba izithintelo zokuthengiswa kotywala zichutha amanani abantu abalaliswa ezibhedlele nakumagumbi emeko kaxakeka ngenxa yomonzakalo owoyanyaniswa notywala, ofana neengozi zemoto nobundlobongela obuphakathi kwabantu.

Ukucutha utywala kwenza ukuba kubekho amandla adingeka kakhulu kwiindawo zethu zonyango ukumelana nezehlo ze-COVID-19.

Ukusetyenziswa gwenxa kotywala kukoyanyaniswa neendibano nokungalandeli imimiselo yoluntu yezempilo.

Ngaxeshanye, siyalazi kwaye siyaliqonda igalelo elibalulekileyo lecandelo lotywala kuqoqosho lwethu.

Ekugqibeleni, awona manyathelo abalulekileyo okunciphisa ukuhambiseka ngala sikwaziyo ukuwalawula singabanye.

Ngenxa yoku, uhlobo lwentsholongwane oluyi-Delta luhambiseka kakhulu, kufuneka sizimisele nangakumbi ekulandeleni izithintelo ezisisiseko esizaziyo sonke.

Njengokuba simisela amanyathelo okucutha amanani abantu abosulelekayo, senzela ukukhusela abantu abaninzi kangangoko ngokugonya.

Inkqubo yethu yesizwe yokugonya yanda ngesantya esikhulu.

Ukuza kuthi ga ngoku, bangaphaya kwezigidi eziyi-4.2 abantu esele befumene ithamo lechiza lokugonya, kwaye isigidi kwaba silifumene kwezi ntsuku zeveki zisixhenxe zigqithileyo.

Isantya sokugonya siphindwe ngaphezu kwesibini kule nyanga igqithileyo, kwaye siza kuqhubeka nokonyuka.

Njengangoku, kugonywa abantu abakumyinge wama-190 000 ngosuku ngalunye lweveki.

Urhulumente necandelo labucala basebenzisana ngendlela engazange yabonwa ukwakha amandla okugonya abantu abaninzi nangakumbi ngosuku.

Njengangoku, sigonya abantu abakumaqela eminyaka engama-60 nangaphezulu kunye nabaneminyaka engama-50 nangaphezulu.

Ukususela ngalo Lwesine uzayo, umhla we-15 kweyeKhala, abo baneminyaka engaphezulu kwama-35 baza kukwazi ukubhalisa kwiNkqubo yeKhompyutha yeeNkcukacha zokuGonya.

Ngomhla woku-1 kweyeThupha, sithemba ukuba siza kube siqalisa ukugonya iqela labaneminyaka engama-35 nangaphezulu.

Kukho iinkqubo eziqhubayo zokugonya abasebenzi abasisiseko, kuqala ngemfundo esisiseko, amapolisa kunye nomkhosi wokhuselo.

ISebe lezeMpilo likwasebenza necandelo labucala ukumisela iinkqubo zokugonya emisebenzini ezizakwandisa amandla ethu ngaphaya kweendawo zikarhulumente.

Sisebenzela ukuqinisekisa ukuba amaziko okugonya afumaneka kufutshane nalapho abantu bahlala khona ukubenzela lula.

Siza kuqhubeka nokusebenza neenkokheli zasekuhlaleni, ezenkolo nezomthonyama ukukhuthaza uluntu ukuba lugonye.

Kukho izicwangciso zokwandisa amaziko okugonya kuwo onke amaphondo ukuze agonye iintsuku ezintandathu okanye ezisixhenxe ngeveki.

Oku kuza kukwenzeka ngokuthi kubekho imali yokuhlawulela ukusebenza ixesha elongezelelekileyo nokuqeshwa kwabasebenzi abongezelelekileyo bezonyango kunye nabafundi benzululwazi yobuyeza.

Bonke abo baselungelweni lokugonya bayakhuthazwa ukuba babhalise phambi kwexesha ukukhawulezisa inkqubo kumaziko okugonya.

Kodwa, wonke amaziko akwavumela abantu abangabhalisanga ukuba bavele bangene baze babhaliswe.

Ndifuna ukukhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika abafanelekileyo ukuba babhalise ukuba benzenjalo ze bafumane ichiza labo lokugonya.

Kufuneka sisasaze umyalezo wokuba amachiza okugonya ayasebenza kwaye asebenza kakuhle.

Omnye weyona miceli-mingeni mikhulu esiye sajongana nayo ukuza kuthi ga ngoku ekwandiseni inkqubo yethu yokugonya kukufumaneka kwamathamo echiza lokugonya.

Oku kube ngumceli-mngeni kuMzantsi Afrika nakwizwekazi i-Afrika liphela.

Kwezi ntsuku zimbalwa zigqithileyo, iManyano ye-Afrika nge-ofisi yethu njengeNtshatsheli ye-AU COVID-19, kunye neManyano yeYurophu, zifikelele esigqibeni esiyimbali esizakuphucula ngokumandla ukufumaneka kwamachiza okugonya kwilizwe lethu nakumazwe angabamelwane bethu kwizwekazi i-Afrika.

Ngesi sivumelwano, i-Aspen iza kuzisa ngaphaya kwezigidi ezili-17 zamathamo amachiza akwa-Johnson & Johnson eMzantsi Afrika nakwamanye amazwe ase-Afrika kwezi nyanga zintathu zizayo, ukususela ekuyeni kokuphela kweyeKhala.

Eli nani liza kuphindwa kabini inyanga nganye ukususela kweyeDwarha.

Isitokhwe sokuqala esifikelela kwizigidi siza kukhutshwa eMzantsi Afrika nakwamanye amazwe ase-Afrika ukususela kweyeKhala.

Njengenxalenye yemizamo yokomeleza ukhuseleko lwempilo kwizwekazi, u-Johnson & Johnson uzibophelele ekulungelelaniseni esi sicwangciso sikhoyo ukuze sikwazi ukuvelisa eli chiza lokugonya apha eMzantsi Afrika phantsi kwephepha-mvume endaweni yaphantsi kwesivumelwano, nto leyo eza kukhokelela ekubeni ilizwe lethu nezwekazi zikwazi ukulawula amachiza okugonya.

Sikwiingxoxo zokuba ekuhambeni kwexesha incindi yechiza buqu iveliswe apha eMzantsi Afrika, ukuze sibe nechiza lokugonya elilele-Afrika ngokupheleleyo neliveliselwa kumhlaba wase-Afrika kumazwe aliqela kwizwekazi lethu.

Siyasamkela isibhengezo esenziwe nguMongameli Joe Biden sokuba i-United States inikela ngezigidi ezingama15 ukuya kuma-20 amathamo echiza lokugonya lakwa-Pfizer kumazwe ase-Afrika isebenzisa iziko le-COVAX.

Oku, kunye nezinye izivumelwano ezikhoyo nabavelisi, kuthetha ukuba uMzantsi Afrika umelwe kukuba namachiza okugonya oneleyo alindileyo ukuze sikwazi ukufikelela kumanani esijolise ukuwagonya.

Ngaxeshanye, sisebenzela ukwandisa uluhlu lwamachiza okugonya asetyenziswayo kweli lizwe.

Siyasamkela isigqibo esithatyathwe yi-SAHPRA sokuphumeza ichiza lokugonya eliyi-CoronaVac elisuka eTshayina ukuba lisetyenziswe eMzantsi Afrika.

IKomiti eCebisa ngamaChiza okuGonya isebenzela ukujonga ukuba singaqalisa ngokukhawuleza kangakanani na ukufaka i-CoronaVac kwinkqubo yethu yokugonya.

Kufuneka sithabathe izigqibo ezinzima, sisazi ukuba isigqibo ngasinye sichaphazela uqoqosho noluntu ngendlela eqatha.

Nangona ezi zithintelo zinegalelo kuqoqosho, kufuneka siyinanze into yokuba lo bhubhane wona ngenkqu ubeka owona mngcipheko mkhulu ekuchacheni kwakhona koqoqosho.

Ixesha elide lokungalawulwa kosulelo lingabangela umonakalo omkhulu nangakumbi kuqoqosho ngaphezulu kwezithintelo ezibekiweyo, liphazamise ukuveliswa ze lithintele abantu ekuphumeni baye kwiindawo zolonwabo nezikawonkewonke.

Kodwa siyayiqonda into yokuba ezi zithintelo zibe neziphumo kubantu ngabanye, kumakhaya, nakumashishini ebehleli ephantsi koxinzelelo phambi kwalo bhubhane.

Sisazibophelele ekwenzeni konke esinakho ukunciphisa ifuthe lokuvalwa kwelizwe kwiindlela zabantu zokuziphilisa.

Emveni kokuya kwiNqanaba lesi-4 lesiLumkiso, iNgxowa-mali ye-Inshorensi yabangaPhangelisyo (i-UIF) iye yaqalisa iingxoxo nabalingane basekuhlaleni ukusombulula ubunzima babasebenzi abalahlekelwe yingeniso phantsi kwezi zithintelo.

Ngokusekelwe kwezi ngxoxo, i-UIF ithabathe isigqibo sokuba inkqubo ye-COVID-19 TERS yandiswe iye kuwo onke amacandelo achatshazelwe zizithintelo zeNqanaba lesi-4 lesiLumkiso.

Iinkcukacha zoku kwandiswa ziza kupapashwa kungekudala emva kokuba kugqitywe inkqubo ngokupheleleyo, kwaye ziza kuquka iinkcukacha zokuba ngubani oselungelweni lokufumana le nkxaso.

Oko yaqala inkqubo ye-COVID-19 TERS sele inike ngaphaya kwezigidigidi ezingama-60 zeerandi ukukhusela imisebenzi yabasebenzi abazizigidi eziyi-5.5.

Ngaphaya koko, iKhabhinethi igqibe kwelokuba zonke iimpepha-mvume zamashishini eziphelelwa phakathi kweyoKwindla 2020 neyeSilimela 2021 ziza kuqhubeka nokusebenza de kube ngumhla we-31 kweyoMnga 2022.

Iimpepha-mvume ezintsha ezikhutshwe ukususela ngomhla woku-1 kweyeKhala nazo ziza kuqhubeka nokusebenza de kube ngumhla we-31 kweyoMnga 2022, kwaye akuzi kuhlawulwa mrhumo.

Oku kuza kunika amashishini umtyhi.

Bemi boMzantsi Afrika,

Kukho omnye umba obaluleke kakhulu kwisizwe endinqwenela ukuthetha ngawo.

Kwezi ntsuku zimbalwa zigqithileyo, sibone uqhankqalazo olunobundlobongela olumanqaphanqapha kodwa olwandayo kwezinye iindawo zeli lizwe.

Amaseko abalulekileyo afana noohola beendlela ayachaphazeleka, nto leyo icothisa ukuhanjiswa kwezinto neenkonzo ezigcina uqoqosho lwethu luqhuba.

Kutshatyalaliswe izinto zabantu. Kugityiselwe iimoto ngamatye. Abantu bayoyikiswa kwaye bayagrogriswa, kwaye abanye bonzakalisiwe.

Ezi zenzo zibeka ubomi babantu ebungozini kwaye zimosha iinzame zethu zokuvuselela uqoqosho.

UMgaqo-siseko wethu uqinisekisa amalungelo omntu wonke okuvakalisa izimvo zakhe nokuzibandakanya noqhankqalazo olunoxolo.

Nangona kunokuba kukho abantu abakhathazekileyo nabanomsindo ngeli xesha, soze sibekhona isizathu sezenzo ezinobundlobongela, ezitshabalalisa neziphazamisa ngolu hlobo.

Iyaxhalabisa kubo bonke abemi boMzantsi Afrika into yokuba ezinye zezi zenzo zobundlobongela zisekelwe kwiintshukumo zobuhlanga.

Oku kufuneka kugwetywe ngabo bonke abemi boMzantsi Afrika ngako konke okusemandleni kuba sisisizwe esizibophelele ekuqinisekiseni ukuba akukho calucalulo ngokobuhlanga nobuzwe kusekelwe ekubeni sonke sohlukile nakumanyano lwabo bonke abantu boMzantsi Afrika, nokuba bathetha oluphi ulwimi, ithini inkcubeko yabo, bakholelwa kweyiphi inkolo okanye baloluphi uhlanga.

Ukuzibophelela kwethu ekuthobeleni uMgaqo-siseko wethu wentando yesininzi kusekelwe kwinqobo yokuba bonke abantu bayalingana phambi komthetho, nokuba bonke abantu banelungelo lokhuseleko olulinganayo phambi komthetho.

Umgaqo womthetho ukhusela ngasekusetyenzisweni gwenxa kwegunya.

Umgaqo womthetho ukhusela amahlwempu nabo basesichengeni.

Oko kwaqala intando yesininzi, amaziko afana neNkundla yoMgaqo-siseko oko ehamba phambili ekuphuculeni ubomi babemi boMzantsi Afrika.

Masicacise, sisisizwe, ukuba asizikumelana nezenzo zolwaphulo-mthetho.

Abo babandakanyeka kwizenzo zobundlobongela baza kubanjwa baze batshutshiswe.

Abo bafunyaniswe benetyala lokophula imithetho yokuvalwa kwelizwe baza kufumana isohlwayo esichaziweyo.

Oku kuza kwenziwa ngaphandle koloyiko nomkhethe.

Sikwagweba iinzame zokubangela ukudideka ngokusasaza imifanekiso neevidiyo, amaxesha amaninzi zezehlo ezenzeka kwiminyaka emininzi eyagqithayo.

Ndicela ukuba nicingisise phambi kokusasaza nantoni na kumakhasi onxibelelwano okanye naphi na enokungabiyonyani okanye engaqinisekiswanga.

Uninzi lwabemi beli lubonakalise ukuba lufuna ukuphila ngoxolo nemvisiswano.

Bafuna ukusebenza benze indlela yokuziphilisa. Bafuna ukubona ilizwe lethu lichacha kwakhona emva kwalo bhubhane.

Sijongene nalo bhubhane we-COVID-19 sisonke.

Sisebenzela ukwakha uqoqosho lwethu kwakhona sisonke ukuze kwazeke ukuvelisa eminye imisebenzi, ukuze kuxhaseke amashishini ongezelelekileyo, ukuze sikwazi ukubeka ukutya etafileni, sise abantwana bethu esikolweni ze sixhase iintsapho zethu.

Siyakha, asivali.

Siza kuhlala sijolise ekukhuseleni impilo nasekusindiseni ubomi babantu.

Siza kusebenza nzima kunakuqala ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyagonywa.

Siza kulwakha kwakhona uqoqosho lwethu ze sidale imisebenzi.

Kufuneka sihlale sikhumbula ukuba nangona amaxesha enzima, siza koyisa.

Wanga uThixo angaqhubeka nokusikelela uMzantsi Afrika aze akhusele abantu bakhe.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore