Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano
Inkcazelo seNkonzo yeNtlalo yeHlabathi
I-International Social Service (ISS) ngumbutho wehlabathi onganxulumananga narhulumente kwaye ongakheth’icala ngokwezopolitiko, ngokobuhlanga, ngokobucawe okanye ngokwelizwe elithile, unecandelo loNobhala-Jikelele elise-Geneva, e-Switzerland. Le nkonzo inonxibelelwano loonontlalontle kumazwe ehlabathi abaqeqeshwe kumazwe abo kwaye abanolwazi ngamazwe abo.
I-ISS inceda abantu ngokobuqu babo kunye neentsapho (neefemeli) ezineengxaki zobuqu kunye nezentlalo, futhi xa aba bantu nezi ntsapho bedinga intsebenziswano phakathi kwamazwe. Iyafumaneka kuye nawuphina umntu apha eMzantsi Afrika nangaphandle kweli lizwe.
Inkqubo emayilandelwe
- Izicelo ezisuka kubantu abahlala eMzantsi Afrika
-
Yenza isicelo kwi-ofisi yonontlalontle ekufuphi kuwe
-
Qulungqa isishwankathelo sombandela ngokwendlela eqingqwe yi-ISS. Esi sishwankathelo sombandela siyakuchaza iimeko kunye nesicelo seenkonzo ezidingwa kwilizwe langaphandle.
-
Hambisa isishwankathelo esigqityiweyo sombandela kummeli wephondo we-ISS kwi-Ofisi eNkulu yeSebe loPhuhliso lweNtlalo lephondo.
- Uyakuthi ke ummeli wephondo asihambise isicelo sakho kwi-International Social Service of South Africa (ISS SA), yona ene-ofisi kwalapha kwiSebe loPhuhliso lweNtlalo lelizwe.
-
- Izicelo ezisuka kubantu abahlala ngaphandle kwaseMzantsi Afrika.
Umthetho osetyenziswayo
Iinkonzo zentlalo zehlabathi zinikwa ngokweSivumelwano soNxulumano phakathi kweSebe loPhuhliso lweNtlalo ne-ISS: General Secretariat.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
-
Izicelo kujongwana nazo zakufunyanwa. Yakube ifumene isicelo esiphuma kwisebe lephondo, i-ISS SA iyakusithumela esi sicelo seenkonzo kwi-ISS Affiliated Bureau okanye kumnxulumanisi kwilizwe langaphandle. Indlela abaphendula ngayo isicelo iyakuxhomekeka kwiimeko zabo zendawo abakuyo.
-
Yakube ifumene isicelo esisuka kwilizwe langaphandle, i-ISS SA ibhekisa lo mbandela kummeli wendawo wephondo oyakuthi yena enze amalungiselelo wokuba unontlalontle wendawo aphande ngalo mbandela kwaye anike ingxelo kwisebe lephondo. Yakube ifunyenwe le ngxelo, iyakuthunyelwa kwi-ISS SA, eyakuthi yona iyiphonononge kwaye iyithumele kubabandakanyeki, ndawonye neziphawulo, imibuzo kunye nemiba ethandabuzekayo okanye imiba ethandabuzekayo.
Iindleko
EMzantsi Afrika le nkonzo ayihlawulelwa. Kumazwe athile kusengafuneka intlawulo kwiinkonzo ezithile. Ezi ntlawulo ziyahluka ngokwamazwe ngamazwe.
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano
Iinkcukacha zonxibelelwano zee-ofisi zephondo zeSebe loPhuhliso loLuntu
International Social Services of South Africa | |
Tel | 012 312 7790/ 012 312 7591 |
Fax | 012 323 3733 |
City/town | Pretoria |
Province | Gauteng |
Physical address | 7th Floor, HSRC Building, 134 Pretorius Street, Pretoria, 0001 |
Postal address | The Director, International Social Services of South Africa, Private Bag X901, 0001 |
Web address | https://www.dsd.gov.za/ |