Ezifezekisiweyo kuVimba weLizwe wokuGcina iNkcazelo

Ungaqinisekisa amabakala wakho wezemfundo kuVimba weeNkcukhacha zaBafundi weSizwe (i-NLRD) ngoPhando loQinisekiso olubizwa i-SAQA VeriSearch lakwaGunyaziwe wamaBakala ezeMfundo woMzantsi Afrika (i-SAQA). Ukuba ngaba ungumqeshi, ungawaqinisekisa amabakala wezemfundo wabasebenzi bakho kulo vimba weenkcukhacha. Ukuba ngaba ufuna ukujonga olwakho ulwazi, uyakufumana ingxelo epheleleyo yokuba i-NLRD iqulathe ntoni ngokumayela nawe.

Xa amanye amaqela eqinisekisa ngolwazi lwakho njengomfundi, kufuneka bawucacise gca umbuzo wabo (leliphi eli bakala lezemfundo, iziko nomhla). Impendulo yakwa-SAQA yeyokuba “liyafumaneka” okanye “alifumaneki” ngokumalunga nolo lwazi.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe ngokuba ungaqinisekisa njani ngamabakala wakho emfundo yiya ku-VeriSearch.

 

Share this page