Ukubhalisa isithuthi somntu oswelekileyo okanye isithuthi esithinjiweyo

Kufuneka usibhalisile isithuthi somntu oswelekileyo okanye esithinjiweyo phantsi kwegama elitsha kwiziko lobhaliso elikufutshane nawe. Faka oku kulandelayo:

  • Incwadi-sazisi yeRiphabliki yoMzantsi Afrika;
  • Ukuba awunayo incwadi-sazisi yeRiphabliki yoMzantsi Afrika:
    • Incwadi-sazisi elikhutshwe lilizwe langaphandle okanye
    • Isatifikethi senombolo yobhaliso lwezendlela.
  • Isatifikethi sequmrhu okanye sokutshintsha igama ukuba isithuthi kufanele sibhaliswe ngegama lenkampani
  • Inkcazelo iqumrhu elisekwe phezu kwayo okanye isatifikethi sokutshitsha igama ukuba ngaba isithuthi sizakubhaliswa ngegama lequmrhu elidibeneyo.
  • Ukuba isithuthi sibhaliswe ngegama lomntu oswelekileyo, ileta yokuba ngumgcini-mafa evela kwi-ofisi yomabi-mafa ochongiweyo.
  • Ukuba isithuthi sihluthiwe, umyalelo wenkundla okanye ixwebhu lokuyinikezela ngokuzithandela lityikitywe ngumnini wayo, okanye inkcazelo efungelweyo ngumgcini tayitile yayo.

Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo (ifomu engu- MVR1A okanye engu-RLV)

Fumana iinkcukacha eziuthe vetshe kwiwebhusayithi ye-eNaTIS.

 

 

Published Date

Share this page