Isicelo sokungenisa eMzantsi Afrika isithuthi esilisekendi okanye esele sisetyenzisiwe

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo semvume yokungenisa isithuthi esiza kuba sesomntu wesibini okanye esele sisebenzile

Ungakwazi kuphela ukungenisa isithuthi esiza kuba sesomntu wesibini okanye esele sisebenzile eMzantsi Afrika ukuba unikwe imvume yokwenza oko.

Ukungeniswa kwezithuthi esele zisebenzile kuyathintelwa ukuze kukhuselwe ushishino lokuveliswa kwezithuthi lwasekhaya oluphazanyiswa kukungeniswa kwezithuthi esele zisebenzile kunye neziza kuba zezabantu besibini kwaye imvume ikhutshwa kuphela phantsi kweemeko ezithile ezichaziweyo.

Ukungeniswa kwezithuthi esele zisebenzile neziza kuba zezabantu besibini kuphantsi kolawulo lwemiqathango yokungenisa impahla evela kumazwe angaphandle ngokweCandelo 6 loMthetho woLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe 71 ka-2002.

Ikakhulu ngabemi baseMzantsi Afrika ababuya kumazwe angaphandle nabangeneleli abanemvume yokuba ngabahlali abasisigxina abavumelekileyo ukuba bangenise izithuthi ezibhaliswe ngamagama abo kweli loMzantsi Afrika. Izithuthi ezinokuthengwa zize zingeniswe kweli ziquka iimoto zomdyarho, ezakudala zokukhwela abantu, ezenzelwe iimeko ezithile kunye nezililifa.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi

Ofanele kukwenza

  • Zalisa uxwebhu importation of a second hand or used vehicle form, IE462 (lwesicelo semvume yokungenisa isithuthi esiza kuba sesomntu wesibini okanye esele sisebenzile, IE 462)
  • Faka ezi ncwadi zilandelayo:
    • isazisi okanye incwadana yokundwendwela
    • incwadi evela kumqeshi wakho engqina ukuba uqeshwe ngokusisigxina phesheya, ebonisa ixesha oqeshwe ngalo (amaxwebhu abonisa umvuzo wakho, izithembiso zomsebenzi, izivumelwano zokuqeshwa,  amaxwebhu erhafu, imvume yokuphangela, njalo njalo azamkelekanga njengobungqina bokuphangela)
    • ikopi eqinisekisiweyo yesiqinisekiso esisemthethweni sokubhaliswa kwesithuthi kwilizwe langaphandle
    • abangeneleli abaneenjongo ezithembekileyo kufuneka bafake ikopi yemvume yokuba ngumhlali osisigxina eMzantsi Afrika, incwadana yokundwendwela yelizwe langaphandle (iphepha elinefoto kunye neenkcukacha), ikopi yesiqinisekiso sokubhaliswa kwesithuthi kwilizwe langaphandle
    • ubungqina bokufunda okanye bophando oluza kugqityezelwa ukuba bukhona.

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha ukuya kwiintsuku ezintlanu ukugqibezela ukuchophela isicelo sakho ukuba zonke iincwadi ezifunekayo zifunyenwe.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo isimahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application for importation of a second hand or used vehicle form, IE462 (Isicelo semvume yokungenisa isithuthi esiza kuba sesomntu wesibini okanye esele sisebenzile, IE462)

Ungaqhagamshela nabani

 

ITAC national office - Import and Export Control

Tel: 0861 834 384, 012 394 3590, 012 394 3591
City/town: Pretora
Province: Gauteng
Physical address: International Trade Administration Commission, 77 Meintjies Street, Block D, Sunnyside, Pretoria, 0001
Postal address: Private Bag X753 Pretoria, 0001
Web address: http://www.itac.org.za

Share this page