INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-11 kweyoMdumba wowama- 2020

INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe ngoLwesithathu, umhla we-11 kweyoKwindla 2020 ePalamente, eTuynhuys eKapa 

A. Imiba yokusiNgqongileyo 

1. Intsholongwane ye-Corona (COVID-19)
 

1.1. IKhabhinethi iyabaqinisekisa bonke abantu eMzantsi Afrika ukuba enziwe onke amalungiselelo okukhusela ilizwe kwisifo esinwenwayo i-COVID-19. UMphathiswa wezeMpilo, uGq Zweli Mkhize, uxelele iKhabhinethi ukuba kukho abantu abali-13 eMzantsi Afrika abosulelwe yi-COVID-19. Ngale ntsasa, uMphathiswa wezeMpilo uye wanika ingxelo yokuba kukho abanye abantu abane nabo abafunyaniswe besulelwe yile ntsholongwane, into leyo ethe yenyusa inani labantu abosulelwe yiyo laya kutsho kwi-17. Uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ekuhambeni kwemini. 

1.2. IKhabhinethi iyasiphinda isicelo esenziwe nguMbutho weHlabathi wezeMpilo kunye noMphathiswa wezeMpilo uGq Mkhize, sokuba bonke abantu abaseMzantsi Afrika baqhubeke nokuthatha amanyathelo okuzikhusela ukuze banqande ukwanda kwenani labantu abosulelwa yile ntsholongwane kunye nokunwenwa kwayo. Amanyathelo okuzikhusela aquka ukuhlamba izandla zakho rhoqo ngesepha namanzi okanye ngechiza lokubulala iintsholongwane, aquka ukungawaphatha-phathi amehlo, impumlo kunye nomlomo ngezandla ezingahlanjwanga kunye nokugquma umlomo ngetishu xa ukhohlela okanye uthimla wakugqiba uyilahle. Iimpawu eziqhelekileyo zale ntsholongwane ziquka umkhuhlane, ukukhohlela kunye nokuphefumla kanzima. Xa benezi mpawu zichazwe apha ngasentla, abantu bayacelwa ukuba bahlale emakhaya bafune uncedo loogqirha. 

1.3. Sihlaba ikhwelo kubo bonke abantu ukuba bangasasazi iinkcukacha zabantu abosulelwe yi-COVID-19, nezentsapho zabo. Sifuna nokulumkisa abantu ukuba bangasasazi ulwazi olungeyonyani malunga nale ntsholongwane ukuze sinqade ingxaki yokuba abantu bahlale ngoloyiko, babekane amabala futhi bacalulane kweli lizwe lakuthi. Abantu abanento abangayiqondiyo mabatsalele le nombolo kaxakeka yeZiko leSizwe leziFo ezoSulelayo (i-NICD): 0800 029 999 ukuze bafumane ulwazi oluchanekileyo nge-COVID-19.

1.4. IKhabhinethi nayo ijoyina uMongameli Cyril Ramaphosa ngokunqwenelela okuhle iqela labasebenzi beNkampani yezoPhapho yoMzantsi Afrika (i-SAA) kunye neliya kulanda abemi boMzantsi Afrika abali-122 elinduluke ngoLwesibini lisingise kwisiXeko sase-Wuhan, kwiPhondo lase-Hubei e-People’s Republic of China. Iqela leengcali zezempilo elisuka kwiSebe lezeMpilo kunye neCandelo lezeMpilo loMkhosi woKhuselo woMzantsi Afrika ayinxalenye yeqela eliza kulanda abemi beli. IKhabhinethi ibamba ngazibini ku-SAA ngoncedo olukhulu kangaka lokuya kulanda abemi beli. 

1.5. Eli qela liye kulanda kunye nabemi boMzantsi Afrika abayokulandwa kulindeleke ukuba bagaleleke kweli ngoLwesihlanu, umhla we-13 kweyoKwindla 2020. Bakuba befikile, baza kuthathwa bayokugcinwa kwindawo yabo eyodwa isithuba esizintsuku ezili-14 ukuya kwezingama-20 ubuninzi. Ngeli thuba begcinwe kule ndawo, akuz’ ukuvunyelwa ukuba abantu bangene okanye baphume neempahla kuyo. 

1.6. Sifuna ukubanqonqozisa sibalumkisa abantu ukuba bangakhe balinge benze iindlela zokudibana naba bantu okanye baye kule ndawo baza begcinwa kuyo. Lakuba liphelile ixesha elisikiweyo lokuhlala kule ndawo kwaye kwenziwa nohlolo olungqina ukuba ngenene akekho kubo one-COVID-19, baza kukhululwa baye kwiindawo abahlala kuzo. 

1.7. IKhabhinethi iwuqhwabela izandla umsebenzi owenziwe yiKomiti yabaPhathiswa abaHlukeneyo (i-IMC) ebinikwe umsebenzi wokujongana ne-COVID-19, ekhokelwa nguMphathiswa wezeMpilo lisebenzisana ne-NICD, ngokuthi baza kulandelela abantu abanale ntsholongwane nokwenza konke ukuqinisekisa ayinwenwi, ngeli thuba linceda abo banayo nokwazisa isizwe rhoqo ngokuqhubekayo. 

1.8. IKhabhinethi iyakuqonda ukuba amaphondo amaninzi umsebenzi wokunxibelelana nesizwe nge-COVID-19 awunikele kuMphathiswa wezeMpilo ngenxa yokuba ingumba obaluleke kakhulu kwisizwe nakwihlabathi. Siyawabongoza onke amaphondo ukuba azeke mzekweni aqinisekise unxibelelwano ngale ntsholongwane luqhutywe endaweni enye ngolo hlobo kunqandwe ukuba ingxaki enokubangela ukungacaci kakuhle nokungangqinelani ncam kolwazi oluphuma kwimithombo eyahlukeneyo. 

1.9. Kungekudala, uMongameli Ramaphosa uza kunika ingxelo kumaqela ezopolitiko anabameli ePalamente kwakunye neenkokheli zenkolo nge-COVID-19. Kuza kubanjwa iNtlanganiso eYodwa yeKhabhinethi nge-COVID-19 ngeCawa, umhla we-15 kweyoKwindla 2020, eTshwane. 

2. Uqoqosho

2.1. IKhabhinethi iphefumle ngokukhutshwa kwengxelo yeziko lezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-Stats SA) engeSambuku seMveliso yeLizwe (i-GDP), ebonakalise ukuba uqoqosho lweli lizwe alukhange luhlume iikota ezimbini zilandelelana ngonyaka-mali omnye. Iinkcukacha-manani zibonakalisa ukuba i-GDP yehle ngo-14% kwiKota yesi-4. Oku kulandela emva kokuba ibihle ngo-0.8% kwiKota yesi-3 kulo nyaka-mali mnye. 

2.2. Nangona iKhabhinethi iwuqonda umonakalo owenziwa yingxaki kacimi-cimi wombane, izimisele ukulungisa izinto ezingundoqo, igxininise kwimiba ebalulekileyo eluhlumo kunye nokukhuthaza amahlakani karhulumente ezentlalo ukuba asebenzisane nathi ukuze eli lizwe liphinde lingene endleleni eya kuhlumo loqoqosho. 

2.3. Siyawaqinisa amaphulo ethu otyalo-mali kwaye ukuza kuthi ga ngoku amaphulo otyalo-mali axabisa imali ezibhiliyoni ezisi-9 zeerandi sele egqityiwe futhi zona ezingama-27 ezixabisa imali ezibhiliyoni engaphezulu nje kuma-250 eerandi ziyaqaliswa, ezininzi nazo ziza kuqaliswa apha ekuhambeni konyaka. 

3. Amaxabiso e-data akwa-Vodacom

3.1. IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe yiKhomishini yezoKhuphiswano esimalunga nesivumelwano esiyimbali esityikitye no-Vodacom ngokuthotywa kwamaxabiso e-data akwa-Vodacom. Oku kulandela uphando ngamaxabiso e-data ebeliqhutywa yiKhomishini yezoKhuphiswano, i-Competition Commision Market Inquiry, obeluphanda ngeenkonzo ze-data olalucelwe nguMphathiswa wangaPhambili wezoPhuhliso loQoqosho, u-Ebrahim Patel ngowama-2017, apho kuthe kwafumaniseka ukuba amaxabiso e-data kweli lizwe angaphezulu kakhulu kunawamanye amazwe, kwaye abekwe ngendlela ebadlela indlala abantu abangathathi ntweni.

3.2. Esi sivumelwano no-Vodacom siza kuqala ukusebenza ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2020 kwaye siza kubangela ukuba amaxabiso e-data ehle kuzo iintlobo ze-data zenyanga ezithengiswayo, apho i-data eyi-1GB ubuninzi iza kuhla isuka kwi-R140 iye kutsho kwi-R99 (iza kuhla nge-34%), ezinye izaphulelo zona ziza kulandela kulo nyaka uzayo. U-Vodacom uza kuvuma ukuba abantu bazisebenzise simahla, oko kukuthi, ngaphandle kokuthenga i-data, iiwebhusayithi ezinolwazi oluluncedo kuluntu (ezifana ne-GCIS, i-BizPortal entsha kunye no-Wikipedia) kunye nezo zeedyunivesiti zaseMzantsi Afrika. Ezinye izaphulelo ziza kunikwa abantu abaphuma kwimimandla engathathi ntweni engaphezulu kwama-2 000 apho abantu beza kunikwa isibonelelo esizi-SMS ezisimahla ezimbini ngosuku.  

4. Ukuthengwa kuka-Pioneer Foods ngu-PepsiCo

4.1. IKhabhinethi isichulumancele isivumelwano esiyimbali sokuxhotyiswa ngezoqoqosho kwabasebenzi esityikitywe no-PepsiCo esiyinxalenye yemiqathango ekwisivumelwano sokuthengwa kwenkampani yoMzantsi Afrika yezokutya, u-Pioneer Foods. U-PepsiCo uthembisile ukuba uza kudala imisebenzi, enze utyalo-mali aze axhobise ngoqoqosho abantu balapha futhi athenge neemveliso zalapha ekhaya. Uvumile ukuba undlunkulu wakhe apha kwi-Afrika esemazantsi e-Sahara uza kuba lapha eMzantsi Afrika.
 
4.2. Abasebenzi baka-Pioneer Foods abangama-10 000 abazi kuba ngamaxhoba odendo oluqhele ukwenzeka xa kuthengiselwana iinkampani kwaye u-PepsiCo uvumile ukuba uza kusigcina esi sixa sabasebenzi sikhoyo ngoku singatshintshi isithuba esiyiminyaka emihlanu. Abasebenzi kule nkampani baza kunikwa nezabelo zakwa-PepsiCo ezixabisa imali eyibhiliyoni eyi-1.6 yeerandi eziza kusetyenziswa ukuthenga i-13% ka-Pioneer Foods kule minyaka mihlanu izayo. 

5. Idabi lokulwa ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana

5.1. IKhabhinethi iyasamkela isigqibo esithathwe yiNkundla ePhakamileyo yase-Gauteng sokusikhaba isicelo sokufaka isibheno kwityala lomdlwenguli u-Nicholas Ninow. Kulo nyaka uphelileyo, u-Ninow wagwetywa ubomi ethothoza entolongweni ngenxa yokudlwengula intombazana eneminyaka esixhenxe e-Dros Restaurant, e-Silverton, ePitoli ngowama-2018. 

5.2. Eso sigwebo, nokufunyaniswa kwakhe enetyala kunye nokukhatywa kwesicelo sokubhena, sithumela isilumkiso esingqongqo kwabo baphatha kakubi amanina nabantwana kunye nabo baseza kwenza oku, sokuba amaziko ezobulungisa oMzantsi Afrika awazikuhleka nabo futhi aza kubohlwaya kanobom ngala manyala wabo. 

5.3. Sibambisene masiwusiphule neengcambu lo mkhumba wokunyhasha amalungelo amanina nabantwana. Ngokusebenzisana kufuneka siqinisekise ukuba akukho nina okanye mntwana uxhatshazwa ngokwesondo, ubethwayo, udlwengulwayo okanye uhlaselwayo naphi na kweli lizwe lakuthi. 

6. Ukhuseleko ezindleleni

6.1. IKhabhinethi ithi tutwini kwiintsapho zabantu abangama-25 abasweleke kwisithwakumbe sengozi yebhasi eyenzeke kuCentane eMpuma Koloni ekuqaleni kwale nyanga. Ikwa nqwenelela nabo bangama-68 bonzakeleyo ukuchacha ngokukhawuleza. 

6.2. Uphando oluqhutywa uKopolotyeni woLawulo lwezeNdlela nanguMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika  luza kusinceda lusinike iimpendulo kwiimeko ezijikeleze le ngozi. Iinkampani ezibonelela ngezithuthi zinoxanduva lokwenza konke okusemandleni azo ukuqinisekisa ukuba abakhweli bakhuselekile.

6.3. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weMithetho yeeNdlela zeSizwe wowama-2019. Wakuba uphunyeziwe wangumthetho, lo Mthetho uYilwayo uza kuncedisa kakhulu kumaphulo okulwa loo bhubhane ezindleleni zethu. 

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IsiCwangciso seSizwe esiQiqisisiweyo (i-NSP) sobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwaManina (i-GBVF) 

1.1. NgeyoMnga kowama-2019, iKhabhinethi yayiphumeza i-GBVF-NSP. Yaphinda yayalela iqela labaPhathiswa elikhokelwa nguMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli wooMama, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo, uNksz Maite Nkoana-Mashabane, ukuba benze uphando ngeli ziko le-GBVF licetywayo liza kukhokela amalinge okuphumeza i-GBVF-NSP.

1.2. Yakuba ikuqondile ukubaluleka kokuqhutywa komsebenzi nokubeka iliso kumaphulo okulwa i-GBVF, iKhabhinethi iye yavuma ukuba kusekwe iBhunga leSizwe le-GBVF (i-NCGBVF). Eli qumrhu liza kudibanisa abantu abaphuma kurhulumente kazwelonke, kowephondo nakoomasipala ukuba baxhase la maphulo okuzisa utshintsho kwi-GBVF. Ikwalilo neliza kukhokela amaphulo okuqalisa i-GBVF-NSP.

1.3. I-NCGBVF iza kubaphantsi koMongameli kuba iphantsi koMphathiswa uNkoana-Mashabane. IKhabhinethi ivumile nokuba kumiselwe i-IMC eza kuquka uMphathiswa wezamaPolisa, uBheki Cele; uMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko, u-Ronald Lamul; uMphathiswa wezaBasebenzi bakaRhulumente noLawulo, uSenzo Mchunu; uMphathiswa woPhuhliso loLuntu, uLindiwe Zulu kunye noMphathiswa uNkoana-Mashabane oza kukhokela le-IMC. 

1.4. IKhabhinethi ikubethelele ukuba kuthathwe amanyathelo angqingqwa okulwa obu bundlobongela benziwa kubantu abasemngciphekweni wokuba ngamaxhoba kweli lizwe lakuthi. I-IMC iyalelwe ukuba ingaphozisi maseko, imisele ngokusesikweni iBhunga leSizwe le-GBVF. Iphinde yanikwa nomyalelo wokuba iphande ngokuba kuza kufuneka ntoni ukuze eli qumrhu libe semthethweni.

1.5. IKhomishini yokuLingana ngokweSini – njengeziko elixhasa ulawulo lwesininzi elinoxanduva ngokomgaqo-siseko lokulwela ulingwano ngokwesini kunye nokukhuselwa, ukuphuculwa nokuzalisekiswa kolingwano ngokwesini – ilindeleleke ukuba iqhubeke nokuhlola rhoqo futhi ibeke iliso kumsebenzi owenziwayo malunga nokuqaliswa kwe-GBVF-NSP.

2. INkqubo yamaShishini asaKhasayo aseziLokishini nawaseMaphandleni (i-TREP)

2.1. IKhabhinethi ivumile ukuba iqaliswe i-TREP kusetyenziswa iNgxowa-mali yamaShishini asaKhasayo aseziLokishini. Oku kuhambelana namanyathelo ezoqoqosho aza kungenelela ukuze kukhwezelwe uqoqosho futhi kuhlunyiswe uqoqosho lwasezilokishini nasemaphandleni. 

2.2. Le ngxowa-mali iza kunika inkxaso ize iqinisekise ukuba ezi ndawo zingamaziko ezoqoqosho azimeleyo njengoko isitsho iNkqubo yoPhuhliso eKhokelwa ziziThili. 

3. IsiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo weSizwe oHlaziyiweyo wezoVavanyo (i-NEPF) wowama-2019-2024
3.1. IKhabhinethi iyivumile i-NEPF eHlaziyiweyo yowama-2019-2024 kunye nesiCwangciso soVavanyo seSizwe sowama-2020-2025, esineenjongo zokuphucula iinkqubo zovavanyo kurhulumente. Ziza kunceda urhulumente atsho akwazi ukuqalisa isiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi sowama-2020-2024. 
3.2. Omabini la maxwebhu aya fumaneka kwiwebhusayithi yeSebe lezoCwangciso, uHlolo noVavanyo (www.dpme.gov.za).

4. IsiCwangciso sase-Antarctic neLwandle eliseMazantsi
4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesiCwangciso sase-Antartic neLwandle eliseMazantsi ukuze luhlomle. UMzantsi Afrika ulilizwe ekukhwelelwa kulo xa kusiyiwa e-Antarctic kusenziwe ezinye iinkqubo zehlabathi ezili-10 zase-Antartica. Zonke ezi nkqubo zinegalelo elihle kuqoqosho loMzantsi Afrika. 
4.2. Esi sicwangciso sinezi ntsika zintlanu zilandelayo: (a) izivumelwano zamazwe ngamazwe zokusebenzisana nokuncedisana; (b) uphando; (c) ulondolozo nokusetyenziswa ngobulumko; (d) ukuphuhliswa kwezakhono noqoqosho kunye (e) nokufundiswa kwabantu. Esi cwangciso sihambelana nesiVumelwano sase-Antartic.

C. IMithetho eYilwayo
1. UMthetho-sihlomelo oYilwayo weMithetho yezeNdlela zeSizwe wowama-2019
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weMithetho yezeNdlela zeSizwe wowama-2019. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa ukuba, phakathi kwezinye izinto, kuqulunqwe eminye imithetho eza kulawula iinkampani ezifundisa abantu ukuqhuba kwaye ucebise ukuba kubekwe iimeko ezifanelekileyo umntu ofundiswa ukuqhuba ekufuneka aqhube phantsi kwazo.
1.2. Ukwala nobuqhetseba kunye norhwaphilizo kumagosa ezendlela, inyuse izohlwayo ezinikwa abo bangayithobeliyo imithetho yezendlela; ukuvala ukuselwa kobutywala ngabaqhubi kunye nokuba kubekho umthetho omnye kwisizwe sonke olawula ukubhaliswa kweenombolo zeemoto. 
1.3. Lo Mthetho uYilwayo ukwaphakamisa nokuba amagunya oMphathiswa wezoThutho alungelelaniswe nalawo wabaPhathiswa bamaPhondo abajongene nezothutho. 

2. UMthetho-sihlomelo oYilwayo weMbuyekezo yeziFo nokoNzakala eMsebenzini wowama-2019. 
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weMbuyekezo yeziFo nokoNzakala eMsebenzini wowama-2019.
2.2. Lo Mthetho uYiwayo ungomba wezilungiso ekucetyiswa ukuba mazenziwe kuMthetho weMbuyekezo yeziFo nokoNzakala eMsebenzini (i-COIDA), wowe-1993 (uMthetho 130 wowe-1913). Lo Mthetho uYilwayo uyandiswa ukuba uquke nezifo kunye nomonzakalo emsebenzini kubasebenzi abasemngciphekweni ababekade bengafakwa ngaphambili kwakunye nokuphucula kwezibonelo zembuyekezo zabasebenzi ngokubanzi. 
2.3. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukufaka, phakathi kwezinye, nabasebenzi abancedisa emakhaya, ukuba nabo bathathwe njengabasebenzi abagcweleyo abanelungelo lokuxhamla kumalungelo ngokwe-COIDA yowe-1993. Ukwaphakamisa nokuba kubekho isicwangciso-sikhokelo ngendlela zokunyangwa nokubuyiselwa kwakhona emisebenzini kwabasebenzi abafumene izifo okanye nomonzakalo emisebenzini.

3. UMthetho oYilwayo wokuSikwa kweMida kooRhulumente beMimandla wowama-2020

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuba uMthetho oYilwayo wokuSikwa kweMida kooRhulumente beMimandla wowama-2020 upapashwe ukuze uluntu luhlomle. Wakuba utyikityiwe wangumthetho, uza kungena endaweni yalo Mthetho ukhoyo wokuSikwa kweMida kooRhulumente beMimandla, wowe-1998 (uMthetho 27 wowe-1998).

3.2. Lo Mthetho uYilwayo, phakathi kwezinye izinto, ubethelela ukuba kusekwe iBhodi yokuSika iMida kooMasipala esebenzayo, imiqathango eza kulandelwa xa kusikwa naxa kusikwa ngokutsha imida yoomasipala neewadi kwakunye nokusekwa kweQumrhu leziBheno. 

D. Imisitho Ezayo

1 INyanga yamaLungelo oLuntu


1.1. UMongameli Ramaphosa uza kube esisithethi sembeko kumsitho osisikhumbuzo soSuku lweSizwe lwamaLungelo oLuntu lowama-2020 oza kubanjwa ngoMgqibelo umhla wama-21 kweyoKwindla 2020 e-Colesberg Sports Stadium eMntla Koloni phantsi komxholo othi: “Unyaka wobumbano, uvuselelo loqoqosho nentlalo kunye nokwakhiwa kwesizwe.”

1.2. USuku lwamaLungelo oLuntu eMzantsi Afrika lusukela kwiziganeko eziyimbali ezenzeka e-Sharpeville (e-Gauteng) nakwaLanga (eNtshona Koloni) ngomhla wama-21 kweyoKwindla ngowe-1960, apho abantu abaninzi bathi badutyulwa babulawa besilwela amalungelo oluntu. 

1.3. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balubhiyozele uSuku lwamaLungelo oLuntu ngelokuhlonipha igazi elaphalalayo lamaqhawe namaqhawekazi eli ancama konke esilwela le nkululeko siyixhamlayo namhlanje. 

1.4. Omnye wamagorha neenkokheli ezifana naba nguGq Alfred Bathini Xuma, ongomnye woogqirha abaNtsundu bokuqala eMzantsi Afrika nowayekwanguye noMongameli we-African National Congress. UMongameli Ramaphosa wenze isikhumbuzo sikaGq Xuma ngokuba athi makakhatshwe ngoMngcwabo wasebuRhulumenteni oKhethekileyo okuDidi loku-1 ngethuba kungcwatywa kwakhona amathambo wakhe esuka kumangcwaba ase-Brixton eRhawutini ebuyiselwa apho inkaba yakhe ikhoyo kwilali yaKwaManzana, Engcobo eMpuma Koloni kule Cawa iphelileyo. 

2. UTyelelo lwasebuRhulumenteni lukaMongameli Ramaphosa oluya e-Republic of Congo

2.1. UMongameli Ramaphosa uzimase iNtlanganiso yokuQala yeZizwe eziJongene noMba wase-Libya ebanjelwe e-Oyo, e-Republic of Congo, ngomhla we-11 nowe-12 kweyoKwindla 2020. Kolu tyelelo uhamba noMphathiswa wobuDlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano, uGq Naledi Pandor, uMphathiswa wezoKhuselo namaGqala eMfazwe, uNksz Nosiviwe Mapisa-Nqakula kunye noMphathiswa wezoKhuseleko lweLizwe, uNksz Ayanda Dlodlo.

2.2. OHloniphekileyo, u-Denis Sassou N’Guesso, uMongameli we-Republic of Congo, umeme uMongameli Ramaphosa ukuba azimase le ntlanganiso njengoSihlalo weMbumba ye-Afrika (i-AU).

2.3. ISeshoni eQhelekileyo yowama-33 yeNdibano ye-AU yagqiba kwelokuba imisele iQela laMazwe, eliza kuba nosihlalo oyi-Republic of Congo lize liquke namalungu eKomiti yesiGqeba esiPhezulu ye-AU eJongene nemiba yase-Libya ukuze idlale indima yokuba zinkokheli zezopolitiko futhi incedise nakumalinge entsebenziswano namazwe ehlabathi ukuze kusonjululwe le ngxaki yeziDube-dube e-Libya.

3. Umyalezo wovelwano

1. IKhabhinethi ithi malulale ngenxeba usapho, izihlobo noogxa bakhe lowo ebengumcuphi ophezulu weCandelo loKhala wamaPolisa (i-IPid), uMnu Mandla Mahlangu (obeneminyaka engama-47), obulewe kule veki. IKhabhinethi ikwathi akuhlanga lungehliyo kwiintsapho, izihlobo kunye noogxa bamagosa amabini ooKhetshe, u-Detective Warrant Office Delene Grobelaar Koonin (obeneminyaka engama-44) kunye no-Sergeant Wynand Herbst (obeneminyaka engama-42), ababulelwe ngethuba kudutyulwana eMntla Ntshona.   

2. IKhabhinethi iwugxeka kabukhali lo mkhuba wokubulawa kwabasebenzi abazinikeleyo emsebenzini wabo, abanoxanduva lokukhusela bonke abemi boMzantsi Afrika. Njengesizwe, masifunquke sonke siwugxeke umkhuba wokubulawa kwamapolisa ethu. 

4. Umyalelo wokuvuyisana
IKhabhinethi iyavuyisana futhi imnqwenelela okuhle kodwa: 
1.1. UMongameli ongekabekwa esihlalweni, oHloniphekileyo uMnu Fauré Essozimna Gnassingbé, ngokunyulwa kwakhona njengoMongameli we-Republic of Togo ngethuba kubanjwe uNyulo lukaMongameli ngomhla wama-22 kweyoMdumba 2020. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa iyavuyisana nabantu base-Togo ngokuthi babambe ulonyulo olunoxolo. 

5. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. Amalungu eBhodi ye-South African Maritime Safety Authority:
a. uNksz Nthato Minyuku (uSihlalo).
b. uNksz Lindelwa Nonjabulo Dlamini;
c. uMnu Lucas Haluodi;
d. uNksz Eva Dorothy Khosa; kunye
e. noMnu Captain Bheka Clive Zulu.

Imibuzo:
uNksz Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore