Isicelo semvume yethutyana yokungenisa elizweni izilwanyana ngeenjongo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sephepha mvume lokufaka impahla kweli okanye ukufaka impahla kweli okwethutyana ngezizathu ezibaluliwe kuphela

Ukuba ufuna ukufaka impahla okanye ukhupha impahla kweli lomzantsi Afrika okwethutyana ngezizathu ezibaluliweyo njengemiboniso, ukhuphiswano kunye nozaliso olulawulwayo okanye unyango lwezilwanyana, Kufanele ufake isicelo  sephepha mvume lophuculo lwezilwanyana kwaye samkelwe nguMbhexeshi wophuculo lwezilwanyana.

Kufanele uphinde ufake isicelo sephepha mvume lokufaka izilwanyana kweli kuMbhexeshi wempilo yezilwanyana nesiqinisekiso sempilo yezilwanyana esisuka kwilizwe apho ziphuma khona izilwanyana.

Kufanele ufake isicelo intsuku ezingamashumi amathathu phambi kokuba uzifake kweli okanye uzithumele kwelinye ilizwe.

Ofanele kukwenza

  1. Gcwalisa uxwebhu lwesicelo: isicelo soku faka kweli okanye ukukhupha izilwanyana ngezizathu ezibaluliweyo (imiboniso).
  2. Ukuba ufaka isilwanyana kweli ngenjongo zokuzalisa  okanye inkonzo zonyango , kufanele ube ne Siqinisekiso  esisuka kuMbhexeshi owaziwayo kwilizwe apho ufumana isilwanyana kulo. Isiqinisekiso kufanele sibonakalise uhlobo lwegazi DNA lesilwanyana eso kunye nembali yobomi ngesilwanyana.
  3. Ingxelo esuka kubazalisi bezilwanyana beloMzantsi Afrika ingakumbi abo bazalisa ngokomnombo wezilwanyana.
  4. Ungahlawula nge tsheki okanye idolo yase posini ku:
    • Mlawuli Jikelele: Isebe Lezolumo, Amahlathi nokuloba
      Standard Bank of South Africa
      Branch: Arcadia
      Account No: 011219556
      Branch code: 000845/ 010845
      Uphawu lwempahla ligama ne fani yomthumeli mpahla leyo.
  5. luxanduva lwakho ukuhlawula indleko zebhanki kunye nendleko zebhanki yelinye ilizwe, isebe alinakukhupha iphepha mvume ukuba imali enga nge R302 ayifikanga kwisebe.
  6. Ungahlawula kwi ofisi zesebe Lezolimo ,Amahlathi nokuloba  ezidweliswe kwezoQhagamshelo.
  7. Apho ufaka isicelo egameni lomnye umntu  qinisekisa ukuba uhlawula egameni lakhe okanye igama lekampani.
  8. Asikho isicelo esizakuhoywa singekho isiqinisekiso sokuthi kuhlawuliwe.
  9. Thumela uxwebhu kunye nobungqina bokuhlawula kule dilesi ilandelayo:
    The Registrar of Animal Improvement
    Private Bag X138
    Pretoria
    0001
    South Africa
    okanye feksela ku (012) 319 7570/7425.
  10. Emveni kokufumana uxwebhu lwesicelo olugcwalisiweyo kunye nobungqina bokuhlawulwa, iphepha mvume lophuculo lwezilwanyana luzakukhutshwa linikwe  umlawuli wempilo yezilwanyana ukuze yena akhuphe iphepha mvume lokufaka izilwanyana kweli.
  11. Emveni kokuba ufake isicelo  semvume yokufaka kweli izilwanyana ngenjngo yokuziphucula kufanele ufake  isicelo sephepha mvume ukuphuma kuMlawuli wempilo yezilwanyana.
  12. Imibuzo mayelana ne phepha mvume lokufaka izilwanyana kweli  tsalela umnxeba kule nombolo (012) 319 7514.
  13. abophuculo lwezilwanyana baza jonga isicelo sakho bakukhuphele isiqinisekiso basinike uMbhexeshi wophuculo lwezilwanyana  ukuze ufumane  iphepha mvume loku faka izilwanyana kweli.
  14. Kufanele ufake isicelo sesiqinisekiso sokusebenza ngezilwanyana kumlawuli wezempilo yezilwanyana.
  15. Kufuneka  uveze omabini amaphepha mvume kwigosa lwezilwanyana kwizibuko kunye nesiqinisekiso sempilo yezilwanyana esisuka kwilizwe.

Qaphela: Uxwebhu olungagcwaliswanga ngokupheleleyo liza kuphindiswa kumnini kwaye akukho xanduva liza kunikwa amagosa ngokumoshakalelwa lixesha lakho.

Ixesha elimiselweyo

Ithaba iintsuku ezingamashumi amathathu ukugqiba isicelo.

Ingaba kubiza malini na

R220

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application to import/export animals for certain purposes

Ungaqhagamshela nabani

 

Directorate Animal Production
Tel: 012 319 7424 / 012 319 7576 / 012 319 7590 / 012 319 7429 / 012 319 7434 / 012 319 7486
Fax: 012 319 7570/7425
Physical address: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria
Postal address: The Registrar of Animal improvement Private Bag X138, Pretoria, 0001

Share this page