INtetho kaMongameli u-Cyril Ramaphosa malunga neNkqubela phambili kwiinzame zeSizwe zokuThintela ubhubhane we-COVID-19

Bantu bakuthi baseMzantsi Afrika,

Ekuqaleni kwale veki, izazinzulu zethu zichonge udidi olutsha lwentsholongwane ye-corona ebangela isifo se-COVID-19.

UMbutho wezeMpilo weHlabathi uye wayibiza ngokuba yi-Omicron kwaye uyibhengeze njengolunye ‘udidi oluxhalabisayo’.

I-Omicron iqale ukuchazwa e-Botswana yaze emva koko yachazwa eMzantsi Afrika, kwaye izazinzulu zichonge imeko efanayo kumazwe afana ne-Hong Kong, i-Australia, i-Belgium, i-Italy, i-United Kingdom, iJamani, i-Austria, i-Denmark kunye neSirayeli.

Ukuchongwa kwangethuba kolu didi lwentsholongwane ye-corona kusisiphumo somsebenzi oncomekayo owenziwe zizazinzulu zethu eMzantsi Afrika kwaye ikwasisiphumo sotyalo-mali olwenziwe liSebe lethu lezeNzululwazi nokuTshintsha kunye nelezeMpilo kwizakhono zokubeka iliso ekwakhekeni kweentsholongwane.

Silelinye ilizwe kwihlabathi elithe laseka uthungelwano lokubeka iliso kuMzantsi Afrika uphela ukusinceda ukuba sijonge indlela yokuziphatha kwe-COVID-19.

Ukufunyanwa kwangethuba kolu didi lwentsholongwane ye-corona kunye nomsebenzi osele ufumanekile ekuqondeni iimpawu zayo kunye neziphumo ezinokwenzeka, kuthetha ukuba sixhotyiswe ngcono ukulwa nolu didi.

Sinika imbeko kuzo zonke izazinzulu zethu ezidumileyo ehlabathini nezihlonitshwa ngokubanzi kwaye zibonakalise ukuba banolwazi olunzulu ngolawulo lwentsholongwane.

Kukho izinto ezininzi esele sizazi malunga nolu didi lwentsholongwane ye-corona ngenxa yomsebenzi owenziwe zizazinzulu zethu wokubeka iliso ekwakhekeni kwentsholongwane.

Okokuqala, ngoku siyazi ukuba i-Omicron inoguquguquko oluphezulu kakhulu kunalo naluphi na udidi lwentsholongwane ye-corona lwangaphambili.

Okwesibini, siyazi ukuba i-Omicron ibonwa ngokulula kuvavanyo lwangoku lwe-COVID-19.

Oku kuthetha ukuba abantu ababonakalisa iimpawu ze-COVID-19 okanye abakhe badibana nabantu abane-COVID-19, kusafuneka bavavanywe.

Okwesithathu, siyazi ukuba olu didi lwentsholongwane ye-corona lwahlukile kwezinye iinguqulelo ezijikelezayo kwaye alunxulumananga ngokuthe ngqo ne-Delta okanye i-Beta.

Okwesine, siyazi ukuba olu didi lwentsholongwane ye-corona lungunobangela wolosulelo oluninzi olufunyenwe e-Gauteng kwezi veki zimbini zidlulileyo kwaye ngoku lubonakala kuwo onke amanye amaphondo.

Kusekho izinto ezininzi malunga nolu didi esingazaziyo, kwaye izazinzulu zaseMzantsi Afrika nezakwezinye iindawo zehlabathi zisebenza nzima kakhulu ukufumana ulwazi olwaneleyo.

Kwezintsuku neeveki zimbalwa zizayo, njengoko ulwazi luye lufumaneka, siya kuba nokuqonda kangcono:

  • ukuba i-Omicron idluliseka ngokulula na ebantwini,
  • ukuba iyawunyusa na umngcipheko wokosuleleka kwakhona,
  • ukuba ngaba olu didi lubangela isifo esiqatha na, kwaye,
  • ukuba zisebenza kangakanani na izigonyo zangoku kwi-Omicron.

Ukuchongwa kwe-Omicron kungqamana nokunyuka ngequbuliso kolosulelo lwe-COVID-19.

Oku kwenyuka kugxile eRhawutini, nangona amanani enyuka nakwamanye amaphondo.

Sibone umndilili wamanani amatsha ali-1 600 kwiintsuku ezisi-7 ezidlulileyo, xa kuthelekiswa nama-500 amanani amatsha emihla ngemihla eveki ephelileyo, kunye nama-275 amanani amatsha emihla ngemihla eveki engaphambi koku.

Umyinge wovavanyo lwabantu abane-COVID-19 unyuke ukusuka kwiipesenti ezi-2 ukuya kwi-9 ngaphantsi nje kweveki.

Oku kukonyuka okubukhali kakhulu kosulelo kwisithuba esifutshane.

Ukuba amanani ayaqhubeka nokunyuka, sinokulindela ukungena kwityeli lesine losulelo kwiiveki ezimbalwa ezizayo, mhlawumbi kwamsinya nje.

Oku akufanelanga kusothuse.

Iingcali zezifo ezosulelayo kunye neemodeli zezifo zisixelele ukuba kumele silindele ityeli lesine ekuqaleni kweyoMnga.

Izazinzulu nazo zisixelele ukuba silindele ukuvela kolunye udidi lwentsholongwane ye-corona olutsha.

Kukho iinkxalabo ezininzi malunga ne-Omicron, kwaye asikaqiniseki ncam ukuba iya kusiphatha njani ukuya phambili.

Nangona kunjalo, sele sinazo izixhobo esizidingayo ukuze sizikhusele kuyo.

Sazi ngokwaneleyo malunga noludidi lwentsholongwane ye-corona ukuze sazi izinto ekufuneka sizenzile ukunciphisa usulelo kunye nokuzikhusela kwizifo ezinzima kunye nokufa.

Esokuqala, esona sixhobo sinamandla, kukugonya.

Ukusukela oko izigonyo zokuqala ze-COVID-19 zafumaneka ekupheleni kwalo nyaka uphelileyo, sibonile ukuba izigonyo ziye zanciphisa kakhulu ukugula, ukulaliswa ezibhedlele kunye nokufa eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela.

Izigonyo ziyasebenza. Izigonyo zisindisa ubomi.

Ukusukela oko sathi sasungula inkqubo yogonyo lukawonke-wonke kuCanzibe 2021, zingaphezu kwezigidi ezingama-25 zezigonyo esele zikhutshiwe eMzantsi Afrika.

Le yimpumelelo ephawulekayo.

Ukuza kuthi ga ngoku lelona ngenelelo lubanzi kwezempilo olwenziwe kweli lizwe ngexeshana nje elifutshane.

Amashumi amane ananye eepesenti abantu abadala abafumene noba sinye isigonyo, kwaye i-35.6 pesenti yabantu abadala baseMzantsi Afrika bagonyelwe i-COVID-19 ngokupheleleyo.

Ngokuphawulekayo, i-57 pesenti yabantu abaneminyaka engama-60 ubudala nangaphezulu bagonywe ngokupheleleyo, kwaye i-53 pesenti yabantu abaphakathi kweminyaka engama-50 kunye nama-60 bagonywe ngokupheleleyo.

Nangona le nkqubela phambili yamkelekile nje, akwanelanga ukusenza ukuba sinciphise usulelo, sithintele ukugula nokufa kwaye sikwazi ubuyisela uqoqosho lwethu.

Ugonyo lwe-COVID-19 lusimahla.

Ngokuhlwanje, ndingathanda ukuhlaba ikhwelo kumntu wonke ongakhange agonywe ukuba aye kwiziko lokugonya elikufutshane naye ngaphandle kokulibazisa.

Ukuba kukho umntu kusapho lwakho okanye kwizihlobo zakho ongagonywanga, ndiyakucela ukuba ubakhuthaze ukuba baye kugonywa.

Ukugonywa yeyona ndlela ibalulekileyo yokuzikhusela wena kunye nabo bakungqongileyo kwi-Omicron, kwaye kunciphisa impembelelo zetyeli lesine nokunceda ukubuyisela inkululeko yoluntu le siyilangazelela sonke.

Ugonyo lukwabalulekile ekubuyiseleni uqoqosho lwethu lusebenze ngokupheleleyo, ekuqaliseni kwakhona uhambo kunye nasekubuyiseni amacandelo asemngciphekweni afana nezokhenketho kunye nokwamkela iindwendwe.

Uphuhliso lwezigonyo esinazo ze-COVID-19 lwenzeke, ngombulelo ngenxa yezigidi zabantu abathe bavolontiya ukuba bathathe inxaxheba kolu lingo lokuqhubela phambili ulwazi ukuze kuxhamle uluntu.

Ngabo abantu abathe bangqina ukuba ezi zigonyo zikhuselekile kwaye ziyasebenza.

Aba bantu ngamaqhawe ethu.

Badibana nabasebenzi bezempilo ababephambili kumlo walobhubhane iminyaka emibini, kwaye baqhubeka nokukhathalela abagulayo, baqhubeka nokunika izigonyo, kwaye baqhubeka nokusindisa ubomi.

Kufuneka sicinge ngabantu abaye bakhalipha xa sicinga ngokugonywa.

Ngokugonywa, asikhuseli thina kuphela, kodwa sinciphisa uxinzelelo kwinkqubo yethu yezempilo kunye nakubasebenzi bezempilo kwaye sinciphisa umgcipheko abajongene nawo.

UMzantsi Afrika, njengenqwaba yamanye amazwe, ufunele abantu abasemngciphekweni omkhulu izigonyo zokomeleza kunye nabo zinokuba luncedo kubo.

Abasebenzi bezempilo abakulingo lweSisonke, uninzi lwabo olwagonywa kwiinyanga ezingaphezu kwezintandathu ezidlulileyo, banikwa isigonyo sokomeleza sakwa-Johnson & Johnson.

I-Pfizer ifake isicelo kuGunyaziwe woLawulo lweeMveliso zeMpilo yaseMzantsi Afrika ukuba kukhutshwe isigonyo sesithathu emva kwezigonyo ezimbini besezikhutshiwe.

IKomiti yabaPhathiswa abaCebisayo malunga noGonyo sele ibonisile ukuba iza kucebisa ukuba isigonyo sokomeleza siqale ngabantu abadala.

Abanye abantu abanamajoni omzimba angasebenzi kakuhle, njengabo bakunyango lomhlaza, ukucocwa kwezintso ngomatshini kunye nonyango lwe-steroids lwezifo zamajoni omzimba, bavumelekile ukuba bafumane isigonyo sokomeleza ngokucetyiswa ngoogqirha babo.

Njengabantu, njengeenkampani nanjengorhulumente, sinoxanduva lokuqinisekisa ukuba bonke abantu beli lizwe bayakwazi ukusebenza, ukuhambahamba kunye nokuhlalisana ngokukhuselekileyo.

Ngoko ke, siqhube uthethathethwano namahlakani ezentlalo kunye nabanye abachaphazelekayo ekuqaliseni amanyathelo okwenza ugonyo lufikeleleke kwiindawo zokusebenza, kwimisitho kawonke-wonke, kwizithuthi zikawonke-wonke kunye nakumaziko oluntu.

Oku kuquka iingxoxo ebeziqhubeka kwi-NEDLAC phakathi kukarhulumente, abasebenzi, abezoshishino kunye noluntu, apho kukho isivumelwano esibanzi ngemfuneko yamanyathelo anjalo.

Urhulumente useke igqiza eliza kwenza uthethwano olubanzi malunga nokwenza isinyanzeliso sokugonya kwimisebenzi kunye neendawo ezithile.

Eli gqiza liza kunika ingxelo kwiKomiti yabaPhathiswa engoGonyo echotshelwe nguSekela Mongameli, eya kuthi yenze izindululo kwiKhabhinethi ngendlela enobulungisa nezinzileyo kwizinyanzeliso zokugonya.

Siyayiqonda into yokuba ukuqaliswa kwamanyathelo anjalo ngumba onzima kwaye ontsokothileyo, kodwa ukuba asiyijongi nzulu kwaye njengento engxamisekileyo, siya kuqhubeka sisengozini kwiindidi ezintsha zentsholongwane ye-corona kwaye siya kuqhubeka sisiba namatyeli amatsha olosulelo.

Isixhobo sesibini ekufuneka sisisebenzisile ukulwa nolu didi lutsha kukuqhubeka nokunxiba isigqubutheli-buso ngalo lonke ixesha xa sikwiindawo zikawonke-wonke naxa sikunye nabantu.

Kukho ubungqina obuninzi bokuba ukunxiba isigqubutheli-buso ngokufanelekileyo nangalo lonke ixesha okanye ukunxiba esinye isigqubuthelo sobuso esifanelekileyo phezu kwempumlo kunye nomlomo yeyona ndlela ilungileyo yokuthintela usulelo lwentsholongwane ukusuka komnye umntu ukuya komnye.

Isixhobo sesithathu esinazo sokulwa olu didi lutsha lwentsholongwane ye-corona sesona singabizi kakhulu kwaye sixhaphakile: kukufumana umoya omtsha.

Oku kuthetha ukuba simele sizame kangangoko kunokwenzeka ukuba sibe phandle xa sidibana nabantu abasindwendweleyo emakhayeni ethu.

Xa singaphakathi endlwini nabanye abantu, okanye ezimotweni, ezibhasini nakwiiteksi, kufuneka sivule iifestile ukuze siqinisekise ukuba kungena umoya.

Isixhobo sesine esinaso ukulwa nolu didi lutsha kukuphepha iindibano, ngakumbi iindibano zangaphakathi.

Iindibano ezinkulu ezinjengeenkomfa ezinkulu kunye neentlanganiso, ngakumbi ezo zifuna inani elikhulu labantu ukuba basondelelane kangangexesha elide, kufuneka zitshintshelwe kunxibelelwano lwevidiyo.

Amatheko okuphela konyaka kunye neminyhadala yokuphela konyaka yematriki kunye neminye imibhiyozo kufuneka ihlehliswe, kwaye wonke umntu makacinge kabini phambi kokuba aye okanye aququzelele indibano.

Apho kuqhutywa khona iindibano, yonke imigaqo-nkqubo ye-COVID-19 kufuneka iqwalaselwe ngononophelo.

Lonke unxibelelwano esinalo lwandisa umngcipheko wokosuleleka okanye wokosulela omnye umntu.

Bantu bakuthi baseMzantsi Afrika,

IBhunga leSizwe lentsholongwane ye-Corona lidibene izolo ukujonga ukunyuka kwamva nje kosulelo kunye nefuthe elinokubakho elinobangelwa yi-Omicron.

Oku kulandelwe ziintlanganiso zangaphambili namhlanje zeBhunga likaMongameli lokuLungelelanisa kunye neKhabhinethi, apho kuye kwathathwa isigqibo sokuba ilizwe lihlale likwiNqanaba loku-1 lesiLumkiso sentsholongwane ye-Corona okwangoku kwaye neSizwe masihlale sikwisimo seNtlekele.

Ekuthatheni isigqibo sokunganyanzeli ezinye izithintelo kweli nqanaba, sithathele ingqalelo into yokuba ngoku besinamatyeli angaphambili, izigonyo bezingafumaneki ngohlobo ezifumaneka ngalo ngoku kwaye bebembalwa kakhulu abantu abaye bagonywa.

Ayisenjalo ke ngoku. Izigonyo ziyafumaneka kuye nabani na oneminyaka eli-12 nangaphezulu, simahla, kumawaka eendawo kwilizwe liphela.

Siyazi ukuba zithintela izifo eziqatha kunye nokulaliswa esibhedlele.

Siyazi kwakhona ukuba intsholongwane ye-corona iya kuba nathi ixesha elide. Ke ngoko kufuneka sifumane iindlela zokulawula lobhubhane ngelixa sinciphisa ukuphazamiseka kuqoqosho kunye nokuqinisekisa ukuqhubeka kwempilo.

Nangona kunjalo, le ndlela ayizi kugcinwa ukuba asinyusi zinga lokugonywa, ukuba asizinxibi izigqubutheli-buso, okanye ukuba asiphumeleli ukuthobela imiqathango yezempilo esisiseko.

Sonke kufuneka sikhumbule ukuba ngokwemigaqo yeNqanaba loku-1 leSilumkiso:

  • Kusekho ixesha lokuba sekhaya ukusuka ngentsimbi ye-12 ezinzulwini zobusuku ukuya kwintsimbi ye-4 kusasa.
  • Akufuneki bantu babengaphezu kwama-750 abanokudibanela kwindawo engaphakathi kwaye bangabi ngaphezu kwama-2 000 abantu abanokudibana kwindawo engaphandle. Apho indawo yokudibanela incinci kakhulu ukuba ingakwazi ukuthwala la manani kuze kubekho umgama ofanelekileyo, akusayi kusetyenziswa ngaphezu kwe-50 pesenti yomthamo wendawo.
  • Akufuneki bantu bangaphezu kwe-100 emngcwabeni, kwaye imilindo yasebusuku, iindibano zasemva komngcwabo kunye neendibano ze-'after tears' azivumelekanga.
  • Ukunxiba izigqubutheli-buso kwiindawo zikawonke-wonke kusesisinyanzeliso, kwaye ukusilela ukunxiba isigqubutheli-buso xa kuyimfuneko kulityala.
  • Ukuthengiswa kotywala kuvumelekile ngokwemiqathango yelayisenisi, kodwa akunakuthengiswa ngexesha lokuba sekhaya.

Siza kubeka iliso elibukhali kwizinga lolosulelo kunye nokulaliswa kwabantu ezibhedlele kwezi ntsuku zizayo kwaye siza kuyiphonononga lemeko kwiveki elandelayo.

Emva koko kuya kufuneka sigqibe ukuba la manyathelo akhoyo afanelekile okanye ingaba kukho utshintsho ekufuneka lwenziwe kwimimiselo yangoku.

Sesiqalisile inkqubo yokulungisa imimiselo yethu yezempilo ukuze sikwazi ukuphonononga ukusetyenziswa koMthetho woLawulo lweNtlekele ukuze kulawulwe indlela esisabela ngayo lo bhubhane, ngenjongo yokuba ekugqibeleni sizakusiphakamisa imeko yeSizwe yokuba kwiNtlekele.

Siza kusiphumeza isicwangciso sethu sesizwe ukuqinisekisa ukuba izibhedlele kunye namanye amaziko onyango alilungele ityeli lesine.

Sijolise kulawulo olusebenzayo lweeklinikhi, ukulandelwa komkhondo kunye nokuhlolwa, ukhathalelo lwaseklinikhi olusebenzayo, ukufumaneka kwabasebenzi bezempilo.

Ukuqinisekisa ukuba amaziko ethu akulungele oku, zonke iibhedi zesibhedlele ebezifumaneka okanye bezifuneka ngexesha letyeli lesithathu le-COVID-19 zicwangciswe kwaye zilungiselelwe ityeli lesine.

Sikwasebenzela ukuqinisekisa ukuba ubonelelo lwe-oksijini luyafumaneka kuzo zonke iibhedi ezibekelwe i-COVID-19.

Siza kuqhubeka nokukhokelwa nguMbutho wezeMpilo weHlabathi kuhambahambo lwamazwe ngamazwe, ocebisa ukuba ingavalwa imida.

Njengawo onke amanye amazwe, sele sineendlela zokulawula ukungeniswa kolu didi lwentsholongwane ye-corona kwamanye amazwe.

Oku kuquka imfuneko yokuba abahambi bavelise isatifikethi sokugonywa kunye novavanyo lwe-PCR oluthathwe kwiiyure ezingama-72 zohambo, kunye nokuba izigqubutheli-buso zinxityiwe ngexesha lohambo.

Sidane kakhulu sisigqibo samazwe aliqela sokwalela uhambo olusuka kwinani lamazwe akuMazantsi e-Afrika kulandela ukuchongwa kwe-Omicron.

Oku kukusuka okucacileyo nokungekho sesikweni kwisibophelelo esenziwa luninzi lwala mazwe kwintlanganiso yamazwe e-G20 e-Rome kwinyanga ephelileyo.

Baye bathembisa kuloo ntlanganiso ukuqalisa kwakhona uhambo lwamazwe ngamazwe ngendlela ekhuselekileyo nenocwangco, ehambelana nomsebenzi wemibutho yamazwe ngamazwe echaphazelekayo efana noMbutho wezeMpilo weHlabathi, i-International Civil Aviation Organisation, i-International Maritime Organisation kunye ne-OECD.

IsiBhengezo sase-Rome se-G20 siqaphele ingxaki yecandelo lezokhenketho kumazwe asaphuhlayo, saza sazibophelela ekuxhaseni “ukubuyisela ngokukhawuleza, ngokomelela, ngokubandakanyayo nangokuzinzileyo icandelo lezokhenketho”.

Amazwe abeke izithintelo zokuhambahamba kwilizwe lethu kunye namanye amazwe akuMazantsi e-Afrika abandakanya i-United Kingdom, i-United States, amalungu e-European Union, i-Canada, i-Turkey, i-Sri Lanka, i-Oman, i-United Arab Emirates, i-Australia, i-Japan, i-Thailand, i-Seychelles, i-Brazil nase-Guatemala, phakathi kwezinye.

Ezi zithintelo azinasihlahla kwaye zicalula ngokungafanelekanga ilizwe lethu kunye namazwe akuMazantsi e-Afrika.

Ukuthintelwa kokuhamba akugqitywanga ngokwesayensi, kwaye akuyi kusebenza ekuthinteleni ukusasazeka kolu didi lwentsholongwane ye-corona.

Inye kuphela into ezakwenziwa sisithintelo sokuhambahamba kukonakalisa ngakumbi uqoqosho lwamazwe achaphazelekayo kwaye sijongele phantsi amandla awo okuphendula, kunye nokuchacha kulobhubhane.

Sihlaba ikhwelo kuwo onke loo mazwe amisele isithintelo sokuhambahamba kwilizwe lethu nakumazwe akuMazantsi e-Afrika ukuba ajike ngokukhawuleza izigqibo zawo aze aphelise isithintelo abesibekile phambi kokuba kwenzeke nawuphi na umonakalo kuqoqosho lwethu nakwindlela yokuziphilisa yabantu bethu.

Akukho sizathu sibabekayo esisuka kwizazinzulu zokugcina ezi zithintelo.

Siyazi ukuba le ntsholongwane, njengazo zonke iintsholongwane, iyaguquguquka kwaye yenze iindidi ezintsha.

Siyazi kwakhona ukuba amathuba okuvela kwezinye iindidi zentsholongwane ye-corona ezinobungozi ayanda kakhulu apho abantu bangagonywanga khona.

Yiyo loo nto sijoyine amanye amazwe, imibutho kunye nabantu kwihlabathi liphela ebebelwela ukufikelela ngokulinganayo kugonyo kuye wonke umntu.

Sithe ukungalingani kokufumana izigonyo akuhlawulisi ngobomi kunye nokuphila kwabantu kula mazwe alwela ukufikelela kwizigonyo, kodwa oko kusongela iinzame ezenziwe lihlabathi lokoyisa lobhubhane.

Ukuvela kwe-Omicron kufuneka ibe likhwelo lokuvusa ihlabathi ukuba ukungakhutshwa ngokulinganayo kwesigonyo akunakuvunyelwa kuqhubeke.

Wonke umntu uya kuba semngciphekweni, de kugonywe wonke umntu.

Kufuneka silindele ukuba iindidi ezininzi zentsholongwane ye-corona ziya kuvela, de wonke umntu agonywe.

Ezi ndidi zinokosulela ngakumbi, zinokubangela izifo eziqatha, kwaye zisenokunganyangeki zizigonyo zangoku.

Endaweni yokuthintela ukuhambahamba, amazwe atyebileyo ehlabathi kufuneka axhase iinzame zophuhliso lokufikelela kwezoqoqosho kunye nokwenza izigonyo ezaneleyo zabantu bawo ngaphandle kokulibazisa.

Bantu bakuthi baseMzantsi Afrika,

Ukuvela kwe-Omicron kunye nokunyuka kwamanani akutsha nje kuye kwacaca ukuba kuya kufuneka siphile nale ntsholongwane ixesha elithile.

Sinolwazi, sinamava kwaye sinezixhobo zokulawula lo bhubhane, ukuze siqalise kwakhona uninzi lwemisebenzi yethu yemihla ngemihla, kunye nokuvuselela uqoqosho lwethu.

Sinako ukumisela indlela ilizwe lethu eliza kuyithatha.

Umntu ngamnye kufuneka agonywe.

Umntu ngamnye kufuneka aziqhelanise nemigaqo-nkqubo yezempilo eyisisiseko njengokunxiba izigqubutheli-buso, ukuhlamba okanye ukufaka isibulali ntsholongwane izandla zakho rhoqo, kunye nokuphepha iindawo ezixineneyo nezivalekileyo.

Umntu ngamnye kufuneka athathe uxanduva ngempilo yakhe kunye nempilo yabo basingqongileyo.

Umntu ngamnye unendima ekufuneka eyidlalile.

Asiyi koyiswa ngulo bhubhane.

Sele siqalile ukufunda ukuphila nayo.

Siya kunyamezela, siya koyisa kwaye siya kuphumelela.

Thixo sikelela uMzantsi Afrika kwaye ukhusele abantu bawo.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore