INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-27 kweyoMsintsi yowama-2017

IKhabhinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla wama-27 kweyoMsintsi yowama-2017, kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli.

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni
1. INdibano eNkulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA)

1.1. IKhabhinethi iyamkele intetho kaMongameli uJacob Zuma ebeyenze kwiSeshoni yama-72 yaRhoqo yeNdibano eNkulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA) e-New York, e-United States of America ngomhla we-12 kweyoMsintsi yowama-2017, phantsi komxholo othi “Ukugxila eBantwini: Ukuzamela uXolo noBomi obuNdililsekileyo kuMntu Wonke kwiHlabathi eliZinzileyo”.

1.2. Iingxoxo zigxile, phakathi kwezinye izinto, kwiiNjongo zoPhuhliso eziZinzileyo (ii-SDG): ukuguquka kwesimo sezulu; imiba yokhuselo nokhuseleko kunye neengunqu kwi-UN, ingakumbi iinguqu kwiBhunga loKhuselo le-UN.

1.3. UMongameli uZuma ukwatyikitye isiVumelwano soThintelo lweziXhobozeNyukliya, nokukwabonakalisa ukuzinikela okuqhubekayo koMzantsi Afrika okubhekisele ekumiseleni ihlabathi elingenangxaki ezibangelwa kukusetyenziswa kwezixhobo zenyukliya nokuqinisekiswa ukuba ubuchwepheshe nezixhobo zenyukliya zisetyenziselwa iinjongo zoxolo kuphela.  

1.4. UMongameli uZuma usingathe umbhiyozo weminyaka elikhulu yokuhlonipha ongasekhoyo owayesakuba nguMongameli we-African National Congress (i-ANC), uMnu Oliver Reginald Tambo.

2. INyanga yaMafa

2.1. IKhabhinethi ibulela bonke abemi baseMzantsi Afrika ngokubhiyozela iNyanga yaMafa kweyoMsintsi nokuzeka mzekweni kumyalezo kaMongameli uZuma woSuku lwaMafa wokuba sonke kwilizwe lethu masizame umanyano olukhulu kwiiyantlukwano zethu.

2.2. Njengokuba ilizwe lethu liqukumbela iNyanga yaMafa phantsi komxholo othi “Unyaka ka-Oliver Reginald Tambo: UkuBhiyozela iNkululeko Yethu Elilifa”, abemi baseMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba bakhele kwizithethe ezixhaswa nguMgaqo-siseko nokomeleza amalinge okwakha isizwe esingenantlupheko, ndlala, ukungabi namakhaya nokungalingani.

2.3. Ekukhuthazeni umoya wamafa, iKhabhinethi isamkele isivumelwano esityikitywe phakathi koMzantsi Afrika neTanzania, nesijongise ekugcineni imbali yomzabalazo wenkululeko.  

2.4. I-UN ikugunyazisile ukufezekiswa kweProjekthi yeeNdlela eziSingise eNkululekweni e-Afrika. Ngumbiyozo wokubhiyozela umoya wentlalo-ntle nentsebenziswano phakathi kwemibutho yenkululeko yase-Afrika nezakukhokelela ekwakhiweni kwemuziyamu, ithala leencwadi noovimba beenkcukacha.

3. USuku loKhenketho lweHlabathi

3.1. UMzantsi Afrika, phantsi kokukhokelwa nguMphathiswa wezoKhenketho, uNksz Tokozile Xasa, uthathe inxaxheba kuSuku loKhenketho lweHlabathi (27 kweyoMsintsi yowama-2017) neNyanga yoKhenketho, phantsi komxholo othi “UKhenketho oluZinzileyo – IsiXhobo soPhuhliso”. Oku kubonelela ngeqonga lokuxhasa iinguqu kwimigaqo-nkqubo, ukuqhutywa koshishino nokuziphatha kwabakhenkethi, olubhekisele kwicandelo lezokhenketho elizinze ngokuthe chatha, nelinokwenza igalelo elingqongqo ekuphunyezweni kwee-SDG. NgoSuku loKhenketho lweHlabathi, amazwe neenkcubeko ezahlukeneyo zibhiyozele imisebenzi ehambelana nemimandla emininzi neyahlukahlukeneyo efana nokukhuthazwa kwemirhumo ekhethekileyo kunye nokwandiswa kofikelelo kumaziko okanye ukwandiswa kofikelelo kumaziko, ufikelelo loluntu oluninzi olusimahla kwiipaka nezitiya, kunye nothethathethwano olwahlukeneyo nabadlali-ndima ebalulekileyo.    

3.2. UMzantsi Afrika ube nempumelelo ekukhuthazeni ukhenketho ngamaziko ayo anomtsalane awohlukenyo afana nemiyezo yeli yezilwanyana neyendalo, iilwandle zethu eziqinisekiswe ukuba zicocekile, kunye neziza zamafa ezivunyiweyo ehlabathini. Icandelo lezoKhenketho elinesakhono sokukwazi ukuqesha abantu abaninzi liselelona lisisixhobo singundoqo sokulwa intswela-ngqesho. Njengelizwe elithandwayo ngabakhenkethi, uMzantsi Afrika usethubeni elihle lokukhulisa icandelo lwalo lezokhenketho oluneentlobo ezininzi zokhenketho ukuze kuvulelwe amathuba amaninzi ezoqoqosho kusetyenziswa la macandelo ezokhenketho esiqhelo. La macandelo esiqheloaquka ukhenketho lwasemaphandleni, olwezonyango, olwezolimo nolwenkcubeko.

4. Isivumelwano sokumiselwa kwexabiso lamachiza athomalalisa iNtsholongwane kaGawulayo (ii-ARV)

4.1. IKhabhinethi iyasamkela isivumelwano esinguvulindlela sokumiselwa kwamaxabiso ekufikelelwe kuso nguMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi, ngokusebenzisana neqela lemibutho yehlabathi, ukukhawulezisa umthetho wokufumaneka okokuqala kweyeza leNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) eliyipilisi enye.       

4.2. Kuthelekelelwa ukuba ukuncitshiswa kwexabiso kuza kukhokelela ekongiweni kwemali engafikelela kwiibhiliyoni ezili-11.7 zeerandi kule minyaka mithandathu izayo. Oku kuza kunika ithuba uMzantsi Afrika ukuba ubhalise izigulana ezininzi eziza kufumana unyango.

4.3. Isivumelwano sokumiselwa kwexabiso senza ukuba ichiza i-Dolutegravir, nelinconywayo nguMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO), lifikeleleke ngakumbi koorhulumente bamazwe anabantu abamivuzo mincinci nabamivuzo iphakathi.

4.4. Ngenxa yesi sivumelwano sokumiselwa kwamaxabiso, iSebe lezeMpilo liceba ukuvelisa umxube odibanisa amachiza amathathu, i-Tenofovir, Lamivudine ne-Dolutegravir kwekaTshazimpunzi yowama-2018.  

4.5. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi baseMzantsi Afrika abazibandakanya ekwabelaneni ngezesondo, ingakumbi ulutsha, ukuba luqhubeke ukuphila ubomi obusempilweni nobukhokelisa phambili amanyathelo okuzikhusela njengokuqhubeka bezikhusela xa besabelana ngesondo ngokuzila ezesondo, ngokunyaniseka nokusebenzisa ikhondomu, nokuzivavanyela i-HIV rhoqo.

5. Ezempilo

5.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuvulwa ngokusesikweni kwecandelo elitsha kwisiBhedlele iCecilia Makhiwane eMdantsane, eMonti. Oku kuyimpumelelo enkulu nebalulekileyo ekufezekisweni kwe-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI) nezakubonelela ngeenkonzo zezempilo ezisemgangathweni, ingakumbi kubantu abahluphekileyo.

5.2. Esi sibhedlele sineengcungela zogqirha sikumgangatho wehlabathi sibaluleke kakhulukumalinge okufezekiswa kombono wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) kunye neenjongo zoPhuhliso eziZinzileyo (ii-SDG) zeZizwe eziManyeneyo (UN) ezigxininisa ukubaluleka kokufumaneka kweenkonzo zezempilo ezifanelekileyo kumntu wonke jikelele.

5.3. Esi sibhedlele sinebhedi ezingama-526 sixhaswa yinkqubo edibeneyo eza kuthi iqinisekise ukuba kunikezelwa ngeenkonzo zezempilo ezisemgangathweni. Esi sibhedlela sisebenzisa ubuchule bobuchwepheshe bokunciphisa ixesha lokulinda kwezigulana, obuphucule ukwenziwa koxilongo nexesha elithathwayo ukubonwa kwesigulo, loo nto yenze ukuba kuthathwe amanyathelo okungenelela akhawulezileyo ukunceda izigulana.

5.4. Esi sibhedlele sakhiwe ngemali eyibhiliyoni yeerandi siza kuxhasa uphuhliso loqoqosho lweelokishi zalo mmandla. Njengokuba sivuselela iziseko ezingundoqo zezempilo zikarhulumenteu, sikwanabisela uluntu lwasekuhlaleni amathuba okuphucula ubomi balo ngokudala imisebenzi nophuhliso lwamashishini ale ngingqi.

6. INyanga yoPhuhliso loLuntu

6.1. IKhabhinethi ibongoza abemi baseMzantsi Afrika ukuba baqhubeke ukunceda abo bahlelelekileyo kunokuba bezinceda bona buqu njengoko sisiya kwiNyanga yoPhuhliso loLuntu kweyeDwarha.

6.2. INyanga yoPhuhliso loLuntu ibanjwa rhoqo ngonyaka ukukhumbula umsebenzi omkhulu osele wenziwe leli lizwe, ekuboneleleni abahluphekileyo kunye nabo basemngciphekweni ombi wokuba ngamaxhoba endlala ngezibonelelo zezentlalo eMzantsi Afrika.

6.3. UMongameli uZuma uza kumisela ngokusesikweni iNyanga yoPhuhliso loLuntu ngoLwesihlanu, umhla wama-29 kweyoMsintsi yowama-2017.

6.4. IKhabhinethi inqwenela bonke abemi asebekhulile kunye nabantu abadala uSuku lwaBantu abaDala olumnandi, noluza kukhunjulwa ngeCawa, umhla wo-1 kweyeDwarha yowama-2017.

6.5. Abemi baseMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba basebenzise inyanga yeyeDwarha ukuhlonipha indima nokuzenza idini kwabantu abadala kwidabi lokulwela inkululeko kweli lizwe lethu. Luxanduva labo bonke abemi, ingelulo olukarhulumente kuphela, ukunika abantu abadala kunye nabo bangathathi ntweni inkathalelo ethe chatha.

6.6. Inkqubo yezibonelelo zezentlalo yoRhulumente waseMzantsi Afrika imiselwe kwinkolelo yokuba izibonelelo zezentlalo lilungelo elingundoqo kwaye zingundoqo ekubuyiseleni isidima sabemi bakhe. Izibonelelo zezentlalo zinika izigidi zamakhaya umnconwana wemali akwazi ukuqhawulisa izinto ezibalulekileyo kwaye ezi zibonelelo zincediswa ngurhulumente ziphucula iimeko zokuphila zabantu abangathathi ntweni.

7. Amalungiselelo okubhalwa kweemviwo

7.1. IKhabhinethi inqwenela bonke abafundi okuhle, ingakumbi abo benza iBanga 12, njengoko belungiselela iimviwo zokuphela konyaka.

7.2. ISebe leMfundo esiSiseko (i-DBE) lizilungiselele iimviwo zematriki eziqala ngomhla we-16 kweyeDwarha yowama-2017 eziza kubhalwa ngabafundi abangaphezulu kwama-798 000 ababhalisiweyo.

7.3. I-DBE ibonelela abafundi bematriki ngenkxaso eyongezelelweyo yokufundela esikolweni ukuphuma kwesikolo, nangeempela-veki nangeeholide zesikolo.  

7.4. IKhabhinethi icela abazali nabalondolozi babantwana ukuba baxhase abafundi kangangoko njengoko belungiselela iimviwo.

8. IVeki yeeThusong Service Centre yoNyaka

8.1. Urhulumente uyiqukumbele ngokuyimpumelelo iVeki yeeThusong Service Centre yoNyaka yalo nyaka, nebiqhubeka ukususela kumhla we-18 ukuya kowama-22 kweyoMsintsi yowama-2017 phantsi komxholo othi: “Unyaka ka-OR Tambo – ukuqhubela Phambili amaShishini amaNcinci, aPhakathi naHlumayo kwiThusong Service Centre.”   

8.2. Oku kube yinxalenye yeNyanga yeeNkonzo zikaRhulumente yaza yakhulisa iphakamisa iNkqubo yeeThusong Service Centre ngokubonisa inkqubo yokuzisa iinkonzo eluntwini edibeneyo nengumahamba-nandlwana nokusebenza kwayo kakuhle ekuhlangabezeni iimfuno zabemi. IiThusong Service Centre zizisa iintlobo ezahlukeneyo yeenkonzo zikarhulumente nolwazi lube kufutshane eluntwini.   

8.3. Le nkqubo ifikelela kubantu abamalunga nezigidi ezithandathu qho ngonyaka ngeNkqubo yokuZisa iiNkonzo eLuntwini enguMahamba-naNdlwana, ngeVeki yeeThusong Service Centre kunye namanye amaqonga eZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS).  

8.4. Ngale nkqubo, urhulumente uyaqhubeka ukulungisa ukungalingani kwangaphambili ngokuzisa iinkonzo zoluntu ezisemgangathweni kufutshane kuluntu olwalusakubekelwa bucala ngaphambili kude kumjelo wophuhliso lwezentlalo noqoqosho.

8.5. IiThusong Service Centre zikwaxhobisa uluntu ngezakhono ezifanelekileyo noqeqesho lokuphucula ubomi balo, ngokusebenzisa ubudlelwane obukhoyo norhulumente, amaqumrhu karhulumente nabecandelo labucala.

8.6. IKhabhinethi iyaphinda icela uluntu ukuba luqhubeke lusebenzisa iiThusong Service Centres ukuze lufumane iinkonzo ezingundoqo ezifana nezeSebe leMicimbi yezeKhaya, ezabaSebenzi, ezobuLungisa, i-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) neNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (i-RAF).

9. E-Myanmar

9.1. IKhabhinethi ixhalabile malunga nentlungu yabantu baseRohingya nabathe babaleka beshiya amakhaya wabo.

9.2. UMzantsi Afrika uyayixhasa intetho eyenziwe nguNobhala Jikelele weZizwe eziManyeneyo, uMnu António Guterres, nothe wagxininisa ethetha ngoxanduva lukarhulumente waseMyanmar lokukhusela bonke abantu abachaphazelekileyo, aze ukongeza apho ucele ii-arhente ezinceda ngezibonelelo zezentlalo nemibutho yesisa  ukuba zinikwe indlela yokufikelela kubantu abadinga uncedo nokhuseleko.

9.3. IKhabhinethi ibongoza onke amaqela ukuba aphelise ubundlobongela ukuthintela okunye ukubulaleka koluntu ikwabongoza ukuba imeko yePhondo lase-Rakhine isonjululwe ngokusemthethweni.

10.  E-Angola

10.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli uZuma ivuyisana neRiphabliki yase-Angola ngokuqhuba uNyulo lweNdlu yoWiso-mthetho lweSizwe ngokuyimpumelelo. NgoLwesibini, umhla wama-26 kweyoMsintsi uMongameli uZuma ebezimase uMsitho wokuBekwa eSihlalweni kukaMongameli uJoão Manuel Gonçalves Lourenço eLuanda.

10.2. Omabini la mazwe, uMzantsi Afrika kunye neRiphabliki yase-Angola, ayayazi inzima yomzabalazo wokulwa ubukoloniyali nocalucalulo. Ukususela ngowe-1994, la mazwe mabini aqhubile ukukhulisa nokwandisa amakhonkco aphakathi kwawo aluqilima.

10.3. I-Angola lelinye lawona mazwe makhulu angamaqabane ezorhwebo noMzantsi Afrika kwilizwekazi le-Afrika kwaye asaqhubekeka ukukhulisa ubudlelwane obuphakathi kwala mazwe mabini.

11.  Uhlaselo lwabakhenkethi base-Netherlands

11.1. IKhabhinethi iyakugxeka ukukhuthazwa kwakutsha nje kwabakhenkethi abasuka eNetherlands nabathe balandelwa besuka kwiSikhululo seeNqwelo-moya saMazwe ngamazwe i-O. R.Tambo. Bonke abemi baseMzantsi Afrika mabalugxeke olu hlobo lolwaphulo-mthetho lubeka emngciphekeni icandelo lethu lezokhenketho oluhleli lukhula. IKhabhinethi ukongeza apho imema iNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) ukuba yenze konke okusemandleni ukubamba abenzi bolu lwaphulo-mthetho.  

11.2. IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba luzise ngaphambili ulwazi olunganceda ii-arhente zogcino-mthetho kwaye icela ukuba umthetho udlale indima yawo ngokungenalusini kwabo banokufunyaniswa benetyala ngesi senzo.

12. Ukupapashwa ngokusesikweni kwencwadi yomthetho wemveli yaBakoena Ba Mopeli

12.1. IKhabhinethi ikothulela umnqwazi ukupapashwa ngokusesikweni kwencwadi enesihloko esithi: Bakoena Ba Mopeli Customary Law of Succession and Genealogy, njengomsebenzi omhle kakhulu noyimbali kwiinkokeli zemveli eMzantsi Afrika.

12.2. UMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano nemiCimbi yezeMveli, uMnu Des van Rooyen, noHloniphekileyo uKumkani Letsie III, oyiNtloko yoMbuso welizwe laseLesotho, bazimase lo msitho ngoMvulo, umhla wama-25 kweyoMsintsi yowama-2017.

12.3. ISebe loLawulo lweNtsebenziswano nemiCimbi yezeMveli seliqalisile ukuqokelela libhale imbali yeeKumkani/neeKumkanikazi zezizwe ezili-13 ngowama-2011. Le ncwadi iza kuncedisa ekuqondeni imbali yaBakoena Ba Mopeli nokulandelelana ngokomnombo khona ukuze kugcineke imbali yethu.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. Isivumelwano soMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC)
1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukugunyaziswa kwesiVumelwano se-SADC esingoLawulo lezokusiNgqongileyo loPhuhliso oluZinzileyo, yiPalamente. Injongo yesi sivumelwano kukukhuthaza ukusetyenziswa ngokuzinzileyo kolawulo lokusingqongileyo olungaphaya kwemida, olubalulekileyo kumazwe angamalungu e-SADC.
 
1.2. UMzantsi Afrika, njengoSihlalo we-SADC ukususela kweyeThupha yowama-2017 ukuya kweyeThupha yowama-2018, uzimisele ekomelezeni amalinge ommandla okulondoloza imithombo yendalo engaphaya kwemida nokukhuthaza uphuhliso oluzinzileyo ngaphakathi kommandla we-SADC.

1.3. Oku kuhambelana ne-NDP, ebeka phambili ukungena nzulu kwindibanisela yommandla we-SADC kwakunye nokuqinisekiswa kozinzo lezokusingqongileyo nokuguqukela kuqoqosho oluvelisa umoya omdaka omncinci.

2. INgqungquthela yaBaphathiswa engobuDlelwane ngamaNyathelo oQoqosho olungenabuNgozi kokusiNgqongileyo  

2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukusingathwa kweNgqungquthela yabaPhathiswa engobuDlelwane ngamaNyathelo oQoqosho olungenabuNgozi kokusiNgongileyo kweyoMsintsi yowama-2018. Eli qonga lixhasa amazwe nemimandla ukuba akhokelise ngozinzo kumbindi wemigaqo-nkqubo yawo yezoqoqosho nemisebenzi yokuqhubela phambili i-Ajenda yowama-2030 yoPhuhliso oluZinzileyo.

2.2. Le Ngqungquthela yinkqubo ye-UN ehlanganisa ndawonye iingcali ezivela kwii-arhente ze-UN ezintlanu ezizezi; iNkqubo yezokusiNgqongilseyo ye-UN; uMbutho wabaSebenzi weHlabathi; iNkqubo yoPhuhliso ye-UN; uMbutho woPhuhliso lwamaShishini we-UN kunye neZiko loQeqesho noPhando-nzulu le-UN.

2.3. Ukusingatha iNgqungquthela yabaPhathiswa kuza kuqhubela phambili umbono, apha kweli nakwilizwekazi le-Afrika, wohlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke ngokuba kwamkelwe indlela yoqoqosho enekhabhoni encinci nekwaziyo ukumelana neemeko zezulu ezitshintsha-tshintshayo.

3. IBhodi yaManzi yaseMngeni

3.1 IKhabhinethi ixelelwe ngemeko yeBhodi yaManzi yaseMngeni neyibhodi yamanzi eyeyesibini ngobukhulu kweli lizwe nenengeniso yonyaka engaphezulu kweebhiliyoni ezi-2,4 zeerandi nohlahlo lwabiwo-mali lweminyaka emihlanu leNkcitho yeMali kwiziSeko ezinguNdoqo eziKhulu engaphezu kwesixhenxe seebhiliyoni zeerandi. IKhabhinethi inikwe namagqabantshintshi nangeengxoxo eziphakathi kwesebe lezamanzi nogutyulo kunye nabatyali-mali balo.   

3.2 Khona ukuze kuzinziswe imiba yezolawulo lale Bhodi iKhabinethi ikugunyazisile ukuchongwa kweBhodi yeThutyana ngeli xesha uMphathiswa ekhawulezisa inkqubo yokumiselwa kweBhodi yaManzi yaseMngeni epheleleyo nesisigxina. IKhabhinethi yanelisekile ngumsebenzi owenziwa nguMphathiswa ekuzinziseni iBhodi yaManzi yaseMngeni.
 
C. ImiThetho esaYilwayo
1. UmThetho-siHlomelo ongokuCandwa koMhlaba

1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa komThetho-siHlomelo ongokuCandwa koMhlaba ukuze uluntu luhlomle. Lo mThetho usaYilwayo uhlomela umThetho woCando loMhlaba, wowe-1997 (umThetho uNombolo 8 wowe-1997).

1.2. Ezi zihlomelo zikhulisa imimandla yokuphendula nolawulo nokubonelela ngokuchongwa kwamalungu athile eBhodi yeMimiselo yoCando, khona ukuze komelezwe imimiselo yokucandwa komhlaba eMzantsi Afrika.

1.3. Lo mThetho usaYilwayo uzama ukulawula ukucandwa komhlaba eMzantsi Afrika ngokuxhobisa uNocanda Jikelele oyiNtloko ukuba enze umsebenzi wokuhlola wesizwe nolawulo lokucandwa komhlaba kulungiswa izigingqi namathambeka omhlaba, ucando lomhlaba kuzotywa futhi kujongwa amaqolo neekhonto zawo, nocando olunokwenza nocando-mida nobunini bomhlaba, nocando oluphonononga luhlalutye umhlaba  kunye neenkonzo zolwazi ngomhlaba.   

2. UmThetho-siHlomelo weMithetho yezeNzululwazi nobuChwepheshe wowama-2017

2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa koMthetho-siHlomelo weMithetho yezeNzululwazi nobuChwepheshe wowama-2017 ukwenzela ukuba uluntu luhlomle. Lo mThetho usaYilwayo uceba ukungqinelanisa nokubeka emgangathweni amagatya alawula ukusebenza nolawulo lwamaqumrhu karhulumente aphantsi koMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe. Oku kuza kuqinisekisa ngokungaguquki kwazo zonke izinto ezifunekayo ekufanele zifezekiswe kunye neenkqubo ekufanele zilandelwe ngamaqumrhu ngokubhekisele kulawulo.

D. Imisitho ezayo
1. INyanga yezoThutho

1.1. Njengokuba eyeDwarha yowama-2017 iyiNyanga yezoThutho phantsi komxholo: “Sikunye siqhubela uMzantsi Afrika Phambili”. IKhabhinethi isimema sonke ukuba sisebenzisane ukuqinisekisa ukuba iziseko ezingundoqo zezothutho zisebenzela wonke umntu ikwakhuthaza abasebenzisi beendlela ukuba bathathe uxanduva baze basebenzise ukhuseleko lwezendlela njengenxalenye yobomi babo bemihla ngemihla. Ngentsebenziswano singayinciphisa inyhikitya ezindleleni zethu.   

1.2. NgeNyanga yezoThutho, urhulumente – ekhokelwa liSebe lezoThutho kunye namaqumrhu alo – uza kuqaqambisa igalelo lezoqoqosho leli candelo ngokwenza imiboniso yeenkonzo zeziseko ezingundoqo zezothutho zasemoyeni, ezasemanzini, ezezithuthi zikawonkewonke, ezeendlela nezemizila yoololiwe. Umsitho wesizwe wokumiselwa kwayo uza kubanjelwa eSinaba Stadium eDaveyton kwiSixeko sasEkurhuleni ngomhla wama-29 kweyoMsintsi yowama-2017.

1.3. Utyalo-mali kwicandelo lezothutho luvuselela uphuhliso luze ludale nemisebenzi njengenxalenye yesiCwangciso esimaNqaku aliThoba saseMzantsi Afrika, sigxile ekukhuliseni uqoqosho size sidale nemisebenzi edingeka kakhulu. Ezi ndidi zotyalo-mali ziza kuqinisekisa ngokwakhiwa kwecandelo lezithuthi zikawonkewonke elidibeneyo kweli lizwe jikelele.

2. UMzantsi Afrika uza kusingatha iseshoni yesi-2 yeKhomishoni ePhakathi koMzantsi Afrika neZimbabwe (i-BNC)

UMongameli uJacob Zuma uza kundwendwelwa ngugxa wakhe waseZimbabwe, oHloniphekileyo uMongameli uRobert Mugabe, oza kuba lapha eMzantsi Afrika ngomhla we-03 kweyeDwarha yowama-2017 kumsitho weSeshoni yesi-2 ye-BNC yoMzantsi Afrika neZimbabwe. Isivumelwano sokusekwa kwe-BNC satyikitywa kwekaTshazimpunzi yowama-2015 saza saphehlelelwa kweyeDwarha yowama-2016 eHarare, eZimbabwe.

UMzantsi Afrika neZimbabwe zinobudlelwane obuhle ngokwepolitiki, ezoqoqosho nobezentlalo obuxhaswa ngamakhonkco entsebenziswano nobudlelwane akudala. IZimbabwe lelinye lamazwe okuqala angamaqabane oMzantsi Afrika – amaqabane ezorhwebo akwisihlanu sokuqala esiphezulu kwilizwekazi, apho iinkcukhacha-manani zorhwebo zibonisa ukukhula rhoqo ngonyaka. Ngowama-2016, urhwebo lokuthunyelwa kweemveliso zaseMzantsi Afrika eZimbabwe lufikelela kwimali emalunga neebhiliyoni ezingama-29.3 zeerandi.

E. Imiyalezo
1. Usuku lokuzalwa – uMama uWinnie Madikizela-Mandela

1.1. IKhabhinethi nayo njengelizwe lonke ithi kuMama uWinnie Madikizela-Mandela, nowaziwa njengoMama weSizwe, akhule akhokhobe xa ebegqiba iminyaka engama-81 ezelwe ngoLwesibini, umhla wama-26 kweyoMsintsi yowama-2017.

1.2. UMama uMadikizela-Mandela ngomnye wezona zithwalandwe namagqala enkululeko ahlonitshwa kakhulu ngabantu. IKhabhinethi iyambulela ngegalelo lakhe kumzabalazo wenkululeko yethu eyalwelwa nzima kwaye imnqwenela unyaka osikelelekileyo yena nezihlobo kunye nosapho lwakhe.    

2. IBanyana Banyana

2.1. IKhabhinethi iyavuyisana neBanyana Banyana ngokuphumelela uKhuphiswano lwabaseTyhini le-COSAFA lowama-2017 emva kokoyisa ngamanqaku ama-2 kweli-1 kumdlalo wamagqibela kankqoyi xa ibiqubisene neZimbabwe kwaBulawayo. IBanyana Banyana iyiphakamisele phezulu nangokuzingca iflegi yoMzantsi Afrika kwaye imidlalo yayo iyaqhubeka ukuvuselela abemi baseMzantsi Afrika abaselula nabanetalente ukuba bagqwese.

3. Inyikima eyehle e-Mexico

3.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli uZuma ithi akuhlanga lungehliyo kuMongameli u-Enrique Peña Nieto wase-United Mexican States nabantu base-Mexico emva kwenyikima, itsunami nenkanyamba ezitshabalalise, zaza zakhokelela ekuswelekeni kwabantu abangaphezulu kwama-225 nokonakala kweziseko ezingundoqo eziliqela.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. IKhabhinethi ikwamkele ukuchongwa kweBhodi yeThutyana yeBhodi yezaManzi yaseMngeni:    
a. Nksz Ziphozethu Mathenjwa (uSihlalo);
b. Nksz Nompumelelo Chamane;
c. Mnu Visvin Reddy;
d. Mnu David Dikoko;
e. Nksz Zodwa Manase;
f. Adv Tshidi Hatashe; kunye
g. noMnu Midiavhathu Tshivhase.

2.  Amalungu aza kusebenza kwiGqiza loLawulo eliThathele kulo
a. Mnu Sandile Bubele Siyaka (isigaba sesibini);
b. Mnu Ntshengedzeni Anthony Michael Tshivhase (isigaba sesibini);
c. Mnu Christopher Ewing (isigaba sesibini);
d. Mnu Ebrahim Aboobaker Moolla (isigaba sesibini);
e. Nksz Nonzukiso Zukie Siyotula; kunye
f. noNksz Nocamagu Nomfundo Mbulawa.

3. Abalawuli abangengawo amalungu esigqeba kwi-Board of the Export Credit Insurance Corporation of South Africa SOC Limited:
a. Mnu Dhevendren Dharmalingam (uSihlalo);
b. Nksz Vuyelwa Matsiliza (uchongiwe kwakhona); kunye
c. noNksz Siobhain O’Mahony (uchongiwe kwakhona).

4. Mnu Patrick Khulekani Dlamini uchongiwe kwakhona njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba weBhanka yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika (i-DBSA) nabaLawuli besiGqeba kwiBhodi.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams
uMlawuli-Jikelele oliBambela (GCIS)
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore