Isatifikethi senkqubo yoPhuhliso lwaBantwana abaseLula 

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sesatifikethi senkqubo yophuhliso lwabantwana abaselula

Ingaba uqhuba iziko lophuhliso lwabantwana abaselula (i-ECD) kwaye ufuna ukufundisa nokunika inkxaso efanelekileyo yokukhulisa iingqondo, amanqanaba okukhula komntwana kunye neemfuno zabantwana abakweli ziko lakho, kuquka nabantwana abakhubazekileyo, abanezigulo ezinganyangekiyo nezinye iimfuno ezizodwa?

Ungafaka isicelo sesatifikethi senkqubo ye-ECD kwi-ofisi ekutshane yeSebe loPhuhliso loluNtu okanye kamasipala.

Unganikwa isatifikethi esithatha ithuba elingekho ngaphezulu kweminyaka emihlanu.

Ukuze isicelo sakho siqwalaselwe, inkqubo ye-ECD yakho kufuneka:

  • ibonelele ngamathuba ophuhliso afanelekileyo 
  • igxile ekuncedeni abantwana ukuze bakwazi ukuphumeza amakhono wabo ngokupheleleyo
  • inikakele abantwana ngendlela eyakhayo ize ibonelele ngenkxaso nokhuseleko
  • iqinisekise ngokuba abantwana bakhula isimilo esifanelekileyo ekuhlaleni
  • ihloniphe ize ikhulise inkcubeko, umoya, isidima, ubuqu nolwimi lomntwana ngamnye
  • izalisekise umntwana ngamnye ngokwezinto azifunayo ngokomphefumlo, ngokokuqonda, ngokweziva-mvo, ngokwasemoyeni, ngokwesimilo, ngokomzimba, ngokwentlalo nangokonxibelelwano.

Kufuneka:

  • ulunge ufaneleke
  • ube namabakala emfundo ye-ECD, izakhono noqeqesho olufanelekileyo
  • ube ukhe wasebenza kwicandelo lophuhliso lwabantwana abaselula ixesha elingangeminyaka emithathu ubuncinci.

Qaphela: Ukuze ulungele ukufumana inkxaso-mali yenkqubo ye-ECD, kufuneka uzalisekise zonke izinto ezifunekayo kwimimiselo nemigangatho yesizwe. Inkxaso-mali inikwa kuqala iindawo ezineentsapho ezisokolayo ezingenazo iindawo zokuhlala ezifanelekileyo, ukutya nezinye izibonelelo ezingundoqo zokuphila zokunceda abantwana babo.

Omawukwenze

  1. Faka isicelo sokubhaliswa okanye ubhaliso lwethutyana kwi-ofisi ekufutshane yeSebe loPhuhliso loluNtu okanye ekamasipala apho uyakuthi unikwe khona ifomu ebizwa i-Form 16 ukuba uyigcwalise. 
  2. Isicelo sakho kufuneka siqulathe oku kulandelayo:
  • Igama lakho nenombolo yencwadi-sazisi
  • idilesi yendawo ohlala kuyo neyeposi
  • iinkcukhacha zenkqubo ye-ECD
  • isicwangciso sokufezekiswa kwenkqubo ye-ECD
  • iinkcukacha zabasebenzi abakwiziko apho le nkqubo ye-ECD iza kuqhutywa khona
  • iingxelo zezimali ziko le-ECD
  • isiqinisekiso sokungachaphazeleki kubugwenxa esikhutshwa liSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko ukuqinisekisa ukuba igama lakho nabasebenzi alikho kwiCandelo B leRejista yoKhuseleko lwaBantwana yeSizwe okanye iRejista yaboPhuli-mthetho bezeSondo yeSizwe.
  • amabakala wakho wezeMfundo, izakhono namava.
  1. Sakuba isicelo sakho sivunyiwe, uza kukhutshelwa isatifikethi sokubhaliswa okanye ubhaliso lwethutyana okanye uhlaziyo lokubhalisa.
  2. Amagosa wesebe lophuhliso loluntu nawakwamasipala aza kwenza utyelelo lokuhlola oluqhubekekayo kwiziko lakho. 

Kuthatha ixesha elingakanani

Kungathatha ixesha elingafika kwinyanga ezintathu ukuba isatifikethi sokubhalisa sikhutshwe.

Kubiza malini

Le nkonzo isimahla.

Iifomu emazigcwaliswe

Iifomu ezibizwa i-Form 16 ziyafumaneka kwi-ofisi ekufutshane yesebe lophuhliso loluntu ekamasipala.

Ungaqhagamshelana nabani

Uluhlu lweenkcukacha zoqhagamshelwano lwee-ofisi zamaphondo zeSebe loPhuhliso loluNtu 

 

 

Share this page