Ungasifaka njani isicelo sokubuyiselwa imali yeRhafu yeNtengo (i-VAT)

Iindwendwe zamazwe angaphandle ezindwendwele uMzantsi Afrika zinokubanga ukuba zibuyiselwe i-VAT eziyihlawule kwizinto ezizakuhamba nazo ukuphuma kweli lizwe xa ixabiso lezo zinto elipheleleyo lingaphezulu kwama-R250. Isicelo sembuyekezo kufuneka sifakwe kwi-ofisi yaBalawuli beMbuyekezo ye-VAT. Ezi ofisi zikwiZikhululo zeeNqwelo-moya zeZizwe-ngezizwe eRhawutini naseKapa, kwizikhululo ezikwimida eliqela nakumazibuko orhwebo achongiweyo.

Xa uthenga izinto, zazise njengomkhenkethi wamazwe angaphandle kubancedisi basezivenkileni, uze ucele i-invoysi yerhafu. I-invoysi yerhafu kufuneka iqulathe lonke olu lwazi lulandelayo:

  • isixa semali ehlawuliselwe i-VAT, okanye inkcazelo yokuba i-VAT ifakiwe kwixabiso elipheleleyo lwezinto ezo
  • umthamo nengcaciso epheleleyo yezinto ezithengiweyo
  • inombolo ye-invoysi yerhafu efana yodwa ngokulandelelanayo
  • igama lomthengi nedilesi
  • isixa se-VAT ehlawulisiweyo, okanye inkcazelo yokuba i-VAT ekwizinga le-15% ifakiwe kwixabiso elipheleleyo lwezinto ezo.

Kufuneka uveze amaxwebhu okwenene kwakunye nezinto ezithengiweyo.

 

 

Postal address  

The VAT Refund Administrator
PO Box 107
OR Tambo International Airport
South Africa
1627

E-mail addresses  

Botswana : botswana@taxrefunds.co.za
Swaziland : swaziland@taxrefunds.co.za
Namibia : namibia@taxrefunds.co.za
Other countries : generalqueries@taxrefunds.co.za

Website: www.taxrefunds.co.za

Tel: + 27 11 979 0055

Share this page