Isicelo sepemethe yokungenisa iintlanzi kweli lizwe

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka intlanzi kweli ngenjongo yokuzonwabisa

Xa uthenga intlanzi kwamanye amazwe efana nentlanzi yolwandle ngenjongo yolonwabo kufanele ube nephepha mvume esuka kwiSebe Lezolimo,Amahlathi Nokoloba. Awukwazi kuthengisa intlanzi ethengwe kwelinye ilizwe, kodwa ungayitya ngokwakho.

Kufanele ufake isicelo kwiveki ezimbini phambikokuba uhambe ukuze unike ixesha eloneleyo. Awukwazi kufaka kweli intlanzi ngenjongo yolonwabo ngaphandle kwe phepha mvume. Awudingi  phepha mvume yokutya kokuloba; noxa kunjalo qinisekisa ukuthi unayo kuwe imvume yokutya kokuloba (ngumlinganiselo wengxowa enye ngosuku engahanjiswa) okanye isiliphu esisiqinisekiso sokuthi uthenge ukutya kokuloba.

Kulawula lemiqathango ilandelayo:

  • Awukwazi kufaka kweli izilwanyana ezikuludwe lwezilwanyana ezikwingozi yokutshabalala (CITES)  Malunga nolwazi oluthe vetshe nge CITES ndwendwela ku www.cites.org.
  • Iphepha mvume lisebenza kuphela kuhambo lwakho kuphela ukuseka kweli ude ubuya kwilizwe obusiya kulo.
  • Awukwazi kuthenga kwelinye ilizwe intlanzi ephilayo.

Qaphela: Iphepha mvume lokufaka kweli aliquki intlanzi zasedamini. Ukuba awuthobeli imiqathango yephephamvume, ingaxhonywa okanye imvume.

Ofanele kukwenza

  1. Fumana uxwebhu lwesicelo semvume yokuthenga kwamanye amazwe kubalawuli beentlanzi kwiGatya le Sebe Lezolimo, Amahlathi Nokuloba kumgangatho ophantsi kwisakhiwo Foretrust , Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town.
  2. Gcwalisa uxwebu lwesicelo ngezinkcukacha zilandelayo:
    • Iintsuku zokuhamba nokubuyela kweli loMzantsi Afrika
    • Igama lelizwe olindwendwelayo
    • Izibuko lase Mzantsi Afrika ozakulisebenzisa xa ubuye eMzantsi Afrika
    •  Cacisa ukuthi izakungena ikuliphi uhlobo intlanzi leyo (ikhencezisiwe/igcinwe ibanda/njalo-njalo)
    • Ikopi eqinisekisweyo yesazizi sakho.
  3. Bhatala imali emisiweyo kule akhawunti  ilandelayo:
    iBhanki: First National Bank
    Inombolo yeAkhawunti: 62123256382
    Uhlobo lweAkhawunti: Current
    Igama leAkhawunti: Marine Living Resources Fund
    Igama legatya: Corporate Account Service Cape Town
    Ikhowudi yeGatya: 204109
    Fumane ireferensi yakho ngokutsalela inkonzi zoncedo loluntu apha 0860 000 3474.
  4. Quka oku okulandelayo:
    • Ubungqina bokuthi ubhatele (isiliphi sasebhankini sokuvalela imali).
    • Ubungqina bedilesi ohlala kuyo, inombolo yomnxeba, inombolo ye feksi nedilesi yecompuyutha yase mzantsi Afrika.
    • Ikopi eqinisikisiweyo yesazisi.
  5. Faka uxwebu lesicelo kwiSebe Lezolimo, Amahlathi Nokuloba, Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012 okanye ufake kwisebe lolawulo lwentlanzi r submit it at kwiGatya labalawuli bentlanzi, kumgangatho ophantsi, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, eCape Town. Ungafeksi noba uthumele nge khompuyutha isicelo sakho.

Ixesha elimiselweyo

Ingathatha intsuku ezisixhenxe zokusebenza nanga phezulu, kuxhomekeka ekubeni ufake ufake isicelo ngendlela eyiyiyo.

Ingaba kubiza malini na

Customer Service Centre

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Fumana uxwebu lesicelo kwiSebe Lezolimo, Amahlathi Nokuloba , kwiGatya labalawuli bentlanzi kumgangatho ophantsi, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, eCape Town.

Ungaqhagamshela nabani

 

Call Centre

Tel: +27 12 399 9000
Fax: +27 12 359 3625

Share this page