INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-27 kweyoMdumba wowama- 2019

INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-27 kweyoMdumba wowama- 2019 eTuynhuys eKapa

A. Imiba engundaba-mlonyeni
1. INtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali yowama-2019

1.1 IKhabhinethi iyayamkela iNtetho yoHlalo Lwabiwo-mali ibisenziwa nguMphathiswa wezeMali uTito Mboweni ePalamente eKapa ngoLwesithathu, umhla wama-20 kweyoMdumba 2019, njengesicwangciso-sikhokelo esibeke uMzantsi Afrika kwindlela apho sonke siza kukwazi ukuhlaziya nokwakha ngokutsha uqoqosho lweli lizwe lutsho lube loluxhanyulwa ngumntu wonke noluqhuba kakuhle.  

1.2 INtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali izalisekisa izithembiso ezazenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngethuba esenza iNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) ePalamente, eKapa ngomhla wesi-7 kweyoMdumba 2019. 

1.3 IKhabhinethi iyawaxhasa amaphulo ahlukeneyo, aquka nokuphungula isixa-mali esihlawulelwa imivuzo yabasebenzi bakarhulumente, ukuze sikwazi ukuba sibe nemali eselugcinweni ukulungiselela ukuba kubekho uzinzo kwizimali zikarhulumente. IKhabhinethi iyakuxhasa ukubekwa kwemiqathango engqingqwa eza kukhapha imali eza kunikwa u-Eskom ukuze kuncedwe eli zikolo likwazi ukuguqulwa litsho libe liqumrhu elizinzileyo. 

1.4 Sonke sinayo indima esinokuyidlala kumaphulo okukhulisa uqoqosho lweli nokudalela abantu bakuthi imisebenzi. Ukukwazi ukuphumela kwiinzima eziyintsalela karhulumente wocalu-calulo kuthetha ukuba kufuneka sisebenzisane norhulumente siphumeze iinkqubo zakhe, sikhulise size sitsalele kweli lizwe abatyali-mali bamazwe angaphandle abaninzi.

2. Umba ka-Eskom

2.1 IKhabhinethi ifumene ingxelo kuSekela-Mongameli uDavid Mabuza engomsebenzi weKomiti eKhethekileyo eHlangeneyo yeKhabhinethi ejongene nomba ka-Eskom eyayisekwe ngenxa yengxaki yokucima kombane obekusanda ukwenzeka kunye neziphumo ezibi zoku kuqoqosho lweli lizwe. Amalinge karhulumente alungelelanisiweyo okuzisa uzinzo kwizimali, imisebenzi kunye namacandelo ahlukeneyo ka-Eskom aqhuba kakuhle.

2.2 Le Komiti yeKhabhinethi iKhethekileyo ikhokelwa nguSekela-Mongameli Mabuza iquka uMphathiswa wamaShishini kaRhulumente, owezaMandla, owezoThutho, owezeMali, owezamaPolisa kunye nowoKhuseleko lweLizwe. Iza kubeka phantsi kweliso imeko yombane yeli lizwe yonke imihla.

2.3 Ngokuhambelana nesithembiso sikaMongameli Ramaphosa sokuba amacebo karhulumente okusabela kule ngxaki yokucima nokumka kombane kufuneka aquke wonke umntu futhi onke amahlakani abonisane ngayo, uMphathiswa wamaShishini kaRhulumente kunye noSihlalo webhodi ka-Eskom bebebambe intlanganiso yabo yokuqala yokutshayelela kunye nezikhulu zemibutho emithathu yabasebenzi esezincwadini zika-Eskom, icandelo lemigodi yamalahle kunye neengcali zecandelo lobunjineli.

2.4 Le ntlanganiso ibibanjwe nemibutho yabasebenzi inike ingxelo ngeengxaki ezambethe icandelo lika-Eskom lemisebenzi kunye nelezeenkqubo zokuphehla umbane, elezicwangciso zokukhanda nokulungisa kunye nokucinywa kombane okungakhange kucetywe. Le ntlanganiso isetyenziswe njengesikhokelo sendlela eziza kuqhutywa ngayo iintlanganiso ezizayo. Umba wokwahlula-hlulwa kuka-Eskom nawo ugwadliwe, kwaye onke amaqela aye avumelana ukuba kufuneka kubanjwe ezinye iintlanganiso ukuze sicaciswe kakuhle esi sicwangciso kunye nokuthethwa koku kwahlula amacandelo ka-Eskom abe ngamaqumrhu azimeleyo amathathu.

2.5 Icandelo lemigodi yamalahle libizelwe entlanganisweni phantsi kweBhunga leziMbiwa loMzantsi Afrika (i-MINCOSA). Kule ntlanganiso kuye kwaphakanyiswa umba ophathelene nomthamo okhoyo wamalahle, iindleko kunye nendlela abekwa ngayo amaxabiso, kunye nomgangatho wamalahle athengiselwa u-Eskom.

2.6 Ezinye iintlanganiso bezibanjiwe necandelo lezobunjineli, phantsi kweBhunga lobuNjineli laseMzantsi Afrika (i-ECSA). Onke amacandelwana eengcali zobunjineili ebemelwe yimibutho yawo enamalungu ayinxalenye yayo ngokuzithandela, kuquka noMbutho weSizwe weeNjineli eziNtsundu (i-National Association of Black Engineers).

2.7 U-ECSA unike ingxelo ecacisa iingxaki ezambethe u-Eskom waze wanika neengcebiso ngendlela ekunobandakanywa ngayo izifundiswa ezikumaziko emfundo ephakamileyo kunye namagcisa azingcali kumalinge angxamisekileyo afunekayo ukuze kuphuculwe indlela umbane ophehlwa uze uthunyelwe ngayo kubasebenzisi bawo.

2.8 I-MINCOSA kunye ne-ECSA ziza kunceda urhulumente amisele iQela lika-Eskom lokuHlaziywa kweMisebenzi yobuChule neyokuLungiswa kuka-Eskom eliza kubhengezwa kungekudala .

3. Amandla ahlaziyekayo

3.1 IKhabhinethi iyasixhasa isibhengezo esenziwe nguMphathiswa wezaMandla uJeff Radebe esinika ingcaciso ngesizathu esibangela ukuba kusetyenziswe amandla ahlaziyekayo njengelinge lokuthintela umonakalo ombi owenziwa zizibaso zendalo (i-fossil fuel) ezifana ne-oli namalahle.

3.2.   Amandla asisiseko esingundoqo esiza kunceda kumalinge oMzantsi Afrika okukhulisa uqoqosho nentlalo kunye nophuhliso. IsiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) sithi uMzantsi Afrika uza kufuna umbane ohlaziyekayo ozimegawathi ezingama-20 000 ngowama-2030. INkqubo yokuThengwa kwaMandla aHliziyekayo kubaPhehli baMandla Abazimeleyo ibe negalelo elihle kuqoqosho, amaphulo okudala imisebenzi, kuphuhliso loluntu, ukuzisa iinguqu kuqoqosho kunye noguqu-guquko lwemozulu.

3.3.   Nangona uMzantsi Afrika uqhubeleka nokuba negalelo elimandla kumalinge ehlabathi okuphungula isisi esingcolisa indalo esingena emoyeni kunye nophuhliso olukwaziyo ukumelana neemeko zezulu ezimbi, urhulumente usazimisele ekuqinisekiseni ukuba inkqubo yokutshintshela kumandla angeyongozi kokusingqongileyo kwilixa elizayo iqhutywa ngendlela enenkathalo nesekelwe kubulungisa.

3.4.   Kutshanje iQumrhu leBhanki yeHlabathi belibambe iNkomfa yoMzantsi Afrika yaMandla aHlaziyekayo kunye neeNkqubo zokuGcina Amandla, eKapa, ngomhla wama-25 ukuya kowama-26 kweyoMdumba 2019 phantsi komxholo othi: "IiBetri, ukuGcina Amandla kunye neNgomso eliHlaziyekayo - Sisingise kwiNkqubo yaMandla aHlaziyekayo aLawuleka ngokuPheleleyo". Abathunywa abaphuma kwicandelo lombane, lezezimali, amaziko okuphehla umbane, elazabalawuli, urhulumente kunye nezifundiswa bagwadle ngobuchwepheshe kunye nezinto ezintsha ezikhoyo kwicandelo lezamandla eziquka imiba enxulumene nemigaqo-nkqubo, imithetho elawulayo, izimali, ushishino, ubuchwepheshe, iinkqubo zekhompyutha, uyilo, amanqanaba nemigangatho efunekayo ukuze kukhuliswe amandla ahlaziyekayo.

3.5.   Amandla ahlaziyekayo kunye nobuchwepheshe bokugcina amandla ayasinceda ukuze sikwazi ukuguqula umbane ube ngamandla aze agcinelwe ukusetyenziswa kwilixa elizayo xa efuneka. Iinkqubo zokugcina amandla zilwa ingxaki yokuba kufuneka kusoloko kukho amandla okulalelisela aselugcinweni asuka kumaziko okuphehla umbane asebenza ngamalahle okanye ngegesi, ngolo hlobo kuphungulwe imisi engcolisa umoya ekhutshwa leli candelo lamandla kuze kuliwe ingxaki yokuguqu-guquka kwemozulu.

4. Inkqubo yeMimandla eKhethekileyo yezoQoqosho (ii-SEZ)

4.1 IKhabhinethi iyakubulela ukuthenjwa koqoqosho lweli ngabatyali-mali beli kunye nabangaphandle okubonakele ngotyalo-mali olwenziwe kuMmandla woPhuhliso lwamaShishini waseSaldanha Bay (i-SBIDZ), oya ukhula usiba liziko elikumgangatho wehlabathi elisenxwemeni nelirhweba ngeemveliso zaselwandle. Oku kuyinxalenye yeNkqubo ye-SEZ yeSebe lezoRhwebo noShishino.

4.2 Ukuvulwa kwe-SEZ kulo lonke eli kuphelisa ingxaki esukela kwindlela umhlaba owawucandwa ngayo yokuba amathuba amaninzi oqoqosho abe kwiindawo ezimbalwa ezithile kweli lizwe.

4.3 Ukususela oko zaqaliswa ezi SEZ, zibe negalelo elimandla ekutsaleni utyalo-mali oluvela kumazwe angaphandle olufana nesivumelwano sotyalo-mali oluzibhiliyoni zeerandi ezintathu esisanda kutyikitywa kutsha nje e-SBIDZ.

4.4 Amaphulo otyalo-mali ase-SBIDZ alindelekileyo aquka amahlanu ubuncinane aza kugalela imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-2.4 eza kunceda i-SBIDZ ngoku nakweli thutyana lizayo, xa igqityiwe i-SBIDZ.

5. Ukufakelwa kwamanzi

5.1 IKhabhinethi iyayamkela iMzimvubu Water Project, esisiseko sophuhliso sale mihla esikwilali yasEsiqhungqwini kuTsolo, phantsi koMasipala weNgingqi waseMhlontlo eMpuma Koloni, njengomzekelo wendlela urhulumente aqhubeka ngayo nokwanezisa iimfuno zoluntu ngoku nangona uMzantsi Afrika ulilizwe elinengxaki yokunqongophala kwamanzi.

5.2 Ukugqitywa kweprojekthi yamanzi efana nale kudala imisebenzi futhi kuqinisekisa ukuba kukho amanzi aselwayo aza kusetyenziswa emakhaya nakumashishini. 

5.3 Ukususela oko eli lizwe lalawulwa ngumbuso wentando yesininzi mninzi umsebenzi osele wenziwe ukuqinisekisa ukuba abantu bayazifumana iinkonzo ezisisiseko ezifana namanzi acocekileyo. Amakhaya amalunga nama-90% ngoku afakelwe amanzi aphuma empompeni.  

6. Ukhuseleko ezikolweni

6.1 IKhabhinethi izigxeka kabukhali iziganeko zokuvuyelela, ukukhuthuza kunye nezobundlobongela ezenzeka kwizikolo ezithile kweli lizwe. Abantwana bethu bafuna iindawo ezikhuselekileyo zokufunda ke ngoko sihlaba ikhwelo kubafundi, ootitshala, abazali kunye nabagcini-bantwana ukuba basebenzisane ukukhusela abantwana bethu ekuhlaleni, eziqwini zabo nangokwasemphefumlweni.  

6.2 IKhabhinethi iwuqhwabela izandla uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ngokubamba ngokukhawuleza abarhanelwa abakrokrelwa ukuba bebekhona ngethuba kulingwa ukuqweqwedisa imoto esikolweni sase-Edenvale eGauteng.  

6.3 IKhabhinethi yenza isicelo esisodwa kumaqumrhu olawulo lwezikolo (ii-SGB) ukuba ahlole iziseko ezingundoqo ezikhoyo ngoku kwizikolo zawo ukuze kuqinisekiswe ukuba izakhiwo zesikolo zikhuselekile, zilungiswa rhoqo kwaye zikwimeko ekulungeleyo ukufunda.

7. Imikhutyana engamkelekanga eyenziwa zezinye iinkokeli zenkolo

7.1 IKhabhinethi yothusiwe zingxelo zakutsha nje zamajelo eendaba ngemikhutyana ethile engamkelekanga eyenziwa zinkokeli zenkolo ezithile. Umzekelo woku sisiganeko sakutsha nje apho kuthiwa umfundisi othile uvuse umntu ekufeni. Ezinye iziganeko ezikumila kunje ezikhe zenzeka kwezinyangana zidlulileyo, ziquka ukutshiza abakhonzi ngezibulala-zinambuzane ezinobungozi kunye nokubaseza ipetroli, ukubatyisa iimpuku nengca, phakathi kwezinye izinto.

7.2 Abantu baya ezinkonzweni kuba befuna ukuphiliswa emoyeni nokomelezwa ngokwasengqondweni, ingakumbi xa bekwiimeko ezinzima nezibuhlungu. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abantu ukuba basebenzisane ukuze kupheliswe le mikhuba ilahlekisa abantu bakuthi abazisokelelayo futhi ibeka nobomi babo ebungozini. Ii-arhente zogcino-mthetho kufuneka zingenelele apho kukho abantu abaphula umthetho bakugqiba basithele ngenkonzo. IKhabhinethi iqaphele nokuba iKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo Abantu eNkcubeko, eNkolo naweeLwimi (i-CRL Rights Commission) iyayiphanda le mikhutyana, nekulindeleke ukuba ize namanyathelo abanzi nambaxa okungenelela ukuze ipheliswe.

8. Unyulo lukazwelonke nolwamaphondo lowama-2019

8.1 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abafanelekileyo, ingakumbi abantu abatsha abaza kuvota okokuqala ababephume ngendlu ukuya kubhalisa, ukuba baxhamle ilungelo labo lokuvoka kolu Nyulo lukaZwelonke nolwamaPhodo luzayo luza kubanjwa ngoLwesithathu, umhla wesi-8 kuCanzibe 2019, baze babe nelizwi xa kuthathwa izigqibo ngekamva leli lizwe.

8.2 UMongameli Ramaphosa uwubhengeze ngokusesikweni futhi wade wapapashwa nakwigazethi umhla wesi-8 kuCanzibe 2019 njengomhla wonyulo lukazwelonke nalwamaPhondo. Oku kuthetha ukuba umqulu wuluhlu lwabavoti uvalwe ngokusesikweni kwaye abantu abazikukwazi ukubhalisela ukuvota kunyulo oluza kubanjwa ngenyanga kaCanzibe. UMongameli ngokweCandelo 2A loMthetho weeHolide zikaWonke-wonke (uMthetho uNombolo 36 wowe-1994), wenze nezilungiso, waze wabhengeza umhla wesi-8 kuCanzibe 2019 njengeholide kawonke-wonke kulo lonke eli lizwe.

8.3 EMzantsi Afrika, ilungelo lokuvota lisisiphumo somzabalazo wenkululeko. Eli lungelo lalwela ngegazi neenyembezi ngamagorha namagorhakazi eli lizwe, encama yonke into.

9. Umba kaCaster Semenya

9.1 IKhabhinethi nayo imi kunye nabemi boMzantsi Afrika abaxhasa imbalasane yethu uCaster Semenya. Ityala lakhe elixoxwayo sithetha nje kwiNkundla yoLamlo kwiMiba yezeMidlalo, ayilotyala lingomba wezemidlalo kuphela. Koko lityala elingamalungelo oluntu abalulekileyo kunye nesidima sabo bonke abantu.

9.2 Sibongoza abantu ukuba baxhase i-#HandsOffCaster. Masibonise izizwe zehlabathi ukuba sisizwe esibuxabisileyo ubulungisa, ulingwano kunye nokuhlonitshwa kwesidima somntu.

10. Icandelo lezobugcisa

10.1 IKhabhinethi yonelisekile ziziphumo ezincumisayo zendibano neCandelo lezobuGcisa ibikhokelwa nguMphathiswa wezoNxibelelwano uStella Ndabeni-Abrahams. Le ndibano ibibanjwe phantsi koMxholo othi: Ukusebenzisa ngokuPheleleyo amaThuba obuXhaka-xhaka be-Intanethi ukulingiselela amaGcisa aPhila kwiXesha lobuChwephesha Bale Mihla (i-4IR). Injongo yale ndibano ibikukufakana imilomo necandelo lezobugcisa kujongwa ifuthe le-4IR kwicandelo lezobugcisa, kunye nakwicandelo losasazo nelosasazo olumanyelwayo nolubukelwayo, kunye nokuseka amaqonga asesisekweni amahlakani kulungiselelwe iinguqu.

10.2 Abo bebethatha inxaxheba kule ndibano bavumelene ukuba urhulumente kufuneka afakane imilomo namahlakani kunye nePalamente malunga noMthetho-sihlomelo oYilwayo weLungelo lobuNinini, ukuqulunqwa koMqulu weeNguqu kuMajelo ezoSasazo, ukufakana imilomo namaqumrhu ezosasazo kumalinge okuzama ukulwa ingxaki yokuxhatshazwa kweenkampani ezisakhasayo nezizimeleyo zabadidiyeli beenkqubo zosasazo, ukuze kuqinisekiswe ukuba abanikazi beenkqubo bayaxhamla kwinkqubo zabo zosasazo xa zisetyenziswa kumajelo asasaza nge-intanethi.

11. Amakhasi onxibelelwano loluntu obuxoki

11.1 IKhabhinethi iyakhathazwa ngumkhuba othe ndii wamakhasi ka-Facebook no-LinkedIn obuxoki ekutyholwa ukuba ngawabaPhathiswa nooSekela-baPhathiswa.

11.2 Siyabalumkisa abantu ukuba bangakhohliswa ngala makhasi obuxoki bazibone bengena emigibeni nasezingxakini, kuba amanye awo athembisa ngamathuba oshishino angekhoyo, futhi acela abantu ukuba bafake imali eyimvula-tasi yokufumana la mathuba oshishino. Akukho namnye umntu olilingu leKhabhinethi okanye onguSekela-Mphathiswa oqhuba umsebenzi karhulumente osesisikweni ngokusebenzisa amakhasi oluntu ezonxibelelwano. Xa ungaqinisekanga, qhakamshelana nee-ofisi zabaphathiswa okanye amasebe ahlukeneyo ku-www.gov.za.

11.3 Abantu bayalunyukiswa ukuba bahlale bevule amehlo, bona abo bathe bangamaxhoba okulahlekiswa bayacetyiswa ukuba bawaxele ngokukhawuleza emapoliseni la maxoki.

11.4 IKhabhinethi iwugxeka kabukhali umkhuba wokusebenzisa kakubi amagama amalungu eKhabhinethi nooSekela-baPhathiswa okanye igama lakhe nawuphu na umntu kweli kumakhasi onxibelelwano loluntu obuxoki.

11.5 Sifuna ukugxininisa ukuba asinanto yakwenza nezimvo, imifanekiso kunye nemibono epapashwe kula makhasi onxibelelwano loluntu obuxoki.

12. EzaseVenezuela

12.1 IKhabhinethi ayonwabanga yinto eyenzekayo eVenezuela, ingakumbi iingxaki ezichaphazela intlalontle yoluntu ezifuna ukuqwalasela ngokukhawuleza. Siyawabulela amalinge enziwa ziZizwe eziManyeneyo (i-UN) okuzama ukuncedisa ngezibonelelo zezentlalontle kubantu beliya lizwe kwaye sihlaba ikhwelo kumazwe ehlabathi ukuba axhase abantu baseVenezuela ngeli xesha lobunzima. 

12.2 IKhabhinethi iyalixhasa ikhwelo elihlatyiweyo lokuba abantu baseVenezuela banikwe ithuba lokuba ibengabo abazithathela izigqibo ngento ekufuneka yenzeke kwilizwe labo. Njengoko siyazi kuthi thina singuMzantsi Afrika imeko efana nale, ke ngoko sikholelwa ekubeni isisombululo esiza kukholisa wonke umntu singafumenaka kuphela  ngokubamba iingxoxo zezopolitiko zabantu beliya lizwe eziza kuquka onke amaqela achaphazelekayo kulo.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

13. IsiCwangciso seSizwe sokuSebenza (i-NAP) sokuLwa ubuHlanga, uCalulo ngokobuHlanga, iNtiyo yaBantu bangaPhandle kunye nezinye iiNtlobo zokungaNyamezelani eziYelelene Nezi

13.1 Ukususela ngowe-1994, imibuso eyonyulwe izihlandlo ezahlukeneyo yenze konke okusemandleni ukumanyanisa bonke abantu beli lizwe, ukukhuthaza umanyano lwesizwe nokuqinisekisa ukuba kukho ukuhlalisana ngoxolo phakathi kwabantu abahlukeneyo. Ukutywina iintanda zangaphambili ngumsebenzi oqhubekayo ekufuneka uhambe kunye nokuqinisekisa ukuba kukho amathuba ezoqoqsho amaninzi aza kuxhanyuwa ngabantu abaninzi. Ke ngoko iKhabhinethi ivumile ukuba ithiwe thaca kwi-UN i-NAP yokuLwa ubuHlanga, uCalulo ngokobuHlanga, iNtiyo yaBantu bangaPhandle kunye nezinye iiNtlobo zokungaNyamezelani Eziyelelene Nezi.

13.2 Oku kulandela iindibano ezininzi ebezibanjwe namasebe karhulumente, amaziko karhulumente axhasa ulawulo lwentando yesininzi, imibutho yoluntu kunye namahlakani afanelekileyo kuwo onke amaphondo.

13.3 I-NAP iza kunceda ukuqinisekisa ukuba urhulumente uyayithobela imiqathango yezivumelwano zehlabathi, zengingqi nezesizwe azityikityileyo ingakumbi isiVumelwano seHlabathi sokuLwa Zonke Iintlobo zoCalulo ngokobuHlanga kunye nesiBhengezo saseDurban kunye neNkqubo yokuSebenza eyamkelwa yi-UN emva kweNkomfa yeHlabathi yesiThathu yokulwa ubuHlanga (i-WCAR) eyayibanjelwe eDurban, kwiphondo laKwaZulu-Natal ngowama-2001. 

14. UMnqophiso ongesosiNyanzelo wesiVumelwano sokulwa ukuNgcungcuthekiswa kunye nezinye iiNdlela zokuPhatha okanye ukoHlwaya eziKhohlakeleyo, ezingenaBuntu okanye eziThoba isiDima 

14.1 IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uze ugunyaziswe ngokusemthethweni uMnqophiso wesiVumelwano sokulwa ukuNgcungcuthekiswa nezinye iiNdlela zokuPhatha okanye ukoHlwaya eziKhohlakeleyo, ezingenaBuntu okanye eziThoba isiDima ngokweCandelo 231(2) loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996.

14.2 Ukugunyaziswa ngokusemthethweni kukhuthaza ukuhlonitshwa komgaqo-siseko, amalungelo oluntu futhi kuhambelana nezivumelwano zehlabathi uMzantsi Afrika ozityikityileyo. UMgaqo-siseko unawo amasolotya athintela ukunyhashwa kwamalungelo omntu ovalelwe ngenxa yokuba kusitsho umbuso okanye umgqaliselo wenkundla. 

15. Iingqekembe ezisisikhumbuzo ezingasasazwayo eluntwini

15.1 IKhabhinethi izivumile iingqekembe ezisisikhumbuzo ezingasasazwayo eluntwini eziza kukhutshwa ngowama-2019-2021:

a) IiNgqekembe zowama-2019 'Ukubhiyozela uMzantsi Afrika': ImiNyaka engama-25 yoLawulo lweNtando yeSininzi oluSekelwe kuMgaqo-siseko
b) Iingqekembe zowama-2019-2021 zegolide engaxutywanga: IziLwanyana eziKhulu eziHlanu zase-Afrika;
c) Iingqekembe zowama-2019-2021 zeplatinam: IziLwanyana eziKhulu eziHlanu zase-Afrika.
d) Iingqekembe zowama-2020 zeNdalo: uSolizwekazi i-Gondwana
e) IiNgqekembe ze-Natura zowama-2020: ingqekembe eyi-R25: IsiVivana seMvelaphi yoMntu - i-Hominids;
f) INgqekembe yowama-2020 eyitiki eyi-2½c  ne-R2 crown: UbuGcisa oBuyilwe eMzantsi Afrika - i-Retinal Cryoprobe;
g) Iingqekembe zowama-2020 eziyi-R10 ne-R5 ezinombala: IiNtaka neeNtyatyambo zoMmandla onguMyezo weNdalo yamaSimi oMdiliya waseNtshona Koloni; kunye
h) neengqekembe ze-Natura zowama-2021: ingqekembe ye-R20 yesilivere ecolekileyo: uSolizwekazi iGondwana.

C. ImiThetho esaYilwayo

16. UMthetho-sihlomelo oYilwayo wezoKhenketho

16.1 Icandelo lezokhenketho licandelo elithembisa ngamathuba amaninzi futhi kufuneka kwenziwe konke okusemandleni ukulinceda likhule nangakumbi. I-NDP iyakugxininisa ukuba icandelo lezokhenketho lingalelinye lamacandelo anganegalelo elimandla kuqoqosho lweli.

16.2 Njengelinge lokuzama ukugxininisa kwisakhono secandelo lezokhenketho lelizwe sokukwazi ukudala imisebenzi emininzi nokungenisa imali eninzi, iKhabhinethi yamkele ukupapashwa koMthetho-sihlomelo oYilwayo wezoKhenketho ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho wezoKhenketho, wowama-2014 (uMthetho uNombolo 3 wowama-2014).

16.3 Ezi zilungiso ziza kuphucula ulawulo lwe-South African Tourism njengequmrhu eliphethwe yibhodi. Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo ukwanika noMphathiswa wezoKhenketho amagunya okumisela imiqathango emayilandelwe ngokuphethelene nokuqesha ikhaya isithuba esifutshane.

16.4 Lo Mthetho-sihlomelo ucacisa nezakhono ezifunekayo zabantu abasebenza njengabakhaphi babakhenkethi kunye nemithetho elawula indlela yokuqhuba izithuthi ezihambisa abakhenkethi. 

17. UMthetho-sihlomelo weZiko likaZwelonke lokuFaka iziCelo zokuFunda wowama-2019

17.1 Njengesizwe sizimisele ekuqinisekiseni ukuba iingcango zamaziko emfundo ephakamileyo noqeqesho ziyavulwa kunye nokwandisa inani labantwana abafunda kula maziko. Eyona nto ibalulekileyo kule nkqubo kukuqinisekisa ukuba bonke abafundi abafanelekileyo bayakwazi ukufaka izicelo besebenzisa inkqubo enye, efikelelekayo nekulula ukuyisebenzisa esebenzisana okanye esetyenziswa nangamaziko emfundo ephakamileyo amaninzi. Ukuzalisekisa oku, iKhabhinethi ivume ukupapashwa koMthetho-sihlomelo weZiko likaZwelonke lokuFaka iziCelo zokuFunda wowama-2019 kwiGazethi kaRhulumente, ukuze uluntu luhlomle. 

17.2 Lo Mthetho-sihlomelo uvumela ukuba kumiselwe iqumrhu likarhulumente eliza kuhluza izicelo ngokwezifundo zemfundo ephakamileyo noqeqesho, uphungule iindleko zokufaka izicelo, unike abafaki bezicelo iinkcukacha ezigcweleyo ngamakhondo emfundo uze uncede neSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho kunye namaziko emfundo ephakamileyo ukuba ajonge imiba enxulumene nolingwano neenkcukacha zabafundi ezimalunga nesini, ibala, iminyaka, njl njl ngethuba kufakwa izicelo.

18. UMthetho-sihlomelo wamaThala eeNcwadi oLuntu oMzantsi Afrika neeNkonzo zoLwazi wowama-2019.

18.1 Njengelinge lokukhuthaza ukufunda iincwadi kwesi sizwe, iKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe uMthetho-sihlomelo wamaThala eeNcwadi oLuntu oMzantsi Afrika neeNkonzo zoLwazi wowama-2019 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho-sihlomelo uqulunqelwe ukulungisa imiba enxulumene neenguqu ngokubhekisele kulwakhiwo lwamathala eencwadi oluntu ingakumbi kwiindawo ezazihlelekile ngaphambili. 

18.2 Asiwubethi ngoyaba umba wokuba ukwakhiwa kwamathala eencwadi oluntu kungumsebenzi woomasipala ngokoMgaqo-siseko. Lo Mthetho-sihlomelo ucacisa imiqathango nemigangatho ithala lencwadi lokwenyani ekufuneka lisebenze phantsi kwayo, phakathi kwezinye izinto. Ukwakhuthaza ulawulo lwentsebenziswano kunye nokulungelelanisa iinkqubo zamaqoqo amathathu karhulumente ngokumayelana namathala eencwadi oluntu kunye neenkonzo zolwazi. 

18.3 Wakuba uphunyeziwe lo Mthetho-sihlomelo uza kulungisa iingxaki zokungalingani eziyintshiyekela yolawulo lwangaphambili ngokuphathelele kumathala eencwadi oluntu uze usebenzele ukuba kubekho izixhobo ezifanelekileyo ezinokusetyenziswa ngabantu abakhubazekileyo, abatsha, abalupheleyo kunye nabo bangathethi ulwimi lwesiNgesi kwiindawo zasezidolophini nezasemaphandleni. UMphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko uNathi Mthethwa uza kubamba intlanganiso nonoondaba anike ingcaciso egcweleyo ngalo Mthetho-sihlomelo.

B. Imisitho ezayo

19. IsiBhambathiso sobuNdlobongela obuJoliswe kwabeSini Esithile (i-GBV)

19.1 Idabi lokulwa ingxaki exakileyo ye-GBV liza kuya lisiba ngqingqwa ukususela ngoLwesihlanu umhla wesi-8 kweyoKwindla 2019 xa uMongameli Ramaphosa, kunye nemibutho eyahlukeneyo engekho phantsi kukarhulumente (ii-NGO), beza kube betyikitya isibhambathiso sokulwa i-GBV. Lo msitho wokutyikitywa kwesi sibhambathiso uza kubanjelwa eMonti eMpuma Koloni futhi ulandela iNgqungquthela yokuqala yobuNdlobongela obuJoliswe kwabeSini Esithile nokuBulawa kwaBantu baseTyhini eyayibanjwe ngenyanga yeNkanga kulo nyaka uphelileyo.  

20. ISeshoni yama-63 yeKhomishini ye-UN engeMeko yooMama

20.1 UMphathiswa wabaseTyhini, uNksz Bathabile Dlamini, uza kube ekhokela igqiza eliza kuya kunika ingxelo yelizwe kwiSeshoni yama-63 yeKhomishini ye-UN engeMeko yooMama eza kubanjelwa eNew York, e-USA ngomhla we-13 kweyoKwindla 2019.

20.2 Le khomishini iza kuqwalasela umba "weenkqubo zezibonelelo zikarhulumente, ukufumaneka kweenkonzo zikarhulumente kunye neziseko ezizinzileyo zolingwano ngokwesini kunye nokuxhotyiswa koomama namantombazana" njengomxholo ophambili. Le ngxelo ibethelela ukuzibophelela koMzantsi Afrika ekulungiseni ingxaki yolingwano ngokwesini kunye neyokungalingani kweli lizwe, futhi iza kucacisa neenkqubo kunye namanyathelo aza kuthathwa ukulungisa le ngxaki.

21. Utyalo-mali kwezemigodi

21.1 IKhabhinethi iyakwamkela ukuvulwa ngokusesikweni nguMongameli Ramaphosa kweGamsberg Mine yeVedanta Zinc International eMntla Koloni ngoLwesine, umhla wama-28 kweyoMdumba 2019.

21.2 Le mali ityalwe apha ingaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezingama-21.8 isukela kwizithembiso ezenziwa ngethuba kubanjwe iNkomfa yoTyalo-mali yokuqala kweli lizwe kulo nyaka uphelileyo, eyathi yabangela ukuba kubekho amaphulo amaninzi ophuhliso loqoqosho namashishini kweli lizwe.

21.3 Kwisigaba sokuqala salo mgodi kuza kutyalwa imali ezibhiliyoni eziyi-5.5 zeerandi kwaye kulindeleke ukuba lo mgodi uhlale usebenza isithuba esiyiminyaka engama-30. Lo mgodi uza kuqesha abantu abangama-3 000 xa inkqubo yokwakha sele iphakathi naphakathi bona abanye abangama-700 baza kuqeshwa ngokusigxina.

22. INdibano yokuQala yeCandelo lezoThutho lwaseLwandle

22.1 Njengelinye ilinge lokukhangela onke amathuba akhoyo eMzantsi Afrika njengelizwe elixhomekeke elwandle into leyo ebonakala kwindlela eli lizwe eliqhuba ngayo urhwebo kunye nendawo elimi kuyo engumzila omkhulu nobalulekileyo ekugqitha kuwo iinqanawa zorhwebo, uMphathiswa wezoThutho, uGq Blade Nzimande, uza kubamba iNdibano yokuQala entsuku-mbini yeCandelo lezoThutho lwaseLwandle ukususela ngomhla wama-28 kweyoMdumba ukuya kowoku-1 kweyoKwindla eDurban, kwiphondo laKwaZulu-Natal.

22.2 Le ndibano ibonisa ukuzimisela kweSebe lezoThutho kulo nyaka wama-2019 ukukhawulezisa ukuphunyezwa koMgaqo-nkqubo oBanzi weziThuthi zaseLwandle (i-CMTP) owavunywa yiKhabhinethi ngowama-2017.

22.3 Le ndibano iza kuqwalasela amanyathelo ekufuneka athatyathwe ukuze kuqiniswe amaphulo okuzisa iinguqu, kutsalwe utyalo-mali kwiprojekthi ezibalulekileyo zeziseko ezingundoqo zaselwandle athathwa njengokuba aza kudlala indima emandla ekwenzeni uMzantsi Afrika iLizwe eliHlonitshwa liHlabathi liPhela kwezaseLwandle. Le ndibano yongeza nakumalungiselo okumisela iBhunga leCandelo leziThuthi zaseLwandle njengoko i-CMTP isitsho.

23. IPhulo leSizwe lokuCoca okusiNgqongileyo

23.1 UMongameli Ramaphosa uza kukhokela "iPhulo leSizwe lokuCoca okusiNgqongileyo" ngomhla wesi-8 kweyoKwindla eBuffalo City, eMpuma Koloni. Uxanduva lokuqinisekisa ukuba okusingqongileyo kucocekile futhi akuyongozi kuthi lolwethu sonke sibangabantu boMzantsi Afrika.

23.2 Umsebenzi wokugcina iindawo esihlala kuzo zicocekile kufuneka uqalwe sithi, kwaye kubalulekile ukuba amakhaya namashishini asebenzise amacebo angcono okuqokelela nokulahla inkunkuma. 

23.3 UMongameli uza kuphehlelela ne-Operation Phakisa: UQoqosho lwamaChiza neNkunkuma, elilungiselelwe ukuxhasa uqoqosho loMzantsi Afrika ngeli thuba kuphungulwa nomonakalo oluwenzayo kokusingqongileyo.

24. UMfelandawo weSizwe wokuFunda

24.1 UMongameli Cyril Ramaphosa uza kuphosa igade kwiphulo loMfelandawonye weSizwe wokuFunda kumsitho oza kubanjelwa eMdantsane ngomhla wesi-8 kweyoKwindla 2019. Eli phulo lelokukhuthaza ukufunda kubemi boMzantsi Afrika ngokukhuthaza uthando lokufunda iincwadi nezinye izinto ezibhaliweyo.

25. Iinkampani zokuloba ezincinci

25.1 ISebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba (i-DAFF), ngokuhambisana noMthetho weziPhili zaseLwandle, wowe-1998 (uMthetho uNombolo 18 wowe-1998) njengoko ulungisiwe, uza kunika amaphepha-mvume elungelo lokuloba kwiinkampani zokuloba ezincinci zaseMatigulu, kwiphondo laKwaZulu-Natal ngomhla we-14 kweyoKwindla 2019. Oku kulandela umsitho wokuqala wokuqalisa inkqubo yokukhupha amaphepha-mvume elungelo lokuloba owawubanjelwe ePort Nolloth eMntla Koloni.  

25.2 Eli Sebe liphinde laqhuba amaphulo oqeqesho kusenzelwa ikakhulu abantu basetyhini kwezi ndawo. Eminye imisitho efana nale yokukhutshwa kwamaphepha-mvume amalungelo okuloba iza kuqaliswa eMpuma Koloni naseNtshona Koloni. IKhabhinethi iyayamkela inkqubo ye-intanethi esetyenziswa ziselula eyenziwe yi-DAFF ebizwa ngokuba yi-Abalobi app, eyenzelwe ukunceda oosomashishini bezokuloba abasakhasayo ukuze babe neenkcukacha zeendawo ezifana neevenkile ezinkulu ezithenga izinto abazilobayo. 

E. Imiyalezo

26. Amazwi okuvuyisana

26.1 IKhabhinethi iqhwabela izandla:

  • umfoti waphantsi kwamanzi u-Allen Walker waseWarner Beach ngokuphumelela kwicandelo lokufota ookrebe kumsitho weembasa i-World ShootOut wowama-2018 obubanjelwe eGermany.
  • Intloko eyiNgcali yezokuPheka uKobus van der Merwe werestyu iWolfgat ePaternoster eNtshona Koloni, ophumele iMbasa yeRestyu eBalaseleyo yoNyaka kumsitho wokuqala weeMbasa zeHlabathi zeeRestyu obubanjelwe eParis.

abantu baseNigeria nabaseSenegal - ngokwenjenjalo ixhasa uluvo oluvakaliswe yiKhomishini yeMbumba ye-Afrika (i-AU) - ngokubamba unyulo ngempumelelo. Siyathemba ukuba oku kuza kusinika ithuba lokuqinisa ubudlelwano bezopolitiko, ezoqoqosho nezorhwebo phakathi koMzantsi Afrika nala mazwe omabini.

27. Amazwi ovelwano

27.1 IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa iyangqukruleka kukusweleka komlonjikazi womculo womngqungqo (i-jazz) negorhakazi elawongwa ngembasa yeSizwe i-Order of Ikhamanga, uMama Dorothy Masuka eyinkonde ebisele ineminyaka engama-83. UMama uMasuka uza kukhunjulwa ngegalelo lakhe elingenakulinganiswa kwinkcubeko nemveli eMzantsi Afrika nakweli lizwekazi.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

 

Share this page

Similar categories to explore