UMongameli Cyril Ramaphosa: INtetho engoBume beSizwe

INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa, EPalamente, eKapa 

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA), Nksz Thandi Modise,
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP), Mnu Amos Masondo
Sekela Mongameli uDavid Mabuza,
Jaji eyiNtloko Mogoeng Mogoeng nawo onke amalungu ahloniphekileyo eCandelo leeNkundla,
Owayesakuba nguMongameli, uThabo Mbeki noNksk Mbeki,
Owayesakuba nguMongameli, uKgalema Motlanthe noNksk Motlanthe
Owayesakuba nguSekela Mongameli, FW de Klerk noNksk de Klerk
Owayesakuba nguSomlomo Nksz Baleka Mbete noMnu Khomo,
UMongameli wePalamente yaMazwe ase-Afrika, oHloniphekileyo u-Roger Nkodo Dang,
Ummeli woMzantsi Afrika kwiZizwe eziManyeneyo (i-UN), uNksz Anne Githuku-Shongwe,
Isithwalandwe uMnu Andrew Mlangeni,
BaPhathiswa nooSekela baPhathiswa,
ZiNkulumbuso nooSomlomo beziNdlu zoWiso-mthetho zamaPhondo,
Sihlalo woMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA) nabo bonke oosodolophu bezigqeba,
Rhuluneli yeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika, uMnu Lesetja Kganyago,
Iintloko zamaZiko kaRhulumente aXhasa uLawulo lweNtando yeSininzi,
Iinkokheli zemibutho yezenkolo
Iinkokeli zamaziko emfundo ephakamileyo nawezophando-nzulu,
Amalungu wezozakuzo,               
Iindwendwe ezimenyiweyo,
Malungu ahloniphekileyo e-NA
Malungu ahloniphekileyo e-NCOP,
Bantu boMzantsi Afrika,

Ndibulisa bonke abantu abasemakhaya naba balapha.

Ndi tama u lumelisa vhathu vhoṱhe vhane vha vha fhano na hayani.

Ngibingelela bonke abantu abasekhaya nabalapha.

Ndzi xeweta vanhu hinkwavo va laha Afrika-Dzonga lava va nga ekaya na lava va nga laha.

Ke dumedisa batho ka moka bao ba leng gae le bao ba leng mo. 

Sekuyiminyaka engama-30 wakhululwayo waphuma ezihambela ngaphandle kwamasango eNtolongo i-Victor Verster uNelson Rholihlahla Mandela, into leyo yabonakalisa ngokuphandle ukuba inkululeko ngenene ifikile kweli lizwe.

Njengoko wayemi kwiHolo leSixeko saseKapa ethetha ebhekisa kwinginginya ayayiphume ngobuninzi ukuza kumamkela, wathi:

“Indlela yethu eya enkululekweni ayisenakujikwa. Akufuneki ukuba sivumele uloyiko novalo lume endleleni yethu,”

Ngoku, yiminyaka engama-30 ukususela ngoko, njengokuba siqhuba ngohambo lwethu oluya phambili ukuphucula ubomi babantu bakuthi, njengokuba siqubisana nemingeni emikhulu, njengokuba sinyamezela amaxesha eenkathazo, nathi asikwazi ukuvumela ukuba uloyiko novalo lume endleleni yethu.

Kufuneka siqine siqhubele phambili, singavumeli iinzima neentandabuzo ukuba zisiphazamise.

Njengokuba sithe nqwadalala apha ukukhangela ubume besizwe sethu, sinenyhweba yokuba sibe nosapho lukaBasil February apha phakathi kwethu, igorha lomzabalazo wenkululeko elathi laphulukana nobomi balo liselula ngethuba leDabi laseWankie, i-Wankie Campaign, lowe-1967 eZimbabwe.

Kusisithuba esingangeminyaka engama-50, amathambo akhe engaziwa apho angcwatywa khona, njengamanye amaqabane wakhe, nawo angaziwayo ukuba angcwatyelwa phi na, kuba engekaziwa nanamhlanje oku.

Igalelo lakhe, ukuzenza kwakhe idini, zange kwalibaleka

Ngolu rhatya, sihlangene apha sithobekile xa sikhumbula amaqhawe namaqhawekazi eli athi anikezela ngobomi bawo esilwela inkululeko yethu, siluqonda kakuhle uxanduva olukhulu esinalo lokufezekisa amaphupha wabo.

Kukho amaxesha apho siye sasilela khona, kukho amaxesha apho siye saphazama khona kodwa ke sihleli singagungqi ekuzimiseleni ukwakha isizwe esikhululekileyo nesilinganayo nesinoxolo.

Imbali yethu isixelela ukuba xa simanyene eluxolweni kwaye sinethemba, singoyisa yonke imiqobo size siguqule ilizwe lethu libe yindawo apho sonke siziva sikhululekile, sikhuselekile futhi sihleli kamnandi.

Siqubisana nezi ngxaki zikhoyo ngoku siqamele ngaloo moya.

Ilizwe lethu lijongene kanye emehlweni nezi ngxaki.

Uqoqosho lweli lizwe khange likhule ngazinga libheke phi kwisithuba esingaphezu kweminyaka elishumi.

Nangona ukho umnconwana wemisebenzi evelayo, ingxaki yokunqaba kwemisebenzi iya ithatha unyawo.

Uhlumo loqoqosho lweli lizwe luyelwema ngxi njengoko ingxaki yokunqongophala kombane iphazamisa amashishini nobomi babantu.

Amaqumrhu aliqela karhulumente (ii-SOE) asengxakini, kwaye imali yombuso ijongene neengxaki ezininzi.

Nini, bantu boMzantsi Afrika, abathwala lomthwalo, bajongane nokunyuka kwamaxabiso, intswela-ngqesho, ukungakwazi ukuphuma kwintlupheko, ukungakwazi ukuzalisekisa amaphupha enu.

Kanti, kwangaxeshanye, kusekho enye inxalenye yenyaniso yethu.

Yinyaniso yokuba abantu abatsha abaninzi kunangaphambili basesikolweni kwaye siyazibona iziphumo ezincumisayo kwizifundo zabo.

Yinyaniso yokuba abantwana abazizigidi ezi-2.4 bafunda kwizikolo-mpeleso neekritshi.

Bamalunga nama-81% abafundi abaphumelele ibanga lematriki kulo nyaka uphelileyo, kwaye abafundi abaninzi kwaba basuka kwizikolo zasemaphandleni nasezilokishini.

Lo msebenzi mhle kangaka, wenzeka ngenxa yabantwana abebefunda kwibanga le-12 ngowama-2019.

Elinye inqaku eliyinyani kukuba ngabafundi abangama-720.000 abathe bafumana inkxaso-mali kurhulumente abafunda kwiiKholeji zeMfundo yaMakhondo nobuChwepheshe noQeqesho (ii-TVET) kunye needyunivesithi kulo nyaka uphelileyo.

Bamalunga nezigidi ezi-6.8 abantu baseMzantsi Afrika abazaziyo isimo sabo seNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV), malunga nezigidi ezihlanu zabantu abaqaliswe kunyango lwamachiza esithomalalisi sikaGawulayo (ii-ARV) ize isi-4.2 zezigidi zabantu abo umthalo we-HIV ungabonakaliyo ngenxa yoko.

Ayingomanani nje la angathethi nto.

Koko ngumzekelo wezinto esizenzayo ukuphucula ubomi babantu abaninzi beli lizwe.

Zimpawu zenkqubela.

Into eyinyani ngeli lizwe kukuba sonke sithanda singantinga siyokunqandwa zinkwenkwezi.

Kukuba sisizwe esinomhlaba otyebileyo ngezimbiwa nangeeintlobontlobo zezityalo nezilwanyana futhi asinantanga kwihlabathi liphela ngobu butyebi.

Sisisizwe esityebileyo ngezimali, esineziseko zophuhliso ezininzi, imithetho engqingqwa kunye namaziko azinzileyo.

Bobabantu abazizityebi, abantlobontlobo, abatsha nabaneziphiwo.

Ngokuhlwa nje, uZozibini Tunzi olapha phakathi kwethu namhlanje, nothe waphumelela isithsaba sokuba ngu-Miss Universe usisikhumbuzo samandla wethu okugqwesa okugqithisileyo phantsi kwayo nayiphi na imeko.

Kwakhona samkela iKapteni yaMabhoko-bhoko uSiya Kolisi, nothe wakhokelela iqela labemi boMzantsi Afrika abazimiseleyo nabamanyeneyo ekubeni babe ziiNtshatsheli zeHlabathi zowama-2019 zeBhola yoMboxo.

Ngokuhlwa nje kukwakho omnye umntu omtsha obalulekileyo apha phakathi kwethu, lowo nguNksz Sinoyolo Qumba, nonguMfundi weBanga le-11 wase-Lenasia South, ochithe imini yayizolo encedisana nam ukubhala le Ntetho ingoBume beSizwe (SoNA).

Ubukrelekrele bakhe, ulwazi lwakhe ngokwezentlalo, intumekelelo anayo nenkuthalo yakhe indinika ithemba elikhulu ngekamva leli lizwe.

Kwintetho zam zokuqala ezimbini zesizwe ndathetha kakhulu malunga nokumanyanisa abantu, kunye noxanduva olukhulu esilithweleyo njengorhulumente lokuqhuba intsebenziswano nokuvisisana.

Ngowe-1994, sakhetha indlela yothethathethwano, ukophulelana nesivumelwano soxolo endaweni yentiyo nempindezelo.

Imbali yethu namava wethu okwangoku asifundisa ukuba ukuze siphumelele koko sizimisela ukwenza, kufuneka sigxile koko kusimanyanisayo kunoko kusahlulayo.

Awona mandla makhulu olawulo lwethu lwentando yesininzi olukumgaqo- siseko, nesizathu osinyamezeleyo, kungokuba sikwazile ulungiselela indibanisela ezibanzi nomanyanisa abantu, nokuba yeyezoshishino, yezabasebenzi, amaqela anomdla akhethekileyo okanye uluntu ngokubanzi.

Ukuphumeza ukuvumelana nokwakha umanyano lwabantu asingomboniso wobutyhakala. Kusisiseko soko sikuko.

Kungoko kule minyaka mibini idlulileyo besihleli sisebenza nzima sifuna ukulungiselela nokwakha imvumelwano malunga nesicwangciso sokuvuselela uqoqosho lwethu.

Kwintetho yakhe yokuqala njengomongameli ngomhla we-10 kuCanzibe wowe-1994, uMongameli uNelson Mandela wathi:

 “Namhlanje singena kumnqophiso wokuba sizokwakha isizwe apho wonke umntu waseMzantsi Afrika, omnyama nomhlophe, bayakukwazi ukunyathelela phezulu, ngaphandle koloyiko ezintliziyweni zabo beqinisekile ngelungelo labo elingena kususwa lesidima sobuntu.”

Lo rhulumente uhleli ezinikele ngokungenambaliso ekuwugcineni loo mnqophiso.

Ngumnqophiso omilisele nzulu kweenjongo zobuchule zesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP), esinjongo zazo ikukuncothula indlala nokunciphisa ukungalingani ngowama-2030.

Makhe sithi siyavumelana ukuba urhulumente akanako ukusombulula yonke imingeni yethu yoqoqoqsho eyedwa.

Nokuba besinokucwangcisa umthombo ngamnye okhoyo phambi kwethu, size singene kwinkcitho enkulu yeemali zikarhulumente, besingenako ukuthi sisedwa siqinisekise ngemisebenze kwizigidi ngezigidi zabantu abangaphangeliyo.

Yonke into esiyizuzileyo sayiphumelela, oko sikwenze ngokubambisana.

Kule minyaka mibini idlulileyo – ukususela ngoko ndandiqala ukunikezela i-SoNA – sisebenzile ukulungiselela umanyano phakathi kwabantu baseMzantsi Afrika ukuhlangabezana noninzi lwemingeni ephambi kwethu.

NgeNgqungquthela yeMisebenzi, sidibanise imibutho yabasebenzi, abezoshishino, urhulumente kunye nemibutho yoluntu ndawonye ukufumana isisombululo kwingxaki enkulu yentswela-ngqesho, kwaye siyaqhubeka ukudibana ekuqaleni kwenyanga nganye, uSekela Mongameli kunye nam, ukususa imiqobo nokuqhuba ungenelelo oluya kukhusela luze ludale imisebenzi.

Siye sahlangana, njengorhulumente nemibutho yoluntu, njengoluntu kunye namaqela ezenkolo, ukujongana nobundlobongela obenziwa ngamadoda kwasetyhini.

Sihlanganise abezoshishino, abasebenzi kunye norhulumente ndawonye ukuqulunqa izicwangciso ezingundoqo zalo mashishini anamandla amakhulu okuqhuba uhlumo.

Sihlangene njengamaqoqo ahlukeneyo karhulumente, njengamaqumrhu ohlukeneyo karhulumente, njengemibutho yezoshishino kunye namaqela oluntu phantsi kweNkqubo entsha yoPhuhliso eKhokelwa ziziThili (i-DDM) esiguqula ngokusisiseko indlela esiqubisana ngayo nophuhliso koomasipala.

Besisoloko sisakha umanyano lwabantu kuba kungobudlelwane nentsebenziswano ukuba siqhubele phambili.

Sisonke, kule minyaka mibini idlulileyo, sisebenzele ukuzisa uzinzo kuqoqosho lweli lizwe saze sakha isisekelo sohlumo.

Senze ngabomi ukwakha amaziko nokususa imiqobo ethintela utyalo-mali.

Sithathe amanyathelo angqongqo ukulwa ukubanjwa kombuso ngobhongwana saze salwa norhwaphilizo.

Silinyuse ngokubonakalayo inani labantwana abangena esikolweni, , siwuphucule umgagatho weenkonzo zezempilo futhi sazithathela ingqalelo  iimfuno ezingundoqo zabahluphekileyo.

Noko kunjalo, oko khange kube kwanele.

Khange senze ngokwaneleyo ukutshintsha uqoqosho lweli lungafani nendlela olwalumi ngayo ngaphambili, nangokulungisa iimpazamo esithe thina buqu sazenza.

Asithathanga manyathelo aneleyo ukuze sizikhusele kumonakalo omkhulu owenziwa yingxaki yokucinywa kombane okanye ukuzisindisa kuqoqosho lwehlabathi oludodobalayo.

Ngoku namhlanje sizibona sijamelene neengxaki ezinzima.

Kodwa oku kuxhomekeke kuthi.

Sinokunikezela, sixhome izandla ngenxa yezi ngxaki zinkulu sijamelene nazo, okanye sibhinqe omfutshane singqale kuzo ngesibindi nokuzimisela.

Kuba ukuba sikhethe ukungqala kuyo ngqo imingeni esijamelene nayo, umsebenzi wethu wangoku, obalulekileyo nogubungeleyo kukubeka uqoqosho lwethu kwindlela eya kuhlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke.

Ngaphandle kohlumo akuyi kubakho misebenzi, kwaye ngaphandle kwemisebenzi akuyi kubakho kuphucuka kubonakalayo kubomi babantu bakuthi.

Ngoko ke, le SoNA, imalunga nohlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke.

Imalunga namanyathelo abalulekileyo esiwathathayo kulo nyaka ukwakha umbuso osebenzayo nokubeka uqoqosho lwethu endleleni eya ekuphucukeni.

Kulo nyaka, silungisa oko kubalulekileyo.

Sigxininisa kumacandelo aza kunceda kuhlumo loqoqosho.

Kwaye siza kuqinisekisa ukuba iinkqubo zethu zocwangciso zikumgangatho ophezulu nokuba ezo zincwangciso zikhoyo urhulumente uyaziphumeza.

Bantu boMzantsi Afrika,

Kusisithuba seminyaka elishumi, abantu boMzantsi Afrika bejamelene nengxaki yokunqongophala kombane.

Ndithethe kwakuko malunga nokubaluleka kwendima edlalwa ngu-Eskom kuqoqosho lwelizwe lethu nakubomi bomntu ngamnye waseMzantsi Afrika.

Ukuqhawuka kombane kwezinyanga zimbalwa zidlulileyo kwenze umonakalo omkhulu kwilizwe lethu.

Kuwabyisele umva ngamandla amalinge wethu okwakha ngokutsha uqoqosho nokudala imisebenzi.

Ngalo lonke ixesha kusenzeka, kuphazamisa ubomi babantu, kubangela ukudana, ukuphazamiseka, nenzima.

Eyona nto ingunobangela wale ngxaki kukungakwazi kuka-Eskom, iminyaka emininzi, ukukhanda nokulungisa amaziko akhe okuphehla umbane awagcine ekwimeko efanelekileyo. Oku kubangelwe ngamatyala anawo, ukungabikho kwabasebenzi abanezakhono ezifanelekileyo nengxaki yokubanjwa ngobhongwane kombuso.

Into ekufanele ukuba siyamkele kukuba ukuze u-Eskom akwazi ukwenza umsebenzi wokukhanda nokulungisa amaziko akhe okuphehla umbane awagcine ekwimeko efanelekelileyo aze ngolo hlobo aphucule indlela awunkinkisha ngayo umbane, kuza kufuneka, kwezi nyanga zimbalwa zizayo, ukuba amane ewuqhawula ewucima umbane.

Apho ukuqhawuka kombane kungakwaziyo ukuphepheka, kufuneka kwenziwe ngendlela ecingelekayo neyokunciphisa uphazamiseko kunye neendleko kwimizi -mveliso nasemakhaya.

Kwezi nyanga zimbalwa zizayo, njengokuba u-Eskom esebenzela ukubuyisela amandla wokusebenza kwakhe, siza kufezekisa amanyathelo ayakuguqula isiseko sendlela yokuphehlwa kwamandla ombane kwilizwe lethu.

Sithatha la manyathelo alandelayo ukwandisa ngokukhawuleza nangokubalulekileyo izakhono zokuphehlwa kombane ngaphandle kuka-Eskom:

  • Kungekudala kuza kukhutshwa uMmiselo wabaPhathiswa weCandelo 34, nguMphathiswa weMithombo yezeziMbiwa kunye naMandla, ukunika intsingiselo kwisiCwangciso seMithombo esiDibeneyo (IRP) sowama-2019, ukuvumela uphuhliso lomthamo wothungelwano lombane ongezelelweyo ukususela kumandla ahlaziyweyo, igesi yendalo, amandla aphuma emanzini, ukulondolozwa kwebhetri namalahle.
  • Siza kuqalisa ukuthenga umbane wexesha likaxakeka kwiiprojekthi ezinokwazi ukufaka umbane kuthungelwano lwawo phakathi kwenyanga ezintathu ukuya kwezili-12 emveni kokuba kuphunyeziwe.
  • UMlawuli wezaMandla weSizwe uza kuqhubeka ukubhalisa phantsi kwemegawatt enye (MW) uphehlo mbane olubonelelwa ngomthamo omncinci ukwenzela ukuzisebenzisela, apho ke akudingeki layisenisi.

UMlawuli wezaMandla weSizwe uza kuqinisekisa ukuba zonke izicelo zabasebenzisi mbane bezorhwebo nabemizi-mveliso zokuvelisa umbane abaza kuzisebenzisela ongaphezu kwe-1MW zenziwa zingadlulanga intsuku eziyi-120 ezimiselweyo.

Kufanele kuqatshwelwe ukuba akukho mmiselo wokufaka umthamo wombane ongaphezulu kwe-1MW.

  • Siza kuvula isihlandlo sesi-5 sokumiselwa kwamaxabiso wamandla ahlaziyiweyo ngaBaboneleli Mbane abaZimeleyo (ii-IPP) nokusebenzisana kunye nabavelisi ukukhawulezisa ukugqitywa kweprojekthi zesihlandlo sesi-4.
  • Siza kucengela okukuba kubekho izivumelwano zokuthengwa kombane wokongeza ukufamana amandla wombane owongezelelweyo kwizikhululo zombane osuka kumaphiko omoya nakwisola.
  • Siza kumisela namanyathelo wokuvumela ukuba oomasipala abemi kakuhle ngokwasezimalini okokuba bazifumanele owabo umbane kwii-IPP.

Ngokuhambelana nomhlahla-ndlela othe wabhengezwa kunyaka ophelileyo, u-Eskom uye waqalisa ngenkqubo yokwahlulahlula amacandelo akhe amathathu – elophehlo-mbane, elokugqithisela nelokuwuhambisa – icandelo ngalinye kuwo liza kuba necandelo lebhodi nequmrhu labalawuli.

Amahlakani ethu ezentlalo aphantsi kweBhunga leSizwe loPhuhliso lwezoQoqosho nezaBasebenzi (i-NEDLAC) ebesoloko ehlanagana kwezi veki zimbini zidlulileyo ukuvumelana ngesivumelwano semanyano kwezombane.

Esi sivumelwano siyimbali eqalayo kuba sibonakalisa ukuzinikela kwawo onke amahlakani ezentlalo ukuthatha amanyathelo afanelekileyo nokuvuma ukuncama izinto ezithile kumalinge okuqinisekisa ukuba kukho uzinzo kwindlela onkinkishwa ngayo umbane kweli.

Ngesi sivumelwano amahlakani ezentlalo afuna u-Eskom olungele zonke iimfuno, osebenza kakuhle novelisayo nophehla umbane ngamaxabiso afikelelayo kuluntu nakushishino.

Oku kudinga ukwehla okumandla kwiindleko – kuquka ukuhlaziywa kwezivumelwano ezingafanelekanga – kunye namanyathelo okuvuselela imithombo eza kunciphisa ityala lika-Eskom aze afake indlela entsha yemali apho kudingeka khona.

Amahlakani ezentlalo – imibutho yezabasebenzi, abezoshishino, imibutho yabahlali kunye norhulumente – bazinikele ukuncedisa kumalinge okufuna imali eza kuncedisa kule ngxaki yezezimali yakwa-Eskom kodwa ngendlela engazikumfaka kwamanye amatyala amakhulu.

Bafuna ukukwenza oku ngendlela engazi kubeka imali yomhlala-phantsi yabasebenzi emngciphekweni kwaye engazukufaka engozini izimali zombuso.

Ngeli xesha besebenzela ukuqukumbela esi sivumelwano, into ekufuneka sihlale siyazi kukuba iingxaki zombane ziza kuhlala zikho kude kuvele indawo entsha eza kuphehla ivelise umbane.

Ngala manyathelo angoku kunye nomsebenzi oqhubekayo wokuhlengahlengisa okubalulekileyo ushishino lwethu lwezombane, siza kufikelela kubonelelo mbane oluthembakeleyo, olufikelelekayo, noluzinzileyo, ekugqibeleni.

Sithatha le nguqu igqibeleleyo kwindlela yethu yezamandla ngexesha apho uluntu lujongene noloyiko olukhulu kubukho balo ngendlela ekukuguquguquka kwesimo sezulu.

Izolo, ndihlangene no-Ayakha Melithafa, olitsha-ntliziyo kwezesimo sezulu wase-Eerste Rivier nobezimase iQonga lezoQoqosho leHlabathi eDavos kulo nyaka ukumema zonke inkokheli zehlabathi ukuba mazingagungqi ekumeleni ubulungisa kwezesimo sezulu.

U-Ayakha undicelile ukuba ndiqinisekise ukuba akukho mntwana uNtsundu ushiywa ngasemva xa kutshintshelwa kwixesha apho isizwe sivelisa umbane onesisi esincinci, sikwaziyo ukumelana nemozulu eguqu-guqukayo nesinzileyo; kwaye ke eso sisithembiso endizimisele ukusigcina.

IKhomishini kaMongameli engokuGuquguquka kweSimo seZulu iza kuqinisekisa okokuba njengokuba sisiya kwindlela yohlumo olukhupha isisi esincinci asishiyi namnye umntu ngasemva.

Siza kuwuqukumbela uMthetho oYilwayo ongokuGuquguquka kweSimo seZulu, nonika ingcaciso ngemithetho eza kulawula indlela esisabela ngayo kwiziphumo zotshintsho lwemo-zulu ngokuthi iqinisekise ukuba akhona amacebo okukwazi ukuziqhelanisa nokumelana nale ngxaki kunye nokuqinisekisa ukuba asingomaxhoba anokonzakaliswa lula lutshintsho lwemozulu – nokukhangela amathuba amatsha ezoshishino anokuvela kuhlobo loqoqosho olungenabungozi kwindalo nakokusingqongileyo.

Malungu ahloniphekileyo,

Kufanele ukuba silungisa iimali zethu zikarhulumente.

Amazinga aphantsi ohlumo athetha ukuthi asingenisi mali yaneleyo eza kubhatala ezi zinto siyichitha kuzo, ityala lethu likhula ngesantya esoyikekayo, kwaye imali siyichitha ngokuyisebenzisa nasekuhlawuleni ityala hayi kumaphulo okwakha iziseko ezingundoqo nemisebenzi yokuvelisa.

Asikwazi ukuqhubeka ngale ndlela. Singakwazi ukuma nje singenzinto

Xa esenza iNtetho yoHlahlo-lwabiwo mali kwiveki ezimbini ezizayo ukususela ngoku, uMphathiswa wezeZimali uza kucacisa uludwe lwamanyathelo ukunciphisa inkcitho nokuphucula ukuqulunqwa kwayo.

Sithethathethana nabasebenzi kunye nabanye abadlali ndima ababaluleileyo ngamanyathelo okugcina ityala lemivuzo karhulumente lilawuleka nokunciphisa inkcitho.

Amalinge okunciphisa inkcitho karhulumente, hlengahlengisa imithombo ngokubaluleka akwayo kakuhle kakhulu, nokuphucula ubuchule benkqubo yethu yerhafu kubalulekile - kodwa akwanelanga - amagalelo abhekisele ekuzinziseni imali zethu zikarhulumente.

Ukuze kubekho uzinzo kuza kufuneka ukuba silungise indlela le uqoqosho lweli lwakheke ngayo, eyiyo ebangela ukuba abe phezulu amaxabiso ezinto ezibalulekileyo ebantwini nawokuqhuba ushishino.

Ngokusebenzisana noMphicothi-zincwadi-Jikelele ukunciphisa inkcitho engafanelekanga, ngokususa inkcitho karhulumente isuke kwinkcitho yokusebenzisa iye kutyalo-mali kwiziseko ezingundoqo, sizimisele ukuphucula ubume bezimali zikarhulumente.

UNondyebo weSizwe kunye ne-SARB basebenza kunye ukuthomalalisa uxinzelelo kushishino nabathengi.

Sigqibe kwelokuba siseke ingxowa- mali yesizwe yokuzenzela ubutyebi njengendlela yokulondoloza nokukhulisa ubutyebi besizwe sethu, ukunikla intsingiselo kumyalelo othi abantu bayakwabelana ngobutyebi belizwe.

Sikwaqhubeka ngamalungiselelo okusekwa kwebhanki karhulumente njengenxalenye yamalinge ethu okwandisa indlela yokufikelela kwiinkonzo zezimali kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika.

UMphathiswa wezeZimali uza kunikezela ngeenkcukacha zoku kwiNtetho yoHlahlo-lwabiwo Mali.

Siza kuba sithatha amanyathelo okuhlaziya uqoqosho lwethu aneziphumo ezininzi nazakuquka lawo aqulathwe kwiphepha eliveliswe nguNondyebo weSizwe, elinesihloko esithi, Inguqu yezoQoqosho, uHlumo oluDibeneyo nokuKhuphisana (Economic Transformation, Inclusive Growth and Competitiveness.)

Kulo nyaka, sijongise ekuziseni uzinzo kwii-SOE, sitshintshe la maqumrhu abalulekileyo siwenze axhase uhlumo nophuhliso.

Emva kweminyaka yokubanjwa ngobhongwana kukarhulumente, urhwaphilizo nolawulo olugwenxa, siyasebenza ukuqinisekisa ukuba zonke ii-SOE ziyakwazi ukufezekisa isigunyaziso sazo sophuhliso zize zikwazi ukuziphilela ngokwasezimalini.

Ngokuthethathethana neBhunga le-SOE likaMongameli, siza kuqala inkqubo yokwenza utshintsho kwii-SOE zethu ukuqinisekisa ukuba ziyayifezekisa injongo yobuchule yezoqoqosho okanye yezophuhliso.

Izinga lokubanjwa ngobhongwane kukarhulumente, urhwaphiliso nolawulo olugwenxa kwii-SOE kubonakaliswe kakuhle kwiNkampani yezoPhapho yoMzantsi Afrika (u-SAA), nebibekwe phantsi kohlangulo lwezoshishino ngurhulumente ekupheleni konyaka ophelileyo.

Amagosa ohlangulo ezoshishino kulindeleke ukuba abhengeze izicwangciso zokuhlengahlengiswa kwale nkampani kwezi veki zimbalwa zizayo.

Ngokweemfuno zecandelo lohambo ngomoya laseMzantsi Afrika noqoqosho lwethu kubalulekile ukuba inkampani yohambo ngomoya ehlengahlengisiweyo yexesha elizayo kuba ikwazi ukuzinza kwezorhwebo nangokusebenza kwayo kwaye ingaxhomekeki kwenye inkxaso-mali karhulumente.

Umba ophambili ongundoqo kulo nyaka kukulungiswa koololiwe babakhweli, nokubalulekileyo kuqoqosho nakumgangatho wobomi babantu bakuthi.

Oololiwe beli lizwe bathutha izigidi ngezigidi zabakhweli ukuya nokubuya emisebenzini mihla le.

Siphucula oololiwe be-Passenger Rail Agency of South Africa.

UMzila onguNdoqo kaLoliwe eNtshona Koloni noMzila waseMobapane ePitoli ibikade ivaliwe ukwenzela ukuhlwaziywa nokuphucula.

Sityala imali engange-1.4 yeebhiliyoni zeerandi kumzila ngamnye kule ukubonela, ngenkonzo ekhuselekileyo, ethembakeleyo, nefikelelekayo.

Umsebenzi osaqhubekayo kweminye imizila uquka ukuphuculwa kwezitishi, ukutshintshwa kweendawo zokupaka, neenkqubo zokutshintsha imizila yoololiwe ezintsha nokuphuculwa kweengcingo zombane ezihamba phezulu.

Njengokuba sisebenza ukulungisa amandla woMbuso, siyayazi ukuba uhlumo nokudalwa kwemisebenzi umthamo omkhulu wako uyakuqhutywa ngamashishini abucala.

Ngoko ke sakha imeko esebenzayo nekulungeleyo ukwenza ushishino.

Ngokusebenza sonke namahlakani ezentlalo, siqhubile ukususa izinto ebezikade ziyimiqobo ekudalweni kwemisebenzi.

Iilayisenisi zokusetyenziswa kwamanzi, nezibaluleke kakhulu ekusebenzeni kweefama, imizi-mveliso nemigodi, bezikade zithatha ixesha elide ngokungaqhelekanga ukuzenza, ngamanye amaxesha kude kuthathe iminyaka emihlanu.

Sinako ngoku ukuvakalisa okokuba iilayisenisi zokusetyenziswa kwamanzi ngoku ziza kukhutshwa zingaphelanga iintsuku ezingama-90.

Bekukade kuthatha iinyanga ukubhalisa inkampani.

Ngeqonga le-Bizportal, umntu ngoku uyakwazi ukuthatha nje usuku olunye ukubhalisa inkampani, ukubhalisa kwiNgxowa-mali ye-Inshorensi yokuNgaphangeli (i-UIF) kunye neNkonzo yezeRhafu yaseMzantsi Afrika kunye nokuvula i-akhawunti yebhanki.

Amazibuko wethu axinene kwaye awasebenzi kakuhle.

Apha ekuhambeni konyaka, siza kuqalisa ngokulungisa izibuko laseThekwini ngokupheleleyo – elilizibuko lokulayisha imithwalo emikhulu elikwindawo yesithathu ngobukhulu kwisiQingatha soMhlaba saseMazantsi – ukunciphisa ukulibaziseka kunye neendleko.

Elona galelo libalulekileyo sinokulenza kuhlumo loqoqoqsho oludibeneyo likuphuhliso lwezakhono ezifanelekileyo namandla okwenza.

Utyalo-mali esilwenzayo ngoku kwi-ECD nokufunda kumabanga aphantsi kuza kuvelisa iziqhamo ezihle zoqoqosho kule minyaka ingamashumi mabini izayo –nangaphaya kwayo.

Kodwa lukhona ungenelelo olukhawulezileyo esilwenzayo ukuphucula umgagatho nokubaluleka kweziphumo zethu zezemfundo.

Senza inkqubela ngokuvelisa umfuziselo wekharityulam emilenze emithathu, ebonakalisa inguqu ebalulekileyo ekugxileni ngakumbi kwimfundo yobizo nobuchwephesha.

Sekuveliswe amaziko azincutshe awohlukeneyo obuchwepheshe nobizo kwizikolo ezingama-550 kunye nezingama-67 ezilinga umlenze womsebenzi ngoku.

Kulo nyaka sakha ikholeleji ze-TVET ezililthoba ezintsha, eSterkspruit, e-Aliwal North, eGraaf Reinet naseNgqungqushe eMpuma Koloni, kunye naseMzimkhulu, eGreytown, eMsinga, kwaNongoma naKwagqikazi kwiphondo laKwaZulu-Natal.

Ngokwezivumelwano zemali yemfundo eziphakathi kwamazwe amabini esizityikitya namanye amazwe, siya sisakha kancinci umthamo ovakalayo weqela lolutsha eliya kumazwe angaphesheya ukuyo kufumana uqeqesho kwizakhono ezidingeka ngamandla rhoqo ngonyaka.

Siyibonile impembelelo eyenziwa koku kwinkqubo yoqeqesho, i-Nelson Mandela Fidel Castro Medical Training e-Cuba, nethe yavelisa oogqirha bezonyango abangaphezulu kwe-1 200 kwaye ngabafundi abangama-640 ekulindeleke ukuba bathweswe izidanga kweyoMnga yowama-2020.

Le nkqubo isisikhumbuzo esiphilayo kula magqala abalulekileyo mabini.

Kulo nyaka uphelileyo ndithethile malunga nesicwangciso sethu sokukhuphela abafundi ii-tablet ezikolweni.

Inkqubo yokukhutshwa kwazo isendleleni

Sasithe umntwana ngamnye ominyaka eli-10 kufanele ukuba abe uyakwazi ukufunda intsingiselo.

Iinkqubo zethu zokufunda beselula ziyayondelelana

Kulo nyaka, siza kuvelisa ukufunda kwekhowudi ne-robotics kwibanga-R ukuya kwele-3 kwizikolo ezingama-200, ngesicwangciso sokuyifezekisa ngokupheleleyo ngowama-2022.

Sithathe isigqibo sokuba sakhe entsha iDyunivesithi yezeNzulu-lwazi nobuChule Ekurhuleni.

Ekurhuleni kuphela komasipala ombaxa kwilizwe lethu ongenayo idyunivesithi.

Oku kuza kwenza ukuba ulutsha lwala masipala umbaxa lufumane uqeqesho kubuchule bobuchwephesha bexesha langoku obumpembelelo phezulu kumashishini wangoku nakwixesha elizayo.

Utyalo-mali nohlumo lufuna imeko ekhuselekileyo, ezinzileyo nengenalo ulwaphulo-mthetho.

Okubaluleke nangakumbi kusisiseko seminqweno yabo bonke abantu bakuthi ukuhlala kukhuseleko, uxolo nobumnandi.

Ukubonakala kwamapolisa, noqeqesho olusemgagathweni nokuxhotyiswa ngcono kwezikhululo zamapolisa kungumba ophambili kuthi.

Ndiyenze yangumba ophambili indlela yethu yokuhlangabezana nengxaki ekhulayo yamaqela abophuli-mthetho azimisele ukufumana imali ngondlela mnyama kwiinkampani zokwakha nakwamanye amashishini.

Amacandelo akhethekileyo – ahlanganisa iNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) neGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) – bagunyaziswe ukuba bathintele olu lwaphulo-mthetho luphazamisa uqoqosho.

Ukuxhasa uhlumo kwicandelo lezokhekhetho, i-SAPS iza kwandisa inani lamapolisa kwiindawo ezithile ezinomtsalane kubakhenkethi.

Iqeqesha oKhala boKhuselo bezoKhenketho kwaye iza kuseka ukuxhotyiswa kwamapolisa angamalalela ukuze bagxile ekwenzeni umsebenzi wezobupolisa kwimimandla enomtsalane kubakhenkethi.

Amacandelo okulwa namaqela emigulukudu aza kuxhotyiswa ngokuthe chatha. Kuza kuqalwa apha eNtshona-Koloni, Mpuma-Koloni, Gauteng naseFreystata.

Ngokulandela ukuthwesa kwamapolisa angabaqeqeshwa angama-5 000 kunyaka ophelileyo, angama-7 000 amapolisa angabaqeqeshwa abatsha ekulindeleke ukuba bathunyelwe kulo nyaka ukuxhobisa ubupolisa basekhaya.

Ukuphucula umgagatho womsebenzi we-SAPS wokuphanda wesiqhelo nokhethekileyo, siseka iDyunivesithi yokuCupha uLwaphulo-mthetho eHammanskraal.

Bantu boMzantsi Afrika,

Kwezi nyanga zintandathu zidlulielyo isizwe sivuselelwe – kwindawo uluntu oluhlala kuzo, urhulumente, imibutho yoluntu, kumaqela ezenkolo, kwicandelo lezenkundla nasepalamente – ukuba siphelise ingxaki enkulu yobundlobongela obenziwa ngamadoda kwabasetyhini kwilizwe lethu.

Kubekhona ukusabela okumanyene ngokuyinene nokuzimisela okuvele kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika

Ngokwakha izivumelwano zezentlalo kwisizwe jikelele ukulwa esi sihelegu, sizokwazi ukuphumelela nangakumbi.

Kodwa ke esi isesisiqalo somzabalazo.

Sifezekise isicwangciso somsebenzi kaxakeka saza sathatha imali ebibekelwe omnye umsebenzi eyibhiliyoni yeerandi eyi-1.6 ukuba ize kuncedisa kwesi sicwangciso kude kuphele nyaka-mali.

Ibekhona inkqubela kwimimandla eliqela.

Siza kwenza izilungiso kuMthetho woBundlobongela baseKhaya ukukhusela ngcono amaxhoba akubudlelwane obunobundlobongela basekhaya noMthetho wamaTyala ezeSondo ukwenza banzi udidi lwabophuli-mthetho kwezesondo abamagama wabo kufuneka equkiwe kwiRejista yaboPhuli-mthetho kwezeSondo yeSizwe, kwaye siza kuphumeza umthetho wokuqinisa imithetho yokunikezelwa kwebheyile kunye nemiqathango yezigwebo kumatyala abandakanya ubundlobongela obugxile kwezesini (i-GBV).

Asizokunikezela ekulweni urhwaphilizo kunye nokubanjwa kombuso ngobhongwana.

Kufanele sisebenze sisonke ukuncothula urhwaphilizo size someleze ulawulo lomthetho.

Akufuneki sicele okanye sihlawule imali yokunyoba okanye sithathe inxaxheba kwizenzo zorhwaphilizo.

Kufanele sizifundise futhi siziqhelanise nangakumbi nokuzixela izenzo zolwaphulo-mthetho xa sizibona zisenzeka.

Sinokuliphumelela eli dabi xa sinokufunquka sisisizwe, ukuba sakha isivumelwano sezentlalo esiluqilima nayo yonke imibutho namaqumrhu kweli lizwe.

Ngoko ke siyawamkela umsebenzi odibeneyo weqela likarhulumente nemibutho yoluntu elinikwe umthwalo wokuqulunqa isicwangciso sokulwa urhwaphilizo sesizwe kunye nesicwangciso sokufezekisa, nesele sikufutshane ekugqityweni kwesi sigaba somsebenzi walo.

Siceba ukusimisela esi sicwangciso apha phakathi enyakeni.

IKhomishini yoPhando kaZondo ephanda ukubanjwa kombuso ngobhongwana isaqhubeka ngomsebenzi wayo obalulekileyoa ngenkxaso epheleleyo karhulumente kunye namanye amaziko.

Ndifumene ingxelo eneenkcukacha nenomthamo omkhulu kwiKhomishini yoPhando lweQumrhu loTyalo-mali likaRhulumente (i-PIC).

Ndiza kuyenza ifumaneke kuluntu kunye nesicwangciso sokuthathela iziphumo nezindululo zayo phambili kwiintsuku ezimbalwa.

Bantu boMzantsi Afrika,

Njengokuba silungisa okungundoqo, njengokuba singena nzulu ukulungisa esikwenzileyo, silandela imimandla ebaluleke kakhulu kuhlumo oludibeneyo.

Kwi-SONA yangaphambili, ndathi ngummandla onzima wotyalo-mali oxhasa inguqu yezakhelo, uhlumo nokudala imisebenzi.

Iqela lokufezekiswa kwengxowa-mali yeZiseko ezinguNdoqo sele liluqukumbele uluhlu lweeprojekthi esezikwizinga lokulungela ukuqala nanini na kwaye sele liqalisile ukunabisela kutyalo-mali lwabucala kwicandelo leziseko ezingundoqo zikarhulumente nemithombo yezezimali.

Ezi ziquka izinto ezifana neendawo zokuhlala zabafundi, izindlu zoluntu, ukuveliswa kwamanzi ngokuzimeleyo, imizila yoololiwe bemithwalo emikhulu, ukuphehlwa kombane okuzinzileyo, iziseko ezingundoqo ezikhulu zikamasipala, kunye nokubonelelwa kwamaza asasaza ngokubanzi.

Eli qela lineeprojekthi ezisendleleni kunye nabo balindeleke ukuba babe ngabatyali-mali engaphezulu kwama-700 ebhiliyoni zeerandi kule minyakana ili-10 izayo, liquka igalelo elivela kurhulumente kunye nelivela kwimibutho engekho phantsi kukarhulumente.

Izilenge nezixhobo zokwakha ebesilangazelela ukuzibona ziphithizela kweli ngoku ziza kubonakala.

Inkqubo yezindlu zoluntu ezakwakha izindlu zokuqeshisa abo bamkela imivuzo ephantsi sele ikwinqanaba lokufezekiswa nesenokunyusa imali engange-9 leebhiliyoni zeerandi yotyalo-mali lwabucala ekwakheni amagumbi okuqeshisa angama-37 000.

Abantu abatsha abakwidyunivesiti nakwiikholeji ze-TVET bajongene nomngeni omkhulu wendawo yokuhlala. 

Abanayo nendawo le yokufihla iintloko bakuba bephumile esikolweni bade babhenele ekulaleni kumathala eencwadi.

Kule minyaka izayo siza kuchitha ama-64 eebhiliyoni zeerandi ekwakheni iindawo zokuhlala zabafundi kwaye kuza kungenisa enye imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-64 evela kwiinkampani zabucala.

Ezi projekthi zokwakha sezikulungele ukuqalisa.

Besisoloko sithetha ngeDama Umzimvubu eMpuma Koloni isithuba esiphantse safika kwiminyaka elishumi, kube kukuncinci okubonakalayo kusenzeka emhlweni.

Sizimisele ukuyoyisa imingeni yezezimali neminye ebisoloko ibambe inkqubela ukuba ingaqhubeki yaza yavimba abantu balo mmandla umthombo obaluleke kangaka.

Ukulungiswa kwendlela kwes isiza sekuqalile, kwaye ndiza kusityelela ukuqinisekisa ukuba umsebenzi siwuqhubela phambili.

Siza kumisela iNgxowa-mali yeZabelo zezoKhenketho kulo nyaka ukuvuselela inguqu kukhenketho.

Kulo nyaka uphelileyo, ndisicelile isizwe ukuba sizibandakanye nam ekubeni nomfanekiso-ngqondweni wesixeko esilungileyo esitsha, isixeko esibonakalayo ukuba sisekwe emva kokuba saphumayo kucalucalulo nesiza kumelana nokuguqula indlela yokuhlala neyezoqoqosho eyayilwa ngexesha localucalulo.

Isixeko-esilungileyo esitsha siyaqhubeka eLanseria, apho abantu abamalunga nama-350,000 ukuya kuma-500,000 baya kuyibiza ikhaya kule minyaka ilishumi izayo.

Le nkqubo ikhokelwa yi-Ofisi yoTyalo-mali neZiseko ezinguNdoqo kwi-Ofisi kaMongameli ndawonye kunye noorhulumente wephondo laseGauteng nowaseMntla Ntshona, esebenzisana kunye nesixeko saseRhawutini, esaseTshwane nesaseMadibeng.

Ngokusebenzisana namaziko ophuhliso lwezezimali, sihlanganise inkqubo yobuchule ezakuxhasa ngemali imijelo amakhulu ogutyulo, umbane, amanzi, iziseko ezingundoqo zobuxhaka-xhaka bale mihla neendlela eziza kuba sisiseko sesi sixeko sitsha eso.

Asizokuba nje sesilungileyo nesilunge nge-5G, kodwa siza kuba ngumfuziselo okhokelayo weziseko ezingundoqo ezinobudlelwano nendalo kwilizwekazi nakwizizwe-ngezizwe.

Siza kuba silinga ngenye ilokishi neenkqubo zeendlela zasemaphandleni apho ngelo xesha kuyakwakhiwa khona indlela ezine kwindawo ezahlukeneyo kweli lizwe ekwenziwa ngazo umzekelo ezitsala umgama ongama-50 km indlela nganye.

Eli phulo liza kuqinisekisa ngesisombululo esingabizi kakhulu kuMbuso, ukudluliselwa kwezakhono ezifanelekileyo kunye nokudala amathuba emisebenzi ethembisa kakhulu.

Bantu boMzantsi Afrika

Sijongene nengxaki enkulu yentswela-ngqesho kulutsha.  

Kwi-1.2 sezigidi zabantu abatsha abafika kwinqanaba lokufuna imisebenzii unyaka ngamnye, malunga nesibini esithathwini bahleli ngaphandle kwengqesho, abafundi futhi abafumani luqeqesho.

Ngaphezu kwesiqingatha sabo bonke abantu abatsha abaphangeli. Yingxaki enkulu le. Kufanele silenze eli lizwe libasebenzela abantu abatsha, khona ukuze bakwazi ukulisebenzela ilizwe lethu. 

Isisombululo sale ngxaki kufuneka sibe ntlandlo-mbini – kufuneka sonke sidalele ulutsha amathuba engqesho kunye nokuba lukwazi ukuzisebenzela.

Malunga nokuqeshwa kolutsha, ukususela namhlanje, siqalisa iNkqubo kaMongameli yeNgqesho yoLutsha – amanyathelo aphambili amathandathu kule minyaka mihlanu izayo kukunciphisa itswela-ngqesho kulutsha.

Okokuqala, sivulela ulutsha indlela yokungena kuqoqosho.

Sakha izisombululo ezihambelana nala maxesha nezintsonkothileyo ukuze zifikelele kubantu abatsha apho bakhoyo – ngomnathazwe, kwiminxeba nabuqu.

Oku kuza kubenza ukuba bakwazi ukufumana inkxaso, ulwazi noqeqesho lokulungela umsebenzi ukwandisa ukuqesheka kwabo nokuthi bakwazi ukukhangela amathuba.

Ukuqala kule nyanga, simisela iziza ezihlanu zokuvelisa umzekelo wokuqala kumaphondo amahlanu oku kuza kwanda zifumaneke kwizwelonke zifikelele kubantu abatsha abazizigidi ezithathu kusetyenziswa amaziko amaninzi.

Okwesibini, siyatshintsha yonke indlela esibaqeqesha ngayo abantu abatsha xa sibalungiselela imisebenzi yangomso, ngokuthi sibathumele kuqeqesho oluthatha ixesha elifutshane, izifundo ezifundeka lula ezigxininisa kwizakhono ezithile ezifunwa ngabaqeshi abakumacandelo akhula ngokukhawuleza.

Okwesithathu, siqulunqa iindlela ezintsha nezinobuchule zokuxhasa amashishini amancinci wabantu abatsha nokuzisebenzela.

Okwesine, siyinyusela phezulu iNkonzo yezeNgqesho yoLutsha (i-YES) sisebenzisana neekholeji ze-TVET kunye necandelo lamashishini abucala ukuqinisekisa ukuba abafundi abaninzi bafumana uqeqesho besemsebenzini olusisinyanzelo esiza kungqina ukuba umfundi lowo uzigqibile izifundo zakhe.

Okwesihlanu, siseka iqela lokuqala leNkqubo yeNkonzo yoLutsha kaMongameli ezakuvula i-arhente yabantu abatsha lize libadalele amathuba okuba bafumane imivuzo ngeli xesha besenza igalelo ekwakheni isizwe.

Okokugqibela, siza kukhokela iphulo lokuqeshwa kolutsha nelizakuxhaswa ngemali ngokubeka ecaleni i-1% yohlahlo-lwabiwo mali ukusebenza ngezinga eliphezulu lentswela-ngqesho yolutsha.

Oku kuza kwenzeka ngokucuntsula kuhlahlo-lwabiwo mali, ekuzakulindeleka ukuba sonke sibophe iibhanti zethu size sibeke imali bucala eza kuncedisa kule ngxaki yongamele isizwe yabantu abatsha abangenamisebenzi.

UMphathiswa wezeZimali uza kulithatha njengomba ophambili eli phulo aze anikezele ngeenkcukacha ezicacileyo kwiNtetho yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali yesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS) apha ekuhambeni konyaka.

La manyathelo mathandathu edibene wonke aza kuqinisekisa ukuba umntu ngamye omtsha kweli lizwe unendawo yokuya, bayasetyenziswa, kwaye bayakwazi ukufaka igalelo kuhlumo loluntu nolwelizwe lwabo.

Njengenxalenye yoku, i-Arhente yoPhuhliso loLutsha yeSizwe (i-NYDA) kunye neSebe loPhuhliso lwaMashishini amaNcinci iza kunikeze ngenxaso-mali nenkxaso yezoshishino koosomashishini abalulutsha aba-1.000 kwezi ntsuku zi-100 zizayo – ukuqala ngomso.

Simeme babathathu kwaba somashishini balulutsha ukuba babe kunye nathi ngokuhlwa nje: uSiyabonga Tiwana, Sibusiso Mahone noTholakele Nkosi.

Bona kunye nabanye abafana nabo babonakalisa ukuba, xa benokunikwa yonke inkxaso abayidingayo, abantu abatsha bangazidalela awabo amathuba.

Aba somashishini bathathu balulutsha bayinxalenye yenkqubo enkulu nenamabhongo ngakumbi yokunceda oosomashishini abangabantu abatsha aba-100.000 kule minyaka mithathu izayo ukufikelela kuqeqesho lwezakhono zezoshishino, inkxaso-mali nokuququzelela urhwebo.                  

Ukuxhotyiswa kwabasetyhini kubaluleke kakhulu kuhlumo lwezoqoqosho oludibeneyo.

Sivelisa iqonga elibizwa njenge-She TradesZA ukunceda amashishini wabantu basetyhini ukuze bathathe inxaxheba kurhwebo nonaniselwano namashishini kunye namazwe ehlabathi jikelele.

Kule minyaka mihlanu ilandelayo, iQumrhu lezoPhuhliso lwaMashishini (i-IDC) liza kuqokelela imali ezizibhiliyoni ezili-10 zeerandi eza kuxhasa amashishini wokuxhotyiswa kwabasetyhini. Le mali, eli qumrhu, liza kuyikhangela kwimithombo yalo lize lifune enye kumahlakani alo. 

Ukwandisa inani leendawo amashishini amancinci aza kuthengisa kuzo iimveliso zawo, siceba ukubekela bucala iimveliso ezili-1.000 eziveliswe apha ekhaya ekufuneka zithengwe kuMashishini amaNcinci, aPhakathi naMakhulu (ii-SMME).

UMthetho oYilwayo ongokuThengwa uza kungeniswa ePalamente kungekudala njengenxalenye yamalinge wethu okuxhobisa amashishini wabantsundu nasahlumayo nokuqhubela phambili inguqu emandla yezoqoqosho.

Kulo nyaka, silwenza lube liqima iphulo lethu lotyalo-mali ngokuseka iqumrhu elidebeneyo lokukhuthaza nokuququzelela utyalo-mali eliza kuba phantsi kwe-Ofisi kaMongameli.

Siza kubamba iNgqungquthela yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika yesithathu kweyeNkanga ukuhlola ukufezekiswa kwezithembiso zangaphambili nokufaka utyalo-mali olutsha kuqoqosho lwethu.

KwiNgqungquthela yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika yesibini kulo nyaka uphelileyo, iinkampani ezingaphezulu kwama-70 zenza izithembiso zokutyala imali exabisa iibhiliyoni ezingama-364 zeerandi kumacandelo ahlukeneyo afana nelemizi-mveliso, elokuhlelwa nokucolwa kweemveliso zezolimo, aweziseko ezingundoqo, awezezimbiwa, aweenkonzo, awezokhenketho nawokubuka nokutenda iindwendwe.

Kwiminyaka emibini yokuqala yephulo lethu lotyalo-mali esizingca ngalo, siqokelele imali engama-664 eebhiliyoni zeerandi iphelele ezizithembiso zotyalo-mali, imali leyo ingaphezulu kwesiqingatha semali eyitriliyoni eyi-1.2 yerandi esizimisele ukuyiqokelela kule minyaka mihlanu izayo.

Okona kubaluleke nangakumbi, olu tyalo-mali lwenza umahluko omkhulu.

Khona ngoku, sekuneeprojekthi ezixabisa i-9 leebhiliyoni zeerandi esele zigqityiwe neeprojekthi ezingama-27 ezixabisa nje ngaphezulu kwama-250 eebhiliyoni zeerandi esele zikwizigaba zokufezekiswa, nezininzi ezisendleleni kulo nyaka.

Ndityelele imizi-mveliso esanda kwakhiwa eyenza iminxeba esemgangathweni yala maxesha, kwaye imizi-mveliso iyanda ukuvelisa iimoto ezininzi, ndaze ndahamba eluthulini kwiziza zokwakha kumaziko aneenkampani ezibonelela ngeenkonzo.

Besizimase imisitho apho bekuvulwa nokusesikweni imizi-mveliso evelisa iimpahla, ukusuka kwevelisa iintambo zombane ukuya kwevelisa iitawuli zoomama, kwevelisa amatayara ukuya kwepheka ukutya.

Senze inkqubela ebaluleke kakhulu ekuqukumbeleni nasekufezekisweni kwezicwangciso ezingundoqo kwiindawo ezibaluleke kakhulu kuqoqosho lwethu.

Ezi zicwangciso zingundoqo zihlanganisa urhulumente, abasebenzi nabezoshishino ndawonye ukuze baqulunqe amanyathelo asebenzayo ukhuthaza uhlumo kwinqanaba lamacandelo lize ihlakani ngalinye libe negalelo ekulenzeni lisebenze.

Ngenxa yesiCwangciso esinguNdoqo sezeeMoto, sithengise iimoto ezininzi kwihlabathi jikelele kulo nyaka uphelileyo kunangaphambili, sivulela abantu abatsha imisebenzi eMpuma Koloni naKwaZulu-Natal.

Sivule iziko elitsha lezithuthi elikhethekileyo lezoqoqosho eTshwane, neliza kunyusa umthamo wezithuthi kunye neentsimbi zemoto eziveliswa apha ekhaya.

IsiCwangciso esinguNdoqo seMpahla neMpahla eLukiweyo, nesityikitywe kunyaka ophelileyo, sizimisele ukudala imisebenzi emitsha eli-121.000 kwicandelo lokuthengisa ngemiyinge emincinci lempahla nempahla elukiweyo kunye nelezihlangu kwiminyaka elishumi.

Kubandakanya ukuvuma kweevenkile ezinkulu ukuthenga iimpahla eziveliswe apha ekhaya, ngabavelisi ukutyala-imali nokuxhasa inguqu, nayimibutho yabasebenzi ukuseka amabhunga eengxoxo asebenzela ukuxhasa amalinge okuvuselela icandelo lezemizi-mveliso.

Kwelakhe icala, urhulumente sele eqalile ukusebenza ngamandla ukulwa iimveliso ezingena kweli ngokungekho mthethweni, uthimbe phantse iikhontena ezingama-400 ezithwele iimveliso ezibhalwe amaxabiso aphantsi kunawona maxabiso ixabisa wona imveliso leyo kwikota yokugqibela yowama-2019.

Le suti ndiyinxibileyo namhlanje, njengale yalo nyaka uphelileyo, yenziwe ngokuzingca ngabasebenzi baseMzantsi Afrika. Ndingathanda ukukhuthaza ngelokuba sonke masithengeni iimveliso zaseMzantsi Afrika.

Sisiqukumbele isiCwangciso esinguNdoqo seeNkuku ukuxhasa amafama nabahleli bemveliso saza sakhusela imisebenzi engama-54.000 ngeli xesha sidala imisebenzi emitsha.

Eli candelo ngoku ligxile kuhlumo, ukwandisa umthamo wemveliso notyalo-mali.

Zingaphelanga iiveki ezimbini, siza, kumisela uhlengahlengiso olutsha lwerhafu yokuthenga iinkuku kumazwe angaphandle ukuxhasa amashishini asekhaya.

Siqulunqe isicwangciso namafama nabasebenzisi bolu shishino ukukhusela imisebenzi kwishishini leswekile kwaye siza kuqukumbela isiCwangciso esinguNdoqo seSwekiile esitsha kwezi veki zintandathu zizayo; kwaye silindele ukuba isiCwangciso esinguNdoqo seNtsimbi siqukunjelwe kwezi nyanga zintandathu zizayo.

Ukususela namhlanje, imimiselo emitsha epapashwe kwiPhephandaba loMbuso iza kuvumela uphando nokuthathwa kwamanyathelo ngokuchasene nokusetyenziswa gwenxa kwamagunya okuthenga nocalucalulo kumaxabiso.

Oku kuza kunceda ukwenza ukuba ummandla wokushishina ufane kumashishini amancinci nakwakhulayo.

Imibuzo yezorhwebo ngeenkonzo ze-data, urhwebo lokuthengisa ukutya ngomyinge omncinci nenkathalelo yezempilo asinikezele isiseko sokuba kuthatyathwe amanyathelo okunciphisa amaxabiso kubathengi aze enze la macandelo akhuphisane ngakumbi.

Amaqumrhu ezokhuphiswano ngoku basebenzela ukufikelela kwisisombululo kunye namashishini amakhulu eminxeba ephathwayo ukufumana isaphulelo esikhulu kumaxabiso e-data kuzo zonke ii-bundle zenyanga nenyanga kwiminxeba ehlawulelwe kwangaphambili, izaphulelo ezongezelelweyo ezigxile kumakhaya amivuzo iphantsi, izabelo ze-data zamihla yonke zasimahla kunye nokufikelela simahla kwiiwebhusaythi zezemfundo kunye nezinye ezizezeemfuno zoluntu.

Eli linyathelo elibalulekileyo lokuphucula ubomi, ukuzisa abantu kuqoqosho lwedijithali nokuvuselela ushishino olwenziwa ngomnathazwe.

Uqoqosho lwedijithali luza kuya lukhula ukuqhuba uhlumo nokudala imisebenzi.

IKhomishini kaMongameli malunga nokuGuqukela kubuChwephetshe (4IR) yenze izindululo ezichaphazela phantse inkalo nganye yoqoqosho kunye neenkalo ezininzi zobomi bethu.

Ingxelo yekhomishini isinika izixhobo zokuqinisekisa ukuba sizuza lukhulu kobu buxhaka-xhaka bobuchwepheshe butsha.

Eyona nto ibaluleke kakhulu ukuze uqoqosho olusekwe kubuchwepheshe bale mihla lube yimpumelelo kukubakho kwamaza osasazo anamandla ukuze kwandiswe inani labantu abanobuxhaka-xhaka be-intanethi ehamba ngesantya esiphezulu.

Umlawuli, uGunyaziwe woNxibelelwano oZimeleyo waseMzantsi Afrika (ICASA), uthathe isigqibo sokuqukumbela ukunikezelwa kwelayisenisi yamaza osasazo anamandla yeli candelo esebenzisa ifandesi phambi kokuba kuphele owama-2020.

Ngenxa yokuba kuthe kongezwa ezinye izinto ezifunwayo, ukukhutshwa kwelayisenisi ye-Wireless Open Access Network (WOAN) ingathi kungagqitywa kulo nyaka uzayo.

Ezolimo lelinye lamacandelo anamathuba amahle kakhulu ohlumo.

Kulo nyaka, sifezekisa izindululo ezingundoqo zeQelalabaCebisi likaMongameli malunga noHlengahlengiso loMhlaba nezoLimo ukukhawulezisa ulwabiwo lomhlaba, ukwandisa umthamo wemveliso yezolimo nokwenza utshintsho kweli candelo.  

Urhulumente ungxangile – emva kokugqitywa kwenkqubo yePalamente yokuhlomela icandelo 25 loMgaqo-siseko – ukuthi thaca uMthetho oYilwayo ongokuThathwa koMhlaba ocacisa iimeko ekuvumeleke phantsi kwazo ukuba umhlaba ungathathwa ngaphandle kwembuyekezo.

Ukuza kutsho ngoku, sesinikezele ngeehektare ezingama-44.000 zomhlaba karhulumente ukulungisa amabango okubuyiselwa komhlaba, kwaye kulo nyaka siza kunikezela malunga neehektare ezingama-700.000 zomhlaba karhulumente ukwenzela ezolimo.

Siza kuqala ngolutsha, abantu basetyhini, abantu abakhubazekileyo kunye nabo babekade bengamafama kumhlaba wokuhlala uluntu kwaye bekulungele ukwandisa imisebenzi yabo ukuze baqeqeshwe baze babelwe umhlaba.

Umgaqo-nkqubo omtsha wokukhetha umntu oza kunikwa umhlaba uquka uqeqesho olusisinyanzelo kwabo baza kunikwa umhlabaphambi kokuba bawunikwe.  

Ngenxa yembalela kwiindawo ezininzi zeli lizwe, amafama alahlekelwe zizityalo nemfuyo baza abasebenzi abaninzi balahlekelwa yimisebenzi yabo nendlela yabo yokuphila.

Ngokusebenza neBhunga loPhando-nzulu lezoLimo namanye amaqumrhu ezenzululwazi nezolimo siye sayila isicwangciso-qhinga sokulwa umonakalo owenziwa yimbalela esigxile ekuveliseni iimbewu ezikwaziyo ukumelana nembalela, ukutyala nokugcina ukutya kwemfuyo, ukuncothula izityalo ezingezonkulelane kunye nobuchule bolawulo ukuthintela ukuhla komgangatho womhlaba.

Kulo nyaka siza kuvula ushishino nokuthengiswa kwentsangu, sinike amathuba amafama asakhasayo; nokuqulunqa umgaqo-nkqubo ongokusetyenziswa kwentsangu njengechiza neyeza lokunyanga, sakhe eli candela loshishini lihambelana nendlela ekuqhutywa ngayo kwihlabathi.

Imithetho yokulawula eli shishini iza kubhengezwa ngabaphathiswa abachaphazelekayo.

Umba ophambili nobalulekileyo kuhlumo nophuhliso, sisizwe esinabantu abasempilweni nabasebenzayo, abafumana iinkonzo zezempilo ezisemgangathweni nezifikelelekayo.

Siyibonile indlela abantu boMzantsi Afrika abayixhasa futhi beyilangazelela ngayo i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI) ngethuba kubanjwe iindibano zokugaya izimvo zoluntu. Ngoku senza amalungiselela okuqaliswa kwe-NHI emva kokuba iPalamente iqukumbele iinkqubo zayo.

Ukulungiselela i-NHI, sesibhalise abantu abangaphezulu kwezigidi ezingama-44 kwiikliniki ezingaphezulu kwama-3.000 kwiNkqubo yokuBhalisa iziGulana zezeMpilo, kwaye ngoku siqalisa le nkqubo ezibhedlele.

Ndiye ndaseka iQela eliSebenza ngokuKhubazeka likaMongameli ukucebisa i-ofisi yam ngamanyathelo okuqhubela phambili ukuxhotyiswa kwabantu abakhubazekileyo njengokuba urhulumente ecwangcisa, esenza uhlahlo-lwabiwo mali efezekisa neenkqubo zakhe.

Emva kokuba iSebe leMfundo esiSiseko lithe lalwamkela uLwimi lweZandla laseMzantsi Afrika njengolwimi lwasekhaya ngowama-2018 kunye nezindululo ezenziwe yiKomiti yoHlolo loMgaqo-siseko yasePalamente, iParliamentary Constitutional Review Committee, zokuba lwenziwe libe lulwimi olusemthethweni lwe-12, ngoku sizimisele ukuwugqibezela lo mba.

Bantu boMzantsi Afrika,

Phaya ekuqaleni kwale veki, bendibuya e-Addis Ababa eTopiya, apho uMzantsi Afrika wafumana khona ukuba nguSihlalo weMbumba ye-Afrika (AU) kulo nyaka wama-2020.

Siluthatha olu xanduva ngexesha elibalulekileyo kwilizwekazi lethu.

Kulo nyaka, uMmandla woRhwebo oluKhululekileyo lweLizwekazi i-Afrika (i-AfCFTA) uza kuqalisa ukusebenza.

Lixesha lethu eli, njengabantu belizwekazi, ukufezekisa iphupha labaseki bomanyano lwe-Afrika.

UMzantsi Afrika uza kusingatha iNgqungquthela eyaHlukileyo ye-AU kuCanzibe walo nyaka ukuqukumbela iinkcukacha ezithile zesiVumelwano soRhwebo oluKhululekileyo phambi kokuba sifezekiswe ngomhla wo-1 kweyeKhala yowama-2020.

Apha siza kugqibezela imigaqo ecacisa ukuba kuthetha ukuthini ukuthi imveliso ‘eYenziwe e-Afrika’ (‘Made in Africa’), iimveliso eziza kutshintshwa zibe zezingahlawulelwa irhafu yorhwebo kule minyaka mihlanu izayo, kunye namacandelo eenkonzo aza kuvulwa kwilizwekazi jikelele.

Ndivumeleni ukuba ndithathe eli thuba ukuvuyisana nenzalelwane yeli lizwe lakuthi, uMnu Wamkele Mene, nothe wonyulwa kule mpela-veki idlulileyo njengoNobhala Jikelele wokuqala we- AfCFTA, nokumqinisekisa ngenkxaso yethu epheleleyo xa ethatha oluxanduva luyimbali nolungumngeni.

Ngoko ke, uMzantsi Afrika uwubeke phambili umba wokuxhotyiswa kwabasetyhini base-Afrika kwezoqoqosho ngexesha inguwo obambe isikhundla sokuba nguSihlalo we-AU, usebenzisana nawo onke amazwe angamalungu ngamanyathelo okukhuthaza ukuba abasetyhini baqukwe futhi baxhamle kwimiba yezimali, benzelelelwe xa kuthengwa iinkonzo neemveliso naxa kutyikitywa izivumelwano zorhwebo.

IiNtloko zemiBuso ze-AU ziye zathembisa ukuwaxhasa amanyathelo okulwa ubundlobongela obugxile kwezesini (i-GBV) kwilizwekazi, kwaye aza kwenza amalungiselelo okuba kwamkelwe isiVumelwano se-AU ngobuNdlobongela obubhekisele kwabaseTyhini apha ekuhambeni kwalo nyaka. 

Ngokusebenzisa iNkqubo yokuHlolana kwaMazwe ase-Afrika (i-APRM), uMzantsi Afrika uza kusebenzisana namanye amazwe ukuqhubela phambili ulawulo olungcono nolawulo lwentando yesininzi.  

Siza kusebenzisa zonke iindlela ezisemandleni wethu – kuquka ubulungu bethu kwiBhunga loKhuselo leZizwe eziManyeneyo (UN) – ukukhuthaza uxolo nokhuseleko kwilizwekazi.

Malungu ahloniphekileyo,

Bantu boMzantsi Afrika,

Into nganye esiyenzayo kufuneka ixhaswe kukufezekiswa kokwenene.

Kungoko siyile i-DDM, indlela eyodwa yesivumelwano sezentlalo esiquka abadlali-ndima abangundoqo kwisithili ngasinye khona ukuze sikwazi ukuvula amathuba ophuhliso nawoqoqosho.

Isebenza ukwakha izakhono zokusebenza zikaRhulumente apho konakele khona ngamandla.

Kwi-SoNA yeyoMdumba yowama-2019, ndathetha ngemisebenzi emihlanu eyiyeyona ingxamisekileyo yelo xesha, undoqo phakathi kwayo ngumba wokuphucula indlela uRhulumente asebenza ngayo ukuze ahlangabezana neemfuno zabantu.

Mkhulu umsebenzi owenziwa kurhulumente wonke ukuze kuphuculwe indlela abasebenza ngayo oomasipala, njengeqoqo likarhulumente elilelona likufutshane ebantwini, ukwenza umsebenzi wakhe wophuhliso ukuze aqinisekise ukuba izinto ezilulutho zezentlalo, zezoqoqosho nezinye ezingundoqo ziyafumaneka aze aphucule umgangatho wobomi nempilo yabo.

Urhulumente wephondo nowesizwe baza kuwaphindaphinda amalinge wabo okuxhasa nokuncedisa oomasipala njengoko kulindelekile kwiCandelo 154 loMgaqo-siseko baze babeka esweni futhi baxhase oomasipala.

Kuxa iinkqubo zesiqhelo zisilele apho ikhabhinethi yephondo okanye urhulumente wesizwe ayakusebenzisa khona igunya lokungenelela elinikwa kwiCandelo 139 ukuphucula indlela asebenza ngayo urhulumente wasekhaya.

Ngoku bangama-40 oomasipala ekuthe kwangenelelwa kubo kusetyenziswa eli Candelo.

Amanyathelo ayakuthathwa aza kuzalisekisa iinjongo zendlela entsha yokwenza uphuhliso egxile kwisithili, oku kufuna ukuthatha indlela yonikezelo nkonzo edibeneyo. 

Abahlali boMasipala waseMamusa eMntla Ntshona sebeyibonile le ndlela isebenza, apho kusetyenziswe i-DDM ngokubonakalayo ukucoca iziza ekulahlwa kuzo inkunkuma ngokungekho mthethweni, ukulungisa isikhululo sepompo ukunqanda ukuphuphuma kwemijelo ehamba amanzi amdaka phantsi komhlaba ezitalatweni, ukwenza iindlela nokufaka imibhobho yamanzi, ukufakela amanzikwizikolo zasekuhlaleni nokuzakhela izindlu zangasese.

Kulo nyaka, siceba ukwandisa i-DDM iye kwizithili ezingama-23 ezitsha, sifunda kwindlela ekuqhutywe ngayo kwizithili ezithathu le nkqubo ibilingwa kuzo, ezizezi: uMasipala weSithili i-OR Tambo, owase-Ethekwini kunye nowase-Waterberg.

Ukuphucula indlela uRhulumente asebenza ngayo nokuqinisekisa ukuba abo basebenzela yena bayaphendula ngemisebenzi yabo, ndiza ndityikitya izivumelwano zokusebenza nabo bonke abaPhathiswa phambi kokuphela kwale nyanga.

Ezi zivumelwano – nezigxile kwimimiselo ekujoliswe kuyo equlathwe kwiNkqubo-sikhokelo eQiqisisiweyo yesiGaba esiPhakathi (i-MTSP) – ziza kubhengezwa ukwenzela ukuba abantu baseMzantsi Afrika bakwazi ukubenza baphendule abo babonyulele e-ofisini.

Ezi zivumelwano zokusebenza zingumzekelo omhle wale ndlela yokusebenza intsha igxininisa kumba wokwenzela izinto elubala nokuziqhelanisa nokuphendula ngemisebenzi yakho, apho abo banikwe uxanduva lokuba basebenzele uluntu – nokuba nje ngabameli abonyuliweyo okanye abasebenzi bakarhulumente –  kufuneka benze oko kulindelekileyo kubo.

Yindlela entsha yokusebenza apho lunganyanyezelwayo urhwaphilizo, ukuqesha ngokuzalana nokusetyenziswa kwamagunya okuphatha gwenxa, kwaye bathathelwa amanyathelo abo basebenzisa gwenxa amagunya wabo okanye behlisa imali karhulumente ngomlenze.

Ukususela oko ndangena esihlalweni, siye saxhobisa ngezakhono i-Ofisi kaMongameli namanye amaqumrhu kaRhulumente ukukhawulezisa isantya esisebenza ngaso kwimiba engxamisekileyo enxulumene neenguqu.

Sivule i-Ofisi yoLawulo lweeProjekthi, iCandelo leziSeko ezinguNdoqo noTyalo-mali kunye necandelo leeNkonzo zoPhando-nzulu noMgaqo-nkqubo ukuze silungise le ngxaki yemiqobo exabe endleleni size siphucule indlela azihambisa ngayo iinkonzo urhulumente.

La macandelo ayasebenzisana neKhomishini yokuQuquzelela iziSeko ezinguNdoqo kaMongameli, i-InvestSA neqela elithwaliswe uxanduva lokwenza lula ukuqhuba ushishino, i-Ease of Doing Business Task Team, ukususa imiqobo ethintela utyalo-mali nohlumo nokuqinisekisa ukuba urhulumente ubonakalisa inkqubela ebonakalayo ngokukhawuleza.

Njengoko ngoku sinamaqumrhu nabasebenzi abanezakhono ezifanelekileyo kwi-Ofisi kaMongameli, siza kugxila kwezona nguqu zingxamisekileyo size singenelele apho kukho imfuneko khona ukuqinisekisa ngokufezekiswa. 

Bantu boMzantsi Afrika,

Sizibhaqa sikwixesha elinzima kwimbali yeli.

Lixesha lenzima enkulu nentandabuzo, kodwa ikwalixesha elizele ngamathuba amahle.

Kule minyaka mibini idlulileyo, sisebenze kunye ukwakha isiseko senkqubela.

Ngoku lixesha lokuba sakhele kweso siseko, ukumanyanisa, ukusebenza, nokunyamezela.

Asisokuze sinikezele ngekamva lethu kwintandabuzo, ukungabi nathemba, okanye iyantlukwano, okanye kwabo banomoya ombi ngokungazenzisiyo kumsebenzi owenzelwa ukuphucula ubomi babantu bakuthi.

Siza kuqhubeka ukuhamba siye phambili ukuphucula ubomi babantu bakuthi.

Siya kuyamkela inguqu.

Siyakubonwabela ubomi.

Asiyikoyika nto.

Njengokuba sikwenza oko, siza kuwakhumbula amazwi engoma avuselelayo womnye wezona mvumi zixatyisiweyo eMzantsi Afrika, uTata uJoseph Shabalala, nongumseki we-Ladysmith Black Mambazo, nesizilele ukusweleka kwakhe kule veki.

Abhalwe ngexesha elahlukileyo, amazwi wakhe asankenteza ngokwenyani:

“We may face high mountains,

Must cross rough seas,

We must take our place in history,

And live with dignity,

As we climb to reach our destiny

A new age has begun.”

 [“Singajongana neentaba eziphakamileyo,

Kufuneke sinqumle kwiilwandle ezilephuzayo,

Kufuneka siyithathile indawo yethu kwimbali,

Size siphile ngesidima,

Njengoko siqabela ukuba sifikelele apho sifanele ukuba sifike khona

Ixesha elitsha liqalile”].

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore