Ungahlangabezana njani nokungenelela emhlabeni ngokungekho-mthethweni

Umhlaba karhulumente (umhlaba ophantsi kolawulo lukarhulumente wesizwe okanye lwamaphondo okanye lukamasipala) ngokufanayo nomhlaba wabanini babucala ungangenelelwa ngokungekho-mthethweni.

Urhulumente unoxanduva olukumgaqo-siseko lokuqinisekisa – ukuba bonke abemi banokuxhamla amalungelo wabo angundoqo wokufikelela kumhlaba nezindlu  – apho kuyimfuneko nangokuxhomekeke kwimithombo ekhoyo. Apho kuqhubekeka khona ukungenelela okungekho-mthethweni ngokungumthamo omkhulu, urhulumente unoxanduva olufanayo lokunceda akhusele umhlaba wabanini bomhlaba babucala.

Kwimeko apho amalungelo angundoqo wabangeneleli abangekho-mthethweni engekho semngciphekweni kufanele basuswe, umnini mhlaba wabucala kufuneka, ngaphandle kokulibazisa, aye enkundleni ukuya kufumana umyalelo wokubasusa ngokwemimiselo yoMthetho wokuThintela ukuSusa ngokuNgekho-mthethweni ekuHlaleni kuMhlaba ngokuNgekho-mthethweni, we-1998 (, 1998 (uMthetho 19 we-1998). Lo mthetho ngokwangoku uphantsi kolawulo lokuphunyezwa liSebe lezokuHlaliswa koLuntu kwaye uza kudluliselwa kwiSebe lezoPhuhliso lwaMaphandle noBuyekezo lweMihlaba kungekudala.  

Ukuba ngaba umhlaba wakho wabucala uye wangenelelwa, ungaya:

  • Enkundleni ngaphandle kokulibazisa ukuya kufuna umyalelo wokubasusa ngokwemimiselo yoMthetho wokuThintela ukuSusa ngokuNgekho-mthethweni ekuHlaleni kuMhlaba ngokuNgekho-mthethweni, we-1998.
  • Kuyo nayiphi na i-ofisi yeSebe lezoPhuhliso lwaMaphandle noBuyekezo lweMihlaba ukuya kufuna uncedo ukuba ngaba abangeneleli abangekho-mthethweni kumhlaba wakhe bangenelele kuba befuna ukufikelela kumhlaba wokulima.
  • Kumasipala wasekuhlaleni wommandla lowo okanye, ukuba ngaba kukho imfuneko, kwiSebe lwezokuHlaliswa koLuntu lephondo okanye lesizwe ukuya kufuna uncedo ukuba ngaba abangeneleli abangekho-mthethweni badinga izindlu.

ISebe lezoPhuhliso lwaMaphandle noBuyekezo lweMihlaba liza:

  • Kunceda abangeneleli abangekho-mthethweni kuwo nawuphi na umhlaba karhulumente okanye womnini wabucala abadinga nabangena mhlaba wokulima ukuba bafumene ukufikelela kumhlaba wokulima ofanelekileyo.
  • Kunceda abanye oogunyaziwe bakarhulumente ukufumana umhlaba ongomnye ofanelekileyo ukwenzela abo bangeneleli bangekho-mthethweni badinga izindlu
  • Apho kukho imfuneko khona nalapho kukho khona iimeko ezizodwa, iza kunceda abanini mhlaba babucala abo umhlaba wabo uthe wangenelelwa ngokungekho-mthethweni ize isuse abangeneleli abadinga umhlaba wokulima ibase kumhlaba ongomnye ofanelekileyo.

Abantu abangakwazi ukufikelela kumhlaba wokulima ngabanye bangaya kwiSebe lezoPhuhliso lwaMaphandle noBuyekezo lweMihlaba ukuza kufuna uncedo lokufumana umhlaba ofanelekileyo wokulima.

Abantu abadinga izindlu ngabanye bangaya kumasipala wasekuhlaleni okanye, ukuba ngaba kukho imfuneko, kwiSebe lezokuHlaliswa koLuntu lephondo okanye lesizwe ukuya kufuna uncedo.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe lokuba ungahlangabezana njani na nongenelelo olungekho-mthethweni qhagamshelana neSebe lezoPhuhliso lwaMaphandle noBuyekezo lweMihlaba.

 

Share this page