Faka isikhalazo ngokuziphatha kakubi kwamapolisa

Ungafaka isikhalazo kuMbhexeshi Ozimeleyo oPhanda Izikhalazo ngamaPolisa (IPID) ukuba ufuna baphande okukulandelayo:

  • Ukufa ubanjwe ngamaphoyisa
  • Ukufa ngenxa yezenzo zamapolisa
  • Nasiphi na isikhalazo esihambisana nkudubula kompu wePolisa
  • Ukudlwengulwa liPolisa, noba ipolisa belisemsebenzini okanye ekhefini
  • Ukudlwengu komntu noba ngowuphi ngelixa eseluvalelwelni lwamaphoyisa
  • Nasiphi na isikhalazo sokungcungcuthekiswa okanye ukubethwa ngamapolisa xa esenza umsebenzi wawo.

Kufanele uvule ityala kwisikhululo esikufutshane samaphoyisa kwaye  ungaya kwi ofisi ze IPID kuphela xa amaphoyisa engakwazanga ukukunceda.

Fumana ngokupheleleyo malung nokufaka isikhalazo nokuthi yenza ntoni i-IPID, okanye qhagamshela uMbhexeshi Ozimeleyo ophanda izikhalazo ngamaPolisa apha 012 399 0000.

 

Share this page